You're offline
Skip to content
Memorandum

XHOSA HL P2 MEMO GR12 SEPT 2018.pdf

Subject: Isixhosa HlGrade 12201826 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2018 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 IMEMORANDAM AMANQAKU: 80 Le memorandam inamaphepha angama-26.
2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2018) EMAKUQATSHELWE XA KUMAKISHWA • Le memorandam ilungiselelwe ukuba ibe sisikhokelo kubakorekishi. • Le memorandam iza kuxoxwa nesigqeba sokukorekisha phambi kokuba kuqalwe ukukorekisha kumaziko okukorekisha. • Iimpendulo zabaviwa kufuneka zinikwe ingqwalasela ngokokufaneleka kwazo. IZIKHOKELO ZOKUKOREKISHA 1. Xa umviwa ebhale iimpendulo ezingaphezulu kwezilindelekileyo, makisha impendulo esekuqaleni kuphela. (Umviwa akuvumelekanga ukuba aphendule umbuzo osisincoko nombuzo omfutshane kudidi olunye kwijenri enye.) 2. Xa umviwa ephendule yomine imibuzo kwiCANDELO A (imibongo efundisiweyo), korekisha kuphela emibini yokuqala. 3. Xa umviwa ephendule imibuzo emibini emifutshane okanye imibuzo emibini esisincoko kwiCANDELO B nakwiCANDELO C, makisha umbuzo wokuqala kuphela ungawuhoyi owesibini. Ukuba umviwa uphendule yomithathu imibuzo (kwiNoveli/kuNcwadi Lwemveli) okanye yomine imibuzo (kwiDrama), korekisha kuphela impendulo yokuqala kwiCANDELO ngalinye, xa kwenzekile ukuba uphendule umbuzo omnye omfutshane nomnye osisincoko. 4. Xa umviwa enike iimpendulo ezimbini ibe eyokuqala ingachanekanga, elandelayo ichanekile, korekisha eyokuqala ungayihoyi elandelayo. 5. Xa iimpendulo zinonjolwe ngokuchanekileyo, korekisha ngokwendlela ekunonjolwe ngayo kwimemorandam. 6. Xa upelo olugwenxa luguqula intsingiselo, yihlabe loo mpendulo. Xa intsingiselo ingaguqukanga ngenxa yopelo olugwenxa, yimakishe loo mpendulo. 7. Imibuzo esisincoko Xa impendulo yombuzo osisincoko imfutshane kunoko kulindelekileyo ngokwenani lamagama, musa ukumohlwaya umviwa kuba sele ezohlwaye ngokwakhe. Xa impendulo yombuzo osisincoko inde kakhulu, phicotha ngokwempendulo ayibhalileyo wandule ukuyigqithisela kumkorekishi ophezulu. Sebenzisa irubriki yokuhlola ekwisihlomelo esinguA nesinguB ukuhlola izincoko zabaviwa. 8. Imibuzo emifutshane Musa ukumohlwaya umviwa ongasebenzisanga iimpawu zocaphulo xa ecaphula. 9. Kwimibuzo evulelekileyo, musa ukunika amanqaku ngoHAYI/EWE okanye ngoNDIYANGQINELANA/ANDINGQINELANI. Korekisha impendulo exhasayo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 3 10. Akukho manqaku abelwa uYINYANI/ BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO. Makisha impendulo exhasayo. 11 Iimpendulo zemibuzo emifutshane mazihlolisiswe ngokupheleleyo kwayanywe kwiingxoxo eziqhubeke ngexesha lobekomgangathweni lwesikhokelo sokukorekisha. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2018) ICANDELO A: ISIHOBE IMIHOBE YESIXHOSA – B Ngombane UMBUZO 1 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) IIMBONGI – ZS Qangule Amanqaku ali-10 ewonke kulo mbuzo. Ama-6 ngawomxholo aze ama-4 abe ngawolwimi kunye nesimbo. Sebenzisa irubrikhi esisihlomelo A. • Sebenzisa ezi ngongoma zilandelayo, njengesikhokelo sokukorekisha lo mbuzo. • Iimpendulo zinokwahluka ngokuxhomekeka kwindlela umfundi awuve ngayo umbongo. • Jonga kwirubrikhi ekwiphepha lama-30 ukuhlola lo mbuzo. Umfundi kulindeleke ukuba achankcathe kwezi ngongoma zilandelayo: Impixano ibonakala ngokubethabethana kwezimvo. Ngokwalo mbongo ziyabethabethana izimvo zembongi ngokwemisebenzi yembongi. Isigama esisebenzisayo imbongi siyakudiza oku.Kwiisonethi oku kuguquka kubonakala kwindawo apha kumbongo ekuthiwa yivolta. Kwelinye icala iyazoyikisela iimbongi ngenxa yokuceketheka kweememko iimbongi ezisebenza ngayo kwanendlela ezibonwa ngazo iimbongi. Imiqolo emihlanu yokuqala idiza ukuzoyikisela • Zisuka nje izibona ziziinkedama: Kuba kungekho bani uzithethelelayo kwaye ngokwembono yayo aziphatheki kakuhle izifanise ngqo ngesikweko nendlela ephathwa ngayo inkedama. Iqwela ngokuzibona zibhonga kwizibongo ezizenzayo kuba zikhalela okanye zikhalazela oko zikukhalazelayo. • Umsebenzi wazo ubonwa njengomsebenzi oethe-ethe “wokunuka” kuba ziba ngathi ziyabatyhola abo sukuba benesiphene okanye isikhwasilima. • Kuba zithetha nje, zibhekise ngqo, ukuthetha kwazo kufaniswa nokwamanxila kangangokuba bade bangaqondakali ukuba baphilile engqondweni. • Kuyabonakala ukuba nangona iimbongi zisoloko zinolwazi zinamandla okuthethelela, ukunqanda into embi eyenzekayo nakuba kukuliphi na ibakala lombuso, kufuneka ziwabale amazwi azo zingawunyhashi umbuso. • Kowesihlanu umqolo umsebenzi wazo ubonwa njengempoxo. Kwimiqolo 6–14 Imbongi ibonakalisa ukutshintsha ibona ubuchule, amava obungayiwayo kwabo ibiboyikisela.Ibabona beprofithesha, bezizazi bekho nakwezobuKrestu bethandazela, bephilisa benyanga, benika ulwazi ngezintsompothi zesizwe, kuthenjelwe kuzo. Ibabona njengabavuseleli apho abantu bafikelwa ngumtha wedolo ibakho yona ibavuselele. Incoma nokungapheli kweengcinga isebenzisa amagama “ziingxangxasi” ukubonisa obu buninzi. Ukutola nokuhlola ludidi oluthile lokubona izinto ezingabonwa ngamehlo njee esiqhelo. [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 5 UMBUZO 2 (UMBUZO OMFUTSHANE) UNGOMA KAVELAPHI – JJR Jolobe 2.1 Lizisa intsingiselo yokuba lowo kuthethwa egameni lakhe sele ezakulishiya eli phakade. √√ (2) 2.2 Ngumhobe bungoma √ kuba isimbo sokuphindaphinda imiqolo ethile siwunika olu phawu. √ (2) 2.3 Ukusebenzisa kwembongi amazwi aphindiweyo athi “ndiyeza’’ bubungqina bokuba umguli lo kuthethwa naye uyasiva isikhalo ingakumbi kuba uvuma ukuba ungowakhe sisithandwa sakhe. √√ (2) 2.4 Eyokuba umguli uzibona engasenakubuya mva kwaye uzibona enayo indawo kwilizwe aya kulo okanye enebango kule ndawo √√/Eyokuba likhaya lakhe lemveli apho aya kuhlangana naye kwakhona. √√ (2) 2.5 Ungokugulela ukufa kukaVelaphi engxamele ukuya kudibana nenkosikazi yakhe esele yalandulela eli. √√ /UngoVelaphi osemgodini okhumbula inkosikazi yakhe engenakuya emayini ngenxa yemithetho evalelayo. √√ (2) [10] UMBUZO 3 (UMBUZO OMFUTSHANE) UKWENZIWA KOMKHONZI – SEK MQHAYI 3.1 Eyokuba lo uthethayo akayifuniseli koko uyayazi into athetha ngayo. √√ (2) 3.2 Ngumbongo nkwintsho√ kuba imbongi iyakhalaza ikhalazela impathombi efunyanwa ngabantu egameni lokwenziwa izicaka. √ (2) 3.3 Imbongi ngokwalo mqolo ayikwamkeli konke konke ukuphatheka kakubi kuba ivakalisa ukuba bazenza ngathi bayabanceda abantu ababaphatha kakubi. √√ (2) 3.4 Ingcinga yokuba abantu akukho lula ukwenziwa komkhonzi √√/ Eyokuba olu uqeqesho alulula konke konke √√/ Eyokuba asikokukhonza noko oku kukucaka √√/ Eyokuba imbongi iyayikhuza le ndlela yokwenza umkhonzi ngoko ke mayinikwe ingqwalasela. √√/ Eyokuba imbongi yanelisekile yindlela asukwa ngayo umkhonzi ngoko ke abantu mabalunyamezele uqeqesho oluhamba nako. