You're offline
Skip to content
Memorandum

XHOSA HL P2 SEPT12 MEMO.pdf

Subject: Isixhosa HlGrade 12201219 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Province of the EASTERN CAPE EDUCATION NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2012 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 IMEMORANDAM AMANQAKU: 80 Le memorandam inamaphepha ali – 19.
2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) (SEPTEMBA 2012) ICANDELO A: ISIHOBE IMIBONGO EMISELWEYO VUKANI MADODA KUSILE – IZIBONGO NAMANQAKWANA: Ingqokelela yababhali UMBUZO 1 (Umbuzo omde) UNKOSANA “THE HAPPYBOY” MGXAJI: N. Thuthani Umfundi anganyathela kwezi ngongoma xa ephendula  Ebesithi elapha ... Kuboniswa umntu obenobuchule bokushukuma eqongeni khon’ukuze akwazi ukosela ngephanyazo.  Esenz’amadanyadanya ... Intshukumo ebeyenza ngeenyawo ibisitsho ibhide nalo kuliwa naye.  Etyibilika eqongeni ... Kunikwa umfanekiso ngqondweni weliso ube ngathi ubona umntu owenza intshukumo egqithisileyo aligqibe lonke iqonga kuba uthi engapha abe engapha.  Elibhanx’ixhoba ... Le ntshukumo ingakanani ibilibhida ixhoba kuba lo mntu akabambeki.  Loo matshamba ... Esi sakhono besimnceda okaMgxaji ekuwuphumeleleni umlo.  Zalwa zizijul’ijacu ... Kuboniswa umntu obesilwa ngokungazixhalelanga kuba uqinisekile ngesakhono sakhe.  Kwesi sitanza sesibini kuboniswa umntu obesebenzisa ingqondo xa esilwa kuba ubeqala amfunde umntu alwa naye khon’ukuze aze kukhupha imfihlo yakhe.  Ubesithi akuba emfundile abone ukuba makenze njani ukuze aphumelele. Bobu buchule obumenze waba yinjinga emanqindini kuba ubegqugqisa.  Kwisitanza sesithathu kuzotywa uMgxaji othe ngesakhono sakhe waphumelela kuba ebengenantanga nakwezaPhesheya.  Umqolo 18 ubonisa umntu obephepha ephephile kanti kwangelo xesha akayekanga ukuwathulula amanqindi.  Oku kukhawuleza kwakhe ukushukumisa iinyawo bebumenza ngathi yintambanani kuba ebelubhida utshaba lwakhe.  Ukudlalela kwakhe ezintanjeni bekumnika ithuba lokuba akwazi ukosela kuba utshaba belusiza ngakuye aze yena akhawuleze aluxinanisele ngasezintanjeni. [10] OKANYE
(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) 3 UMBUZO 2: (Umbuzo omfutshane) IZIFO ZABANTWANA: W. Shasha 2.1 Ibonakala imbongi ikhathazekile / ikhalaza. (1) 2.2 2.2.1 Bharha mzi kaXesibe ukub’umntwan’esiswin’uxwesile /Bharha mz’oNtsundu Ukub’usapho lwakho luziintsalu. (1) 2.2.2 Ngokuba sizalwe, sidle,sihluthe, sife! (1) 2.3 Ezi zifo zizinto ezingunobangela wokonakala kwentlalo yethu bamnyama kwimihla ngemihla / ubuvila / ukungafundi okuziphumo zichaphazela imo yabantwana okanye ikamva labo ebomini. (1) 2.4 Ubutyebi kule mihla abusekho mfuyweni kodwa bukwizimbiwa phantsi komhlaba. (1) 2.5 Siphuhlisa ukuba le meko ibuhlungu izingileyo aphila kuyo umntu omnyama usengayitshintsha / ihlaba ikhwelo ngombuzo buciko ukuba noko makucingisiswe into yokuba kuhlekiswa ngathi. (2) 2.6 Indlala, irhafu / ukungabi namfuyo. (2) 2.7 Yimvano siqalo. (1) [10] OKANYE UMBUZO 3: (Umbuzo omfutshane) APHI NA AMADODA! : M. Mbutuma 3.1 Ngunomgogwana wombuso womaziphathe oziswe ngamaBhulu phesheya kweNciba – eTranskayi. (2) 3.2 3.2.2 / Yinkosi yabaThembu (1) 3.3 Imbongi ihlaba umkhosi / Iyakhwaza ukuba uluntu maluhlangule kukho ingxaki. (1) 3.4 Ngabantu abamnyama / Ngumzi kaNtu / Ngumzi ontsundu / NgabaThembu (1) 3.5 Nants’ithe ga ngogaga / Kwizingqi zomzi kaNdaba / Egqib’umzi wonk’uphela. (1) 3.6 Abantu abangoohlohlesakhe / Abantu abajonge ukuhluthisa ezabo izisu. (1) 3.7 Ngexesha localucalulo apho amaBhulu ayenika uluntu oonomgogwana bemibuso yamaphandle ngenjongo yokucalucalula okanye ukudala uchuku ngokubanika ooni nooni / ukuphungula abahlali ezidolophini. (1)
4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) (SEPTEMBA 2012) 3.8 Nohlala nibekw’ityheneba. (1) 3.9 Zemk’ iinkomo magwalandini! (1) [10] OKANYE UMBUZO 4: (Umbuzo omfutshane) UPROFESA A. C. JORDAN: Z. S. Qangule 4.1 Sisimbambazelo / Yi – eleji, Imbongi inesijwili esenzayo kuba kumke umntu obenegalelo elikhulu eluntwini / nezinye iimpawu ze-eleji. (2) 4.2 Imiqulu nantso ithe xazalala / Qoqosha lusapho lilifa lakho. (1) 4.3 Igalelo alenzileyo ekubhaleni lakuhlala lihleli kwaye kuya kuxhamla nesizukulwana / bubutyebi / kukho iimali (royalties) ezibhatalwayo abanokuxhamla kuzo aba bangabanini belifa. (1) 4.4 4.4.1 / Umntu obalulekileyo. (1) 4.5 4.5.1 B / Isiphiwo sobukrelekrele, umonde nokukwazi ukucazulula izinto (1) 4.5.2 C / Imisebenzi ebeyenza iphelile. (1) 4.6 Ukuncoma (1) 4.7 Uqaqambisa oku kufa okuthe kwavakala kulo lonke ilizwe. (1) 4.8 Umfanekiso ngqondweni wendlebe ube ngathi uyasiva eso sandi. (1) [10] KUNYE Imibongo engafundiswanga UMBUZO 5 (Umbuzo omde) UKUTHETHA: N. S. V. Zamela Umfundi anganyathela kwezi ngongoma zilandelayo kwimpendulo yakhe:  Ukususela kumqolo wokuqala ukuya kowesibhozo umbhali ubonisa icala elihle lokuthetha ze kwemithandathu yokugqibela abonise icala elibi.  Isikweko asisebenzisileyo kwimiqolo yokuqala esibhozo umbhali uzama ukubonisa eli cala lihle lokuthetha.  Sisipho semvisiswano ... Umbhali ukuzoba ukuthetha njengesipho kuba kuzisa imvano nomanyano.
