You're offline
Skip to content
Memorandum

XHOSA HL P1 GR12 MEMO SEPT 2022.pdf

Subject: Isixhosa HlGrade 1220229 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2022 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) – IPHEPHA 1 ISIKHOKELO SOKUMAKISHA AMANQAKU: 70 Esi sikhokelo sokumakisha sinamaphepha ali-9.
2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 (EC/SEPTEMBA 2022) QAPHELA Esi sikhokelo sokumakisha senzelwe ukuba sibe sisikhokelo kubamakishi. • Asenzelwanga ukuba sibe ngummiselo ogqibeleleyo. • Iimpendulo zabafundi mazithathelwe ingqalelo ngokokuchaneka kwazo. • Iimpendulo mazihlolwe ngokupheleleyo namanqaku anikezelwe apho kufuneka anikezelwe khona ngokwezigqibo ezithatyathwe kwintlanganiso yokubeka umakisho emgangathweni. • Isikhokelo sokumakisha siya kuxoxwa phambi kokuba kuqalwe ukumakisha. IMIYALELO KUBAMAKISHI Umakisho lwesicatshulwa sokuqonda: • Ngenxa yokuba kugxininiswa ekufundeni ngokuqonda, akufanelekanga ukuba upelo olugwenxa neemposiso zolwimi kwiimpendulo zezivakalisi zinyityelwe amanqaku ngaphandle kokuba ezo ziphene zitshintsha intsingiselo yempendulo elindelekileyo. Iimposiso ezikhoyo maziqatshelwe ngokukrwelelwa. • Kubaviwa abasebenzisa amagama athatyathwe kolunye ulwimi ngobunjalo bawo, olungesiso isiXhosa, musa ukuwathathela ingqalelo lawo magama anjalo, kananjalo banganyityelwa manqaku xa ngaba iimpendulo ezinikiweyo zinembadla. Ngokunjalo ukuba igama elisuka kolunye ulwimi lusetyenziwe kwitekisi kwaye impendulo ifuna elo gama, oko kwamkelekile. • Kwimpendulo apho ziliqela iimpendulo ezichanekileyo akunikwa manqaku ngeempendulo ezingu-EWE/HAYI, NDIYAVUMA/ANDIVUMELANI kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo. • AKUNIKWA manqaku ngeempendulo ezingu-YINYANI/BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo. • Apho kulindeleke iimpendulo ezigama linye aze umviwa anike isivakalisi, nika amanqaku ukuba ngaba igama elifanelekileyo likrwelelwe umgca ngaphantsi okanye ligqanyisiwe. • Kwimibuzo apho kulindeleke iimpendulo ezimbini/ezintathu, aze umviwa adwelise uluhlu lweempendulo, makisha kuphela ezimbini/ezintathu zokuqala. • Iilwimi zengingqi neziyelelani zesiXhosa zamkelekile. • Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, makwamkelwe zombini, ukutsho oko unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokuzeleyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 3 ICANDELO A: UVAVANYO LOKUQONDA UMBUZO 1: UKUFUNDELA INTSINGISELO NOKUQONDA 1.1 Uyintolongo ✓ (1) 1.2 Kukungxama kakhulu ✓/ kukungxamela into ngamandla ✓ (Nayiphi na kwezi) (1) 1.3 Umlimi ✓/ usomajukujuku ✓/ umfundisi ✓/ umpolitiki ✓ (Nasiphi na isibini) (2) 1.4 Silandela isenzi u-thi. (1) 1.5 Amazwe abalaseleyo ehlabathi afana ne-Indiya, elakwaSirayeli nelaseBhritani ebekhe akhokelwa ngabantu basetyhini. ✓ (1) 1.6 Siveza ukuba imigudu yokufuna inkululeko yomntu wasetyhini size neziphumo ezihle nezingathandekiyo. ✓✓ (2) 1.7 Lityhila