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) 3.5 Ungendlela emasikizi abantu abenziwa ngayo izicaka bekhalaza. √√/ ungendlela ababesenziwa ngayo abamnyama beli ukuba bathethe into abangayithethiyo okanye abangevani nayo ngebhaxa. √√/ ungendlela abantu abahluphekayo ababephathwa ngayo ngabantu abahluthayo √√ ungendlela yokuhlalisana kwabahluthayo nabahluphekayo kweli. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
6 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2018) UMBUZO 4 (UMBUZO OMFUTSHANE) UMFIKAZI UCHARLOTTE MANYHI MAXEKE – JJR Jolobe 4.1 Eyokuba obongwayo ngumntu ongumama owenza imisebenzi enzima √√/ UCharlotte wayengumama owayesebenza ngabantu abanezimilo nezimo ezingajongekiyo. √√ (Nasiphi na kwezi) (2) 4.2 Yi-eleji/ sisimbambazelo/ ngumbongo othuthuzelayo √ kuba uthuthuzela isizwe ngelahleko kamfikazi uCharlotte Maxeke √ (Nayiphi na impendulo echanekileyo iya kwamkeleka.) (2) 4.3 Iyakwamkela kuba intetha ethi ‘igqibile’ yintetha eluphawu lokwamkela kwaye imbongi ifuna ukuba abo balahlekelweyo bakholelwe ukuba izinto azenzileyo zezo bekufanele ukuba azenze. √√ (2) 4.4 Eyokuba abo bafelweyo nabafazi mabathathe apho le ntokazi iyeke khona nabo benze imisebenzi emihle nanjengoko ebesenza √√/ Eyokuba mabayeke ukulila bajonge phambili. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) 4.5 UngoMama uCharlotte Maxeke osishiyileyo isizwe ebenemisebenzi emihle esizweni ngexesha lokuphila kwakhe. √√ (2) [10] ISIHOBE ESINGAFUNDISWANGA (SINYANZELEKILE UKUBA USIPHENDULE) UMBUZO 5 (UMBUZO OMFUTSHANE) A! ZILIMBOLA! – M Mbambo 5.1 Isikhahlelo √/Ukulandwa komnombo √/ ukusetyenziswa kwezikweko √/ Ukusetyenziswa kwezibhebhewula zamagama √ (Nasiphi isibini kwezi) (2) 5.2 Lo mqolo uphuhlisa ukuba umendi uthi ukuze azive emzini abe unomntwana oyindodana. √√ (2) 5.3 Sisikweko √ esisebenze ukubonakalisa ukuba uvelele ebantwini uqwalasele yonke into ephantsi kwakhe √/Sisebenze ukubonisa iliso elibukhali kubantu abaphetheyo. √ (2) 5.4 Umqolo wama-20 wakhiwe ngamagama amathathu ukanti owama-21 wakhiwe ngamagama amane. √√ (2) 5.5 Ungenkangeleko kaZilimbola kwanobuciko bakhe. √√ (2) [10] AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 7 ICANDELO B: INOVELI/UNCWADI LWEMVELI INOVELI UMBUZO 6 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) INKAWU IDLIW’ ILILA – S Kula • Apha ngezantsi sisikhokelo sokuphendula esi sincoko, sisebenzise njengesikhokelo kuphela. • Mazamkelwe iimpendulo ezahlukileyo nezichanekileyo ezibonisa ubungqina bokucinga nzulu nokutolika ngendlela eyahlukileyo. • Uluhlu lwemizekelo lunokusetyenziswa ukuxhasa izimvo. • Jonga kwirubrikhi ekwiphepha lama-24 ukuhlola lo mbuzo. Umfundi makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo: • Ukomelela komlinganiswa oyintloko kubonwa ngenani okanye ububanzi bemiqobo athe wahlangana nayo ebalini ukuya kwimpumelelo okanye isiwo sakhe. • Imiqobo zizo naziphi iziphazamiso eziza nomchasi ukuze angayifumani lula into ayifunayo oyintloko. • Kule ncwadi uThantaswa unguye umlinganiswa oyintloko owomeleleyo kuba ubesilwa nomchasi onamandla- umthetho. Ngezantsi yimiqobo anokuchankcatha kuyo umfundi ozama le mpendulo: • Umqobo wokuqala ngowokufumana uMsindisi ongusomashishini awuqabele ngokuqweba isibindi esithatha kumandla awahlohlwe nguNomathamsanqa ukuba asebenzise ikhadi elineenombolo zemfonomfono. • Akumfumana uMsindisi ufuna ukuba nomntwana kaMsindisi azokuba nendlalifa, sisuke siphume isisu kucace ukuba akanakuze afumane bantwana – iphupha lakhe lendoda esisityebi lifadalale. • UMsindisi ufuna ukutshata isithembu xa uThantaswa engenakufumana bantwana uThantaswa awuqabele ngokujima noMfuneko bahlobane. • Ngowokubulala uMsindisi xa kucaca ukuba akabandakanywa nakuloo mashishini ngenxa yokungabi namntwana. • Noku kuhamba noMfuneko kuphinda kube ngumqobo kuqinise injongo yesithembu awuqabele lowo ngokuya kuhlala kuloMsindisi, akhe ipomakazi lendlu ahambe necawe ngenjongo yokuthenga ubuso noxolo lukaMsindisi. • Akulufumana uxolo ukhwela kwinqwelo yokubulala kunye noMfuneko emva kokufumana icebo kuMfuneko malunga nendlela angamsusa ngayo. • Akumsusa kuvela umqobo wokuba iincwadi zelifa azimbandakanyi awuqabele ngokuya kuMdlambila. • Kukwakho nalo wokuphepha ityala lokubulala uMsindisi aphetshiswa nguMfuneko noNqoza kulo kodwa abe emi emi uMapheza ekuphandeni. • UMapheza uye eba ngumqobo usuku nosuku, ibe bulunga xa esenzelwa amayelenqe okuba adliswe nguNqoza kodwa ixhala lokuba angaphila libenza bawuzame lo mqobo unguye ngokumkhupha esibhedlele ukuba asiwe kuvutha kaSphongo okweli qumrhu likaThantsawa. Liphelelwe nelo icebo kuba uvutha ubulele unyana kaSphongo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
8 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2018) • Umqobo wokuya kwilifa usekukutshintshwa kweencwadi zelifa ezithi zakutshintshwa zingatshintsheki ngenxa yempazamo ayenzileyo yena Thantaswa ekusayineni. • Ilifa liwela kunyana kaMsindisi, uPhumlani, kube sekuvela omnye umqobo wokugxothwa kukaMfuneko noNqoza emsebenzini abe uyatyhileka yena kumntu wonke ukuba nguye obulele uMsindisi abe noMkhokeli emhlalele ngokumvusela isazela. • Owokugqibela ngowokuba xa ephelelwe ngamahlathi kangaka kucaca ukuba makabuthathe ubomi bakhe. [25] UMBUZO 7 (UMBUZO OMFUTSHANE) 7.1 Idolophu yaseGcuwa inezifundiswa ezi luxhaphake kuzo olu hlobo lolwaphulo mthetho. √√ /Ineendidi zabasebenzi abafana naba basesipoliseni bangooMfuneko ekulula ke ukuba bafakwe kwimigibe eyile agqibele engena kuyo. √√/ Oosomashishini bafumaneka kwiidolophu ezinje ngeGcuwa le. √√/ OoSixaki ngabantu abahlala ematyotyombeni abahluphekayo bafumaneka lula ukuze banikwe imadlana engephi baqhube imisetyenzana