Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 P1 Eastern Cape Mock 2023 QP

Question paperisiXhosa HLGrade 12202314 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 1 question paper from the Eastern Cape Mock Exam 2023, 14 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2023 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 AMANQAKU: 70 IXESHA: 2 iiyure Olu viwo lunamaphepha ali-14.
2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P1 (EC/SEPTEMBA 2023) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha lemibuzo linamaCANDELO AMATHATHU angala: ICANDELO A: Uvavanyo lokuqonda (30) ICANDELO B: Isishwankathelo (10) ICANDELO C: Izakhi nemigaqo yokusetyenziswa kolwimi (30) 2. Funda YONKE imiyalelo ngocoselelo. 3. Phendula YONKE imibuzo. 4. Qala ICANDELO NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Krwela umgca ekupheleni kweCANDELO NGALINYE. 6. Nombola iimpendulo zakho kanye ngokwendlela ekunonjolwe ngayo kweli phepha lemibuzo. 7. Shiya umgca emva kwempendulo nganye ukuze umsebenzi wakho ungaxinani. 8. Qwalasela ngeliso elibukhali upelo nolwakhiwo lwezivakalisi. 9. Yaba ixesha lakho ngolu hlobo: ICANDELO A: Imizuzu engama-50 ICANDELO B: Imizuzu engama-30 ICANDELO C: Imizuzu engama-40 10. Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2023) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P1 3 ICANDELO A: ISICATSHULWA SOKUQONDA UMBUZO 1: UKUFUNDELA INTSINGISELO NOKUQONDA Funda ISICATSHULWA A, uze uphendule imibuzo esekwe kuso. ISICATSHULWA A UBOMI 1 Ubomi busekwe phezu komntu osisidalwa esinamabhongo aphakamileyo. Esi sidalwa siyakwazi ukucwangcisa izinto zaso zangokunje nezelizayo; sineengcamango ngobomi obungunaphakade. Ubunto besi sidalwa buxhomekeke kwinto esesiyiyo nesiyakuba yiyo. Manditsho kwasentlandlolo ukuba ndiza kuyixoxa le ntloko njengomntu nje; 5 ndingeyiyo ingqondi yazifundo zabugqi. Xa ngaba bendiyiyo bendiza kugxininisa mhlawumbi, ekubeni ubomi kukuphila, ukukhula njalo njalo. 2 Ingxaki efika isikhathaze xa siza kucacisa incoko ngobomi, kukungazi ukuba siqale phi na, sihambe phi na, siye kuthi ga phi na. Kukho ubomi balapha emhlabeni nobaseZulwini. Njengoko kunzima ukuqikelela, 10 umpampatha emnyameni uzama ukufuna amanqaku ngento engaziwayo, asinakho ukuba singathetha ngobomi beZulu. Kaloku eli lihamte labafileyo, abathi bangabuyi ukuza kusichazela ngeli lizwe. Ilizwe ekuthiwa limnandi gqitha, abemi balo abalambi, abanamaxhala neenyembezi zasulwa. Ke ngoko asinabungqina ngale nyaniso. Ngenxa yoku, ndiza kuthetha 15 ngobomi bomhlaba. 3 Andithi kaloku umntu uqala ubomi bakhe emhlabeni esesiswini iinyanga ezilithoba! Kusemva koku qha apho adla ubomi obuqhelekileyo kuthi sonke. Asingezidubi ngobasesiswini ubomi, kuba nangona sinolwazana ngabo, alunakusenza sizabalaze kubheke phi. Kunjalonje sinengqiniseko 20 yokuba abuchumanga ngamahla-ndinyuka, amahla-ndinyuka esinokuthi sidimbaze kwisisele sawo ukuphuhlisa ubunyani bamabakala esiza kuwabeka ngokubhekiselele kule ntloko yethu. 