You're offline
Skip to content
Question paper

IsiXhosa HL P1 Feb-March 2014_hlayiso.com_.pdf

Subject: Isixhosa HlGrade 12201416 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LOKUQALA (P1) FEBRUWARI/MATSHI 2014 AMANQAKU: 70 IXESHA: 2 iiyure Olu viwo lunamaphepha ali-13. *XHOHL1* Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 2 DBE/Februwari–Matshi 2014 NSC IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha lemibuzo LINAMACANDELO AMATHATHU: ICANDELO A: Uvavanyo lokuqonda (30) ICANDELO B: Isishwankathelo (10) ICANDELO C: Ulwimi (30) 2. Funda YONKE imiyalelo ngocoselelo. 3. Phendula YONKE imibuzo. 4. Qala icandelo NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Krwela umgca ekupheleni kwecandelo ngalinye. 6. Nombola impendulo nganye kanye ngokwendlela enonjolwe ngayo kwiphepha lemibuzo. 7. Shiya umgca emva kwempendulo nganye. 8. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. 9. Qwalasela ngokukodwa upelo nolwakhiwo lwezivakalisi. 10. Uyacetyiswa ukuba icandelo ngalinye ulabele ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: imizuzu engama-50 ICANDELO B: imizuzu engama-25 ICANDELO C: imizuzu engama-45 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 3 DBE/Februwari–Matshi 2014 NSC ICANDELO A: UVAVANYO LOKUQONDA UMBUZO 1 ISICATSHULWA A 1.1 Funda esi sicatshulwa singezantsi wandule ukuphendula imibuzo elandelayo. EZOTHANDO AZIPHELI 1 Lwalulephuz'amadangatye lutshis'okwembawula evuthayo uthando phakathi koThabo Rakgajane owayeligatyana lomfana onamashumi amabini anesithandathu eminyaka ubudala, noLindiwe Dakana. Yena uLindiwe lo wayelihotyazana elikumashumi amabini anesithathu eminyaka ubudala. Kwakungeyonto inqabileyo ukubabona betyebis'amehlo kwiiholo zemiboniso-bhanyabhanya, kwimidlalo yeqonga, kwezamaqela entambula neemvumi, kwezemibutho yasebusuku yolutsha, kumabala ebhola, kwimiyezo yeenyamakazi nakwezinye iindawo zolonwabo. 2 UThabo wayengunotekisi ophambili, ethutha abantu phakathi kweMeadowlands nedolophu yaseRhawutini. Wayesel'enamava avuthiweyo ngalo msebenzi wakhe kuba wawuqala eseneshumi elinesibhozo leminyaka ukuwenza. Kungoku nje wawusowumngenisele intywenka yemali awayeyilondoloza imihla ngemihla, engenzi busafasafa. Wayewuthanda kakhulu kuba ukuphakama kophondo lwekamva lakhe kwakuxhomekeke kuwo. 3 Yena uLindiwe wayengumongikazi kwisibhedlele sodumo, iBaragwanath. Wayeyimbunguzulu enesiqu esiqumqumana, eseze kuhle ebomini okwebolosa lomhlaba ongumkhubelo. Wayengomnye wabo bantu baya kuguga mgqibeli apha elizweni ukuba abaxhatshazwanga banxunguphaliswa ziinkxwaleko zalo mhlaba uhlabayo. Mbone encuma xa kuphum'ilanga, izidlele zakhe indalo yayizihombise ngezinxonxo ezithi ukufothoka oku kwazo uve ngathi iyadloba intliziyo yakho xa umbuka, ude unqwenele ukuthetha naye ezobuhlobo. 4 UThabo wayesel'eneembono ngeembono ezisulungekileyo ngale ntombi. Wayebona ikamva elinamarhiwa ayokozela uhlaza nobumbejembeje beentyatyambo zehlobo ngokuphathelele kubomi babo. Kwakuqingqithe iqela elikhulu leenyanga ezizalise iminyaka iintliziyo zabo ziqubha kwiqula lothando. Ngendalo uThabo lo wayengumntu onentliziyo enamatshamba. Kubahlobo bakhe wayeziqenya ngale ntombi yakwaDakana. Wayesitsho phandle ukuba yena uza kutshata ingelosi yasemhlabeni evatha izinxibo ezimhlophe qhwa emsebenzini wayo. Ngobunye ubusuku uThabo waphupha ehleli noLindiwe lo, bonwabile kwibhotwe ababezakhele lona. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 4 DBE/Februwari–Matshi 2014 NSC 5 Lamkhuthaza ngakumbi eli phupha, wazimisela ukuxomoloza ngakumbi ebomini njengoko wayesaxakeke kukwakhela abazali bakhe ipoma lendlu yebhongo phambi kokuba azimanye ngeqhina lomtshato noLindiwe. Phaya esibhedlele uLindiwe wayevana nomongikazi wakwaDamane ogama linguZingisa. Babesithi 'Mzala' xa babizanayo. Wawungacinga ukuba kukho ukuzalana okuthile phakathi kwabo kanti ke kwakungenjalo, eso yayisisimbo nje sokugeza kwabo, bengazalani. Phaya e'Nurse's Home' babehlala kwigumbi elinye. Mhlawumbi koko kuhlala kunye okwabangela loo mvano yabo. Babelingana nangobudala kanti nakwezokonga babekwinqanaba elinye. 6 NgaMgqibelo uthile uLindiwe wayecele uZingisa lo ukuba amkhaphe baye kowabo eWhite City. Kwathi xa babuyayo, besiya esikhululweni seebhasi zikaPUTCO, beva ilizwi lithetha: 'Bhotani bethuni, khaniz'apha makhosazana.' Imvakalelo yeli lizwi yayibonisa ukuba umninilo uyabobotheka. Baphosa amehlo kwelo cala. 'Tyhini bhut' Jay! Kunini ndakugqibela ukukubona?' Watsho uZingisa echwayitile esiya kumfo ongqiyame emotweni emileyo, evele ngefestile. Urhorhozele uLindiwe ethe manga. 'Waya kutshona kwesiphi isiziba le nto ungazange ubonakale kuyo yonke le minyaka okokoko wemkayo eClarkebury?' wabuza watsho uZingisa kulo mfana. 'Ndaya kutshona kwaCihoshe apho izembe litshona nomphini, Zings.' UZingisa noJay babekunye esikolweni saseClarkebury. 7 'Kunjani kambe, Zings?' 'KunjengaseBhakubha bhut' Jay, apho yonke into ingqingwe sisazinge sobisi nobusi.' Bayahleka. 'Mzala ngubhut' Jay Mkize lo. NgowaseMlazi eThekwini. Sasikunye esikolweni eClarkebury sisebatsha ngoko, singekabi ngaka. Bhut' Jay nguLindiwe Dakana lo. Ngowalapha eSoweto, eWhite City. Songa kunye eBaragwana,' 'Kowu, sowuzenza mdala ngoku, Zings.' Watsho onwabile ehleka lo mfana, eguqukela kuLindiwe esolula isandla. 'Ndiyavuya ukukwazi nkosazana Dakana.' Emva koku kwancokolwa ndaba zimbi sesi sithathu. 8 UJay lo wayengumfana ocokisiweyo ukucikizwa, umzimba wakhe unciphile enoncumo lokuzithemba namehlo alaqazayo. Impahla ayinxibayo yayihamba namaxesha, iyile ixatyiswe ngumlisela wale mihla. Besakufika esibhedlele, uJay wanele nje ukuyimisa wacela ukugqugula neli nenekazi lakwaDakana. Okunene ke uZingisa ubaphe umtyhi wokuba bathethe. Ukususela loo mini ke uJay waba ngumntu otyelela apha esibhedlele, equqa equqile ngokungathi uthutha ubisi. Wayedla ngokufika eqhuba imigrugra yeemoto zodidi oluphezulu, ezitshintsha-tshintsha. Ezi moto ke yayizezikayisemncinci. Le meko kaJay noThabo yayiyifaka enkonkxeni ingqondo kaLindiwe. Xa ekhangela umfaneleko, amabhongo abo, imfundo yabo, njalonjalo, wawumkhulu kakhulu umsantsa awubonayo phakathi kwabo. UJay wayenguchwenene ekuqondakala nje mhlophe ukuba ngumfana obonakala engenazingxaki apha ebomini, kanti yena uThabo akazange abonwe nakanye nguLindiwe enxibe isuti. