You're offline
Skip to content
Memorandum

XHOHL P2 GR12 MEMO SEPT2022.pdf

Subject: Isixhosa HlGrade 12202226 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2022 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) P2 ISIKHOKELO SOKUMAKISHA AMANQAKU: 80 Le memorandam inamaphepha angama-26.
2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2022) EMAKUQATSHELWE XA KUMAKISHWA • Le memorandam ilungiselelwe ukuba ibe sisikhokelo kubakorekishi. • Le memorandam iza kuxoxwa nesigqeba sokukorekisha phambi kokuba kuqalwe ukukorekisha kumaziko okukorekisha. • Iimpendulo zabaviwa kufuneka zinikwe ingqwalasela ngokokufaneleka kwazo. IZIKHOKELO ZOKUKOREKISHA 1. Xa umviwa ebhale iimpendulo ezingaphezulu kwezilindelekileyo, makisha impendulo esekuqaleni kuphela. (Umviwa akuvumelekanga ukuba aphendule umbuzo osisincoko nombuzo omfutshane kudidi olunye kwijenri enye.) 2. Xa umviwa ephendule yomine imibuzo kwiCANDELO A (imibongo efundisiweyo), korekisha kuphela emibini yokuqala. 3. Xa umviwa ephendule imibuzo emibini emifutshane okanye imibuzo emibini esisincoko kwiCANDELO B nakwiCANDELO C, makisha umbuzo wokuqala kuphela ungawuhoyi owesibini. Ukuba umviwa uphendule yomithathu imibuzo (kwiNoveli/kuNcwadi Lwemveli) okanye yomine imibuzo (kwiDrama), korekisha kuphela impendulo yokuqala kwiCANDELO ngalinye, xa kwenzekile ukuba uphendule umbuzo omnye omfutshane nomnye osisincoko. 4. Xa umviwa enike iimpendulo ezimbini ibe eyokuqala ingachanekanga, elandelayo ichanekile, korekisha eyokuqala ungayihoyi elandelayo. 5. Xa iimpendulo zinonjolwe ngokuchanekileyo, korekisha ngokwendlela ekunonjolwe ngayo kwimemorandam. 6. Xa upelo olugwenxa luguqula intsingiselo, yihlabe loo mpendulo. Xa intsingiselo ingaguqukanga ngenxa yopelo olugwenxa, yimakishe loo mpendulo. 7. Imibuzo esisincoko Xa impendulo yombuzo osisincoko imfutshane kunoko kulindelekileyo ngokwenani lamagama, musa ukumohlwaya umviwa kuba sele ezohlwaye ngokwakhe. Xa impendulo yombuzo osisincoko inde kakhulu, phicotha ngokwempendulo ayibhalileyo wandule ukuyigqithisela kumkorekishi ophezulu. Sebenzisa irubriki yokuhlola ekwisihlomelo esinguA nesinguB ukuhlola izincoko zabaviwa. 8. Imibuzo emifutshane Musa ukumohlwaya umviwa ongasebenzisanga iimpawu zocaphulo xa ecaphula. 9. Kwimibuzo evulelekileyo, musa ukunika amanqaku ngoHAYI/EWE okanye ngoNDIYANGQINELANA/ANDINGQINELANI. Korekisha impendulo exhasayo. 10. Akukho manqaku abelwa uYINYANI/ BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO. Makisha impendulo exhasayo. 11. Iimpendulo zemibuzo emifutshane mazihlolisiswe ngokupheleleyo kwayanywe kwiingxoxo eziqhubeke ngexesha lobekomgangathweni lwesikhokelo sokukorekisha. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 3 ICANDELO A: ISIHOBE IMIHOBE YESIXHOSA – B. Ngombane UMBUZO 1 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) UNOZAKUZAKU – Z.S. Qangule Amanqaku ali-10 ewonke kulo mbuzo. Ama-6 ngawomxholo aze ama-4 abe ngawolwimi kunye nesimbo. Sebenzisa irubrikhi esisihlomelo A. • Sebenzisa ezi ngongoma zilandelayo, njengesikhokelo sokukorekisha lo mbuzo. • Iimpendulo zinokwahluka ngokuxhomekeka kwindlela umfundi awuve ngayo umbongo. • Jonga kwirubrikhi ekwiphepha lama-27 ukuhlola lo mbuzo. Umfundi kulindeleke ukuba achankcathe kwezi ngongoma zilandelayo: • Unozakuzaku ngumntu wekhaya, ohambela ubulawu okanye ocela intombi ethe yabonelwa ukuba izekwe. Akukho lula ukwenza lo msebenzi kuba mininzi imiceli mingeni adibana nayo. Isigama esihlumisa kuso ukuba umsebenzi wakhe awululanga sicazululwe ngezantsi; • “Abafazi bemhewula, zimkhonkoth izinja.” Imbongi iphuhlisa ukuba ngexesha efika uNozakuzaku abafazi baye bangamcengi bayamkhwazela befuna okulunge nabo okanye amalungelo abo omcimbi awuhambelayo. Baziwa ngokungamniki sithuba. Ikwaphuhlisa ukuba ngexesha emile esangweni ecela ukungena exela nento aze ngayo ukhe angahoywa ithutyana ngelo xesha izinja nazo zifuna ukumluma. Akubikho mntu umnqandelayo njengoko bengekezi kuye ukuza kumphendula. • “Kuthenjwe yena ngasemv’ ujongiwe ngaphambili”: Imbongi isebenzise uchasaniso ukuphuhlisa ukuba usebenza nzima ukuze angawadanisi omabini amakhaya elakulo ntombi nelakulomkhwenyana ngokuthi aqinisekise ukuba uzobuya neendaba ezincumisayo xa efika ekhaya kananjalo nalapha athunywe khona fanele azikhuphe zonke izibizo abazibizayo ukuze kubonakale ukuba ululungiselele uhambo lwakhe. • “Iinyawo zakhe ziluvil’ uthuli lwendlela, Nentloko yakh’ ulophu lwasehlotjeni, Izithuko zakhe ziviwe ngamathafa nemimango”. Apha imbongi iphuhlisa ukuba xa esenza lo msebenzi uyadinwa kuba iba yindlela ende ayihamba ngeenyawo, njengoko kumele aqhube neenkomo ezibizwe kulontombi,ndlela leyo imana ukubanamathafa iphinde ibe nemimango ekumele ayiqabele loo nto imenza adinwe ngakumbi libe nelanga lizenzela kuye njengoko kushushu ngexesha lasehlotyeni agqibele sele ekhuphela loo msindo wokudinwa kwakhe ngokuthukisela kwiinkomo ezo aziqhubayo. • “Izicithi ziwubonile umtsi wakh’ edlula” Ngamanye amaxesha kuye kunyanzeleke aleqe ngenxa yokushiywa lixesha okanye ebalekwa ziinkomo kunyanzeleke aleqeke emva kwazo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2022) • “Isiqalo ndawonye nesiphelo sendaba nguye” Lo mcimbi iba nguye umqali wawo kwaye akawushiyi ulenga esithubeni kunyanzelekile ukuba iphinde ibe nguye ogqibezela ezi ngxoxo. Khumbula awuzange waphela umcimbi wobulawu. • “Ubon’ abafazi nabantwana bezixhwithela kuye” Kumele aphathe izinto ezininzi ezahlukeneyo njengoko abantwana nabo benamalungelo abawabiza kuye unozakazaku ukanti nabafazi nabo banawabo anjengeebhotile ezikhutswa xa kusakhiwa ubuhlobo kunye nebhotile enyanzelekileyo ukuba ayiphathe unozakuzaku ukuze kuqalwe iingxoxo malunga nentombi eze kucelwa. • “Wongen’ ephuma ke ezama ukuzikhusela” Olu chasaniso luphuhlisa ukuba uthi kwakufunwa izinto amane ephuma phandle aye kulungisa iimfuno ezo zaba bantu aphinde angene abanike abantu iimfuno zabo. (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) [10] UMBUZO 2 (UMBUZO OMFUTSHANE) INTLIZIYO YAM – C. NQAKULA 2.1 Kukuzanyazanyiswa idutywe zizilingo √ kukutyholwa ngento angayaziyo √ (2) 2.2 Imsa ezindleleni zobulungisa √ ezindleleni ezingendawo. √ (2) 2.3 Ukuxakwa yintliziyo √√/ ukubhideka √√ / ukungafumani sisombululo sentliziyo. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) 2.4 Ludalwe ngemvano siphelo. √√ (2) 2.5 Esokuba ilunyukelwe kuba intliziyo iyamtyhoba umniniyo √/ iyamenzakalisa umniniyo√/iyamlahlekisa umniniyo. √ (Nasiphi isibini esichanekileyo.) (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 5 UMBUZO 3 (UMBUZO OMFUTSHANE) UMYOLELO WEXHEGO – S.E.K. MQHAYI 3.1 (a) Isitanza 1 Makakhethe ngenyameko izihlobo ezinembeko √ (b) Isitanza 2 Makalulame, abe ngumntu olulamileyo √ (2) 3.2 Sesokuba abantu baya kuzivula iintliziyo zabo kuye. √ Sesokuba abantu baya kumphakamisela phezulu angaze awe. √ (2) 3.3 Kugqamisa uvakalelo lokuba inexhala √√/ uvakalelo lokuba ixhalabile. √√ (2) 3.4 Ludalwe ngemvano siphelo. √√ /Ludalwe ngenani lemiqolo elinganayo kwisitanza ngasinye. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) 3.5 Kulumkeleni ukunganyaniseki √/ ukuphakama √/ ukungathobelani √/ ukungancedani √/ ukubala xa nincede umntu. √ (Nasiphi isibini esichanekileyo) (2) [10] UMBUZO 4 (UMBUZO OMFUTSHANE) ITHEMBA – S.E.K. MQHAYI 4.1 Asinakwenza nto emhlabeni √/ asinakuzuza nto elizweni. √ (2) 4.2 Ukulima √ nokufuya imfuyo. √ (2) 4.3 Zigqamisa uvakalelo lokuba inexhala √/ uvakalelo lokuba ixhalabile. √ (2) 4.4 Ludalwe ngemvano siphelo. √√ /Ludalwe ngenani lemiqolo elinganayo kwisitanza ngasinye. √√ (2) 4.5 Lumkelani ukungabinathemba kuba akukho kwanto ninokuyenza ngaphandle kwalo. √ Aninakufuya √/ aninakulima ningenathemba √/ Nakufa ukuba aninathemba. √ (Nasiphi isibini esichanekileyo) (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
6 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2022) ISIHOBE ESINGAFUNDISWANGA UMBUZO 5 (UMBUZO OMFUTSHANE) IXESHA LEMBALELA – NT NGAMILE 5.1 Iimpawu zokuba lixesha losizi √ zokuba lixesha leembandezelo √/ libonwa ngosizi √ neembandezelo. √ (2) 5.2 Indlala yon’ iba bomvu krwe √√ (2) 5.3 Luphindaphindo lwezifanokuthi/ lwezithethantonye. √/ luqaqambisa ukuba ixesha lembalela liphelisa ububele nobuntu ebantwini. √ (2) 5.4 Ngumfanekisontekelelo womhlaba oxwebileyo ophatshileyo. √√ (2) 5.5 Yokwazisa / yokudlulisa ulwazi ngexesha lembalela √√/ yokulumkisa abantu ngeengxaki zexesha lembalela. √√ (Nayiphi impendulo echanekileyo) (2) [10] AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 7 ICANDELO B: INOVELI/UNCWADI LWEMVELI INOVELI UMBUZO 6 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) INKAWU IDLIW’ ILILA – S. Kula • Apha ngezantsi sisikhokelo sokuphendula esi sincoko, sisebenzise njengesikhokelo kuphela. • Mazamkelwe iimpendulo ezahlukileyo nezichanekileyo ezibonisa ubungqina bokucinga nzulu nokutolika ngendlela eyahlukileyo. • Uluhlu lwemizekelo lunokusetyenziswa ukuxhasa izimvo. • Jonga kwirubrikhi ekwiphepha lama-28 ukuhlola lo mbuzo. Umfundi makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo ukuxoxela ukuba amatyotyombe aseZamokuhle abenegalelo kulwaphulomthetho olukule noveli. Umviwa angavelela igalelo elibi nelihle lala matyotyombe kulwaphulomthetho oluqhube kule noveli. Amatyotyombe aseZamokuhle ngamatyotyombe athe cebu kuhle kwidolophana yaseGcuwa. Nanjengoko amatyotyombe eyindawo yabantu abangathathi ntweni, atsho abe neempawu zokuxhaphaka kwabantu abafumaneka lula ukuze benze okubi ngemalana engephi nanjengoko iinkonzo zeendawo ezinje zibanentlawulo engephi. Ngoko ke amatyotyombe aseZamokuhle adlala indima enkulu ekukhuliseni ulwaphulomthetho kule noveli ngezibakala ezingezantsi; • Imipu ayiba esipoliseni uMfuneko Mnenga apho kugcinwa izinto ezihluthwe ngamapolisa ebantwini olipolisa uyibela ukuyithengisa kumatyotyombe aseZamokuhle. • Akugqiba uMfuneko uzigqatsela ukuliphanda ngokwakhe ityala lokunyamalala kwemipu, ekhomba umnwe kuSajini Zalala ngelithi akukho namnye umntu ongayiba ngaphandle kwakhe. • UMfuneko sele enonxulumano olunzulu nezigwinta zaseZamokuhle nanjengoko nemipu beyifumana kuye. Ubafuna eZamokuhle abafana bokugwinta uMsindisi, abafumane bamgwinte ngakwihlathi laseBika. • Izigwinta zithatha izinto zikaMSindisi emotweni zizithengisele uMbuzeli ohlala kwakumatyotyombe aseZamokuhle, ekwathengisa apho utywala njengoko enesirhoxo. • UMfezeko ungumcuphi ophambili kwityala lokugwintwa kukaMsindisi ukwangumzala kaMbuzeli othengiselwe izinto zikaMsindisi. • Ixhwele elinguSiphongo lihlala eZamokuhle, uMfuneko ufuna kulo umalingatshoni wokudlisa uMfezeko ngemini yesingcwabo njengoko amapolisa esiya esingcwabeni sikaHlomlani Tyhalithemba ongugxa wawo. • Xa esinde kumalingatshoni uMfezeko, uMfuneko noNqoza bagqiba kwelokuba bambe esibhedlele bamse kwixhwele elihlala eZamokuhle ukuze limtshise ngovutha. • UNqoza uya esibhedlele ngeliyomvelela amcebise uMapheza ngamayeza esintu anokumnceda, uMapheza njengamntu ukholelwa kakhulu kumayeza esintu bayavumelana. Uyabuya ngexesha abavumelene ngalo uNqoza uza kumncedisa ukuqhwesha esibhedlele umsa kwaseZamokuhle. • Usinda uMapheza ngokulunyukiswa lelinye ngomnye wabakhwetha bexhwele ogama linguNontsikelelo angatshi uMfezeko kutshe unyana wexhwele uSakhiwo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
8 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2022) • Ukuqhubela phambili uphando lwakhe uMfezeko uya kwaMbuzeli ngeliyokukhupha unxano njengoko enesirhoxo, anakane iwotshi yodidi oluphezulu efakwe nguMbuzeli amaziyo ukuba ulijuda akathandi ukuthenga izinto ezibizayo. • UBanqo owakubona ukusuka nokuhlala ukugwinta kukaMsindisi ulapho, unxilile uthetha ephuma ngomnyango esithi amapolisa akakwazi kuphanda yena uyabazi ababulali bakaMsindisi usela nabo yonke imihla apho kwaBra Mbu. • Uyangqina naye uMbuzeli ukuba uyabazi ababulali bakaMsindisi utsho ecenga umzala wakhe ukuba angayi kumbhaka emapoliseni. • UMapheza ucenga uMbuzeli ukuba amnike iwotshi leyo kunye nompu kaMsindisi, umthembisa ngebhaso aza kulifumana ngokuncedisana namapolisa, ekugqibeleni uyazifumana uhamba nazo uzisa esikhululweni. • Ngengomso uMapheza uphinda kwaMbuzeli eZamokuhle sele ehamba namapolisa. Babamba ooSixaki neqela lakhe. (Nayiphi na impendulo echanekileyo) [25] UMBUZO 7 (UMBUZO OMFUTSHANE) 7.1 Intlekele athetha ngayo uThantaswa kwisicatshulwa kukufa komyeni wakhe uMsindisi esifa ngokubulawa. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 7.2 Asiyonyani. Laphelela emoyeni ityala kungesosenzo sikaMdali njengoko esitsho uNompumelelo koko isisenzo sikaMfuneko oye walidukisa ityala. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 7.3 Wazibulala √ / akazange afumane kwilifa likaMsindisi √ / akazange alunge umntwana awayeza kumfumana emva kokufa kukaMsindisi. √ (Nayiphi kwezi) (1) 7.4 Asiniki lumelo luhle kuba asibobuhle ukungathethi nyani kwaye uNompumelelo noThantaswa abathethi nyani bobabini. √√/ Asiniki lumelo luhle kuba baphazamisa indlela abonwa ngayo amaKrestu, eli cala labo bobabini lokuthemba iNkosi alinanyani , inkosi bayifaka kwinto engayaziyo. √√/ asiluniki umelo oluhle kuba benza ngathi abantu ababhinqileyo ngabantu bookubalelana nanjengoko bobabini bebalelana, uThantaswa uyayazi ukuba uMdali akazange amncede uNompumelelo nanjengokuba uNompumelelo ezazi ukuba akazange ancedwe nguMdali. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 9 7.5 Sesokudukisa ityala okwenze ukuba noThantaswa omelele xa ethenjiswa ukuba iyenzeka le nto √√/ Sesokuba imipu emapoliseni ithengiswe elokishini kwaze kwenza ukuba imigewu efuna ukudlulisa abantu amafu bayifumane lula √√/ sesokufuna ababulali ngamapolisa ababulali abafunwe ngamapolisa baqinisekile ngokhuseleko ukuba abangekhe babanjwe. √√/ Sesokuphazamisa umthetho ngoNqoza ebesikhuthaza uThantaswa ukuba aye eqhuba kuba esazi ukuba akazi kude afunyanwe. √√ (Nasiphi na isibini esichanekileyo) [inkcaza yesenzo √√ kunye nendlela esikhulisa ngayo ulwaphulomthetho. √√] (4) 7.6 Umkhutyana obadibanisayo ngowokuqinisekisa ukuba uMfuneko wazi konke ngophando lwemini √ isiphumo saba kukugxothwa kukaNqoza noMfuneko emsebenzini. √ Ngowokuba uNqoza aphazamisane nophando lukaMfezeko ukuze uMfezeko angabinampumelelo √ isiphumo sibe kukugxothwa kwabo bobabini uMfuneko noNqoza emsebenzini. √ (Nayiphi kwezi) (2) 7.7 UThantaswa √ udliwa elila nguMdlambila ngokufuna ukumkhuthuza ilifa likaMsindisi. UMfuneko √ udliwa elila nguThantaswa ofuna enze onke amayelenqe agqibe amdubule afe. √ UMsindisi √ udliwa elila ngokubulawa nguThantaswa noMfuneko befuna ukudla ilifa lakhe. USphongo √ ude afelwe ngunyana wakhe kuba eqhathwe nguMfuneko noThantaswa. √ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 7.8 imipu √ ukuphandwa kwetyala √ (2) 7.9 Umxholwana wokungcatshana isicatshulwa siwuvelisa ngoNqoza othunywe nguMfuneko ukuba agade, azame, enze amalinge okuba uMfezeko angafumani nto kuphando lwakhe ngoko uvela engumngcatshi kaMfezeko. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 7.10 UMfuneko uzibonakalisa ukuba yimfuneko kuba nako eza namacebo okususa uMapheza. √ Unqanda uThantaswa ukuba angacingi ngokudubula uza necebo lokudlisa uMapheza umalingatshoni/ukhumbuza uThantaswa ngentlanganiso kaMdlambila/ebesele evume ukunyoba kuMdlambila uThantaswa engekayi. √ UThantaswa isicatshulwa simphuhlisa ukuba ulilandele igama lakhe ngokuba uyathantaswa nguMfuneko ngamacebo nokuya kuMdlambila sele elungiselelwe akukuninzanga ekufuneka ekwenzile yena buqu. √√ (2) 7.11 Thantaswa uMfuneko angathi kanti akakuthandi koko ufuna imali yakho ngoMsindisi. √√ Xa sele ezixela ukuba ungumguvela wepolisa elidukisa amadokethi kuwe noko rhoxa hleze afake wena engxakini. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (4) [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
10 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2022) UMBUZO 8 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) NYANA WAM! NYANA WAM! – WK Tamsanqa • Apha ngezantsi sisikhokelo sokuphendula esi sincoko, sisebenzise njengesikhokelo kuphela. • Mazamkelwe iimpendulo ezahlukileyo nezichanekileyo ezibonisa ubungqina bokucinga nzulu nokutolika ngendlela eyahlukileyo. • Uluhlu lwemizekelo lunokusetyenziswa ukuxhasa izimvo zabo. • Jonga kwirubrikhi ekwiphepha lama-28 ukuhlola lo mbuzo. Umfundi makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo: UThole ngumntwana ozinikele ekubeni ngumntwana kaThixo mhla wathatha isigqibo sokufuna ukuba ngumfundisi eselula. Ukusukela ngoko indlela yakhe ihamba intlaleka akubonakala ehamba indlela ezinxamnye nesigqibo sokubangumfundisi. • Utywala obumele ukuba buyamonwabisa uThole kwimoto eya eBhayi ehleli nabahlobo bakhe bumlilisa abhomboloze. • Ngeli xesha aselayo unoThemba omxhokonxa isazela ngeentshumayelo zakhe zamanxila ezithi, “Unako na ukuhamba emalahleni uze ungatshi?” • Uzisola abuqalekise utywala akhumbule la mazwi angentla kaThemba angawebhayibhile phofu atsho athathe isigqibo sokuba angaphinde abuphathe utywala asilandele. • “Isigqibo sokuthandana noNomsa ongakholwanga sichithwa xa eza kungena kwaNomsa kuvela umfo wakwaSigxabhayi eshumayela” umntu unokuwuthatha na umlilo awuse esifubeni sakhe zingatshi na iingubo zakhe kutsho kuthi kriphu uvalo kuThole. • “Xa eza kuhlangana noNomsa ukhumbula amazwi athi” umoya uvela ngaphambili: • Umthandazo wesithembiso sokuyisebenzela inkosi • Isenzo sokubethwa akasiqalekisi koko uthi “yimisebenzi kaThixo umbuyisa kwiindlela zakhe ezitenxileyo”. • UThemba olinxila, elincanyiweyo – uyimo-ntlalo ekhoyo-udidi lwabantu ahamba nalo amana ukungazazi apho akhoyo ukuya kuthi ga ngeemeko ezimnxunguphalisa ngaphakathi zaseKnysna esingenakuzicukaca apha. Ikwayimo-ntlalo emfake kwiingxaki zikaJoe-nangona impixano kaJoe yona ingaphandle Uthatha isigqibo akonwabi eKnysna ngenxa yamaphupha amphethe kakubi. Iimeko zamaphupha angamonwabisiyo zimnyanzelisa ukuba alishiye elaseKnysna abheke kowabo. • Ufika ekhaya, azimisele ukubuyela esikolweni. Uyise uFikizolo ufuna athathe umfazi ngenxa yokuba embona emdala nangenxa yeemeko zobomi agqithe kuzo. Akamthembi kwaphela uyise xa esithi uzimisele ukuphinda esikolweni. • Ufumana inxaxheba yokufunda elinye ibanga ngaphandle kwemali. • Akwahlukana noThemba noSonwabo esesikolweni uzimisela enkonzweni-anikwe inkonzo yesiXhosa, uba nguSihlalo weSCA, waba abafundi amabashumayele kwaneetitshala, ushumayela agqithe bonke abashumayeli. • Ubekwa eGeorge Goch engumntu oshumayela kusiphuke izicithi kude kuvele uyise awahlukana naye emncinci. Uzazi zonke iinkolo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 11 • Uyamenywa nakwezinye iinkolo ngabefundisi. • Wavezwa ukuba ungumntu wengxoxo. • Zonke izinto ezazisezisifa zavuka ngaye. (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) [25] UMBUZO 9 (UMBUZO OMFUTSHANE) NYANA WAM! NYANA WAM! – WK Tamsanqa 9.1 Babengooyise kuba ngabo ababedlala indima yobuzali ngexesha asesikolweni bemfundisa nangemali yenkonzo. √√/ Bobabini wayehlala nabo esikolweni bemfundisa. √√ Ngabo ababemkhulisa bekwampheka kwicala lasenkonzweni okanye ekushumayeleni ivangeli. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) 9.2 YINYANI kuba kuzo zonke iindawo awayeshumayela kuzo wayegqwesa. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) 9.3 Isohlwayo asinikwe ngumbhali uThemba kule noveli sesokufa ngokuqwengwa ziingonyama. √ (1) 9.4 Inika umelo oluhle kuba umfundisi uThole awayefuna ukuba nguye esemncinci wayesenza okuhle √√/ abefundisi abaphambili ooMaqoma ngabo abafundise uThole wakweli bakala akulo. √√/ uThole akubangumfundisi uye wangumzekelo omhle ngeentshumayelo nangesimo seenkonzo athe wazikhokela esiye satshintsha. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) 9.5 Isazela sikaThole sidubule ngakumbi mhla wayesezwa ngoThemba utywala wathi endaweni yokuba bumonwabise wabhomboloza. √√/ sidubule ngakumbi xa eya kwaNomsa ahlangane nomfo wakwaSigxabhayi lwabetha uvalo √√/ Sibuye sadubula akungonjwa ngooJoe wade wenza isithembiso sokusebenzela inkosi. √√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (4) 9.6 UThole ngunyana wexhego elikwisicatshulwa, baphulukana esasandula ukuzalwa kodwa baphele bekunye bengunyana noyise emva kobomi obude omnye engekho kubomi bomnye. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) 9.7 Fikizolo √ Mhla uThole wabuyela ekhaya kuba wayevuyela ukuba engaqwengwanga yena ziingonyama njengabahlobo bakhe. √/ uMkwayi mhla wafumanisa ukuba uMfundisi ombuyise eGoli ngunyana wakhe. √ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2022) 9.8 Ubukho babefundisi √/ kuyakhunyushwa ngabamnyama √/ umolokazana uphatha uyisezala √/ ihempe enxityiweyo. √ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) 9.9 Siwuvelise ngokusuke umguli afane nomfundisi ngomkhango nesiva esisebusweni kwatsho kwavela ukuba kanti ixhego nguyise wonyana bebengazani. √√ (2) 9.10 UMangaliso ulandele igama lakhe ngokwenza imimangaliso ukusuka ekubeni ngunyana weqaba abe ngumfundid ngumfundisi ophume izandla √√/ omnye uMangaliso ngowokufunda emdala ade afikelele ekubeni ngugqirhalwazi √ omnye ngowokuba evela kuba litshijolo sele engumfundisi ophume izandla nje. √ UThozama kwalapha kwisicatshulwa uthozamile wonga umzali angamaziyo ekusuke kwathi kanti nguyisezala √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) 9.11 Thole! Balumkele ooThemba noSonwabo abanazinjongo ebomini uyakuba yimpangampanga nje. √√ Thole mlumkele uNomsa uhamba nabantu abangaqondakaliyo abanokubayingozi kuwe. √√ (4) [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 13 UMBUZO 10 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) UKHOZI OLUMAPHIKO – N. Saule • Apha ngezantsi sisikhokelo sokuphendula esi sincoko, sisebenzise njengesikhokelo kuphela. • Mazamkelwe iimpendulo ezahlukileyo nezichanekileyo ezibonisa ubungqina bokucinga nzulu nokutolika ngendlela eyahlukileyo. • Uluhlu lwemizekelo lunokusetyenziswa ukuxhasa izimvo zabo. • Jonga kwirubrikhi ekwiphepha lama-22 ukuhlola lo mbuzo. Umfundi makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo: Ukhozi yintaka eyaziwa ngokumelana nemingeni ekubomi bayo ide ithi kwakufika iinkqwithela ibenamandla okuntinga ibhabhele phezulu incediswe nangamandla oqhwithela olo. Ukhozi aloyiki ngokoyikiswa. Ihamba yodwa iye ngqo kule nto iyifunayo ingaphazanyiswa nayenye into. Oku sikubona kuphila ngaphakathi kuMfazwe. • Umbhali usebenzise le ntaka njengesikweko nesibhekiselele kumlinganiswa uMfazwe. Esi sikweko sibonisa ukuba nokuba ungathiyiselwa ngezabatha uyakwazi ukuphumelela untingele phezulu emafini kungabikho namnye onokufika apho batsho bancame. • Ukungavumi kukaMfazwe ukuba abe yimpimpi yamapolisa kwamenza wahlala ngentsula enye kwilizwe lakowabo kuQaka. Abalinganiswa abafana nooFriday basebenzisa ivili lomzabalazo ukwaneza iimfuno zabo. • UFriday wazama ngandlela zonke ukwenza amayelenqe okuba kubekho ungquzulwano phakathi kukaMfazwe nabantu bakuQaka mhla kutoyitoywa kusilwelwa inkululeko ukuze bambulale. Uba yiloo ntaka elukhozi ehleli enexhala esoyika ukubulawa phofu ebulawelwa into engeyiyo. • Mhla ebuya etrongweni ebanjelwe uqhankqalazo ufika kutshiswe ikhaya lakhe ze yena waphumela kutata uGaba eyokuqonda undonakele. EsekwaGaba njalo uFriday wathumela abafana ukuze bamgwinte, ngethamsanqa waye akafumaneka wasinda. • Uthi sele ethunyelelwe abantu bokumbulala ngoku ahlala eSihlahleni kwaninalume engenakhaya asinde. • Usinda kwintlanganiso yasekuhlaleni abethwa akhatywe ngenxa yokuthiyiselwa nguFriday. • Usinda emva kokubaleka abuyele kwamalume wakhe uMfazwe akube efikelwe nguSiphiwo noSiphiwo bemxelela ukuba makaphele emehlweni ubomi bakhe busemngciphekweni, kanti uza kufikelwa ngamajoni emfuna phantsi naphezulu ephethe imipu. • Uthe esahleli apho kwamalume wakhe wagaleleka ngenye imini umalume ehamba nabazali bakaMfazwe awabagqibela kudala kwathi kanti basinda ngela lixa kutshiswa ikhaya lakhe. • Usinda kwiteksi ebhukuqa eyikhwele angabi nawo nomkrwelo. • Unayo imiqobo kwimpumelelo yakhe, akanikezeli. • Usinda kumapolisa, iinyoka nezinye izilwanyana ezinobungozi ngenxa kamzingeli omnika amafutha kunye nomqwayito njengomphako wakhe wendlela. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