4 Mandinikhumbuze ukuba besendithe iingqondi zona zibuthatha ubomi njengento esekelwe phezu kwento esiyiyo thina bantu, sinamabhongo 25 aphakamileyo, siyakwazi ukucwangcisa izinto zethu zexesha elizayo nezangokunje, sineengcamango ngobomi obungunaphakade. Kwakho masiqiqe ukuba ezi ziingcamango nezicwangciso ezihluma engqondweni yomntu enzulu kunene. Ekubeni umntu ezicingile ezi zinto azimisele ukuzenza, khon’ ukuze kufezeke ibhongo lakhe, uyazenza. Yiyo loo nto 30 iingqondi zibuya zisithi, zidandalazisa le nyaniso, ubomi bethu asikokuphefumla, ingeyiyo minyaka mininzi siyihleliyo koko zizinto esizenzayo ezineziqu nezibalulekileyo kuthi thina ziqu naseluntwini luphela. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P1 (EC/SEPTEMBA 2023) 5 Kungenxa kwayale nyaniso le nto kuthiwa zezinye iingqondi, 35 zikwabethelela obu buciko, oyena mntu odle ubomi obude ngoyinkcuba- buchopho, onezimvo eziphakamileyo nonezenzo ezisulungekileyo nokokuba ubhubhe engumfana okanye umfazana. Iingcamango zabantu ezinzulu nezenzo zabo eziyimimangaliso xa zibonwa zisenzeka okokuqala phakathi kwabantu zinobuqaqawuli obufana nobelanga, iinkwenkwezi 40 nenyanga. Omnye umntu akangeyiqondi le nyaniso, kuba kusithiwa kukuqheleka kweentlobo-ntlobo zobomi bethu. Enye into eyigubungelayo kukongezeleka kobuqaqawuli bezinto ezisesibhakabhakeni ngenxa yokuba kude nokungabonakali kakuhle kwazo. Ezi zinto zibangela ukuba sizoyike nokuzoyika. Singayanga nasemisebenzini nezenzo 45 eziyimimangaliso zabantu, ukuphila nje komntu kunobuqaqawuli. 6 Wakha wamjongisisa umntu, umbone ebizela, ephinda ekhupha umphefumlo, ujonge amehlo akhe amahle, enziwe ngemibala eqaqambileyo, ekwazi ukuzikhusela kwiingozana zomhlaba? Ukhe ucinge khona ngeendlela iindlebe eziva ngayo izandi, ngeendlela umzimba okwazi 50 ngayo ukuzinyanga? Ubuthini ubuqaqawuli nommangaliso wesandi esenziwa ngumntu xa ethetha naxa ecula? Obu buqaqawuli bezi zinto zonke bubangela ukuba umntu oyikeke. Kodwa ke njengoko senditshilo, ezi zinto siziqhele kangangokuba ubuqaqawuli bazo buyafihlakala, budungudeliseke. 55 7 Kwanjengokuba ubudala bethu ngeminyaka bungalingani, ubomi bethu abufani. Ubomi bunezinto ezihlayo ezibumlingorha xa siziqwalasele. Zithi zakwenzeka zisothuse, sitsho sikhamnqe okomzuzwana. Izehlo ezinje zithi zikhukhule ilizwe, zitsho zenze iinguqulelo ebomini bethu. Ezi nguqulelo ziyimfihlelo yendalo, sizifumana emabalini onke endalo. Kumabali 60 aseBhayibhileni nasezincwadini zesikolo, siyeva ngeekumkani ezathi ukuze ziphathe zaba zibhukuqe ezinye. Ezi kumkani zithe ukuze zifezeke iinjongo zazo, zalandelwa ngabantu abangqinelene nezo nguqulelo abavele nazo. 8 Andithi ukhe uve kusithiwa, “ubani lo asingomntu, ngumpha ochutywe 65 walahlwa; akaloncedo mntwini.” Lo mntu ke mdala, ebefanele ukunceda abakowabo noluntu luphela. Ukuba silandela le ncoko yethu, lo mntu akanabomi; akaphili. Yiyo le nto side sithi, “Ukukufa kufunjiwe”. Ingqondi yamaNgesi, into kaFuller iyibeka icace gca ngokuthi, “Umntu ongenzi zinto zakhayo, akadli bomi.” Ke ngoko singathi ukukufa okuhambayo. Eyona nto 70 ibangela ukuba ubomi bube mnandi, yile yokuba kufuneka sizabalaze, siwe sivuka sicwangcise, sizama ukuphuma phaya, size kufumana laa nto. Ebomini sisedabini elingazange laphela. Andithi kaloku sithi singoyisanga sibhubhe? Iciko lamaNgesi uShakespeare lithi; “Umsebenzi mninzi; ubomi bufutshane. Masizonde ukuba liqhawe neqhaji phakathi kweenzima.” 75 [Sicatshulwe kwincwadi ethi ̔NDITHUNGILE SELANI ̛ ebhalwe ngu-M. Yekela, iphepha 76–78, saze sahlelwa] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2023) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P1 5 ISICATSHULWA B: OKUBONWAYO [Sicatshulwe kwi-intanethi www.googlesearch.com] ISICATSHULWA A Jonga kumhlathi woku-1. 