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 5 DBE/Februwari–Matshi 2014 NSC Xa eze kumtyelela wayefika enxibe impahla enye izihlandlo eziliqela ngokungathi ngumalusi weenkomo zasefama. Ekuhambeni kwexesha kwaya kucaca ukuba umoya uya kweliphi icala. [Sicatshulwe kwincwadi yamabali amafutshane ethi, INGWE EMABALABALA ebhalwe nguLS Ngcangatha amaphepha 4–8 saze sahlelwa] 1.1.1 Chonga ibinzana elibonisa ukuba uThabo noLindiwe babethandana kakhulu. (1) 1.1.2 Ingaba iminyaka ababeshiyana ngayo uLindiwe noThabo yaba ngumqobo eluthandweni lwabo? Xhasa impendulo yakho. (2) 1.1.3 Yintoni eyayibangela ukuba uThabo azinikezele kangaka emsebenzini wakhe? (1) 1.1.4 Usichazela ntoni umbhali ngoLindiwe xa esithi, 'Wayengomnye wabo bantu baya kuguga mgqibeli apha elizweni ...' (1) 1.1.5 Zeziphi ezi mbono zisulungekileyo wayenazo uThabo ngoLindiwe? (1) 1.1.6 Isinxibo sikaLindiwe esimhlophe negama 'ingelosi' uzinxulumanisa nantoni? (1) 1.1.7 Bonisa ngokwesicatshulwa ukuba umntu uyakwazi ukuphupha le nto ayinqwenelayo? (2) 1.1.8 Khetha impendulo echanekileyo, igama 'ukuxomoloza' lithetha: A Ukubaleka B Ukuma C Ukukhawuleza D Ukuzama (1) 1.1.9 Iphuhlisa ntoni ngoThabo into yokuqala akhele abazali bakhe ipoma lendlu phambi kokuba atshate? (1) 1.1.10 Yinyani okanye luluvo ukuba uLindiwe noZingisa babengengobazala ngokwegazi? (1) 1.1.11 Sizathu sini esasiphembelela imvano kuLindiwe noZingisa? (1) 1.1.12 Ukubobotheka kukaJay akubona uLindiwe noZingisa kuveza ntoni ngesimo sakhe? (1) 1.1.13 Bungqina buni obubonisa ukuba uJay wayengumntu ondwebileyo ngokwesicatshulwa? (1) 1.1.14 Inokuba lalingantoni igqugula phakathi koLindiwe noJay? (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 6 DBE/Februwari–Matshi 2014 NSC 1.1.15 Wohluke njani uThabo kuJay ngokwesicatshulwa? (2) 1.1.16 Luthini uluvo lwakho malunga nesigqibo sikaLindiwe sokukhetha isoka elinguJay? Cacisa. (2) 1.1.17 Yintoni asivula amehlo ngayo umbhali kweli bali likaThabo noLindiwe? (2) 1.1.18 Igugu lingaba likhulu umbombo uyaqhosha. Ngqina ubunyani beli qhalo woyame ngothando lukaThabo kuLindiwe? (2) 1.2 ISICATSHULWA B: OKUBONWAYO Qwalasela lo mfanekiso ungezantsi uze uphendule imibuzo elandelayo. [Icatshulwe kuvimba wabevi] 1.2.1 Inkangeleko yobuso bale nkwenkwe iphuhlisa ntoni? (1) 1.2.2 Ibonakalisa ntoni into yokungqiyama kwale ntombazana kwimoto yomqhubi? Cacisa. (2) 1.2.3 Nika into onokuyincoma kwindlela enxibe ngayo inkwenkwe esemfanekisweni? (1) 1.2.4 Ngqina isaci esithi, Ingwe idla ngamabala, ujonge kokuqhubeka kwisicatshulwa A nesicatshulwa B. (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 7 DBE/Februwari–Matshi 2014 NSC ICANDELO B: ISISHWANKATHELO UMBUZO 2 ISICATSHULWA C Funda ngocoselelo ISICATSHULWA C esingezantsi. Kwesi sicatshulwa kuthethwa ngokuqhubeka kwigumbi lokubhalwa kweemviwo zokuphela konyaka. QAPHELA: Kulindeleke ukuba wenze oku kulandelayo. • Shwankathela ngawakho amazwi ngezivakalisi ezipheleleyo, ungadluli kumagama angama- 70. • Esi sicatshulwa simalunga nokuqhubeka egumbini loviwo. • Ungashwankathela ngeengongoma ezisi-7 OKANYE ngomhlathi. • Akulindelekanga ukuba