You're offline
Skip to content
Memorandum

Xhosa FAL P3 Memo.pdf

Subject: Isixhosa FalGrade 12201814 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2018 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 IMEMORANDAM AMANQAKU: 100 Le memorandam inamaphepha ali-14.
2 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2018) ICANDELO A: ISINCOKO IMIYALELO YOKUMAKISHA Kweli CANDELO umviwa ukhetha isihloko sibe sinye. Ukuba ukhethe zazibini makisha esokuqala. QAPHELA: Umviwa angabhala naluphi udidi lwesincoko ngesihloko asikhethileyo. Ubude besincoko bumele ukuba kwisithuba samagama angama-190 ukuya kuma-240. Sebenzisa irubriki esisihlomelo A ukumakisha isincoko. UMBUZO 1 1.1 Isihloko: Ubomi bobuntwana Imo efanelekileyo: Intshayelelo, isiqu nesiphelo. Ulwimi Luhambelana nenjongo yokubhala, uhlobo lwesincoko esikhethiweyo, isigama sihambelane nesihloko, isakhiwo sezivakalisi kunye nezixhobo zokunonga ezifanelekileyo. Umxholo Umviwa angasebenzisa nawuphi kule mixholo ilandelayo. Angachaza ngobomi bobuntwana gabalala/okubi okanye okuhle ngobu bomi/angabalisa ngobakhe ubomi bobuntwana nabanye abantwana mhlawumbi. [Naziphi izimvo zomfundi ezisemxholweni ziya kwamkeleka] [50] 1.2 Isihloko: Impazamo endayenzayo yandenza ndomelela Imo efanelekileyo: Intshayelelo, isiqu nesiphelo. Ulwimi Luhambelana nenjongo yokubhala, uhlobo lwesincoko esikhethiweyo, isigama sihambelane nesihloko, isakhiwo sezivakalisi kunye nezixhobo zokunonga ezifanelekileyo. Umxholo Umviwa angasebenzisa nawuphi kule mixholo ilandelayo. Yayimalunga nantoni le mpazamo/ waziva njani ngethuba ayibhaqayo ukuba yimpazamo/ isifundo eseza nempazamo leyo/ukomelela. [Naziphi izimvo zomfundi ezisemxholweni ziya kwamkeleka] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 3 1.3 Isihloko: Ungcoliseko lwendalo Imo efanelekileyo: Intshayelelo, isiqu nesiphelo. Ulwimi Luhambelana nenjongo yokubhala, uhlobo lwesincoko esikhethiweyo, isigama sihambelane nesihloko, isakhiwo sezivakalisi kunye nezixhobo zokunonga ezifanelekileyo. Umxholo Umviwa angasebenzisa nawuphi kule mixholo ilandelayo. Ingcoliseka njani indalo/unobangela wongcoliseko lwendalo/iziphumo zongcoliseko lwendalo/okunokwenziwa ukuze kuthintelwe ungcoliseko lwendalo. [Naziphi izimvo zomfundi ezisemxholweni ziya kwamkeleka] [50] 1.4 Isihloko: Ixabiso lamathala eencwadi kwixesha le-intanethi. Imo efanelekileyo: Intshayelelo, isiqu nesiphelo. Ulwimi Luhambelana nenjongo yokubhala, uhlobo lwesincoko esikhethiweyo, isigama sihambelane nesihloko, isakhiwo sezivakalisi kunye nezixhobo zokunonga ezifanelekileyo. Umxholo Umviwa angasebenzisa nawuphi kule mixholo ilandelayo. Ingaba asaxabisekile amathala eencwadi ngokufanayo ne-intanethi/okufumaneka kumathala eencwadi kungenakufumaneka kwi-intanethi/ubungcono benye kunenye. [Naziphi izimvo zomfundi ezisemxholweni ziya kwamkeleka] [50] 1.5 Isihloko: Ushishino luxanduva lomntu wonke. Imo efanelekileyo: Intshayelelo, isiqu nesiphelo. Ulwimi Luhambelana nenjongo yokubhala, uhlobo lwesincoko esikhethiweyo, isigama sihambelane nesihloko, isakhiwo sezivakalisi kunye nezixhobo zokunonga ezifanelekileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2018) Umxholo Umviwa angasebenzisa nawuphi kule mixholo ilandelayo. Inkcazo emfutshane ngezoshishino/iintlobo ezohlukeneyo/indima edlalwa lushishino/ngoosomashishini eluntwini/ indima edlalwa luluntu kwezoshishino. [Naziphi izimvo zomfundi ezisemxholweni ziya kwamkeleka] [50] 1.6 Isihloko: Xa ndinokubayinkokeli yabafundi edyunivesithi Imo efanelekileyo: Intshayelelo, isiqu nesiphelo. Ulwimi Luhambelana nenjongo yokubhala, uhlobo lwesincoko esikhethiweyo, isigama sihambelane nesihloko, isakhiwo sezivakalisi kunye nezixhobo zokunonga ezifanelekileyo. Umxholo Umviwa angasebenzisa nawuphi kule mixholo ilandelayo. Indima anokuyidlala xa enokuba yinkokeli yabafundi edyunivesithi/utshintsho anokulwenza/okunyusa umgangatho wemfundo. [Naziphi izimvo zomfundi ezisemxholweni ziya kwamkeleka] [50] 1.7.1 Isihloko: Imo efanelekileyo: Intshayelelo, isiqu nesiphelo. Ulwimi Luhambelana nenjongo yokubhala, uhlobo lwesincoko esikhethiweyo, isigama sihambelane nesihloko, isakhiwo sezivakalisi kunye nezixhobo zokunonga ezifanelekileyo. Umxholo Umviwa angasebenzisa nawuphi kule mixholo ilandelayo. Makabonise ulwazi ngesihloko asikhethileyo/ukubaluleka kwemfundo/imfundo sisitshixo sobomi/inkululeko eziswa yimfundo/ulonwabo oluza nempumelelo yemfundo. [Naziphi izimvo zomfundi ezisemxholweni ziya kwamkeleka] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 5 1.7.2 Isihloko: Imo efanelekileyo: Intshayelelo, isiqu nesiphelo. Ulwimi Luhambelana nenjongo yokubhala, uhlobo lwesincoko esikhethiweyo, isigama sihambelane nesihloko, isakhiwo sezivakalisi kunye nezixhobo zokunonga ezifanelekileyo. Umxholo Umviwa angasebenzisa nawuphi kule mixholo ilandelayo. Makabonise ulwazi ngesihloko asikhethileyo/ukubaluleka kococeko/ukuzikhusela kwizifo/umsebenzi woogqirha/owabongikazi. [Naziphi izimvo zomfundi ezisemxholweni ziya kwamkeleka] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
6 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2018) IIMPAWU ZESINCOKO Isincoko esibalisayo sibhalwa kumntu wokuqala okanye owesithathu.  Makasebenzise ixesha eladlulayo/elidlulileyo aze athi ukuba unamandla alisebenzise nelimiyo.  Makabonise ulwazi ngesihloko asikhethileyo.  Abalinganiswa, isimo sentlalo izizathu zokuhla kwezehlo ukuya kwisiphelo mazibonakale.  Iziganeko zichazwe/zibaliswe ngokulandelelana kwazo okanye zicace ezingunobangela wezinye, kungenjalo xa enamandla angasebenzisa izixhobo ezifana nophuphelo okanye ukuqala ngesenzo esingekehli/sokugqibela.  Sisebenzisa amagama abonisa ixesha afana noo-emva, phambi, ngeli xesha.  Sisebenzisa intetho yababini/ukuzithethela kwabalinganiswa.  Ulwimi olusetyenzisiweyo malube lelokudala ifuthe kofunda isincoko, oluchukumisayo lungekrwada phofu. [50] Isincoko esichazayo sinokubhalwa ngokwexesha elidlulileyo okanye elangoku.  Sichaza into/umntu/indawo/imeko njalo njalo.  Sisebenzisa amagama okudala umfanekiso.  Sisebenzisa izixhobo zokuchaza ezifana nezichazi, imifanekiso-ntelekelelo, izihlomelo, neziphuhlisayo ezifana nezifanekisozwi kwakunye nezafobe zentetho.  Sisebenzisa imifanekiso-ntekelelo nezafobe.  