You're offline
Skip to content
Question paper

IsiXhosa+HL+P3+Nov+2012_hlayiso.com_.pdf

Subject: Isixhosa HlGrade 1220126 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LESITHATHU (P3) NOVEMBA 2012 AMANQAKU: 100 IXESHA: 2½ iiyure Olu viwo lunamaphepha ama-6. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 2 DBE/Novemba 2012 NSC IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMATHATHU: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathana emide (30) ICANDELO C: Imihlathana emifutshane (20) 2. Phendula umbuzo OMNYE kwicandelo NGALINYE. 3. Bhala ngolwimi obuzwe ngalo. 4. Qala icandelo NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uwucwangcise umsebenzi wakho (umzekelo: imephu yeengcinga/umzobo/imizobo ebonisa ukuthungelana kweziganeko/amagama angundoqo, njalo-njalo), wandule ukuwufundisisa uwuhlele. Kunyanzelekile ukuba uyilo LUKHOKHELE isincoko. 6. Kunyanzelekile ukuba zonke izicwangciso zakho uzibhale ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca kuyilo ngalunye. 7. Uyacetyiswa ukuba icandelo ngalinye ulabele ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: imizuzu engama-80 ICANDELO B: imizuzu engama-40 ICANDELO C: imizuzu engama-30 8. Nombola iimpendulo ngendlela izihloko ezinonjolwe ngayo kwiphepha lemibuzo. 9. Nika impendulo nganye isihloko esifanelekileyo. QAPHELA: Awabalwa amagama akwisihloko xa kubalwa amagama asetyenziswe kwisincoko/kumhlathana. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 3 DBE/Novemba 2012 NSC ICANDELO A: IZINCOKO Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso isincoko. Bhala amagama angama-390 kwisincoko ngasinye. UMBUZO 1 1.1 Ikamva lomntu ngamnye liqala namhlanje. [50] 1.2 Ukubaluleka kweengoma. [50] 1.3 Ukufundiswa kwezifundo zonke ngolwimi lwesiXhosa kungaluncedo. [50] 1.4 Ubuhle bekhiwane ziimpethu. [50] 1.5 Ukuphucuka kwemfundo eMzantsi Afrika kuxhomekeke kuluntu ngokubanzi. [50] 1.6 Xa ndinokuba ligosa lezendlela kwidolophu yam. [50] 1.7 Qwalasela le mifanekiso ingezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. 1.7.1 [50] OKANYE Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 4 DBE/Novemba 2012 NSC 1.7.2 [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 5 DBE/Novemba 2012 NSC ICANDELO B: IMIHLATHANA EMIDE Khetha umhlathana ube MNYE kule ilandelayo ubhale ngawo. Bhala amagama ali-120 (umxholo kuphela) ngomhlathana ngamnye. UMBUZO 2 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhalela umhlobo wakho umchazele ngemvumi oyithandayo engundaba- mlonyeni. Mcacisele ngayo nangomculo wayo. [30] 2.2 I-OBHITSHUWARI Bhala i-obhitshuwari eza kufundwa enkonzweni yomngcwabo womhlobo wakho. [30] 2.3 UDLIWANO-NDLEBE Uyintatheli yephepha-ndaba ufumene isimemo sokuzimasa itheko lokwamkela iinkokheli. Yenza udliwano-ndlebe nenkokheli yeqela lolutsha elilawulayo. [30] 2.4 INQAKU LOMHLELI Ufunde inqaku elingokuthengiswa kweelayisenisi zokuqhuba kwiphepha- ndaba iNtsimbi. Bhalela uMhleli weli phepha-ndaba uveze ezakho izimvo ngesi senzo singamkelekanga. [30] AMANQAKU ECANDELO B: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 6 DBE/Novemba 2012 NSC ICANDELO C: IMIHLATHANA EMIFUTSHANE Khetha umhlathana ube mNYE kule ilandelayo ubhale ngawo. Bhala amagama ali-100 (umxholo kuphela) ngomhlathana ngamnye. UMBUZO 3 3.1 ISIBHENGEZO Bhala isibhengezo seshishini lakho ngendlela eya kutsala abantu. [20] 3.2 IPOSIKHADI Bhalela usisi wakho ophesheya kolwandle umyalezo kwiposikhadi, uvuyisane naye kuba ephumelele isidanga sobugqirha emagqabini. [20] 3.3 UMYALELO Uyinkokeli yeqela elenza iphulo lokucoca indawo enihlala kuyo. Bhala imiyalelo ecacisa indima eza kudlalwa ngumntu wonke. [20] AMANQAKU ECANDELO C: 20 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 12 Isixhosa Hl

Explore more published documents in this catalogue.

View all