Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 P2 2017 Memo

MemorandumisiXhosa HLGrade 12201725 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 2 memorandum from the September Preparatory Exams 2017, 25 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

September Preparatory Exams 2017

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2017 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 IMEMORANDAM AMANQAKU: 80 Le memorandam inamaphepha angama-25.
Downloaded from hlayiso.com 2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2017) EMAKUQATSHELWE XA KUMAKISHWA Le memorandam ilungiselwel ukuba ibe sisikhokelo kubakorekishi. Iimpendulo zabaviwa kufuneka zinikwe ingqwalasela ngokokufaneleka kwazo. IZIKHOKELO ZOKUMAKISHA 1. Xa umviwa ebhale iimpendulo ezingaphezulu kwezilindelekileyo, makisha impendulo esekuqaleni kuphela. (Umviwa akavumelekanga ukuphendula umbuzo osisincoko kunye nombuzo omfutshane kwijenra enye). 2. Xa umviwa ephendule yomine imibuzo kwiCANDELO A (imibongo efundisiweyo) makisha kuphela emibini yokuqala. 3. Xa umviwa ephendule imibuzo emifutshane emibini okanye imibuzo esisincoko emibini makisha owokuqala ungawuhoyi owesibini. Ukuba umviwa uphendule yosibhozo kwicandelo B, okanye yomine imibuzo kwiDrama, makisha kuphela owokuqala kwicandelo ngalinye xa kwenzekile ukuba aphendule umbuzo omnye omfutshane nomnye osisincoko. 4. Xa umviwa enike iimpendulo ezimbini ibe eyokuqala ingachanekanga elandelayo ichanekile, makisha eyokuqala ungayihoyi elandelayo. 5. Xa iimpendulo zinonjolwe ngokungachanekanga, makisha ngokwendlela ekunonjolwe ngayo kwimemorandam. 6. Xa upelo olugwenxa luguqula intsingiselo, yihlabe loo mpendulo. Xa intsingiselo ingaguqukanga ngenxa yopelo olugwenxa, yimakishe loo mpendulo. 7. Imibuzo esisincoko Xa impendulo yombuzo osincoko imfutshane kunoko kulindelekileyo ngokwenani lamagama, musa ukumohlwaya umviwa kuba sele ezohlwaye ngokwakhe. Xa impendulo yombuzo osisincoko inde kakhulu, phicotha ngokwempendulo ayibhalileyo wandule ukuyigqithisa kumkorekishi ophezulu. 8. Imibuzo emifutshane Musa ukumohlwaya umviwa ongasebenzisanga iimpawu zocaphulo xa ecaphula. 9. Kwimibuzo evulelekileyo, musa ukunika amanqaku ngo-EWE/HAYI, okanye NDIYANGQINELANA ANDINGQINELANI. Korekisha impendulo exhasayo. 10. Akukho manqaku abelwa u-YINYANISO/ BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO. Makisha impendulo exhasayo. Kweli candelo kulindeleke ukuba umfundi aphendule imibuzo emithathu iyonke ngolu hlobo: Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2017) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 3 ICANDELO A: ISIHOBE IMIBONGO EMISELWEYO IMIHOBE YESIXHOSA – B NGOMBANE Kweli candelo kulindeleke ukuba umviwa aphendule imibuzo emithathu iyonke ngolu hlobo:  Emibini ithathwa kwimibuzo 1−4 akhethe nawuphi.  OMNYE ONYANZELEKILEYO ngumbuzo 5. UMBUZO 1 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) UMFIKAZI UCHARLOTTE MANYHI MAXEKE- SEK MQHAYI Sebenzisa la manqaku alandelayo njengesikhokelo sokumakisha lo mbuzo. Iimpendulo zinokwahluka ngokuxhomekeka kwindlela umviwa awuve ngayo umbongo. Jonga kwirubriki ekwiphepha lama-24 ukuhlola lo mbuzo. Umviwa anganyathela kwezi ngongoma zilandelayo xa ephendula.  Shukumani bafazi- Lo mgca unika intsingiselo yokuba abafazi mabenze unako nako nabo benze imisebenzi emihle njengeka Nkosikazi Maxeke/ bathathe apho ashiye khona.  Ushenxile’ uMamarhixirhixi- Oku kunika intsingiselo yokuba uswelekile umntu obekade esenza imisebenzi ebonakala ingacacanga, engena kwiindawo ezingacacanga ezimdaka ekhupha abantu kuzo ebabuyisela ebuntwini.  Ufinyis’ amagruxu- Kunika intsingiselo yokuba ubengumntu obengacekisi, elungisa umntu ukuze abukeke abemhle afane nabantu bonke.  Ushenxil’ okad’ esakh’ umzi- Liswelekile ithemba ebelisiwa livuka lisakha isizwe.  Egutyul’ irhanga namanxila- umsebenzi kaMaxeke ibikukubuyisa abantu abahlala ezirhangeni etshintsha namanxila ebabonisa ukuba bangabantu qha ebatshintshe izimo zabo ukuze bazibone bengabantu.  Egodus’ amahilihil’ agoduke- ibingumsebenzi wakhe ukubuyisa abantu abangasafuni kubuyela emakwabo oosithubeni babantu batsho babuyele kumakwabo.  Kubuy’ amadungudwan’ emazweni- ibingumakhi wesizwe ngokuthi abuyise amatshipha emazweni atsho agoduke.  Itye lesiseko seTiyopiya- ungomnye wabantu abazizangxa, ithemba, umntu othumekayo nongakhalaziyo abaseka icawe yaseTiyopiya.  Igqibile- Eli gama libonisa ukuba uwenze ngemfezeko umsebenzi wakhe ngoku akasenakuphinda asebenze kwakho kuba liphelile ixesha lakhe lokuphila emhlabeni. [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2017)  Wabek’ amabele kubaThembu- oku kuphuhlisa ukuba usebenzile kwelabaThembu, bakhe bamfimfitha kwimisebenzi yakhe emihle apho ebenikisa ngolwazi. [Nayiphi na impendulo echanekileyo] OKANYE UMBUZO 2: (UMBUZO OMFUTSHANE) UNOZAKUZAKU- ZS QANGULE 2.1 ‘Indod’ encazwa ngabakhulu nabancinci.’ (1) 2.2 Ngumfanekiso-ngqondweni weliso kuba livuselela imizwa yokubona.  (3) 2.3 Isitanza ngasinye sinemiqolo emi- 4/ Inani lemiqolo yesitanza ngasinye liyalingana. (2) 2.4 Imbongi yonwabile.  Kuba ngolwimi lwayo iyaqhayisa ngalo mntu ithetha ngaye ungunozakuzaku.  (2) 2.5 Yeyokuba unozakuzaku ngumntu obalulekileyo xa kusakhiwa ubuhlobo phakathi kwamakhaya amabini.  (2) [10] OKANYE UMBUZO 3: (UMBUZO OMFUTSHANE) INTLIZIYO – C NQAKULA 3.1 ‘Iyandityhola yakuthanda, indisindise kananjalo.’ (1) 3.2 Ngoweliso - kuba livuselela imizwa yokubona. (3) 3.3 Lo mbongo wakhiwe ngemiqolo eli14- / Umbongo wakhiwe ngemiqolo esi-8 ebizwa ngokuba yiOkhtevi kwisitanza soku-1, nesesthethi eyenziwe ngekwatreni ephela ngekhaphlethi enerhayimu efanayo kwisitanza sesi-2.  (2) 3.4 Ibonisa ukudakumba/ukuxakwa/ukudideka Kuba umbuzo buciko ewusebenzisayo utyhila ukungazi eyona nto mayiyenze.  (2) 3.5 Yeyokuba intliziyo ayithembekanga, kuba yenza ngokokuthanda kwayo nangona ineendawo elunge ngazo/Intliziyo iyamjikela umniniyo.  (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2017) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 5 OKANYE UMBUZO 4: (UMBUZO OMFUTSHANE) INYIBIBA- JJR JOLOBE 4.1 ‘Ndayibona izifihla’  (1) 4.2 Ngumfanekiso-ngqondweni weliso - kuba livuselela imizwa yokubona.  (3) 4.3 Isitanza ngasinye sinemiqolo emi-5 / Inani lemiqolo liyalingana kwisitanza ngasinye. (2) 4.4 Imbongi yonwabile.  kuba ulwimi lwayo kumqolo ngamnye wesihlanu ludiza ulwaneliseko.  (2) 4.5 Yeyobuhle nokufaneleka okungatshabhiyo benyibiba obuthi nokuba ikwindawo engumqwebedu kanjani ihlale igqamile. /Inyibiba ihlala intle nokuba iimeko zinjani ephakathi kwazo /Ubuhle benyibiba bugqama nasezingxondorheni nakumalwalwa.  (2) [10] KUNYE UMBUZO 5 (UMBUZO OMDE) EMANGCWABENI- PM QANGULE 5.1 Yamaqela ngamaqela abantu abaninzi/ ubonisa ubuninzi okanye ukuthontelana.  (1) 5.2 Yimfano-zandi idala isingqisho /ukudala umfanekiso ntelekelelo wento eyenzeka kabuhlungu/ukubethelela ingcinga yentlungu abakuyo/ ukugxininisa ukungapheli kwentlungu.  (2) 5.3 Umfanekiso-ngqondweni wendlebe/wokuva.  (1) 5.4 Sisigxininisi  (esenziwe ngokuphinda isibizo kwimo yesimnini.) (1) 5.5 Isitanza ngasinye sakhiwe ngemiqolo emithandathu.  (2) 5.6 Imbongi idlulisa imfundiso yokuba yimiqodi imihla nezolo ukuya emangcwabeni ukuya kubeka izizalwana zabo apho iincwina ziphelela khona.  (3) [10] AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 6 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2017) ICANDELO B: INOVELI  Kweli candelo umviwa kufuneka aphendule umbuzo omnye kuphela.  Ukuba uphendule yamibini, makisha owokuqala.  KUMBUZO OSISINCOKO SONCWADI, sebenzisa irubriki ekwisihlomelelo B. UMBUZO 6 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) NYANA WAM! NYANA WAM!: W.K. Tamsanqa Ngezantsi kukho isikhokelo sokuphendula esi sincoko. Mazamkelwe iimpendulo ezahlukileyo nezichanekileyo ezibonisa ubungqina bokucinga nzulu nokutolika ngendlela eyahlukileyo isihloko. Uluhlu lwemizekelo lunokusetyenziswa ukuxhasa izimvo zabeviwa Jonga kwirubriki ekwiphepha lama-25 ukuhlola lo mbuzo. Umviwa makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo: Umbhali wencwadi umthiya ngenjongo ethile umlinganiswa kwaye igama alinikiweyo ebalini umlinganiswa likrobisa kwindima ayidlalayo/ iindlela aphuma okanye aziphatha ngayo kwiimeko ahlangana nazo ebalini. Nomlinganiswa onguMangaliso wenze njalo ukulilandela igama lakhe. Bonisa wayame ngeziganeko ezehla kuThole encwadini ukuba umlinganiswa oliqhawe ufakwa engxakini ukuze enze iinzame zokuzikhupha. Umfundi angachankcatha kwezi ngongoma zilandelayo:  Umlinganiswa onguMangaliso liqala ibali enguTholelegqwirha lithi apha ekuqhubeni ibali abenguMangaliso. Kucingeleka ukuba oku kwenziwa zizinto ngezinto ezikhankanywe ngezantsi.  Indlela asinda ngayo ekufeni nendlela aphumelela ngayo ebomini iyamangalisa.  Livula ibali ezibona eseBhayi ngenxa yokusezwa utywala nguThemba noSonwabo, athathe isigqibo sokubuqalekisa utywala. Emva koko akaphindi abufake emlonyeni wakhe utywala, nto leyo engummangaliso kuba yoyisa abantu abaninzi abafuna ukuyeka ukusela utywala.  Usinda ekubulaweni ngumguvela onguJoe neqela lakhe ngenxa yokuthandana noNomsa othe kanti ukwathandana nalo Joe asinde kuye ngokusuka kuvele amapolisa kwindlela eya kumbulala suka babaleke ooJoe.  Uthatha isigqibo sokuba agoduke ukusindisa ubomi bakhe, iteksi ayikhweleyo ibehlise kumahlathi aseKnysna, asinda ekuqwengweni ziingonyama ngokukhwela emthini ngeli xesha oogxa bakhe uThemba noSonwabo zabaqwenga zabatshayela iingonyama.  Uphuncuka emthini awele phezu kwengonyama suka ibaleke ingonyama.  Xa ashiya ihlathi kubuya kuthi gqi ingonyama imleqe kube kungekho mithi aguqe ayikhawulele, isuke iphethuke ibaleke ingonyama. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2017) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 7  Uzenzela imali eKnysna ngokuzenza igqirha atsho abe sisityebi kodwa amaphupha amkhuphe apho abuyele esikolweni ngemali ayenze eKnysna.  Ufika agqwese kwizifundo zakhe aphule irekhodi embangele ukuba afunde unyaka felefele.  Ugqwesa kwingxoxo mpikiswano, imvulele amathuba ehlabathini ayokutsho eNgilane kumgangatho wehlabathi aphume phambili nalapho.  UMangaliso umangalisa abantu ngesiphiwo sakhe kwintshumayelo, loo nto ibangele ukuba uMfu. Shepherd amnike isikhundla sokuba ngusihlalo weSCA.  Oku kugqwesa kwintshumayelo kukaMangaliso kumvulela amathuba okuba amkele ubizo lobufundisi, ancedwe ngumfu. Maqoma ngokumfunela imali yokumfundisa kumaWesile.  Ingxoxo mpikiswano ibangela abafundi bedyunivesithi yaseKapa bafune ukumnceda ekuqhubeleni phambili nezifundo zakhe uMangaliso.  Ukubalasela kwakhe uMangaliso kwingxoxo mpikiswano yehlabathi eNgilane kubangela afumane isipho sama-500 eeponti njengoyena mfundi ugqwesileyo kwihlabathi.  Ufumana isimemo uMangaliso kwidyunivesithi i-Oxford eNgilane sokuba ayokwandisa imfundo yakhe khona.  Ubuya eNgilane engugqirha kwezakwaLizwi.(PHD)  Uzinyulela ukuba aye kukhokela isekethe yaseGeorge Goch engafunwa bani kwaye engalungeli mfundisi ngenxa yezimo zabantu bakhona, kodwa ufika ayitshintshe iGeorge Goch kugcwale icawe de kubethwe imali yakhiwe ibizwe iSPES BONA.  Ubalasela ngentshumayelo apho eGeorge Goch agubhulule netshipha elinguyise uKhohlela.  Ucela ukutshintshelwa kwisekethe yaseGcuwa, emka ehamba noyise eGoli abe uyabadibanisa abazali bakhe.  Ufika eGcuwa aguqule uninzi lwabantu ngentshumayelo ebasusa kwiinkolelo zobugqwirha abafake inkolo yobuKrestu, kwande amarhamente.  