Skip to content

isiXhosa FAL Grade 12 P3 September Preparatory Exams 2022 QP

Question paperisiXhosa FALGrade 1220226 pages

Grade 12 isiXhosa FAL Paper 3 question paper from the September Preparatory Exams 2022, 6 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

September Preparatory Exams 2022

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2022 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO – IPHEPHA 3 AMANQAKU: 100 IXESHA: 2½ iiyure Olu viwo lunamaphepha ama-6.
Downloaded from hlayiso.com 2 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2022) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha linamaCANDELO AMATHATHU: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi emide (30) ICANDELO C: Imihlathi emifutshane (20) 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwicandelo ngaliNYE. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala icandelo NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Yenza UYILO (umzekelo, imephu yengqondo, isazobe okanye idayagram/iflowu tshathi/amagama angundoqo, njalo-njalo), hlela uze ufunde kwakhona umsebenzi wakho. Uyilo malubhalwe phambi kokubhalwa kwetekisi nganye. 6. Wonke umsebenzi woyilo mawubhalwe ucaciswe ngolo hlobo. Uyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumla kulo lonke uyilo olwenzileyo. 7. Uyacetyiswa ngamandla ukuba usebenzise malunga nama: • 80 emizuzu kwiCANDELO A • 40 emizuzu kwiCANDELO B • 30 emizuzu kwiCANDELO C 8. Bhala iimpendulo zakho ngokuchanekileyo ngokwendlela yokunombola esetyenziswe kwiphepha lemibuzo. 9. Nika impendulo nganye isihloko esichanekileyo. QAPHELA: Isihloko masingabalwa xa kubalwa amagama asetyenzisiweyo. 10 Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo. 11. UBUDE BEEMPENDULO: ICANDELO A: Izincoko- Bhala isincoko esili-190-240 amagama. ICANDELO B: Imihlathi emide- Bhala ama-80-100 amagama. [umxholo kuphela] ICANDELO C: Imihlathi emifutshane- Bhala ama-60-80 amagama. [umxholo kuphela] Akuvumelekanga ukufota eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo. Bhala amagama ali-190-240. Apho ungasinikwanga khona isihloko sinike. Khumbula ukuYILA. 1.1 Usuku endinga ndingalubuyisa [50] 1.2 Ukubaluleka kwemithi [50] 1.3 Lwaphela lusemnandi olo hambo [50] 1.4 Abantu abayeke phakathi esikolweni bayaphumelela [50] 1.5 I-intanethi iluncedo kodwa ... [50] 1.6 Ingaba ngenene ndim lo, andikholelwa [50] 1.7 Khetha umfanekiso ube MNYE kule ingezantsi ubhale isincoko. Nika isihloko isincoko sakho. 1.7.1 [Uthatyathwe ku: wikipedia.org] [50] Akuvumelekanga ukufota eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 4 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2022) 1.7.2 [Uthatyathwe ku: istockphoto.com] [50] AMANQAKU ECANDELO: 50 Akuvumelekanga ukufota eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 5 ICANDELO B: UMHLATHI OMDE UMBUZO 2 Khetha umhlathi omde ube mNYE kule ilandelayo. Ubude mabube ngamagama angama-80 ukuya kwi-100 (umxholo kuphela). Khumbula ukuYILA. 2.1 ILETA ESESIKWENI Bhala ileta eya kwiyunivesithi onqwenela ukufunda kuyo ucele indawo yokufunda. [30] 2.2 IOBHITSHUWARI Bhala iobhitshuwari yomhleli wephephandaba lengingqi yakho. [30] 2.3 UDLIWANONDLEBE Bhala udliwano-ndlebe oluphakathi komsasazi kanomathotholo nemvumi yamapiyano ephumeleleyo. [30] 2.4 IAJENDA NEMIZUZU YENTLANGANISO Bhala iajenda nemizuzu yentlanganiso yombutho wokufundisa abantwana abancinci ukusebenzisa ithala leencwadi. [30] AMANQAKU ECANDELO B: 30 Akuvumelekanga ukufota eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 6 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2022) ICANDELO C UMHLATHI OMFUTSHANE UMBUZO 3 Khetha umhlathi omfutshane ube mNYE kule ilandelayo. Bhala amagama angama- 60 ukuya kuma-80 (umxholo kuphela). Khumbula ukuYILA. 3.1 IPOWUSTA Bhala ipowusta ulumkise abantu ngolondolozo lwamanzi. [20] 3.2 UMYALEZO OMFUTSHANE Bhala umyalezo oza kuwuthumela kutitshala wakho umqinisekise ngendlela oza kuliphumelela ngayo ibanga le-12. [20] 3.3 UMYALELO Bhala umyalelo wokubhala ileta yobuhlobo oza kuwunika umhlobo wakho ofuna ukwazi indlela yokubhala ileta yobuhlobo. [20] AMANQAKU ECANDELO C: 20 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufota eli phepha Tyhila iphepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa FAL

View all