ukuba le migudu sele ibaxekile. ✓✓ (2) 1.8 C. ✓ C. Abakrexezayo ✓/ abakrexezayo ✓ (Nayiphi na kwezi) (1) 1.9 Lizisa intsingiselo yokuyidinga inkululeko ✓✓/ ukufuna inkululeko ngamandla. ✓✓ (Nayiphi na kwezi) (2) 1.10 Yinyani, kuba abaqeshi bafuna ukuqala babelane ngesondo nabantu ababhinqileyo phambi kokuba babaqeshe. ✓✓/ Yinyani, kuba abantu abangamadoda babancwasa ngokungamkelekanga abantu ababhinqileyo emisebenzini. ✓✓ (Nayiphi na impendulo eveza ukuxhatshazwa kwababhinqileyo ngezesondo.) (2) 1.11 Kukuba aye kuyichaza kwabasemagunyeni basemsebenzini. ✓/ kukuya kuyichaza kwicandelo lamapolisa elilwa ukuxhatshazwa kwababhinqileyo. ✓/ kukuya kuyichaza kwiSebe Lezemisebenzi. ✓✓ (Nasiphi na isibini) (2) 1.12 Kunganeziphumo zokuba iqhawuke imitshato emininzi, kuba bafika bediniwe bangakwazi ukuyenza imisebenzi ekukholeleka ukuba yeyabo. ✓✓ (2) 1.13 Ukuphangela kwabafazi kubangele ukuba umsebenzi wasekhayeni ungabi namntu wakuwenza nexesha lokukhathalela abantwana liye lancipha. ✓✓ (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 (EC/SEPTEMBA 2022) 1.14 Ewe singenza umahluko ngokuthi amadoda abone ukuba amanina nawo kufanele ukuba aphatheke ngokufanayo namadoda. ✓✓ OKANYE Hayi, kuba kusekho amadoda asabambelele kwinto yokuba indawo yamanina isekhitshini. ✓✓ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 1.15 Kukho umntu ongumama obonakala enika imiyalelo kubantu abangootata. ✓ (1) 1.16 Ewe banomdla, kuba bancumile yaye bajonge kule nto ayenzayo/kuye ngqo. ✓✓ (2) 1.17 Umbhali umsebenzise umntu wasetyhini wabonakala enolawulo, ubungangamsha negunya ngaphezu kwamadoda amamele ngomdla nekubonakala emthobela. ✓✓ (2) 1.18 Umfanekiso wesicatshulwa B ungqinelana nomhlathi wesi-2 wesicatshulwa A, ✓ kuba kwisicatshulwa B siboniswa umntu ongumama obonakala ekwisikhundla solawulo kanti kumhlathi wesi-2 wesicatshulwa A kugxininiswa ukuba oomama banako ukuba kwizikhundla zolawulo. ✓ (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 5 ICANDELO B: ISISHWANKATHELO UMBUZO 2 UKUMAKISHWA KWESISHWANKATHELO • Amanqaku abiwa ngolu hlobo lulandelayo: o Amanqaku asi-7 ngeengongoma ezisi-7. (Ingongoma nganye linqaku) o Amanqaku ama-3 olwimi o Amanqaku ewonke: 10 • Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa besebenzise amazwi abo o 1−3 iingongoma ezichanekileyo: Nika inqaku eli-1 o 4−5 iingongoma ezichanekileyo: Nika amanqaku ama-2 o 6−7 iingongoma ezichanekileyo: Nika amanqaku ama-3 • Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa umlingwa ecaphule njengoko kubhaliwe kwisicatshulwa: o 6−7 iingongoma ezicatshulweyo ngqo: 0 amanqaku olwimi (Akanikwa nqaku lolwimi umfundi) o 1−5 iingongoma ezicatshulweyo ngqo: nika inqaku eli-1 lolwimi QAPHELA • Imo o Nokuba isishwankathelo sibhalwe ngemo engachanekanga, masiphononongwe. • Ubalo-magama o Abakorekishi kulindeleke ukuba baliqinisekise inani lamagama asetyenzisiweyo. o Musa ukuthabatha amanqaku ukuba umlingwa akalibonakalisanga inani lamagama asetyenzisiweyo okanye ukuba inani lamagama libonakaliswe ngokungachanekanga. o Ukuba udlule kwinani eliqingqiweyo, funda de uye kusigqiba isivakalisi eso, ze ungakuhoyi okulandelayo. o Izishwankathelo ezibhalwe zazifutshane kodwa zinazo zonke iingongoma ezifunekayo okanye ezilindelekileyo mazinganyityelwa manqaku. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