Sivakalisa iimvakalelo zombhali. [50] Isincoko esicamngcayo:  Siveza uvakalelo lombhali ngesigama esibonakalisa amava akhe.  Siveza uchukumiseko ngomba ekubhalwa ngawo.  Uvakalelo olungundoqo ludlala indima enkulu.  Ubukhulu becala esi sincoko siyachaza. (Sisebenzisa izixhobo zokuchaza ezifana nezichazi, imifanekiso-ntelekelelo, izihlomelo, neziphuhlisayo ezifana nezifanekisozwi kwakunye nezafobe zentetho).  Uvakalelo lombhali maluveze ukunyaniseka kunye nokubandakanyeka. [50] Kwisincoko esixoxayo inkcazelo ingomba othile inokuba ngengxoxo ephambili.  Umviwa uthatha icala ngomba othile.  Uthotho lweengxoxo – oludla ngokuba kwimo engengcaciso ngeengongoma ezithile.  Ukubethelela – isishwankathelo nokuphindelela kwinkcazelo engoluvo oluthile lokuvula.  Kwingxoxo yakhe unika ubungqina obuxhasayo obusenokuba ngamanani okanye ukucaphula kumava anawo ayinyani.  Usenokuxoxela okuthile echasa enika ubungqina obuxhasayo.  Isiphelo sisenokuba sisishwankathelo neengcebiso. [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 7 Kwisincoko esivelela amacala omabini inkcazelo ingomba othile inokuba ngengxoxo ephambili.  Umviwa uwaphatha omabini amacala engxoxo.  Uxoxela okuthile enika ubungqina obuxhasayo.  Unokulandela isakhiwo esithi umhlathi umela uluvo oluvumayo, kolandelayo, luchase, kungenjalo avume ekuqaleni komhlathi ze achase ekupheleni, kodwa makalunike olwakhe uluvo xa evala.  Isiphelo – isishwankathelo neengcebiso.  Makabonise ulwazi ngesihloko nangomba axoxa ngawo. [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
8 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2018) ICANDELO B: UMHLATHI OMDE IMIYALELO YOKUMAKISHA  Kweli candelo umviwa ukhetha umhlathi omnye, ukuba ukhethe yangaphezulu makisha owokuqala.  Ubude bomhlathi mabube ngamagama ali-80 ukuya kwi-100.  Sebenzisa irubriki esisihlomelo B ukumakisha lo mhlathi. UMBUZO 2 2.1 ILETA ESESIKWENI YOMBULELO  Ineedilesi ezimbini (eyokuqala yeyombhali weleta ingasekunenene kumantla ephepha, eyesibini yeyalo mntu ubhalelwayo ngasekhohlo entla kwesibuliso).  Entla kwale yesibini idilesi kuvela igama okanye isikhundla salo ubhalelwayo.  Iidilesi zilandelwa sisibuliso; umzekelo: Mhlekazi obekekileyo njalo njalo.  Emva kwesibuliso kulandela umcimbi engawo ileta leyo.  Emva komcimbi kulandela intshayelelo, isiqu nokuqukumbela.  Umxholo mayibe ngowokubulela isipho seekhompuytha.  Kwisiphelo kubhalwe; Ozithobileyo, kuze kulandelwe ngegama nefani yombhali ngezantsi. QAPHELA: Makushiywe imigca phakathi kweedilesi, phakathi kwedilesi yombhalelwa nesibuliso, phakathi kwesibuliso nomcimbi emva komcimbi nasemva koqukumbelo. [30] 2.2 IOBHITSHUWARI  Igama nefani yomntu oswelekileyo.  Umhla wokuzalwa, indawo azalelwe kuyo nabazali bakhe.  Ukukhula kwakhe, ukufunda nokusebenza.  Ukugula kwakhe.  Umhla wokusweleka.  Usapho alushiya ngasemva.  Amazwi amkhaphayo aquka neziduko. [30] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 9 2.3 INGXELO ESESIKWENI  Makubhalwe isihloko esibonisa ukuba imalunga nantoni ingxelo.  Emva kokushiya umgca kulandele intshayelelo ebonisa iinjongo eziphambili, zicwangciswe ngokulandelelana kwazo ziphawulwa ngamanani.  