Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 1 Supplementary Exams 2017 Memo

MemorandumisiXhosa HLGrade 12201710 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 1 memorandum from the Supplementary Exams 2017, 10 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Supplementary Exams 2017

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LOKUQALA (P1) FEBRUWARI/MATSHI 2017 IMEMORANDAM AMANQAKU: 70 Le memorandam linamaphepha asi-10. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 2 DBE/Februwari–Matshi 2017 NSC – Imemorandam QAPHELA  Le memorandam yenzelwe ukuba ibe sisikhokelo kubamakishi.  Ayenzelwanga ukuba ibe ngummiselo ogqibeleleyo.  Iimpendulo zabafundi mazithathelwe ingqalelo ngokokuchaneka kwazo.  Iimpendulo mazihlolwe ngokupheleleyo namanqaku anikezelwe apho kufuneka anikezelwe khona ngokwezigqibo ezithatyathwe kwintlanganiso yokubeka umakisho emgangathweni.  Imemorandam iya kuxoxwa phambi kokuba kuqalwe ukumakisha. IMIYALELO KUBAMAKISHI Umakisho lwesicatshulwa sokuqonda:  Ngenxa yokuba kugxininiswa ekufundeni ngokuqonda, akufanelekanga ukuba upelo olugwenxa neemposiso zolwimi kwiimpendulo zezivakalisi zinyityelwe amanqaku ngaphandle kokuba ezo ziphene zitshintsha intsingiselo yempendulo elindelekileyo. Iimposiso ezikhoyo maziqatshelwe ngokukrwelelwa.  Kubaviwa abasebenzisa amagama athatyathwe kolunye ulwimi ngobunjalo bawo, olungesiso isiXhosa, musa ukuwathathela ingqalelo lawo magama anjalo, kananjalo banganyityelwa manqaku xa ngaba iimpendulo ezinikiweyo zinembadla. Ngokunjalo ukuba igama elisuka kolunye ulwimi lusetyenziwe kwitekisi kwaye impendulo ifuna elo gama, oko kwamkelekile.  Kwimpendulo apho ziliqela iimpendulo ezichanekileyo akunikwa manqaku ngeempendulo ezingu-EWE/HAYI, NDIYAVUMA/ANDIVUMELANI kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo.  AKUNIKWA manqaku ngeempendulo ezingu-YINYANI/BUBUXOKI, okanye YINYANI/ LULUVO kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo.  Apho kulindeleke iimpendulo ezigama linye aze umviwa anike isivakalisi, nika amanqaku ukuba ngaba igama elifanelekileyo likrwelelwe umgca ngaphantsi okanye ligqanyisiwe.  Kwimibuzo apho kulindeleke iimpendulo ezimbini/ezintathu, aze umviwa adwelise uluhlu lweempendulo, makasha kuphela ezimbini/ezintathu zokuqala.  Iilwimi zengingqi neziyelelani zesiXhosa zamkelekile.  Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, makwamkelwe zombini, ukutsho oko unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokuzeleyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 3 DBE/Februwari–Matshi 2017 NSC – Imemorandam ICANDELO A: ISICATSHULWA SOKUQONDA UMBUZO 1: UKUFUNDELA INTSINGISELO NOKUQONDA 1.1 Kukuba ashumayele iindaba ezilungileyo√/kukuba ihlabathi lonke libe nobudlelwane ngembalelwano√/kukuba ihlabathi limazi.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 1.2 Bubungqina bokuba xa sifunda ezimbalini siphawula ukuba kwaqala kwafundiswa izinto zantathu ehlabathini, ukubhala kwakuyenye yazo.√√ (2) 1.3 Ukubhala lisango layo yonke imfundo esinayo namhla.