Skip to content

isiXhosa FAL Grade 12 P3 Eastern Cape Mock 2023 QP

Question paperisiXhosa FALGrade 1220236 pages

Grade 12 isiXhosa FAL Paper 3 question paper from the Eastern Cape Mock Exam 2023, 6 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Eastern Cape Mock Exam 2023

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2023 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 AMANQAKU: 100 IXESHA: 2½ iiyure Olu viwo lunamaphepha ama-6.
2 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2023) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha linamaCANDELO AMATHATHU: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi emide (30) ICANDELO C: Imihlathi emifutshane (20) 2. Phendula umbuzo ubeMNYE kwiCANDELO ngaliNYE. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala ICANDELO ngaLINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Yenza UYILO (umzekelo, imephu yengqondo, isazobe okanye idayagram/ iflowu tshathi/amagama angundoqo, njalo-njalo), hlela uze ufunde kwakhona umsebenzi wakho. Uyilo malubhalwe PHAMBI kokubhalwa kwetekisi nganye. 6. Wonke umsebenzi woyilo mawuphawulwe njengoyilo ulungenise nomsebenzi wakho. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlezileyo kulo lonke uyilo olwenzileyo. 7. Iingcebiso malunga nolwabiwo lwexesha: • 80 emizuzu kwiCANDELO A • 40 emizuzu kwiCANDELO B • 30 emizuzu kwiCANDELO C 8. Nombola iimpendulo zakho ngokuchanekileyo ngokwendlela yokunombola esetyenzisiweyo kwiphepha lemibuzo. 9. Nika impendulo nganye isihloko esichanekileyo. 10 Isihloko masingabalwa xa kubalwa amagama asetyenzisiweyo. 11. Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2023) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo. Bhala amagama ali-190 ukuya kuma-240. Apho ungasinikwanga khona isihloko sinike. Khumbula ukuYILA. 1.1 Ndandikhona ndisazi kakuhle eso siganeko [50] 1.2 Andinakuphila ngaphandle kwe ... /ko ... [50] 1.3 Sandivuyisa ke eso sipho [50] 1.4 Ukubukela umabonakude kungalunga [50] 1.5 Iqela lezopolitiko elilawula ilizwe malikhathalele umbutho walo kuphela [50] 1.6 Loo mini yandihambela kakuhle [50] 1.7 Khetha umfanekiso ube MNYE kule ingezantsi ubhale isincoko. Bhala inombolo yombuzo (1.7.1 OKANYE 1.7.2). Nika isincoko sakho isihloko esifanelekileyo. QAPHELA: Makubekho ukuzalana okucacileyo phakathi kwesincoko nomfanekiso owukhethileyo. 1.7.1 [Uthathwe kuwww.scenario.co.za] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2023) 1.7.2 [Uthathwe kuwww.shutterstock.com] [50] AMANQAKU ECANDELO: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2023) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 5 ICANDELO B: UMHLATHI OMDE UMBUZO 2 Khetha umhlathi omde ube mNYE kule ilandelayo. Ubude mabube ngamagama angama-80 ukuya kwi-100 (umxholo kuphela). Khumbula ukuYILA. 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhalela umtshana wakho ileta umncome ngomsebenzi awenzayo wokunceda abantu abadala kwindawo ahlala kuyo. [30] 2.2 INQAKU LEMAGAZINI Bhala inqaku lemagazini yesikolo sakho ulumkise abantwana ngeendlela abanokuzikhusela ngazo ekuxhwilweni (ekubiweni kwabantwana). [30] 2.3 INTETHO Bhala intetho oza kuyenza kwinkomfa yabafundi malunga nokukhetha ikhondo umntu afuna ukulilandela (ikhariye). [30] 2.4 INGXOXO YABABINI Bhala ingxoxo ephakathi kukaXolisa noMpho. UXolisa omele ukuba ulutsha maluvunyelwe ukuya kwiindawo zokonwaba xa luneminyaka engama-22, uMpho yena umele ukuba maluvunyelwe xa lune-18 leminyaka. [30] AMANQAKU ECANDELO B: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
6 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2023) ICANDELO C UMHLATHI OMFUTSHANE UMBUZO 3 Khetha umhlathi omfutshane ube mNYE kule ilandelayo. Bhala amagama angama- 60 ukuya kuma-80 (umxholo kuphela). Khumbula ukuYILA. 3.1 ISIBHENGEZO NTENGISO Bhala isibhengezo ntengiso uthengise iApp oyenzileyo encedisa abafundi kwizifundo zabo. [20] 3.2 UNGENISO KWIDAYARI Bhala ungeniso kwidayari lweentsuku ezi-4 malunga nohambo ubuluthabathile ngexesha leholide. [20] 3.3 IZALATHISI Umhlobo wakho useTrain Station ufuna ukuya eHospital, bhala izalathisi umalathise indlela aza kuhamba ngayo ukuze afike. [Ithathwe kuhttp://blog.sproutenglish.com] [20] AMANQAKU ECANDELO C: 20 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa FAL

View all