1.1 Xela ukuba busekwe phi ubomi. (1) 1.2 Khankanya izinto zibeMBINI ebeyakugxininisa kuzo umbhali ukuba ebeyingqondi. (2) Jonga kumhlathi wesi-2. 1.3 Xela into exake umbhali ngokucacisa ubomi. (1) 1.4 Uthetha ukuthini umbhali xa esithi, ‘eli lihamte labafileyo’? (2) 1.5 Bhala isaci esingqinelana nale ntetho: ‘Ke ngoko asinabungqina ngale nyaniso. Ngenxa yoko ndiza kuthetha ngobomi bomhlaba.’ (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
6 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P1 (EC/SEPTEMBA 2023) Jonga kumhlathi wesi-3. 1.6 Khetha impendulo echanekileyo. Igama ‘sizabalaze’ elikwesi sivakalisi silandelayo lithetha: ‘... kuba nangona sinolwazana ngabo, alunakusenza sizabalaze kubheke phi.’ A Ukukhuthala B Ukubaleka C Ukuzisokolisa D Ukuqhankqalaza (2) Jonga kumhlathi wesi-4. 1.7 YINYANI/LULUVO ukuba ubomi bethu asikokuphefumla ingeyiyo minyaka esiyihleliyo koko zizinto ezibalulekileyo esizenzayo thina naseluntwini. Xhasa impendulo yakho. (2) Jonga kumhlathi wesi-5. 1.8 Xela isafobe esiseyenziswe kweli binzana, ‘... zinobuqaqawuli obufana nobelanga.’ (1) 1.9 Kubethelela luvo luni ukusetyenziswa kwegama elikrwelelwe umgca ngaphantsi? ‘Omnye umntu akangeyiqondi le nyaniso ...’ (2) Jonga kumhlathi wesi-6. 1.10 Sibonakalisa ntoni isimamva u-isa kwisenzi ‘wamjongisisa’? (2) 1.11 Yakha isibizo usebenzisa isiqu sesenzi u-cinga. (2) Jonga kumhlathi wesi-7. 1.12 Tolika igama ‘ezibumlingorha’ ngokwesicatshulwa. (2) 1.13 Xela inkolo equlethwe ngulo mqolo. ‘Kumabali aseBhayibhileni nasezincwadini zesikolo ...’ (1) Jonga kwisicatshulwa sonke. 1.14 Ucinga ukuba indlela umbhali abona ngayo ubomi inako ukuguqula iingcinga zomfundi? Xhasa impendulo yakho. (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2023) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P1 7 IMIBUZO: ISICATSHULWA B 1.15 Ungathi uphi lo mntu ukulo mfanekiso? (1) 1.16 Chaza indlela umfanekiso odale ngayo ubaxo. (1) 1.17 Phawula ngendlela alele ngayo lo mntu ukulo mfanekiso. (2) ISICATSHULWA A no B 1.18 Caphula umqolo kumhlathi wesi-8 wesicatshulwa A ongqinelana nokwenzeka kumfanekiso okwisicatshulwa B. (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
8 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P1 (EC/SEPTEMBA 2023) ICANDELO B: ISISHWANKATHELO UMBUZO 2: UKUSHWANKATHELA NGAMAZWI AKHO ISICATSHULWA C sithetha ngonokukwenza ukuze uhlale unesidima nondiliseko. Shwankathela esi sicatshulwa unike iingcebiso ngezinto amakazenze umntu ukuze abe nesidima nesithozela. QAPHELA 1. Isishwankathelo sakho masiquke iingongoma ezisiXHENXE ungedluli kumagama angama-70. 2. Bhala umhlathi ongenaziphene usebenzise amazwi akho kangangoko unakho. 3. AKULINDELEKANGA ukuba ubhale isihloko xa ushwankathela. 4. Bhala phantsi inani lamagama owasebenzisileyo wakugqiba. UKUBANESIDIMA NONDILISEKO 1 Ingaba uyazi ukuba ungazigcina njani unesidima nondiliseko? Iindaba ezimnandi zezokuba ungakwazi ukuzifunda uziqhelanise nezi zinto. Akuyi ngokuzalwa nazo koko uzifunda njengokuba ukhula. Kuninzi onokukwenza ukuze ubenesidima nondiliseko. 