(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) 5  Yinkunzi nemazi ... Esi sidibanisi sisetyenziswe ngumbhali sibonisa ngokucacileyo ukuba izinto zitsho zilunge ngenxa yokuthetha.  Yincukuthu nentsika ... Ukwabethelela kwa olu luvo lokudibanisa okuvela ngenxa yoku kuthetha.  Kukungqisha komntu ... Sinikwa uluvo lokuba ukuthetha kukuzama ukulungisa izinto zihambe ngendlela eyiyo.  Yimvumelwano yembono ... Sinikwa umfanekiso wokuba ukuthetha kuthi ukuze kulunge kube kanti iimbono zomnye nomnye ziyamanyelwa  Sisiseko sobuntu ... Kubethelelwa uluvo lokuba ukuthetha kungunobangela wentlalo entle.  Ngumbongo ochaza ... Sichazelwa ukuba kusekuthetheni apho ubani afumana ithuba lokubeka izimvo zakhe.  Iluncomo-gxeko lwezinto ... Ngesi sichasaniso sikrotyiswa ukuba ukuthetha kusenokugxekwa okanye kunconywe.  Isihlanganisi “ kodwa” sibonisa ukuba ngoku kuza kuvezwa icala elibi lokuthetha apho sixelelwa ukuba ukuthetha akusoloko kukuhle.  Kuba kuzikhuphile ... Siboniswa ukuthetha okungekuhlanga kwaye okonakalisayo.  Kuzidubile iimeko zoxolo ... Oku kuthetha kokungakhiyo konke-konke  Kuzibhentsisile ... Kukubonakalisa ngokuphandle ukuthetha okungalunganga.  Kuzibizil’iimfazwe ... Kubethelelwa uluvo lokuba akukho xolo kwaphela  Umqolo wokugqibela onesichasaniso ubethelela uluvo lokuba ukuthetha akugqibeki kuba kusenokubangela izenzo ezihle okanye ezibi. [10] OKANYE UMBUZO 6: (Umbuzo omfutshane) 6.1 Iluncomo-gxeko lwezinto nendalo. (1) 6.2 Ukuthetha kwelinye icala kuyazonakalisa izinto. (1) 6.3 Kuba kona kwandulel’izenz’wezihle nezibi / Iluncomo-gxeko lwezinto nendalo. (1) 6.4 Ukubonisa ukuba imiqolo elandelayo iza nangcamango yimbi / Ukuthelekisa ingcamango ekwimiqolo yokuqala esibhozo naleyo mithandathu yokugqibela. (1) 6.5 Sisikweko (1) 6.6 Umbhali ubonisa ukuba ukuthetha kwenza izinto nizibone ngaliso linye kutsho kubekho imvano nemvisiswano. Ukuthetha kuboniswa njengesixhobo esibangela ukuba abantu bahlalisane ngoxolo kwaye bemanyene. (2) 6.7 Impendulo evakalayo ivela kumfundi kodwa kulindeleke ukuba akhethe icala elihle kuba liyakha. (2) 6.8 Igxininisa iziphumo ezibi ezivezwa leli cala libi lokuthetha. (1) [10]
6 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) (SEPTEMBA 2012) ICANDELO B INOVELI UMBUZO 7 (Umbuzo omde) NYANA WAM! NYANA WAM! : W. K. Tamsanqa Umfundi makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo:  Efikile eGcuwa ekubuyeni kwakhe eRhawutini udibana nabahlobo bakhe ooThemba ze bamlukuhle azibone eseBhayi.  Esedolophini njalo ulahlekwa ngabahlobo bakhe kanti oko kukuvulela uThole ithuba lokubonana noNomsa athe wakha ubuhlobo naye  Ebakhile ke obo buhlobo ucelwa nguNomsa ukuba aye kokwabo ukuya kumchithisa isithukuthezi.  Kuthe kanti ukuvuma kwakhe kukuzinqikela ilitye elineembovane kuba besahleli njalo kungene uJoe othandana noNomsa ehamba neqela lakhe.  Bazibhaqa besisigculelo kuba bayabethwa de bamqamangele uThole bethembisa ngokuya kumphosa echibini ezinzulwini zobusuku.  Uthi uThole esendleleni eya kweloo chibi ambize uThixo wakhe ukuba amhlangule.  Kuba uThixo inguThixo ovayo ngokwenene uya mhlangula ngokuvela kwamapolisa.  Ngakusa uthatha isigqibo sokubuyela ekhaya ze kuthi kuba umlingi engaphezi aphinde ahlangane nala matshivela angabahlobo bakhe  Baphinda bamlukuhle aba bahlobo bakhe ngokumbizela kwisithuthi simbi aze athi kuba uThole ebuthathaka avume  Sisuke esi sithuthi sijongise umbombo ngase Knysna apho siye sabothula khona baze basesichengeni sokuqwengwa ziingonyama kuloo mahlathi  UThole uyasinda ekuqwengweni aze asebenzise ubukrelekrele bakhe azenze igqirha akuba ebethwa linxele likaKhetsekile.  Esi senzo sokuzenza igqirha asilobizo lwakhe kungoko ethatha isigqibo sokubuyela ekhaya ukuze aqhubeke nezifundo zakhe.  Ngokwenene akuba efikile ekhaya ubuyela esikolweni eDikeni apho abonakalisa ukuzimisela okungumangaliso litsho negama lakhe litshintshe abe nguMangaliso.  Inkxaso ayifumana kumfundisi uMaqoma ekunye noShepherd imenza ukuba aye ezimisela.  Oku kubalasela kwakhe kumenza ukuba onyulwe aye kumela abafundi kwingqungquthela eseKapa. EseKapa igama lakhe liba ngundabamlonyeni ngenxa yobuchule bakhe ekuxoxeni.  Ukuzibalula kwakhe kule ngqungquthela kumenze wawelwa ngumqa esandleni kuba naku iNusas imthembisa ngokumhlawulela imali yesikolo ukuze aqhubekeke akuba eliphumelele ibanga leMatriki. Ude acetyiswe ngamaSebe anokuwangenela.  Ebuyile uphinde onyulwe aye kumela abafundi kwingqungquthela eseNgilane. Nalapho uhamba yedwa akanantanga kwiingxoxo ezaziqhutywa de ezi ndaba ziye kuvakala emva ekhaya.