Kwisiqu kuvezwe iinkcukacha ezimalunga neziphumo zengxoxo ezingqamene nenjongo nganye kwezo bezivezwe kwintshayelelo.  Kusetyenziswe ixesha langoku nolwimi olundilisekileyo.  Ekuqukumbeleni, makusayinwe kubhalwe nomhla.  Emva kwesiphelo makulandele umhlathi oqulethe izindululo okanye iingcebiso malunga nezinto ezinokwenziwa.  Mazivele iimbono zakhe aze ashwankathele iingongoma ezithe zachatshazelwa kwisiqu. [30] 2.4 UDLIWANONDLEBE  Makubhalwe intshayelelo.  Abalinganiswa mabanikwe amagama.  Imibuzo mayibe yephanda ulwazi olumalunga nokusebenzisa iziyobisi; Umzekelo: isizathu sokuqala iziyobisi, iziphumo, ukufumana uncedo. Iingcebiso angazinika abanye abantwana malunga nokusetyenziswa kweziyobisi, njalo njalo.  Makuqukunjelwe ngendlela efanelekileyo. [30] AMANQAKU ECANDELO B: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
10 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2018) ICANDELO C: UMHLATHI OMFUTSHANE IMIYALELO YOKUMAKISHA  Kweli candelo umviwa ukhetha umhlathi omnye, ukuba ukhethe yangaphezulu makisha owokuqala.  Ubude bomhlathi mabube ngamagama ali-60 ukuya kwi-80.  Sebenzisa irubriki esisihlomelo C ukumakisha lo mhlathi. UMBUZO 3 3.1 ISIMEMO  Makumenywe abantu abaza kuzimasa itheko lokuthi ndlelantle kwinqununu.  Umhla, indawo nexesha zingalityalwa.  Iinkcukacha zonxibelelwano mazingalityalwa.  Isinxibo ukuba kukhona imfuneko masikhankanywe. [20] 3.2 UNGENISO KWIDAYARI  Mayibhalwe ngefomathi ekhethekileyo yedayari okanye yejenali.  Ivulwe ngosuku, umhla nonyaka.  Iintsuku, umhla mazibonakale nexesha ukuba kungeniswe ngaphezulu komba omnye ngemini enye.  Umxholo ube malunga nobekusenzeka ngethuba leholide zobusika.  Kusetyenziswe naliphi ixesha kuxhomekeke kumyalelo.  Ibhalwa ngokungekho sikweni.  Umbhali uyazibhalela.  Ulwimi oluchukumisayo- umbuzo buciko uyasetyenziswa. [20] 3.3 UMYALELO  Umyalelo mawucace gca, kusetyenziswe isiyaleli kakhulu.  Mayibe nedilesi enye yombhali weleta ngasekunenene kumantla ephepha ihambe nomhla.  Idilesi mayilandelwe sisibuliso esichanekileyo seleta yobuhlobo.  Emva kwesibuliso ibe yintshayelelo ediza ubuhlobo bombhali nombhalelwa.  Umxholo mawahlulwe ngemihlathi.  Makusetyenzizwe ithoni nerejista echanekileyo.  Maqukunjelwe ngendlela echanekileyo yeleta yobuhlobo.  Kwisiphelo makubhalwe; umhlobo wakho, kuze kulandelwe ngegama lombhali ngezantsi.  QAPHELA: Makushiywe imigca phakathi kwedilesi yombhali nesibuliso, phakathi kwesibuliso nentshayelelo. Isiqu naso masahlulwahlulwe ngemihlathi. [20] AMANQAKU ECANDELO C: 20 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2016) ISIXHOSA ULWIMI OLONGEZELELWEYO P3 11 QAPHELA:  Sebenzisa le rubriki rhoqo xa umakisha izincoko zephepha lesi-3, ICANDELO A.  Amanqaku ukusukela kweli-0 ukuya kwangama-50 ahlulahlulwe ngokwamanqanaba amahlanu aphambili.  Kwiikhrayitheriya yoMxholo, uLwimi neSimbo, inqanaba ngalinye kula mahlanu lahlulahlulwe lanomgangatho ongentla nongezantsi yanemimandla yamanqaku ahambelana nomgangatho ngamnye.  