Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 P2 Eastern Cape Mock 2012 QP

Question paperisiXhosa HLGrade 12201221 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 2 question paper from the Eastern Cape Mock Exam 2012, 21 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Eastern Cape Mock Exam 2012

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Province of the EASTERN CAPE EDUCATION NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2012 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 AMANQAKU: 80 IXESHA: 2½ iiyure Olu viwo lunamaphepha angama – 21.
2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (SEPTEMBA 2012) IMIYALELO NENGCACISO 1. Nceda ufunde le miyalelo phambi kokuba uqale ukuphendula imibuzo. 2. Musa ukuzama ukufunda lonke iphepha. Jonga kwisiqulatho esikwiphepha elilandelayo uze uchonge imibuzo ebuzwe ngeetekisi ozifundisiweyo kulo nyaka. Emva koko yifunde le mibuzo uze ukhethe leyo unqwenela ukuyiphendula. 3. Eli phepha linamacandelo amaThaThu: ICANDELO A: Isihobe (30) ICANDELO B: Inoveli (25) ICANDELO C: Idrama (25) 4. Landela imiyalelo esekuqaleni kwicandelo ngalinye ngocoselelo. 5. Kulindeleke ukuba uphendule imibuzo emihlanu iyonke: Imibuzo emithathu kwicandelo A; omnye kwicandelo B nomnye kwicandelo C. Sebenzisa uluhlu lokukhangela (itshekhlisti) olukwiphepha lesine lokukunceda. 6. Nombola iimpendulo zakho ngokwendlela ekunonjolwe ngayo imibuzo kwiphepha lemibuzo. 7. Icandelo lemibuzo ngalinye liqale kwiphepha ELITSHA. 8. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. 9. Yaba ixesha lakho ngolu hlobo: ICANDELO A: malunga nama – 40 emizuzu ICANDELO B: malunga nama – 55 emizuzu ICANDELO C: malunga nama – 55 emizuzu
(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 3 Iphepha lesiqulatho Eli phepha liza kunceda abafundi bakwazi ukukhetha imibuzo abafuna ukuyiphendula ngaphandle kokufunda lonke iphepha. ICANDELO A: ISIHOBE Imibongo emiselweyo: Phendula NAYIPHI na imibuzo emiBINI INOMBOLO YOMBUZO UMBUZO AMANQAKU 1. (UNkosana “The Umbuzo omde 10 Happyboy” Mgxaji) OKANYE 2. (Izifo zabantwana) Umbuzo omfutshane 10 OKANYE 3. (Aphi na amadoda!) Umbuzo omfutshane 10 OKANYE 4. (UProfesa A. C. Jordan) Umbuzo omfutshane 10 Umbongo Ongamiselwanga: Phendula NAWUPHI OMNYE 5. (Ukuthetha) Umbuzo omde 10 OKANYE 6. (Ukuthetha) Umbuzo omfutshane 10 ICANDELO B: INOVELI Phendula umbuzo OMNYE. 7. (Nyana Wam! Nyana Wam!) Umbuzo omde 25 OKANYE 8. (Nyana Wam! Nyana Wam!) Umbuzo omfutshane 25 OKANYE 9. (Ukhozi olumaphiko) Umbuzo omde 25 OKANYE 10. (Ukhozi olumaphiko) Umbuzo omfutshane 25 ICANDELO C: IDRAMA Phendula umbuzo OMNYE. 11. (A-a-a! Jongumsobomvu) Umbuzo omde 25 OKANYE 12. (A-a-a! Jongumsobomvu) Umbuzo onmfutshane 25 OKANYE 13. (Amaza) Umbuzo omde 25 OKANYE 14. (Amaza) Umbuzo omfutshane 25 QAPHELA:KUMACANDELO B no C, phendula umbuzo omde omnye nombuzo omfutshane omnye.
4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (SEPTEMBA 2012) Itshekhlisti: Kunyanzelekile ukuba uqwalasele olu luhlu lulandelayo ukuze uqiniseke ukuba ukhethe imibuzo ngendlela eyiyo. ICANDELO AMANANI INANI LEMIBUZO TIKISHA EMIBUZO EMAYIPHENDULWE NGASEZANTSI A: Isihobe (imibongo 1–4 2 emiselweyo) A: Isihobe (Umbongo 5–6 1 ongamiselwanga) B: INoveli (umbuzo 7–10 1 omde OKANYE umbuzo omfutshane) C: Idrama (umbuzo 11–14 1 omde OKANYE umbuzo omfutshane) QAPHELA: KumaCandelo B no C, phendula umbuzo omde ube mnye nombuzo omfutshane omnye.