Ukwanda kwamarhamente kwenza imfuneko yokuba kwakhiwe iicawe.  Ubakhela ipomakazi abazali bakhe evusa inxuwa lakokwabo kuHolela wabe yena ehlala edolophini eGcuwa ebuya ngeempela-veki. [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 8 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2017) OKANYE NYANA WAM! NYANA WAM! WK TAMSANQA UMBUZO 7 (UMBUZO OMFUTSHANE) 7.1 Babengabahlobo/babekhula kunye (1) 7.2 Ixesha ezimbalini liboniswa ngohlobo lotywala olusetyenziswa kule moto./ Ixesha ezimbalini- ixesha langoku elityhilwa kukusetyenziswa kweemoto kwanexesha elithathwa yimoto ukuya kufika eBhayi/indlela ekuhleliswene ngayo edala unxunguphalo kumviwa xa abahlobo behlelele ukusezana utywala/iindawo ekuqhubeka kuzo ibali , eGcuwa, endleleni eya eBhayi, eBhayi kwaZakhele  [Nasiphi isithathu kwezi] (3) 7.3 Uwasebenzise ngenjongo yokudala uchukumiseko lweentliziyo zabafundi bencwadi. /ukwenza ukuba umfundi wencwadi abe nomdla afune ukwazi ukuba iza kutsha njani lo akube esele engayibekanga phantsi incwadi. (2) 7.4 Luzobo ngqo  ngokuba ubunjani bomlinganiswa sibuxelelwa ngqo asibufuniseli.  (3) 7.5 idini. (1) 7.6 Kukuthatha isigqibo uze wenze izinto ezinxamnye naso/kukungakwazi ukuzithathela izigqibo ezizezakho uzilandele.  (2) 7.7 Atyhila ukuba bambona njengommntu onokuthabatheka/onokuhendeka lula ziziyolo zaseGeorge Goch ngenxa yobuncinci bakhe.  (2) 7.8 Kungokuba bebekho abefundisi ababeye ngokuya kukhokela iGeorge Goch kodwa beyela kwiziyolo.  (3) 7.9 Ndiyachasa, kuba njengokuba bumonwabisa utywala uThemba uThole buyamkhalisa. /uThemba linxila elincanyiweyo ngeli xesha uThole abuqale wabugqibelisa/ uThole uyanunuswa ngotywala ngeli xesha ilulonwabo lwemihla ngemihla kuThemba /ukuze aphelele eKnysna nabo wayengabhungisananga nabo koko kuyacaca ukuba ngabo ababembhungile ngokweencoko yabo emotweni.  [Nasiphi isibini kwezi] (2) 7.10 Sikwinqanaba lesisombululo kuba kudula indlela impixano eza kusonjululwa ngayo ngokuthi uThole afumane ubufundisi awayebufuna.  (2) 7.11 Kudlulisa umyalezo othi ebomini bakhona abahlobo abangalunganga abamele ukuba balunyukelwe. / Kudlulisa umyalezo othi ububi abunandawo ebomini kuba wenza izinto ezimbi wasuka wafa kakubi.  (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2017) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 9 7.12 Sisekubeni uThole obenxila ehamba iindlela ezingatshongo khona ngoku sele engumfundisi ohloniphekileyo/  Sisekubeni umntwana wegqwirha namhlanje ungumfundisi wakwaLizwi ophume izandla ohlonitshwa lihlabathi/Umqhiqhibala weqaba elingajongelwanga ntweni namhlanje ngumfundisi wakwaLizwi ohlonitshwa lihlabathi.  [Nayiphi kwezi.] (2) [25] UMBUZO 8 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) UKHOZI OLUMAPHIKO: N SAULE Ngezantsi kukho isikhokelo sokuphendula esi sincoko. Mazamkelwe iimpendulo ezahlukileyo nezichanekileyo ezibonisa ubungqina bokucinga nzulu nokutolika ngendlela eyahlukileyo. Uluhlu lwemizekelo lunokusetyenziswa ukuxhasa izimvo zabeviwa Jonga kwirubriki ekwiphepha lama23 ukuhlola lo mbuzo. Umviwa angachankcatha kwezi ngongoma zilandelayo:  Umlinganiswa onguMfazwe uqala imfazwe esikolweni ngokuthi kuba engutitshala wezembali atyhile abafundi ngamalungelo wabo nto leyo eyayingavumelekanga kuRhulumente welo xesha.  Uyanqandwa ngomnye wootitshala onguZikhali nezinye iititshala ezindala malunga nobungozi bezi mfundiso zakhe kodwa angeva aqhubeke ebarhabulisa.  Kuthi kanti uqhala imfazwe kuba utsho wabanjwa ngamapolisa wabekwa isityholo sokunyola umbuso nangobukomanisi.  Xa ityala lakhe lixoxwa enkundleni, abizwa kuye amapolisa ambethe amrhuqe aye kumvalela.  Utshintshelwa kwintolongo eRhini akhweliswe nenja kumva weveni ebalekiswa isuke imiswe ngokungekho similweni akugileka enjeni iqale imfazwe imlume kakhuhle inja uba ade ayokungena eRhini.  Naxa esehliswa evenini uMfazwe wehliswa ngemfazwe ebethwa ekhatywa.  Ekukhululweni kwakhe entolongweni ubuyela kwaQaka ufika kuyimfazwe nje namapolisa izikolo zivaliwe, yena kusasazeke ukuba ungungcothoza ngokutsho kukaFriday.  Ufika kuyintlanganiso aye yena ngeliyokuhlamba igama lakhe kuba ebazi abantu nabafundi bakwaQaka, kanti akavumisanga bayinto kuye ebethwa abanye bemphosa kuba bebaninzi.  Ubuya ejele ikhaya lakhe litshisiwe kuba kusithiwa ngungcothoza, uhamba ayokuhlala kwamalume wakhe.  Kubhubha uMachule eze engcwabeni uMfazwe iqale imbambano namapolisa xa kuza kufikwa emangcwabeni kodwa ngesibindi sakhe uMfazwe bazingcwaba izidubu bebambalwa uninzi lubalekile.  Ucetyiswa ngabafundi ooSimphiwe ukuba makemke kulo Machule konakele, ubalekela kwaMfundisi uHlathi.  Ngokuhlwa kwaMfundisi uHlathi kufika uFriday neqela lakhe bezokubulala uMfazwe kodwa asinde kuba ubalekele kwimoto endala ephandle uyibona yonke le nquleqhu bayenzayo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 10 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2017)  Uyayilandela imoto ehamba ooFriday ndaweni ethile bayishiye afike uMfazwe abone izidumbu zabantu. Ekubuyeleni kwakhe kwaMfundisi uHlathi ubonwa ngumfundisi enegazi ezihlangwini ambuze ngalo achaze.  Ucetyiswa ngumfundisi uHlathi ukuba makaqhweshe aye elubhacweni kuba uza kubanjwa kwaye isigwebo isenokuba kukuxhonywa.  Umfundisi uHlathi umenzela indlela yokuba awele ayokusukela kwankosi uZamlandela.  Ayibilula indlela eya elubhacweni de ezinye zemfazwe ezijongene noMfazwe ziliwe yinja emthendevu.  Ekufikeni kwakhe eMgazi ngeliya kuzibandakanya neNtsimb’ ebomvu udibana neqela labavukeli iqale kwakho imfazwe nalapho aliphumelele idabi.  Ugadiswa ngoSikhotsholo phantsi kwelizwi elithi uzakubulawa, ahambe noSikhotsholo nomfo omfutshane bemxhagile bangena ehlathini, zavakala izithonga, bee buthatha zimosele uSikhotsholo.  UMfazwe uthatha umpu kaSikhotsholo avulele awawise amakhwenkwana amane.  