√√ (2) 1.4 Ixhego libonisa ngokuthi noxa lingazanga laya esikolweni likubone ukubaluleka kokwazi ukubhala lithabathe inkxamleko yokuba lifundiswe oku kokubhala igama lalo.√√ (2) 1.5 Kunceda ngokuba izihlobo nezizwalana zisoloko zisemehlweni noxa singaziboni ngeliso lenyama.√√ (2) 1.6 Kukuba kuyo yonke into ebhalwayo kuya kufuneka afune omnye umntu ofundileyo ukuze ayiqonde.√√ (2) 1.7 Yenza ilizwe libe yinto encinci efikelelekayo.√√ (2) 1.8 Umntu uye afune, afumane umsebenzi ngembalelwano kwiindawo ezikude engadanga wathabatha inkxamleko yokushiya ikhaya.√√ (2) 1.9 C.√/Evuka mva ikholwa zizagweba√/C. evuka mva ikholwa zizagweba.√ (1) 1.10 Ewe ndiyayixhasa kuba ngokombhali zonke izizwe ezibhalayo wofumanisa ukuba zezona zinolwimi olugcinakeleyo noluxatyisiweyo.√√ (Iimpendulo zabafundi ezichanekileyo zamkelekile) (2) 1.11 Kungokuba umntu akakwazi ukuyikhanyela into angumniniyo ngokuba kukho ubungqina obubhaliweyo.√√ (2) 1.12 Ukubhala yindyebo yesizwe√√/ukubhala nguvimba wembali yesizwe.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 1.13 Ababhali beencwadi bayakwazi ukusakha isizwe ngeencwadi zabo√ kwabona bayakwazi ukusichitha isizwe basilahlekise siyokweyela.√ (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 4 DBE/Februwari–Matshi 2017 NSC – Imemorandam 1.14 Kukubonisa ukuba uqale ufunde iincwadi phambi kokuba uthwaliswe isidanga√√/kukubonisa ukuba wakube ufunde iincwadi isiphumo kukuba uthwaliswe isidanga.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 1.15 Iincwadi ezibhaliweyo zinefuthe elihle elifana nokuthweswa isidanga nokufumana iziqinisekiso ezinokukuvulela amathuba emisebenzi√√/ukufunda iincwadi ezibhaliweyo kukuvulela amathuba emisebenzi.√√ OKANYE Iincwadi ezibhaliweyo zinefuthe elibi elifana nokufundisa ulwazi oluyingozi olufana nokusetyenziswa okungalunganga kweziyobisi. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 1.16 Isicatshulwa A siphumelele kuba sizivelele zonke iinkalo ezibalulekileyo ngokubhala ezifana neziqhamo zako, ubuhle bokukwazi ukubhala kunye nobubi bokungakwazi ukubhala.√√ OKANYE Isicatshulwa B asiphumelelanga kuba sibonise kuphela icala elihle lokubhaliweyo, asiwavelelanga onke amacala ngokubhala.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 5 DBE/Februwari–Matshi 2017 NSC – Imemorandam ICANDELO B: USHWANKATHELO UMBUZO 2: UKUSHWANKATHELA NGAWAKHO AMAZWI Sebenzisa ezi ngongoma zingundoqo zilandelayo ekufuneka zibandakanywe ngabaviwa kwisishwankathelo njengesikhokelo. Naziphi na iingongoma ezichanekileyo ezisi-7 ezibhalwe ngokomhlathi mazimakishwe. (izivakalisi mazinamathelane) UCAPHULO IINGONGOMA 1. 'Kumaxesha amandulo, kusadliwa 1. Kudala umntu ebengangxami xa ethetha ngendeb' endala umntu naxa esebenza. ebelithabatha ixesha lakhe xa ethetha naxa esebenza.' 2. 'Babenalo ngokwaneleyo ixesha 2. Babenalo lonke ixesha lokuqoshelisa lokuzenzela izinto zabo imicimbi yabo bengangxanyiswa nto bengaxheshwa nto okanye mntu.' okanye mntu. 3. 'Umhambi ubexatyisiwe kakhulu 3. Iindwendwe bezibaluleke kakhulu kuba kuba kuy'apha bekuncwaswe bekusezelwa apha kuzo iindaba ezintsha iindaba zelo cala avela kulo.' zeendawo ngeendawo ezisuka kuzo. 4. 