(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) 7  Ekupheleni kwengqungquthela ubuyela ekhaya sele ezivile iindaba zokuphumelela ibanga leMatriki emagqabini. Kungekudala ebuyile ufumana ileta evela eNgilane emxelela ukuba nguye ogqwesileyo kuloo ngqungquthela. Le leta yayikhatshwa sisipho semali esingamakhulu amahlanu eeponti.  Ekunyaka wakhe wesithathu kwizifundo zobufundisi ufumana enye ileta ekwavela eNgilane emcelayo ukuba aye kufunda khona  Akaphozisanga maseko uMangaliso uye wasamkela esi sicelo wabe uyahamba.  Efikile ufunde ngokuzimisela wafunda wade wayityekeza kuba waba nezi zidanga M. A. nePhD.  Kuba le nto ingumntu ihlal’ihlale igoduke ubuyela ekhaya engumagrazula womfundisi. Oko ukubonakalisa ngokuphumelela ukuvusa ibandla elalisele lincanyiwe iGeorge Gorch.  Oku kuphumelela kwakhe kungqina ukuba ngokwenene impumelelo yomntu isezandleni zakhe kuba naku uMangaliso ephumelela noxa bekuqale kwangathi akuzukulunga. [25] OKANYE UMBUZO 8 (Umbuzo omfutshane) 8.1 Bharagwana (1) 8.2 Igama lakhe libe ngundabamlonyeni kubantu baseMzantsi Afrika eseseNgilane ngenxa yokubalasela kwakhe kwiintshumayelo awayezenza/Ukubuya kwakhe kwakupapashwe kakhulu kweli loMzantsi Afrika kumaphephandaba, oonomathotholo nasecaweni. (2) 8.3 Ngumfundisi uMaqoma noShepherd. (2) 8.4 Uvela eNgilane / Oxford university ubeye kufundela ubufundisi. (2) 8.5 8.5.1 Lazala lema ngeembambo (1) 8.5.2 Ngomzuzwana omncinci kwakhala ibhungane (1) 8.6 Isihlanu sona itshoba lalala umbethe ..: Kwabakho abantu abafayo. (2) 8.7 O.R. Tambo International (1) 8.8 Yeyobuzwe nonqulo (2) 8.9 EGeorge Goch (1) 8.10 Ngelaa xesha uMangaliso afika kwaFikizolo evela eKnysna bekucingwa ukuba wafa. (1) 8.11 Sibonisa ukuba singabantu abathi kwakuba mnandi sixhele kutyiwe kube luvuyo. (1) 8.12 Abonisa ukuba kwasilwa utywala obuninzi. (1)
8 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) (SEPTEMBA 2012) 8.13 Makube le ndoda yayitshiphile / yayineminyaka emininzi ingasagoduki. (1) 8.14 M. A. nePhD. (2) 8.15 Badibene ecaweni eGeorge Goch. UMkwayi onguyise kaMangaliso uve incoko yabafana ahlala nabo enkomponi bebalula ukushumayela kwalo mfundisi ufikayo kweli bandla waze wanomdla, waya ecaweni apho izinto ziye zatyhilwa khona ukuba uMangaliso ungunyana wakhe. (2) 8.16 Esikolweni eZazulwana. (1) 8.17 Umkhulisile / Umqeqeshile / Umkhuthaze ukuba abuyele esikolweni. (1) [25] OKANYE UMBUZO 9: (Umbuzo omde) UKHOZI OLUMAPHIKO: N. Saule Umfundi anganyathela kwezi ngongoma zilandelayo:  Emva kokucetyiswa ngumfundisi uHlathi ukuba uMfazwe athathe isigqibo sokuwela imida ukusindisa ubomi bakhe uyavuma ze kufuneke ukuba aqale aye kubonana nonkosi uZamlandela eMhlabiso ngenjongo yokuya kurhatyuliswa ngomzabalazo. Kulapho athe wakhetha ukuya kwelaBathwa wabe ke uza kulandela umbutho womzabalazo, iNtsimb’ebomvu.  Uyanduluka emva kokuxhotyiswa ukumlungiselela uhambo olunempumelelo ekhatshwa ngemoto nguNdima ukumsa esitishini sikaloliwe eNkwankca.  Uthenga itikiti eliza kuphelela eLuthuthu lube lona uhambo lulonke ngololiwe luza kuphelela eThongo. Injongo yoku kumana ethenga kukujonga ukuba akalandelwa na ngoongcothoza.  Ngalo lonke eli lixa lokuthengathenga itikiti lokuhamba bekufuneke emana ewuthwala laa mnqwazi ukwenzela ukuba angaqondakali ade atshintshe nendlela yokuhamba.  Emva kokuthenga itikiti elimsa eNgxingweni akube efikile eLuthuthu uzithengela iphephandaba kumakhwenkwe athengisayo kanti uzinqikele ilitye elineembovane kuba ayamkhwaza ngendlela awayebizwa ngayo kwiqakamba esithi, “The Eagle”.  Oku kukhwazwa kumenzele umjojo emapoliseni kwenza ukuba angene kuloliwe ngokungxama ukuzihlangula koku kukhwazwa.  Ukufika kwakhe uMfazwe eNgxingweni ufumanisa ukuba amapolisa ayaphithizela kakhulu kwesi sikhululo ze loo nto imenze ukuba adungudelise phambi kokuba ehle. Ulibazisa ngokubopha iinwele zakhe ukuzama angaqondakali.
