Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 1 NSC June Exams 2019 Memo

MemorandumisiXhosa HLGrade 1220199 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 1 memorandum from the NSC June Exams 2019, 9 pages. Read online or get the free PDF download, question paper linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Loading document…

Loading document…

NSC June Exams 2019

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com SENIOR CERTIFICATE EXAMINATIONS/ NATIONAL SENIOR CERTIFICATE EXAMINATIONS ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LOKUQALA (P1) 2019 ISIKHOKELO SOKUMAKISHA AMANQAKU: 70 Esi sikhokelo sokumakisha sinamaphepha ali-9. Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 2 DBE/2019 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha QAPHELA • Esi sikhokelo sokumakisha senzelwe ukuba sibe sisikhokelo kubamakishi. • Asenzelwanga ukuba sibe ngummiselo ogqibeleleyo. • Iimpendulo zabafundi mazithathelwe ingqalelo ngokokuchaneka kwazo. • Iimpendulo mazihlolwe ngokupheleleyo namanqaku anikezelwe apho kufuneka anikezelwe khona ngokwezigqibo ezithatyathwe kwintlanganiso yokubeka umakisho emgangathweni. • Isikhokelo sokumakisha siya kuxoxwa phambi kokuba kuqalwe ukumakisha. IMIYALELO KUBAMAKISHI Umakisho lwesicatshulwa sokuqonda: • Ngenxa yokuba kugxininiswa ekufundeni ngokuqonda, akufanelekanga ukuba upelo olugwenxa neemposiso zolwimi kwiimpendulo zezivakalisi zinyityelwe amanqaku ngaphandle kokuba ezo ziphene zitshintsha intsingiselo yempendulo elindelekileyo. Iimposiso ezikhoyo maziqatshelwe ngokukrwelelwa. • Kubaviwa abasebenzisa amagama athatyathwe kolunye ulwimi ngobunjalo bawo, olungesiso isiXhosa, musa ukuwathathela ingqalelo lawo magama anjalo, kananjalo banganyityelwa manqaku xa ngaba iimpendulo ezinikiweyo zinembadla. Ngokunjalo ukuba igama elisuka kolunye ulwimi lusetyenziwe kwitekisi kwaye impendulo ifuna elo gama, oko kwamkelekile. • Kwimpendulo apho ziliqela iimpendulo ezichanekileyo akunikwa manqaku ngeempendulo ezingu-EWE/HAYI, NDIYAVUMA/ANDIVUMELANI kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo. • AKUNIKWA manqaku ngeempendulo ezingu-YINYANI/BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo. • Apho kulindeleke iimpendulo ezigama linye aze umviwa anike isivakalisi, nika amanqaku ukuba ngaba igama elifanelekileyo likrwelelwe umgca ngaphantsi okanye ligqanyisiwe. • Kwimibuzo apho kulindeleke iimpendulo ezimbini/ezintathu, aze umviwa adwelise uluhlu lweempendulo, makisha kuphela ezimbini/ezintathu zokuqala. • Iilwimi zengingqi neziyelelani zesiXhosa zamkelekile. • Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, makwamkelwe zombini, ukutsho oko unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokuzeleyo. Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 3 DBE/2019 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO A: ISICATSHULWA UMBUZO 1: UKUFUNDELA INTSINGISELO NOKUQONDA 1.1 Kukwamkelwa okanye kukubukulwa ngemivambo esemzimbeni.√ (1) 1.2 Abanye bakubona kubulala amathuba okufumana imisebenzi√ ukanti abanye bakubona njengomqondiso wokuzibandakanya namaqela emigulukudu. √ (2) 1.3 Lithetha ukuba kusetyenziselwa ukuphalaza imbilini√/kusetyenziselwa ukwazisa abantu ngendlela ovakalelwa ngayo.√ (Nayiphi na kwezi.) (1) 1.4 Kukuzenzela izikhumbuzo zasemzimbeni ngabahlobo nezihlobo zabo abazithandayo ezingasekhoyo.√ (1) 1.5 Iyantlukwano√/ukungavisisani√/ umahluko.√ (Nayiphi na kwezi.) (1) 1.6 'Lunamagingxigingxi.'