You're offline
Skip to content
Question paper

ACCOUNTING P1 GR12 QP SEPT2024_Xhosa_hlayiso.com_.pdf

Subject: AccountingGrade 12202410 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2024 AKHAWUNTINGI P1 AMANQAKU: 150 IXESHA: 2 liyure Eli phepha lemibuzo linamaphepha ali10, iphepha le fomyula kunye nencwadi yokuphendulela enamaphepha ali10. Hosted by www.ecexams.co.za.
Downloaded from hlayiso.com 2 AKHAWUNTINGI P1 (EC/SEPTEMBA 2024) IMIYALELO KUNYE NENKCUKACHA Funda lemiyalelo elandelayo ngononophelo uze uyilandele ngocoselelo. 1. Phendula YONKE imibuzo. 2. INCWADI ekhethekileyo YOKUPHENDULELA YONKE imibuzo uyinikiwe. 3. IFinancial Indicator Formula Sheet incanyatheliselwe ekupheleni kweli phepha lemibuzo. 4. Bonakalisa WONKE umsebenzi ukuze ufumane inxalenye yamanqaku. 5. Ungasebenzisa inon-programmable khatyuleyitha. 6. Ungasebenzisa ipenisile okanye i-inki eblowu/emnyama ukuphendula imibuzo. 7. Xa kufanelekile, bonisa ZONKE iikhatyuleyishini zibe kwidesimali poyinti ENYE. 8. Bhala kakuhle nangokucacileyo. 9. Sebenzisa inkcukacha ezikwitheyibhile engezantsi njengesikhokelo xa uphendula imibuzo. Zama UNGAPHUMI kuyo. IXESHA UMBUZO ISIHLOKO AMANQAKU (imizuzu) 1 IiFinancial Statement zenkampani 55 45 IiNotes zeeFinancial Statement, 2 Cash Flow Statement kunye 40 30 neeFinancial Indicator Ukutolikwa kweeFinancial 3 40 30 Statement 4 Ulawulo lwamashishini 15 15 EWONKE 150 120 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha Hosted by www.ecexams.co.za.
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2024) AKHAWUNTINGI P1 3 UMBUZO 1: IIFINANCIAL STATEMENT ZENKAMPANI (55 amanqaku; 45 imizuzu) ZINO LIMITED Inkcukacha ibhekisele kunyaka mali ophele nge30 Juni 2024. Ishishini lithengisa oomashini bokucheba ingca. OKUFUNEKAYO: 1.1 Bhekisa kwinkcukacha B (ii). Khatyhuleyitha ixabiso lwesitokhwe esibiweyo. (3) 1.2 Gqibezela iStatement se Comprehensive Income ngonyaka mali ophele nge30 Juni 2024. (29) 1.3 Gqibezela iStatement se Financial Position nge30 Juni 2024. (23) QAPHELA: ezinye iimali sezinikiwe KWINCWADI YOKUPHENDULELA. INKCUKACHA: A. Isicatshulwa: Iibhalansi neetotali ezikwiirekhodi nge30 Juni 2024. R IOrdinary share capital (3 000 000 yezabelo) 19 650 000 IRetained income ? ILoan: OV Bank 1 304 000 IDebtors’ control 495 000 USARS: Income Tax (provisional tax payments) 300 000 IProvision for bad debts 2 355 ICreditors’ control 529 800 IBank (favourable) ? ITrading stock 2 195 550 IiShareholder for dividends 1 980 000 IiSale ? IiCost of sale 15 660 000 IRent income 98 500 ICommission income 626 400 IiAudit fee 81 000 IiDirectors’ fee 450 000 IAdvertising 36 000 IiDividendi on ordinary shares 1 010 000 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha Hosted by www.ecexams.co.za.