(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) 9  Akubona ukuba indlela yakhe ayisenamapolisa maninzi uyehla aye kuthenga itikiti eliza kumbeka eThongo. Kungelo xesha kanye azibhaqa sele enqakulwa lipolisa limbuza indawo aya kuyo.  Oku kuthiwa nqaku kwakhe kumenze wandweba waze wazama ukuwaphepha amapolisa kangangoko anakho.  Ukulinda uloliwe oya eThongo uye kuzifihla kwinyambalala yabantu esikhululweni seebhasi ezigungxe ngaloo mnqwazi abe nesaa simbo sakhe sokuhamba nge ngathi uyaqhwalela. Ufike wazifihla phakathi kwabantu ngokokude ngathi uyakhwela.  Akuba edlulile amapolisa uye esitishini kuba uloliwe wayeseleza kufika waze walinda ngakwindawo ebusithela.  Akufika uloliwe akaqalanga ngokukhwela ulinde bakhwela abantu waze yena wakhwela kwicala elikude namapolisa xa sele ibuxhuzula ukulungiselela ukusuka.  Ukumbona kwawo amapolisa akuwancedanga kuba nangona azame ukuleqa oko akuncedanga kuba uloliwe wayesele ehamba.  Uthe akothuka ebuthongweni evuswa kukudlokova kwayo de ngathi imiswa ngesaquphe waphawula ukuba imisa kwaNti, kungoko aye wathatha isigqibo sokwehla kuba ingamisa ngolwaa hlobo ikho into ezayo ngoko ke makasindise ubomi bakhe ngokwehla.  Esi sehlo siye samnyanzelisa ukuba anqumle imida ngeenyawo ehamba kwiindlela ezinobungozi. Kukwezoo ndlela apho aye wadibana nomzingeli oye wazama ukumnqanda angabi sabheka phambili kuba abantu abaninzi ababhacayo njengaye abafiki apho bayayo. Akoyikanga ngakoyikiswa usuke wanxunela phambili, kulelo xesha athe umzingeli wafana wamnika umqulwana wesikhumba esisongelweyo ukuba asisebenzise xa esengxakini ukuzikhusela.  Koko kwehla esenyuka ude wadibana namapolisa aye amfaka evenini emva kokumbuza imibuzo emininzi. Yakuba ifikile endleleni iye yamothula waxelelwa ukuba ingabuyi le veni eselapho.  Esekuloo ndlela ufumene isithuthi esiya eMgazi ekuthe ngelishwa kwabakho ingozi waze wanyanzeleka ukuba aphinde anqumle kwezoo ntaba ngeenyawo.  Kukwesi sithuba sokunqumla kwakhe le ntaba apho uMfazwe aye wahlangana khona namajoni aye amthatha ahamba naye kuba esithi ungumbulali nentlola.  Endleleni kubakho umlo phakathi kwale mpi ahamba nayo nezinye kodwa sekunjalo uyasinda.  Emveni kokuba le mpi ibimthathile waselugcinweni uyathathwa asiwe ehlathini ukuya kubulawa kodwa ngenxa yokuvukelana kwezi mpi wabanokusinda ngokusuka azikhusele ngomnye umpu waba bantu ubehamba nabo babuleweyo.  Emveni kwawo onke la mahla-ndinyuka ufikile eMthontsi. Uhleli apho nezinye iimbacu lada lafika ixesha lokuba bakhululwe.  Bakuba bekhululwe ooMfazwe ubuyela ekhaya afike izinto zithomalele aze aye eRhawutini kuthethathethwano. Kulapho athe wafumana ithamsanqa lokuba onyulwe njengejaji eyayiza kuchophela ityala likaFriday omnye wabangcikivi bakhe ngexesha lengcinezelo. [25] OKANYE
10 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) (SEPTEMBA 2012) UMBUZO 10 (Umbuzo Omfutshane) 10.1 NguMfazwe noMzingeli. (2) 10.2 Unqumla amaxethuka nemiwewe ezama ukuwelela kwelaBathwa ngezopolitiko / Phakathi kweThongo nelaBathwa / neMgazi. (1) 10.3 Uloliwe / itreyini kuba kwakufuneka umntu amane esehla athenge elinye itikiti ukuqhubekeka nohambo lwakhe / uloliwe wayehamba ngobusuku ngoko ke eli xesha lalibalungela abo babhacayo /baqhweshayo. (2) 10.4 Ubebaleka amapolisa ekuthe kanti ayamzingela kolu hambo. (1) 10.5 YiMgazi kulawula iNtsimb’ebomvu. (2) 10.6 Yinyani kuba le ntaba anqumla kuyo lo mlinganiswa inamapolisa abukhali, amarhamncwa, iinyoka nabazingeli abanoburhalarhume / Kuba abantu abaninzi babengafiki eMgazi. (2) 10.7 Umqulwana osongelwe ngesikhumba senyamakazi. Ubesithi kwakuba nzinyana apha eluhambeni aqabe amafutha ebe kwesi sikhumba ahlafune nemiqwayito ebikwalapho zitsho izinto zimlungele. (2) 10.8 Kuloliwe ogodukayo emva kokuba iimbacu zikhululwe. (1) 10.9 Kwenzelwa yena ukuba kube lula xa kufuneka ehambe ngeenyawo ukubaleka amapolisa / kube lula xa kufuneka ebalekile. (1) 10.10 The Eagle! (1) 10.11 10.11.2 / Umkhonto weSizwe (1) 10.12 Plathifom (1) 10.13 Esikolweni eFunda (1) 10.14 Omnye yititshala omnye ngumfundisi wakwalizwi. (2) 10.15 Elubhacweni / eMgazi /eMthontsi (1) 10.16 Bhut’ F (1) 10.17 - Umfundisi uHlathi akekho, uye eRhawutini kuthetha-thethwano. - UMfazwe naye ngomso kufuneka eye eRhawutini / “Ngomso lo usayo kufuneka ndiye kukhwelisa eMonti uye eRhawutini”. - Abantu abakhulu abaninzi basweleka, umzekelo, utat’uGaba umalume kaMfazwe nenkosikazi yakhe, uCwe noNokuzola nabanye ke/uNdlela noNtsipho batshiswa zezi ntwana. - UFriday unepati yakhe, ayintloko yayo kwaye useRhawutini kwakolu thetha-thethwano. - USiqithi naye useRhawutini ukuya kumela iNtsimb’ebomvu. (Nasiphi na isithathu) (3) [25]