14 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2022) • Bathi beseMgazi wava isithonga sompu wava ngokonyela komlenze ukuba uchaniwe. Wakhupha umpu wakhe naye wadubula. Waphinda wasinda mhla inqwelo-moya yaseMzantsi Afrika indanda phezu kwabo yaza yadubula kwanto. Ekusindeni kwakhe kwabe sekulixesha lokukhululwa kwabaseluvalelweni, bagoduka ooMfazwe nabo basindayo. • Ukufika kukaMfazwe ekhaya uFriday wayesematyaleni okubulala, inguMfazwe buqu ochophele elo tyala. • Oku kubonisa ukuphila kokhozi ngaphakathi kuMfazwe kuye kwafuthela ukwenza kwakhe waphumelela njengokhozi waphepha kuzo zonke izabatha awayethiyiselwe ngazo nguFriday. [25] UMBUZO 11 (UMBUZO OMFUTSHANE) UKHOZI OLUMAPHIKO – N. Saule 11.1 Yayingamapolisa exesha lengcinezelo. √√ (2) 11.2 YINYANI kuba la mapolisa ayemhlophe engamadlagusha wona ayebe umhlaba wabamnyama. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) 11.3 UFriday ufumene isohlwayo sokuba yena angafundi njengokuba uMfazwe wayefundile. √ uFriday ufumene isohlwayo sokuba uMfazwe abeligqwetha lejaji elichophele ityala likaFriday owayemngcikiva. √ (Nayiphi kwezi.) (1) 11.4 Lumelo oluhle kuba bangumboniso omhle wabantu abalwela okukokwabo nempathombi ababeyifumana ngelo xesha. √√ [Nayiphi na impendulo echanekileyo.] (2) 11.5 Ukubanjwa kwakhe avalelwe etyiswa ngezinja. √√/ ukumzama kwabo ukuba angenele ubumpimpi. √√/ ukubulawa kukaMachule esiva. √√ (Nayiphi kwezi.) (4) 11.6 UMfazwe uhlangana noMgazi kuba ubhaca kwelakubo ngenxa yokuba engasenakhaya, ephantsi koxinzelelo lokuba kufunwa abeyimpimpi. √√ (2) 11.7 NguMfazwe ukhozi olumaphiko √ kuba nguye owayehamba yedwa engahambi namntu kanti uzakufumana ukubayintaka enkulu wabuya sele eligqwetha lejaji elwela amalungelo oluntu. √ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) 11.8 UMfazwe udutyulwe √ ubukho be-ofisi √/ idolophu. √ (Nayiphi na kwezi) (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 15 11.9 Ngokwenza uMfazwe acele uxolo kubantu bomlambo ngokubaphazamisa ewela umlambo ngexesha labo. √√/ ukuvela kwenja. √√ukusebenzisa izinto zokhuselo awayezifumene kumzingeli. √√ (Nayiphi na kwezi.) (2) 11.10 Isicatshulwa simphuhlisa ukulilandela igama lakhe uMfazwe ngokumenza ahambe phakathi kwemfazwe adutyulwe kwalapha kwisicatshulwa emva kokuhamba phantsi komngcipheko. √√ (2) 11.11 Mfazwe, mlumkele uFriday angakwenza ungakwazi ukuthatha izigqibo ezizezakho kuba ufuna uhambe emva njengaye. √√/ Mlumkele uFriday ngungcothoza. √√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (4) [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
16 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2022) UMBUZO 12 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) UBUNCWANE BONCWADI LWEMVELI – NNN Swana Apha ngezantsi sisikhokelo sokuphendula esi sincoko, sisebenzise njengesikhokelo kuphela. Mazamkelwe iimpendulo ezahlukileyo nezichanekileyo ezibonisa ubungqina bokucinga nzulu nokutolika ngendlela eyahlukileyo. Uluhlu lwemizekelo lunokusetyenziswa ukuxhasa izimvo zabo. Jonga kwirubrikhi ekwiphepha lama-28 ukuhlola lo mbuzo. Umfundi makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo: Ukujongelana phantsi kwezilwanyana kuwukhulisile umxholo wale ntsomi othi ungabokuwudela umqulu iyadi ungazibalanga. UFudwazana ube sisilwanyana esidelekileyo akawunikwa kwangoko umsebenzi wokugqada ichibi lenyamakazi kanti nguye ozakuba neziphumo ezihle. Oku kungawunikwa lo msebenzi kubonisa ukuba akathenjwanga kwaphela zezinye izilwanyana bezisele zincamela kuye nje kuba sele kuhlulakele ezo bezithenjiwe. • Kule ntsomi kubonakala oku mhla iinyamakazi zalima intsimi, zayishiya zemka zaya kuzingela. Zabuya zayihlakula zemka zaya kuzingela kwakhona, zabuya zisiya kuhlola. • Zakuqaphela ukuba ukho umkhonyovu omalunga nokutya okusentsimini, ziqulunqa icebo lokubambisa isilwanyana eso sinobungozi. • Akanikwa thuba uFudwazana kuba kusithiwa mncinci kuqaliswe uMvundla ekucingwe ukuba uthembakele kwaye waziwa ngamaqhinga nokuhlakanipha. • UMvundla obuthenjiwe uthi akuva ilizwi elikhulu lesilo eso, abaleke agqotse. • Kwagqitywa ukuba kuye omnye othenjwe kakhulu ngenxa yelizwi kunye nenkangeleko yakhe kunye namandla, kodwa naye akuliva ilizwi lesilo elikhulu loyikekayo naye enze esoMvundla wagqotsa wabaleka, aya ephela ngokuphela amathemba. • Ziyathunyelwa nezinye izilwanyana ngokuthenjwa kwazo kodwa azibuyi nanto, de kwashiyeka uFudwazana yedwa kuba engabonelwa ntweni ngenxa yembonakalo yakhe. • Kude kwabakho impikiswano kwakushiyeka uFudwazana, ezinye zisithi makuye yena, ezinye zingavumi zimdelile zisithi akunakuthi koyike izilwanyana ezikhulu nezihlakaniphileyo, ze yena Fudwazana omncinci nojongelwe phantsi akwazi ukumelana neso silo sivakala sisikhulu. • Zithi zakumbona ezinye ezwabuluka elungiselela ukuya zimnqanda zimsizela zifuna ukuqonda ukuba uza kuya kuzibulalisa kuba wayengenawo namendu okubaleka. • Akabamameli uFudwazana uyaqhubeka nohambo lwakhe athi akuva ilizwi elikhulu leso silo, endaweni yokuba agqotse njengezinye izilwanyana, yena abheke phambili. Usondela kuso sithi xa sizama ukuphendula okwesibini, akhwele kuso asikhame side sife. • Akubona ukuba usigqibile uvuma ingoma yoloyiso echaza ukuba usibulele, kuba edeliwe zange zimkholelwe ezinye izilwanyana, zabaleka zaya entsimini ukuya kujonga ukuba unyanisile na. • Zifika zimncome ngobugorha, zimtyibele ahlonipheke ukuqala loo mini uFudwazana kuba yena wasebenzisa ubukrelekrele bengqondo kuba ezazi emncinci akazange azithembe ngazigalo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 17 • Izilwanyana ziyamvuma ukuba usesona silwanyana sinengqondo ukudlula ezinye. • Oku kungqina ukuba wonke umntu ubalulekile ngoko ke makungajongelwana phantsi ngenxa yembonakalo. INGOMA • Ingoma idlala indima enkulu entsomini, iyakwazi ukusetyenziselwa ukuvuselela nokugcina umdla kubaphulaphuli. • Iyakwazi nokusetyenziselwa ukugqithisa umyalezo othile, njengoko kule ntsomi izilwanyana zive ngengoma ukuba uFudwazana uwuqabelise ngempumelelo umsebenzi owohlule izilwanyana ezithembakeleyo nebezifudula zithenjiwe. • Ingoma kaFudwazana ethi” Mna fudwazana ndimncinane ndinjalo! Ndikwazile ukulubulala utshaba obelugqiba umbona wethu! Yizani nonke nize kubona isimanga!” • Yiyo endulule ezinye izilwanyana ukuza kuzibonela kuba zingakukholelwa oko zikuva kwingoma. • Ingoma kaFudwazana yingoma yoloyiso kule ntsomi yeenyamakazana kuba inamazwi adlulisa umyalezo kwezinye izilwanyana ebezingamthembanga zimdela ukuba yena angoyisa. Ikwavakalisa imbilini yakhe malunga nokudelelwa kwakhe, kanti ikwadiza uvuyo lokoyisa isilo ebesisoyikiwa zizo zonke izilwanyana. (Nayiphi na impendulo echanekileyo) [25] UMBUZO 13 (UMBUZO OMFUTSHANE) UBUNCWANE BONCWADI LWEMVELI – NNN Swana 13.1 Kukutya kokondl’usapho. √√ (2) 