efana nokubulala abantu. √√/Amagqwetha nee-ofisi zawo nazo eziqhuba izenzo zolwaphulo mthetho nabantu abanamabhongo okwenza iiwili bafumaneka kwiindawo ezifana neGcuwa le. √√ (Nasiphi na kwezi) (2) 7.2 Lulwimi oluqweqwedisayo. √ Kuba lumqweqwedisa umntu ngokuthi lumenze azijongele phantsi kuba libhekisa kumntu omathileyo aze ke ngoko nangoko afune ukuzikhupha kweli phungulelo ngokwenza oko kufunwa ngulo ukhupha loo mazwi. √ (2) 7.3 Hayi kuba nguye owayesele esithi usisidenge ngokuhlala ahlale abulale umyeni wakhe uMsindisi. √√ (2) 7.4 Umenze wazithethela ngokwakhe sazivela iindlela nobubi abukhupha ngomlomo wakhe obumtyhilayo uhlobo alulo. √√ (2) 7.5 UThantaswa wenze ubudenge ngokubhala umhla ongahambelani nobhalwe lingqina likaMsindisi. √√ (2) 7.6 Lo mxholwana ulobele uThantaswa kumgibe wokuthandana nosomashishini ngeenjongo zokufumana ubutyebi ngenxa yencoko yakhe nentanga yakhe kwangabikho unqandayo. Kukhule ukunyoluka ukuze angene kumgibe wokuthenga ababulali. √√ (2) 7.7 UMapheza umele icala lomthetho kwaye akagungqi. √√/Nguye ke ngoko odlulisa umyalezo kubo bonke abaphuli mthetho abakule ncwadi nabafundayo ukuba ulwaphulo mthetho alunantlawulo. √√ (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 9 7.8 UMfuneko yena unzulu kuba elipolisa nje uleli laphula umthetho. √ Ukho kumayelenqe okukhulula abafazi ababulele amadoda.√/ Uyabandakanyeka xa uThantaswa afuna ukubulala umyeni wakhe. √/ Ukwathandana noThantaswa etshatile. √ Nguye othenga nofuna okanye ofaka abanye kulo mgibe de kucace ukuba ugqiba kwa isipolisa eso ooNqoza bangamaxhoba akhe. √/ UNqoza uphelelwa ngumsebenzi ngenxa yokusebenzisana naye. √ Indlela asebenza ngayo inxamnye nenjongo awayeqeshelwe yona. √ (Nasiphi isibini kwezi) (4) 7.9 Kusemini ngesithuba sentsimbi yeshumi elinambini. √ (1) 7.10 Eyokuba uzibona esemngciphekweni esengabanjwa nanini na xa uMfuneko olihlathi lakhe ethathwa kuye. √√/Eyokuba uzibona ekwimeko yokuba amahlathi kuye aphelile. √√ (2) 7.11 Indibongo yindawo emnyama, enzulu ekunzima ukuphuma kuyo apho kungabonakali cala lakuphuma nakukhanya. UThantaswa uyibona iyindibongo le kuba kwimeko akuyo uphelelwe ziinyani ngoku xa elahlekwa nangumhlobo wakhe endleleni. √√ (2) 7.12 Sisifundisa ukuba masilumkele ukulandela abantu ngokubathanda kuba oko kungasifaka ezingxakini nanjengoko kwenzeke njalo kuye. √ Namhlanje ugxothwe emsebenzini uye kotha ilanga ngenxa yokuthanda izinto. √ (2) [25] UMBUZO 8 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) NYANA WAM! NYANA WAM! – WK Tamsanqa • Apha ngezantsi sisikhokelo sokuphendula esi sincoko, sisebenzise • njengesikhokelo kuphela. • Mazamkelwe iimpendulo ezahlukileyo nezichanekileyo ezibonisa ubungqina • bokucinga nzulu nokutolika ngendlela eyahlukileyo. • Uluhlu lwemizekelo lunokusetyenziswa ukuxhasa izimvo zabo. • Jonga kwirubrikhi ekwiphepha lama-24 ukuhlola lo mbuzo. Umfundi makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo: • Ukomelela komlinganiswa oyintloko/ oliqhawe kubonwa ngenani okanye ububanzi bemiqobo athe wahlangana nayo ebalini ukuya kwimpumelelo okanye isiwo sakhe. • Imiqobo zizo naziphi iziphazamiso eziza nomchasi ukuze angayifumani lula into ayifunayo oyintloko. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
10 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2018) Kule ncwadi uThole unguye umlinganiswa oyintloko/iqhawe owomeleleyo kuba ubesilwa nomchasi onamandla- intliziyo yakhe engakwazi kulandela ezona njongo zakhe zobom. • Umqobo wokuqala ahlangana nawo ngowokuyeka isikolo phakathi aye eRhawutini. • Xa ebuya uziyeka adlule neetshomi ezihambe zimseza de azibone sele eseBhayi. • EBhayi, sele esithathile isigqibo sokubuyeka utywala, wafumana umsebenzi, uziyekela ezintombini athandane noNomsa othe kanti ukwathandana noJoe osisikrelemnqa. • Sele ebethelwa xa eza kungena kuloNomsa, akayinanzi loo nto ahlangane noJoe ubuqu ambethele ikasana ehamba nabanye oonqevu athathe isigqibo sokusebenzela inkosi abe sele ethatha nemithwalana yakhe ukusinga kwelakubo. • Kuloo ndlela uhlangana nomqobo okukuhuhutheka neetshomi, nazo ziya kumlahla ezingonyameni eKnysna zibaqwenge phofu yena asinde. • Umqobo ahlangana nawo ngowendlala yaseKnysna awuqabele ngokuzenza igqirha afumane imali eyaneleyo yokugoduka. • Xa kulapho kanye injongo yakhe yobom iyaziveza ukuba akakayiqabeli angafane angabi nandlela nje. • Akugoduka uhlangana noFikizolo ezenza umqotyana esithi makazeke ayeke isikolo ngenxa yokuba ecinga ukuba mdala. Awoyise lowo ngokuthatha isigqibo sokuphindela esikolweni asilandele. • Umqobo ovelayo ngowokuphelelwa yimali abezifundisa ngayo awuqabele ngenxa yeziphiwo zakhe wafundiswa ngamaWesile de wanePHD. • Waqabela, wazeka, wangumfundisi, wafumana uyise, wavusa ikhaya waneliseka. [25] UMBUZO 9 (UMBUZO OMFUTSHANE) NYANA WAM! NYANA WAM! – WK Tamsanqa 9.1 Le dolophu ibonise uThole intokazi enguNomsa ethe yamenza wangena kumgibe kaJoe owambetha wakhumbula ikhaya abesele elityeshele ngemikhwa. √√/ Kwakhona ubesuka eBhayi ngoku wandlandlatheka waya kutshona kumahlathi aseKnysna ngokuthemba abahlobo. √√/ Kulapha eBhayi apho angakwazanga kulandela izikrokro anazo nokubethelwa xa wayesiya kwaNomsa waze wangena engxakini kuba iBhayi lizele umoya weziyolo. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) 9.2 Wolwimi oluqweqwedisayo √ kuba unyanzeliswa ukuba abuse antlalekiswe kusithiwa makathi “nkosi” kumntu kuba emoyika. √ (2) 9.3 UThole wagqibela ngale mini ukuba yinja kuba kungale mini apho wathatha isigqibo sokushiya iBhayi wathatha nesigqibo sokusebenzela inkosi. Sithetha nje ungumfundisi ophume izandla owabelwe isekethe yakhe, unezifundo zePHD kwezobufundisi. Ngoko ke esi yayisisithuko sale mini kuphela. √√ (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 11 9.4 Kuba bayazithethela sitsho sihlumise koku bakuthethayo ukuba izimo zabo zinjani. √√ (2) 9.5 Wadludla nabahlobo bakhe ooThemba noSonwabo. √√/Wadludla noNomsa de wafikwa nanguJoe. √√/Waphinda impazamo yokudludla nabahlobo akhwele itekisi engayiqinisekisanga ukuba iya kwikhaya lakhe. √√/Waziyeka wasezwa utywala ngooThemba ootshomi bakhe/wayeka isikolo phakathi. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) 9.6 Uwuxhase ngokuba ngumxholwana oziveza njengeminye yemiqobo atsibe kuyo uThole wavelela kubomi obunamagingxigingxi. √√ (2) 9.7 Ngokuba nguye obeyinjinga nongumqobo ngokumana emfaka kwiimeko ngeemeko ezimphazamisileyo ebomini. √√ (2) 9.8 Uyashumayela kuba unebandla lakhe sithetha nje eGeorge Goch. √√/ Nasesikolweni washumayela wade wafumana ukufundiswa ngenxa yokutshatshela ekushumayeleni. √√/ Naphesheya uye watshatshela ngokushumayela. √ (Nasiphi na isibini kwezi) (4) 9.9 Kuthetha ukuba uyeke ukuba limbatha ngubo ube likholwa. √ (1) 9.10 Eyokuba unento emenza umvandedwa lo anawo ngoku. √√ (2) 9.11 UCentane likhaya likaMkwayi lemveli nanjengoko elitshipha eRhawutini. Sele iyindawo emenzela isazela kuba washiya abazalana naye apho ngoko kuziintloni ukulibiza ngenxa yezo nkumbulo. √√ (2) 9.12 Okokuba umntu makangancami athi kuba namhlanje esuke wangulo mntu uneempazamo makazi ukuba kusenokuthi kanti unento ayibekelweyo kwaye ubomi bomntu buyatshintsha. √√ (2) [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2018) UMBUZO 10 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) UKHOZI OLUMAPHIKO – N Saule • Apha ngezantsi sisikhokelo sokuphendula esi sincoko, sisebenzise njengesikhokelo kuphela. • Mazamkelwe iimpendulo ezahlukileyo nezichanekileyo ezibonisa ubungqina bokucinga nzulu nokutolika ngendlela eyahlukileyo. • Uluhlu lwemizekelo lunokusetyenziswa ukuxhasa izimvo zabo. • Jonga kwirubrikhi ekwiphepha lama-24 ukuhlola lo mbuzo. Umfundi makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo: • Ukomelela komlinganiswa oyintloko/oliqhawe kubonwa ngenani okanye ububanzi bemiqobo athe wahlangana nayo ebalini ukuya kwimpumelelo okanye isiwo sakhe. • Imiqobo zizo naziphi iziphazamiso eziza nomchasi ukuze angayifumani lula into ayifunayo oyintloko. Kule ncwadi uMfazwe unguye umlinganiswa oyintloko/iqhawe owomeleleyo kuba ubesilwa nomchasi onamandla-isipolisa esingenabulungisa sikarhulumente wengcinezelo. Le miqobo iziveza ngokufa ajongene nayo enguye kwanokufa okusegameni lesizwe. Unalo mnqweno wokuba ubulungisa buthathe indawo kwaye unomqobo wokuba ngomntu onyulu kodwa izinto zimfuna zimleqa zisithela ngaye zihlutha obu bunyulu. • UMfazwe ulandelwa ngamapolisa ngenxa yokutyhila abafundi ngamalungelo wabo, esebenzisa ithuba lokuba engutitshala ofundisa ezembali kwisikolo iFunda. • Amapolisa atyala iimpimpi zawo kwilali yakwaQaka, oko kukhokelele ekubanjweni kukaMfazwe. • Eluvalelweni uMfazwe ucengwa ngamapolisa ukuba abe yimpimpi yawo, akhabe ngawo omane uMfazwe axolele ukuba abethwe ngamapolisa ade amtyise ngenja, akhweliswe nayo kumva weveni. • Ukuphuma kwakhe ejele ufika esiva iindaba zokuba indlu yakokwabo itshisiwe abazali bakhe abaziwa ukuba baphi. • Kuthe ndii neendaba zokuba yena Mfazwe uyimpimpi yamapolisa, umsasazi wezo ndaba nguFriday olutshaba lwakhe. • Ufika kukho intlanganiso eholweni, uya kuyo le ntlanganiso ngeliyokuhlamba igama lakhe lokuba kusithiwa yimpimpi. • Ufika ejikelwe ngabantu bonke bakwaQaka nabafundi aba abafundisayo, uphuma eholweni ebaleka ebethwa. • Uthi akubona ukuba ubomi bakhe busemngciphekweni abalekele kwamalume wakhe eMnqwazi. • Ubuya mhla ngomngcwabo kaKK noMachule, alale kwaMfundisi Hlathi, ze ebusuku kufike uFriday neqela lakhe ngeenjongo zokumbulala kodwa asinde ngokuzifihla kwimoto endala. • Ulandela ooFriday abone ukuba kukho abantu abakhweliswe kule moto ishiywe ngooFriday enabantu abangxwelerhiweyo, anyathele elo gazi labo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 13 • Ucetyiswa nguMfundisi uHlathi ukuba makabhace kungenjalo uFriday uya kuthi nguye obulele aba bantu. • Uya elubhacweni ngeenjongo zokukhulula abantu abamnyama kwingcinezelo eyokuzibandakanya nombutho iMbokotho ebomvu, ayibanga lula indlela eya elubhacweni kodwa ude wafika apho ebesingise khona eMgazi. • Usindile emapoliseni aseThongo nakumajoni emibutho eselubhacweni. Bonke obo bunzima adibene nabo abumthibazanga mandla kumnqweno wakhe wokukhulula abantu abamnyama kwingcinezelo yabamhlophe. • Ubuya elubhacweni ngokuba imibutho yopolitiko ivulwe imilomo, xa efika kwaQaka uxelelwa nguSimphiwe ukuba uyafuneka eRhawutini kwiingxoxo. • Ubamba inqwelo moya uya eRhawutini noFriday unombutho wakhe ulapho kwezo ngxoxo. • Kwiingxoxo ezo bayakhululeka abantu kumbuso wengcinezelo wabamhlophe, uMfazwe obesaziwa njengempimpi ngoku uyijaji kwityala likaFriday. Oku kubonisa ukuba uMfazwe wawuphilela umnqweno wakhe wokuba bakhululeke abantu phantsi kwengcinezelo exolele nantoni kunokuthengisa ngabantu bakokwabo. • Ukufumana kwabantu abamnyama inkululeko yaba kukufezekiswa komnqweno kaMfazwe. UMfazwe wayekulindele nokufa kwiinzame zakhe zokukhulula abantu abamnyama, bona neendlela ahamba ngazo ukuya elubhacweni ephepha amapolisa kodwa ekugqibeleni wafezekiswa umnqweno wakhe. [25] UMBUZO 11 (UMBUZO OMFUTSHANE) UKHOZI OLUMAPHIKO – N Saule 11.1 Le lali inabantu abahluphekayo abathengeka lula kumapolisa abafana nooFriday. Kunjalo bakho abefundisi abaneliso elibukhali kule meko abababonayo aba bantwana njengokuba bekhula nje abatsho bakwazi ukunika isikhokelo. Amapolisa ngumhlaba wawo wokuzonwabisa ngokuphatha kakubi abantu abakwaQaka. √√ (2) 11.2 “Lulwimi oluqweqwedisayo kuba oku kuthi umuncu kunenjongo yokuba azincothule kobu bumuncu ngokwenza le nto afune ayenze uMfundisi uHlathi. √√ (2) 11.3 Hayi kaloku uMfazwe ngulo uphele sele eyijaji echophele ityala likaFriday. √√ (2) 11.4 Ubazobe mayana kuba bayazithethela sitsho sazi ngentetho zabo (2) nezenzo zabo ukuba bangabantu abanjani. √√ 11.5 Akafundanga watsho wangaziphendula iileta zikaZoe ekusenokuthi kanti zazixela ukuba uNokuzola ukhulelwe. √√ (2) 11.6 Ududulele ukuba uMfazwe aye elubhacweni, kwaze oko kuya kwakhe elubhacweni kwabangela ukuvulwa imilomo yemibutho yezopolitiko kwakho nenkululeko. √√ (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
