You're offline
Skip to content
Question paper

XHOSA HL P3 QP GR12 SEPT2019.pdf

Subject: Isixhosa HlGrade 1220198 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2019 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 AMANQAKU: 100 IXESHA: Iiyure 2½ *XHOHL3* Olu viwo lunamaphepha ama-5.
2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 (EC/SEPTEMBA 2019) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50) QAPHELA: Abaviwa kulindeleke ukuba baphendule imibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngesiXhosa esamkelekileyo nesichanekileyo. 4. Qala icandelo NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/itshati ebonisa ukuthungelana kweziganeko/amagama angundoqo, njl.njl.), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kuyilo lonke. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-80 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-70 (2 x 35) 8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2019) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama-340–390. 1.1 Ndaqonda ukuba ukuzenza akufani nokwenziwa. [50] 1.2 Ubutyebi obububo kukunikela eluntwini. [50] 1.3 Iqaqa aliziva kunuka. [50] 1.4 Izinto endingazenza njengoMphathi sikhululo samapolisa kwingingqi yam ukusiphula neengcambu ubundlobongela obugqubayo. [50] 1.5 Ifuthe lentsukaphi kwintsingaphi yomntu. [50] 1.6 Ingqondo ephaphileyo ihambelana nomzimba odlamkileyo. [50] 1.7 Qwalasela le mifanekiso ingezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. 1.7.1 [Ucatshulwe kwi-intanethi www.images.com waza wahlelwa] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 (EC/SEPTEMBA 2019) 1.7.2 [Ucatshulwe kwi-intanethi www.images.com waza wahlelwa] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2019) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 5 ICANDELO B: IMIHLATHI Khetha imihlathi ibe MIBINI kule ilandelayo ubhale ngayo. Bhala amagama ali-100−120 (umxholo kuphela). UMBUZO 2 2.1 ILETA YASEBURHULUMENTENI Bhalela uManejala wesikhululo sikanomathotholo weZwelonke, uncome indima edlalwa sisikhululo eso ekusasazeni iinkqubo zezifundo zabafundi bebanga leshumi elinambini. [25] 2.2 ILETA YOBUHLOBO Bhala ileta eya kumhlobo wakho umkhuthaze ukuba angabinamtha wedolo kuba ekhutshiwe ukuba adlalele iqela lokuqala lebhola ekhatywayo. [25] 2.3 UDLIWANO NDLEBE Bhala udliwano ndlebe oluphakathi kwakho nembongi ephume izandla. [25] 2.4 I-OBHITSHUWARI Bhala i-obhitshuwari yomntu omaziyo. [25] 2.5 INTETHO ESESIKWENI Bhala intetho esesikweni oza kuyenza kubafundi besikolo sakho emalunga nenkcubeko yesiXhosa. [25] 2.6 I-AJENDA NEMIZUZU YENTLANGANISO UnguNobhala wekomiti yekwayara eza kuthatha uhambo oluya phesheya kolwandle. Bhala i-ajenda nemizuzu yentlanganiso eza kuqulunqa olu hambo. [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
 
  


Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 12 Isixhosa Hl

Explore more published documents in this catalogue.

View all