(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 5 ICANDELO A: ISIHOBE IMIBONGO EMISELWEYO VUKANI MADODA KUSILE – IZIBONGO NAMANQAKWANA: Ingqokelela yababhali IMIYALELO: Kweli candelo kubuzwe imibongo emiNE emiselweyo nemiBINI engamiselwanga. Umlingwa kulindeleke ukuba aphendule imibuzo ebuzwe kuyo nayiphi na imibongo okanye naziphi na izibongo ezimiselweyo; KUNYE nombuzo omnye kumbongo ongamiselwanga. QAPHELA: Umbuzo ongombongo ongamiselwanga KUNYANZELEKILE ukuba uwuphendule. Qiniseka ukuba uphendule imibuzo emithathu kweli candelo. UMBUZO 1 ( Umbuzo omde) Fundisisa lo mbongo ulandelayo ngocoselelo uze ucazulule indlela ethi imbongi simncede ngayo uMgxaji isakhono sakhe emanqindini. [10] UNkosana “The Happyboy” Mgxaji: N. Thuthani 1 Ebesithi elapha abe phaya eqongeni, 2 Esenz’amadanyadanya edlala ngeenyawo, 3 Etyibilika eqongeni esebenzis’iinyawo ngomtsalane omkhulu. 4 Elibhanx’ixhoba enguphuncuka-bemphethe, 5 Loo matshamba ebukeka, elingqul’ixhoba! 6 Zalwa zizijul’ijacu yem’entla into kaMgxaji 7 Ebesith’akudibana nembethi-manqindi elolu hlobo, 8 Amelane nayo, ayiqhath’ibe sisitunxa, 9 Akudibana nenjeya azijike afane nayo angaxakeki 10 De aqaqambe asamel’ekhuph’ezikrakra izithonga 11 Yakuxhom’umgangatho awuxhome de athi vetshe 12 Kulaph’ibikhon’imfihlelo yesakhono sakhe. 13 Xa igqugqisil’ekhaya yakhonjwa kwezaphesheya, 14 Yabhong’igqubel’ezaphesheya kwamanz’iinkunzi, 15 Yacel’umngeni nakwezo izidaphula ngophondo, 16 Kungugqwaka-gqwaka zakuhlangana ngeempondo, 18 Ivova into kaMgxaji eqongeni iphatha kunkqwila-nkqwila. 19 Awukubonang’ukutshila kwentambanani, 20 Wen’ungakubonang’ukunkqwila-nkqwila kukaMgxaji 21 Ephepha-phepha edlal’ezintanjeni ephephuka, 22 Eligang’iqonga ee jaju phaya ngobuchul’obumangalisayo, 23 Athi cebu kuhle aphathe kuvova, 24 Ekhulul’imvula yamanqindi ngokuthawuza 25 Wayibek’iMonti emagqabini nakubeni bengayifuni OKANYE
6 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (SEPTEMBA 2012) UMBUZO 2 ( Umbuzo omfutshane) Yonwabela lo mbongo ulandelayo uze uphendule imibuzo elandelayo. IZIFO ZABANTWANA: W. Shasha 1 Kuthi mandithethe ndide ndithintithe ngezifo zabantwana! 2 Kuthi mandinithuke ndinithakathe ngezifo zeli lizwe! 3 Le nt’izifo zabantwana zizizifo zohlanga. 4 Bharha mz’oNtsundu ukub’usapho lwakho luziintsalu, 5 Bharha mzi kaXesibe ukub’umntwan’esiswin’uxwesile! 6 Koba nini na siyintlekisa ezintlangeni? 7 Ngokuba sizalwe, sidle, sihluthe, sife! 8 Litsolil’ilizwi lalath’eGoli phantsi komhlaba, 9 Butyebi bale mihla yigolide nedayimani, 10 Iinkab’ezimaxhaka zakwaXhosa zibuthisile 11 Iimaz’ezibhonx’amabele zamaXesibe zaphusile, 12 Ivila lenqenerha loxhatshazwa yindlala, 13 Ndod’ehlel’ecal’kothango yocholwa yirhafu 14 Yindedeba engenakuba nabhokhwe yambeleko 15 Ngcango zakwaTebha zivulwe zayekwa, 16 “Umfazi phantsi-indoda phezulu” 17 Batsho benyhibhel’inyhobha-nyhobha kwesejoyini. 2.1 Xela ukuba uphawu lwesikhuzo olusetyenziswe kumqolo 1 lunika luvo luni malunga nemo mphefumlo yembongi. (1) 2.2 Kwisitanza soku-1 chonga umqolo otolikwa zezi nkcaza zilandelayo; 2.2.1 Ukungahambi ngendlela efanekileyo kwezinto. (1) 2.2.2 Ukungabi nantshukumo siyenzayo ebomini bethu. (1) 2.3 Cacisa esi sihloko, “Izifo zabantwana” ngokuveza le ntsingiselo isitheleyo. (1) 2.4 Chaza ukuba olu thelekiso lwalathwa yimbongi kwimiqolo 9, 10 no 11 malunga nezoqoqosho lukuxelela ntoni. (1) 2.5 Cacisa ukuba isafobe esibhalwe ngqindilili kumqolo wesi- 6 sisetyenziselwe ukuphuhlisa ntoni. (2) 2.6 Nika imizekelo ibe MIBINI yeenzima ezibangelwa yile nguqulelo yezoqoqosho ixelwa embongweni. (2) 2.7 Hlobo luni lophindaphindo olufumaneka ekuqaleni kwimiqolo 4 no 5? (1) [10] OKANYE