ubhale isihloko sesishwankathelo. • Qaphela indlela echanekileyo yokusetyenziswa kolwimi, iimpawu zobhalo nococeko. • Bhala phantsi inani lamagama owasebenzisileyo. EGUMBINI LOVIWO Imin' ifikile, imini ekukad'ixelwa iintsuku ezimbalwa eziginya imihla emininzi. Le yimini yokuqala keemviwo zokuphela konyaka. Egumbini loviwo zonke izinto zicwangciswe kakuhle. Iidesika zikrele kakuhle zashiya izithuba ukuze kube lula ukungena nokuphuma phakathi kwazo. Amaqhaga e-inki angamabini ezidesikeni, alatha ukuba nabantwana baza kuhlala ngababini banikane izithuba ezaneleyo ukuze kungabikho kulunguza komnye ephepheni lomnye. Etafileni yoMongameli-luviwo kwandlalwe ilaphu elimhlophe elikhrotshwe ngobugcisa obungummangaliso. Esazulwini setafile kubekwe ivazi eneentyantyambo ezivumba limnandi. Iifestile zigengiwe kuheleza umoya ukuze kungabikho mntu wozelayo nodubeka ingqondo ngenxa yesifuthufuthu. Ikhabhathi eneencwadi namaphepha amiswe kakuhle ivuliwe ukuze uMongameli-luviwo angaxakeki xa kukho into ayifunayo, kuba kaloku utitshala akazi kubakho kweli gumbi xa abantwana babhalayo. Intsimbi ibethile bangena abantwana bengenzi ngxolo, neetitshala zangena noMongameli-luviwo sel'ekho. Uthe utitshala ophetheyo akuthi, 'masithandaze', yalitsho iculo ngelizwi elimpongampo intombazana ekucace ukuba yintlabeli yesi sikolo, balithatha abanye batsho ngentsholo emnandi, baya bee tya. Utitshala ufunde isicatshulwa seBhayibhile ekucace ukuba sikhethelwe le mini kuba kukho nendawo ethi, 'Uncedo lwethu lusegameni leNkosi, uMenzi wezulu nomhlaba'. Emva kwesifundo utitshala uye wawubeka umthandazo ochukumisa kunene, ebika aba bantwana kuSomandla, ebika nabakwezinye izikolo abaphezu kokubhala ezabo iimviwo kwangalo eli xesha. Uthe esithi 'Amen', yabe laa ntombazana iwuthi rhiphe umthandazo weNkosi kwangelo lizwi limnandi, yalandelisa ngoDumo. Ithe igqitywa le nkonzwana kwaba sekusele imizuzu elishumi elinesihlanu phambi kokuba kubhalwe, waza ke utitshala wabanika amaphepha okubhala, sel'ebhaliwe kakade amagama abantwana besikolo kwanesikolo. Uthe akugqiba wee khwitshi. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 8 DBE/Februwari–Matshi 2014 NSC UMongameli-luviwo ubakhumbuze abafundi iindawa-ndawana azithunyiweyo malunga noviwo olu, waza wayiqhaqha imvulophu yemibuzo wababela wathi, 'Bhalani'. Ibe ngulowo waqubuda ephepheni kungekho kuthetha, kurhashaza iphepha lodwa. Ubonakele ngoku uMongameli-luviwo engenasizinzo, esihla enyuka kuloo hola uphakathi kweedesika ephosa iliso ngapha nangapha. Uvakele emzuzwini esithi, 'Kusele imizuzu emihlanu.' Ekupheleni kwayo uthe, 'Bekani phantsi iintsiba nisukume.' Ubuzile ebantwaneni, 'Niyayazi indlela yokulandelelana kwenu?' Bavuma abantwana esekudala beqeqeshelwa olu viwo. [Sicatshulwe kwincwadi, AMAVO AMAFUTSHANE EBHALWE NGU – A Madala, kwiphepha lama-53–54 saza sahlelwa] AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 9 DBE/Februwari–Matshi 2014 NSC ICANDELO C: ULWIMI UMBUZO 3: ISIBHENGEZO-NTENGISO ISICATSHULWA D Funda esi sibhengezo-ntengiso singezantsi, wandule ukuphendula imibuzo elandelayo. UFUNA UKUBA NGUMQABAQABA? SIKULINDILE KWAZIFOZONKE