Skip to content

isiXhosa FAL Grade 12 Paper 2 Eastern Cape Mock 2018 Memo

MemorandumisiXhosa FALGrade 12201815 pages

Grade 12 isiXhosa FAL Paper 2 memorandum from the Eastern Cape Mock Exam 2018, 15 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Eastern Cape Mock Exam 2018

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2018 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 ISIKHOKELO SOKUMAKISHA AMANQAKU: 70 Esi sikhokelo sokumakisha sinamaphepha ali-15.
2 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 (EC/SEPTEMBA 2018) ICANDELO A: INOVELI UMBUZO 1 (IMIBUZO EMIFUTSHANE) KUSA KUSIHLWA – K.S. BONGELA ISICATSHULWA A 1.1 1.1.1 Evenkileni kaLungile Ntsibande.  (1) 1.1.2 NguSondlo.  (1) 1.1.3 Kwakungafanelekanga, kuba uThamsanqa uliliso evenkileni kaLungile ngoko ke akanalungelo lakukhupha iimfihlo ezikhuphela utshaba lukaLungile.  OKANYE Kwakufanelekile, kuba njengomntu osendaweni kaLungile Wayemele ukuzihoya zonke iingxaki ezivelela ivenkile athathe izigqibo ezifanelekileyo ngokohlobo ebezakwenza ngalo umnini-venkile ukuba ebesaphila.  (2) 1.1.4 Sesokusweleka kukaLungile nenkosikazi yakhe kwingozi yemoto.  (2) 1.1.5 Uzibona ungcono,uphezulu uphucukile ungazazi nokuba uphucuke njani.  (2) 1.1.6 Yeyokuthuma uMakhwetshu ukuba makaye kuqobongela uThamsanqa amenze akhuphe iincwadi zevenkile ukuze babone intsayino-gama eyenziwa nguyisemncinci uMosia xa babethengiselana ivenkile.  (2) 1.1.7 Kukunyaniseka / kukuthanda usapho / kukuyimela into akholelwa kuyo.  [Nasiphi isibini kwezi.] (2) 1.1.8 Yeyangaphandle  kuba uMakhwetshu noThamsanqa baye banyukelana de baba ngathi baza kubambana ngezigalo kule ngxoxo yabo.  (3) 1.1.9 Elokunaba kwebali / elokuyondelelana kwebali  kuba ngokuxambulisana kwesi sibini nokungafumaneki kweencwadi zevenkile, uNozililo uxoza mphini wumbi ukuzilwela kwabakwaNtsibande.  (3) KUNYE [18] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 3 ISICATSHULWA B 1.2 1.2.1 Ngomcimbi awayefanele ukuba awenze uMpumelelo ukubulela amawabo.  (1) 1.2.2 Ukuze yonke into oyenzayo ukususela ngoku ihambe kakuhle.  (2) 1.2.3 Kukumgcina / kukumjongela ishishini lakowabo ngeli xesha yena asafundayo / ubenguyise akuswelekelwa ngabazali bakhe.  [Nayiphi enye kwezi.] (2) 1.2.4 (a) (ii)  / (ii) ummeli ntlobo / ummeli ntlobo  (b) (iii)  / (iii) umxhasi  / umxhasi  (c) (i)  / (i) umlinganiswa oyintloko / umlinganiswa oyintloko  (3) 1.2.5 Limfanele kuba uNomakhwezi wayehleli ubomi bokungcungcuthekiswa nguNozililo ngokumana emhlohla iindaba zolwimi ekhulisa ubukhwele bakhe, emxabanisa nomyeni wakhe uLungile / kuba ikwanguye owaleqa uMpumelelo emva kokufa kwabazali bakhe efuna ukuba abulawe ngootsotsi / nguye owayeququzelela ukutshiswa kwevenkile kaLungile / nguye owayentlokothisa umyeni ngelifa likayisemncinci . [Nasiphi isibini kwezi.] (2) 1.2.6 Eyokukrobisa umntu kwiimeko ezithile eziza kwenzeka / eyokutyhila iimeko ezibuhlungu abakuzo abantu.  [Nayiphi kwezi.] (2) 1.2.7 Ungumntwana oqiqayo / ungumntwana obambeleleyo kwiimfundiso zakowabo  kuba intsha ebomini bakhe le nto yokuba kufuneka enzele izinyanya umbulelo akuba uyise wayezithatha njengemfitshimfitshi izinto ezilolo hlobo.  (2) 1.2.8 Ayibanga nafuthe kwaphela  kuba uMpumelelo uye waphindela kowabo eLusikisiki akuba egqibile ukufunda.  (3) [17] AMANQAKU ECANDELO A: 35 OKANYE Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 (EC/SEPTEMBA 2018) UMBUZO 2: (UMBUZO OMFUTSHANE) UMQOL’UPHANDLE – P.M. NGANI ISICATSHULWA C 2.1 2.1.1 KwaMamKhey / etywaleni  / esirhoxweni sotywala  [Nayiphi na kwezi] (1) 2.1.2 NguLinda Monti.  (1) 2.1.3 Kwakungafanelekanga, kuba uLinda wayengumntu ongabuseliyo utywala ngoko ke ilihlazo le meko azifake kuyo.  OKANYE Kwakufanelekile, kuba akukho mmiselo wakuba xa umntu ephantsi koxinzelelo ngokomphefumlo umele kwenza ntoni na ngoko ke naye uLinda wayezikhupha entlungwini awayekuyo ngale meko.  (2) 2.1.4 Wayezintyintye ngotywala emva kokuzifaka ingcinga yokuba uEddie osisithandwa sakhe uhambe nelinye ibhinqa ukuya ebhayaskophu kwaye akasazimiselanga kumtshata.  (2) 2.1.5 Entle kakhulu naqinisekileyo ukuba yeyona izihlalisa phantsi iintanga zakhe / wayesithi ukuba unxibe yona kujongwe kuye yedwa ngenxa yobuhle bayo.  [Nayiphi na impendulo echanekileyo] (2) 2.1.6 Yeyokumnika ithuba lokuba kuvele ubungcaphephe bakhe bokuphanda isintsompothi setyala lokufa kukaEddie Maga noLulama Zuma /eyokumkhuthaza exhasa ngalo lonke ixesha efumana iinkcukacha ezinokumncedisa kuphando lwakhe.  [Nasiphi isibini kwezi.] (2) 2.1.7 Kukukhuthala / kukunyaniseka / kukunyamezela / bubukhalipha / bubukrelekrele.  [Nayiphi isibini kwezi.] (2) 2.1.8 Yeyangaphakathi  kuba uLinda ubexakene nesiqu sakhe, iingcinga zakhe zibethabethana akayazi into amakayenze de wabe ufikelwe yingcinga yokuya kuzintyintya ngotywala.  (3) 2.1.9 Elokunaba kwebali / elokuyondelelana kwebali  kuba ngokunxila adwanguze kuba lula ukungayazi nento athe wayenza oko kuthi kuncedisane noHlobo ekumrhaneleni njengombulali kaEddie.  (3) [18] KUNYE Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 5 ISICATSHULWA D 2.2.1 Ngenenekazi elaqatshelwa nguBumba ngobusuku bokusweleka kukaEddie Maga noLulama Zuma.  (1) 2.2.2 Kwakumnandi kuye / wayonwabe kakhulu  / Wayegcoloda.  [Nayiphi na kwezi] (2) 2.2.3 Kukusiphathela ulwazi ngeTape Recorder yakhe awayeyiboleke uEddie / kukusiphathela iinkcukacha ngenenekazi elabonwa lingena laphundelaphuma eRio ngobusuku bokufa kukaEddie. / Ulwazi ngendawo eyenzeka kuyo ingozi.  [Nayiphi kwezi.] (2) 2.2.4 (a) (ii)  / (ii) ummeli ntlobo.  