Ikhrayitheriya yeSakhiwo yona ayichaphazeleki ngumgangatho ongentla nongezantsi. ISIHLOMELO A: IRUBRIKI YOKUHLOLA IZINCOKO – ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO [50] Ikhrayitheriya Balaseleyo Enobuchule Phakathi Buthathaka Bubhetyebhetye UMXHOLO 28–30 22–24 16–18 10–12 4–6 NOCWANGCISO - Impendulo ebalaseleyo - Impendulo ixonxwe - Impendulo iyanelisa - Impendulo ingena - Impendulo ayikho enomtsalane, ngaphaya ngobugcisa obukhulu. ngokupheleleyo. iphuma mxholweni konke. (Impendulo nezimvo) kobekulindelekile. - Izimvo zinxulumene - Izimvo ziyanamathelana emxholweni - Izimvo zibondene Ukubekelela izimvo - Izimvo zihlakaniphile, zixhokonxa nomxholo kwaye zinika noko kwaye akukho azigqalanga ntweni ngenjongo iingcinga kwaye zinemfezeko. umdla, bukho zingakuguqula ukucinga lunamathelwano - Azivakali izimvo yokucwangcisa. - Isincoko sibekelelwe ngobuchule ubungqina bemfezeko kofundayo. kwizimvo. kwaye Ukubonakalisa ukuyazi obungaqhelekanga kwaye kwizimvo. - Iingcamango - Izimvo azicacanga ziyaphindaphindwa/ injongo, abantu intshayelelo, isiqu kwakunye - Iingcamango zibekelelwe kwaye ezinye zazo uthetha into enye. ekujoliswe kubo kunye nesiphelo zibonakalisa zibekelelwe ngokunamatheleneyo zezemboleko. - Iingcamango nemeko. unamathelwano olunemfezeko. ngokwakhelanayo kuquka intshayelelo, - Buncinci kakhulu zibekwe xazalala kuquka intshayelelo, isiqu nesiphelo. ubungqina azinalunxibelelwano. Umgangatho ongentla 30 AMANQAKU isiqu nesiphelo. bobekelelo nonamathelwano lweengcamango. 25–27 19–21 13–15 7–9 0–3 - Impendulo encamisileyo kodwa - Impendulo ixonxwe - Impendulo iyanelisa - Impendulo iphumile - Impendulo itenxile akukho zimpawu zakubalasela ngobugcisa. nangona kumana emxholweni malunga nomxholo. kubhekele phi kwisincoko. - Izimvo kubakho ukungacaci ubukhulu becala. - Izimvo zitenxile - Izimvo zivuthiwe zixhokonxa zisemxholweni kwiindawo ezithile. - Izimvo ziyaqhawu- zingcwecwela kude iingcinga. kwaye zinika umdla. - Kukho ukunamathelana qhawuka nomxholo. - Iingcamango zibekelelwe - Sibekelelwe okubonakalayo ziyabhidisa. - Iingcamango zandindaniswa ngobugcisa ngobuchule, kukho kwizimvo kwaye - Buyanqaphazeka ziyingxubevange kuquka intshayelelo, isiqu kunye ukunamathelana kuyanelisa. ubungqina engenamgqalisela. nesiphelo. kweengcamango - Kukho ukubekelelwa bokubekeleleka okuquka ntshayelelo, kweengcamango kweengcamango isiqu nesiphelo. kwintshayelelo, isiqu nonamathelwano. Umgangatho ongezantsi nesiphelo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
12 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2018) IRUBRIKI YOKUHLOLA IZINCOKO – ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO [50 AMANQAKU] (isaqhubeka) Ikhrayitheriya Balaseleyo Enobuchule Phakathi Buthathaka Bubhetyebhetye ULWIMI, ISIMBO & 14–15 11–12 8–9 5–6 0–3 NOKUHLELA - Ithoni, irejista, isimbo, - Ithoni, irejista, isimbo, - Ithoni, irejista, - Ithoni, irejista, isimbo, - Ulwimi aluvakali. isigama zifanelene isigama zifanelene isimbo, isigama isigama azifanelananga - Ithoni, irejista, isimbo, Ukuhambelana ngokugqwesileyo nenjongo, kakhulu nenjongo, sifanelene ncam nenjongo, abantu isigama asifanelananga kwethoni, irejista, abantu ekujoliswe kubo abantu ekujoliswe kubo