√ (1) 1.7 Ingcinga yokuba inako ukwenzeka√√/Ingcinga yokuba iyakwazi ukwenzeka loo nto.√√ (Nayiphi na kwezi.) (2) 1.8 Bayanyaniswa nemigulukudu√/abantu abambono ezinxamnye nentlalo yoluntu.√ (Nayiphi na kwezi.) (1) 1.9 Kubonakalisa ukungayithandi imivambo√√/kubonakalisa ukungaqondi izizathu zabantu abenza imivambo√√/kubonakalisa ukungabinalwazi luphangaleleyo ngemivambo√√/kubonakalisa ukuba nocalucalulo ngakubantu abanemivambo√√/kubonakalisa ukungabamkeli√√/kubonakalisa ukungabathembi kwimicimbi yokukhokela.√√ (Nayiphi na kwezi.) (2) 1.10 'Abaqeshi abathile bacinga kabini xa kufuneka baqeshe igqiyazana elibhalwe ngemivambo ngelishwa,bejolise kwimivambo hayi ukuba unazo na izakhono zomsebenzi ezifunekayo.'√ isenzo sidlelela abantu ngokwesini√. (2) 1.11 Amaqonga onxibelelwano alukhulisile ulwamkelo lwemivambo ngokusoloko ipapashwa rhoqo.√√ (2) 1.12 Zithe iindumasi zakuvela elubala nemivambo yazo uluntu nalo lwalandela ngobuninzi lwenza imivambo efana neyeendumasi.√√ (2) Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 4 DBE/2019 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha 1.13 Imivambo ilungile kuba ngokwenza imivambo ndenza okwenziwa ziindumasi.√√ OKANYE Imivambo ayilunganga kuba yayanyaniswa nemigulukudu.√√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (2) 1.14 OoSomashishini nabaqeshi kufuneka bangabacalucaluli abantu abanemivambo xa beqesha√/abazali kufuneka bacaciselwe ukuba imivambo yenzelwa ntoni ukuze bayamkele√/abantu abanemivambo kufuneka bangayifihli xa beyenzile kwaye baxele oonobangela bokwenza loo mivambo ukuze yamkelwe√/ Abantu mabakhunjuzwe ngemiba yocalucalulo nokuvakalisa izimvo zabo ngokukhululekileyo.√ (Nasiphi isibini kwezi.) (2) 1.15 Siyahambelana kuba isihloko sithi 'Izimvo ziyabetha-bethana ngemivambo esemzimbeni' sibe isicatshulwa sithetha ngeembono ezahlukileyo ngemivambo esemzimbeni.√√ (2) 1.16 Lulutsha√/Ngabantu ababhinqileyo√/Ziindumasi√/Ziimvumi.√ (Nayiphi na kwezi.) (1) 1.17 C√/C. Ukuzingca ngomvambo wakhe√/ukuzingca ngomvambo wakhe.√ (Nayiphi na kwezi.) (1) 1.18 Ungayichaphazela ngokuba abaqeshi bangangayiqeshi kuba becinga ukuba ungumgulukudu. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) 1.19 Kuba ngumkhwa xa kusisenzo esenziwa rhoqo singayanyaniswa nobubi kuze kube ngumkhuba xa kusisenzo esenziwa ngabantu rhoqo sisayanyaniswa nobubi njengaxa siluphawu lokuzayamanisa namaqela emigulukudu.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 5 DBE/2019 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO B: USHWANKATHELO UMBUZO 2: UKUSHWANKATHELA Sebenzisa ezi ngongoma zingundoqo zilandelayo ekufuneka zibandakanywe ngabaviwa kwisishwankathelo njengesikhokelo. Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaleni iingongoma ezingundoqo. Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: Naziphi na iingongoma ezichanekileyo ezisi-7 ezibhalwe ngokomhlathi mazimakishwe. (Izivakalisi mazinamathelane) UCAPHULO IINGONGOMA 1. 'Izithuba ezininzi zemisebenzi azide 1. Imisebenzi ngoku ifunyanwa zibhengezwe. ... abanye ukuba ngokwazana nomntu owazi isithuba bayifumana ngokuba bebesazi ubani somsebenzi. ekuthe kanti wazi ubani onolwazi ngesithuba. 2. Bambi bangena kumaqonga 2. Iyafumaneka nangemibutho onxibelelwano afana nooLinkedIn, yezifundiswa ekumaqonga uTwitter nooFacebook apho kukho onxibelelwano. imibutho yezifundiswa ezisebenza kwiikhariye ezahlukileyo'. 3. 