Downloaded from hlayiso.com 4 AKHAWUNTINGI P1 (EC/SEPTEMBA 2024) B. Uhlengahlengiso nenkcukacha ezongezelelweyo: (i) Ishishini lisebenziza imark-up ye 75% kwicost. Abathengi abakhethekileyo banikwa itrade discount engange R216 000. (ii) Ngethuba kuqhekezwa kwindawo yokugcina impahla, omashini bokucheba ingca babiwa. Ishishini lafumana kwaye larekhoda iR35 000 kwinkampani yeinsurance, yabe iyi 80% yexabiso le mashini kuba bebe under insured. Azikho ezinye iientri ezenziweyo. (iii) IiAudit fee ezingekahlawulwa ekupheleni konyaka mali, yiR9 500. (iv) Ikhontracti yeadvertising yonyaka yasayinwa nephephandaba lasekuhlaleni ukusukela nge1 Oktobha 2023. Kwahlawulwa iR24 000. (v) IProvision for bad debts mayihlengahlengiswe ibe yiR1 975. (vi) Umthengi ohlawule iakhawunti yakhe wegqithisa ngeR2 800 ucela ukuba intlawulo engaphezulu idluliselwe kwiakhawunti yakhe yeecreditor njengoko ekwanika iofisi istationery. (vii) Zino Ltd ufumana icommission yeR25 nge yunithi nganye ethengisiweyo kwaSTIHL manufacturers. Icommission kwiiyunithi eziyi900 ngoJuni ayikafunyanwa. (viii) Inkampani ihlwawule abalawuli bayo abaBINI ukuyokuma nge31 Decemba 2023. Bafumana intlawulo elinganayo. Umlawuli wesithathu uqeshwe nge1 Eprili 2024 kwizinga elifanayo ngenyanga nabanye abalawuli ababini. Akukho director’s fees ehlawulweyo kwisiqingatha sesibini sonyaka. (ix) Izindlu zarentiswa ukusukela nge1 Agasti 2023 ngesivumelwano esithi irenti izakwehla ngeR800 ngenyanga ukusukela nge1 Meyi 2024. Irenti kaJuni 2024 ayikafunyanwa. (x) Intlawulo oyongezelelweyo elungiselwe irhafu yeR200 000 yenziwa nge30 Juni 2024 (ayikarekhodwa). Emva koko, IIncome tax etyalwa uSARS ekupheleni konyaka yiR60 000. ITax ikhatyhuleyithwa ngo28% wenet profit phambi kwetax. (xi) ILoan yaseOV Bank: • Ibhalansi yeloan nge1 Julayi 2023 yiR1 490 000. • I-interest yeR120 100 kwiloan iyakhapitalayizwa. • Intlawulo yenyanga esisigxina (eneinterest) yahluwulwa ngokupheleleyo yarekhodwa. • Ngenxa yeemeko ezinzima zoqoqosho, uZino Ltd wathetha-thethana nebhanki ye-OV ukwandisa ixesha lokuqala leloan. Ibhanki yavuma esi sicelo kwaye ngaloo ndlela yanciphisa inxalenye yentlawulo yeloan nge-5% kunyaka-mali olandelayo. (xii) Ezi financial indicators zilandelayo zikhatyhuleyithwe nge30 Juni 2024, emva kokuthabatha ingqalelo lwalo lonke uhlengahlengiso: INet asset value ngesabelo 675 yeesenti ICurrent ratio 1,3 : 1 55 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha Hosted by www.ecexams.co.za.
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2024) AKHAWUNTINGI P1 5 UMBUZO 2: IIFINANCIAL INDICATOR KUNYE NECASH FLOW STATEMENT (40 amanqaku; 30 imizuzu) Inkcukacha ibhekisele kuShabba Ltd kunyaka mali ophele nge30 Epreli 2024. OKUFUNEKAYO: 2.1 Khatyhuleyitha ezifinancial indicator zilandelayo ngonyaka mali ophele nge30 April 2024: 2.1.1 Idebt-equity ratio (3) 2.1.2 Iearnings per share (4) 2.1.3 Idividendi pay-out rate (%) (3) 2.1.4 I% return on average equity (ROSHE) (5) 2.2 Yenza inote yeRetained Income. (7) 2.3 Khatyhuleyitha utshintsho kwiTrade and other receivables. Bonisa ukuba kukungena okanye kukuphuma kwemali. (4) 2.4 Khatyhuleyitha ezimali zilandelayo zeCash Flow Statement: 2.4.1 Taxation ehlawuliweyo (5) 2.4.2 Imali efunyenwe ngokuthengisa iifixed asethi (5) 2.5 Gqibezela esisigaba silandelayo seCash Flow Statement: ● INet change kwiCash neecash equivalent (4) INKCUKACHA: A. Isicatshulwa kwiStatement se Comprehensive Income nge30 Epreli 2024: R IDepreciation 190 900 I-Interest expense 69 500 INet profit after tax 1 022 000 B. ITaxation yi30% yengeniso phambi kwerhafu. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha Hosted by www.ecexams.co.za.