(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 7 UMBUZO 3 (Umbuzo omfutshane) Funda lo mbongo ulandelayo uze uphendule imibuzo esekwe kuwo. APHI NA AMADODA! : M. Mbuthuma 1 Ivelil’inyok’enkulu 2 Egqib’umzi wonk’uphela, 3 Nants’ithe ga ngogaga 4 Kwizigingqi zomzi kaNdaba; 5 Hay’ukuswel’amandla 6 Ngendikhe ndiyijijise. 7 Hay’ukuswel’izixhobo 8 Ngendikhe ndiyibonise. 9 Xa kunje se ikokwenu: 10 Thambodala sondelani! 11 Woz’utshabalal’umzi 12 Kulityelwe lutyhwatyho. 13 Zemk’iinkomo, magwala, 14 Nt’ezifungel’efileyo, 15 Nt’ezijong’owaz’umqala, 16 Zilibal’iintsana zazo, 17 Amagwal’anezishwabulo 18 Zeminyanya engookhokho. 19 Nohlala nibekw’ityheneba 20 Zizizukulwana ezizayo: 21 Yibulalen’ inyoka, madoda, 22 Yod’iwafukam’amaqanda- 23 Kant’ayaziwa konke-konke 24 Ukuthi yoqandusela silo sini na. 3.1 Nika intsingiselo engathiwanga pahaha yegama “inyoka” ekuthethwa ngayo kulo mbongo. (2) 3.2 Lo Ndaba kuthethwa ngaye kwisitanza soku-1 ngubani kwaba balandelayo? Khetha impendulo echanekileyo kwezi zilandelayo: 3.2.1 Ngusibonda 3.2.2 Yinkosi yabaThembu 3.2.3 Liphakathi (1) 3.3 Chaza ukuba esi sihloko sisetyenziswe ngayiphi injongo? (1) 3.4 Ngowuphi lo mzi imbongi ithetha ngawo kulo mbongo? (1) 3.5 Chonga kwisitanza soku-1 umqolo obonisa ukuba le nyoka seyingene yaphelela. (1)
8 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (SEPTEMBA 2012) 3.6 Ngokwakumqolo 15 ucinga ukuba umbhali uthetha ukuthini? (1) 3.7 Ucinga ukuba umbhali wayephila kuliphi ixesha eMzantsi Afrika ngokwalo mbongo? (1) 3.8 Caphula umqolo otolika le nkcaza “Ukusoloko ugxekwa” kwisitanza sesi-4. (1) 3.9 Ngokukhokhelwa sisitanza sesi-3 beka sihloko simbi endaweni yesi. (1) [10] OKANYE UMBUZO 4 (Umbuzo omfutshane) Funda lo mbongo ulandelayo uze uphendule imibuzo elandelayo. UPROFESA A. C. JORDAN: Z. S. Qangule 1 Uvakele ubham wokuwa komthi, 2 Kwahlokoma amawa ezizwe ezikude, 3 Kwanga kudlula umoya wezixhobo, 4 Kwanga kukhasa umoya wentlambo 5 Bathi kufanele iminyanya iwelile, 6 Zazola iilwandle zanika imbeko, 7 Yana imvula ayenza nangxolo. 8 Izigalo zegorha namhla ziwile, 9 Iminwe yeqhawe namhla iyekile, 10 Amehlo acimele abona ekudeni. 11 Imiqulu nantso ithe xazalala, 12 Qoqosha lusapho lilifa lakho, 13 Indedeba kaloku ibizidla ngawe, 14 Iduna kaloku belibilela wena. 15 Ndithi imkile inqeberhu yakwaXhosa, 16 Kuthiwa kumnyama kwizwe labangekhoyo, 17 Kudingwa izikhuthali ezidume ngomonde, 18 Kucelwa amadoda agqumza ngeentonga, 19 Amachule acheba acubungule nomsonto, 20 Izinto eziphaka oko zikuphekileyo, 21 Izinto ezisela isiselo senyaniso. 4.1 Hlobo luni lo mbongo olu? Zixhase. (2) 4.2 Caphula umqolo kwisitanza-2 obonisa ukuba nokuba okaJordan akasaphili kodwa imisebenzi yakhe yohlal’ihleli. (1) 4.3 Zingalilifa njani iincwadi ezibhalwe ngumntu kubantwana bakhe? (1)
(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 9 4.4 Igama elibhalwe ngqindilili ngokokusetyenziswa kwalo kulo mbongo ingaba lithetha yiphi kwezi zilandelayo: 4.4.1 Umntu obalulekileyo 4.4.2 Umntu onezoso 4.4.3 Umntu oxakileyo (1) 4.5 Ngqamanisa umqolo OKULUHLU A nenkcaza EKULUHLU B. ULUHLU A ULUHLU B 4.5.1 Amachule acheba A Usondlile ngakubhalileyo. acubungule nomsonto 4.5.2 Iminwe yeqhawe namhla B. Isiphiwo sobukrelekrele, umonde iyekile nokukwazi ukucazulula izinto C. Imisebenzi ebeyenza iphelile (2) 4.6 Amazwi akrwelelwe umgca ngaphantsi kwisitanza sokugqibela ingaba ngawokuncoma okanye ukunikezela? (1) 4.7 Chaza ukuba kungani na ukuba imbongi isebenzise indalo kakhulu kwisitanza soku-1 xa ithetha ngokufa kuka A. C. Jordan. (1) 4.8 Nika umfanekiso ngqondweni oboniswa sisifanekisozwi “bham”. (1) [10] KUNYE UMBUZO 5 (Umbuzo omde) Funda lo mbongo ulandelayo ngocoselelo uze ucacise indlela umbhali abonisa ngayo icala elihle nelibi lokuthetha kulo mbongo. UKUTHETHA: N. S. V. Zamela 1 Sisipho semvisiswano nomanyano 2 Yinkunzi nemazi kwizitshixo 3 Yincukuthu nentsika kwindalo 4 Kukungqisha komntu nendalo 5 Yimvumelwano yembono nolwimi 6 Sisiseko sobuntu noxolo 7 Ngumbongo ochaz’ukubona komntu 8 Iluncomo-gxeko lwezinto nendalo. 9 Kodwa kwakhona kuzonil’izinto 10 Kuba kuzikhuphil’izizathw’ezingaphilanga 11 Kuzidubul’iimeko zoxolo nemvisiswano 12 Kuzibhentsisil’iintliziyw’ezonakeleyo 13 Kuzibizil’iimfazw’ezininzi zomhlaba 14 Kuba kona kwandulel’izenzw’ezihle nezibi. OKANYE