14 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2018) 11.7 Ubukho bukaFriday bubo obubangele siwabone amandla kaMfazwe – nguFriday ongumtshutshisi nomngcungcuthekisi kaMfazwe ukuze ade aye elubhacweni nje. √√ (2) 11.8 “UMfazwe ulandelwe ngamapolisa esikolweni afundisa kuso ngenxa yokuba kwavakala ukuba utyhila abafundi ngamalungelo wabo kwaze kwathiwa unyhasha umbuso wabanjwa √√/ UMfazwe ulandelwe ngamapolisa kumngcwabo kaMachule kwafuneka ezimele aye kwaMfundisi ngengcebiso yooSimphiwe √√/Ngexesha uMfazwe aza kuya elubhacweni esukela kwankosi uZamlandela bafika noNdima amapolisa evalile kuba ekhangela uMfazwe √√/ Esitishini ayezula-zula amapolisa kwanyanzeleka ukuba athwale umnqwazi uMfazwe ukuzifihla √√/ Kuloliwe akhwele kuye uthe wema esithubeni kwaqhuba ugqogqo, wehla uMfazwe wahamba ngeenyawo ukuze adibane nomzingeli. √√ (Nasiphi isibini kwezi) (4) 11.9 Kukuhamba kwindawo olalelwe kuyo ucinga ukwindawo ekhuselekileyo √/ Kukuba kwindawo olindwe kuyo ucinga wena ukwindawo ekhuselekileyo √ (Nayiphi na kwezi) (1) 11.10 “Sizisa ingcinga yokunikezela. √√/Sizisa ingcinga yokuba akanabungozi. √√/Sizisa ingcinga yokuba wayethobela umthetho. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) 11.11 IThongo yidolophu adlula kuyo oya eMgazi. Idume ngokuba namapolisa akhohlakeleyo, ekungelula ukudlula ngakumbi kubantu abaya elubhacweni. √√/Umntu oya elubhacweni eMgazi ixhala lakhe ibikukudlula eThongo eyayidume ngamapolisa akhohlakeleyo. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 11.12 Amapolisa ebefudula ebaphatha dlakadlaka abantu ngexesha lengcinezelo encedisa umbuso, lowo ubonakala enyhasha umbuso ebeba sisisulu sokubethwa ngamapolisa abanjwe. √√ (2) [25] UMBUZO 12 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) UBUNCWANE BONCWADI LWEMVELI – NNN Swana Apha ngezantsi sisikhokelo sokuphendula esi sincoko, sisebenzise njengesikhokelo kuphela. Mazamkelwe iimpendulo ezahlukileyo nezichanekileyo ezibonisa ubungqina. bokucinga nzulu nokutolika ngendlela eyahlukileyo. • Uluhlu lwemizekelo lunokusetyenziswa ukuxhasa izimvo zabo. • Jonga kwirubrikhi ekwiphepha lama-24 ukuhlola lo mbuzo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 15 Umfundi makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo: • Ukunonga kwamaqhalo nezaci intetho yesiXhosa yenye yemiba yexabiso enokukhankanywa. • Izaci, amaqhalo, iintsomi, zilondoloza ulwimi nanjengoko zifumaneka kubantu asele bebadala kuba namagama abesele’edukile kwintetho yemihla ngemihla ayabuyela ngenxa yokusetyenziswa kwawo. • Iintsomi namaqhalo ziyalumkisa kwangemo le yawo kuba aqulethe iziyalo nezilumkiso. Zikho izaci eziqulethe iziyalo kodwa ke zimbalwa kakhulu zona. Iintsomi ezininzi zisekwa kwizenzo zabantu abadela iziyalo abathi ngokwenza njalo bafumane izohlwayo. (umzekelo ochanekileyo uyancedisa ekuboniseni indlela oku okwenzeka ngayo.) • Iintsomi namaqhalo amaninzi aqulethe imfundiso ngembali yelizwe okanye yesizwe baze ke abakhathalayo basenge kulo mbele ungekagxwali bakwazi ukuludlulisela kwizizukulwana ezilandelayo zingekabuni. Neziseko ezi zamaqhalo amanye asekwe kwimbali yelizwe aze ke abe yimfundiso ngolo hlobo xa emana eqhaqhwa imvelaphi yawo. • Wambi asekwa amaqhalo ezintsomini aze ke ngolo hlobo aqhube imfundiso yawo kuba emafutshane kunentsomi. Umzekelo xa ubani esithi imbila yaswel’umsila ngokuyalezela. Nezaci ngokunjalo ukuba yimbulu nako kusukela entsomini kuyasetyenziswa ize ke inkcazelo yemvelaphi iye kuthi ngqu kule ntsomi. • Ngaphezulu ngokwale nkcazelo ziyakhulisana kule yokuba enye ivela kwenye okanye inemvelaphi ekwenye. • Zimbi izaci njengesithi uhili uphumile ezingcongolweni, zisekwe kumava abantu nezinye ezifana nokuthi umba othile unonyawo lwemfene ngoko ke kubalulekile ukuba kwaziwe ukuba kuqatshelwa okuthile ukuze kwenzeke izaci batsho bafunde ukuba nomqaphela kubekho izaci ezitsha ulwimi lukhule. • Iyakholeleka le yokuba iintsomi zazilimanya ikhaya zincedise nasekuloleni iingqondo zabamameli kwimisetyenzana ekufuneka beyenzile ukuncedisa inkqubela phambili yentsomi de kuthi khon isakhono sokuphulaphula esiphuncuka qho xa bengenziwa ukuba bangene kule migca. Oku kuloleka kukhuliswa nangamaqhina ingakumbi kuba azithengwa zona njengokuba kusenziwa kwezoomabonakude iinkqubo. Zifumaneka mahala. • Izibongo zemveli nazo ziqulethe konke okuqulethwe ziintsomi ngolwazi lwemiba yesizwe ebalulekileyo, ukwazisa ngemida, amaqhawe esizwe imihlaba eyalwelwayo nendlela eyafunyanwa ngayo. • Nazo ziyayilola ingqondo kuba umfundi ove ngegama elinye nje umzekelo ‘elakwaHoho’ uyaphanda de azi ngalo Hoho ukuze asabe esisisele senyathi kwabo kufuneka babe nolwazi kuzo. • Imbongi incoma igxeka kwisimbo sayo yiyo ke le nto ngokuphulaphula zona yiyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
16 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2018) • Iingoma nezibongo zinomsebenzi oyeleleneyo okukonwabisa njengazo zonke iindidi zoncwadi lwemveli. Lelona xabiso lalo liphambili kuba ezona zinto zihamba phambili kukuxabiseka kwazi kulo msebenzi wokonwabisa. Zize ke zibethe iintaka ezimbini ngelitye elinye. Zonke zidlulisa imiyalezo ephambili efana nokukhalaza nokushwabula nokutyhila ingqondo ngoko kunokusuka kwenze ingxaki. (Nayiphi impendulo echanekileyo iya kwamkeleka) [25] UMBUZO 13 (UMBUZO OMFUTSHANE) UBUNCWANE BONCWADI LWEMVELI - NNN Swana 13.1 Nanjengoko injongo yentsomi ikukulumkisa, iLatakisa yindawo ekude kunale ukuyo, engaziwa bani eyinika ukuba yindawo ekholelekayo kodwa abantu bafunde ukuba bakho abantu abanje ngaba kwezinye iindawo. Batsho ke bakwazi ukucinga ngale ndawo nezenzo zabantu bayo batsho bamangaliseke ukanti ukuba ibiyindawo abayaziyo bebeya kuphika. √√ (2) 13.2 UDeliwe wancedwa lixhegwazana elamyalela ukuba athandaze wathandaza soluleka isifombo. √√ (2) 13.3 Usebenze ukwakha umfanekiso ntelekelelo wendlela ezalandelelana ngayo iziganeko ngokufutshane kule ntsomi. √√ (2) 13.4 Ngokuba umele bonke abantu abanezikhwasilima emzimbeni abahlelwa de bahlelwe ngabazali babo. √√ Ngokuba utyhile into engananzwanga – ilizwi lexhegwazana kwintlalo yoluntu namandla ahamba nalo. √√/ amandla omthandazo asekho kwabo bazimisele ukuwathatha. √√ (Nasiphi isithathu kwezi) (2) 13.5 Ubukho bamaxhegwazana anemimangaliso √/ indlela eqalwe ngayo, √/ indawo eliqhubeka kuyo ibali √/ umbalisi uthetha egameni labo bonke abalinganiswa naye na kakade mbalisi. √/ abanye abalinganiswa abanamagama. (Nasiphi isithathu kwezi) (3) 13.6 Linyanise kuba libonise ukuba wonke umntu unesiphako sakhe umzekelo ukungabi nasifombo akuzukumenza ahlale efunwa ngumntu wonke. √√/ Lisetyenziswe ukubonisa ukuba aba bebemhlela nabo banazo iziphako kuba bemhlela nje nabo basaya kuhlelwa ngezabo. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 13.7 Sisifundisa ukuba ukuzalwa kunye nomntu akusosiqinisekiso sokuba uyakuhlala emi nawe ekuxhasa okokoko kwiimeko ohlangana nazo. Qola uqine imiqobo yohlala ikho nokuba awunasifombo. √√ (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 17 13.8 Indlela oqala ngayo √/ okubongwayo √/ indlela ophela ngayo √/ uphindaphindo √ ulanda imbali yokuba inyanga yeSilimela ixatyiswe kwaXhosa. √ (Nasiphi isithathu esichanekileyo) (3) 13.9 Umbono wokutshintshiselana kwabamhlophe nabamnyama ngezithonga kusiwa umntu macala xa kwakusabelwana ngale mihlaba ixelwayo/ ezi nyanga zixelwayo. √√ (Nayiphi impendulo echanekileyo) (2) 13.10 Sisandi u-tsh √ (1) 13.11 UNdluzodaka uzalwa nguNopasi ozalwa yintombi kaMon’umhlophe. √√ (2) 13.12 Ibaluleke ngokuba kubalwa ngayo iminyaka yobudoda kwaXhosa. √√ (2) [25] AMANQAKU ECANDELO B: 25 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
18 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2018) ICANDELO C: IDRAMA UMBUZO 14 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) BUZANI KUBAWO – WK Tamsanqa • Apha ngezantsi sisikhokelo sokuphendula esi sincoko, sisebenzise njengesikhokelo kuphela. • Mazamkelwe iimpendulo ezahlukileyo nezichanekileyo ezibonisa ubungqina bokucinga nzulu nokutolika ngendlela eyahlukileyo. • Uluhlu lwemizekelo lunokusetyenziswa ukuxhasa izimvo zabo. • Jonga kwirubrikhi ekwiphepha lama-25 ukuhlola lo mbuzo. Umfundi angachankcatha kwezi ngongoma zilandelayo: Zimbini iindlela zokuyijonga le mpendulo. Omnye angasebenzisa amehlo okuba lo mdlalo uyintlekele aze ke ngoko amjonge ngala mehlo lo mlinganiswa uyintloko • Uba ngumntu onezinto ezimenza athandeke abe kwindawo ebalulekileyo ebomini bakhe abe ke ungutata wekhaya uZwilakhe • Kufuneka abe nesikhwasilima esinye okanye esiya kukhokelela kwisiwo sakhe nanjengoko yena ethanda iwonga alinikwa nguMagaba atsho abe nobungqangangqanga bobuZwilakhe. • Lo mlinganiswa uthi ngenxa yesikhwasilima sakhe enze into ekhokelela ngqee kwisiwo sakhe. Sibe ke simbonile uZwilakhe esenza impazamo enkulu yokuthi emazi uThobeka ukuba akazange ahlangane ndawo nomyeni wakhe wenkani amthumelele uGugulethu lo mfazi nabantwana abangaziwa mntu. Siyanduluka ke isiwo sakhe kuba uGugulethu ubaxabela ngezembe bonke naloo Thobeka na kakade kutsho kudule konke nakuye ukuba ukunyanzelisa umntu akufuneki. Elinye icala lingavelela oku • Ngumsunguli wentshukumo ebalini. • Abachasi basabela isenzo sakhe luqale ulwabhici. • Iziganeko ezisebalini zingqonge yena kwaye isiganeko ngasinye sikho ngaye. • Uba nento ayivuzel’izinkcwe kubekho imiqobo ebangela ukuba ifumaneke luzizi loo nto nokuba uyayizuza. • Atsho abe nobuntshovuntshovu benkunz’enja ukuze aphule imiqobo esendleleni yakhe nokuba kumnyam’entla. Kungavelelwa ezi nkalo kumacala onke ukumbophelela uZwilakhe. • Umlinganiswa oyintloko ngulo mlinganiswa ubangela izinto zenzeke ngale ndlela yakhe, uZwilakhe njengoko negama lizichaza unyanzela uGugulethu ukuba atshate noThobeka ngelithi uneempawu zobufazi. • Ungumlinganiswa ozotywe waneenkani ephenjelelwa yinkosikazi yakhe, kakade umlinganiswa oyintloko kufuneka abe nomqolo angajiki lula nje kumnqweno wakhe. • Akathandisi bani uZwilakhe ngesigqibo sakhe, noGugulethu lowo akamthandisi umi ekuthini uza kuthatha le ntombi ayibonelwe nguye. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 19 • Umqolo uwunikwe nguMaGaba inkosikazi yakhe xa isithi apha kwayo intombi eza kurhuqa amajelemane yintombi kaMcothama ayikho enye. • Wohlukana ke uMaGaba noZwilakhe xa eza kudibana namawabo uZwilakhe malunga nokuthathelwa kukaGugulethu, uthi uMaGaba ancede ke angazenzi ixoki. • Ngoku kanye uGugulethu sele esithi ucela ukuzibonela intombi amakayitshate, ukhaba ngawo omane uZwilakhe ngelithi akanokwaphula isiko. • UGugulethu ecela ukuba azikhethele intombi ayithandayo nje kungokuba sele ethembise uNomaMpondomise amthandayo kwaye ikhuphe neenkomo kuba isazi ukuba kuza ezikaGugulethu. • Kungenelela abantakwabo uZwilakhe bembonisa ngobungozi bokubonela umfana intombi, uma entla uZwilakhe kuba ulilandele igama lakhe, ngelithi ingehla ehlayo kunyuke enyukayo kuza kwenzeka intando yakhe phaya kwakhe. • Ngoku amawabo emcebisa uZwilakhe, kodwa atsho phantsi baphela besithi mabamyeke isala kutyelwa sibonwa ngolophu. • Uthatha unyathelo lokuba kuyokucelwa intombi kaMcothama le ayifunayo. • Kwimibuzo ebuzwa ngumfundisi xa etshatisa impendulo kGugulethu yayisithi ‘Buzani kubawo.’ • Mhla ngomtshato uGugulethu ubophe isandla kuba engafuni kuzibophelela ngokusayina, uZwilakhe uyamsayinela, wathi kumfundisi makaqhube nenkqubo yokutshatisa. • Zenzekile izigigaba kwaqala kwahlatywa uNimrod uMzamo ongumhlobo kaGugulethu mhla ngomtshato. • UNomaMpondomise uyazibulala. • UGugulethu washiya ikhaya lakhe, nanko uZwilakhe esenza eyakhe yambi ukuthumela uThobeka eMthatha nabantwana abathathu kuGugulethu owalincamayo ikhaya lakhe. • UGugulethu ubulala abantwana noThobeka lowo na kakade, abanjwe ke. • Mhla ngetyala xa agwetywa intambo uGugulethu unina uMaGaba uzityisa ityhefu uyafa. • Kwimibuzo ayibuzwayo enkundleni uGugulethu umile ngokuthi, ‘buzani kubawo’, wade umantyi wayilandela le mpendulo. • Ekubufumaneni ubunyani bale mpendulo ulumkise abazali bonke ngokunyanzela abantwana ekubeni batshate abantu abangabathandiyo nobungozi boko, njengale meko kaGugulethu. • Waphela ezisola uZwilakhe kodwa engasenakuguqula nto ngoku. • UZwilakhe ke kuyabonakala ungumlinganiswa omele icala elibi, cala elo eloyisiweyo kuba iphela incwadi ezisola ngezenzo zakhe ekubeni wayecetyisiwe. [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