(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) 11 OKANYE ICANDELO C: IDRAMA UMBUZO 11 (Umbuzo omde) A - a - a JONGUMSOBOMVU NguMkonto B. B. Umfundi unokunyathela kwezi ngongoma xa ephendula.  Kwasekuqaleni lo mdlalo uvulwa ngamazwi kankosi uMaqoma encokola noSoga emkhumbuza ngamagquba akowabo awayefudula elelona komkhulu labo phaya kwiintaba zikaNojoli.  USoga woleka ngamazwi akhumbula imvelaphi yabo nekucaca mhlophe ukuba basuswa kwezi ntaba ngetshova ngabangeneleli abangabamhlophe, kuba ude athi usenomfanekiso wamaphece eenkabi zakowabo zityebe zingamateketeke. Ude athi xa eyichaza le meko, “hayi ilishwa lethu”.  UNxokwana naye waleka kule mvakalelo ngokunqanda uJwarha ukuba angabi sabavuselela izilonda ezapholayo, esitsho nokuba usalizonda ithuba elabaphosayo mhla babehlaselwa ngamagxagxa kuba banqandwa ngooyise babo befuna impindezelo. Le ncoko icacisa ngokuvakalayo ukuba iindawo abahleli kuzo abantu bakowethu ayizizo ebebezelelwe kuzo koko basuswe ngezigalo kumhlaba wooyisemkhulu babo ngabangeneleli. Ude oleke uMaqoma ngelokuba uyise, uNgqika impilo yakhe seyi- ethe-ethe nje ngunobangela wokugxothwa ngabamhlophe emhlabeni wakhe kwaNojoli.  UMaqoma namaphakathi akhe kubenza ixhala xa bebona ukuqhogana kwabamhlophe noyise uNgqika kuba xa behleli naye banendlela yokumsebenzisa ngendlela engeyiyo ngenjongo yokurhwaphiliza umhlaba.  Siva uFiliphu xa encokola noSomerset esithi bona basingethe umsebenzi weNkosi ukuze abantu abamnyama basindiswe ezonweni, baphucuke kananjalo kungoko bedinga umhlaba wokwakha iicawe kunye nowokubeka aba bantu baguqukileyo kuba yeyona nkolo iyiyo le yobuKrestu. Utsho agxininise uFiliphu ukuba ubukho babo kulo mhlaba wamaXhosa kukuba bethunyelwe yimibutho yevangeli ukuza kubonisa abamnyama ukuba intlalo yabo yokuzibhubhisa ayilunganga kodwa eyona nto exabe endleleni yabo ngabantu abakhohlakeleyo.  Incoko kaSomerset noBeau siva ukuba abamhlophe bebecele imvume yokulanda ekhondweni leenkomo zabo. Ubusela babelungu buvela xa uBeau enika uSomerset ingxelo yokuba babuye namawaka amabini eenkomo ezivuthiweyo baze bacima umkhondo wobusela babo batshabalalisa imizi ebebevule kuyo iintlanti bashiya kungekho nempunde.  Iintshumayelo zabamhlophe xa befuna ukubhunyula umhlaba wamaXhosa umongo wazo ubungokoyikisa abantu abantsundu ngokuba baza kugwetywa, batshe kwesimnyama isihogo ngomhla omkhulu.  Kwiincoko zikaFiliphu noKondile kubonakala unxunguphalo olubangelwa ngamakhoboka athe akhululwa, bewatyhola ngokubahlalisa kakubi ngenxa yobusela bawo. Uthi uFiliphu kwincoko yabo noPhalaza, ukuba banokufumana indawo yokuthandazela bahambise iVangeli, bangakwazi ukulwa ubundlobongela ngokuthi baguqule amalawu angamakhoboka.
12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) (SEPTEMBA 2012)  Incoko kaMaqoma noNeku ibuya ibuvelise phandle ubuqotha-qikili bamaNgesi esithi apho ahamba khona angababulali, abulala abantwana athimbe nemfuyo.Yiyo loo nto akhuthaza ukuba umkhonto ubinze ufanele ukubinza esiqwini.  Kumdudo kaMaqoma uSekela uza neendaba zokuba abamhlophe babulele usapho bakugqiba bathimba imfuyo yakhe. Naye uMaqoma akazibandezi kuba uthuma ibutho lakhe ukuba lilande ekhondweni labeLungu babuye nemfuyo.  Ukungena kwamaphakathi kankosi uBawana anjengooQuka kwinkolo yobukristu kuphembelele intlekele yokuba benooMngxongo babulale inkosi yabo kuba bethenjiswe ngewonga lokuba obu bukhosi babaThembu buya kuwela kubo bona bangamagqobhoka.  Nakwincoko kaMaqoma noKama simva uMhlekazi lo evakalisa unkwintsho olwayame kwizigxeko eziza nomkhwe wakhe uKama ukuba akayithandi into yokuba aphindise kwabaMhlophe kuba iziqhamo zaloo nto zizala izinto ezimanyumnyezi kodwa yena uMaqoma uma ngelithi umkhwe wakhe umsa eliweni ngale ntetho yakhe kuba akasoze acimele xa umhlaba wakowabo utyiwa behleli.  Simva esithi uMaqoma ufanele ukubekwa esweni kodwa isiphazamiso ngabefundisi abathanda uyise nabathi xa benze okungalunganga kuye baphethe benikwa isohlwayo esiqatha esiphuma eBhilitane.  