Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 2 Eastern Cape Mock 2015 Memo

MemorandumisiXhosa HLGrade 12201524 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 2 memorandum from the Eastern Cape Mock Exam 2015, 24 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Eastern Cape Mock Exam 2015

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2015 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 IMEMORANDAM AMANQAKU: 80 Le Memorandam inamaphepha angama -24 kunye ne Rubriki.
2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2015) EMAKUQATSHELWE XA KUMAKISHWA. 1. Xa umviwa ebhale iimpendulo ezingaphezulu kwezilindelekileyo, makisha impendulo esekuqaleni kuphela. (Umviwa akavumelekanga ukuba aphendule umbuzo omde nombuzo omfutshane kudidi olunye). 2. Xa umviwa ephendule yomine imibuzo ekwiCANDELO A, (imibongo efundisiweyo), makisha kuphela emibini yokuqala. 3. Xa umviwa ephendule imibuzo emibini emifutshane okanye imibuzo emibini emide kwiCandelo B nakwiCANDELO C, makisha umbuzo wokuqala kuphela umbuzo wokuqala kwiCANDELO ngalinye. 4. Xa umviwa enike iimpendulo ezimbini ibe eyokuqala ingachanekanga, elandelayo ichanekile, makisha eyokuqala ungayihoyi elandelayo. 5. Xa iimpendulo zinonjolwe ngokungachanekanga, makisha ngokwendlela ekunonjolwe ngayo kwimemorandam. 6. Xa upelo olugwenxa luguqula intsingiselo, yihlabe loo mpendulo. Xa Intsingiselo ingaguqukanga ngenxa yopelo olugwenxa, yimakishe loo mpendulo. 7. Imibuzo emide. Xa impendulo yombuzo omde imfutshane kunoko kulindelekileyo ngokwenani lamagama, musa ukumohlwaya umviwa kuba sele ezohlwaye ngokwakhe. Xa impendulo yombuzo omde inde kakhulu, phicotha ngokwempendulo ayibhalileyo wandule ukuyigqithisela kummakishi ophezulu. Sebenzisa iirubriki zokuhlola ezisisihlomelo A no B kuxwebhu lwezikhokelo zokuseta iimviwo ukumakisha imibuzo emide yabaviwa. 8. Imibuzo emifutshane. Musa ukumohlwaya umviwa ongasebenzisanga iimpawu zocaphulo xa ecaphula. 9. Kwimibuzo evulelekileyo, musa ukunika amanqaku ngoHAYi/EWE okanye ngoNDIYANGQINELANA/ANDINGQINELANI. Makisha impendulo exhasayo. 10. Akukho manqaku abelwa uYINYANI/BUBUXOKI okanye LULUVO/YINYANI. Makishwa impendulo exhasayo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2015) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 3 ICANDELO A: ISIHOBE IMIBONGO EFUNDISIWEYO VUKANI MADODA KUSILE – IZIBONGO NAMANQAKWANA: Ingqokelela yababhali UMBUZO 1 (UMBUZO OMDE) UNXUNGUPHALO − N. Shasha Kufunwa abonise ithoni isetyenziswe njani ukuthelekisa imeko ngamehlo embongi. Kufuneka acaphule kumazwi embongi ngenjongo zokuzixhasa  Makayivule ingxoxo ibonise ukuthatha icala eliyela ngasembuzweni  Azixhase ngamazwi embongi (ukubonisa)  Ukucacisa isigama sakhe asikhethayo ukuze ubani ade eve ngathi unyanisile  Makaphinde ayivale ngendlela eyenza ukuvala kubandakanyeke kwisincoko sakhe  Uthungelwano ngundoqo asikokudwelisa nje izimvo njengoko kwenziwe ngezants’apha.  