2 Qiniseka ukuba indlela oziphatha nowenza ngayo izinto ilungile. Awungeze umbone umntu oziphethe kakuhle esitya ukutya evule umlomo. Abantu abaziphethe kakuhle bahlala beqinisekisa ukuba abakwenzi okunokuthoba isidima sabo nangaliphi na ixesha. Bayixabisile indlela ababonakala ngayo kwabanye. 3 Abantu abanondiliseko basoloko bezolile kwaye abazenzi ngokungxama izinto. Bayakwazi ukuthi kanye ngeli xesha beshiywa ngamaxesha kodwa bangakubonakalisi oko. Soze ubeve beshawutisa, begila abantu endleleni okanye bebonakala benemisindo. Uthi kanye ngoku umntu sele eshiywa sisithuthi sikawonkewonke kodwa angasoli mntu, njengabanye. 4 Kubalulekile ukuhleka empilweni yomntu kodwa akufunekanga ukude uhleke isiqhazolo sentsini. Ukuhleka isiqhazolo kukutsalela amehlo kukwaphazamisa nabanye abantu abaxakeke ziingxaki zabo. Isiqhazolo sayanyaniswa nabantu abangaqeqeshekanga. Zifundise ukuhlonipha abanye abantu kunye nezinto zabo. Intlonipho iqala ngokuba ubaxabise kwaye ubathande abanye abantu. Intlonipho yakho kwabanye izala intlonipho yabo kuwe. Ukusebenzisa into yomntu ngaphandle kwemvume yakhe kungakhokelela kwingxabano engeyinqandekile. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2023) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P1 9 5 Xa uhleli okanye uncokola nomntu kubalulekile ukumhoya ngokupheleleyo. Iyasithoba isidima into yomntu othi encokola nomnye abe exakeke yincoko ekwiselula yakhe. Uninzi lwabantu luxakeke kakhulu ziincoko nabantu abakude ngaphezu kwaba luhleli nabo. Oko kukhokelele ekubeni aba bahleli nabo baphelelwe ngumdla kuloo nto bebeyixoxa, nakuye na kakade. Oko akutsho ukuba mjamele omnye umntu kodwa bonakalisa ukuyithathela ingqalelo into ayithethayo. 6 Nxiba iimpahla ezicocekileyo ezikwenza uzive undilisekile kwaye ubukeka. Iimpahla azinxibayo umntu zithetha lukhulu ngaye. Zinamandla okuguqula indlela esicinga ngayo ngawe. Kukho indlela ethile yokunxiba eyayanyaniswa nabantu abaziphethe ngendlela engamnkelekanga eluntwini. Yiba nomoya ophantsi ohamba nokuzimisela. Xa kuthethwa ngokuzimisela akubhekiselelwanga kwikratshi. Abantu abanokuzimisela basoloko besoneliseka yindlela abadalwe ngayo, kwaye benza umtsalane nakwabanye abantu. [Sicatshulwe kwi-intanethi www.googlesearch.com, saguqulelwa saze sahlelwa] AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
10 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P1 (EC/SEPTEMBA 2023) ICANDELO C: IZAKHI NEMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI UMBUZO 3: UKUHLALUTYA INTENGISO Funda le ntengiso ingezantsi (ISICATSHULWA D) uze uphendule imibuzo esekwe kuyo. ISICATSHULWA D [Sicatshulwe kwi-intanethi www.googlesearch.com, saguqulelwa saze sahlelwa] 3.1 Xela imveliso ethengiswa kule ntengiso. (1) 3.2 Chonga igama elibonakalisa ukuba le mveliso yahlukile kwezinye. (1) 3.3 Xela inzuzo efunyanwa ngulowo usebenzisa le mveliso. (2) 3.4 Nika isizathu sokuba u-100% abhalwe ngefonti enkulu kule ntengiso. (1) 3.5 Guqula igama elikrwelelwe umgca libe kwimo yesilanduli. ‘Ubisi loqobo’ (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2023) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P1 11 3.6 Khetha impendulo echanekileyo kwezi zingezantsi. Le mveliso inezithako: A Zamandongomane B Zombona C Zengqolowa D Zeembotyi (1) 3.7 Ucinga ukuba umfanekiso okule ntengiso ungakuncedisa ukuthengiseka kwayo? Xhasa impendulo yakho. (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P1 (EC/SEPTEMBA 2023) UMBUZO 4: UKUCAZULULA IKHATHUNI Funda le khathuni ingezantsi uze uphendule imibuzo esekwe kuyo. ISICATSHULWA E [Icatshulwe kwi-intanethi www.zitscartoons.com, yaguqulelwa yaze yahlelwa] 4.1 Babonakala bephi aba bantu bakule khathuni? Xhasa impendulo yakho. (2) 4.2 Xela udaba lobuso olubonakalisa ukuba uMa unomsindo. (1) 4.3 Cacisa umahluko kwisithomo sikaXola kwisakhelo soku-1 nesakhelo sesi-2. (2) 4.4 Sebenzisa igama u-‘umsebenzi’ kwisivakalisi linike intsingiselo eyahlukileyo kuleyo ikwisakhelo soku-1. (2) 4.5 Xela ukuba uXola usosulela kubani isityholo sokukopa. (1) 4.6 Uthini umyalezo wale khathuni? (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2023) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P1 13 UMBUZO 5: IPROZI Funda ISICATSHULWA F, uze uphendule imibuzo esekwe kuso. ISICATSHULWA F IMALI YANGOKU IPHELEL’ EZANDLENI 1 Kumaxesha angaphambili imisebenzi ibinqongophele xa sithelekisa neli xesha siphila kulo. Leyo ifumanekayo ibisiba yimisebenzi enzima nekwarhabaxa. Intlawulo ebizuzwa ngumntu ngelo xesha singayifanisa necutyana elincazelwa umntu onqanqathekileyo ongenamali yokuzithengela elakhe. Iintsapho zangoko bezibankulu kuba kaloku thina bantu baNtsundu sikholelwa ekubeni abazalanayo bahlale kunye ndaweninye. Ubufika emzini kuphangela utata kuphela ibengulowo nalowo umzi onethamsanqa lokuba abekho owesibini umntu onesikorobho. Kuyo yonke loo nto, indoda ibiwakha umzi wayo iwugqibe, yondle usapho, ilunxibe iqwele ilufundise. 2 Umgangatho wentlalo ngaloo maxesha ubuphantsi kakhulu, abantu bephila ubomi obungenazindleko zibhekephi. Bebelima, befuyile, bekhuthalele ukuzenzela izinto ngokwabo ngezandla ezi zabo bengaxhomekekanga kuqesheni mntu. Ezindlwini zabo bebengenazimpahla zinobunewunewu nabuyokoyoko yaye nabo impahla abebeyinxiba ibiyeyexabiso elisezantsi. Amaxabiso ezinto ebephantsi ngokungakholelekiyo xa siwathelekisa nala anamhlanje, into leyo ebimenza umntu akwazi ukuthenga izinto ezininzi ngomvuzwana nje ongephi. 3 Xa sith’ ukujonga namhlanje siphawula ukuba izinto azisafani nangaphambili. Nangona izithuba zemisebenzi zikho nje zizininzi, abantu abafuna umsebenzi baninzi bona kuqala ngaphaya lee kwezo zithuba zikhoyo. [Sicatshulwe kwincwadi ethi ̔AMAXESHA EMPUCUKO, SISINGISE PHI NA? ̛ ebhalwe ngu- M. Yekela, iphepha 58, saze sahlelwa] 5.1 Bhala isichasi segama elikrwelelwe umgca ngaphantsi kwisicatshulwa. (1) 5.2 Sibonisa ntoni isimamva u-ana kwisibizo esisetyenziswe kuso? ‘... kulo icutyana.’ (2) 5.3 Izibanjalo zokwaba ezibhalwe ngqindilili kumhlathi woku-1 ziphuhlisa ntoni kwisivakalisi ezisetyenziswe kuso? (2) 5.4 Sisetyenziswe njani isakhi esibhalwe ngqindilili kwigama u-“ezindlwini” kwesi sivakalisi silandelayo? ‘... ezindlwini zabo babengenazo iimpahla.’ (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
14 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P1 (EC/SEPTEMBA 2023) 5.5 Sebenzisa isenzi ‘siphawula’ okwisivakalisi esingezantsi sinike intsingiselo eyahlukileyo kule isetyenziswe kwisicatshulwa. ‘... namhlanje siphawula ukuba izinto azisafani nangaphambili.’ (2) 5.6 Nika igama elinye eliphuhlisa intsingiselo yeli binzana. ‘... baninzi bona ...’ (1) 5.7 Guqula isenzi esibhalwe ngqindilili kumhlathi wesi-2 sibe kwimo evumayo. (1) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all