UMaqoma nakwincoko yakhe noMsika uthi makaphathelwe iinkomo zakhe ezimke namanyangaza kodwa bangachithi gazi. Usoloko eyibethelela into yokukhusela uhlanga lwakhe ngokukhusela umhlaba wakhe nabantu bakhe kooSomerset. USomerset kwelinye icala ufungele ukubamba uMaqoma apho amncinci khona esithi ufuna asuke kumhlaba emi kuwo aye kuhlala kwezinye iindlavini phesheya kweTyhume. [25] OKANYE UMBUZO 12 (Umbuzo omfutshane) 12.1 Kwizinyanya (1) 12.2 Sisimo sentlalo sasezilalini / emaphandleni. (1) 12.3 12.3.2 / Inkcubeko (1) 12.4 Kukusarha (1) 12.5 UQuka yena ufuna abantu abaza kusebenza baye emasimini kanti yona inkosi ifuna abantu abazonwabeleyo bengenzi nto. (2) 12.6 Hayi / Andivumelani (1) 12.7 Ewe, kuba naku ethetha ngolu hlobo: “Khanide ke nisebenze apha ebantwini, nibafake loo mhlabelo mhle, kunjalo nje uya kusiphucula esi sizwe sifumane uzuko nakwezinye izizwe. (2) 12.8 NguBawana (1)
(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) 13 12.9 Yindlela yokumsondeza ukuze bakwazi ukungena lula phakathi kwamaXhosa. (1) 12.10 UFiliphu ngumfundisi kanti uSomerset lijoni elikwangumrwebi (2) 12.11 Hayi akagqibeki kuba unezinto ezaziwa nguye noSomerset kwaye akamnqandi xa ebulala abantu. (2) 12.12 USomerset edibene noFiliphu babhale ileta yobuqhophololo besenza ngathi ibhalwe ngukumkani buqu ngoko ke boyikisela ukuba yaziwe loo nto. (2) 12.13 Ithi uMaqoma makakhwelele kumhlaba akuwo kuba wabelwe amakhoboka akhululiweyo. (1) 12.14 KuRufus (1) 12.15 Asiyonyani kuba amaXhosa ayelwela ukukhusela umhlaba nemfuyo yawo. (2) 12.16 Kwiziko lamajoni eRhini. (1) 12.17 Zizokulayisha iimpahla zamafama namakhoboka akhululiweyo. (2) 12.18 “Kutheni? Wamaphikana. (1) [25] OKANYE UMBUZO 13 (Umbuzo omde) AMAZA: Z. S. Qangule Umvavanywa unokuchankcatha kwezi ngongoma zilandelayo:  Igama alisebenzisileyo umbhali, “Namhla” limzoba lo mlinganiswa njengamntwana wanamhla ekulindeleke ukuba enze izinto zale mihla, umzekelo uyatshaya, uyasela uyawazi amalungelo akhe njalo njalo.  Oku kumzoba ngolu hlobo kuncedisile ekuphuhliseni umxholo wesiko lokubonela elingalungiyo kumntu wokhanyo onje ngoNamhla.  Umenze wakhula ngaphandle kukanina khon’ukuze akwazi ukuzilwela yiyo loo nto simbona esilwa ukubonakalisa ukuba akalifuni eli siko lokubonelwa. Mbone xa ethetha nabantu bomzi wakhe akaziyekeli xa ethetha noMandaba uninazala nabanye ke uyabasarhaza ukubonakalisa ukuba akakho konke konke kule nto yokubonelwa.  USidima yena akamboni nokuba usisiciko sayiphi imbiza, uthetha unothanda kwaye kugqibela yena. Le yindlela azilwela ngayo kuba akananina oza kumthethela. Abanamhla bayawaphendula amadoda ngelixa abamandulo babengawaphenduli.
14 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) (SEPTEMBA 2012)  Ingxoxo isetyenziswe ngumbhali njengesona sixhobo ekuncedeni ukuzoba uNamhla sitsho simazi ukuba ngumntu onjani na. Oku kutsho kuqhubele phambili impixano ukuze uphuhle umxholo . Kwingxoxo zakhe uNamhla sitsho simbone ukuba akekho bhetyebhetye uyalumela uluvo lwakhe.  Njengamntu ophilayo uzotywe waneengcinga sitsho sityhilelwe ngembilini yakhe. UNamhla zisuka nje simboniswa ewunyukula lo mtshato akubona le lema, eli jelimana. Ezi ngcinga anazo ngezi zinxibo zibonakalisa ngokuphandle ukuba lo mtshato akawufuni.  Intshukumo ayenzayo uNamhla idandalazisa ngokuphandle ukuba ufakwe ngenkani kulo mtshato akukhange kubekho thando olusisiseko somtshato. Ngokwalapha emdlalweni uzotywe akabi yintanga yamntu khon’ukuze umxholo uphuhle. Kwa uMadlamini omkhulisileyo akamkhathalelanga uthetha unothanda kuba njengamntwana wokhanyo uyawazi amalungelo akhe, umzekelo ilungelo lokuzikhethela undofa naye.  Inkangeleko yangaphandle apho uNamhla ezotywa enxibe izilekisi, umlomo uwuqabe bomvu, uthwele iwigi, iinwele uziphothile yenza ukuba simbone uNamhla njengamntwana wale mihla ngoko ke akazukubona ngolu hlobo babona ngalo abazali abamkhulisileyo kuba yena ungqinwa sisinxibo ukuba ngowala maxesha.  UNamhla udlala umculo wamacwecwe ufunda maphepha-ndaba ukumngqina ukuba ngumntwana wala maxesha kwaye uthandana phandle noLizo.  Iintetho azenzayo uNamhla xa ethetha nabantu abadala zimzoba njengomntu ongabakhathalelanga, ongenambeko. Nokumitha kwakhe esemzini akakukhathalelanga kuba uthwele umntwana wontu amthandayo.  Ngokuphathelele kwindima ayidlalayo uNamhla uzotywe wangumlwi xa ethetha nabantu bomzi kuba kaloku unalento angayifuniyo yokutshatiswa naloSidima. Ulwa ngaphezulu kwakufunyaniswa ukuba kufuneka engenwe.  Lo mzobo asinike wona umbhali ngoNamhla wenze ukuba siwabone elwatyuza ngamandla amaza ayimpixano kuba uNamhla akacengi solala phi uthetha le nto iza kumkholisa njengamntwana wangoku. [25] OKANYE UMBUZO 14 (Umbuzo omfutshane) 14.1 Sibonisa into elilize. (1) 14.2 Ziingxaki (1) 14.3 Izitunxa ngamaqaba / abangafundanga kanti izilumko zizifundiswa / abokhanyo. (2) 14.4 Ngumfundisi Zazile. (1) 14.5 NguDanile (1) 14.6 Entangeni kaNamhla. (1) 14.7 Nomgogwana (1)