Ulwimi olusetyenziswayo malubonise ulwazi lwejenra ingakumbi isigama esi ithoni / ukuthelekisa / ulwimi oluchukumisayo imizwa ethile. [10] Umfundi anganyathela kwezi ngongoma xa ephendula. Angachaza ithoni ngendlela eyamkelekileyo abonise nokuba akukwazi ukuthetha ngethoni ungajonganga isigama esivelisa imo ekuyo imbongi okanye ukuchukumiseka/ ubushushu bovakalelo. Ithoni/ imo yembongi/umoya wembongi Luvakalelo olusukela kokubhalwe kwitekisi, iphuhlisa/ibonisa imvakalelo okanye imo yengqondo yabalinganiswa/ abo kuthethwa ngabo, ikwaphuhlisa/ibonise umoya oziswa kokubonwayo, ekuvayo. Ichonga magama athathwa kwingcingane, umvandedwa, uloyiko, ummangaliso/ukungaqondakali, udano / ukudakumba, uvuyo, unxunguphalo, inkxalabo / ukutshabalala, uloyiko / uxinzelelo, uchulumanco, unxunguphalo, ukucaphuka, ubulolo, ukunyanya. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2015) Imbongi isebenzise isigama esizoba imeko ngokuchanekileyo nangokucacileyo.  Ndizityand’igila − Eli binza ngokwemvelo sisaci esisetyenziselwa ukubonakalisa ukuba lowo uza kuthetha ukhathazekile okanye unokubindeka okuthile malunga nemeko ethile. Ngoko ke livelisa ukubindeka.   Zonwabil’izizwe ngezizwe ndibukele: Apha into yokuqala evelayo yeyokuba isakhi u” ndi” esisetyenziswayo sibonakalisa ukuba uzifake ezihlangwini zakhe nabani na ochaphazelekayo.   Kuvela uthelekiso phakathi ko”ndi” no Z obhekisa kwizizwe ezonwabileyo. Ngoko nangoko kuvela umahluko / ukunxaxha kwimeko ekuphilwa phantsi kwayo. / kuvela ukungabi yiyo inxalenye yolonwabo. Ilizwi elithi “ndibukele” ngoko nangoko livusa ukungabi nakwenza nto. Koku kubindeka ke sele kuthethwe ngako ngentl’apha.   Olunye uthelekiso luvela ngokuba imbongi isebenzise ulwimi oluthelekisa ngomoya ongemnandi itsho isebenzise uthelekiso phakathi “kwezizwe ezidabalele, ziyatabhata ngokungenasazela nabantwana bokuzalwa ababukele, benxunguphele.   Usebenzisa ulwimi oluchukumisayo lokunyhukula ngokukhalaza ithelekisa “ izizwe” nabomthonyama ethelekisa ukubonisa ubunzulu bale yantlukwano.   Ukukruquka kwembongi yimeko ikubonakalisa ngokusebenzisa isebenzisa ulwimi oluchukumisayo, “kuba ngasa, kuba ngahlwa. Ukubonakalisa ukukruquka kukuzinga kwesenzo.   Ukubonisa ububi bezenzo liphalal’igazi lomAfrika, agetyengwe’elel’umnt’omnyama, abomz’oNtsundu, abe-Afrika. La mazwi enza imizwa yabafunda umbongo ihlale ichikimisekile, uvakalelo luceketheke ngakumbi, ichukumisa uvakalelo malunga nobuzwe balowo umameleyo ukwenzela ukuthunuka.   Uqwela athi “ kanye kwabokuzalwa”: Eli gama libonisa ukungalindeleki koku kwenzekayo kuba bengabokuzalwa.   Umqolo wokuvala isitanza ngasinye uthetha into enye ngamazwi ajijwe nje kancinci. Kuthiwa yi ( refrain ngesiNgesi) uphindaphindo lomqolo- jonga umqolo 6, 12, 18, 24.   Usebenzisa isigama esibonakalisa inkxalabo“ umbon’olusizi, indyikityha.   Usebenzisa isigama esibonakalisa ukukhalaza / unkwintsho (asichonge) Bamokothiswa’inqatha, balambile kwilizwe labo ziintshaba. Ukumokothiswa kukunikwa into kugcwaliswe umlomo ungibi sakwazi nokuthetha utsho ukuba imbi/iyakrakra phantsi kwemeko enonyanzeliso onikwa phantsi kwayo.  Iintshaba zilw’imfazw’engenagama nabamsulwa, zima zidubule zingene zidubule.  Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2015) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 5  Usebenzisa ulwimi olubonakalisa ukunikezela ukuphelelwa ngamandla xa esithi; “esikuyo yaziwa ngoPhez’ukonke, ukucacisa ukuba okuhlayo ukubona kungaphezu kwakhe. Ubuya azobe imeko yokuphelelwa ngamandla kuba abamnyama, abantu babulawa bengenazixhobo/ akukho mthetheleli njalo njalo. Ukubulawa kwabo ndawo yonke uzikhankanya ngaye, kwaye apho afika khona uzoba umfanekiso ngqondweni ngesigama esikhethiweyo sokukwenza uzibone sele uzibandakanye nesi sikhalo nokuba wawungekho ngeliya xesha.   