nenjongo, abantu ekujoliswe kubo kunye kwaphela nenjongo, isimbo, isigama kunye nemeko. kunye nemeko. ekujoliswe kubo nemeko. abantu ekujoliswe kubo kunye nemeko. - Ulwimi lusetyenziswe - Ulwimi luchaneke kunye nemeko. - Ulwimi lusetyenziswa kunye nemeko. Ukhetho-magama. ngokuzithemba, ngakumbi kwaye ithoni - Ulwimi ngendlela ebuthathaka. - Ukunqongophala Ukusetyenziswa luyathabathekisa. isetyenziswe olufanelekileyo - Ithoni nochongo kwesigama kubaxekile kolwimi nesigama. - Ithoni enomtsalane ngokuchaneka ludlulisa umyalezo. magama kangangokuba Iimpawu zobhalo, nezafobe zentetho kwisincoko siphela. - Ithoni ifanelekile. azifanelekanga. ayinasihlahla into izakhi zezivakalisi, eziphumeza injongo. - Iziphene - Izafobe zentetho - Isigama sinqongophele. ebhaliweyo. nopelo. - Phantse kube akukho zokusetyenziswa zinonga umxholo. Umgangatho ongentla nasinye isiphene kolwimi nopelo 15 AMANQAKU solwakhiwo zivakalisi, zinqongophele. upelo nokusetyenziswa - Sixonxwe ngobugcisa kolwimi. obukhulu. - Sixonxwe ngobugcisa obukhulu. 13 10 7 4 - Ulwimi luchanekile kanye - Ulwimi lunomtsalane - Kuyanelisa - Ukusetyenziswa kolwimi nezafobe zisetyenziswe kwaye luyaziphumeza ukusetyenziswa kubonisa ngethoni ephumeza iinjongo zokubhala. kolwimi kodwa ububhetyebhetye. ukudlulisa umyalezo. - Ithoni ifanelekile kwaye asekho amakhwiniba. - Izivakalisi - Phantse kube akukho iyaziphumeza iinjongo - Ithoni ifanelekile zinobuthathaka- nasinye isiphene zokubhala. kodwa izafobe azitshintsha-tshintshwa. solwakhiwo zivakalisi, - Zimbalwa iziphene zentetho - Isigama sinqongophele upelo, nokusetyenziswa zezakhi zezivakalisi ezisetyenzisiweyo ngokubalaseleyo. kolwimi. kunye nopelo. zinqongophele. Umgangatho ongentla - Sixonxwe ngobugcisa - Sixonxwe ngobugcisa. obukhulu. ISAKHIWO 5 4 3 2 0–1 - Isihloko sikhuliswe - Iinkcukacha - Iinkcukacha - Zikho iingcamango - Iingcamango Iimpawu zetekisi. ngokuncamisayo. ezinengqiqo zikhuliswe ezisemxholweni ezamkelekileyo. ezifunekayo Ukukhula - Iinkcukacha zibalasele ngokwakhelanayo. zikhulisiwe. - Isakhiwo sezivakalisi zinqongophele. kwemihlathi ngokungaqhelekanga. - Izimvo zinamathelene. - Izivakalisi, imihlathi nesemihlathi - Isakhiwo sezivakalisi nokwakhiwa - Izivakalisi, imihlathi - Izivakalisi, imihlathi zakhiwe kakuhle. sinamakhwiniba. nesemihlathi sigxoko- kwezivakalisi. zakhiwe zaqiqisiswa zitshintshatshintshwa - Isincoko sibunjwe - Isincoko sisenayo gxoko. ngokugqwesileyo. ngobuchule ngengqiqo. ingqiqo. - Isincoko asinangqiqo. 5 AMANQAKU obuqiqisisiweyo. UMMANDLA 43–50 33–40 23–30 13–20 0–10 WAMANQAKU Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 13 ISIHLOMELO B: IRUBRIKI YOKUHLOLA IMIHLATHI EMIDE – ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO [30 AMANQAKU] Ikhrayitheriya Balaseleyo Enobuchule Phakathi Buthathaka Bubhetyebhetye UMXHOLO, 15–18 11–14 8–10 5–7 0–4 UCWANGCISO - Impendulo igqwesile - Impendulo ibonakalisa - Impendulo iyanelisa - Impendulo ibonakalisa ulwazi - Impendulo ibonakalisa NEFOMATHI idlule okuqhelekileyo. ukuchaneka kanobom ibonakalisa ulwazi olungephi lweempawu zolu ukunqongophala kolwazi - Izimvo ziqiqisisiwe ulwazi