Downloaded from hlayiso.com 6 AKHAWUNTINGI P1 (EC/SEPTEMBA 2024) C. Isicatshulwa kwistatement sefinancial position neenote: 30 Epreli 2024 30 Epreli 2023 R R IiFixed asethi (carrying value) 11 434 000 9 890 600 IFixed deposit 120 000 600 000 IiCurrent asethi 1 202 400 906 000 ITrade ne other receivables (see Note 1) 568 700 459 400 ICash ne cash equivalents 7 800 85 300 IShareholder’s equity 12 624 400 9 319 200 IRetained income ? 1 300 300 INon-current liabilities 1 294 000 1 560 000 ICurrent liabilities 900 000 1 156 600 ITrade ne other payables 432 000 814 600 IBanki overdraft 319 000 0 IiShareholder for dividendi 188 000 201 000 UNote 1: Trade kunye neeother receivable. 30 Epreli 2024 30 Epreli 2023 R R INet trade debtors 528 000 426 800 IAccrued income 30 800 USARS (Income tax) 9 900 32 600 568 700 459 400 D. IiFixed asethi: • Iindleko ezipheleleyo zokufumana isithuthi esitsha kunye nokwandiswa kwezakhiwo phakathi nonyaka zilingana neR1 702 000. • Phakathi nonyaka iequipment yathengiswa ngecarrying value. E. IShare capital kunye nezabelo: • Zingama 1 340 000 izabelo ezikhutshiweyo nge30 Epreli 2023. • Izabelo ezongezelelweyo zikhutshwe nge1 Novemba 2023. • Idividend yethutyana yahlawulwa nge31 Agasti 2023. • Nge30 Epreli 2024 izabelo zathengwa kwakhona. Ixabiso lwezabelo ngokwe avareyiji yexabiso lokukhutshwa yiR28 000. Ixabiso elibiziweyo liyi 15% ngaphezulu kweavareyiji yexabiso lezikhutshiweyo. F. IiDividend nee-earning ngesabelo: 30 Epreli 2024 30 Epreli 2023 Ii-interim dividend (ngesabelo) 20 yeesenti 45 yeesenti Iifinal dividend (ngesabelo) 25 yeesenti 15 yeesenti Iiearning ngesabelo ? 109 yeesenti 40 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha Hosted by www.ecexams.co.za.
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2024) AKHAWUNTINGI P1 7 UMBUZO 3: UKUTOLIKWA KWEEFINANCIAL STATEMENT (40 amanqaku; 30 imizuzu) LUKER LTD Unyaka mali uphela nge28 Februwari minyaka le. OKUFUNEKAYO: QAPHELA: Apho kufuneka izimvo okanye iingcaciso, kufuneka: • Uchonge iifinancial indicator kunye neetrendi ibenamanani. • Unike isizathu okanye ingcaciso ngeefinancial indicator ozichongileyo. 3.1 Izigama ezinxulumene neenkampani zinikwe kuKHOLAM A kunyenenkcazelo kuKHOLAM B. Khetha inkcazelo kuKHOLAM B ehambelana nesigama kuKHOLAM A. Bhala kuphela unobumba (A‒D) ecaleni kwenani lombuzo (3.1.1 ukuya ku 3.1.4) KWINCWADI YOKUPHENDULELA. KHOLAM A KHOLAM B (IZIGAMA) (INKCAZELO) 3.1.1 Gearing A ibonisa inzuzo efunyanwa ngabanini kutyalo- mali lwabo kwishishini 3.1.2 Solvency B ibonisa ukuba ishishini lixhaswa ngemali mboleko kangakanani 3.1.3 Liquidity C ibonisa ukuba ingaba ishishini liya kukwazi na ukuhlawula onke amatyala alo 3.1.4 Return on equity D Ibonisa ukuba ishishini linokuhlawula ityala lexesha elifutshane (4 x 1) (4) 3.2 IProfitability Chonga kwaye ucacise iifinancial indicator zibeMBINI ezibonisa ukuba inkampani ilawula indleko zayo ngokufanelekileyo. (4) 3.3 ILiquidity Cebisa ngezicwangciso ezinokusetyenziswa yinkampani ukuphucula inet working capital. Chonga ibeNYE iifinancial indicator. (6) 3.4 Iindlela zenxaso mali kunye negearing • Phawula ngokuthi ingaba inkampani iyisebenzisa kakuhle na iloan. Chonga iifinancial indicator ibeNYE zibenenani kunye neetrendi. (4) • Idebt-equity ratio yenkampani yehlile ukusuka ku0,8 : 1 ukuya ku0,6 : 1. Khankanya izizathu zibeMBINI ezinokubakho ezinokukhokelela kolu tshintsho. (4) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha Hosted by www.ecexams.co.za.
