You're offline
Skip to content
Question paper

XHOSA HL P3 QP GR12 SEPT 2023_hlayiso.com_.pdf

Subject: Isixhosa HlGrade 1220235 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2023 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 AMANQAKU: 100 IXESHA: 3 iiyure Olu viwo lunamaphepha ama-5.
2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 (EC/SEPTEMBA 2023) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha linamaCANDELO amaBINI: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50) QAPHELA: Abaviwa kulindeleke ukuba baphendule imibuzo emiBINI kwiCandelo B. 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngesiXhosa esamkelekileyo nesichanekileyo. 4. Qala ICANDELO ngalinye kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/itshati ebonisa ukuthungelana kweziganeko/amagama angundoqo, njalo njalo.), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kuyilo lonke. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-100 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-80 (2 x 40) 8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo kwiphepha lemibuzo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2023) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama-340–390. 1.1 Kwakuqubisene ezazizondana kolo khuphiswano. [50] 1.2 Iintlanga ezohlukeneyo zoMzantsi Afrika. [50] 1.3 Ndisazisola nanamhlanje ngaloo mpazamo. [50] 1.4 Umtya nethunga. [50] 1.5 Ukufunda ngamaqela kunganceda. [50] 1.6 Ifuthe labahlobo kuxinzelelo lwengqondo. [50] 1.7 Qwalasela le mifanekiso ingezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. [Ucatshulwe kwi-intanethi: www.images.com waza wahlelwa.] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 (EC/SEPTEMBA 2023) 1.8 [Ucatshulwe kwi-intanethi www. images.com waza wahlelwa.] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2023) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 5 ICANDELO B: IMIHLATHI UMBUZO 2 Khetha imihlathi ibe MIBINI kule ilandelayo uze ubhale ngayo. Bhala amagama ali-100−120 (umxholo kuphela). 2.1 I-IMEYILE Bhalela umzala wakho umbulele ngamacebo akunike wona ukulungiselela iimviwo zakho. [25] 2.2 ILETA ESESIKWENI Bhalela inqununu yesikolo sakho ukhalazele uthango oluwileyo kwisikolo sakho. [25] 2.3 INGXOXO Bhala ingxoxo ephakathi kwakho noLuthando, umba mawube ngowokuba wonke umfundi makathabathe inxaxheba kwezemidlalo. [25] 2.4 I-OBHITSHUWARI Bhala i-obhitshuwari ngogqirha obengumakhwekhwetha ekunyangeni iKhorona. [25] 2.5 INTETHO Bhala intetho oza kuyenza kulutsha ekuhlaleni ngomba wokuba ilungelo lihamba noxanduva. [25] 2.6 I-AJENDA NEMIZUZU YENTLANGANISO UnguNobhala wombutho ekuhlaleni, bhala i-ajenda nemizuzu yentlanganiso emalunga nokwakhiwa kwebhulorho eza kwenza kubelula ukuhamba ngexa lezantyalantyala zemvula. [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 12 Isixhosa Hl

Explore more published documents in this catalogue.

View all