10 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (SEPTEMBA 2012) UMBUZO 6 (Umbuzo omfutshane) Phendula imibuzo esekwe kumbongo ongasentla. 6.1 Khetha kulo mbongo umqolo obonisa ukungaqiniseki kweziphumo zokuthetha. (1) 6.2 Xela ingcamango equlethwe yimiqolo emithandathu yokugqibela. (1) 6.3 Caphula kulo mbongo umqolo obonisa uchasaniso. (1) 6.4 Xela ukuba isihlanganisi u“Kodwa” esisetyenziswe ekuqaleni kumqolo wesi- 9 sisetyenziselwe ntoni? (1) 6.5 Nika uhlobo lwesafobe esibalaseleyo kwimiqolo esibhozo yokuqala. (1) 6.6 Shwankathela imiqolo yokuqala esibhozo ngezivakalisi ezibini nje kuphela. (2) 6.7 Kula macala mabini okuthetha avezwa ngumbhali, wena ukhetha liphi? Ngasiphi isizathu? (2) 6.8 Imvano siqalo kwimiqolo 11,12 no13 ebonakaliswe ngokukrwelelwa umgca ngaphantsi isetyenziselwe ntoni? (1) [10]
(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 11 ICANDELO B: INOVELI IMIYALELO  Kweli candelo kubuzwe iinoveli ezimbini.  Khetha imibuzo kwinoveli oyifundisiweyo.  Kwinoveli nganye kubuzwe imibuzo emibini, omde nomfutshane, ukususela kumbuzo wesi – 7 ukuya kumbuzo 10.  Khetha umbuzo ube mnye uwuphendule.  QAPHELA: Ukuba ukhethe umbuzo omde kwinoveli, khetha omfutshane kwicandelo C. Ukuba ukhethe umbuzo omfutshane kwidrama, khetha umbuzo omde kwicandelo B.  Ubude bombuzo omde buphakathi kwama-340 nama-390 amagama. UMBUZO 7 (Umbuzo omde) NYANA WAM! NYANA WAM! : W. T. Tamsanqa Liyinene elithi impumelelo yomntu ngamnye isezandleni zakhe. Ngqina olu luvo ngeziganeko ezisencwadini ngokubhekiselele kuTholelegqwirha, ubonise imingeni adibene nayo kodwa waphumelela ebomini. [25] OKANYE UMBUZO 8 (Umbuzo omfutshane) Funda ezi zicatshulwa zilandelayo uze uphendule imibuzo elandelayo. ISICATSHULWA 1 Hayi ke yanguwashiywa ukuya ezimotweni nasezibhasini, yalukrozo iimoto ukusuka eKempton Park apho iJan Smuts ikhona ukuya kuqabela eRhawutini. Ngomzuzwana omncinci kwakhala ibhungane esikhululweni eJan Smuts kodwa abanye basala beziindwane belimele kukuxovulwa ngabanye. Isihlanu sona itshoba lalala umbethe, yathutha ithuthile inqwelo yezigulane ukusa esibhedlele. Akuzange kube kudala befikile e-Albert Street lazala lema ngeembambo elo laseWesile abantu bengena benga bayagityiselwa besukela iindawo zokuhlala, abanye abazange babenakho kwa ukungena oko bakhala bephandle besithi,” Yhini! oku kokumbona nje ngeliso,” kwaye kungekho kunceda. UThozama yena namaqabane akhe babona obo buphithi-phithi eJan Smuts esikhululweni baqonda ukuba akungangabo baphindela emotweni yabo basinga esibhedlele bexoliswe kukubona ukuba ufikile. Yathi ukuba izale indlu bazenza iintetho zabo ezimfutshane oonyawo-ntle boMzantsi abaNtsundu nabaMhlophe besithi, “Asikamamkeli, asikambulisi sisambona nje”. Waye umntu omameleyo nobukeleyo esithi, “Yhini! na angakhe anikwe ithuba athethe sikhe sive nje oku kwelizwi lakhe.”
12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (SEPTEMBA 2012) 8.1 Xela igama lesi sibhedlele uThozama nabahlobo bakhe basinga kuso. (1) 8.2 Chaza ukuba kungani abantu belangazelela ukumbona lo kuthethwa ngaye. (2) 8.3 Nika amagama abefundisi abaBINI ababalulekileyo nababekho kuloo nginginya yayiseJan Smuts. (2) 8.4 Chaza ukuba lo ubuyayo uvela phi, ebeye kwenza ntoni kuloo ndawo avela kuyo. (2) 8.5 Caphula kwesi sicatshulwa amagama atolikwa zezi nkcaza zilandelayo: 8.5.1 Kwakugcwele kungekho nendawo. 8.5.2 Ngesaquphe akwabikho bantu. (2) 8.6 Chonga isaci kumhlathi wokuqala kwesi sicatshulwa uze unike nentsingiselo yaso ngokwalo mxholo. (2) 8.7 Nika igama esele ibizwa ngayo iJan Smuts kule mihla. (1) 8.8 Intetho ebhalwe ngqindilili kwisicatshulwa ibonisa ukulangazelela ukuba uMangaliso athethe. Sebenzisa ulwazi lwakho lwencwadi uze uxele imizekelo ibe MIBINI yemibandela awayesakuzibalula kuyo uMangaliso ngexesha esenza intetho kwiingqungquthela zabafundi. (2) 8.9 Waqalisa phi ukulusabela ubizo lwakhe uMangaliso akuba ebuyele eMzantsi Afrika? (1) [15] ISICATSHULWA 2 Asingeze sanaba kakhulu sichaza uvuyo olwaba kwaFikizolo mhla wafika uMangaliso engumfundisi ehamba noyise, befika