Esinye isigama sivuselela intiyo kuba benza ububi kubantu abangaxhobanga / abangenanto / babenze babe ziinkedama / babe lusizi/ bemsulwa/ imfazwe engenagama.   Usebenzisa isifaniso esibaxayo igazi linge ngumjelo wamanzi ukuthelekisa ukuzinga ubuninzi / ukuqukuqela kwalo / ukungapheli kwalo.   Abantwana bokuzalwa banxunguphele-Unxunguphalo kwiinzalelwane ze- Afrika ngenxa yocalucalulo nakubeni ezinye iintlanga zonwabile   Kuba ngasa liphalal’igazi lom-Afrika-Eyona nto idala unxunguphalo kukuphalala kwegazi, ukugetyengwa kwama-Afrika, nokufa kwabantu abaNtsundu   Ukuphalala kwegazi nako kuzoba umfanekiso-ngqondweni wemijelo yegazi labantu linkcenkceza ngaphandle kwesiqabu   Zininz’iinkedama zilile zada zakhedama-Igama ukukhedama linika intsingiselo yokungonwabi   Baninz’abahlolokazi bakhale de bancama-Abafazi bakhala abathuthuzeleka ngenxa yokubulawa ngokungenalusini kwamadoda abo.  [10] OKANYE Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
6 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2015) UMBUZO 2: (UMBUZO OMFUTSHANE) UPROFESA A.C. JORDAN − Z.S. QANGULE 2.1 Kwiingcali zesiXhosa  (1) 2.2 ... imimoya iyabhudla  (1) 2.3 Kukho umntu omdala ongasekhoyo  / OkaJordan akasekho emhlabeni.  (1) 2.4 Sithelekisa ngokufanisa uvakalelo oluviwa ngabo bachaphazelekayo ngulo mphanga kunye novakalelo oluviwa ngabasikwa yingqele xa ubani efunyanwa ngumoya wezixhobo okanye wentlambo.  (2) 2.5 Isitanza ngasinye sinemiqolo esixhenxe/Umqolo ngamnye unamagama amane  [Nayiphi enye kwezi] (2) 2.6 Imiqolo 8-9 yazisa ngomphanga  / kwimiqolo 12-13 imbongi iyathuthuzela  / imiqolo 15-16 imbongi ililela ilahleko esizweni  Naziphi ezintathu kwezi] (3) [10] OKANYE UMBUZO 3: (UMBUZO OMFUTSHANE) UNKOSANA “THE HAPPYBOY” MGXAJI − N. THUTHANI 3.1 NgowaseMdantsane  (1) 3.2 Ngokuba wathi gqi engalindelwanga wadala umonakalo ngokuthi oyise zonke iimbethi manqindi awayesilwa nazo ngexeshana elingephi.  (2) 3.3 A Lithole leduna  lidyongosi  (2) B Sisikweko  (1) 3.4 Liphuhlisa ukuba wayeyintshatsheli / ukuba wayetshatshele kumlo wamanqindi esoyisa engenantanga. (2) 3.5 Uphinda phindo lwegama “...xhoma...” lusetyenziswe ngenjongo yokuqaqambisa ulingano /amandla kaMgxaji okunyusa umgangatho ade adlulele.  (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2015) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 7 UMBUZO 4 (UMBUZO OMFUTSHANE) IMBONGI YESIZWE, U S.E. K. MQHAYI: J. J. R. JOLOBE 4.1 NguS.E.K. Mqhayi  (1) 4.2 Kukwazisa ngomphanga  (1) 4.3 ... wambu ... (1) 4.4 A Zibeleke izizukulwana ... ziya kwalathisana ngawe ... (2) B Sisimntwiso  (1) 4.5 Ukuba ubonga ngolwimi olumnandi oluntsingiselo ifihlakeleyo efuna ubani afundisise ukuze alunambithe okanye ayive intsingiselo yalo.  (2) 4.6 Kusetyenziswe isifanadumo ukwakha umfanekiso ntelekelelo welizwi elikhulu / kusetyenziswe isifaniso esibaxayo kufaniswa ilizwi lakhe elikhulu nelengonyama.  [Nayiphi kwezi] (2) [10] UMBUZO 5 (UMBUZO OMFUTSHANE) UMZALIKAZI: J.J.R. JOLOBE 5.1 Womzalikazi  (1) 5.2 kukuthuthuzela  (1) 5.3 Ungayihlungis’intliziyo yakhe.  (1) 5.4 A Imbiza iyamthuma.  isiyalu somthombo siyamkhobakhoba  (2) B Sisimntwiso  (1) 5.5 Kukubethelela ingcinga yokuba umzalikazi uyaluthuthuzela usana wakhe / kukwakha isingqisho.  [Naziphi ezintathu kwezi] (2) 5.6 Kusetyenziswe izimvo ezichaseneyo ukubonisa ukuba ubani kufuneka anyamezele ukuze afumane oko akufunayo.  Ukuba izinto azifumaneki lula.  (2) [10] AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