EMthontsi uMfazwe ulwa noKhonjwayo ambethe aphambane uKhonjwayo.  Ubuyela ekhaya uMfazwe sele ivulwe imilomo imibutho yezopolitiko, ufika kwaQaka exelelwa nguSimphiwo ukuba ufuneka eGoli kwingxoxo.  Iphela incwadi abantu befumene inkululeko le ibilwelwa nguMfazwe nemfazwe iphelile. UMBUZO 9 (UMBUZO OMFUTSHANE) UKHOZI OLUMAPHIKO: N. Saule 9.1 Wayeyititshala.  (1) 9.2 - Ixesha lokhanyo kukho amapolisa.  - impatho gadalala yasentolongweni.  - Indawo ibali eliqhubeka kuyo.  (3) 9.3 Uwasebenzisela ukuchukumisa/\ukuwexula iintliziyo zabafundi bencwadi.  (2) 9.4 Luzobo mayana  kuba umlinganiswa uchazwa ngendlela engathanga ngqo kufuneka abafundi bencwadi bahlumise kwizenzo zabo ukuba bangabantu abanjani.  (3) 9.5 Lidini lomzabalazo.  (1) 9.6 Idalwa yimeko yocalucalulo eqhutywa ziimeko zovukelo mbuso, indlala nokungcatshana ngokwezombuso.  (2) 9.7 Atyhila ukuba amapolisa asibantu abamilisela ingqondo emsebenzini wabo. /Atyhila ubutyhifili nokutyhobeka kwamapolisa ade aphose ukwenza umsebenzi wawo ngenxa yokuwexulwa zezinye izinto  (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2017) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 11 9.8 Kungokuba wayehamba uMfazwe esiya elubhacweni wabe yena uNdima ebuyela kuCikizwa ekubonakala ukuba uMfazwe intliziyo yakhe iwexulwe nguCikizwa/ Kukufuna ukuba akhe athethe naye izinto ezonwabisayo zothando kungasoloko kuthethwa ngemfazwe.  (3) 9.9 Ndiyaxhasa ulala ngengubo enye namapolisa kuba waziwa engungcothoza ethengisa ngabanye kunye nooNdlela.  [Nayiphi impendulo echanekileyo] (2) 9.10 Linqanaba lokuyondelelana kweziganeko kuba iziganeko zazisele zithatha unyawo ukuya phambili.  (2) 9.11 Umntu makangadelelwa ngokwenkangeleko yakhe kuba unomsebenzi wakhe obalulekileyo ebomini nokuba ukhangeleka enesikhwasilima somzimba. (2) 9.12 Umntu obekhe wathathwa njengempimpi namhlanje uyijaji echophela amatyala.  (2) [25] AMANQAKU ECANDELO B: 25 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2017) UMBUZO 10 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) INKAWU IDLIW’ ILILA : S KULA Ngezantsi kukho isikhokelo sokuphendula esi sincoko. Mazamkelwe iimpendulo ezahlukileyo nezichanekileyo ezibonisa ubungqina bokucinga nzulu nokutolika ngendlela eyahlukileyo isihloko. Uluhlu lwemizekelo lunokusetyenziswa ukuxhasa izimvo zabeviwa Jonga kwirubriki ekwiphepha lama-25 ukuhlola lo mbuzo. Umviwa angachankcatha kwezi ngongoma zilandelayo: Igama elithi ukuthantaswa lithetha ukukokoswa, ukuxhomekeka kubantu ngempumelelo yakho. UThantaswa ngoko ke utyhilwa njengomlinganiswa onjalo kule noveli ngendlela engathanga ngqo oko kukuthi uzipela ngokwakhe ngezenzo zakhe, ngeentetho zakhe, Ukanti nombhali uyampela ngeendlela ezithe ngqo ngokuthi amchaze ngokwakhe okanye asebenzise abanye abalinganiswa bemchaza kungenjalo azichaze naye ngokwakhe. Iimeko afakwa kuz nazo zimtyhila njengomlinganiswa ongakwazi kuzenzela nto. UThantaswa ubonakalisa ukuxhomekeka kuMsindisi  Akukhweliswa nguMsindisi amnike iinombolo zomnxeba uyathabatheka de axhomekeke kuzo ukuze anxibelelane noMsindisi kwakhona.  Engekathandani noMsindisi esamzama igama elihamba phambili ngusomashishini, ukufuma kwepokoto yakhe ukubonakalisa eyona nto wayeyifuna kuye.  Utshintsha neenombolo zomnxeba wakhe kuba ufunxe umbele otshileyo kuMfuneko kangangokuba akafuni kuphazanyiswa nguye.  Batsho ngengxikela yomtshato, emva koko baphumele eKapa ehotele ukuzipholisa ethantasiwe uThantaswa apho indleko izezikaMsindisi  Akasebenzi nakula mashishini kaMsindisi nangona efunde izifundo zeBComm, uxhomekeka kuMsindisi ngento yonke enzelwe yonke into nguMsindisi de abone ukuba bufanele yena yedwa ubutyebi bukaMsindisi.  Ingxaki iqala mhla saphuncuka isisu sikaThantaswa abexhomekeke kuso baxelelwa ngugqirha ukuba uThantaswa unengxaki enkulu akanakuphinda akhulelwe.  Bobabini baphuma kwagqirha umntu ngamnye entywila kwiingcinga, uThantaswa azibone ephulukana nobutyebi ngengxelo kagqirha kuba engazi ukuba ucinga ntoni uMsindisi ngaye.  Ulibona libhekela inqatha likaMsindisi kuye ngeentlanganiso ezibanjwa ngumyeni wakhe nabantakwabo uZimkhitha noMkhokeli malunga nesithembu.  UMsindisi akazimisele kuwuqhawula umtshato wakhe noThantaswa kuba ephepha ilahleko yemali yakhe koko exolele ukuba makazihambele ngokungamkeli isithembu. UThantaswa ethantaswa nguMfuneko Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2017) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 13  UMfuneko nanjengoko eqhelile ukwenza amacebo okuncedisa ababulali kuba ekhe wanceda uNompumelelo ekubulaleni umyeni wakhe. Uthantasa iingcinga zikaThantaswa zokugqithisa uMsindisi amafu ngokumxelela ukuba uNompumelelo wancedwa nguye naye angamnceda.  Ngoko nangoko uThantaswa uba ngunonca kuMfuneko kuba ezibona engancedakalayo kwisandla sikaMfuneko de amane ukutakela uMfuneko eshiya uMsindisi.  Akugwintwa uMsindisi, uMfuneko uba nomnqweno wokuliphanda ngokwakhe ityala ngenjongo zokukhusela uThantaswa nokutya ilifa likaMsindisi, suka konyulwe uMapheza umcuphi ophume izandla.  Ukuzama ukukhusela uThantaswa uMfuneko uzama ukubulala uMapheza ngetyhefu kodwa asinde.  Kwakunqunyanyiswa uNqoza noMfuneko emsebenzini uThantaswa ubona ukuba iliwa libheke umoya athathe isigqibo sokuthatha ubomi bukaMfuneko nobakhe ngembumbulu. UThantaswa uthantaswa nguMdlambila  UMdlambila uveza ubume belifa likaYangaphi angekhoyo kulo uThantaswa abe uyamnceda ke ngolo hlobo atsho axhomekeke kuye ngoko nangoko.  Ubuya abe necebo lokutshintsha iincwadi zelifa ukuze axhamle UThantaswa  Oko ekwenza naye ethembe ukufumana isixa kule mali yelifa.  