Downloaded from hlayiso.com 8 AKHAWUNTINGI P1 (EC/SEPTEMBA 2024) 3.5 IiDividend, iiearning kunye neereturn: • Phawula nge dividend pay-out polisi yenkampani. Nika izizathu zibeMBINI zokuba kutheni abalawuli begqibe kwelokuba batshintshe ipolisi ngo2024. (4) • Cacisa ukuba abanini zabelo bangoneliseka na yimbuyekezo yabo kutyalo mali kwinkampani. Chonga ifinancial indicator, ibeNYE ibenenani, kwingcaciso yakho. (4) • Khatyhuleyitha iidividend ezifunyenwe ngumhlobo wakho onezabelo ezingama 40 000 kwinkampani nge29 Februwari 2024. (2) 3.6 Ixabiso lezabelo: UCEO ufuna ukuthengisa izabelo zakhe ezingama 60 000 kwinkampani nge1 250 yeesenti ngesabelo nge29 Februwari 2024. Njengomnini zabelo kwinkampani, ungathini kwesisigqibo? Cacisa kwaye uchonge ifinancial indicator ibeNYE. (4) 3.7 Ubunikazi zabelo: Bhekisa kwinkcukacha B: • Khatyhuleyitha inani lezabelo ezithengwe nguJohn Khan kwizabelo ezingama 250 000 ezikhutshwe nge1 Februwari 2024 ukugcina isimo sakhe sobanesininzi. (4) INKCUKACHA: A. Iifinancial indicator ezikhatyhuleyithwe ekupheleni konyaka mali: 29 Feb. 2024 28 Feb. 2023 I% operating expenses on sales 21,6% 23,2% I% mark-up efunyenweyo 60% 50% I% operating profit on sales 21% 19% Icurrent ratio 2:1 1,9 : 1 Iacid-test ratio 0,6 : 1 1,3 : 1 Iaverage debtor’s collection period 42 yeentsuku 29 yeentsuku Iaverage creditor’s payment period 60 yeentsuku 56 yeentsuku Idebt-equity ratio 0,6 : 1 0,8 : 1 Iearnings ngesabelo 70 yeesenti 78 yeesenti Idividends ngesabelo 72 yeesenti 40 yeesenti Idividend pay-out rate 103% 51% I% return on shareholder’s equity 12,8% 11% I% return on capital employed 19,8% 20,3% I-interest on fixed deposit 8% 8% I-interest on loan 13% 13% INet asset value ngesabelo 950 yeesenti 955 yeesenti Ixabiso lesabelo lemakethi eJSE 934 yeesenti 968 yeesenti B. IShare Capital kunye neshareholding kaJohn Khan: 29 Feb. 2024 28 Feb. 2023 Inani lezabelo ezikhutshiweyo: ? 650 000 Izabelo zikaJohn Khan (50,1%) (51%) 40 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha Hosted by www.ecexams.co.za.