8 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2015) ICANDELO B: INOVELI UMBUZO 6 (UMBUZO OMDE) NYANA WAM! NYANA WAM!: W.K. Tamsanqa Umfundi anganyathela kwezi ngongoma zilandelayo: 6.1  Umbhali ngale ncwadi ubhebhetha umkhwa wokungakwazi ukuzithathela izigqibo ezizizo kwangethuba ebomini.   Uthi lo mkhwa ukufaka engxakini kuba ngeli xa ungazithathiyo izigqibo abanye abantu bayazithatha kwaye ziyakuchaphazela okanye bazithatha egameni lakho uze wena untyumpantyumpeke kwiingxaki ezingenziwanga nguwe.   Ukusetyenziswa komlinganiswa onguTholelegqwirha ngempumelelo ukwenza oku kulandelayo:  Ube neenjongo ezintle zokuba ngumfundisi ngenye imini   UThemba ongumhlobo wakhe umnunuse ngotywala akakwazi kuthi “hayi” suka waye enyusela ngokunyusela ukukhala.   Uyalala akugqiba ukukhala avuke ebhayi apho ahlangene noNomsa omthathele isigqibo sokuya kumbona suka wahlangana noJoe.   P18-24 ugagana nemigulukudu kaJoe yaseBhayi ade athathe isigqibo sokuncama loo msebenzi alishiye ibhayi   Kodwa uJoe neqela lakhe bamenza wazibona sele ethatha sigqibo sokusebenzela inkosi akuba esindisiwe yimigulukudu kaJoe.  UThole uphinda athathelwe isigqibo nguSonwabo esiye kumfaka ezingonyameni eknysna apho asinde cebetshu de abone abahlobo bakhe besisidlo seengonyama ejongile.   Utyiwa yindlala, azenze igqirha, akuba nemali uyayolelwa kodwa amaphupha angamphumzi.   Utsalwa yingoma yecawa egqitha, angene kufundwe ilizwi lonyana wolahleko. Uthatha isigqibo sokuthengisa imfuyo yakhe agoduke   Uyaphumelela ebunzimeni nanjengoko sisazi ukuba wade waba nguye umfundisi.   Apha ekuqhubekeni kwebali kuye kwafuneka athathe isigqibo sokutshintsha aze amelane nemiceli-mingeni enobuzwe ayibekelweyo kwindlela yakhe yobomi.   Kwinoveli kufuneka athathe isigqibo angagqibeli le meko yodwa koko ajonge iindlela zakhe zangaphambili, kwaye ahlule phakathi kwento entle nembi.   Uneziyalo ezizezi ukukwazi ukuzixhuthuluza uzikhwebule kubantu abangeloncedo kuwe kwaye ungathethi kakubi bayakuhlonipha- “Uxolo madoda”, “uxolo Mfondini. Amazwi okuzikhupha engxakini akabi maninzi.”  Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2015) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 9  Ulenza ibali lakhe libe libali lesigqibo ngolu hlobo;  Usebenzisa le mixholwana o Inkolo yobuKrestu- ubuWesile (umxholwana weenkolo zonke ezikholelwa koPhezu kOnke) o Ukuthatha izigqibo (process) o Ukumamela abanye abantu o “ithemba”eliphilisayo o Ukubaluleka kwemfundo Wenza ibali libe libali lesigqibo ngolu hlobo: ukusebenzisa impixano yangaphakathi / ukusebenzisa i(stream of consciousness) ngokuba umlinganiswa ophambili azisole, abe nesazela, athathe izigqibo, zakungahambi ngokwesigqibo afumane isohlwayo, ukumlandelisa ngamazwi ashunyayelwa egqitha ingakumbi xa ehamba kwindawo angamelanga kuba kuyo, ukusebenzisa amazwi ezilumkiso okanye uphuphelo (foreshadowing) okanye namazwi azizivusa zazela, ukungazoli emoyeni okuziindlela ngeendlela, amane esenza kuthi thaa kuye ukuba ebemele kwenza ntoni na Kanye. Konke oku yingqokelela yokwenza ukuba engathathanga isigqibo esisiso indlela zakhe azisoze zithi tye. Imizekelo yoku esencwadini yile ilandelayo neminye engakhankanywanga apha.   