Kubakho impazamo nokubhidana kwiinkcukacha ezibalulekileyo kulwabiwo lwelifa ingakumbi umhla wokusayina. UThantaswa ethantaswa nguNonkanyiso UThantaswa akanasigqibo asithatha engakhange akhe asingqubekise kunina uNonkanyiso. UThantaswa nabazali bakaMsindisi  UThantaswa uzisondeza kakhulu ebazalini bakaMsindisi ade akhe indlukazi ezilalini. Ungena icawe abe likholwa labumini ukufihla amanyala wakhe. Abazali bakaMsindisi bakhulelwa kukumthanda nokumthemba umolokazana wabo.  Nasekufeni kukaMsindisi akakrokreleki kubazali bakaMsindisi, nto leyo ebangela ukuba uMkhokeli angavani noyise kuba yena ebona ukuba nguThantaswa obulele umnakwabo. [25] UMBUZO 11 (UMBUZO OMFUTSHANE) INKAWU IDLIW’ ILILA−S. KULA 11.1 Ukugetyengwa kukaMsindisi Yangaphi  (1) 11.2 Ixesha ezimbalini libonakala ngokusetyenziswa kweefowuni ngamapolisa /intlalo yabantu ebuhlungu evezwa lihlathi eligqiba abantu /Imeko yentlutha etyhilwa bubukho boosomashishini /indlela ekuhleliswene ngayo ivela njengobukrelemnqa obuthathe unyawo njengakuzwelonke  [Nasiphi isithathu kwezi] (3) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 14 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2017) 11.3 Isetyenziswe ngenjongo yokudala uchukumiseko kwiintliziyo zabafundi bencwadi.  (2) 11.4 Luzobo ngqo  kuba umlinganiswa uchazwa ngqo akukho mfuneko yakuzicingela ukuba ngumlinganiswa onjani.  (3) 11.5 Lidini.  (1) 11.6 Sisikhwasilima sokuthanda imali eza lula. (2) 11.7 Ukuba umbona uThantaswa njengomlinganiswa ongumbulali/Umbona njengomntu onentliziyo emdaka/njengomntu obenganyanisekanga kuthando lwakhe kuMsindisi.  (2) 11.8 Emva kweendaba zokufa kukaHlumisa kwakuba kuvela neendaba zokuba uHlumisa ubekwangumbulali ngoko ke ufa ngendlela naye ebebabulala ngayo abantu /Nanjengoko uThantaswa kuthe kanti nguye owabulala uMsindisi Yangaphi namhlanje naye ufe ngale ndlela ebemana ebulala ngayo abanye abantu.  (3) 11.9 Ndiyaxhasa kuba bakunye kwiyelenqe lokubulala uMsindisi Yangaphi  bakwakunye nakumalinge okususa uMapheza endleleni /Bakunye nakwiyelenqe elaphanzayo lokuthenga uMdlambila ukuba azame iincwadi ezixokayo zokuba uThantaswa aphele elifumana ilifa likaMsindisi.  [Nasiphi na isibini esichanekileyo siya kwamkeleka] (2) 11.10 Sikwinqanaba lesisombululo  kuba kudula indlela impixano eza kusonjululwa ngayo ngokuthi kutyhileke umbulali kaMsindisi, ngokuxelwa ngabantu abebethengwe ukuba bambulale.  (2) 11.11 Wokuba umthetho unamandla angaphezulu kolwaphulo mthetho / Umthetho usoloko uphumelela nanjengoko ethe waphumelela kwimizamo yakhe.   (2) 11.12 Sesokuba lo Thantaswa nalo Mfuneko bafa kunye ngabo ababulala uMsindisi ngenjongo zokutya imali kunye, suka bafa kunye bengayityanga loo mali.  (2) [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2017) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 15 UMBUZO 12 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) UBUNCWANE BONCWADI LWEMVELI: Ngezantsi kukho isikhokelo sokuphendula esi sincoko. Mazamkelwe iimpendulo ezahlukileyo nezichanekileyo ezibonisa ubungqina bokucinga nzulu nokutolika ngendlela eyahlukileyo isihloko. Uluhlu lwemizekelo lunokusetyenziswa ukuxhasa izimvo zabeviwa Jonga kwirubriki ekwiphepha lama-23 ukuhlola lo mbuzo. Umviwa angachankcatha kwezi ngongoma zilandelayo:  Amaqhalo abonakalisa ukuzalana nezinye iindidi zoncwadi lwemveli njengeentsomi.  Amaqhalo njengeentsomi umsebenzi wawo kukuyala, kukulumkisa kukucebisa kukukhuthaza nokufundisa njalo njalo.  Ayanxulumana ngentsingiselo yawo efanayo.  Ngamanye amaxesha iqhalo lisuka entsomini.  Akho amaqhalo asekelwe kwimbali ethile ebuntsomi njengokuthi imbila yaswel’ umsila ngokuyalezela. – Xa lisetyenziswa injongo sukuba ikukulumkisa lowo sukuba encwase ukuthumela ngembali yembila ekwintsomi leyo ibaliswa ngezantsi apha. Nentsomi injongo yayo kukulumla amanqenerha kulo mkhwa wokunqena ukuzenzela.  Eli qhalo linembali ebuntsomirha ngemvelaphi yalo ngokuba izilwanyana zazisabelwa imisila.  Le ntsomi ithi laphuma ilizwi lisithi zonke izilwanyana mazizokuzikhethela imisila ngokweminqweno yazo, ngobude nobufutshane bayo.  Imbila yonqena ukuya kwindibano yolwabiwo lwemisila yasuka yotha ilanga, yayaleza kwezinye izilwanyana.  Ezaziyelayo zabuya zifumene amagqajolo emisila ngokweminqweno yazo.  Imbila ayawufumana ke umsila yona kuba yasuka yathumela ayaziyela. Yiloo nto eyibangela ukuba ibe ayinawo nangoku umsila imbila.  Le mbali ke isisiyalo kumntu owonqenayo nothanda ukuthumela endaweni yokuziyela endaweni.  Uyakufumanisa ukuba la mabalana njengentsomi namaqhalo eyona nto kuthethwa yona nekuyalwa ngayo yile ingathethwayo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 16 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2017) UMBUZO 13 (UMBUZO OMFUTSHANE) UBUNCWANE BONCWADI LWEMVELI- 13.1 Sisiqalo  nesiphelo.  (2) 13.2 Isimo sentlalo sexesha- kudala dala.  indlela ekuhleliswene ngayo kuyathandwana kuyatshatwana kuyendiselwana/abemi ziintaka/kuhlaliwa ezindlini ezitshixwayo xa kuhanjwa/ kuyabuthelwana ngabamelwane/ umninikhaya ongutata nguye ozame ukutya. /kuhanjwa ngeenyawo imigama emide.  [Nasiphi isibini] (2) 13.3 Sikwinqanaba lovuthondaba /kuba iziganeko zifikelele kwincochoyi.  (3) 13.4 Saba kukuqhawuka komtshato wabazali.  (1) 13.5 Sincokole, sancokola, sancokola /Sibhuqe sabhuqa, sabhuqa sada sancama  (2) 13.6 B. Kukuziyilela inkcazelo ngemvelaphi yezinto zasendalweni / B. /Kukuziyilela inkcazelo ngemvelaphi yezinto zasendalweni.  (1) 13.7 Kukuqaqambisa ukudinwa ngokukufanisa nemfe  (2) 13.8 Ikhona.kuba zikho iintsomi ezibaluleke kakhulu ezingembali yabantu imvelaphi yesizwe sabo ekufuneka olo lwazi ludluliselwe kwizizukulwana ngezizukulwana  OKANYE Ayikho kuba akukho mntu unokukholelwa zizinto ezibuntsomi ngoko ziyinkcitha xesha ingakumbi ngoku abantwana bafuna imvelaphi yezinto abazisebenzisayo ezifana nobuxhakaxhaka eziyinyani hayi ezibuntsomi.  [Nayiphi impendulo echanekileyo] (2) 13.9 Isikhahlelo /Intshwembenxa zamagama /Ukusetyenziswa kwezikweko /Isiphelo /Ukulandwa komnombo.  [Nasiphi isibini kwezi zingentla] (2) 13.10 Umntu ombuna olulamileyo omhle othetha kamnandi  (2) 13.11 Liwasakazi/ incokazi/ imvu/ [Nayiphi kwezi] (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2017) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 17 13.12 Kukukhalimela /kukuthethela isenzo esibi ukubonakalisa ukungamkeleki kwaso.  (2) 13.13 Ngumntu osoloko elumkele into engekehli /ngumntu osoloko exwaye impazamo.  (2) 13.14 Sisikhahlelo  (1) [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 18 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2017) ICANDELO C: IDRAMA  Kweli candelo umviwa kufuneka aphendule umbuzo omnye kuphela.  Ukuba uphendule yamibini, makisha owokuqala.  Kumbuzo osisincoko, sebenzisa irubriki ekwisihlomelo B. UMBUZO 14 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) BUZANI KUBAWO!- WK TAMSANQA Ngezantsi kukho isikhokelo sokuphendula esi sincoko. Mazamkelwe iimpendulo ezahlukileyo nezichanekileyo ezibonisa ubungqina bokucinga nzulu nokutolika ngendlela eyahlukileyo isihloko. Uluhlu lwemizekelo lunokusetyenziswa ukuxhasa izimvo zabeviwa Jonga kwirubriki ekwiphepha lama-24 ukuhlola lo mbuzo. Umviwa makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo: Umbhali uyithiya incwadi yakhe ngelinye ixesha etyhila umba wentlalo othile.  Amagama akwisihloko sencwadi amabini “Buzani kubawo” asetyenziswa nguGugulethu kumzabalazo wakhe wokulwa ukunyanzeliswa nguyise ukuba atshate intombi angayithandiyo, ngokuthi kumbuzo ngamnye awubuzwayo ukujiya kwebali aphikele ukunika impendulo ethi “buzani kubawo” ngelithi asisosakhe esi sigqibo sesikayise kwaye nguye omakasingathe iziqhamo neziphumo zezenzo zakhe.  UZwilakhe uthe akuthi uMaGaba uyamthanda uThobeka ukuba angangumolokazana wakhe qha akanamandla okuyimela loo nto, ayinxibe aqine uZwilakhe yena ayimele sele enqandwa likhaya lamaHlubi noGugulethu ngokwakhe.  Ubiza uGugulethu ambuze ngokuthatha inkosikazi, Gugulethu aphendule ngelithi yena ebelinde kuye uZwilakhe. UGugulethu akubuzwa nguZwilakhe ukuba usafuna ukufunzelwa na, usebenzisa eloo kroba azifunele intombi ayithandayo- uNomaMpondomise.  UZwilakhe uzalela endle akuboniswa ngamaHlubi ngempazamo ayenzayo.  Ulikhupha litsole uZwilakhe elokuba kuza kwenziwa le nto ifunwa nguye akazukuzala umntwana aze azibone elawulwa kwanguye.  AmaHlubi ayahlulelana xa uMthetho ubungozi bokunyanzela umntu ngokumtshatisa nomntu angamfuniyo, eme uZwilakhe kwelithi makube waphule isiko uMthetho ngokubuza kumfana loo nto. NoZweni uyayiveza into yokuba amaxesha ngamanye abethe ngenqindi phantsi uZwilakhe. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2017) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 19  Uyithetha le nto uZwilakhe ekho uGugulethu xa ebuzwa ukuba uthini yena impendulo kaGugulethu ithi mababuze kuyise uZwilakhe, qha ebesithi yena makayekwe azibonele intombi.  Uyaqhuba umtshato kaGugulethu noThobeka, ngomhla womtshato umyeni uzibophe isandla sokunene, angazibopheleli ngokutyikitya amaphepha omtshato.  Umfundisi njengokuba xa etshatisa ebuza kumfana ukuba uyayithatha na le ntombi, impendulo kaGugulethu inye yethi “buzani kubawo”  Iyamxhalabisa le mpendulo umfundisi ngelithi le into iza kuba neziphumo ezibi kudala watshatisa kodwa uyaqala ukudibana nemeko enje.  UNomaMpondomise oyintombi azibonele njengomfazi wakhe uGugulethu, uzibulala ngokuzeyelisela emlanjeni akuba etshatile ngenxa kaZwilakhe. Naleyo uGugulethu uyikhomba kuyise njengmbangi. Nanjengokuba ukufa kukaMzamo nako ekwabele kwayena.  Akufika uThobeka, emva kweminyaka ehamba nehlokondiba labantwana abathathu, uGugulethu ubabulala ngokubaxabela ngezembe bonke, akugqiba azise emapoliseni unobangela ikwanguZwilakhe uyise.  Mhla ngetyala uGugulethu ugwetywa intambo, kubhubha uMaGaba ngokuzityisa ityhefu. Iba yiloo ndyikityha yokufa ngenxa kaZwilakhe ongafuni kuva mntu.  Umantyi ochophele ityala akuwalandela amazwi kaGugulethu okuphendula ngokuthi “buzani kubawo” ufumanisa unozala wale ntetho atsho anike iziyalo kuZwilakhe nabazali bonke ababekho enkundleni ngobungozi bokunyanzela abantwana ngomtshato.  Ekugqibeleni ngelokuzisola/ ukuzohlwaya, uZwilakhe ucela ukuba kuxhonywe yena endaweni kaGugulethu kuba ungunobangela woku kuhlileyo kodwa uMantyi angavumi, aze abe ushiyeka neso singqukru nanjengoko bonke abantu befile ngenxa yeenkani zakhe. [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 20 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2017) UMBUZO 15 (UMBUZO OMFUTSHANE) BUZANI KUBAWO : WK TAMSANQA 15.1 Kukho intombi ayithandela ubufazi egama linguThobeka anga ingazekwa ngunyana wakhe.  (2) 15.2 Le ntetha kaMaGaba ibe nefuthe elibi kuba ikhokelele ekubeni uGugulethu anyanzeliswe nguyise ngokutshata uThobeka kuba ethandwa nguMaGaba nangona engathandwa nguGugulethu.  (3) 15.3 Ibaluleke kuba nangona uMaGaba ekholelwa kwisiko lokubonela kodwa uyayityhila le nto uNozipho ukuba ayizukulunga kweli xesha / ibaluleke kuba ihambelana nomxholo webali othi lidala eli siko lokubonela maliyekwe lithathelwe indawo kukuba ayekwe umntu azikhethele umfana/ intombi afuna ukutshata nayo ngoko ke umbhali usikhumbuza ngoyena ndoqo wencwadi.  (3) 15.4 Bangabaphembi bempixano ekulo mdlalo ngenxa yomnqweno wabo ngoThobeka Mcothama emva komtshato wakwaNgoqo.  (2) 15.5 Sikwinqanaba lengabula-zigcawu  kuba sityhilelwa ngezithole zempixano/saziswa eyona nto kuza kusukuzwana ngayo kweli bali/ saziswa izinto abazixabisileyo abalinganiswa abaphambili ekuza kubanjwana ngazo ebalini.  (3) 15.6 Ibizwe nguZwilakhe ngenjongo yokwazisa amaHlubi ngokuzeka kukaGugulethu.  (2) 15.7 Sesokufa kukaNomaMpodomise owayethandwa nguGugulethu/ Saba yindyikityha yokufa kwabantu abangenatyala kuquka uThobeka nabantwana bakhe nonina kaGugulethu, uMaGaba nokufa kukaGugulethu ngokuxhonywa.  (2) 15.8 Kukuba uGugulethu sele ethembise uNomaMpondomise intombi ayithandayo ngomtshato.  (2) 15.9 Ngumlinganiswa oneenkani uZwilakhe /Ngumlinganiswa ongeva kucetyiswa  (2) 15.10 Ukucenga/ukuzithoba.  (2) 15.11 Ndifunde ukuba akulunganga ukunyanzela umntu ngomntu amakatshate naye /Iinkani azinambuyekezo. /Kubalulekile ukubamamela abanye abantu xa bekucebisa  [Nayiphi impendulo kwezi] (2) [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 24 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2017) UMBUZO 16 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) INDLAL’ INAMANYALA : M LAMATI Ngezantsi kukho isikhokelo sokuphendula esi sincoko. Mazamkelwe iimpendulo ezahlukileyo nezichanekileyo ezibonisa ubungqina bokucinga nzulu nokutolika ngendlela eyahlukileyo isihloko. Uluhlu lwemizekelo lunokusetyenziswa ukuxhasa izimvo zabeviwa Jonga kwirubriki ekwiphepha lama-24 ukuhlola lo mbuzo. Umviwa angachankcatha kwezi ngongoma zilandelayo: Isihloko sencwadi esithi Indlal’inamanyala sinika intsingiselo yokuba bantu benza izimanga ezingathethekiyo ngenxa yokuba befuna ukuzikhupha endlaleni. Esi sihloko umbhali wencwadi usiqaqambisa ngokusibhala ngoonobumba bakhulu apha encwadini xa sisemsebenzini okanye iziganeko zihambelana naso. Kungenjalo ubenza abaliganiswa basikhumbuze ngamazwi abo ukuba ngenen indlala inamanyala xa besenza izimanga okanye nabo bangakholelwa zizenzo zabo ezigwenxa ngenxa yokuba befuna ukususa ikati eziko.  Zisuka nje uMagrazula ixhwele elaziwayo lithengisa iintloko zabantu.  Lelinye eli lokuba uMagrazula ezityhila ukuxhomekeka kangaka kuDlezinye akube esisicaka sakhe.  Bagqiba ukuba ekufadalaleni kweshishini leentloko bashishine ngeentsana basebebenzise abafazi kuba nangona bengenasibindi kodwa abanakukrokreleka lula.  KwaMamQhinebe uSiqhiwu ufundile akafumani msebenzi unina ucebisa ukuba anyobe ukuze afumane umsebenzi. Akayingenanga konke konke into yokunyobela ukunikisa ngengqondo nemfundo yakhe.  UMaGatyeni noMamQhinebe batyhila imeko yabo yentlupheko abakuyo yokungabi namadoda bashiywa ngamadoda beselula bagqiba ekubeni baphindele emithwalweni erenkini befaniswa noonontyintyi kuba besenza imisebenzi yabo.  Xa becinga ngokufuna inkamnkam nayo ifuna ukuba benze into nokuba ayiphelelanga ukuze bayifumane.  USiqhiwu sele ecinga ngokukhuthuza ngenxa yendlala.  UDlezinye uya kwaMalunyawana ufika engasenabo nobusecepheni ububele.UMalunyawana uneshishini lokuzoba abantu iimbuso abatshintshe babe yinto abafuna ukuba yiyo-athe ke yena wafuna ukwenziwa ixhego- indlal’inamanyala.  UMaqhikizane ukwisikhundla sokuqesha abantu kodwa kufuneka umntu aqale anyobe phambi kokuba amqeshe.  UMaqhikizane ufuna ukuba uSiqhiwu akhuphe ikhulu leerandi ukuze afumane umsebenzi njengoThembinkosi amkhalazelayo.  USiphokazi naye ufuna umsebenzi aziswe nguSiqhiwu kuMaqhikizane osuke wafuna ukuba abe ngumfazi wakhe ngelithi isandla sihlamba esinye.  Xa ezibona efuna ukuwa kwesi sicelo seli xhego uSiphokazi naye uyatsho ukuba ‘indlal’inamnyala’. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 22 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2017)  UMamQhinebe uzimisele ukwenza konke angekakwazi akuyalelwa nguDlezinye egameni lokuba sisityebi esingawothiyo umlilo- indlal’inamanyala’.  UMaGatyeni umiswa phandle akasangeniswa apho aqhele kungeniswa khona nguMamQhinebe egameni lokususa indlala egqubayo kwakhe ephekwa ebugqubusheni.  uMamQhinebe ufaka uMaGatyeni ngenkani kwishishini lokuthengisa iintsana bafumane amawaka babe zezingawothiyo umlilo batshintshe neendawo zokuhlala banyukele kwezingentla ngokwemibono yabo.  UMamQhinebe uphume nakuloo nto yaloo Thixo kuba uthandazela ilize oko wathandaza kwaye noMaGatyeni makabone ngolo hlobo-egameni lokuhlukana nendlala.  UMaGatyeni uyangena kulo mcimbi wokuthengisa ngeentsana ngokucengwa enyanzelwa, eqweqwediswa nguMamQhinebe akuzibona engathi angawa naye alitsho elithi Unamanyala ndlalandini!- ezibona ukuba uyeyela emhadini.  USiqhiwu naye uyangqina ukuba ‘indlal’inamanyala’ xa elahlwa nguSiphokazi engafuni ukumncedisa ekubambiseni uMaqhikizane ngokuthengisa ngomsebenzi karhulumente ongowesizwe. Ingakumbi kuba uSiphokazi ngenxa yendlala uzibona enomoya wokunikezela ngaye kweli bobosi lexhego egameni lokufumana imali kulo.  Umntu angenza nantoni na egameni lokuzikhupha endlaleni. UMBUZO 17 (UMBUZO OMFUTSHANE) INDLAL’ INAMANYALA- M LAMATI 17.1 UMagrazula ethetha le ndlela nje kukuba kuhle ishishini leentloko zabantu ngenxa yamapolisa abambe abantu abenza lo msebenzi.  (2) 17.2 Elokuba nokuba uDlezinye angafuna ntoni kuye angayenza / Ukulungele nokunikezela ngomzimba ukuba loo nto iza kumkhupha endlaleni.  (3) 17.3 Abaluleke kuba lo msebenzi wokuba iintsana uza kwenziwa ngabafazi kulo mdlalo ngempumelelo.  (3) 17.4 UMagrazula lixhwele uDlezinye ngumqeshwa kaMagrazula othembakeleyo xa kufuneka kwenziwe izinto ezimbi, apha ke ngabayili becebo eliphambili lokubiwa kweentsana kwakube kuphanze elokuthengisa iintloko zabantu besebenzisa abantu abahluphekileyo. / ngabasunguli bentshukumo kulo mdlalo.  (2) 17.5 Linqanaba lengabula-zigcawu  kuba sityhilelwa ngengxaki esiza kudibana nayo ebalini.  (3) 17.6 Kukuba uDlezinye ufuna uMamQhinebe asebenzele uMagrazula ebe iintsana.  (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2017) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 23 17.7 Atyhila ukuba nokuba uDlezinye angafuna ntoni kuye angayenza / Ukulungele nokunikezela nangaye ukuba loo nto iza kumkhupha endlaleni.  (2) 17.8 Abonisa into eyenziwa ngumlinganiswa.  (2) 17.9 Akafuni angene kuba engafuni ukuphulukana nethamsanqa lakhe liye komnye umntu ngokomyalelo kaDlezinye / Akafuni angene kuba engafuni abone izinto zakhe/Akafuni angene kuba engafuni abone uDlezinye.  (2) 17.10 Yimpixano yangaphakathi  kuba uMaGatyeni uthetha yedwa ngemeko akuyo uMamQhinebe angayiqondiyo.  (2) 17.11 Ndifunde ukuba indlala imenzisa umntu izinto ezingalunganga / Ndifunde ukuba umntu angenza nantoni embi ukuba nje iza kumkhupha endlaleni loo nto / Umntu unokwenza nenyala nesikizi ngenxa yokufuna imali.  [Nayiphi impendulo kwezi] (2) [25] AMANQAKU ECANDELO C: 25 AMANQAKU EWONKE: 80 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