kuNofundile owayecinga ukuba indoda yakhe kudala yafa njengoko nendoda yayicinga ukuba umfazi wayo wafa . Ungasowuzizobela owakho umfanekiso. Mna ndingasuka nje ndithi yaba lolo vuyo lwalukhatshwa ziinyembezi. Wayiwisa etyetyisiweyo umfo wasemaKhomazini ikhatshwa liqela leegusha. Lafa ilitye nembokotho elimeme lonke iZazulwana. Izihlobo ezikwiindawo ngeendawo kwanezifundiswa zeli loMzantsi Afrika ziphume ngendlu. Elilisela ngelizwi elinye umfo kaBhungalipheli esithi, “Vuyisanani nam.” Abanye abantu bayazenza izinto ezintle kodwa abaze bazibone iziqhamo zemisebenzi yabo kuba zithi ziqandusele okanye ziqaqambe sebefile kodwa apha ekwenzeni uMangaliso umntu waba nethamsanqa uFikizolo kuba iziqhamo zemisebenzi yakhe wazixhamla esaphila. Banoyolo abathi bazixhamle iziqhamo zezithukuthuku zabo besaphila. 8.10 Esi siganeko sokuwiswa kwetyetyisiweyo asiqali kwenzeka ngokwalapha kwelibali. Xela ukuba besikhe senzeka nini? (1)
(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 13 8.11 Xela ukuba esi siganeko kubuzwe ngaso apha ngasentla sitolika ntoni malunga nenkcubeko yethu maXhosa. (1) 8.12 Ingaba la magama abhalwe ngqindilili athetha ukuthini? (1) 8.13 Chaza ukuba umqolo okrwelelwe umgca ngaphantsi unika luphi uluvo. (1) 8.14 Nika imizekelo ibe MIBINI yezidanga anazo uMangaliso ukungqina ukuba wayesisifundiswa. (2) 8.15 Sele sixelelwa ngoMangaliso ofika kwaFikizolo ehamba noyise badibene phi kwaye bedibene njani? (2) 8.16 Kolu hambo lokubuyela ekhaya uqale wagqitha phi uMangaliso akuba eseGcuwa phambi kokuba aye kwaFikizolo? (1) 8.17 Xela ukuba ngokwesi sicatshulwa libe yintoni igalelo alenzileyo uFikizolo ebomini bukaMangaliso. (1) [10] [25] OKANYE UMBUZO 9: (Umbuzo omde) UKHOZI OLUMAPHIKO: N. Saule Umzabalazo asiyondlwan’iyanetha kuba ubomi bakho busemngciphekweni wokufa kodwa ofunga angajiki uyabuyekezwa ekugqibeleni. Ujonge uMfazwe bonisa ubunyani bolu luvo uthathela mhla wathatha isigqibo sokuwela imida alifulathele ikhaya lakhe de abe uchophela ityala likaFriday. [25] OKANYE UMBUZO 10: (Umbuzo omfutshane) Funda ezi zicatshulwa zilandelayo uze uphendule imibuzo elandelayo. ISICATSHULWA 1 “Uza kwenzakala kuloo ndlela uyithathayo.” Yayililizwi elirhabaxa lendoda, lisitsho kude kufutshane nam. Ndaqwanya ndajonga ngasentla, hayi andabona mntu, utsho phi bethu? “Ndihambe ngaphi ke?” cwaka. Tyhini, uyokutshona phi na lo mntu? Kwathi qatha ukuba makabe akafuni kuthetha, ngoko ke mandimkhokele. Ndalathe ezantsi, kwam, “ndihambe ngapha?” Yabuya ngoko nangoko impendulo, “hayi!” Ndalathe ngasekunene, wathi hayi kwakhona, nangasekhohlo waphinda walandula. Ndalathe entla kwam, “heke, nyuka ngolo hlobo.” “Njani, kungekho ndlela nje?” Ndabuza ndingxamile. “Nyuka wena iza kubakho indlela.”
14 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (SEPTEMBA 2012) “Uphi wena?” Yabuya impendulo isithi “ndilapha” ndabe mna ndingaboni kwanto. Ndigwencele eliweni ndanyuka izicalu zamatye athe nkqo. Ukuqabela amawa nokunyuka imithi yayiyinto esasiyenza sisengamakhwenkwana, kangangento yokuba saside sikhuphisane ngokunyuka eyona ndawo iphakamileyo kulaa ntaba kaQaka. Lwaluneengozi ke nolu khuphiswano esasilunyukiswa njalo ngalo. 10.1 Ngoobani aba bathetha kwesi sicatshulwa? (2) 10.2 Uphi lo mlinganiswa ngeli xesha eva eli lizwi? (1) 10.3 Xela ukuba abantu ababhacayo babesebenzisa luphi uhlobo lwesithuthi. Nika isizathu sempendulo yakho. (2) 10.4 Sele esiva eli lizwi nje lo mlinganiswa uphumeleni kwisithuthi ebekhwele kuso? (1) 10.5 Nika igama lendawo eza kuba sisiphelo solu hambo lude kangaka luthatyathwa ngulo mlinganiswa kwaye kulawula wuphi umbutho kule ndawo? (2) 10.6 Yinyani okanye bubuxoki xa esi sithethi sisithi, “inengozi ke le ndawo uze kuyo”. Zixhase. (2) 10.7 Chaza ukuba uphethe enikwa ntoni lo mlinganiswa sesi sithethi sala mazwi angasentla? Kwaye esi sipho sibe luncedo njani kulo mlinganiswa. (2) 10.8 Xela ukuba lo mlinganiswa uphinde wadibana naso phi esi sithethi ngokwalapha ebalini. (1) 10.9 Lo mlinganiswa uthabatha olu hambo akabonakalisi ephethe mpahla njengamntu useluhambeni. Chaza ukuba kungani. (1) 10.10 Ukhe wakhwazwa kanobom ngamakhwenkwe athile lo mlinganiswa esekolu hambo ndaweni ithile. Ebemkhwaza esithini? (1) [15]
