Skip to content

isiXhosa FAL Grade 12 P3 September Preparatory Exams 2019 QP

Question paperisiXhosa FALGrade 1220198 pages

Grade 12 isiXhosa FAL Paper 3 question paper from the September Preparatory Exams 2019, 8 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

September Preparatory Exams 2019

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2019 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 AMANQAKU: 100 IXESHA: iiyure 2½ *XHOFA3* Olu viwo lunamaphepha ama-6.
Downloaded from hlayiso.com 2 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2019) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha linamaCANDELO AMATHATHU: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi emide (30) ICANDELO C: Imihlathi emifutshane (20) 2. Phendula umbuzo ubemNYE kwicandelo ngaliNYE. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala iCANDELO NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Yenza UYILO (umzekelo, imephu yengqondo, isazobe okanye idayagram/ flowu tshathi/amagama angundoqo, njalo-njalo), hlela uze ufunde kwakhona umsebenzi wakho. Uyilo malubhalwe phambi kokubhalwa kwetekisi nganye. 6. Wonke umsebenzi woyilo mawuphawulwe njengoyilo. Uyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlezileyo kulo lonke uyilo olwenzileyo. 7. Ingcebiso malunga nolwabiwo lwexesha:  80 emizuzu kwiCANDELO A.  40 emizuzu kwiCANDELO B  30 emizuzu kwiCANDELO C. 8. Nombola iimpendulo zakho ngokuchanekileyo ngokwendlela yokunombola esetyenziswe kwiphepha lemibuzo. 9. Nika impendulo nganye isihloko esichanekileyo. QAPHELA: Isihloko masingabalwa xa kubalwa amagama asetyenzisiweyo. 10. UBUDE BEEMPENDULO: ICANDELO A: Izincoko-Bhala isincoko esili-190–240 amagama. ICANDELO B: Imihlathi emide- Bhala ama-80–100 amagama. ICANDELO C: Imihlathi emifutshane-Bhala ama-60–80 amagama. [umxholo kuphela] 11. Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2019) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo. Bhala amagama ali-190–240. Apho ungasinikwanga khona isihloko sinike. Khumbula ukuyila. 1.1 Mhla kwakuphuma iziphumo zokuphela konyaka zebanga le-11. [50] 1.2 Amava [50] 1.3 Amakhasi onxibelelwano angasiphucula isakhono solwimi. [50] 1.4 Ulwimi lokufundisa ezikolweni malube lulwimi lwenkobe. [50] 1.5 Ndaphoxeka kakhulu kodwa ... [50] 1.6 Ukuguquka kwemozulu nezoqoqosho. [50] 1.7 Khetha umfanekiso ube MNYE kule ingezantsi ubhale isincoko. Nika isihloko esifanelekileyo isincoko sakho. 1.7.1 [Uthathwe ku: www.colourbox.com.] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 4 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2019) 1.7.2 [Uthathwe ku: www.gumtree.co.za] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2019) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 5 ICANDELO B: IMIHLATHI EMIDE UMBUZO 2 Khetha umhlathi ubemNYE kule ilandelayo. Ubude mabube ngamagama angama- 80 ukuya kwi-100 (umxholo kuphela). Khumbula ukuyila. 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhalela udade wenu umbalisele ngokuya kwakho kusuku lwabafundi abatsha kwidyunivesithi owamkelwe kuyo. [30] 2.2 ISIVI NELETA EYIKHAPHAYO Iphephandaba iDaily Dispatch lipapashe isithuba somsebenzi waseStandard Bank, esifuna umntu ophumelele ibanga le-12, onezifundo zezibalo nonolwazi lwekhompyutha. USandile Silayi unomdla kulo msebenzi. Mncede umbhalele iSivi neleta eyikhaphayo ukuze azithumele kule bhanki. [30] 2.3 INQAKU LEMAGAZINI Bhala inqaku lemagazini ngomba wemfundo engahlawulelwayo. [30] 2.4 INGXOXO Bhala ingxoxo ephakathi kwabahlali ababini bexoxa ngokuvulwa kwemigodi yezimbiwa kwiindawo abahlala kuzo. [30] AMANQAKU ECANDELO B: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 6 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2019) ICANDELO C: IMIHLATHI EMIFUTSHANE UMBUZO 3 Khetha umhlathi ube mNYE kule ilandelayo. Bhala amagama angama-60 ukuya kuma-80 (umxholo kuphela). Khumbula ukuyila. 3.1 ISIBHENGEZO-NTENGISO Bhala isibhengezo-ntengiso uthengise uhlobo olutsha lweeteki kwivenkile yakho. [20] 3.2 IPOSIKHADI Bhalela umhlobo wakho iposikhadi malunga nohambo lwakho lokuya kuchitha iiholide eMauritius. [20] 3.3 IMIYALELO Ucelwe ngummelwane wakho ukuba umncede ufundise umntwana wakhe ukupheka umngqusho. Mbhalele imiyalelo yokupheka umngqusho. [20] AMANQAKU ECANDELO C: 20 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com   
Downloaded from hlayiso.com 

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa FAL

View all