(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) 15 14.8 Ithetha ukuthi ukuba akafanga eseGoli uya kufika wona umtshato uphelile / Enye yezi zinto kufuneka yenzekile, ukufa okanye ukuphelelwa ngumtshato. (2) 14.9 Hayi kuba uSidima akazange afe kwaye ungazange ubekho nomtshato wakhe noNamhla. (2) 14.10 Zeedompasi (1) 14.11 Yinyani kuba umtshato wabo khange ube nasiseko sathando ngoko ke ubungenakuma. (2) 14.12 14.12.1 Lubuye lugqadaze, lungqishe, luthethe (1) 14.12.2 Siwaqabele kunye loo maqhina angquzulanayo / Sehle sixhasene kwezo ngxondorha / Siphume kunye kwezo ntsunguzi / Sikhwazane xa sixwesaxwesa (1) 14.13 ULizo ufuna ukutshata noNamhla osele etshate noSidima abe yena kanye etshate noZodwa ngoko ke ufuna ukubasusa endleleni kuba bangumqobo ekutshateni kwabo. (1) 14.14 Umntu oyindindi / oxakiweyo / ongaziyo ukuba makathini / owothukileyo (1) 14.15 14.15.1 C / Umzimba (1) 14.15.2 A / Ukufa (1) 14.15.3 B / Iingxaki / Iinzima (1) 14.16 Ukudutyulwa kwabantu kuxhaphakile yiyo loo nto ekubaleka / ekoyika. (1) 14.17 Uvuthondaba kuba izithole zempixano zintshulile ngoko ke akusekho kubuya mva. (2) AMANQAKU ELI CANDELO: 25 AMANQAKU EWONKE: 80
16 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 MEMO (SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA: IRUBRIKHI YOKUMAKISHA ISINCOKO SOMBONGO ULWIMI IRUBRIKHI ESEMAGQABINI ENCOMEKAYO ENENDIMA EYANELISAYO ESEMGANGATHWENI EYELELISAYO EWE PHANTSI YOKUMAKISHA Ifomathi Isincoko Ifomathi Ifomathi Ifomathi ineemposiso Ukungacwangcisi Kunzima ukuqonda ISINCOKO SOMBONGO ichanekile. sicwangciswe ingqalile inobungqina zoyilo. Izimvo nokubekelela ukuba injongo Ifomathi, ukulandelelana ULWIMI LWASEKHAYA Intshayelelo kakuhle, kwaye icacile. boyilo. Isincoko azinakunamathelana. okufe amanqe yobhalo ifikelelwe. nesiphelo Intshayelelo Intshayelelo, siyalambatha Iimposiso zolwimi zikho. kubulala Akukho bungqina zikumgangatho nesiphelo zakhiwe isiphelo kunxulumano. Ithoni, isimbo ukulandeleka boyilo. Ulwimi kwezimvo, ulwimi, ithoni, isimbo 10 AMANQAKU ophezulu. ngobunono. Izimvo neminye Iimposiso zolwimi azinxulumananga kwengxoxo. alukho EWONKE Ulwimi, isimbo, ziyalandelelana. imihlathi ezingephi. Ithoni nenjongo yobhalo. Iimposiso mgangathweni. ithoni, irejista Isimbo, ithoni, inxulumene. nesimbo Ulwakhiwo lwemihlathi zolwimi, isimbo Akukho mihlathi ikumgangatho irejista zibuchaneka. lunemposiso. esingesiso senza nathungelwano. esisetyenziswe kwisincoko ophezulu zikumgangatho injongo yobhalo ophezulu. ilahleke tu. UMXHOLO Ukutolika isihloko. 7 6 5 4 3 2 1 Ukuchaneka kwengxoxo. 80 – 100% 70 – 79% 60 – 69% 50 – 59% 40 – 49% 30 – 39% 0 – 29% Ukuzixhasa nokulandela umbongo. ESEMAGQABINI Ulwazi olulodwa lokutolika itekisi. Zonke iinkalo zivelelwe 7 ngokukuko. 8 – 10 7–8 7 – 7½ 80 – 100 % 90%+ugqwesile. 80-89% ubalasele. Izimvo eziphezulu ezisuka encwadini ukuxhasa impendulo. ENCOMEKAYO Kumgangatho ophezulu. Zonke iinkalo 6 zivelelwe 7½ – 8½ 7–8 6½ – 7½ 6–7 ngokwamkelekileyo. 70 – 79 % Izimvo ezahlukeneyo zinikiwe ukuxhasa impendulo.
(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 17 ENENDIMA Ubonakalisa ukuqonda nokutolika isihloko 5 7–8 6½ – 7½ 6–7 5½ – 6½ 5–6 ngokukuko. Izimvo ezicacisayo zinikiwe 60 – 69 % kodwa azixhaswanga kangako. EYANELISAYO Kukho ukutolika isihloko nangona 6–7 5½ – 6½ 5–6 4½ – 5½ 4–5 zingavelelwanga zonke iinkalo. Uluvo 4 luxhaswa ngemizekelo encwadini. 50 – 59 % Izimvo zixhasiwe kodwa ubungqina abanelisi. ESEMGANGATHWENI Impendulo iphakathi. 3 Ingxoxo ayanelisi yaye luncinci unxulumano 40 – 49 % 5–6 4½ – 5½ 4–5 3½ – 4½ 3–4 phakathi kwesihloko nengxoxo. EYELELISAYO Ukulandela umbongo kunamabhetyebhetye. 2 Kukho uphindaphindo 4–5 3½ – 4½ 3–4 1 – 3½ olumana ukuphuma 30 – 39 % emxholweni. Ingxoxo ayixhaswa ngokukuko. EWE PHANTSI Impendulo inokunxulumana 1 nesihloko. Kodwa 3–4 1 – 3½ 0–3 00 – 29 % ingxoxo ayilandeleki, iphumile emxholweni. Amanqaku amkelekileyo awanalo unxulumano nombongo. Ukulandela umbongo kubhetyebhetye.