13.2 BUBUXOKI kuba intsomi ithi kwakusendiselwana kudaladala ngoku sekwatshintsha konke oko. √√ (2) 13.3 Isikhukukazi sifumana isohlwayo sokulahlekwa sisitshixo √/ esokufelwa ngumntwana ngenxa yendlala. √ (2) 13.4 Isikhukukazi silumelo olubi lwabantu ababhinqileyo kuba kwenziwa ngathi yinto yangabom le yokuhamba ayobutha xa kusetyenzwa √√/ Silumelo olubi xa singakwazi ukwazelelela abantwana ashiywe nabo ngexesha lokulamba. √√ (2) 13.5 Isikhukukazi sisatyelwa amantshontsho nanamhlanje nguKhetshe. √√ Isikhukukazi sisakhangela isitshixo emfungumfungwini nanamhlanje. √√ (4) 13.6 Sibhuqe, sabhuqa, sabhuqa sada sancama. √/ Sincokole, sancokola, sancokola nesihlobo eso saso kwahamba ixesha √ (Nayiphi enye kwezi) (1) 13.7 Yimfundiso yokuba akulunganga ukukhawuleza uthathe isigqibo ngenxa yokuqhutywa ngumsindo. √√ Yimfundiso yokuba isigqibo osithathayo namhlanje singachaphazela izizukulwana ezilandelayo. √√ (Nayiphi enye kwezi.) (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
18 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2022) 13.8 Ngamakroza √/ uCanzibe √/ ikhwezi √/ iSilimela. √ (Nasiphi isibini kwezi.) (2) 13.9 USilimela uyinkosi yamaNdlambe kobongayo ebonga engumNdlambe naye. √√ (2) 13.10 Kukubala iminyaka yobudoda. √ Sisikhahlelo senkosi yamaXhosa √ (2) 13.11 Kukuqala ngesikhahlelo √ yindlela esiphela ngayo √/ Izitanza azilingani ngokwemiqolo. √ uSilimela ulandwa ngomnombo. √ (Nasiphi isibini kwezi.) (2) 13.12 Kukungakwazi ukwabelana. √√ (2) [25] AMANQAKU ECANDELO B: 25 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 19 ICANDELO C: IDRAMA UMBUZO 14 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) BUZANI KUBAWO – WK Tamsanqa • Apha ngezantsi sisikhokelo sokuphendula esi sincoko, sisebenzise njengesikhokelo kuphela. • Mazamkelwe iimpendulo ezahlukileyo nezichanekileyo ezibonisa ubungqina bokucinga nzulu nokutolika ngendlela eyahlukileyo. • Uluhlu lwemizekelo lunokusetyenziswa ukuxhasa izimvo zabo. • Jonga kwirubrikhi ekwiphepha lama-28 ukuhlola lo mbuzo. Umviwa angachankcatha kwezi ngongoma zilandelayo: Iziphumo zokuqweqwedisa ezikule drama zingabafundisa abantu abasagxile ekubambeleleni kwizithethe ezidala kule ncwadi. Abalinganiswa abagqame ngokugxagxamisa kule drama ngabazali abanguMaGaba, uZwilakhe. UMaGaba noZwilakhe • Isiphumo sokuqweqwedisa kukaMaGaba eqweqwedisa wonke umntu phantsi kwenkolelo yokuba kowakhe umzi intombi eya kurhuqa amajalimani nguThobeka kaMcothama kuphela sisifundisa ngentlungu abahamba phantsi kwayo abaphile phantsi kolo nyanzeliso. • Esokuqala sesokuba uZwilakhe ugqibela ephila ubomi bokungahlalisani kakuhle namaHlubi – abantakwabo, eyinkom’edla yodwa, engacebisekiyo, amaHlubi ade amane ukumkhalala ngamanye. Sisifundo esi kuba nabani uyabona ngokuye kuhamba ibali ukuba ukungacebiseki nokunganqandwa kumenza bambone njengenkomo enotshobo. • Sisifundo esingalibalekiyo esokuba umntwana ade aphambane ephantsi koxinzelelo lomzali omi phezu kwembono yokungazenzi ixoki nokungalahli isiko. • Impumelelo yokuqweqwediseka kukaZwilakhe nguMaGaba ibonakala xa bede bathathe isifungo sokungazenzi amaxoki de bathi kungcono umhtu azisole ngento ayenzileyo kunokuba athi hayi ukwenziwa. • Sisifundo ukwahlulelana komzi ngenxa yokuba uZwilakhe evana nenkosikazi yakhe ingakumbi kuba kuthe kanti uyabonwa ukuba uZwilakhe uqhutywa ngokuqweqwediswa nguMaGaba. Basisipha esisebenza ukuqweqwedisa isiHlubi uGugulethu naye wonke umntu oneempawu zokuba ngumqobo ekubeni uThobeka atshatiswe noGugulethu. • Sisifundo isiphumo sokunyanzelisa kwabo esibekukutshintsha kwempilo kaGugulethu engqondweni athi sele eboniswa yimeko kaGugulethu kunye noMzamo ngempazamo abayenzayo yokukhethela uGugulethu umfazi angamthandiyo kodwa waqina uZwilakhe sele khala ngokungafuni kuzenza ixoki. • Ibewilakhe ngakumqweqwedisa kwakhe unyana wakhe akakhange ade atshate yena kuba usuke wabopha isandla. Esona sifundo sisekuhlazekeni elizweni kuba ude wabonwa nangumfundisi uZwilakhe ukuba uyamntlokothisa uGugulethu. Kunjalo, umqweqwedisa ngokumsayinela amaphepha omtshato. • Isifundo esikwisiphumo salo mtshato wenkani sisisizothe nakweli khaya kuba uGugulethu ulifulathele ikhaya lakhe wahlala eMthatha, wazila ubomi bakhe obuseleyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
20 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2022) • Isiphumo sokuhlala kukaGugulethu emva kokunyanzelwa sidla kwauZwilakhe kuba ungumzali ongenanyana, uhleli noThobeka ekhaya uGugulethu akagoduki. Kufundise nabani ukuba ukunyanzelisa nantoni akunampilo kuba uGugulethu akubona efunzwa ngabantwana uthathe izembe wabaxabela abantwana nonina ngezembe. Olu qweqwediso lunesiphumo sokuba ubomi bukaThobeka buphelile kunye nenzala yakhe. • Isiphumo sokuqweqwedisa kwakhe kukuzisola ade enze isicelo sokuba kugwetywe yena endaweni kaGugulethu. • Sisifundo ukuba naluphi uhlobo lokunyanzelisa alulunganga kuba uMaGaba obenyanzelisa ezifihlile uyavela ukuba unegalelo ngokuthi azityise ityhefu akubona ukuba iziphumo zonyanzeliso lwakhe. • Kwiziphumo zonyanzeliso lwakhe ezimxakileyo besele kujame isiphumo sazo sokuba unyana wakhe ejongwe kukuxhonywa. Nabani ojonge ezi ziphumo angafunda ukuba ukunyanzelisa akusiso isisombululo. [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 21 UMBUZO 15 (UMBUZO OMFUTSHANE) BUZANI KUBAWO – WK Tamsanqa 15.1 UThobeka yintombi kaMcothama. √ uMaGaba uyayithanda ukuba ibengumolokazana wakhe. √/Yintombi ethe ngokuthobeka kakhulu kule drama yaggibela ilixhoba lokubulawa nguGugulethu ngenxa yokuba eziswe kuye enabantwana ekuthiwa ngabakhe. √ (Nasiphi isibini seengongoma ezichaza uThobeka ngokuchanekileyo.) (2) 15.2 Amazwi kaMagaba ayinyani kuba uGugulethu obenyanzelwa ngabazali ukuba athathe uThobeka Mcothama akavumanga √√/ Ayinyani kuba uNomaMpondomise uzikhuphile iinkomo zikaMcunukelwa. √√ Abubuxoki kuba uThobeka utshatisiwe noGugulethu engafuni, wasiwa kuGugulethu engumntwana weli xesha. √√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (2) 15.3 Unobangela kukungaboni ngasonye ngenkqubo yesiko lokubonela phakathi kwabazali nolutsha ngenxa yokutshintsha kwamaxesha. √√ uZwilakhe ufuna uGugulethu atshate intombi ethandwe nguye ngeli xesha uGugulethu