24 Downloaded from hlayiso.com ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2017) ISIHLOMELO A: IRUBRIKI YOKUMAKISHA ISINCOKO SESIHOBE Imiqathango Egqwesileyo Esemagqabini Eyanelisayo Eyinxalenye Engaphumelelanga neqaqambileyo nefanelekileyo 8–10 6–7 4–5 2–3 0–1 UMXHOLO - Isihloko sitolikwe - Ubonisa ukuqonda - Isihloko sitolikwe - Ayanelisi indlela - Akanalwazi kwaphela ngokunzulu. nokutolika kakuhle ngokwanelisayo ekutolikwe ngayo ngesihloko. Ukuhlalutywa - Iingxoxo ezinomtsalane isihloko okanye umbuzo. - Akho amanqaku axhasa isihloko/umbuzo. - Impendulo ayikho kwesihloko, ubunzulu ezixhaswe - Impendulo inazo isihloko kakuhle. - Anqongophele kakhulu mxholweni wesihobe. bengxoxo, indlela ngokuvokothekileyo iinkcukacha - Ezinye iingxoxo amanqaku okuxhasa - Impendulo ibonisa azakuzela ngayo kusetyenziswa isihobe. ezanelisayo. zixhasiwe nangona isihloko. ukulambatha kulwazi ingxoxo, - Impendulo ibonisa - Izimvo ezibambekayo ingezizo zonke - Impendulo ibonisa lwesihobe. ukuwulandela ulwazi olugqwesileyo zinikiwe nangona ezixhaswe ukuqhwalela kulwazi kakuhle umhobe. ingezizo zonke nje lwesihobe. lwesihobe. ngokwanelisayo. ezixhaswe njengoko - Impendulo ibonisa kufanelekile. - Impendulo ibonisa ulwazi olusisiseko 7 AMANQAKU ulwazi lwesihobe. lwesihobe. - Isakhiwo - Isakhiwo sicacile - Bukho ubungqina - Isakhiwo - Isakhiwo sife amanqe. ISAKHIWO siyathungelana. kwaye ingxoxo besakhiwo. sibonakalisa - Iziphene zolwimi NOLWIMI - Ingxoxo ixongxwe iyathungelana kakuhle. - Isincoko sibonakalisa iziphene zoyilo. ezingamkelekanga kuhle kwaye zikhuliswe - Ukuthungelana ukusilela - Ingxoxo konke konke nesimbo ngokugqwesileyo kwengxoxo kukuthungelana ayicwangciswanga esingachanekanga. nangokucacileyo. kuyalandeleka. nokunamathelana ngokukuko. 3 AMANQAKU - Ulwimi, ithoni nesimbo - Ulwimi, ithoni nesimbo kwezimvo. - Bukho ubungqina sokubhala zivuthiwe, sokubhala zichanekile - Iziphene zolwimi beziphene zolwimi. ubukhulu becala. zimbalwa, ithoni - Ithoni nesimbo zinomtsalane, nesimbo sokubhala sokubhala zichanekile. zichanekile ikakhulu. azichanekanga. - Igrama upelo neziphumlisi azinaziphene kwaphela. AMANQAKU 8–10 6–7 4–5 2–3 0–1 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2017) Downloaded from hlayiso.com ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 25 ISIHLOMELO B: AMACANDELO B NO C: IRUBRIKI YOKUHLOLA ISINCOKO SONCWADI- INOVELI NEDRAMA [25 AMANQAKU] Imiqathango Egqwesileyo Esemagqabini Eyanelisayo Eyinxalenye Engaphumelelanga neqaqambileyo nefanelekileyo UMXHOLO 12–15 9–11 6–8 4–5 0–3 - Impendulo igqwesile. - Ubonisa ukuqonda - Impendulo iphakathi, - Buncinane ubungqina - Buncinci kakhulu 14–15 nokutolika kakuhle asiyiyo yonke imiba obubonakalisa ukusazi ubungqina obububo - Impendulo ebalaseleyo. isihloko okanye umbuzo. ekungenwe kuyo nzulu. isihloko yaye kunqabile ukuqonda isihloko. 12–13 - Impendulo inazo - Akho amanqaku ukungena nzulu kwimiba - Iimpendulo zisilele 15 AMANQAKU - Ukutolikwa okunzulu iinkcukacha asixhasa ekubhalwa ngayo. kakhulu ukuphendula kwesihloko ezanelisayo. ngokufanelekileyo - Ambalwa amanqaku umbuzo. - Iingxoxo ezinomtsalane - Izimvo ezibambekayo isihloko axhasa isihloko. - Izimvo zibekwe ezixhaswe zinikiwe nangona - Ezinye izimvo zixhasiwe - Iimpendulo ngendlela ngokuvokothekileyo ingezizo zonke nje kodwa ubungqina ezichanekileyo zimbalwa engacacanga konke- kusetyenziswa uncwadi. abusoloko busamkeleka. kakhulu. konke. ezixhaswe njengoko - Ukuqonda - Ulwazi lwejenre/netekisi - Luncinane ulwazi - Alukho kwaphela ulwazi kufanelekile. okubalaseleyo kwejenre alugqibelelanga. ngejenre netekisi. lwejenre netekisi. - Impendulo ibonisa netekisi. ulwazi lwejenre netekisi. ISAKHIWO NOLWIMI 8–10 6–7 4–5 2–3 0–1 - Isakhiwo - Isakhiwo sicacile kwaye - Bukho ubungqina - Isakhiwo sibonakalisa - Ukungabikho koyiloo 10 AMANQAKU siyathungelana. ingxoxo iyathungelana besakhiwo iziphene zoyilo. kwenza ukuba - Intshayelelo nesiphelo kakuhle. obungagqibelelanga. - Izimvo azithungelelani kungabikho esigqwesileyo. - Intshayelelo nesiphelo - Unamathelelwano kakuhle. thungelelwano - Ingxoxo yakheke kunye nemihlathi nothungelelwano - Iziphene zolwimi lwezimvo. ngokufanelekileyo zicwangciswe ngendlela lwezimvo lukho, kodwa ziyabonakala. - Iimposiso zolwimi yaze yakhuliswa edala uthungelwano. kukho iziphene. - Ithoni nesimbo nesimbo sokubhala esife ngokucacileyo - Izimvo zithungelana - Zikho iziphene zolwimi sokubhala amanqe kwenza - Ulwimi, ithoni nesimbo ngokuchanekileyo. ezithile, ithoni, nesimbo asichanekanga. sokubhala sichanekile - Imihlathi ineziphene. ukungavakali sokubhala sivuthiwe, - Ulwimi, ithoni nesimbo ikakhulu. kokubhaliweyo. sinomtsalane, sokubhala sisetyenziswe - Imihlathi ichanekile - Ayichanekanga ithoni sichanekile. ngokuchanekileyo ikakhulu. nesimbo sokubhala ikakhulu. - Ulwakhiwo lwemihlathi ludlakadlaka. AMANQAKU 20–25 15–19 10–14 5–9 0–4 QAPHELA: Ukuba umviwa uwutyeshele ngokupheleleyo umxholo, suka wabhala isincoko esiya sephepha lesithathu, mnike u-0. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all