(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 15 ISICATSHULWA 2 “Masithembe uyeza ngenene tat’uQhinebe. Usale kakuhle!” Ndandimazi uNdikho. Yenye yeentwana ezafika mva eMthontsi. Andinakuze ndilalathe ingcwaba lakhe kulawa aseMthontsi, kodwa likuwo. Yatsala inqwelo yamahilihili. “Kungcono ukufa kunokuba ingqondo yakho igcine umfanekiso onje.” Loo mazwi kaSiphiwo andihlala ndada ndaya kufika esikhululweni eBholo. Akukho namnye umfanekiso owawufuna ukucima engqondweni. EBholo itreyini yafika ezinzulwini zobusuku, yaba ndim ndedwa umntu ohlayo. Emgangathweni wabakhweli kwakuthe cwaka, kungabonakali nomthinzi. Bayephi abantu? Ngethamsanqa kwakungabandi kuba kwakusehlotyeni, iinkwenkwezi zazikhanyise isibhakabhaka, elo litha laza kuhlaba emhlabeni ezantsi. Iimvula zehlobo zazingekafiki ncam, imithi isawabonisa amanxeba obusika. Kwakungekho nampahla ingako ndinayo, ndingazi kusindwa nto ke kuloo ndlela iya kwaQaka. Ndithe xa ndiphuma esitishini kwabe kufika imoto engxamileyo. YayinguSiphiwo. “Nguwe lo Mfundisi kudala ndiquqa apha kwesi sitishi okoko sabuyayo. Besendinexhala ndisithi akusabuyi, mhlawumbi ucholwe lixhegwazana langaphaya eMgazi”. Wayethetha uSiphiwo engaphumli engandibuzi nempilo le. “Kukuthini ukuthetha ngolu hlobo Siphiwo wakugqiba ukuba ngumfundisi? Kutheni khona ndizokuphuthunywa nguwe nje? 10.11 Xela ukuba lo mbutho iNtsimb’ebomvu ungawunxulumanisa nawuphi eMzantsi Afrika kule ilandelayo: 10.11.1 Azapo 10.11.2 Umkhonto weSizwe 10.11.3 I. F. P. (1) 10.12 Beka gama limbi elikumxholo wesicatshulwa endaweni yalawo abhalwe ngqindilili. (1) 10.13 Xela ukuba lo Siphiwo uthetha nomfundisi baqale phi ukwazana? (1) 10.14 Yahlula aba befundisi babini kuthethwa ngabo apha. (2) 10.15 Ngokwencoko yesi sibini kubonakala kubuywa ndaweni ithile. Chaza ukuba kubuywa phi? (1) 10.16 Sebenzisa ulwazi lwakho lwencwadi uze uxele indlela ebebizwa ngayo uMfazwe ngooThembekile. (1) 10.17 Chaza naziphi na izinto eziNTATHU awathi uSiphiwo wazixelela lo mlinganiswa aye kumphuthuma ukufika kwakhe kwamfundisi uHlathi. (3) [10] AMANQAKU ECANDELO B: 25
16 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (SEPTEMBA 2012) ICANDELO C: IDRAMA IMIYALELO  Kweli candelo kubuzwe imibuzo kwiidrama ezimbini, ukususela kumbuzo 11 ukuya kumbuzo 14.  Kwidrama ngaNYE kubuzwe imibuzo emibini; omde kunye nomfutshane.  Khetha umbuzo ube mnye kwidrama oyifundisiweyo. KHUMBULA: Ukuba umlingwa ebekhethe umbuzo omfutshane kwicandelo B, UNYANZELEKILE ukuba akhethe umbuzo omde kwicandelo C. Ukuba umlingwa ebekhethe umbuzo omde kwicandelo B, UNYANZELEKILE ukuba akhethe umbuzo omfutshane kwicandelo C. Ubude bombuzo omde buphakathi kwama-340 nama-390 amagama. UMBUZO 11: (Umbuzo omde) A- a – a! JONGUMSOBOMVU: B. B. Mkonto Ngqina ngokubonisa ngezehlo ezikule ncwadi ukuba iinjongo zabamhlophe zokushumayela ivangeli kaKrestu yayingekokuxwilela nje kuphela iingqondo zabamnyama kule nkolo, koko yayikukurhwaphiliza umhlaba wabo nobutyebi bawo bengaqondwa. [25] OKANYE UMBUZO 12 (Umbuzo omfutshane) Funda ezi zicatshulwa zilandelayo uze uphendule imibuzo esekwe kuzo. ISICATSHULWA 1 QUKA: Njengokuba kusithiwa nje niyabalela abantu ukuba basile iindywala zabo benze namadini abo ngenxa yokuhlonela abo baleleyo, uthini wena? FILIPHU: Khumbula kaloku mhlekazi ukuba abantu bayakhohlwa kukuthatha izinto bazibeke ngale ndlela bakholwa yiyo bona. Akuthiwa abantu mabangonwabi, hayi. Kungatshiwo nokuthi abantu mabangasili iindywala zabo ngokuzonwabisa, kodwa ukho umahluko ekuseleni ngengqiqo nangendlela eyiyo nasekuseleni uzibhubhisa. Bambi ke abantu baye bathi ngenxa yeza ndywala ubone ukuba ayikho enye into engenye abaya kuthi bayenze, kuphela kukujikeleza apha elalini behamba besela, ndaweni yokwenza imisetyenzana yekhaya. Yiloo ndawo ke le siyilwayo ebantwini.