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2024) AKHAWUNTINGI P1 9 UMBUZO 4: ULAWULO LWAMASHISHINI KUNYE NOPHICOTHO-ZINCWADI (15 amanqaku; 15 imizuzu) Unikwe inqaku elinxulumene noNicole Ltd. Sebenzisa inkcukacha oyinikiweyo kunye nolwazi lwakho lweenkampani ukuphendula imibuzo. OKUFUNEKAYO: 4.1 Cacisa ukuba kutheni uNicole Ltd efuna iinkonzo zabaphicothi-zincwadi bangaphakathi kunye nangaphandle. (4) 4.2 Chonga kwaye ucacise iaccounting principle eyaphulwe ngabalawuli beNicole Ltd xa beqaphela ingeniso yoonyaka-mali bangaphambili. (2) 4.3 Cacisa ukuba yintoni ulawulo lwamashishini kwaye uCEO wangaphambili, uPeter Moore akaziphathanga ngokweKing Code njani. (4) 4.4 Luhlobo luni lwengxelo yophicotho-zincwadi olufunyenwe nguNicole Ltd ngo2023? Nika isizathu sempendulo yakho. (3) 4.5 Njengomnini-zabelo kule nkampani, yiyiphi inkxalabo obuya kuba nayo malunga noko kwenzekayo? Khankanya iingongoma zibeMBINI. (2) NICOLE LTD: LE NKAMPANI ILAHLEKELWE ZIZIGIDI ZEERANDI NGENXA YOKUNGABIKHO KOLAWULO OLULUNGILEYO LWENKAMPANI Ngo Epreli 2023 uNicole Ltd ubhengeze ukuba ingxelo yezemali ka2022 ayinakuthenjwa. Oku kusemva kokuba abaphicothi-zincwadi bangaphandle bakwaDion bangakwazanga ukuvakalisa uluvo malunga nokuthembeka kweengxelo zeFinancial Statement zenkampani. Bafumanise ukuba abaphathi abali 10, kuquka noCEO wangaphambili, uPeter Moore, banyuse ingeniso ukuze kukhuphuke inkuthazo yabo yemali ibangele iequity yenkampani igqithise ngeR4,5 yezigidi. Phakathi kwezinye izinto, babale ingeniso (income) kunyaka mali ongaphambi kwexesha layo kunokuba bekufanele, kwaye ngokungafanelekanga bathe inkcitho ziiasethi. Uphando lukaKuga lufumanise iingxaki eziquka indlela yokulawula, ukugcinwa kwerekhodi, iinkqubo kunye nengxelo yezimali. UNicole Ltd wacela ukuba ilisting yakhe inqunyanyiswe ukukhusela abatyali-mali bakhe kurhwebo lokuqikelela. IJSE ngoko yayinqumamisa ilisting (akukho namnye unokuthenga okanye athengise izabelo) ukusukela nge10 Juni 2023 ukubheka phambili. IJSE iqale ukuthengisa izabele zikaNicole kwakhona ngoFebruwari 2024, kwaye babohlwaye iR7,5 yezigidi. Ukusukela ngoko,uNicole Ltd uqashe uZENTEC abe ngumphicoci zincwadi wabo wangaphakathi. UDion ube engumphicothi-zincwadi wangaphandle ka Nicole ngaphezu kweminyaka eli15. [ilungisiwe from www.sharedata.co.za.] 15 EWONKE: 150 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha Hosted by www.ecexams.co.za.
Downloaded from hlayiso.com 10 AKHAWUNTINGI P1 (EC/SEPTEMBA 2024) IBANGA 12 AKHAWUNTINGI FINANCIAL INDICATOR NE FOMYULA SHITI Gross profit x 100 Gross profit x 100 Sales 1 Cost of sales 1 Net profit before tax x 100 Net profit after tax x 100 Sales 1 Sales 1 Operating expenses x 100 Operating profit x 100 Sales 1 Sales 1 Total assets : Total liabilities Current assets : Current liabilities (Current assets – Inventories) : Current liabilities Non-current liabilities : Shareholders' equity (Trade and other receivables + Cash and cash equivalents) : Current liabilities Average trading stock x 365 Cost of sales Cost of sales 1 . Average trading stock (jonga kuqaphela 1 ngezantsi) Average debtors x 365 Average creditors x 365 Credit sales 1 Cost of Sales 1 (jonga kuqaphela 2 ngezantsi) Net income after tax x 100 Net income after tax x 100 Number of issued shares 1 Average shareholders' equity 1 (jonga kuqaphela 3 ngezantsi) Net income before tax + Interest on loans x 100 Average shareholders’ equity + Average non-current liabilities 1 Shareholders’ equity x 100 Dividends for the year x 100 Number of issued shares 1 Number of issued shares 1 Interim dividends x 100 Final dividends x 100 Number of issued shares 1 Number of issued shares 1 Dividends per share x 100 Dividends for the year x 100 Earnings per share 1 Net income after tax 1 Total fixed costs . Selling price per unit – Variable costs per unit QAPHELA: 1. Isitokhwe ekupheleni konyaka mali singasetyenziswa xa ikhona imfuneko kulombuzo. 2. ICredit purchases zingasetyenziswa endaweni yecost of sales (amanani azakufana xa isitokhwe singaguquguquki). 3. Ukuba kukho utshintsho kwinani lezabelo phakathi kunyaka mali, inani lezabelo eliyiweighted- average liyasetyenziswa ngokuqhelekileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha Hosted by www.ecexams.co.za.

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 12 Accounting

Explore more published documents in this catalogue.

View all