SENIOR CERTIFICATE/
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE
IBANGA 12
XHOHL.3
ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL)
IPHEPHA LESITHATHU (P3)
NOVEMBA 2020
AMANQAKU: 100
IXESHA: Iiyure 2½
Olu viwo lunamaphepha ama-5.
MORNING SESSION
Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
You're offline
Skip to contentQuestion paper 





View all
IsiXhosa HL P3 Nov 2020.pdf
Isixhosa Hl · Grade 12 · NSC November Exam · 2020 · isixhosa. Question paper, 8 pages. Read online or download the PDF.
- Subject
- Isixhosa Hl
- Grade
- Grade 12
- Language
- Isixhosa
- Document type
- Question paper
- Year
- 2020
- Exam period
- NSC November Exam
- Paper
- 3
- Pages
- 8
- File size
- 330.1 KB
Loading document…
Loading document…
1 of 8
Document textSearch extracted text and jump to a page.
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 2 DBE/Novemba 2020
SC/NSC
IMIYALELO NENGCACISO
1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI:
ICANDELO A: Isincoko (50)
ICANDELO B: Imihlathi: (2 x 25) (50)
2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI
kwiCANDELO B.
3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo.
4. Qala ICANDELO ngaLINYE kwiphepha ELITSHA.
5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/iflowutshathi/amagama
angundoqo, njl.njl), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo
PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi.
6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele
umgca onqumlayo kuyilo lonke.
7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo:
ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-80
ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-70 (2 x 35)
8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo
kwiphepha lemibuzo.
9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama.
10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo.
Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 3 DBE/Novemba 2020
SC/NSC
ICANDELO A: IZINCOKO
Khetha isihloko sibesiNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama-
340-390.
UMBUZO 1
1.1 Kwathi kanti zilungile ezo ngcebiso zakhe. [50]
1.2 Ilungelo lihamba noxanduva. [50]
1.3 Umbane uluncedo nangona ukwayingozi. [50]
1.4 Intaka yakha ngoboya benye. [50]
1.5 Igalelo lezolimo kuqoqosho lwelizwe. [50]
1.6 Khanisijonge ngo-2030 silolu lutsha! [50]
1.7 Qwalasela lo mfanekiso ungezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko
esifanelekileyo.
1.7.1
[Ucatshulwe kwi-intanethi-www.googlesearch.com] [50]
Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 4 DBE/Novemba 2020
SC/NSC
1.7.2
[Ucatshulwe kwi-intanethi-www.googlesearch.com] [50]
AMANQAKU ECANDELO A: 50
Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 5 DBE/Novemba 2020
SC/NSC
ICANDELO B: IMIHLATHI
Khetha imihlathi ibe MIBINI kule ilandelayo uze ubhale ngayo. Bhala amagama
ali-100–120 (umxholo kuphela).
UMBUZO 2
2.1 ILETA YOBUHLOBO
Bhalela umzali wakho umbulele ngenkxaso akunike yona kwizifundo zakho
kulo nyaka. [25]
2.2 INGXOXO YABABINI
Bhala ingxoxo phakathi kwakho notitshala wakho ngokubaluleka
kokuzilolonga. [25]
2.3 INGXELO
Bhala ingxelo ngomnyhadala wokhuphiswano lwengxoxo-mpikiswano
ebeninayo nalapho nibuye nendebe. [25]
2.4 IRIVYU
Bhala irivyu yenoveli oyithandayo. [25]
2.5 UDLIWANONDLEBE
Bhala udliwanondlebe oluphakathi kwakho kunye nemvumi eyindumasi. [25]
2.6 ISIVI NELETA EYIKHAPHAYO
UThemba Mlenze unomdla kwesi sithuba sibhengezwe ngezantsi. Bhala isivi
yakhe neleta eyikhaphayo ngenjongo yokufumana lo msebenzi.
ISITHUBA SOKUBA LIGOSA LENDLELA
Uxanduva lwalo msebenzi kukuqinisekisa ukuba:
1. Izithuthi zisemgangathweni wokuba sendleleni.
2. Abaqhubi baqhuba ngamaphepha okuqhuba asemthethweni.
3. Abaqhubi bathwele inani elivumelekileyo labakhweli.
4. Isantya esivumelekileyo sokuqhuba.
IZIQINISEKISO ZEMFUNDO
*Ibanga leshumi elinambini nesetifikethi/idiploma yobugosa bendlela.
*Isiqinisekiso sokuqhuba.
AMAVA
*Ukukwazi ukuthetha nokusebenzisana nabantu.
*Ubuchule bokusebenzisa iteknoloji.
*Kulindeleke umntu onamava eminyaka emithathu kulo msebenzi.
[25]
AMANQAKU ECANDELO B: 50
AMANQAKU EWONKE: 100
Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha
Recommended for this subject
Published documents with matching subject and grade metadata.
Related documents
Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

Question paper
IsiXhosa HL P3 Nov 2023_hlayiso.com_.pdf

Question paper
IsiXhosa HL P3 Nov 2023 MG_hlayiso.com_.pdf

Question paper
IsiXhosa HL P1 Nov 2023_hlayiso.com_.pdf

Question paper
IsiXhosa HL P2 Nov 2023_hlayiso.com_.pdf

Question paper
IsiXhosa HL P3 Nov 2024 MG.pdf

Question paper
IsiXhosa HL P3 May-June 2023_hlayiso.com_.pdf
More from Grade 12 Isixhosa Hl
Explore more published documents in this catalogue.







