Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 1 NSC November 2023 Memo

MemorandumisiXhosa HLGrade 1220239 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 1 memorandum from the NSC November Exam 2023, 9 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

NSC November Exam 2023

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LOKUQALA (P1) ISIKHOKELO SOKUMAKISHA NOVEMBA 2023 AMANQAKU: 70 Esi sikhokelo sokumakisha sinamaphepha ali-9. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 2 DBE/Novemba 2023 NSC – Isikhokelo Sokumakisha QAPHELA  Esi sikhokelo sokumakisha senzelwe ukuba sibe sisikhokelo kubamakishi.  Asenzelwanga ukuba sibe ngummiselo ogqibeleleyo.  Iimpendulo zabafundi mazithathelwe ingqalelo ngokokuchaneka kwazo.  Iimpendulo mazihlolwe ngokupheleleyo namanqaku anikezelwe apho kufuneka anikezelwe khona ngokwezigqibo ezithatyathwe kwintlanganiso yokubeka umakisho emgangathweni.  Isikhokelo sokumakisha siya kuxoxwa phambi kokuba kuqalwe ukumakisha. IMIYALELO KUBAMAKISHI Umakisho lwesicatshulwa sokuqonda:  Ngenxa yokuba kugxininiswa ekufundeni ngokuqonda, akufanelekanga ukuba upelo olugwenxa neemposiso zolwimi kwiimpendulo zezivakalisi zinyityelwe amanqaku ngaphandle kokuba ezo ziphene zitshintsha intsingiselo yempendulo elindelekileyo. Iimposiso ezikhoyo maziqatshelwe ngokukrwelelwa.  Kubaviwa abasebenzisa amagama athatyathwe kolunye ulwimi ngobunjalo bawo, olungesiso isiXhosa, musa ukuwathathela ingqalelo lawo magama anjalo, kananjalo banganyityelwa manqaku xa ngaba iimpendulo ezinikiweyo zinembadla. Ngokunjalo ukuba igama elisuka kolunye ulwimi lusetyenziwe kwitekisi kwaye impendulo ifuna elo gama, oko kwamkelekile.  Kwimpendulo apho ziliqela iimpendulo ezichanekileyo akunikwa manqaku ngeempendulo ezingu-EWE/HAYI, NDIYAVUMA/ANDIVUMELANI kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo.  AKUNIKWA manqaku ngeempendulo ezingu-YINYANI/BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo.  Apho kulindeleke iimpendulo ezigama linye aze umviwa anike isivakalisi, nika amanqaku ukuba ngaba igama elifanelekileyo likrwelelwe umgca ngaphantsi okanye ligqanyisiwe.  Kwimibuzo apho kulindeleke iimpendulo ezimbini/ezintathu, aze umviwa adwelise uluhlu lweempendulo, makisha kuphela ezimbini/ezintathu zokuqala.  Iilwimi zengingqi neziyelelani zesiXhosa zamkelekile.  Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, makwamkelwe zombini, ukutsho oko unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokuzeleyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 3 DBE/Novemba 2023 NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO A: ISICATSHULWA UMBUZO 1: UKUFUNDELA INTSINGISELO NOKUQONDA 1.1 Iinzima√/ iintlungu√/iintshutshiso√ / iingxaki. √ [Nasiphi isibini kwezi.] (2) 1.2 Imfazwe√/ usedabini√ sisixhobo sokuvika√/amanxeba.√ [Nasiphi isibini kwezi.] (2) 1.3 'wonke umntu'√/ wonke umntu ehleli nje unalo ithemba.√ (1) 1.4 BUBUXOKI kuba ithemba alinamida ngokwalo mhlathi.√/ BUBUXOKI kuba wonke umntu ehleli nje unalo ithemba nongenalo uyalifuna.√/ BUBUXOKI kuba alinazityebi nakuhlupheka.√/ BUBUXOKI kuba alikhethanga bala lamntu alinamida.√/ BUBUXOKI kuba kuthiwa wonke umntu ehleli nje unalo ithemba ongenalo uyalifuna.