SINECHIZA ELISULUNGEKILEYO LESINTU. CAMAGU!! Khawuleza! Nik'amandla amajoni omzimba ngokuthi gxada kwaZifozonke!!! Livunywe ziingcali zomhlaba jikelele. Liyasebenza!! Zibandakanye nathi ngoku, nawe ungqine!!! Zidle ngomzimba osempilweni uzibone nawe sel'ugqadaza uqukeza!!! Uthi rhabu, laqa nje, ube sel'uwuva umzimba usomelela, unemitsi yomntwana nje emva kwenyanga! Sithi sodwa ikhaya leengcambu ezinyanga amajoni omzimba. Sinyanga: iNtsholongwane kaGawulayo isifo seswekile isifo somdlavuza isifo sokufa icala intloko ebuhlungu nezinye. Konke oku ukufumana ngemalana engephi. Qhagamshelana nathi, sifumaneka kwaNonceba; 1 Mabandla Street, Khayelitsha, Cape Town Nxibelelana nathi ku 072 837 6748 kungenjalo ku thina.sonke@gmail.com [Icatshulwe kuvimba wabevi] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 10 DBE/Februwari–Matshi 2014 NSC 3.1 Yintoni enokutsala umdla wabantu ngokwendlela esibhalwe ngayo esi sibhengezo-ntengiso? (1) 3.2 Esi sibhengezo-ntengiso sinokuba sijoliswe koluphi udidi lwabantu? (1) 3.3 Nyula igama elibonisa ijagoni esetyenziswa kakhulu ngamagqirha. (1) 3.4 Chonga ibinzana eliphuhlisa umyinge wexesha onokuphila ngalo xa usebenzisa la mayeza? (1) 3.5 Ibinzana, 'Sithi sodwa', liphuhlisa luphi uluvo ngesi sibhengezo-ntengiso? (1) 3.6 Yintoni injongo yokusetyenziswa kwezifanekisozwi kakhulu kwesi sibhengezo-ntengiso. (1) 3.7 Sebenzisa igama, 'intloko' kwisivakalisi esiphuhlileyo libonise intsingiselo eyahlukileyo kule isetyenziswe kwisibhengezo-ntengiso. (2) 3.8 Intetho ethi, 'Konke oku ukufumana ngemali engephi' inagalelo lini kubathengi? (1) 3.9 Lo mfanekiso ungawunxulumanisa njani nechiza elithengiswayo kwesi sibhengezo-ntengiso? (1) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 11 DBE/Februwari–Matshi 2014 NSC UMBUZO 4: IKHATHUNI ISICATSHULWA E Funda le khathuni ingezantsi, wandule ukuphendula imibuzo elandelayo. Yhu! Yantle le mini. Ilanga libalele neentaka ziyacula. Abahlobo benene UKUKHATHALELANA Ngu Baba Tjeko 1 Mholo Kupu mhlobo Masiye kukufunel-indawo yokuhlala! Yhiza sihambe wam, uyaphi na? sobabini Kami. 2 3 4 4 Mholo Moshe, Lumka! Kami Mmm, iminqathe 7 Yonke indalo 5 6 jonga into elungel'isuphu inamalungelo. endiyifumene ehluthisayo! eteksini yam! Umbungu! Yhu, awusemhle! Nceda wethu ungandixeli kwelaa qumrhu lilwa ukuphatheka kakubi kwezilwanyana. Yho! Wandenza ixhala, Singashiyeki nathi, Le minqathe ikwesi sitiya isilungele 8 ndiza kuwutyisa ntoni uhlaza lubalulekile ke ngoko. Masitye mhlobo, sitsho kanene? kwimpilo yethu. sibone. 9 10 Musa ukuxhala mhlobo, isitiya sam iya kuba likhaya elitsha kuwo. Amagqabi aluhlaza kaloku Ezinye mhlob'am izinto nokuba kukutya kuwo. asithandi sizityela impilo, sigxothe izifo. [Icatshulwe kwimagazini iBona ka Disemba 2006 iphepha 107 yaze yahlelwa] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 12 DBE/Februwari–Matshi 2014 NSC 4.1 Xela unxulumano oluphakathi kwegama 'Abahlobo benene' negama 'Ukukhathalelana'? (1) 4.2 Sisetyenziselwe ukuphuhlisa ntoni isikhuzo esikwibhokisi yoku-1? (1) 4.3 Igama 'awusemhle' liveza ubuhle ... A obungekhoyo. B obungancomekiyo. C obufihlakeleyo. D obubalaseleyo. (1) 4.4 Zijekulo zini ezibini uMoshe azisebenzisayo ukugxininisa isilumkiso asinika uKami kwibhokisi yesi-7? (2) 4.5 Kutheni izilwanyana nendalo zinamalungelo? (2) 4.6 Usityhilela ntoni umbhali ngenkangeleko yobuso ekhululekileyo yabalinganiswa abakule khathuni? (2) 4.7 Mfundiso ni efumaneka kule khathuni? (1) [10] UMBUZO 5: UKUSETYENZISWA KOLWIMI ISICATSHULWA F Funda esi sicatshulwa singezantsi, wandule ukuphendula imibuzo elandelayo. 