ummeli ntlobo (b) (iii)  / (iii) umchasi.  umchasi (c) (i)  / (i) umlinganiswa oyintloko.  umlinganiswa oyintloko. (3) 2.2.5 Walinda unyaka wonke enxibe umsesane wengeji kaEddie ongazange ade amtshate /walinda ukuba umpu wakhe obulahlekile ude uzivelele  [Nayiphi impendulo echanekileyo iya kwamkeleka.] (2) 2.2.6 Sisifaniso.  (2) 2.2.7 Ukuba babelicaphukela, bedikiwe leli nenekazi kuba lalibonakala liziphakamisile.  (2) 2.2.8 Ubenefuthe elikhulu  kuba bubukho bawo obubangele ukuba uEddie anyanzeleke ukuba aye kuwubukela, neentshaba zakhe zimazile ukuba akanakuphoswa nguwo, ngaloo ndlela kwavela ithuba lokubulawa kwakhe ukuze ibali libheke phambili. / Unike ithuba lokuba uLulama abe uhamba noEddie ngemini yengozi ukuze afe naye kurhanelwe uLinda yena mntu wayesaziwa ngoEddie.  [Nayiphi na kwezi] (3) [17] AMANQAKU EWONKE: 35 OKANYE Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
6 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 (EC/SEPTEMBA 2018) UMBUZO 3 UMonwabisi: Zama A Japhta ISICATSHULWA E 3.1.1 KuseNtshiqo.  (1) 3.1.2 nguMaRhadebe.  (1) 3.1.3 Kwakungafanelekanga, kuba uMonwabisi wayengumntwana njengabo. Asikho isizathu esinokubangela ukuba umntwana ongengowelo khaya aphathwe kakubi.  OKANYE Kwakufanelekile, kuba isendalweni into yokuba abantwana bambange umzali wabo bafune ukuba uthando lwabo lungahlulwa phakathi.  (2) 3.1.4 Sesokuba kwathi kwakufika ixesha lokumka kwabeLungu kumashishini asemaphandleni alibone elo njengethuba lokuzikhulisa kumava awayewafumene ngethuba wayesebenza kwaNdabazabantu eKapa.  (2) 3.1.5 Nangona wayenobubele obukhulu nje wayekwanawo namandla okuqeqesha ngokulukhuni.  (2) 3.1.6 Yeyokumakha amqinise ngenxa yendlela egadalala ebemphethe ngayo kanti uyamnceda engaziqondi yena.  (2) 3.1.7 Bubuvila / bubunxila / bubutshivela / ukungayazi indima edlalwa ngumntwana wokuqala ekhayeni / ukungabi ngomzekelo omhle kwabanye abantwana.  [Nasiphi isibini esichanekileyo siya kwamkeleka.] (2) 3.1.8 Yeyangaphakathi  kuba uMamTolo iyamtya indlela axatyiswe ngayo uMonwabisi nguThandabantu, akanakuzola emphefumlweni.  (3) 3.1.9 Elokunaba kwebali / elokuyondelelana kwebali / ukujiya kwezinto  kuba ukujijitheka kukaMamTolo kuzala intiyo ngakuMonwabisi kanti kwangaxeshanye kumbangela ukuba ayekekelele ekuqeqesheni abakhe abantwana batsho benze izadulanqa ezinika uMonwabisi ithuba lokugqama.  (3) [18] KUNYE Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 7 ISICATSHULWA F 3.2.1 Ngendima edlalwe nguMonwabisi ekuphumzeni uThandabantu kumsebenzi wokongamela amashishini akhe. / ngothakazelelo lukaMamTolo noThandabantu ngenxa yokubona ukuthembeka nokunyaniseka kukaMonwabisi  (1) 3.2.2 Wayevuka kusesekuseni kakhulu / kukuvuka xa kusithi qheke ukusa.  [Nayiphi na kwezi] (2) 3.2.3 Bubenefuthe elikhulu kakhulu  kuba emva kokufumanisa ukuba abasebenzi bakhe bayambela wasuka wanengqumbo ngasebantwini ababemsebenzela,  wayeka zonke izinto ezintle ebezenza / akathemba mntu.  [Nayiphi na impendulo echanekileyo] (3) 3.2.4 (a) (ii)  / (ii) ummeli ntlobo / ummeli ntlobo  (b) (iii)  / (iii) umxhasi / umxhasi  (c) (i)  / (i) umlinganiswa oyintloko / umlinganiswa oyintloko  (3) 3.2.5 UThandabantu wenze konke anokukwenza ukugcina abasebenzi bakhe bonwabile eshishinini lakhe eNtshiqo / uthande neenkedama nje zevenkile ezazingabantu abazihlalele kweso sakhiwo / uthando lwakhe ebantwini lubonakele nangethuba ethatha isigqibo sokukhulisa uMonwabisi njengomntwana wakhe.  [Nasiphi isibini esichanekileyo siya kwamkeleka.] (2) 3.2.6 Ukuba ngoku uMamTolo ujikile uyamthanda uMonwabisi akasamboni njengomntwana awayemcaphukela sele embona elulutho ekhayeni /ukutshintsha kwesimo ebesisibi kuqala sikaMamTolo aveze icala elihle ngendlela ambona ngayo uMonwabisi.  [Nayiphi na kwezi] (2) 3.2.7 Ngowokuba uMonwabisi useza kuba ngumlawuli wamashishini kaThandabantu ngokusemthethwen /Ngowokuba nguMonwabisi uphehlelelwe njengomntu oza kujonga aphathe amashishini kaThandabantu ekuhambeni kwexesha.  (2) 3.2.8 Lelokumnceda ngokumlawulela iincwadi zamashishini akhe nokumcebisa ngalo lonke ixesha.  (2) [17] AMANQAKU ECANDELO A: 35 OKANYE Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
8 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 (EC/SEPTEMBA 2018) ICANDELO B: IDRAMA UMBUZO 4 NDIYEKENI: D.M. JONGILANGA ISICATSHULWA G 4.1 4.1.1 Kusendlwini kaMadala.  (1) 4.1.2 NguMawonga Loni.  (1) 4.1.3 Kwakungafanelekanga, kuba uNdila uyiqhelile into yokona aze akhutshwe nguMadala kuloo ngxaki azifake kuyo. Umelwe ukuba azilungiselele abeneentloni ngesenzo asenzileyo.  OKANYE Kwakufanelekile, kuba uyiqhelile into yokuziphatha kakubi ngethemba lokuba akukho mntu uzakumsa ndawo kuba yena unonxibelelewano olungqingqwa nelungu eliphezulu lekomiti.  (2) 4.1.4 Sesokuthuma umntwana wesikolo utywala ngexesha lesikolo kuze kubhaqwe amakhoba otywala egumbini lakhe lokufundisela.  (2) 4.1.5 Yeyokuba uMawonga uyabaphehluzelisa abasebenzi esenza ngathi bangabaqeshwa basemzini wakhe.  (2) 4.1.6 Yeyokuxelela uMawonga ukuba uNdila uthume umntwana wesikolo utywala ngexesha lesikolo.  (2) 4.1.7 Kukungcola / kukunyoluka / ukungabingomzekelo / ukungathembeki / ukunganyaniseki / ukungabi namqolo.  [Nasiphi isibini kwezi.] (2) 4.1.8 Yeyangaphandle  kuba uNdila ubhoke isicuku ebagwexela kude ooLoni noMaziko xa bemxoxisa ngesenzo sakhe sokuthuma umntwana wesikolo utywala.  (3) 4.1.9 Elokunaba kwebali / elokuyondelelana kwebali/ ukujiya kwezinto  kuba kulapho kuza kuthi kubondeke isingqukru sempindezelo kuNdila akuba egxothiwe eNobutho, noMadala engaphumelelanga ukumthethelela.  (3) [18] KUNYE Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 9 ISICATSHULWA H 4.2 4.2.1 Zizalathisi zeqonga.  (1) 4.2.2 Ubukela ingozi ijamelene nawe.  (2) 4.2.3 Lelokumloba athandane naye ukuze aphalale aphele esifa uMawonga.  (2) 4.2.4 (a) (ii)  / (ii) ummeli ntlobo / ummeli ntlobo  (b) (iii)  / (iii) uvalithuba  / uvalithuba  (c) (i)  / (i) umlinganiswa oyintloko / umlinganiswa oyintloko  (3) 4.2.5 Umpimpa uNdila kuMawonga ukuze abhakeke atshe kwiziko lakhe lokungcola / umpimpa uMawonga kuMadala ukuze agxothwe ibe nguye inqununu yaseNobutho.  [Nasiphi na isibini esichanekileyo siyakwamkeleka] (2) 4.2.6 Ungumntu onobulali / ungumfazi othobekileyo / ungumntu olungileyo nongayifuniyo into embi /ungumntu ozixabisileyo.  [Nayiphi impendulo echanekileyo iya kwamkeleka.] (2) 4.2.7 Ngumbuzo-buciko.  (2) 4.2.8 Ayibanga nafuthe kwaphela  kuba uThandiwe wabuqhuba ubomi bakhe ngohlobo ebebuqhuba ngalo akazange athathe nalinye icebiso alinikwe ngabahlobo bakhe. UMawonga yena uzingenele engxakini engakhange anqandwe nguThandiwe ngaphandle kokumxela kunina nakuRay.  (3) [17] AMANQAKU EWONKE: 35 OKANYE Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
10 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 (EC/SEPTEMBA 2018) UMBUZO 5: INZALA YAMARHAMBA: Madoda Mlokoti ISICATSHULWA I 5.1.1 KwaMatshezi noNcaphayi / kuloDina  (1) 5.1.2 NguDina.  (1) 5.1.3 Kwakufanelekile kuba njengodade wabo uDina kwaye bevana kakhulu wayenokuyithetha kuZanoxolo yonke into aziva engenakuyithetha ebazalini bakhe.  OKANYE Kwakungafanelekanga kuba uZanoxolo naye ngumntwana ngoko ke akulindelekanga ukuba uDina azive enyanzelekile ukumxelela into emkhathazayo.  (2) 5.1.4 Kukuzidibanisa kwakhe noNoyongo omrhwebeshela kwaThambolenyoka apho asetyenziswa njengexhoba lokuthengisa ngomzimba nangokutyiswa iziyobisi.  (2) 5.1.5 Uqhayisa ngokuthi yena ufundile / umisa ngemfundo yakhe.  [Nayiphi na kwezi] (2) 5.1.6 Yeyokunika uDina icebo lokunqoloba abasebenzi bakaThambolenyoka babengathi babulewe ukuze anxunguphale kutsho kube lula ukuba abanjwe uThambolenyoka.  (2) 5.1.7 Ungcolile / ukhohlakele / unyolukile / akanabuntu.  [Nasiphi isibini kwezi.] (2) 5.1.8 Yeyangaphandle  kuba bayaxambulisana ade uDina akhuphe amazwi anezisongelo efungela uThambolenyoka.  (3) 5.1.9 Lelokunaba kwebali / lelokuyondelelana kwebali / lelokujiya kwezinto  kuba oku kutshintsha kwesimo sikaDina kulandelwa kukungena nzulu kumkhwa wakwaThambolenyoka nokumitha kwakhe athi akugxothwa kwaThambolenyoka aziphindezele.  (3) KUNYE [18] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 11 ISICATSHULWA J 5.2.1 Zizalathisi zeqonga.  (1) 5.2.2 Ningagoduka.  (2) 5.2.3 Lelokumncedisa ngokuthi avume ukumenzela umsebenzi wakhe omdaka wokushishina ngabantwana abangamantombazana.  (2) 5.2.4 (a) (ii)  / (ii) ummeli ntlobo / ummeli ntlobo  (b) (iii)  / (iii) uvalithuba  / uvalithuba  (c) (i)  / (i) umlinganiswa oyintloko/ umlinganiswa oyintloko  (3) 5.2.5 Uzame ukuba kubekho uxolo phakathi kukaDina nabazali bakhe ngokuthetha naye embonisa indlela / uphinde wathetha noDina ngethuba abhaqe incula emotweni ebonisa uDina ubungozi azifaka kubo ngenxa yentiyo.  [Nasiphi isibini esichanekileyo siya kwamkeleka.] (2) 5.2.6 Ukuba unesibindi / ulikroti / uzithembile.  [Nayiphi impendulo echanekileyo iya kwamkeleka.] (2) 5.2.7 Sisibaxo / lugqithiso / lubabazo.  (2) 5.2.8 Ibenefuthe elikhulu kuba emva koku kukwesi sicatshulwa kulandela ukuleqwa kukaDina ngooSdokhwe baze babhukuqe nemoto, kulandele ukubanjwa kooNoyongo noNomhase.  (3) [17] AMANQAKU ECANDELO B: 35 OKANYE Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
12 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 (EC/SEPTEMBA 2018) ICANDELO C: AMABALI AMAFUTSHANE UMBUZO 6: NDAKUYICEL’UVUTHIWE – L.L. NGEWU noE. Z. GUQA ISICATSHULWA K 6.1.1 Lityala lodlwengulo.  (1) 6.1.2 NguTshayizule.  (1) 6.1.3 Kwakungafanelekanga kuba babukho ubungqina bukagqirha obungathandabuzisiyo ukuba uNompoxeko wayedlwenguwe.  Okanye Kwakufanelekile kuba akazange abunike ngokwanelisayo ubungqina obabunokumthethelela kuba iinzipho angewayemphale ngazo uZolani akazange azisebenzise, engazange azame nokukhwaza oku.  Waye waphuma eholweni ehamba yedwa kusebusuku eshiya abahlobo ebehambe nabo ngasemva engabaxelelanga ukuba uyahamba / Uxokise inkundla ngelithi akamazi uZolani nangona wayekhe wathandana naye.  (2) 6.1.4 Ayembona emncinane engaphantsi kweminyaka evumelekileyo yokuba angangena enkundleni yamatyala.  (2) 6.1.5 Wayebhala kakhulu nangokungxama.  (2) 6.1.6 Yeyokubambisa uZolani ngokuthi amphale kanobom amshiye nesiva ukuze sibe bobona bungqina enkundleni / yeyokuthi akudlwengulwa okwesibini nguZolani amphale kanobom ebusweni aze atsho ngesikhalo ukubiza uncedo. Obu yaba bubungqina obubambekayo nobabangela ukuba abanjwe agwetywe uZolani.  [Nayiphi na kwezi] (2) 6.1.7 Kukungasiboni njengesibalulekileyo isimangalo sikaNompoxeko /kukuhlekisa ngabantu abangamaxhoba odlwengulo / kukuzimisela ukuba ngakwicala lezaphuli-mthetho nolunyotyelwa amatyala.  [Nasiphi isibini kwezi.] (2) 6.1.8 Yeyangaphandle  kuba baye bajijisana ezilwela uNonkanyezi, wakhwaza, wade wamphala wamshiya nesiva ebuswe umdlwenguli.  (3) 6.1.9 Ukunaba kwebali / ukuyondelelana kwebali / elokujiya kwezinto  kuba uthe akubhungca apha uZolani waqhubeka ukudlwengula kanti uza kudibana neembila zithutha kwityeli elilandelayo.  (3) [18] KUNYE Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 13 ISICATSHULWA L NGUMNTU ONJANI LO – LL Ngewu 6.2 6.2.1 Ngomngcwabo kaManduleli.  (1) 6.2.2 Wayemana ekhala kakhulu.  (2) 6.2.3 Kukuveza isiqinisekiso somtshato enkundleni ukuze umzimba kaManduleli ube awunakungcwatywa ngosuku olwalutyunjiwe.  (2) 6.2.4 (a) (ii)  / (ii) ummeli ntlobo / ummeli ntlobo  (b) (iii)  / (iii) uvalithuba  / uvalithuba  (c) (i)  / (i) umlinganiswa oyintloko / umlinganiswa oyintloko  (3) 6.2.5 UManduleli akazange enzele mntu nto / akazange aye ntweni yamntu /unabafazi abahlanu abaxhwithana ngesidumbu sakhe / akanamfundisi wokumngcwaba , akanamntu uthetha nto ivakalayo ngaye.  [Nasiphi isibini esichanekileyo siya kwamkeleka.] (2) 6.2.6 Owokuba umfi lo unguManduleli akazange abenamkhondo esaphila ngoko ke nomngcwabo wakhe uyiloo nto wayeyiyo.  (2) 6.2.7 Wayengakwazi ukufunda.  (2) 6.2.8 Kubenefuthe elikhulu  kuba ngenxa yesi siqinisekiso ukwazile ukuwamisa amalungiselelo omngcwabo womyeni wakhe kuba inguye onelungelo alinikwe sisiqinisekiso somtshato.  (3) [17] AMANQAKU ECANDELO C: 35 OKANYE Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
14 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 (EC/SEPTEMBA 2018) ICANDELO D: IMIBONGO UMBUZO 7: IDYUNIVESITHI IFORT HARE – S MAPUTI 7.1.1 Ngumbongo-nkcazo  kuba imbongi ichaza idyunivesithi iFort Hare. Iveza ukubaluleka kweli ziko lemfundo nabantu abaninzi abafunde kuyo.  (2) 7.1.2 Sisifaniso  siphuhlisa ukomelela nokuzinza kwale dyunivesithi.  (3) 7.1.3 Yeyokuba abantu bangena bengakhanyiselwanga kuba bengekaxhamli emfundweni kodwa baphume begqibekile, befundisekile.  (2) 7.1.4 Oweliso.  (1) 7.1.5 Indlala / ukungazi / ukuphalala.  (3) 7.1.6 Kwisitanza se-4 imbongi igqithisa umnqweno nomyalezo wokuba imfundo efunyenwe kweli ziko inga ingabosulela nabo bangekayi kulo kanti kwesesi-5 imbongi ikhankanya amaqhawe afunde kule dyunivesithi nendlela abaxhamle ngayo abamazwe angaphandle  (2) 7.1.7 B√/ B zaphanza/ zaphanza.  (1) 7.1.8 Ukuba noNelson Mandela lo udume kangaka wayefunde kwalapha.  (2) 7.1.9 Yimvano siphelo  (2) [18] KUNYE Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 15 UMBUZO 7.2: IMBONGI – KN MANCIYA 7.2 7.2.1 Yonwabile  kuba isebenzisa amagama ancoma imbongi afana nala: ‘Lichabasa lechebesha’./ Kroti lakwabani ngqanga yamazwi! namanye.  (2) 7.2.2 Lichule.  (2) 7.2.3 Ikhalipha.  (1) 7.2.4 Yimbongi yomthonyama  kuba kuchazwa ukutshila kwayo xa ibonga ide ifaniswe neentaka ezithile.  (3) 7.2.5 Kukudibanisa isizwe nabangasekhoyo, nezinyanya.  (2) 7.2.6 Isikweko  Izinga eliphezulu ekulo imbongi yomthonyama.  (3) 7.2.7 Zonke izitanza zakhiwe ngemiqolo emine.  (2) 7.2.8 Yipikoko / yintambanane / ngudokolwana.  [Nasiphi isibini kwezi.] (2) [17] AMANQAKU ECANDELO D: 35 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa FAL

View all