20 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2018) UMBUZO 15 (UMBUZO OMFUTSHANE) BUZANI KUBAWO – WK Tamsanqa ISICATSHULWA A 15.1 Libe ngunobangela wokruthakruthwano olukhoyo.Lidale iyantlukwano ngeembono. √√ (2) 15.2 ‘Andazi ke ukuba kukho umntu ongalawulwa ade alawulwe nangendlu yakhe. √√ (2) 15.3 Kwafuneka ondliwe uThobeka nabantwana bakhe nguZwilakhe de wadinwa ngelithi akazukondlela enye indoda intsapho yayo. √√ (2) 15.4 Waqina kanye ngoku abantakwabo noMzamo bembonisa ubungozi bokubonela uGugulethu intombi amakatshate nayo. √√ (2) 15.5 NgokukaGugulethu kuqala yena athande intombi kanti kuyise kusetyenziswa isithethe sokuhlolelwa. Utata uyabona acele intombi unyana athathe okuthandwe nguyise. √√ (2) 15.6 UZwilakhe wanamhlanje unenkani uzibona engamela yonke into ngalo mtshato ukanti ngomhla wetyala uthokombisile uzibona ubutyala ngokutshatisa aba bantwana engacingisisanga ude ufuna isigwebo size kuye ngangokuba ezisola. √√ (2) 15.7 Yimiyalelo yeqonga √ ukuzithethela kwabalinganiswa √/ ingxoxo. √ (2) 15.8 Ngowexabiso, umxelela zonke iimfihlo nenjongo zakhe. √√/ Ungumlinganiswa othenjiweyo, uhlobo lunye nomlinganiswa lowo./ Umzamo ngumhlobo wenene kuGugulethu unaye ngamaxesha onke, uyamncedisa xa acela uthando kuNomaMpondomise, √√/ Uyamkhuthaza xa efuna ukutshata√√/ athelele xa exhatshazwa nguyise uGugulethu. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) 15.9 Bubuthathaka bokuhlala elizwini lakhe √/ ukuthanda amawonga √/ kuba ethi naxa eboniswa ngamaHlubi nabangengawo kuquka ooMzamo de athi ubomi sele busemngciphekweni nesigqibo sakhe sixikixwa zezolutsha ahlale. √ (2) 15.10 Ziimbono zabazali babo √/ yindlela abazali babo abatolika ngazo umtshato √/ yindlela abaqhele kwenza ngayo abazali √/ ziinkani zabazali √/ yintlonipho yabazali elindeleke emntwaneni ngumntu omdala. √√ (Nasiphi na isibini) (2) 15.11 Buzani kubawo √ (1) 15.12 Sesokuzeyelisela kukaNomaMpondomise. √√ (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 21 15.13 Ewe isakufanele kuba basekho abazali abanezi mbono √√/ Hayi ayisakufanelanga kuba izinto zatshintsha abazali bayekela kwiintombi noonyana ngoku umba womtshato. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
22 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2018) UMBUZO 16 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) INDLALA INAMANYALA – M Lamati • Apha ngezantsi sisikhokelo sokuphendula esi sincoko, sisebenzise njengesikhokelo kuphela. • Mazamkelwe iimpendulo ezahlukileyo nezichanekileyo ezibonisa ubungqina bokucinga nzulu nokutolika ngendlela eyahlukileyo. • Uluhlu lwemizekelo lunokusetyenziswa ukuxhasa izimvo zabo. • Jonga kwirubrikhi ekwiphepha lama-25 ukuhlola lo mbuzo. Umfundi angachankcatha kwezi ngongoma zilandelayo: • Ibali liqala ngaye uMagrazula liphele ngaye, kwakwiphepha lokuqala kwindima yokuqala kumboniso wokuqala sidibana noMagrazula ethetha nesicaka sakhe uDlezinye. • Unento ayinqwenelayo ekungekho lula ukuyifumana, uMagrazula unqwenela ishishini lakhe libuyele kumgangatho walo wangaphambili ngokuthi abelwe iintsana kodwa akakwazi kuwenza ngokwakhe lo msebenzi kufuneka efune abantu bokuwenza lo msebenzi. • UMagrazula akapheli mandla amapolisa avale umthombo wokushishina ngeentloko zabantu, nanko esithi gqi kwelinye icala lokushishina ngeentsana. • Kubantu abanokuwenza ke lo msebenzi ngabantu abangoomama bona abangayikukrokrisa xa bebeleke iintsana, kodwa yena asibantu abathembileyo abantu abangoomama kwicala lesibindi. • Uyalela uDlezinye isicaka sakhe ukuba masifune abantu abanokuqhuba lo msebenzi ngempumelelo. • Umnqweno kaMagrazula ulithungela lonke ibali, liqhuba nje ibali kungenxa yakhe ukufezekisa lo mnqweno. • Umnqweno kaMagrazula ubandakanya nabanye abantu aba baza kuqhuba lo msebenzi wokuba iintsana. • UDlezinye usuka kwango azilungise ukwenzela akholeleke kwiqhinga lakhe xa efuna aba mama baza kuqhuba lo msebenzi wokweba iintsana. • Uya ezilalini uDlezinye akhwetywe yinkangeleko yendlu kaMamQhinebe. • Angene afike umphakathi wendlu ungqinelana nomphandle wayo, waqonda ukuba uza kusebenzisa ukulamba kukaMamQhinebe ukumlobela kulo msebenzi weentsana. • Umqhathe waqhatheka ke uMamQhinebe ukuba ebe iintsana. • UMamQhinebe umemele umhlobokazi wakhe kulo msebenzi injongo ikukumkhupha endlaleni naye uMaGatyeni. • Bawuqhubile lo msebenzi uMamQhinebe noMaGatyeni wababhatala imali uMagrazula, mali leyo yambangela ukuba uMaGatyeni angawuvali umlomo. • Kwisenzo ke solwaphulo-mthetho umthetho uyangenelela, njengokuba wavala nela shishini leentloko zabantu. Kube njalo nakulo wokubiwa kweentsana, baye babanjwa uMamQhinebe noMaGatyeni. • Njengangaphambili aba babeqhuba umsebenzi wokubulala abantu bazise iintloko kuMagrazula babanjwa kodwa abaze bamchaza uMagrazula njengomntu abamsebenzelayo. NoMamQhinebe noMaGatyeni babanjwa nkqi ukumchaza uMagrazula nangona bebesebenzela yena. Kuyabonakala ukuba ayamsebenzela amayeza wakhe. [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 23 UMBUZO 17 (UMBUZO OMFUTSHANE) INDLALA INAMANYALA – M Lamati ISICATSHULWA A 17.1 Izenzo eziqhubeka kule ncwadi zinenjongo yokususa ikati eziko.√√/ Indlala iyimeko eyenza abalinganiswa benze izinto ezingekho mthethweni bambi balukuhleke ngenxa yokuba befuna ukuyeka ukulamba. √√ Indlala ingunobangela wempixano ekulo mdlalo. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) 17.2 “Hayi ke ngoku ndiza kungakuqondi nokuba akuphungulekanga na”. √√ (2) 17.3 Wayesiwa evuka ethuthela abantu imithwalo erenkini ngenjongo yentlawulo. √√ (2) 17.4 Waxelela uMaqhikizane ezinkonkqeni ukuba akazukumnyoba yena. √√/ Wakhuphela uSiphokazi amehlo xa kwakucaca ukuba uza kungena ekuthandaneni noMaqhikizane kuba efuna umsebenzi √√/NguSiqhiwu obambise uMaqhikizane ngesenzo sokunyobisa √√/ Wawufumana uSiqhiwu umsebenzi enganyobanga. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) 17.5 UMagrazula waphula umthetho ngokushishina ngeentloko zabantu nto leyo edale ukuba amapolisa ahlale ekhondweni ukulwa lo mkhuba. √√ (2) 17.6 Umaqhikizane wale mini akamcengi umntu ongafuni kunyoba koko uyambhebhetha eofisini yakhe kodwa lo wamhla ngetyala wayecenga efuna uxolelo kuSibane ethembisa nokumnika imali. √√/Owakudala ebefuna inzuzo ngokunyotywa lo uxolele ukulahlekelwa kuba inguye ngoku onyobayo √√/Akahlukanga kuba nangale mini yetyala yena usafuna ukunyoba uSibane √√/Umahluko usekubeni nguye ofuna ukunyoba hayi kunyotywe yena. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) 17.7 Abalinganiswa bayazithethela √/amagama abukekela akwizibiyeli anika imiyalelo yeqonga. √ (2) 17.8 UPixie ufike nje wayalwa ukuba angamshiyi nakancinci umntwana akaphinde avele ndawo. √√ (2) 17.9 Kukuthanda imali ngokugqithisileyo ide imenze aphile ngeentlungu zabantu ezikukwaphula umthetho. √√ (2) 17.10 UMaGatyeni uyacingisisa √/ Kukuphepha amapolisa √/ nokuba baza kuzifumana njani ezi ntsana. √ (Nasiphi na kwezi) (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