6 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 (EC/SEPTEMBA 2022) UMFUNDI ANGACANGCATHA KWEZI NGONGOMA UCAPHULO IINGONGOMA 1. Oku kungenzeka ngokuba banikwe 1. Amanina mawabe nelungelo ilungelo elipheleleyo lokuzithabathela lokuthabatha izigqibo ngokwawo, izigqibo nabo njengabantu, angalindeli kootata. ngaphandle kwefuthe lamadoda. 2. Oyena ndoqo kukunika abantwana 2. Kubalulekile ukuba amantombazana abangamantombazana imfundo asakhulayo afumane imfundo ekwizinga lomntu wonke esemgangathweni ngaphandle kungajongwanga sini. kocalucalulo. 3. Amakhosikazi aphangelayo 3. Oomama abasele besebenza mawanikwe amathuba wokuphucula mabawafumane amathuba okuphucula izakhono zawo ukuze nawo akwazi izakhono emisebenzini, ukuze bakwazi ukukhuphisana ngokulinganayo ukuba negalelo njengamadoda. nootata kwiimeko zemisebenzi. 4. Inkululeko namalungelo wamabhinqa 4. Makuqwalaselwe amalungelo mawabekwe phambili xa nokukhululeka kwamanina xa kuxoxwa kuchotshelwe imicimbi edla iLizwe. imicimbi echaphazela iLizwe. 5. Amabhinqa mawahlonitshwe nawo 5. Amanina mawafumane intlonipho njengabantu, angajongelwa phantsi elindelekileyo kumntu wonke, kuba engamabhinqa. angasingelwa phantsi kuba engamanina. 6. Kubalulekile ukuba amanina 6. Oomama mababe nendima enkulu athabathe inxaxheba kwimibutho abayidlalayo kwimibutho yepolitiki, yezopolitiko, angacalulwa bangabekelwa bucala kuba ngokwesini. bengoomama. 7. Ukhuseleko lwamanina kufanele lube 7. Kubalulekile ukuba abantu ababhinqileyo luxanduva lomntu wonke. bafumane ukhuseleko ngandlela zonke kumntu wonke. UKUBHALA NGOKOMHLATHI Amanina mawabe nelungelo lokuthabatha izigqibo ngokwawo, angalindeli kootata. Kubalulekile ukuba amantombazana asakhulayo afumane imfundo esemgangathweni ngaphandle kocalucalulo. Oomama abasele besebenza mabawafumane amathuba okuphucula izakhono emisebenzini, ukuze bakwazi ukuba negalelo njengamadoda. Makuqwalaselwe amalungelo nokukhululeka kwamanina xa kuxoxwa imicimbi echaphazela iLizwe. Amanina mawafumane intlonipho elindelekileyo kumntu wonke, angasingelwa phantsi kuba engamanina. Oomama mababe nendima enkulu abayidlalayo kwimibutho yepolitiki, bangabekelwa bucala kuba bengoomama. Kubalulekile ukuba abantu ababhinqileyo bafumane ukhuseleko ngandlela zonke kumntu wonke. (70) AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 7 ICANDELO C: IZAKHI NEMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI UKUMAKISHA ICANDELO C • Upelo o Iimpendulo eziligama elinye mazimakishwe njengezichanekileyo nokuba upelo aluchanekanga, ngaphandle