18 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) (SEPTEMBA 2012) IRUBRIKI YOKUMAKISHA ISINCOKO SONCWADI, INOVELI NEDRAMA QAPHELA UMAHLUKO ABELWE UMXHOLO NALAWO ABELWE ISAKHIWO NOLWIMI IIKHOWUDI UMXHOLO (15) ULWABIWO- ISAKHIWO NOLWIMI (10) NOLWABIWO Ukuchazwa kwesihloko: ubunzulu bezimvo, MANQAKU Isakhiwo sibhalwe kwaye MANQAKU ukuzathuza nokuqondwa kakuhle komsebenzi sinikezelwe ngokungangqinelaniyo, omiselweyo ulwimi, ithoni, nesimbo sokubhala. Ikhowudi 7 Kugqwesile Ubonakalisa ingqiqo nolwazi olunzulu ngesihloko, Kugqwesile Isincoko sakhiwe ngokuthungelanayo. 80 – 100% 12 – 15 nemiba yesihloko iphicothwe ngokugqwesileyo. 8 – 10 Amanqaku Intshayelelo nesiphelo zigqwesile. Amanqaku Isincoko siphuhlile. (90% + ukugqwesa Izimvo zakhiwe kakuhle kwaye kwesincoko) Unike uluhlu lwezimvo oluphuhlileyo ziphuhliswe ngokucacileyo. Ulwimi, noluxhaswa ngokugqibeleleyo kwitekisi. Ulwazi ithoni nesimbo sokubhala ziphuhlile, lwerejista/lwetekisi luyancomeka kakhulu. ziyathabathekisa kwaye zigqwesile. Ikhowudi 6 Kuphakamile Ubonakalisa ingqiqo echanekileyo ngesihloko. Kuphakamile Isincoko sakhiwe kakuhle. Intshayelelo 70 – 79% 10½ – 11½ Imiba yesihloko iphicothwe ngokwanelisayo. 7 – 7½ Amanqaku nesiphelo ziyancomeka. Izimvo Amanqaku Isincoko sicacile. Unike uluhlu lwezimvo neengcinga zilandeleka lula. ezixhaswe kakuhle kwitekisi. Ulwazi Ulwimi, ithoni nesimbo sokubhala lwerejista/lwetekisi luyancomeka kakhulu. zingqinelana ngokuchanekileyo neenjongo zesincoko. Isinikezelo esihle. Ikhowudi 5 Kuphakathi Ubonakalisa ingqiqo nokusiqonda kakuhle Kuphakathi Isakhiwo sicacile kwaye nezimvo 60 – 69% 9 – 10 Amanqaku isincoko. Uzamile ukucacisa isincoko. Unike 6 – 6½ Amanqaku zilandelana ngokufanelekileyo. uluhlu lwezimvo ezivakalayo kodwa Intshayelelo nesiphelo kunye neminye azixhaswanga ngendlela egqibeleleyo. Ulwazi imihlathi zilungiselelwe zanamathelana lwerejista netekisi luyabonakala. kakuhle. Ukudweliswa kwezimvo kuyalandeleka. Ulwimi, ithoni nesimbo sokubhala zikhangeleka zichaneke kakuhle. Ikhowudi 4 Kuyanelisa Uzamile ukubonakalisa ingqiqo malunga Kuyanelisa Bukho ubungqina besakhiwo 50 – 59% 7½ – 8½ nesihloko, kodwa kukho imiba engaphuhliswanga 5 – 5½ Amanqaku esibonakalayo. Isincoko siyasilela Amanqaku ngokwaneleyo. Amanye amanqaku axhasa ekwakhiweni kwezimvo isihloko ngokwanelisayo. Izimvo ezininzi ngokulandelelanayo zixhasiwe nangona ubungqina buthanda nangokunamathelanayo. Iziphene ukunganelisi ncam. Lukho ulwazi olusisiseko zolwimi zikhona. Ithoni nesimbo lokuyiqonda le jenri netekisi. sokubhala zithande ukuchaneka ngokwanelisayo. Imihlathi ithande ukuchaneka. Ikhowudi 3 Kuzamekile Umbuzo uphendulwe ngokuqhelekileyo Kuzamekile Isakhiwo sibonisa uyilo oluxazalala. 40 – 49% 6 – 7 Amanqaku nangokungazimiseli ngokupheleleyo. Ingqiqo 4 – 4½ Amanqaku Izimvo azibhalwanga nokuqondwa kwesihloko kuvezwe kancinci ngoko ngokulandelelanayo. Kukho ubungqina kukwitekisi. Umfundi akakayilandeli kakuhle le beziphene zolwimi. Ithoni nesimbo jenri netekisi. sokubhala zitenxile kwiinjongo zobhalo lwemfundo ephakamileyo yengqiqo.
(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) 19 Imihlathi ixazalala. Ikhowudi 2 Kunzima Akasilandeli tu isihloko. Isincoko sibonakalisa Kunzima Unikezelo aluniki mdla. Ukusilela 30 – 39% 4½ – 5½ ukuphinda-phindwa kwezimvo kwaye sithanda 3 – 3½ kucwangciso lukhokelela ekuvubekeni Amanqaku ukuphuma emxholweni. Akukho zimvo Amanqaku kwezimvo. Iziphene zolwimi nesimbo ziphuhlileyo. Ingqiqo ixazalala/ nezimvo esingachanekanga zibangela ukuba esi azixhaswa kwitekisi. Akanalo tu ulwazi lwale jenri sincoko sibe sesibhalwe netekisi. ngokungenampumelelo. Imihlathi ixazalala. Ikhowudi 1 Akaphumelelanga Isincoko sifuna ukungqinelana nesihloko kodwa Akaphumelelanga Kunzima ukubona ukuba isihloko 0 – 29% 0–4 izimvo kunzima ukuzilandela okanye zitenxile. 0 – 2½ siphuhlisiwe. Abukho ubungqina Amanqaku Ufumene ubunzima ekuphenduleni umbuzo. Amanqaku besicwangciso sesakhiwo Izimvo zakhe ezimbalwa ezikhangeleka nolandelelwano lwezimvo. Isincoko zisemxholweni azinakho ukuxhaswa kwitekisi. asinayo imihlathi nonamathelwano. Akanalo tu kwaphela ulwazi lwale tekisi nejenri. Ulwimi lufe amanqe. Ithoni nesimbo sokubhala zixazalala kwaye ziphume ecaleni. Ayikho imihlathi nothungelwano.

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 12 Isixhosa Hl

Explore more published documents in this catalogue.

View all