√ (1) 1.5 Ithemba ngokukaDesmond Tutu kukubanako ukubona ulozilozi wokukhanya ngoku ukwisithokothoko sobumnyama.√√ (2) 1.6 Umhlathi we-3 uthi kufuneka ubenento oyenzayo ukuze libekho ithemba.√√ (Umviwa makakorekishwe nokuba akatshongo ukuba ‘umhlathi we-3’ esuke wabhala impendulo yodwa.) (2) 1.7 Eyokuba kuyimfuneko ukuba ithemba liphile ukuze kuthiwe likhona√/ eyokuba ithemba alikho xa lingaphili.√/ Eyokuba uye ube nethemba xa likhona ngaphakathi kuwe√/ Eyokuba liphila xa ngaba ulivuselela.√/ Eyokuba alisuki libekho kufuneka kubekho into oyenzayo kuqala.√ [Nayiphi kwezi.] (1) 1.8 B. /B. libubume bengqondo/bubume bengqondo.√ (1) 1.9 Liplanga elinqumlezileyo lokuweza umntu kwiingxaki zobomi njengokuba isenza ibhulorho.√√ (2) 1.10 Yeyokuba ithemba liyamweza umntu kwiingxaki anazo.√√/ Yeyokuba linika amandla okuphumelelisa.√√/ Yeyokuba onethemba uyakwazi ukumelana neengxaki zobomi.√√ (2) 1.11 Eyokuba ithemba liluncedo kwaye liyamsindisa umntu.√√ (2) 1.12 'Lumka, ukuba ukhe waxhentsisa imiqobo nemingeni yobomi engqondweni yakho, ithemba uligqiba, liphele nya!'√ (1) 1.13 Ndiyachasa lo mhlathi uthi alibulali ithemba.√√/ Ndiyachasa lo mhlathi uthi ithemba alibulali koko liyadanisa.√√ (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 4 DBE/Novemba 2023 NSC – Isikhokelo Sokumakisha 1.14 Kukutsala kumava engcali ngenjongo yokomeleza abafundayo/ngenjongo yokuba babone kuluncedo ukubanethemba.√/ Ukusibonisa umzekelo womntu ophiliswe lithemba ukuze nathi singalilahli.√/ Kukunika ithemba kubantu abangenathemba.√/ Ifuthe lokuvuselela/ lokomeleza/ lokukhuthaza abaphelelwe lithemba.√/ Ngenjongo yokubonisa ukuba ithemba alinaxesha liqingqiweyo.√/ Kukuba ikholeleke ukuba inakho ukwenzeka njengoko yenzeka nakuVictor.√/ Siyakhuthazeka ukuba sinakho ukuphumelela kwimingeni esijongene nayo.√ [Nayiphi kwezi] (1) 1.15 Amanzi akhangeleka enzulu√/ emdaka√/ihlathi awelela kulo√/ukuchankcatha kula mthantatho√/ amanzi amaninzi√/ umthantatho ongaqinanga√/ ukutyibilika awe√/ ukutyiwa zizilwanyana zamanzi√/ amatye anokubetheka kuwo√/ ukutshona emanzini√/ ukutyibilika uwe ematyeni√ /izilo√/ iinyoka emanzini√/ ibhulorho engomelelanga.√ [Nasiphi isibini kwezi.] (2) 1.16 Sukujonga emanzini, jonga le ndawo uya kuyo.√√ /Bambelela kulo mthantatho ukuze ungawi.√√/ Lo mthantatho uneendawo zokubambelela ezikuthundeza zikwenze womelele, uwuthembe ukuba awuzukukuwisa.√√/ Nyathela ngobuchule ukuze ungatyibiliki kulaa mthantatho.√√ (2) 1.17 Uye phambili ngoku ubonayo ukuba kungakho ubungozi, nemiqobo evale indlela√√/uyangena kwitonela ngoku ezibona ukuba akazazi ukuba uza kwenza njani, uza kwenza ntoni nini, engazi nokuba kuza kwenzeka njani ukuze aphumele ngaphaya.√√ [Nayiphi kwezi] (2) 1.18 Zingabancedisa kuba zozibini izicatshulwa zimnika amandla olilahlileyo ithemba ukuba alibuyisele alivuselele.√√/ kuba ukho umhlathi othi ithemba liyavuselelwa ngokulihlokoza kanti umfanekiso uyamncedisa ngokumnika icebo lokuhamba nokuba akanathemba.√√ OKANYE Azinakubancedisa abanye abantu kuba nangona umfanekiso unika umthantatho, esiyiprozi sithi ithemba lixhomekeke kumninilo ngoko ke xa umphefumlo wona sele ufile awubuyi.