afuna ukutshata intombi ayithande ngokwakhe. √ (2) 15.4 Le drama ifundisa ukuba umntu makangenzi abantu benze ngokokuthanda kwabo. √ UMaGaba unobuthathaka bokufuna kuviwe kwenziwe into efunwa nguye. √ Wanyanzelisa uZwilakhe ukuba anyanzelise uGugulethu ukuba atshate uThobeka othandwa nguye. Isohlwayo asifumeneyo sesokufa kukaThobeka, nabantwana bakhe/uGugulethu wabulala abantwana bakaThobeka/uMaGaba wazityisa ityhefu wafa. √ (Impendulo mayikhankanye isifundo, √ ubuthathaka bukaMaGaba √ nesohlwayo asifumeneyo. √) (3) 15.5 Imitshato iqhutywa ngabefundisi √/ kuyadutyulwana ngemipu √/ kukho iinkundla zamatyala. √/ kubhalelwana iileta ngabalinganiswa. √ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (2) 15.6 Ndiyaluchasa olu luvo lukaMaGaba kuba lubaxo ukunika abazali igunya elingangelikaThixo kwaye olo luvo lubeneziphumo ezibi kule drama. √√ (Impendulo echanekileyo yexhaswe ngokuvakalayo ingaphuli imithetho yokuhlalisana kakuhle nomGaqo-siseko weli.) (2) 15.7 Lisiko lokubonela apho umfana wayebonelwa intombi ngamakhaya yaze le ndlela yaphelelwa lixesha. √√ (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
22 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2022) 15.8 Intetho kaMthetho imbeka kwicala lolutsha likaGugulethu/labatsha √ kuba uchasene nokuba umfana makabonelwe intombi. √ (2) 15.9 Kusengumbuzo eneneni ukuba batyhaphake amehlo na xa bengakwazi ukubona ukuba amaxesha ngamanye. √√ / Xa kuthiwa baye phi unobumbolombini lo mbuzo kuba inxeba likanyana liviwa ngumzali ongutata, nguye olaziyo inxeba alivayo uGugulethu lokuthanda intombi ngokwamava akhe yena yise. √√ (Nayiphi impendulo echanekileyo) (2) 15.10 Uluchasile kuba uGugulethu uyohlwaywa ngumthetho kuba ethathele umthetho ezandleni zakhe nangona evakala unobangela wokungena kwakhe kolu daka. √√ / uGugulethu wohlwayiwe kwakhona ngokwaphula umthetho atyeshele isithembiso, atshate noThobeka endaweni yokutshata noNomaMpondomise abemthembisile. √√ (2) 15.11 Azizange zihambelane. Uyise waqhubeka wathumela amaHlubi ukuba ayekucelela amaHlubi ubulawu. √√ (2) 15.12 Zimfundisa ukuba usana olungakhaliyo lufela embelekweni. √√/ Zimfundisa ukuba ukwenza into ungayifuni akulunganga/ukuthula wenze into kuba kusitsho abazali ungathethi akusoloko kunceda neziphumo zingangabi zihle. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 23 UMBUZO 16 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) INDLAL’ INAMANYALA – M. Lamati Iziphumo zokungakwazi ukuzeyisa kwabalinganiswa kule drama zingayimfundiso kubantu abakwiimeko zendlala. Le drama iwudlulisa lo myalezo wokufundisa ngeziphumo zezenzo zokungakwazi ukuzeyisa zabalinganiswa ababudala bahlukeneyo ezineziphumo ezibi kunye neziphumo zezenzo zabazali abanoxanduva lokuthatha izigqibo ezimele ukwakha amakhaya abo. Bonke bathi ngokoyiswa yindlala bazibone behendeka kwimikhuba yokwenza ulwaphulomthetho. • Isifundo sisekubeni uSiphokazi uyahendeka sele evene noSiqhiwu ukuba kungumkhuba ombi okwenziwa nguMaqhikizane ukudlala ngabantwana babantu afune ukubenza abafazi phambi kokubanika umsebenzi. USiphokazi akuxakwa zizigqibo eziquka ukufuna ukwendela nakuSirhezu angene zwabha kulo mkhuba. • Ukufundisa kwawo kukwisiphumo sokuzisola kukaSiphokazi sele ebonwa exolisa kuSiqhiwu. • Isiphumo sokuba uMaGatyeni ayeke ukubambelela kuThixo siyimfundiso koomama kuba umama ongekho selukholweni uyaziwa ukuba akabi nasivuno ebomini kuba akabafundisi nto nabantwana bakhe. • Kube sisiphumo sokuhendeka ukuba uMaGatyeni alahle ukubangumama webhatyi akhonze uMamQhinebe. Ukulahla kwakhe aye kuba ngumama wokuba iintsana kumenza aphulukane nesidima sokubangumama. • Isiphumo sokubanjwa kwakhe sibafundisa ngakumbi abantu abebecinga ukuba sisisombululo ubusela nobaluphi uhlobo. • Kusisifundo ngakumbi kuba uMagrazula ongumqeshi wabo akabandakanyeki nakanye xa sele bebanjwa kubanjwa bona bebesiba iintsana zabantu. Bohlwaywa bodwa. Sisifundo esinzima kuba xa bejonga emva akukho mpucuko ize nayo le nto bebeyenza. • Isiphumo sokungakwazi ukuzeyisa sibe kukuphulukana nobomi obumnandi neentsapho zabo bangabazali abahlala ejele. • UMamQhinebe naye ungomnye ongakwazanga kuzeyisa xa eboniswa indlela zobutyebi nguDlezinye. Uthi sele ezibona ukuba akanasibindi abhenele ekuqinisweni okukwacetysiwa nguDlezinye. Ukuqiniswa kubenesiphumo sokuba athembele kukuqiniswa akwenziweyo enze imikhuba arhumrheke. Ukubanjwa kwakhe kudulisa ukuba ibingeyonto yakuthembela le yokubangumama olisela eliba ubomi bomntwana. Ezo ziphumo zokubanjwa zifundisa nabani ofuna ukuwuqala lo mkhwa azi ukuba ukungakwazi ukuzeyisa kwakukhe kwabetha uMamQhinebe wazibona sele ehlala ejele ebecinga ukuba usebenzela umzi oseNorth Crest. Lilonke iziphumo zeemeko abantu abazifaka kuzo zifuna ukunikwa umqaphela ukuze abantu bangangeni ezingxakini. (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
24 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2022) UMBUZO 17 (UMBUZO OMFUTSHANE) INDLALA INAMANYALA – M. Lamati 17.1 UMagrazula lixhwele lakwaBhaca eliphila ngokwenza ukungcola kokuba abanye abantu babulale abanye. √√ (2) 17.2 Yinyaniso kuba ooMaGatyeni bathei sebebanjwa abalibiza igama lakhe. √√/ Kuba akakhangelwa kuba akazenzi ngokwakhe izinto ezimbi zokuba iintsana, usebenzisa abantu nasekubafuneni abokuba iintsana. √√ (2) 17.3 Unobangela wempixano kule drama yindlala edala ukungaboni ngasonye ngezisombululo zengxaki yendlala egqubayo. √√ (2) 17.4 Ifundisa ukuba xa umntu uxhomekeke kuye makangade ayokufika ekukuthatheleni izigqibo. √ uMaGatyeni ube nobuthathaka bokoyika indlala wangena kumkhuba wokuba iintsana noMamQhinebe √ waza wabanjwa kunye noMamQhinebe lowo. √ (3) 17.5 Kukho amanesi, √/ iinkundla zamatyala √/ iikliniki √ /Kukho oomama bebhatyi kuhanjwa icawa. √ (Nasiphi isibini esichanekileyo.) (2) 17.6 Luyachaseka olu luvo kuba iintsana azibeki lula kuba alukho usana olufunyanwa luzihlalele kulula ukubhaqeka kwangoko. √√/ Usana olungelolwakho lukhala ngokwahlukileyo yiloo nto ooMaGatyeni befunyenwe lula. √√ (2) 17.7 Ubuhlwempu nobunzima abathetha ngabo yintsokolo abayifumene bengoomama abangenabayeni bekhulisa iintsana zabo bazifundisa zasuka azaba namsebenzi. √√ (2) 17.8 Imbeka kwicala