Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 P3 Eastern Cape Mock 2020 QP

Question paperisiXhosa HLGrade 1220205 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 3 question paper from the Eastern Cape Mock Exam 2020, 5 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Eastern Cape Mock Exam 2020

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2020 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 AMANQAKU: 100 IXESHA: iiyure 2½ Olu viwo lunamaphepha ama-5.
2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 (EC/SEPTEMBA 2020) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50) QAPHELA: Abaviwa kulindeleke ukuba baphendule imibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngesiXhosa esamkelekileyo nesichanekileyo. 4. Qala ICANDELO ngalinye kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/itshati ebonisa ukuthungelana kweziganeko/amagama angundoqo, njl.njl.), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kuyilo lonke. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-80 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-70 (2 x 35) 8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo kwiphepha lemibuzo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama-340–390. 1.1 Izikhubekiso zindenze ndangulo mntu ndinguye [50] 1.2 Ushishino lusisisombululo sentswelo msebenzi. [50] 1.3 Ukukhululwa kwamabanjwa entolongweni phambi kwexesha. [50] 1.4 Inkovu iphuma ethangeni. [50] 1.5 Ubomi emva kwebanga leshumi elinambini. [50] 1.6 Ukulunga nokungalungi kokufunda izifundo ngolwimi lwesiXhosa. [50] 1.7 Qwalasela le mifanekiso ingezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. 1.7.1 [Ucatshulwe kwi-intanethi: www.images.com waza wahlelwa] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 (EC/SEPTEMBA 2020) 1.7.2 [Ucatshulwe kwi-intanethi www.googlesearch.com waza wahlelwa] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 5 ICANDELO B: IMIHLATHI Khetha imihlathi ibe MIBINI kule ilandelayo uze ubhale ngayo. Bhala amagama ali-100−120 (umxholo kuphela). UMBUZO 2 2.1 ILETA YASEBURHULUMENTENI Bhalela uMphathiswa wezeMfundo wephondo lakho ucele ukuba kupheliswe iinkampu ezenzelwe ukwazana kwabafundi abatsha ezikolweni. [25] 2.2 IRIVYU Bhala irivyu yencwadi obe uyifundile. [25] 2.3 I-OBHITSHUWARI Bhala i-obhitshuwari yemvumi oyaziyo. [25] 2.4 INTETHO ESESIKWENI Bhala intetho esesikweni oza kuyenza kumsitho wosuku lootata enkonzweni yakho. [25] 2.5 INGXOXO YABABINI Bhala ingxoxo ephakathi kwegosa lakwaMasipala nomhlali malunga nendima edlalwa nguMasipala. [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all