olunzulu lweempawu zolu didi lwetekisi. lweempawu zolu didi lwetekisi. Ukungqala kwaye zivuthiwe. lweempawu zolu didi didi lwetekisi. - Zimbalwa izimvo - Intsingiselo ilahleka rhoqo ide kwempendulo - Luphangalele ulwazi lwetekisi. - Izimvo ziyaphuma ezisemxholweni kodwa kuninzi iphume emxholweni. nezimvo. lweempawu zolu didi - Ingqalile ayiphumi emxholweni kwaye ukuphuma ecaleni. - Akukho ukunamathelana Ukuqoqwa lwetekisi. nasemxholweni. kukho - Kunqabile ukunamathelana kumxholo nezimvo. kwezimvo - Umsebenzi ungqalile - Izimvo zixonxwe nokugqwidiza. komxholo nezimvo. - Zimbalwa kakhulu iinkcukacha ngenjongo uhleli emxholweni. zadakancwa - Ukunamathelana - Zimbalwa iinkcukacha ezixhasa isihloko. yokucwangcisa. - Kukho ngokunamatheleneyo kumxholo nezimvo ezixhasa isihloko. - Imigaqo eyimfuneko yobhalo Injongo yokubhala, ukunamathelana kumxholo nezimvo. kufanelekile. - Imigaqo yefomathi ephambili lwale tekisi ityeshelwe. abo kujoliswe kubo, kwizimvo nomxholo. - Iinkcukacha zixhasa - Ezinye iinkcukacha isetyenziswe ngokungaqondi. iimpawu/imigaqo - Iingcamango isihloko. zixhasa isihloko. - Kutyeshelwe izinto ezininzi. yetekisi, kunye zidakancwe ngobunono - Ifomathi ifanelekile - Ifomathi ifanelekile nemeko. zonke iinkcukacha ineendawana kodwa kusekho zixhasa isihloko. ezingachanekanga ukungachaneki. 18 AMANQAKU - Ifomathi ifanelekile ezingephi. kwaye ichanekile. ULWIMI ISIMBO 10–12 8–9 6–7 4–5 0–3 SOKUBHALA - Ithoni, irejista, isimbo, - Ithoni, irejista, isimbo, - Ithoni, irejista, - Ithoni, irejista, isimbo, - Ithoni, irejista, isimbo, NOKUHLELA isigama zihambelana isigama sichaneke isimbo, isigama nesigama azingqamani nesigama azingqamani kakhulu nenjongo nabo kakhulu malunga sihambelana nenjongo kwakunye nabantu nenjongo, imeko kwakunye Ithoni, irejista, kujoliswe kubo kunye nenjongo, abantu nenjongo, abantu ekujoliswe kubo kunye nabantu ekujoliswe isimbo, nemeko. ekujoliswe kubo kunye ekujoliswe kubo nemeko. - kubo. injongo/ifuthe, abo - Izakhi zezivakalisi nemeko. kwakunye nemeko. - Izakhi zezivakalisi - Izele ziimpazamo ixazalala. kujoliswe kubo zisetyenziswe - Izakhi zezivakalisi - Izakhi zezivakalisi zineemposiso ezininzi - Isigama asifanelananga kunye nemeko. ngokuchanekileyo. zichanekile kwaye zibonakalisa eziphazamisa umyalezo. nenjongo. Ukusetyenziswa - Phantse kube akukho umyalezo wakheke iimposiso. - Sinqongophele isigama. - Intsingiselo ilahleke kakhulu. kolwimi nemigaqo. nasinye isiphene. kakuhle. - Isigama siyanelisa. - Kukho amagingxi-gingxi Uchongo magama - Isigama sichanekile. - Iimpazamo zobhalo kwintsingiselo. Iimpawu zokubhala - Ubukhulu becala akukho ezikhoyo kunye nopelo. zimpazamo. aziyiphazamisi intsingiselo 12 AMANQAKU nomyalezo. UMMANDLA 25–30 19–23 14–17 9–12 0–7 WAMANQAKU Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
