You're offline
Skip to content
Question paper

isiXHOSA HL P3 QP GR12 SEPT 2024 hlayiso.com

Subject: Isixhosa HlGrade 1220245 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2024 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 AMANQAKU: 100 IXESHA: 3 iiyure Olu viwo lunamaphepha ama-5. Hosted by www.ecexams.co.za.
Downloaded from hlayiso.com 2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 (EC/SEPTEMBA 2024) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha linamaCANDELO amaBINI: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50) QAPHELA: Abaviwa kulindeleke ukuba baphendule imibuzo emiBINI kwiCandelo B. 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngesiXhosa esamkelekileyo nesichanekileyo. 4. Qala ICANDELO ngalinye kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/itshati ebonisa ukuthungelana kweziganeko/amagama angundoqo, njalo njalo.), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kuyilo lonke. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-100 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-(2 x 40) 80 8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo kwiphepha lemibuzo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha Hosted by www.ecexams.co.za.
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2024) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama-340–390. 1.1 Saba nosuku olumnandi. [50] 1.2 Umonakalo odalwa zizandyondyo zemvula. [50] 1.3 Ubomi beentsapho kwiminyaka ezayo [50] 1.4 Igugu lingaba likhulu umbombo uyaqhosha. [50] 1.5 Abafundi abahloniphayo bayaphumelela. [50] 1.6 Ukulunga nokungalungi kwesibonelelo sama-R350 kulutsha. [50] 1.7 Qwalasela le mifanekiso ingezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. [Ucatshulwe kwi-intanethi www. images.com] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha Hosted by www.ecexams.co.za.
Downloaded from hlayiso.com 4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 (EC/SEPTEMBA 2024) 1.8 [Ucatshulwe kwi-intanethi www. images.com] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha Hosted by www.ecexams.co.za.
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2024) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 5 ICANDELO B: IMIHLATHI UMBUZO 2 Khetha imihlathi ibe MIBINI kule ilandelayo uze ubhale ngayo. Bhala amagama ali- 100−120 (umxholo kuphela). 2.1 I-IMEYILE Bhalela umhlobo wakho i-imeyile uvuyisane naye kuba efumene inkxaso-mali yokuya kufunda izifundo zakhe zobuNjineli phesheya kolwandle. [25] 2.2 ILETA ESESIKWENI Bhala ileta eya kuMhleli wephephandaba uveze izimvo zakho malunga nokuthengiswa kweziyobisi ngaphakathi ezikolweni. [25] 2.3 UDLIWANO NDLEBE Bhala udliwanondlebe oluphakathi komqeshi kwiSebe lezeMpilo kunye noAsive ozigqatsele isithuba somzebenzi sokuba ngumongikazi. [25] 2.4 INGXELO ESESIKWENI Bhala ingxelo eya kwinqununu yesikolo sakho emalunga nokhuphiswano lokhuseleko lwendalo ebenithathe inxaxheba nimele isikolo kulo. [25] 2.5 I-AJENDA NEMIZUZU UnguNobhala wombutho wabantu abatsha abaququzelela ukubhiyozela usuku lwe-June16 kwingingqi yakho. Bhala i-ajenda nemizuzu yentlanganiso engamalungiselelo olu suku. [25] 2.6 INTETHO Bhala intetho oza kuyenza egameni labafundi bebanga le-12 kwitheko lokuthi ndlela ntle kuni ubulele kootitshala ngako konke abanenzele kona kude kube ngoku. [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha Hosted by www.ecexams.co.za.

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 12 Isixhosa Hl

Explore more published documents in this catalogue.

View all
isiXHOSA HL P3 QP GR12 SEPT 2024 hlayiso.com | Hlayiso