kokuba isiphene silahla intsingiselo efunwayo yegama. o Kwiimpendulo ezizizivakalisi ezipheleleyo, upelo olungachanekanga luya kohlwayelwa xa isiphene sikweso sakhi solwimi sivavanywayo. o Xa kuvavanywa izifinyezi, impendulo mayifakwe iziphumlisi ngokuchanekileyo. o Ulwakhiwo lwezivakalisi kufuneka luchaneke ngokwemigaqo yolwimi kwaye lusetyenziswe kwizivakalisi ezipheleleyo njengoko umbuzo uyalela. o Ngokubhekiselele kwimibuzo ekhethisa impendulo echanekileyo, yamkela ZOMBINI, unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE impendulo ebhalwe ngokupheleleyo. UMBUZO 3: UKUCAZULULA INTENGISO 3.1 Yi-Vaseline ✓ (1) 3.2 Kukuthambisa isikhumba. ✓ (1) 3.3 Linxulumana ngokuba lithi ‘Khangeleka umhle’ ibe nentombazana esemfanekisweni ikhangeleka intle. ✓✓ (2) 3.4 Kukubonakalisa ukuba le mveliso yenziwe ngesityalo sendalo. ✓✓ (2) 3.5 Utsalela umthengi kula mazwi ukuze naye abe nethemba lokuba ngokusebenzisa le mveliso uya kukhangeleka emhle. ✓✓ (2) 3.7 Andingqinelani, kuba nokuba ungayisebenzisa kangakanani le mveliso ayinakuze iguqule inkangeleko yendlela odalwe ngayo. ✓✓ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
8 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 (EC/SEPTEMBA 2022) UMBUZO 4: UKUCAZULULA IKHATHUNI 4.1 Bakwigumbi lokuhlala/lokuphumla. ✓ (1) 4.2 Kukho isitulo segumbi lokuhlala/ lokuphumla. ✓ (1) 4.3 Umama kaLutho ubonakalisa intlonipho nothando kwindlela anxibelelana ngayo nonyana wakhe, kanti yena uLutho akabonakalisi kuhlonipha. ✓✓ (2) 4.4 Ayingqinelani, kuba uthe kulungile kodwa uzisuse nje wazibeka kwalapha ecaleni lesitulo endaweni yokuba azise ekhitshini njengoko bekulindelekile. ✓✓ (2) 4.5 A. ✓ / A. Uncamile ✓ uncamile ✓ (Nayiphi na kwezi) (1) 4.6 Kusetyenziswe iqam leengcinga. ✓ (1) 4.7 Uphumelele kuba endaweni yokuba uLutho athathe izitya aye kuzibeka ekhitshini uzishiya kwalapha egumbini lokuhlala/lokuphumla kunjalo nje akaboni nto ingalunganga kuloo nto kuba ude athi ugqibile. ✓✓ (Nayiphi na impendulo ebonakalisa ukuphumelela) (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 9 UMBUZO 5: UKUSETYENZISWA KOLWIMI NGOKUCHANEKILEYO 5.1 Sandulela isibizo ✓/ siphambi kwesibizo. ✓ (Nayiphi na kwezi) (1) 5.2 Sibonakalisa isenzo esenzeka macala. ✓ (1) 5.3 Siyabanga. ✓ (1) 5.4 Balambe. ✓ (1) 5.5 Libonakalisa indawo. ✓ (1) 5.6 Ngokunjalo nasezinkunini uyayazi ukuba makabe negoqo apha ekhaya. ✓✓ (2) 5.7 Umama uthanda ukutya inyama amaxesha amaninzi. ✓✓ (Nasiphi na isivakalisi esisebenzise ukutya njengesenzi) (2) 5.8 'Ngokukhululwa komfazi kule misebenzi inzima yangaphandle kokukhona ubomi bekhaya buya kulungelana nangaphezulu bube mnandi kananjalo. ✓ (1) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE EPHEPHA: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 12 Isixhosa Hl

Explore more published documents in this catalogue.

View all
Grade 12 · Isixhosa Hl · 2022 · Eastern Cape Mock Exam · Memorandum · Paper 1 | Hlayiso | Hlayiso