(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 17 QUKA: Unyanisile ke kuloo ndawo. Yenye yezinto endingadibani kakuhle ngayo nenkosi le yam yeziyunguma. Silwa kube mdaka iisali kuba kaloku yona ithanda ukubona abantu bengena bephuma apha ngenxa yezi ndywala zingapheliyo, ndaweni yokuquqa emasimini nasendle. Ndiyabona ukuba singadibana nale nto niza nayo. Khanide ke nisebenze apha ebantwini, nibafake loo mhlabelo, mhle, kunjalo nje uya kusiphucula esi sizwe sifumane uzuko nakwezinye izizwe. RUFUS: Ungalibali ke mhlekazi ukuba, mna ndiza nezinto oza kuthi wakuzibona, uzive nawe ukuba ngenene awuzilahlekisanga nesizwe sakho. (Uvula ityesi ebithwelwe ngabasebenzi bakhe ababini) Khangela le tyesi yam, bubutyebi bodwa obu ububonayo. (Ukhupha ihempe nebrukhwe yekhakhi) Ziimpahla ezi sizinxibileyo. Ndiyakupha, zezakho ezi mhlekazi. Lo mnqwazi, ungakunceda kula malanga ale ndawo. Kanti ke ndiyazi ukuba kweli cala anikaziboni ezi zethu izixhobo zokulwa, khangela le yethu intonga, (Ukhupha umpu) Ndiyakwazi ukubetha into ikude ngayo. (Uyawungxala bebukele abanye, adubule iinkukhu ebezicholachola kude phaya) QUKA: Hi bafondini! Kade ndisiva ke ngalo mbayimbayi ushiya izigede. Uyabona baw’uMngxongo ukuba utshaba lwakho ulubetha lusekude phaya, uqengqe ugodo. Nazi ke izinto endizifunayo mna kwesi sizwe, impucuko nokuxhobisa esi sizwe, siyeke ukunyeliswa njengamatyutyusi. 12.1 Xela ukuba intetho kaQuka ekrwelelwe umgca ngaphantsi ibhekisa koobani? (1) 12.2 Thathela kule ntetho kaQuka yokuqala kwesi sicatshulwa uze unike uhlobo lwesimo sentlalo sale ndawo. (1) 12.3 Ukwenziwa kwamadini ngabantu abathile ingaba kubonisa yiphi kwezi zilandelayo. Khetha impendulo echanekileyo: 12.3.1 Ubutyebi 12.3.2 Inkcubeko 12.3.3 Ishwangusha (1) 12.4 Nika igama elinye neliya kuthetha into etolikwa ngamagama abhalwe ngqindilili kwintetho kaFiliphu. (1) 12.5 Chaza ukuba yintoni le bangavisisani ngayo uQuka nenkosi yakhe. (2) 12.6 Uyavumelana na nale ndlela uQuka ayibona ngayo impucuko? (1) 12.7 Ucinga ukuba uQuka wabamkela aba bamhlophe? Zixhase ngokucaphula apha kwisicatshulwa. (2) 12.8 Nika igama lale nkosi yabulawa nguQuka. (1) 12.9 Ucinga ukuba yintoni injongo yokuba uQuka anikwe ezi zixhobo zempucuko? (1) [11]
18 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (SEPTEMBA 2012) ISICATSHULWA 2 FILIPHU: Kwakuhle ke oko Kholoneli. Ndiyaphinda ukubethelela into yokuba le ndaba yale ncwadi mayibe yeyakwamkhozi. Nomrhwebi lo andingenqweni ukuba ayive kuba lilopholopho. Ndisitsho nje ndimbona esiza nganeno apha namahlakani akhe orhwebo. SOMERSET: Kaloku Gqirha ukuba linokudula eli hlebo lethu, ndingamangalelwa yinkundla yasemkhosini, ndivalelwe, ndigxothwe kungenjalo ndifumane ukuxhonywa. Esi senzo sifana nokuvukela umbuso. Kodwa ke sinokuthini ukungasenzi? Silangazelela uxolo kule mimandla ukuze nani nize kushumayela ningenaloyiko lakuhlaselwa zezi ndlavini. Mna ke ndidinwe ngala magazi amsulwa ankcenkceza kule mimango. Lelona cebo eli. (Uyangena uRufus) Kutheni? Wamaphikana? RUFUS: Ndothuswa zezi nqwelo zingakaya. (Esalatha phandle) Akhululwe onke amakhoboka. Akagqejwanga nje kuphela, abulewe ehleli amafama. Ndibhidwe ngoku ngala siza nawo, afike apha aya kuzinyhala kwamanye. Ndicela uGqirha lo aye kundicengela phaya kuwo, awabonise umonakalo aza kuwenza ngokungasincedisi siwahlawula ngokuncumisayo. FILIPHU: Andingethandi ukuba sibuyele kuloo ngxoxo mnumzana uRufus. Ngumthetho osekiweyo ngoku lowo. Ukuba unomqeshwa wakhe, intlawulo iya kuphuma ngokufanelekileyo nangemvisiswano phakathi kweso sibini. Kodwa akukho bani unagunya kubomi bomnye umntu. Yiya wena ngokwakho kubantu bakho, ubacenge nje ngomqeshi kumqeshwa. Ukuba uya ngegunya lobuThixo kwikhoboka chitha utyiwe. 12.10 Yahlula aba babini, Filiphu kunye noSomerset ngokwendima abayidlalayo. (2) 12.11 Chaza ukuba ngokwendima ayidlalayo uFiliphu uyayingqina na le nto ayiyo. Ewe / Hayi, uzixhase. (2) 12.12 Cacisa le ntetho yesi sithethi ibhalwe ngamagama angqindilili. (2) 12.13 Xela ukuba le leta athetha ngayo uFiliphu ithini. (1) 12.14 Abhekisa kubani amazwi akrwelelwe umgca ngaphantsi kwintetho kaFiliphu? (1) 12.15 Yinyani okanye asiyonyani xa uSomerset esithi, “... ukuze nani nize kushumayela ningenaloyiko lakuhlaselwa zezi ndlavini”? Zixhase. (2) 12.16 Xela ukuba le ncoko yaba balinganiswa iqhubeka phi? (1) 12.17 Chaza ukuba ezi nqwelo athetha ngazo uRufus kwintetho yakhe zezantoni? (2) 12.18 Caphula kwintetho kaSomerset yokuqala amazwi abonisa ukuba uRufus imothusile into yokukhululwa kwamakhoboka nokubulawa kwamafama. (1) [14] [25]