1 UNozipho sisihlobo sikaGcinaphi ukususela mhla wafika eNdima. Yintokazi iphelele, imile kuhle kwaye ifanelwa yimpahla yakudibana nomzimba wayo. Eyona nto ibuhlungwana nje apha kuyo, ayinamtsalane kakhulu apha ebusweni, phofu asingetsho ukuba ingxolisiwe nakubeni ingentle nje. 'Yehake kutsha phi na wethu? Ndadibana nawe sel' ulusu lumbi nje ngoku? Ukhathazwe 5 yintoni na ngalo mzuzwana?' Kubuza uNozipho emthe ntsho emehlweni. 2 'Wethu! Kukho abantu abangayicingiyo into abaza kuyithetha komnye umntu. Kanti iintloni ziyamakha umntu ngelinye ixesha. Khawufan'ucinge ngomntu otshatileyo nonosapho lwakhe angabi nazintloni zokuthetha ingqungungqungu yento komnye umntu. Mna ke andizimisele kugila mikhuba nokwenza amanyala 10 ngenxa yentlupheko endikuyo.' 3 'Xa uyicinga kakuhle le nto, uthi angathini utata kulaa ndawo akuyo ngale meko ilolu hlobo? Khona yena umama angathini xa sendithukwa ngentswela-mbeko? Kanti wayendiyala umhla nezolo ukuthi ndilondoloze ubuntombi bam? Ndingathi sekude kwangoku ndingazi nto ngomntu oyindoda, ndizenze intlekisa?' 15 'Khawundixelele le nto ikutyayo. Incoko yakho iqubudile, ngaloo ndlela ke kunzima gqitha ukuyiqonda intsingiselo yayo.' [Sicatshulwe kwincwadi KAZI SOPHELELA PHI NA, EM Mbobo, iphepha 54–55 saza sahlelwa] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 13 DBE/Februwari–Matshi 2014 NSC 5.1 Bhala esi sivakalisi silandelayo kwimo elandulayo. UNozipho sisihlobo sikaGcinaphi ... (1) 5.2 Isimelabizo u-eyona sisetyenziswe njani kwesi sivakalisi singezantsi? Eyona nto ibuhlungwana nje apha kuyo, ayinamtsalane kakhulu apha ebusweni. (1) 5.3 Isifanekisozwi untsho sisetyenziswe njani kwisivakalisi esingezantsi? 'Kubuza uNozipho emthe ntsho emehlweni.' (1) 5.4 Sebenzisa iimpawu zobhalo ezifanelekileyo kwesi sivakalisi silandelayo. 'Yehake kutsha phi na wethu'? (2) 5.5 Bhala le ntetho ilandelayo ibe kwingxelo-ntetho. Qala impendulo yakho ngolu hlobo: UNozipho ubuze ... 'Ukhathazwe yintoni na ngalo mzuzwana?' kubuza uNozipho. (1) 5.6 Nika uhlobo nexesha lesenzi esikrwelelwe umgca ngaphantsi kwesi sivakalisi silandelayo. Kanti iintloni ziyamakha umntu ngelinye ixesha. (2) 5.7 Sebenzisa isiqu u-nye kwisivakalisi aphuhlise ukuthelekiswa kwezinto. (1) 5.8 U-ndi okrwelelwe umgca ngaphantsi kwisivakalisi 'Mna andizimisele kugila mikhuba nokwenza amanyala ...' sisivumelanisi ... A sesibaluli. B sentloko. C sesibanjalo. D sesiphawuli. (1) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha
Downloaded from hlayiso.com
Downloaded from hlayiso.com
Downloaded from hlayiso.com

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 12 Isixhosa Hl

Explore more published documents in this catalogue.

View all