'Izithuthi ezikhawulezayo 4. Mandulo bezingekho izinto zokukhwela bezingekho kuloo maxesha, ezihamba ngesantya esiphezulu kuhanjwa ngeenyawo okanye bekuhanjwa ngeenyawo okanye amaqegu.' amahashe. 5. 'Kule mihla siphila kuyo thina 5. Kweli xesha sikulo ixesha yeyona nto ixesha libalulekile kwaye nathi ingundoqo kwaye nathi silihloniphe silixabisile.' kakhulu. 6. 'Asenzi ngabom, sizifumana 6. Ayikokuthanda kwethu ukuba sizibone sikwimeko esingakwaziyo siphila kwixesha apho kukho izinto ukuyilawula.' esingenakuzitshintsha ngokwethu. 7. 'Impilo yethu iyenzakala lolu 7. Saphukelwa yimpilo ngenxa yokusoloko xheshekondini kuba sigqibela sixhinile siphele sinezigulo. sesinezifo: isifo sentliziyo, isifo sokumpontshwa kwegazi ngamandla emithanjeni, ukuqhawuka komthambo wegazi entloko, ukugula ngengqondo, isifo sezilonda ezihlasela isisu namathumbu njalo njalo.' Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 6 DBE/Februwari–Matshi 2017 NSC – Imemorandam UKUBHALWA NGOKOMHLATHI QAPHELA: Oku kulandelayo ngumzekelo nje kuphela. Akungommiselo kwaye makusetyenziswe ngobuchule. UMHLATHI Kudala umntu ebengangxami xa ethetha naxa esebenza. Babenalo lonke ixesha lokuqoshelisa imicimbi yabo bengangxanyiswa nto okanye mntu. Iindwendwe bezibaluleke kakhulu kuba bekusezelwa apha kuzo iindaba ezintsha zeendawo ngeendawo ezisuka kuzo. Mandulo bezingekho izinto zokukhwela ezihamba ngesantya esiphezulu bekuhanjwa ngeenyawo okanye amahashe. Kweli xesha sikulo ixesha yeyona nto ingundoqo kwaye nathi silihloniphe kakhulu. Ayikokuthanda kwethu ukuba sizibone siphila kwixesha apho kukho izinto esingenakuzitshintsha ngokwethu. Saphukelwa yimpilo ngenxa yokusoloko sixhinile siphele sinezigulo. [70 amagama] AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 7 DBE/Februwari–Matshi 2017 NSC – Imemorandam Ukumakisha isishwankathelo: Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo:  Ulwabiwo- manqaku: o Amanqaku asi-7 ngeengongoma ezisi-7. (inqaku ngengongoma nganye) o Amanqaku ama-3 olwimi. o Amanqaku ewonke: 10  Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa besebenzise amazwi abo: o 1–3 amanqaku achanekileyo: Nika inqaku eli-1 lolwimi. o 4–5 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-2 olwimi. o 6–7 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-3 olwimi.  Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa becaphule. o 6–7 amanqaku acatshulweyo: akunikezelwa manqaku olwimi. o 1–5 amanqaku acatshulweyo: nikezela inqaku libe li-1 lolwimi. QAPHELA:  Isakhiwo: Nokuba isishwankathelo sakhiwe ngesakhiwo esigwenxa masihlolwe.  Ubalo magama: o Musa ukuthabatha amanqaku ukuba umlingwa akalibonakalisanga inani lamagama asetyenzisiweyo okanye ukuba inani lamagama libonakaliswe ngokungachanekanga. o Ukuba umviwa udlule kwinani eliqingqiweyo, funda ukuya kumagama ama-5 ngaphezulu kwaqingqiweyo ungawahoyi alandelayo. o Izishwankathelo ezifutshane kodwa zinazo zonke iingongoma ezilindelekileyo mazinganyityelwa manqaku. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 8 DBE/Februwari–Matshi 2017 NSC – Imemorandam ICANDELO C: ULWIMI NGOKUSEMXHOLWENI Umakisho lweCANDELO C:  Upelo ` o Iimpendulo ezinegama elinye mazimakishwe nokuba upelo lugwenxa, ngaphandle kokuba isiphene sitshintsha intsingiselo yegama. o Kwiimpendulo ezizivakalisi eziphelelyo upelo olugwenxa malunyityelwe amanqaku ukuba impazamo ikwimigaqo yolwimi ehlolwayo. o Xa kuhlolwa izifinyezi impendulo mayibonakalise ukusetyenziswa kweziphumlisi ngokuchanekileyo.  Ulwakhiwo kwizivakalisi malubhalwe ngemigaqo yegrama echanekileyo nangezivakalisi ezipheleleyo/ngokomyalelo.  Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokupheleleyo, iyamkeleka. UMBUZO 3: UKUCAZULULA INTENGISO 3.1 Ijoliswe kumlisela nomthinjana√/kulutsha√/kubafana namantombazana.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 3.2 Xabis'ixesha ukuze nalo likuxabise!.√ (1) 3.3 Yiwotshi.√ (1) 3.4 Uphumelele kuba umfanekiso wewotshi enomgqala unefuthe lokuloba abathengi√√/Uphumelele kuba ukusetyenziswa kolwimi olulukuhlayo/ Uphumelele kuba oluqweqwedisayo luyabatsala abathengi√√/Uphumelele kuba isihloko sesibhengezo naso sitsala abathengi.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 3.5 Lisetyenziselwe ukulukuhla abathengi.√√ (2) 3.6 B. Ixesha liphelile√/B√/ixesha liphelile.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 3.7 Isihloko sentengiso sinxulumana ngokuba sithetha ngokuvuswa kwabantu ekuseni, ibe intengiso ithengisa iwotshi enceda ukugcina ixesha.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 9 DBE/Februwari–Matshi 2017 NSC – Imemorandam UMBUZO 4: UKUQONDA EMINYE IMIBA YEMIDIYA 4.1 Ukwalatha ngomnwe umntu athetha naye√/umlomo okhamisileyo.√ (Nasiphi na isibini kwezi) (2) 4.2 D.Ukudelela√/D.√/ukudelela.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 4.3 Kubonisa ukugxininisa kule nto ayithethayo.√/kubonisa ukuqiniseka kule nto ayithethayo.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 4.4 Ngumsindo√ kuba bajamelene√/bayacaphuka√ kuba abathethi. √ (Nayiphi na kwezi) (2) 4.5 Ukusongwa kwezandla kubonisa ukuxakwa√ impendulo ibonisa ukungacacelwa kokuthethwa ngumntwana.√ (2) 4.6 Le khathuni isinika umyalezo wokuba abazali abakwazi konke okwenziwa ngabantwana babo√√/abazali kuncinci abakwaziyo ngabantwana babo√√/ unxibelelwano phakathi kwabantwana nabazali lunqongophele.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) [10] UMBUZO 5: UKUSETYENZISWA KOLWIMI NGOKUCHANEKILEYO 5.1 Uthi/uthe usoloko√ esiva√ kusithiwa ubani unengqondo efileyo. (2) 5.2 Sisibaluli.√ (1) 5.3 Sekukho nento ethi ingqondo kabani iyaphala.√/iyaphala.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 5.4 Njengentloko yesivakalisi√/njengentloko.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 5.5 Zibethwe√/Zitshiswe√/Zigqatswe.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 5.6 Sikwixesha elimiyo.√ (1) 5.7 Silandela intloko embaxa.√ (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 10 DBE/Februwari–Matshi 2017 NSC – Imemorandam 5.8 KHOLOM A KHOLOM B 5.8.1 Akukho mntu ulindele lukhulu A Igatya eliyintloko. (1) kubo. B Igatya elayamileyo. (1) 5.8.2 Kuba kusithiwa ngabantwana. [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all