Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 P3 Eastern Cape Mock 2017 QP

Question paperisiXhosa HLGrade 1220175 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 3 question paper from the Eastern Cape Mock Exam 2017, 5 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Eastern Cape Mock Exam 2017

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2017 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 AMANQAKU: 100 IXESHA: 2½ iiyure Olu viwo lunamaphepha ama – 5.
2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 (EC/SEPTEMBA 2017) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50) QAPHELA: Abaviwa kulindeleke ukuba baphendule imibuzo emiBINI kwiCandelo B. 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A kunye nemibuzo emiBINI kwicandelo B. 3. Bhala ngesiXhosa esamkelekileyo nesichanekileyo. 4. Qala icandelo NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/ itshati ebonisa ukuthungelana kweziganeko/amagama angundoqo, njl.njl.) uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kuyilo lonke. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-80 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-70 (2 x 35) 8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2017) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama- 340–390. 1.1 Ndandincume okosana luvuyela unina. [50] 1.2 Amalungelo akanakwahlulwa kuxanduva lwawo. [50] 1.3 Ukukwazi ukuzeyisa kuneziphumo ezihle. [50] 1.4 Ilizwi labadala alidliwa mpuku. [50] 1.5 Inkcubeko yomntu inendima eyidlalayo ekubumbeni isimilo. [50] 1.6 Xa ndinokuba namandla okususa imiqobo kwimpumelelo yabahluphekayo. [50] 1.7 Qwalasela le mifanekiso ingezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo 1.7.1 [Ucatshulwe kwi-intanethi www.googlesearch.com waza wahlelwa] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 (EC/SEPTEMBA 2017) 1.7.2 [Ucatshulwe kwi-intanethi www.googleserch.com waza wahlelwa] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2017) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 5 ICANDELO B: IMIHLATHI Khetha imihlathi ibe MIBINI kule ilandelayo ubhale ngayo. Bhala amagama ali—100-120 (umxholo kuphela) UMBUZO 2 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhalela umzali wakho nanjengomfundi webanga leshumi elinesibini ukhalazele ukunganikwa nkxaso likhaya. [25] 2.2 I-OBHITSHUWARI Bhala i-obhitshuwari yomntu okukhulisileyo. [25] 2.3 INGXELO ESESIKWENI Bhala ingxelo yetheko lokuthi ndlela-ntle kubafundi njengoNobhala weBhunga labafundi. [25] 2.4 INQAKU LEMAGAZINI Bhala inqaku lemagazini ngobungozi bamakhasi onxibelelwano. [25] 2.5 INTETHO ENGEKHO SESIKWENI Bhala intetho oza kuyenza kwitheko lekhaya, ubulela umkhuluwa okanye usisi wakho obe ngumzekelo kuwe. [25] 2.6 ISIVI NELETA EKHAPHAYO Bhala ileta ucele umsebenzi uthumele nesivi yakho. [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all