24 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2018) 17.11 “Kanti ke, qaphela Qhinebe, ingantle kakhulu le nto yethu xa sinokuyigquma ngezi bhatyi zomanyano.” √ (1) 17.12 Sesokubanjwa kwabo mhla beba usana lwakwaLink. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 17.13 Isakufanele ukufundwa kuba isityhila ngezinto ezenzekayo ebomini ekusenokwenzeka ukuba ukungasebenzi kwabantu kungenxa yokungabi namali yokunyoba. √√/Kuba ibonisa ukuba ukwenza izinto ezimdaka ngenxa yendlala akunambuyekezo kwaye umthetho awunalusini ngawe. √√ Ayikufanelanga ukufundwa ezikolweni kuba ithetha ngezinto ezimasikizi ezinokwenza abantu boyike ukushiya abantwana babo. √√ Ingakhuthaza ulwaphulo mthetho kwabo bafuna iindlela ezimfutshane eziya ebutyebini. √√ (2) [25] AMANQAKU ECANDELO C: 25 AMANQAKU EWONKE: 80 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
24 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC SEPTEMBA 2018) ICANDELO A: IRUBRIKI YESINCOKO SONCWADI: ISIHOBE [10 AMANQAKU] Imiqathango Egqwesileyo Esemagqabini Eyanelisayo Eyinxalenye Engaphumelelanga neqaqambileyo nefanelekileyo UMXHOLO 5–6 4 3 2 0–1 -Isihloko sitolikwe -Ubonisa ukuqonda -Isihloko sitolikwe -Ayanelisi indlela -Akanalwazi kwaphela Ukuhlalutywa ngokunzulu. nokutolika kakuhle ngokwanelisayo ekutolikwe ngayo ngesihloko kwesihloko, ubunzulu -Iingxoxo ezinomtsalane isihloko okanye umbuzo -Akho amanqaku axhasa isihloko/umbuzo -Impendulo ayikho bengxoxo indlela ezixhaswe -Impendulo inazo isihloko kakuhle -Anqongophele kakhulu mxholweni wesihobe. azakuzela ngayo ngokuvokothekileyo iinkcukacha ezanelisayo -Ezinye iingxoxo amanqaku okuxhasa -Impendulo ibonisa ingxoxo ukuwulandela Kusetyenziswa isihobe -Izimvo ezibambekayo zixhasiwe nangona isihloko ukulambatha kulwazi kakuhle umhobe. -Impendulo ibonisa zinikiwe nangona ingezizo zonke -Impendulo ibonakalisa lwesihobe. ulwazi olugwesileyo ingezizo zonke nje ezixhaswe ukuqhwalela kulwazi 6 AMANQAKU lwesihobe. ezixhaswe njengoko ngokwanelisayo lwesihobe. bekufanelekile -Impendulo ibonakalisa -Impendulo ibonakalisa ulwazi olusisiseko ulwazi lwesihobe. sesihobe. 4 3 2 1 0–1 ISAKHIWO NOLWIMI -Isakhiwo -Isakhiwo sicacile kwaye -Bukho ubungqina -Isakhiwo sibonakalisa -Isakhiwo sife amanqe siyathungelana. ingxoxo iyathungelana besakhiwo iziphene zoyilo. -Iziphene zolwimi Isakhiwo, ukuthungelana -Ingxoxo ixongxwe kuhle -Ukuthunegelana -Isincoko sibonakalisa -Ingxoxo ezingamkelekanga kwezimvo nendlela kwaye zikhuliswe kwengxoxo ukusilela ayicwangciswanga konke konke yokubhala. Ulwimi ithoni ngokugqwesileyo kuyalandeleka. kukuthungelana ngokukuko. nesimbo nesimbo sokubhala nangokucacileyo -Ulwimi, ithoni nesimbo nokunamathelana -Bukho ubungqina esingachanekanga isincoko -Ulwimi ithoni, nesimbo zichanekile ubukhulu Kwezimvo. beziphene zolwimi. zivuthiwe, zinomtsalane becala. -Iziphene zolwimi -Ithoni nesimbo 4 AMANQAKU zichanekile zimbalwa, ithoni sokubhala - Igrama, upelo nesimbo sokubhala azichanekanga. neziphumlisi zichanekile ikakhulu. azinaziphene kwaphela. QAPHELA: Ukuba umviwa akawuchaphazelanga nakancinci umxholo, ubhale nje isincoko makanikwe i-0 kumxholo, isakhiwo nolwimi. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
26 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2018) ISIHLOMELO B: AMACANDELO B NO C: IRUBRIKI YOKUHLOLA ISINCOKO SONCWADI- INOVELI NEDRAMA [25 AMANQAKU] Imiqathango Egqwesileyo Esemagqabini Eyanelisayo Eyinxalenye Engaphumelelanga neqaqambileyo nefanelekileyo UMXHOLO 12–15 9–11 6–8 4–5 0–3 -Impendulo igqwesile. -Ubonisa ukuqonda -Impendulo iphakathi, -Buncinane ubungqina -Buncinci kakhulu 14–15 nokutolika kakuhle asiyiyo yonke imiba obubonakalisa ukusazi ubungqina obububo 15 AMANQAKU -Impendulo ebalaseleyo. isihloko okanye umbuzo. ekungenwe kuyo nzulu. isihloko yaye kunqabile ukuqonda isihloko. 12-13 -Impendulo inazo -Akho amanqaku ukungena nzulu kwimiba -Iimpendulo zisilele -Ukutolikwa okunzulu iinkcukacha ezanelisayo. asixhasa ekubhalwa ngayo. kakhulu ukuphendula kwesihloko Izimvo ezibambekayo ngokufanelekileyo isihloko -Ambalwa amanqaku umbuzo. -Iingxoxo ezinomtsalane zinikiwe nangona -Ezinye izimvo zixhasiwe axhasa isihloko. -Izimvo zibekwe ezixhaswe ingezizo zonke nje kodwa ubungqina -Iimpendulo ngendlela engacacanga ngokuvokothekileyo ezixhaswe njengoko abusoloko busamkeleka. ezichanekileyo zimbalwa konke konke. -Ulwazi lwejenre/netekisi -Alukho kwaphela ulwazi kusetyenziswa uncwadi. kufanelekile. kakhulu. alugqibelelanga. lwejenre netekisi. -Ukuqonda -Impendulo ibonisa -Luncinane ulwazi okubalaseleyo kwejenre ulwazi lwejenre netekisi. ngejenre netekisi. netekisi. ISAKHIWO NOLWIMI 8–10 6–7 4–5 2–3 0–1 -Isakhiwo -Isakhiwo sicacile kwaye -Bukho ubungqina -Isakhiwo sibonakalisa -Ukungabikho koyiloo siyathungelana. ingxoxo iyathungelana besakhiwo iziphene zoyilo. kwenza ukuba 10 AMANQAKU -Intshayelelo nesiphelo kakuhle. obungagqibelelanga. -Izimvo azithungelelani kungabikho esigqwesileyo. -Intshayelelo nesiphelo -Unamathelelwano kakuhle. thungelelwano lwezimvo. -Ingxoxo yakheke kunye nemihlathi nothungelelwano -Iziphene zolwimi -Iimposiso zolwimi ngokufanelekileyo yaze zicwangciswe ngendlela lwezimvo lukho, kodwa ziyabonakala. nesimbo sokubhala esife yakhuliswa edala uthungelwano. kukho iziphene. -Ithoni nesimbo amanqe kwenza ngokucacileyo -Izimvo zithungelana -Zikho iziphene zolwimi sokubhala ukungavakali -Ulwimi, ithoni nesimbo ngokuchanekileyo. ezithile, ithoni, nesimbo asichanekanga. kokubhaliweyo. -Ulwimi, ithoni nesimbo -Ayichanekanga ithoni sokubhala sivuthiwe, sokubhala sichanekile -Imihlathi ineziphene. sokubhala sisetyenziswe nesimbo sokubhala sinomtsalane, ikakhulu. Ngokuchanekileyo -Ulwakhiwo lwemihlathi sichanekile. ikakhulu. -Imihlathi ichanekile ludlakadlaka. ikakhulu. AMANQAKU 20–25 15–18 10–13 6–8 0–4 QAPHELA: Ukuba umviwa uwutyeshele ngokupheleleyo umxholo, suka wabhala isincoko esiya sephepa lesithathu, mnike u-0. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 12 Isixhosa Hl

Explore more published documents in this catalogue.

View all