'Kuyenzeka ukuba umntu osebenza 3. Abasebenzi benkampani ethile kwinkampani leyo akwazise ngaso ... bangakwazisa ngokucelwa Maxawambi abaqeshi bacela abasebenzi ngabaqeshi babo. aba ukuba babafunele udidi lwabantu bade babahlawule bakumfumana umntu ochanekileyo.' 4. 'Basenokumrhwebesha kwenye 4. Uyafumaneka nangokurhwebeshwa inkampani ngesakhono sakhe kwenye inkampani. esinqabileyo.' 5. 'Iinjini zokukhangela imisebenzi 5. Ungasebenzisa iinjini zokukhangela ziyasetyenziswa'. imisebenzi. 6. 'Kwiijob fairs eziyimiboniso apho 6. Iijob fairs nazo ziyabazisa abantu abaqeshi bazisa abantu ngemisebenzi ngemisebenzi zibanike namathuba abanayo baze nabantu beze kujonga okugcwalisa amaxwebhu babe sele iindidi zemisebenzi ekhoyo begcwalisa besenziwa nodliwanondlebe. amaxwebhu ngoko nangoko.' 7. 'Xa ... sele uzazi iinkampani onqwenela 7. Ngoludwe lweenkampani onqwenela ukuzisebenzela, gcina uludwe lwazo, ukuzisebenzela ungaya ungene kwi-intanethi, kwiwebhusayithi kwiiwebhusayithi zazo kwicala yenkampani leyo ungqale kwiqonga labo lemisebenzi ufumane izithuba lokwazisa ngemisebenzi.' abanazo. 8 'Uyakwazi ukutsalela umnxeba ngqo 8. Ungaqhagamshelana nenkampani kwinkampani ucele umsebenzi okanye ngefowuni okanye nge – imeyile iindlela zokunxibelelana ezifana ne- uthumele isivi yakho. imeyile uthumele isivi yakho ihlale ihleli kubo'. 9. 'Abanye bangena bevolontiya basuke 9. Ungaqala ngokuvolontiya uphele bazibone sele bekosisigxina into ukumsebenzi wesigxina. ababengayicinganga' 10. 'Ubusazi ukuba kwinkampani ungaqala 10. Ungawuthatha nowethutyana hleze ngomsebenzi wethutyana uphele uphele usisigxina. ukosisigxina ohambelana nezakhono zakho?' Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 6 DBE/2019 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha UKUBHALWA NGOKOMHLATHI QAPHELA: Oku kulandelayo ngumzekelo nje kuphela. Akungommiselo kwaye makusetyenziswe ngobuchule. UMHLATHI Imisebenzi ngoku seyifunyanwa ngokwazana nomntu owazi isithuba somsebenzi, kanti nangemibutho yezifundiswa ekumaqonga onxibelelwano. Abasebenzi benkampani ethile bangakwazisa ngomsebenzi osezayo ngokucelwa ngabaqeshi. Bangabarhwebesha abasebenzi abakwezinye iinkampani. Ungazisebenzisa iinjini zokukhangela imisebenzi. Iijob fairs ziyabazisa abantu ngemisebenzi zibanike namathuba okugcwalisa amaxwebhu bade benziwe nodliwanondlebe kwalapho. Ngokwenza uludwe lweenkampani onqwenela ukuzisebenzela ungancedakala uye kwiiwebhusayithi zazo kwicala lemisebenzi ufumane izithuba abanazo. Uyakwazi nokuqhagamshelana nenkampani nangefowuni okanye nge –imeyile uthumele isivi yakho. Usengaqala ngokuvolontiya okanye uthathe nowethutyana. (70 amagama) Ukumakisha isishwankathelo: Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: • Ulwabiwo- manqaku o Amanqaku asi-7 ngeengongoma ezisi-7. (inqaku ngengongoma nganye) o Amanqaku ama-3 olwimi. o Amanqaku ewonke: 10 • Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa besebenzise amazwi abo: o 1–3 amanqaku achanekileyo: Nika inqaku eli-1 lolwimi. o 4–5 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-2 olwimi. o 6–7 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-3 olwimi. • Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa becaphule. o 6–7 amanqaku acatshulweyo: akunikezelwa manqaku olwimi. o 1–5 amanqaku acatshulweyo: nikezela inqaku libe li-1 lolwimi. QAPHELA: • Ubalo-magama o Abakorekishi kulindeleke ukuba baliqinisekise inani lamagama asetyenzisiweyo. o Musa ukuthabatha amanqaku ukuba umlingwa akalibonakalisanga