14 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2018) ISIHLOMELO C: IRUBRIKI YOKUHLOLA IMIHLATHI EMIFUTSHANE – ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO [20 AMANQAKU] Ikhrayitheriya Balaseleyo Enobuchule Phakathi Buthathaka Bubhetyebhetye UMXHOLO 10–12 8–9 6–7 4–5 0–3 UKUCWANGCISA - Impendulo igqwesile - Impendulo - Impendulo - Kubonakala ubunzima - Impendulo ibonakalisa NEFOMATHI ibonisa ukuqiqisiswa ibonakalisa iyanelisa malunga nolwazi lweempawu ukunqongophala kolwazi kwezimvo. ukuchaneka ibonakalisa ulwazi zolu didi lwetekisi. lweempawu zolu didi lwetekisi. Impendulo nezimvo. - Izimvo zihlakaniphile kanobom ulwazi lweempawu zolu - Zimbalwa izimvo - Intsingiselo ilahleka rhoqo kukho Ukubekelelwa kwaye zivuthiwe. olunzulu lweempawu didi ezisemxholweni kodwa intsingiselo iduke kwisakhiwo kwezimvo. - Luphangalele ulwazi zolu didi lwetekisi. lwetekisi. kuninzi ukuphuma ecaleni. esixazalala. Iimpawu zetekisi/ lweempawu zolu didi - Ingqalile ayiphumi - Izimvo azisoloko - Kunqabile ukunamathelana - Akukho ukunamathelana umgaqo kunye lwetekisi. nasemxholweni. zisemxholweni komxholo nezimvo. kumxholo nezimvo. nemeko. - Umsebenzi ungqalile - Izimvo zixonxwe kwaye kukho - Zimbalwa iinkcukacha - Zimbalwa kakhulu iinkcukacha akukho kugqwidiza zadakancwa nokugqwidiza ezixhasa isihloko. ezixhasa isihloko. 12 AMANQAKU Kubonakala ngokunamatheleneyo - Ukunamathelana - Imigaqo yefomathi ephambili - Imigaqo eyimfuneko yobhalo ukunamathelana kumxholo nezimvo. - kumxholo ityeshelwe okanye lwale tekisi ityeshelwe. kwizimvo nomxholo. - Iinkcukacha zixhasa nezimvo.kwenzeka isetyenziswe ngokungaqondi. - Iingcamango isihloko ngokufanelekileyo. zidakancwe - Ifomathi ingqalile - Ezinye iinkcukacha ngobunono kwaye iindawana ezikhoyo zixhasa isihloko. zonke iinkcukacha ezingachanekanga - Ifomathi ingqalile zixhasa isihloko. aziyiphazamisi kodwa zikho - Ifomathi ifanelekile injongo yokubhala. iindawana kwaye ichanekile. ezingachanekanga. 7–8 5–6 4 3 0–2 ULWIMI, ISIMBO - Ithoni, irejista, isimbo, - Ithoni, irejista, - Ithoni, irejista, - Ithoni, irejista, isimbo, - Ithoni, irejista, isimbo, nesigama NOKUHLELA isigama zifanelene isimbo, nesigama isimbo, isigama nesigama azifanelananga azifanelananga nenjongo,imeko kakhulu nenjongo, abo sifanelene kakhulu sifanelene nenjongo, abantu ekujoliswe kwakunye nabantu ekujoliswe Ithoni, irejista, kujoliswe kubo kunye nenjongo, abantu nenjongo, abantu kubo kunye nemeko. kubo. isimbo, nesigama nemeko. ekujoliswe kubo ekujoliswe kubo - Izakhi zezivakalisi - Izele ziimpazamo ixazalala singqamene - Izakhi zezivakalisi kunye nemeko. kwakunye nemeko. zineemposiso ezininzi iyadida. nenjongo kunye zisetyenziswe - Izakhi zezivakalisi - Izakhi zezivakalisi eziphazamisa umyalezo. - Isigama asihambelani nenjongo. nemeko. ngokuchanekileyo. zichanekile kwaye zibonakalisa - Sinqongophele isigama. - Intsingiselo ilahlekile kakhulu. Ukusetyenziswa - Phantse kube akukho umyalezo wakheke iimposiso. - Kukho amagingxi-gingxi kolwimi nemigaqo. nasinye isiphene. kakuhle. - Isigama siyanelisa. kwintsingiselo. Ukhetho- magama - Isigama sichanekile. - Iimpazamo zobhalo Iimpawu zokubhala - Ubukhulu becala ezikhoyo kunye nopelo. azikho iimpazamo. aziyiphazamisi intsingiselo. 8 AMANQAKU UMMANDLA 17–20 13–15 10–11 7–8 0–5 WAMANQAKU Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 12 Isixhosa Fal

Explore more published documents in this catalogue.

View all