(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 19 UMBUZO 13 (Umbuzo omde) AMAZA: Z. S. Qangule Kuyacaca ukuba umbhali xa ethiya igama umlinganiswa sukube enento afuna ukuyityhila malunga nomxholo. Bonisa indlela azotywe ngayo uNamhla ekuncediseni ukuwufezekisa umxholo. [25] OKANYE UMBUZO 14 (Umbuzo omfutshane) Fundisisa le ncoko ilandelayo wandule ukuphendula imibuzo esekwe kuyo kwizicatshulwa zozibini. ISICATSHULWA 1 LIZO: (Esiya ngasefestileni.) Ziinyanga ilizwi ulikhuphele imixhadi, ngunyaka wonke iinyembezi uziphalaza ucela amawenu ukuba angakutshatisi noSidima. Kodwa sekunjalo iinyembezi zakho ziwa njengamanzi entlabathini. (Ejika emjonga) Ingaba usaboyikela ntoni ububi obunokuvelela uziqhelile nje iintolo zabo? NAMHLA: (Esiya kuchopha ebhedini) Utsho usithini? LIZO: (Esondela kuye) Nditsho ndisithi qina, masilungise, utyhafo nobutyeketyeke mabukhwelele. NAMHLA: (Emhlalisa emgona) Masingangxami siziphose kudaka esakuthi sizikhupha kulo sibe sitshona kwakulo. LIZO: (Engqengqa) Bendingazi ukuba singathintelwa zizidenge zamaqaba kwiinjongo zethu. NAMHLA: Intsomi yakwaXhosa ithi izitunxa zabeka ilityekazi endleleni, nkqi zoyiswa kukulisusa izilumko! LIZO: Kanene lo Sidima uza kuhlala ixesha elingakanani emva kwaloo nomgogwana womtshato? NAMHLA: Iinyanga zimbini qwaba, abuyele eRhawutini. LIZO: Kanene wenza msebenzi mni? NAMHLA: Ukwii-ofisi zeedompasi kufutshane nemigodi. LIZO: Ukuba ubuye engawelwanga ngumgodi, uya kufika edilikelwe yindlu. NAMHLA: Kuwa into ebimile. LIZO: Niza kutshatiswa ngubani? 14.1 Xela ukuba isifaniso esisetyenziswe kwintetho yokuqala kaLizo siphuhlisa ntoni. (1)
20 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (SEPTEMBA 2012) 14.2 Nika intsingiselo yegama “udaka” ngokwesi sicatshulwa. (1) 14.3 Chaza ukuba intetho ebhalwe ngqindilili kaNamhla ibhekisa koobani. (2) 14.4 Nika igama lomntu oza kutshatisa uNamhla noSidima. (1) 14.5 Ngubani owangena ngequbuliso esi sibini sisazihlalele kamnandi ngokwesi sicatshulwa? (1) 14.6 Ingaba le ncoko yesi sibini iqhubeka phi? (1) 14.7 Caphula igama elibonisa ukudeleka kwalo mtshato kaSidima noNamhla. (1) 14.8 Cacisa le ntetho kaLizo “Ukuba ubuye engawelwanga ngumgodi uya kufika edilikelwe yindlu.” (2) 14.9 Ingaba azaliseka la mazwi angasentla esi sithethi? Ewe/ Hayi uzixhase. (2) 14.10 Bhala igama elikwesi sicatshulwa elitolikwa yile nkcaza: Incwadi eyayinguntamnani kumntu omnyama ngexesha lengcinezelo. (1) 14.11 Anyanisile na amazwi kaNamhla athi, “Kuwa into ebimile”? Zixhase. (2) [15] ISICATSHULWA 2 SIDIMA: (Ejonga kuDuma, emgquma ngeragi yakhe) Andazi nokuba mandithi sala nokuba mandithi hamba na mfo wethu. Ngoku ndisele ndedwa, inxenye yam ibunile. Mandla mani na angaphefumlela olu dongwe, lubuye lugqadaze, lungqishe, luthethe. Ithunzi lokufa ligqithe ngakum ladlula nawe. Akwaba ilifu besilifunqule ngaxesha-nye ukuze lakusilahla siyihambe kunye loo ndlela inxaphisayo. Siwaqabele kunye loo maqhina angquzulanayo, sehle sixhasene kwezo ngxondorha zisinekileyo, siphume kunye kwezo ntsunguzi zamahlathi kaMtyholi. Sikhwazane xa sixwesaxwesa kuloo maxethuka, sigonane kaloku xa silufincayo uhambo lwethu. Ngala mazwi ke mfo wethu ndiyakubulisa. Kungoku nje ndiyahamba kuba ndibaleka imbumbulu eyahlala ikrobile. Ndisaba isibham esahlala siqhumisa. ZODWA: (Esogquma uZodwa waseBhayi ngeragi yakhe) Ngelokuncama ke sithi kugqityiwe. Thina benyama asinamandla akwenza nto, sicela uMesiya anivulele kumnyango wamazulu, anihlanganise nabo basindisiweyo. (Uwe umkhusane) 14.12 Khetha kwesi sicatshulwa ibinzana elitolikwa zezi nkcaza zilandelayo: 14.12.1 Ukuphinda kubuyiselwe ubomi. 14.12.2 Ukubambisana / ukusebenzisana ngamaxesha eenzima. (2) 14.13 Nika esona sizathu sokuba aba babini badutyulwe? (1)
(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 21 14.14 Chaza ukuba amazwi akwisivakalisi sokuqala kwintetho kaSidima azoba mfanekiso mni ngaye. (1) 14.15 Tshatisa igama eliKULUHLU A eliya kuthi linike intsingiselo enye nelo liKULUHLU B ngokwakwisicatshulwa. (3) ULUHLU A ULUHLU B 14.15.1 Udongwe A Ukufa 14.15.2 Ilifu B Iingxaki / iinzima 14.15.3 Iintsunguzi C Umzimba (3) 14.16 Ingaba intetho kaSidima ebonakaliswe ngamagama abhalwe ngqindilili ibethelela luvo luni? (1) 14.17 Xela ukuba ngokwesi sicatshulwa sesibini ungathi kuxa likweliphi inqanaba lesakhiwo eli bali. Xhasa impendulo yakho. (2) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 25 AMANQAKU EWONKE: 80

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all