You're offline
Skip to content
Question paper

IsiXhosa FAL P3 Nov 2020.pdf

Subject: Isixhosa FalGrade 1220208 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
SENIOR CERTIFICATE/ NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 XHOFA.3 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO (FAL) IPHEPHA LESITHATHU (P3) NOVEMBA 2020 AMANQAKU: 100 IXESHA: Iiyure 2½ Olu viwo lunamaphepha ama-6. MORNING SESSION Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P3 2 DBE/Novemba 2020 SC/NSC IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha linamaCANDELO AMATHATHU: ICANDELO A: Isincoko (50) ICANDELO B: Umhlathi omde (30) ICANDELO C: Umhlathi omfutshane (20) 2. Phendula umbuzo ubeMNYE kwiCANDELO ngaLINYE. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala iCANDELO ngaLINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Yenza UYILO (umzekelo, imephu yengqondo, isazobe okanye idayagram/ iflowu tshathi/amagama angundoqo, njalo njalo), hlela uze ulungise iimpazamo kumsebenzi wakho. Uyilo maluvele PHAMBI kokubhalwa kwetekisi nganye. 6. Wonke umsebenzi woyilo mawuphawulwe njengoyilo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlezileyo kulo lonke uyilo olwenzileyo. 7. Ingcebiso malunga nolwabiwo lwexesha:  ICANDELO A: Imizuzu engama-80  ICANDELO B: Imizuzu engama-40  ICANDELO C: Imizuzu engama-30 8. Nombola iimpendulo zakho ngokuchanekileyo ngokwendlela yokunombola esetyenzisiweyo kwiphepha lemibuzo. 9. Nika impendulo nganye isihloko esichanekileyo. 10. Isihloko masingabalwa xa kubalwa amagama asetyenzisiweyo. 11. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P3 3 DBE/Novemba 2020 SC/NSC ICANDELO A: ISINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibesiNYE kwezi zilandelayo, uze ubhale isincoko esinamagama ali-190 ukuya kuma-240. 1.1 Nangoku ndisayiva loo ntsholo [50] 1.2 Umhlobo wenene [50] 1.3 Ndiyonwaba ndakuyicinga loo mini [50] 1.4 Kwasuka kwakhala iselfowuni ... [50] 1.5 Ukwenza itattoo konakalisa inkangeleko yomntu yendalo [50] 1.6 Iifilim ezinobundlobongela mazipheliswe [50] 1.7 Khetha umfanekiso ubeMNYE kule ingezantsi ubhale isincoko. Bhala inombolo yombuzo (1.7.1 okanye 1.7.2). Nika isihloko esifanelekileyo isincoko sakho. QAPHELA: Makubekho ukuzalana okucacileyo phakathi kwesincoko nomfanekiso owukhethileyo. 1.7.1 [Uthatyathwe ku: www.google pics.co.za] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P3 4 DBE/Novemba 2020 SC/NSC 1.7.2 [Uthatyathwe ku: www.pinterest.com] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P3 5 DBE/Novemba 2020 SC/NSC ICANDELO B: UMHLATHI OMDE UMBUZO 2 Khetha isihloko sibesiNYE kwezi zilandelayo ubhale umhlathi omde ngaso. Ubude mabubengamagama angama-80 ukuya kwi-100 umxholo kuphela. 2.1 ILETA ESESIKWENI Bhalela uMphathi-sikhululo samapolisa umazise ngomntu othengisela abantwana besikolo utywala neziyobisi. [30] 2.2 ISIVI NELETA EYIKHAPHAYO ISITHUBA SIKAMABHALANA WAKWAMASIPALA Kufuneka:  Ibanga le-12  Ulwazi lwekhompyutha  Isiqinisekiso sokuqhuba  Ulwazi lweelwimi zesiNtu kunye nolwimi lwesiNgesi  Izakhono zokunxibelelana Thumela isicelo sakho kuManejala 22 Bhubesi Street, Lady Grey, 5783 UZipho Mephu unomdla wesi sithuba. Bhala isivi neleta eyikhaphayo, uzenze uZipho Mephu, uzithumele kuManejala wakwaMasipala. [30] 2.3 IRIVYU Bhala irivyu yencwadi eniyifundiswe esikolweni. [30] 2.4 UDLIWANO-NDLEBE Bhala udliwano-ndlebe oluphakathi komfundi ofunda ibanga le-12 notitshala we-Life Orientation malunga nokuthatha ikhefu lonyaka (gap year) phambi kokuqhubeka nokufunda. [30] AMANQAKU ECANDELO B: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P3 6 DBE/Novemba 2020 SC/NSC ICANDELO C: UMHLATHI OMFUTSHANE UMBUZO 3 Khetha isihloko sibesiNYE kwezi zilandelayo ubhale umhlathi omfutshane ngaso. Bhala amagama angama-60 ukuya kuma-80 umxholo kuphela. 3.1 ISIMEMO Bhala isimemo umemele uCeba kukhuphiswano lwamaqela emidlalo kwingingqi ohlala kuyo. [20] 3.2 UNGENISO KWIDAYARI Bhala ungeniso kwidayari malunga neyona ngxaki lujongene nayo ulutsha kwaneendlela zokuhlangabezana nayo. [20] 3.3 IMIYALELO Bhala imiyalelo oyinika abafundi bakwaABET, eya kubancedisa bakwazi ukusebenzisa i-App efike kutsha nje. [20] AMANQAKU ECANDELO C: 20 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 12 Isixhosa Fal

Explore more published documents in this catalogue.

View all