√√ [Nayiphi impendulo echanekileyo.] (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 5 DBE/Novemba 2023 NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO B: USHWANKATHELO UMBUZO 2: UKUSHWANKATHELA NGAWAKHO AMAZWI Sebenzisa ezi ngongoma zingundoqo zilandelayo ekufuneka zibandakanywe ngabaviwa kwisishwankathelo njengesikhokelo. Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaliseni iingongoma ezingundoqo. Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: Naziphi iingongoma ezichanekileyo ezisi-7 ezibhalwe ngokomhlathi mazimakishwe. (Izivakalisi mazinamathelane.) UCAPHULO IINGONGOMA 1. ... izithako zokufomatha 1. Umyalezo owuthumelayo ezinokugqamisa umyalezo wakho ungawugqamisa ngezithako ubukeke. zokufomatha eziwenza ubukeke. 2. 'Konengxaki yokungabinaxesha 2. Isithako esingu'Mark as Unread' lokujonga imiyalezo ebalulekileyo siyanceda ukuphawula kuWhatsApp, uphawu olusisithako umyalezo ofuna ukukhumbula sokufomatha u'Mark as Unread' ukuwufunda ngelinye ixesha. lusisisombululo.' 3. Isithako esiluphawu lokuthulisa ingxolo 3. Ungakuthulisa ukufundekela olubhalwe, 'Mute notifications' kwemiyalezo engenayo yeqela lungayenza ingangxoli xa ingena.' ngesithako u'Mute notifications.' 4. ... uthumele iifayile ezinkulu 4. Iifayile ezinkulu zithumele ngoWhatsApp ungena-imeyile. ... ngesithako sokuncamathelisa / Isithako esinokukunceda yi-ayikhoni sokuqhoboshela esikhangeleka yokuncamathelisa ekule ndawo uhleli okwesipeleti sokudibanisa ubhala kuyo imiyalezo. amaphepha. 5. ' Xa usebenzisa ikhompyutha hlukana 5. U'WhatsApp Web' sisithako nokuba sisinxadanxada phakathi kwayo onokusisebenzisa ngexesha neselula. Yithi qharha u'WhatsApp uxakeke kwikhompyutha utsho Web' kwakwikhompyutha. ufumane imiyalezo ungayanga kwiselula. 6. 'UWhatsApp uyakwazi ukukugcinisela 6. Isithako esingu'Chat backup' imiyalezo yakho kuGoogle Cloud singakunceda ukugcinisa uyifumane kwakhona nokuba ibikade imiyalezo kuGoogle Cloud ilahlekile ifowuni okanye uthenge uyifumane nokuba ilahlekile entsha. Isithako u'chat backup' iincoko' ifowuni. siyigcinisa lula. 7. 'Nanjengamntu oxakekileyo, 7. Esingu'Pin Chat' singakubekela kububuchule ukubahlalisa ekuqaleni ekuqaleni abantu abathathu kwimiyalezo abantu oxhaphake onxibelelana nabo rhoqo. ukunxibelelana nabo bafikeleleke lula kuwe. Sisithako u'Pin chat ...' [70 amagama] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 6 DBE/Novemba 2023 NSC – Isikhokelo Sokumakisha UMHLATHI UWhatsapp unezithako zokuwuqaqambisa umyalezo owuthumela kubantu bakho ezinjengongqindilili, nokukekela ngenkwenkwezi phambi nasemva komyalezo. Isithako esingu'Mark as Unread' sikunceda ngokukukhumbuza ngomyalezo obungene ungekabinalo ithuba lokuwufunda. Thulisa ukufundekela kwemiyalezo engenayo yeqela ngesithako u'Thulisa imiyalezo'. Iifayile ezinkulu zithumele ngesithako sokuncamathelisa esinjengesipeleti sokudibanisa amaphepha. Ngexesha uxakeke kwikhompyutha fumana imiyalezo ngo'WhatsApp Web' ungayanga kwiselula. Gcina imiyalezo kuGoogle Cloud ngesithako esingu'Chat backup kangangexesha olifunayo. Isithako u'Pin chat' singakubekela ekuqaleni abantu abathathu onxibelelana rhoqo nabo ukuze bafikeleleke lula. [70 amagama] Ukumakisha isishwankathelo: Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaleni kuphela iingongoma ezingundoqo. (Mayithathwe ingongoma enesithako esingaqondwayo esikuWhatsApp kodwa siluncedo. Akubalulekanga ukucaciswa koncedo.) Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo:  Ulwabiwo lwamanqaku o Amanqaku asi-7 ngeengongoma ezisi-7 (inqaku ngengongoma nganye). o Amanqaku ama-3 olwimi. o Amanqaku ewonke: 10.  Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa besebenzise amazwi abo: o 1–3 amanqaku achanekileyo: Nika inqaku eli-1 lolwimi. o 4–5 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-2 olwimi. o 6–7 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-3 olwimi.  Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abaviwa becaphule ngqo. o 6–7 iingongoma ezicatshulwe ngqo: akunikezelwa manqaku olwimi. o 4–5 iingongoma ezicatshulwe ngqo: nikezela inqaku libe-1 lolwimi. o 2–3 iingongoma ezicatshulwe ngqo: nikezela amanqaku abe ma-2 olwimi. QAPHELA:  Ubalo-magama o Abakorekishi kulindeleke ukuba baliqinisekise inani lamagama asetyenzisiweyo. o Musa ukuthabatha amanqaku ukuba umviwa akalibonakalisanga inani lamagama asetyenzisiweyo okanye ukuba inani lamagama libonakaliswe ngokungachanekanga. o Ukuba udlule kwinani eliqingqiweyo, funda ukuya kuma ekupheleni kwesivakalisi eliphele kuso inani eliqingqiweyo ungawahoyi alandelayo. AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 7 DBE/Novemba 2023 NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO C: IZAKHI NEMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI Ukumakisha iCANDELO C Umakisho lweCANDELO C:  Upelo o Iimpendulo ezinegama elinye mazimakishwe nokuba upelo lugwenxa, ngaphandle kokuba isiphene sitshintsha intsingiselo yegama. o Kwiimpendulo ezizivakalisi ezipheleleyo upelo olugwenxa malunyityelwe amanqaku ukuba impazamo ikwimigaqo yolwimi oluhlolwayo. o Xa kuhlolwa izifinyezi impendulo mayibonakalise ukusetyenziswa kweziphumlisi ngokuchanekileyo.  Ulwakhiwo kwizivakalisi malubhalwe ngemigaqo yegrama echanekileyo nangezivakalisi ezipheleleyo/ngokomyalelo.  Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokupheleleyo, iyamkeleka. UMBUZO 3: ISIBHENGEZO NTENGISO 3.1 yonke√/zonke.√ (1) 3.2 Asibizi mntu, asigxothi mntu, konke kungetayala lakho.√/ Kuyo nayiphi ingxaki okuyo,√ /Thina sipheth’isisombululo... √ (1) 3.3 Itayala elinxityiswe ibhatyi yomntu limele umntu olungisayo.√√/ Itayala elinxibe istethoskowuphu limele umntu olungisayo.√√/ Isandla ngathi sifakwe epokothweni. √√ [Nayiphi kwezi] (2) 3.4 'Sistethoskowuphu'√/ isixhobo/into yokuxilonga esetyenziswa ngugqirha√/ isixhobo/into yokuva ingulo yomntu√/ uphayiphi ophathwa ngugqirha xa exilonga√/ into yokuxilonga intliziyo√/ isixhobo sikagqirha√/ isixhobo sokuhlola ukuphefumla√/ sokuxilonga√/ into yokuva ukubetha kwentliziyo esetyenziswa ngoogqirha.√ [Nayiphi kwezi] (1) 3.5 Ungabatyhafisa abasetyhini badikwe kuba kwenziwa ngathi ngumsebenzi wootata kuphela lo.√√/ Umfanekiso unokubatyhafisa abasetyhini ngokuthi xa bebona lo mfanekiso bacinge ukuba kulungiswa amavili eemoto zabantu basebuhlanti kuphela.√√/ Ungabatyhafisa abasebuhlanti kuba bengakuthandi ukuhlolwa bacinge ukuba ukusetyenziswa kwevili liqhinga nje lokubadibanisa nogqirha.