inani lamagama asetyenzisiweyo okanye ukuba inani lamagama libonakaliswe ngokungachanekanga. o Ukuba udlule kwinani eliqingqiweyo, funda uyokufika ekupheleni kwesivakalisi. AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 7 DBE/2019 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO C: IZAKHI NEMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI Ukumakisha iCANDELO C • Upelo o Iimpendulo ezinegama elinye mazimakishwe nokuba upelo lugwenxa, ngaphandle kokuba isiphene sitshintsha intsingiselo yegama. o Kwiimpendulo ezizizivakalisi eziphelelyo upelo olugwenxa malunyityelwe amanqaku ukuba impazamo ikwimigaqo yolwimi oluhlolwayo. o Xa kuhlolwa izifinyezi impendulo mayibonakalise ukusetyenziswa kweziphumlisi ngokuchanekileyo. • Ulwakhiwo kwizivakalisi malubhalwe ngemigaqo yegrama echanekileyo nangezivakalisi ezipheleleyo/ngokomyalelo. • Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokupheleleyo, iyamkeleka. UMBUZO 3: ISIBHENGEZO NTENGISO 3.1 Yinkonzo yezifundo ezongezelelweyo.√ (1) 3.2 Wemfundo√/wempumelelo.√ (Nayiphi na kwezi.) (1) 3.3 Unxibelelane.√ (1) 3.4 Gxabhagxabhisa√kuphela.√ (2) 3.5 Sijoliswe kubafundi bebanga leshumi ukuya kweleshumi elinambini.√/ Kubazali abanabantwana abenza ibanga leshumi ukuya kweleshumi elinambini √ kuba inkonzo ethengiswayo yeyokuncedisa bona.√ (Nayiphi na kwezi.) (2) 3.6 A√/lulwimi olujija ingqondo√/A.lulwimi olujija ingqondo.√ (Nayiphi na kwezi.) (1) 3.7 Ntingela phezulu kwizifundo zakho√√/uya kunqandwa ziinkwenkwezi.√√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 8 DBE/2019 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha UMBUZO 4: IKHATHUNI 4.1 Bayathetha kuba amaqam asetyenziswe kwisakhelo sokuqala ngawokuthetha.√√ (2) 4.2 Kusekupheleni kwekota.√ (1) 4.3 B√/B.ulingano macala kwingxoxo yabo √/ulingano macala kwingxoxo yabo.√ (Nayiphi na kwezi.) (1) 4.4 UAya umfulathele unina√√/ UAya akamjonganga unina√√/ UAya ujonge incwadi ngeli xesha unina athethayo√√/UAya umzele ngomva unina.√√ (Nayiphi na kwezi.) (2) 4.5 Ndicinga ukuba uwafihla kuba asezantsi√√/ndicinga ukuba uwafihla kuba akekho mahle.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) 4.6 Kukusibonisa ukuba ngaphaya kweziphumo kukho izifundo azifundayo umntu√√/xa iziphumo zingezihle umntu akanqweneli kuzivezela mntu√√/indlela abazali abaziphatha ngayo xa benikwa iziphumo yenza abantwana boyike ukuziveza xa amanqaku engekho mahle√√/ ukusibonisa ukuba amanqaku ewodwa awabalulekanga ukudlula isifundo osifumane kuwo. √√ (2) (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) [10] UMBUZO 5: IPROZI 5.1 Sikhokela isibizo√/sandulela isibizo√/siphambi kwesibizo.√ (Nayiphi na kwezi.) (1) 5.2 Sicacisa indawo.√ (1) 5.3 Ukuhlola kuthetha okubi okuza kwenzeka.√ (1) 5.4 Kukho abantu abangenasiphiwo sokuyincekelela into xa beyiqalile baqiniseke ukuba bayafikelela esiphelweni.√ (1) 5.5 Kukunika intsingiselo yokuba umntu usenza ngokwakhe isenzo kuye√/Kukunika intsingiselo yokuzenza.√ (Nayiphi na kwezi.) (1) Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 9 DBE/2019 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha 5.6 Abakhi√/Izakhi√/Isakhi.√ (Nayiphi na kwezi.) (1) 5.7 Luhlobo lokuqoshelisa√/Luhlobo lolandelelwano.√ (Nayiphi na kwezi.) (1) 5.8 Wayenyanisile umntu owathi√ akukho nto abakhi abaninzi abadume ngayo njengokuvukwa ngumtha wedolo. √ (2) 5.9 Kukutyhafa√/Ukuphelelwa ngamandla.√ (Nayiphi na kwezi.) (1) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all