You're offline
Skip to content
Question paper

XHOSA HL P3 GR11 QP NOV2019 D_hlayiso.com_.pdf

Subject: Isixhosa HlGrade 1120198 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 11 NOVEMBA 2019 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 AMANQAKU: 100 IXESHA: 2½ iiyure *IXHOHL3* Olu viwo lunamaphepha ama-5.
Downloaded from hlayiso.com 2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 (EC/NOVEMBA 2019) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI. ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi (50) QAPHELA: Abaviwa kulindeleke ukuba baphendule imibuzo emiBIN kwiCandelo B. 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala icandelo NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/itshati ebonisa ukuthungelana kweziganeko/amagama angundoqo, njl.njl) uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kuyilo lonke. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-80 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-70 (2 x 35) 8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/NOVEMBA 2019) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama 290–340. 1.1 Ndafunda ubuncwane benkcubeko yam ngaloo mini. [50] 1.2 Umfundi ogqibeleleyo ngozinxwemayo ekwenzeni okugwenxa. [50] 1.3 Kulokroti kuyalilwa kulogwala kuyahlekwa. [50] 1.4 Izinto endingazenza njengoSodolophu ukugcina ingingqi yam icocekile. [50] 1.5 Ifuthe lokucalulana ngobuhlanga eMzantsi Afrika. [50] 1.6 Ukulunga nokungalungi kokuqhankqalazela ukusilela kweenkonzo ezingundoqo. [50] 1.7 Qwalasela lo mfanekiso ungezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. 1.7.1 [Ucatshulwe kwi-intanethi www.images.com waze wahlelwa] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila Tyhilaiphepha iphepha
Downloaded from hlayiso.com 4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 (EC/NOVEMBA 2019) 1.7.2 [Ucatshulwe kwi-intanethi www.images.com waze wahlelwa] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/NOVEMBA 2019) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 5 ICANDELO B: IMIHLATHI UMBUZO 2 Khetha imihlathi ibe MIBINI kule ilandelayo uze ubhale ngayo. Bhala amagama ali-100-120 (umxholo kuphela) 2.1 ILETA YOBURHULUMENTE Bhalela uManejala wenkampani esekuhlaleni ucele amalizo azo kunceda ukulungisa izindlu ezonakaliswe zizantyalantyala zemvula. [25] 2.2 ILETA YOBUHLOBO Bhala ileta eya kumhlobo wakho umlumkise ngobungozi bamatheko okubhiyozela ukugqiba iimviwo zokuphela konyaka. [25] 2.3 INGXOXO YABABINI Bhala ingxoxo ephakathi komzali womfundi neNqununu yesikolo. Umba wengxoxo mawube malunga nokusetyenziswa kweeselula ngabafundi ekushicileleni iividiyo zeziganeko ezenzeka ezikolweni. [25] 2.4 ISIVI Bhala isivi neleta ekhaphayo. ISOLEZWE 10 OKTHOBHA IVENKILE YAKWA JET Siyile venkile sifuna uNobhala oza kusebenza kwi-ofisi kaManejala Sifuna oku kulandelayo:  Isatifikethi/idiploma /isidanga kwezolawulo lwe-ofisi  Amava eminyaka emibini nangaphezulu kulo msebenzi  Isivi neleta ekhaphayo mazithunyelwe kuManejala  B.Maseti, ivenkile yakwaJet, 12 Ndema Sitalato, Matatiele. [25] 2.5 INTETHO ESESIKWENI Bhala intetho esesikweni emalunga nokonga umbane. [25] 2.6 INGXELO UnguNobhala weqela lomdaniso ekuhlaleni. Bhala ingxelo ngokhuphiswano lomdaniso obe uluququzelela lwayimpumelelo. [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila Tyhilaiphepha iphepha
Downloaded from hlayiso.com  
Downloaded from hlayiso.com   
Downloaded from hlayiso.com 

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 11 Isixhosa Hl

Explore more published documents in this catalogue.

View all
Grade 11 · Isixhosa Hl · 2019 · Eastern Cape November · Question paper · Paper 3 | Hlayiso | Hlayiso