√√ (Impendulo mayibenesini nokuba sisiphi, asixhase.) [Nayiphi impendulo echanekileyo] (2) 3.6 C./C.Thandabuza usiza sokulungiselela/Thandabuza usiza sokulungiselela. √ (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 8 DBE/Novemba 2023 NSC – Isikhokelo Sokumakisha 3.7 Inyanisile. Umxholo wale ntengiso ngowamavili kuphela, nabani kufanele aqonde umntu ukuba kuqosheliswa iingxaki zamavili kuphela. √√/Intengiso ithe iyawalungisa, iwapetshe, iwathengise kuphela. √√ Ayinyanisanga. kaloku ayimelanga kucinga ukuba kubhekiswa kuzo zonke ekubeni indawo ilungisa amavili kuphela. √√/ Ayinyanisanga, kukutsala nje umdla wabathengi.√√ (2) [Nayiphi na impendulo echanekileyo] [10] UMBUZO 4: IKHATHUNI 4.1 Kokwethoba√/VUKA.√ (Elichanekileyo liya kukrwelelwa ukuba angaphezu kwesinye.) (1) 4.2 Sesokubonisa ukuba uSara uyangxola√/ uyakhwaza√/ udikiwe√/ kudala emkhwaza√/ ukugxininisa ukuba kudala emvusa√ /uyamyalela√/ ukumnyanzela√/ ukuthethela phezulu.√ (1) 4.3 Kukududula uZama oxhathisayo ngamandla.√/ Ukumtshova√/ ukumtyhala√ /ukumtyhunduza√/ ukumtyhiliza√/ ngokumtyhala ngenkani.√ (1) 4.4 Kukumvusa ukuba aye esikolweni.√/Kukumlungiselela ubomi bokuba akwazi ukuzimela xa sele bengekho.√/ Kukumhlamba.√/ Ukumnxibisa.√/ Ukumxukuxisa amazinyo.√/ Ukumpakishela.√/ Ukumfaka isiqholo somzimba.√/ Ukumfakela iincwadi kubhaka.√ (2) 4.5 Ngokunxityiswa kukaZama izihlangu ezikhulu.√√/Ngokuthi emde abe enxityiswa ngabazali abazotywe babafutshane kunaye.√√/ Izihlangu zikhulu.√√/ Ukunxityiswa kukaZama emdala.√√/ Ukupakanyelwa kukaZama xa enxityiswa. √√/ Ukuba mde ude ugobile.√√ (2) 4.6 Eyokuba ungumntu omtsha√/ eyokuba ngumntwana√ /ubuncinci√/ akakakhuli ngokupheleleyo√/ ngumntwana weli xesha.√ (1) 4.7 Ufanele ukubona impoxo uZama kuba impoxo iba ngathi iyakukhotha kanti iyakuxathula kwaye le ntetho iqulethe ezo mpawu kuba awukho ezingqondweni umfanekiso wabazali abahleli esikolweni nomntwana wabo.√√ Okanye Ufanele ukuqonda ukuba asiyompoxo xa ebazi abazali bakhe ukuba kudala bemthantamisa/ bemqhelise ukumncedisa okokoko.√√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (2) [10] UMBUZO 5: IPROZI 5.1 Ndafumana√/owandonwabisa√/akwehla√/minazana ithile.√√ [Nasiphi isibini sezehlo.] (2) 5.2 Kudad' ethu√/kudadethu√/kudade√/kunomdade√/dade√/dadethu.√ (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 9 DBE/Novemba 2023 NSC – Isikhokelo Sokumakisha 5.3 Ndibone ngaye sele egigitheka,/wandikhuza/wandibuza√ ukungayazi ilinki.√ Uthe ubone ngaye sele egigitheka ekhuza, embuza umntakayise√ ukuba akakayazi na ilink.√/ Ubone ngaye egigitheka, wabuza othukile√ ukuba umntakayise kanti akayazi nelink leyo.√ /Ubone ngaye segigitheka, ekhuza umntakatatakhe embuza √ ukuba kanti akayazi nelink le. √ [Naluphi utshintsho oluchanekileyo] (2) 5.4 Ngathi.√ (1) 5.5 Yokuphoxa√ /yokunyemba√/ yokujongela phantsi√/ yokudelela√/ yokungagqibeleli kombala√/ yokubabomvu kancinci√/ awubomvanga kakhulu√/ yenkangeleko yobuncinane ngokobungakanani.√ (Makunikwe intsingiselo hayi isigaba sentetho esisisinciphiso.) (1) 5.6 Kwaloo.√ (1) 5.7 Basabuncoma.√ (1) 5.8 Bubuxoki, kuba umxholo wesicatshulwa uthetha ngokuphendula ngokunokwakhe.√ (1) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all