lezaphulimthetho ezixhaphaza abantu ukuze zitye zona. √√ (2) 17.9 Intetho kaDlezinye enyebelelayo kuthe kanti imsa kokaThisayo uMamQhinebe kuba wenze ngokomyalelo wakhe waphelela ejele. √√ (2) 17.10 Uluthiyile kuba uMaqhikizane obesenza ulwaphulomthetho ngokunyobisa umenze wayonwabela okwethutyana loo nto wabuya wabanjwa wagwetywa kanye ngesenzo sokunyobisa. √√ (2) 17.11 Azizange zihambelane zayengeza ngakumbi kuba waphelela ejele eshiya ezo ntsana kanye xa ziza kuqala ukuphangela. √√ (2) 17.12 Bumfundisa ukuba ukungalukuhleki ungene kulwaphulomthetho kunomvuzo omhle onabela nakwabanye abantu. √√ Ukungathuli cwaka xa ubona ulwaphulomthetho lusenzeka kunomvuzo omhle. √√ (2) [25] AMANQAKU ECANDELO C: 25 AMANQAKU EWONKE: 80 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC SEPTEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 27 ICANDELO A: IRUBRIKI YESINCOKO SONCWADI: ISIHOBE [10 AMANQAKU] Imiqathango Egqwesileyo Esemagqabini Eyanelisayo Eyinxalenye Engaphumelelanga neqaqambileyo nefanelekileyo UMXHOLO 5–6 4 3 2 0–1 - Isihloko sitolikwe - Ubonisa ukuqonda - Isihloko sitolikwe - Ayanelisi indlela - Akanalwazi Ukuhlalutywa ngokunzulu. nokutolika kakuhle ngokwanelisayo ekutolikwe ngayo kwaphela kwesihloko, ubunzulu - Iingxoxo ezinomtsalane isihloko okanye - Akho amanqaku isihloko/umbuzo ngesihloko bengxoxo indlela ezixhaswe umbuzo axhasa isihloko - Anqongophele - Impendulo ayikho azakuzela ngayo ngokuvokothekileyo - Impendulo inazo kakuhle kakhulu amanqaku mxholweni ingxoxo ukuwulandela - Kusetyenziswa isihobe iinkcukacha - Ezinye iingxoxo okuxhasa isihloko wesihobe. kakuhle umhobe. - Impendulo ibonisa ezanelisayo zixhasiwe nangona - Impendulo - Impendulo ibonisa ulwazi olugwesileyo - Izimvo ezibambekayo ingezizo zonke ibonakalisa ukulambatha 6 AMANQAKU lwesihobe. zinikiwe nangona ezixhaswe ukuqhwalela kulwazi kulwazi lwesihobe. ingezizo zonke nje ngokwanelisayo lwesihobe. ezixhaswe njengoko - Impendulo bekufanelekile ibonakalisa ulwazi - Impendulo olusisiseko sesihobe. ibonakalisa ulwazi lwesihobe. 4 3 2 1 0–1 ISAKHIWO NOLWIMI - Isakhiwo siyathungelana. - Isakhiwo sicacile - Bukho ubungqina - Isakhiwo - Isakhiwo sife - -Ingxoxo ixongxwe kuhle kwaye ingxoxo besakhiwo sibonakalisa iziphene amanqe Isakhiwo, kwaye zikhuliswe iyathungelana - Isincoko zoyilo. - Iziphene zolwimi ukuthungelana ngokugqwesileyo - Ukuthunegelana sibonakalisa - Ingxoxo ezingamkelekanga kwezimvo nendlela nangokucacileyo kwengxoxo ukusilela ayicwangciswanga konke konke yokubhala. Ulwimi - Ulwimi ithoni, nesimbo kuyalandeleka. kukuthungelana ngokukuko. nesimbo ithoni nesimbo zivuthiwe, zinomtsalane - Ulwimi, ithoni nokunamathelana - Bukho ubungqina esingachanekanga sokubhala isincoko zichanekile nesimbo zichanekile - Kwezimvo. beziphene zolwimi. - Igrama, upelo ubukhulu becala.- Iziphene zolwimi - Ithoni nesimbo 4 AMANQAKU neziphumlisi zimbalwa, ithoni sokubhala azinaziphene kwaphela. nesimbo sokubhala azichanekanga. zichanekile ikakhulu. QAPHELA: Ukuba umviwa akawuchaphazelanga nakancinci umxholo, ubhale nje isincoko makanikwe i-0 kumxholo, isakhiwo nolwimi. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
28 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2022) ISIHLOMELO B: AMACANDELO B NO C: IRUBRIKI YOKUHLOLA ISINCOKO SONCWADI- INOVELI, UNCWADI LWEMVELI NEDRAMA [25 AMANQAKU] Imiqathango Egqwesileyo Esemagqabini Eyanelisayo Eyinxalenye Engaphumelelanga neqaqambileyo nefanelekileyo UMXHOLO 12–15 9–11 6–8 4–5 0–3 - Impendulo igqwesile - Ubonisa ukuqonda - Impendulo iphakathi, - Buncinane ubungqina - Buncinci kakhulu 14–15 nokutolika kakuhle asiyiyo yonke imiba obubonakalisa ukusazi ubungqina obububo 15 AMANQAKU - Impendulo ebalaseleyo. isihloko okanye ekungenwe kuyo nzulu. isihloko yaye kunqabile ukuqonda isihloko. 12–13 umbuzo. - Akho amanqaku ukungena nzulu - Iimpendulo zisilele - Ukutolikwa okunzulu - Impendulo inazo asixhasa kwimiba ekubhalwa kakhulu ukuphendula kwesihloko iinkcukacha ngokufanelekileyo ngayo. umbuzo. - Iingxoxo ezinomtsalane ezanelisayo. Izimvo isihloko - Ambalwa amanqaku - Izimvo zibekwe ezixhaswe ezibambekayo zinikiwe - Ezinye izimvo zixhasiwe axhasa isihloko. ngendlela engacacanga ngokuvokothekileyo nangona ingezizo zonke kodwa ubungqina - Iimpendulo konke konke. kusetyenziswa uncwadi. nje ezixhaswe njengoko abusoloko ezichanekileyo - Alukho kwaphela ulwazi - Ukuqonda kufanelekile. busamkeleka. zimbalwa kakhulu. lwejenre netekisi. okubalaseleyo kwejenre - Impendulo ibonisa - Ulwazi lwejenre/netekisi - Luncinane ulwazi netekisi. ulwazi lwejenre netekisi. alugqibelelanga. ngejenre netekisi. ISAKHIWO NOLWIMI 8–10 6–7 4–5 2–3 0–1 - Isakhiwo - Isakhiwo sicacile kwaye - Bukho ubungqina - Isakhiwo sibonakalisa - Ukungabikho koyilo siyathungelana. ingxoxo iyathungelana besakhiwo iziphene zoyilo. kwenza ukuba 10 AMANQAKU - Intshayelelo nesiphelo kakuhle. obungagqibelelanga. - Izimvo azithungelelani kungabikho esigqwesileyo. - Intshayelelo nesiphelo - Unamathelelwano kakuhle. thungelelwano - Ingxoxo yakheke kunye nemihlathi nothungelelwano - Iziphene zolwimi lwezimvo. ngokufanelekileyo yaze zicwangciswe lwezimvo lukho, kodwa ziyabonakala. - Iimposiso zolwimi yakhuliswa ngendlela edala kukho iziphene. - Ithoni nesimbo nesimbo sokubhala ngokucacileyo uthungelwano. - Zikho iziphene zolwimi sokubhala esife amanqe kwenza - Ulwimi, ithoni nesimbo - Izimvo zithungelana ezithile, ithoni, nesimbo asichanekanga. ukungavakali sokubhala sivuthiwe, ngokuchanekileyo. sokubhala sichanekile - Imihlathi ineziphene. kokubhaliweyo. sinomtsalane, - Ulwimi, ithoni nesimbo ikakhulu. - Ayichanekanga ithoni sichanekile. sokubhala - Imihlathi ichanekile nesimbo sokubhala sisetyenziswe ikakhulu. - Ulwakhiwo lwemihlathi - Ngokuchanekileyo ludlakadlaka. ikakhulu. AMANQAKU 20–25 15–18 10–13 6–8 0–4 QAPHELA: Umahluko wamanqaku phakathi kwelesakhiwo nolwimi kunye nelomxholo mawungaqaqelani ude udlule amanqanaba amabini kwisincoko esinye. Ukuba umviwa uwutyeshele ngokupheleleyo umxholo, suka wabhala isincoko esiya sephepa lesithathu, mnike u-0. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 12 Isixhosa Hl

Explore more published documents in this catalogue.

View all