Utywala ebebumele kumonwabisa bumlilisa esikrakra de kuxhalabe wonke umntu   Intetho zikaThemba p11” unako na ukuhamba emalahleni uze ungatshi”   Uyazisola abuqalekise utywala akhumbule la mazwi angentla ebhayibhile.   UThole uthatha isigqibo sokuba angaphinde abuphathe utywala asilandele   Isenzo sokubethwa P24 akasiqalekisi koko uthi “yimisebenzi kaThixo umbuyisa kwiindlela zakhe ezitenxileyo”.  Uthatha isigqibo sokugoduka p26.   Iitshomi, ooThemba bayavela imoto imse kumahlathi aseKnysna- uyagqityelwa.   Isifundo – “nyana wolahleko” eligqirha abinza ngokwekrele p36-37   Isigqibo sokuthandana noNomsa ongakholwanga sichithwa xa eza kungena kwaNomsa kuvela umfo wakwaSigxabhayi eshumayela” umntu unokuwuthatha na umlilo awuse esifubeni sakhe zingatshi na iingubo zakhe (p17) kutsho kuthi kriphu uvalo kuThole.   Xa eza kuhlangana noNomsa ukhumbula amazwi athi” umoya uvela ngaphambili.   Umthandazo wesithembiso sokuyisebenzela inkosi (p23)  Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
10 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2015)  P42 uthatha isigqibo sokufunda aye eDikeni;   Ufumana inxaxheba yokufunda elinye ibanga ngaphandle kwemali   Uzimisela enkonzweni-anikwe inkonzo yesiXhosa   Uba nguSihlalo weSCA.   Waba abafundi amabashumayele kwaneetitshala   Ushumayela agqithe bonke abashumayeli.  [25] UMBUZO 7 (UMBUZO OMFUTSHANE) NYANA WAM! NYANA WAM! WK Tamsanqa 7.1 Nguyise omkhulisileyo xa uyise omzalayo wayelahlekile  (1) 7.2 Usinde emlonyeni weengonyama kumahlathi aseKnysna  usinde kwimigulukudu kaJoe  (2) 7.3 Yimpixano yangaphakathi  kuba uzibona eyindindi  (2) 7.4 Masiyiyeke  (1) 7.5 Lo uThole uneenjongo eziphakamileyo ngobomi, uyayazi into ayifunayo, kanti owangaphambili wayengenazo,esenza nje.  (2) 7.6 A/Uzobo-ngokumayana  (1) 7.7 lilutyhilo-ndaba  kuba kuqala isisombululo  (2) 7.8 Kulixesha langoku apho abantwana bekwazi ukuziphendulela abazalini bexela izinto abangazifuniyo/ ngexesha abangafuniyo ukuthathelwa izigqibo ngabazali.  (2) 7.9 Sisigqebelo kuba uMangaliso wafunda wenza imimangaliso kanye emdala enjalo.  (2) 7.10 Sukumncama umntwana okanye umntu nokuba unkone kangakanani na zizono ikho imini asaya kuze atshintshe ngayo / Sukuwulahla umbono wakho nokuba kukho imiqobo emi phambi kwakho ikho imini eya kuze izaliseke ngayo.  (2) 7.11 ENgilane  (1) 7.12 NguEthel  (1) 7.13 UThozama wagqibela etshate noMangaliso  (1) 7.14 Wabhaqa isiva/ umkhango ofana nokaMangaliso emonga.  (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2015) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 11 7.15 Ukuba lo mfundisi wahluke kubo bonke abantu / ukuba unyulu akanachaphaza / ngumntu wabantu ongenasono ongakrokreleki ntweni imbi / owenza izinto ezintle ngokumjonga nje.  [Nayiphi kwezi] (2) 7.16 (a) babothukile  (1) (b) zaba ngathi zibiziwe/zimenyiwe  (1) [25] UMBUZO 8 (UMBUZO OMDE) UKHOZI OLUMAPHIKO: N. Saule Umfundi anganyathela kwezi ngongoma zilandelayo:  UMfazwe akutyholwa uyacalulwa kodwa akhuthazwe ngabamaziyo ukuba akayiyo impimpi.  UFriday umenza ikheswa akafunwa ngumntu wonke.  UMfazwe uyabanjwa kuba kusithiwa unyola umbuso. Uyabethwa aze aye kuvalelwa esiseleni.   Esiseleni uva kubhomboloza umntu obethwayo lize lithi ipolisa eliye langena esiseleni sakhe limxelele xa ebuza ngesi sikhalo ukuba nguye olandelayo.   Uthotywa isidima ngokugungxwa apha entloko ngengxowa enuka umchamo aze atyhalwe ukuya kufakwa evenini ngasemva.   Ngelo xesha asiwa evenini uyabethwa   Uhlaliswa nenja amane engqubeka kuyo itsho imngqavule   Uye kothulwa kwesinye isitishi samapolisa ngokungekho similweni kwaye amapolisa embetha emkhaba kananjalo.   Esiseleni uye wangcanjaziswa kusithiwa angasinda ukuba angaba yimpimpi yawo waze wema entla.  Emva kokubanjwa kwakhe uMfazwe akuzange kuphinde kubekho kuzola kwaQaka, amapolisa encediswa nguFriday owayeyimpimpi yamaBhulu ayesoloko esemva koMfazwe.   Ukubuya kwakhe ekuvalelweni kuzizixholoxholo kwaQaka akukho kuzola kufa abantu abangenatyala.   Indlu yakowabo iyatshiswa   UFriday noMfazwe yinyoka nesele kwaye apho ahamba khona uzama ngandlela zonke ukumgqithisa amafu.   Kwintlanganiso eyayisesikolweni awayekhona noFriday, akungena uMfazwe uzifumana ukuba akamkelekanga, uphepha-phephana namanqindi neempama de abaleke.   Ekuhlaleni akaphathekanga kakuhle mpela-mpela ngooFriday abaziimpimpi zamaBhulu.   Uthi naxa eyokuzifihla kwimoto endala kwatat’uGaba ooFriday bamzingele akhethe ukuphuma kulo moto ngokwenza amacebo alusizi.   Emngcwabeni kaMachule akukho kuzola ngenxa yamapolisa. UMfazwe uphephana neembumbulu.   Sele kubuyiwe emangcwabeni akukho konwaba kuMfazwe kangangokuba ude ahambe kuba ezingelwa aye kuzifihla kwamfundisi uHlathi.  Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2015)  Esazimele enjalo ufikelwa ngooSiphiwo bemxelela ukuba makahambe uyafunwa ngamapolisa namajoni.   Apho ahamba khona uMfazwe akonwabi kuba ubizwa ngokuba uyimpimpi. [25] UMBUZO 9 (UMBUZO OMFUTSHANE) UKHOZI OLUMAPHIKO: N. Saule 9.1 Ngumntu onika amapolisa ulwazi ngabanye bengazi ukuze bangene engxakini.  (1) 9.2 Abantu batyholana ngobumpimpi abathembananga / Lixesha lengcinezelo abantu bayaxhatshazwa ngamapolisa.  (2) 9.3 ukubonisa ukumjongela phantsi (1) 9.4 Ucinga oku kukakafile kanye mfo wam / ukundibulala nixelise laa mfo nimbulele.  Kukubonisa indlela amabhulu ayebasebenzisa ngayo abantu abamnyama ukulwa nomnye umntu omnyama.  (2) 9.5 Unomsindo yindlela amabhulu afuna ngayo ukuba ayeke ukuba ngumzabalazi. Owasemva kwenkululeko yiJaji echophela amatyala abangcatshi babantu abamnyama.  (2) 9.6 A/Uzobo ngokumayana  (1) 9.7 Lokujiya kwezinto  (1) 9.8 Uye wangcungcuthekiswa de wacetyiswa nguMfundisi uHlathi ukuba alifulathele eli aye ngaphaya kwemida.  (2) 9.9 Sisigqebelo kuba uMfazwe akakhange abe ngowabo akakuthabathanga ukuba ngungcothoza suka wayokujoyina umbutho weNtsimbi ebomvu waphela eyijaji.  (2) 9.10 Yimfundiso yokuba umntu makayimele into athe wazibiza ngayo njengoMfazwe / Yimfundiso yokuba ngexesha lengcinezelo umntu ebethenjwa ukuba uza kuwa akuthabathe ukuba ngungcothoza.  (2) 9.11 ESihlahleni  (1) 9.12 Akaqondi ukuba kunganceda ukuya kwakhe kula ntlanganiso  woyika ukubona uFriday ekunye noNokuzola.  (2) 9.13 Yeyangaphakathi  kuba uyindindi akazazi ukuba athini.  (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2015) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 13 9.14 Kukudinwa kakhulu  (1) Ndazenza  (1) 9.15 Sesokuba kanti banomntwana engamfuni nje.  (2) [25] UBUNCWANE BONCWADI LWEMVELI: M.M.I. Swana; N.N.N. Swartbooi no L.D.Mali UMBUZO 10 (UMBUZO OMDE) Abafundi bangakhankanya ezi ngongoma: Bangachaza ikhonkco  Bachaze iintsomi/ iingoma/ amaqhalo/ uncwadi lwemveli/ imbali kaNtu  Kulindeleke ukuba uviwa angqine angachasi le mbono.  Izibongo ezivela kwimbali kaNtu  Intaba kaNdoda  Xa ubani efunda lo mbongo uyifumana yonke imbali yokuba kwenzeka ntoni ukuze lo mhlaba kuthiwe ngumhlaba kaRharhabe.   Imbongi ide itshintshe isimbo sayo sokuncoma iguquke ibalise ithi” Ngemihla yantlandlolo nditsho mandulo” ukubonisa ukuba ingena kwimbali yale ntaba.   Ibalisa ide ixele isizathu sokuba uRharhabe aye kuma kulo ntaba. Isizathu sokuba babeqephuke kuGcaleka beziph’amathafa.   Kule ntsomi kufunyanwa imbali yemfazwe eyaliwayo nemingeni abahlangana nayo.   Kunikwa inkcukacha yemfazwe umzekelo ukungenelela kwabaThwa xa amaLwu ayebonakalisa ukoyiswa.   Amasikizi awayelapho siwabaliselwa ngulo mbongo ukuya kuthi ga ngendlela uRharhabe awenza ngayo uxolo namaLawu awayesele engafanga kuloo ndyikitya.  Amaxesha akudala: M.G.Bici  Lo mbongo uvelisa nje intlalo nendlela ekwakuphiliswana ngayo kudala   Kodwa lo mbongo uphambili ekuthelekiseni okwakudala nokwangoku. Umzekelo ukufa kwakunqabile kudala kodwa ngoku kuhleli kuhleli kumzi ngamnye.  Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
14 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2015) Iintsomi ezivela kwimbali kaNtu Imbali kaNxele  Le ntsomi isuka kwimbali kaNxele angayinabisa ke ubumbali bayo ukusukela kwisizathu sokuba uNxele ukuya kuthi ga kwisaci esaphela sikho ngenxa yayo.  Ukuthetha uNongqawuse Nalapha umviwa angacazulula imbali ade aye kufika kwisaci esithi uthetha uNongqawuse.   UGxuluwe naBathwa Nalapha umviwa angabalisa le mbali ade aye kuma ngesaci esithi “amazwembezwembe kaGxuluwe”  Izaci ezivela kwimbali/ ezabakho ngenxa yembali.  Ukuza kukaNxele: sisaci esivela kwimbali yokuza kukaNxele asenokuba eyikhankanyile ngentla   Amazwembezwembe kaGxuluwe: sisaci esivela kwimbali kaGxuluwe nabaThwa \asenokuba seleyikhankanyile ngentla   Ukuthetha uNongqawuse: sisaci esivela kwimbali kaNongqawuse asenokuba eyikhankanyile ngentla  [25] UMBUZO 11 [UMBUZO OMFUTSHANE] 11.1 Isiqalo /- kwathi ke kaloku ngantsomi isiphelo / Phela-phela ngantsomi/  Iimpawu zesakhiwo umz isidingo / uphindaphindo / ingoma  [Nasiphi isibini kwezi] (2) 11.2 ntsomi engobutyhakala nobulumko  uMaginyinyathi neeMpondo uboniswa ubutyhakala bakhe ngokuthi aqhathwe nguMvundlazana.  (2) 11.3 A Izilwanyana zidinga ukutya  (1) B amalinge okufuna umvundla agade kude kuye kuma kuFudwazana  (1) 11.4 D ukusoloko woyisa ezikhulu kunaye izilwanyana / D / ukusoloko woyisa ezikhulu kunaye izilwanyana  [Nayiphi na kwezi] (1) 11.5 Owokuba umntu omncinci angamoyisa omkhulu kunaye.  (2) 11.6 Ukunyibilika kokuzithemba kukaMvundlazana akuthenjiswa ngokuginywa yinto angayibonanga nokuyibona. / obezithembe gqitha ugqibele ebalekile  [Nayiphi na kwezi] (2) 11.7 Olukwingoma / uphindaphindo lwebinzana kwingoma.  (1) 11.8 “Ungabokudela umqulu iiyadi ungazibalanga!” (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2015) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 15 11.9 UMaginyinyathi woyiswe sesona silwanyana singathenjwanga sisizelekayo / Ibali liphela uMaginyinyathi obesoyikwa zizilwanyana esoyiswa sesona silwanyana sincinci ngokomzimba.  [Nayiphi na kwezi] (2) 11.10 KweleMpumaKoloni  (1) 11.11 Ngembali  (1) 11.12 Wayithimba kumaLawu, kwaliwa bangenelela abaThwa, waza uRharhabe wayithenga ngeenkomo.  (1) 11.13 Uphindaphindo kwisitanza sesi-2 / ukubonga intaba / isiphelo  [Nasiphi isibini kwezi] (2) 11.14 Kukunyukela kwezehlo ukuya kwinqanaba eliphezulu.  (2) 11.15 Wempumlo /wevumba  (1) 11.16 Ziindlebe  (1) 11.17 Imvano-siqalo  (1) AMANQAKU ECANDELO: 25 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
16 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2015) UMBUZO 12 (UMBUZO OMDE) AMAZA: Z.S. Qangule Umfundi unokuchankcatha kwezi ngongoma zilandelayo:  UDanile ukhethela uNamhla isoka elinguSidima. UNamhla ukhaba ngawo omane njengoko engumntwana wala maxesha okwaziyo ukuzithathela izigqibo.   Oku kubonisa ukuba ulivinjiwe ilungelo lokuzikhethela undofa naye.   UNamhla ubonakalisa ukuwuchasa lo mtshato ngokuthi abenomsindo de ayigxeke nale mpahla azokwendiswa ngayo. Akayifaki kakuhle nasetyesini, koko uyayinyhala. Nale tyesi uyayigxeka, uthi ingathi yeyamajoyini.   Ubonakala engqunga entangeni yakhe ngenxa yomsindo.   ULizo, isinqanda-mathe sikaNamhla sifika entangeni yakhe kwaDanile simfake umsesane ukubonisa ukuba uyamthanda kwaye unqwenela ukuba abe ngumfazi wakhe nangona nje kowabo enyanzelwa ngoSidima.   Kuyacaca ukuba uNamhla oyena mntu amthandayo nguLizo lo, waye ngoyena mntu ebecinga angachitha ubomi bakhe naye.   Ngokwenkcubeko yethu akulindelekanga ukuba intombi eyendayo ibonwe nelinye isoka njengoko selesaziwa njengomfazi wamathile.   Oku kungena kukaLizo kwaDanile eye kuNamhla owendela kwenye indoda, kubonisa ngokuphandle ukuba akalifuni nokulibona isoka anyanzelwa ngalo.   UDanile uyavutha ngumsindo kuba ebona uNamhla noLizo bethandana entangeni yentombi yakhe.   Esi senzo sibonisa ukunyhashwa kwelungelo lakhe njengomzali owendisayo kwaye esabambelele kumasiko nezithethe zakwaNtu.   Kuthi ngenxa yokungaboni ngasonye noNamhla,uDanile abhenele kumaBhele ngokubanzi ngethemba lokubuyisela ilungelo nesidima sakhe sobuzali.   Iye yangumnqa xa nawo amaBhele engaboni ngasonye,wambi evumelana noDanile,wambi exhasa ukuba uNamhla azikhethele undofanaye.   Ukungawufuni kwakhe uNamhla lo mtshato ukubonakalisa nangethuba sele etshatiswe ngenkani noSidima. Oku ukubonakalisa ngeentetho zakhe kuSidima ngobusuku ekwakuza kusa ebuyela eRhawutini uSidima. Ude athi, ngelingagwegweleziyo, nangatyhutyhiyo ndithi ndikhulule, ndilibale.”   USidima naye ulixhoba lokutshintsha kwamaxesha ngokubonelwa umfazi.   UNamhla uthandana phandle noLizo, akabakhathalelanga abantu bomzi wakhe ngakumbi uninazala umaNdaba.   Ukhaba ngawo omane uNamhla kwakuthethwa ngesiko lokungenwa kuba ebhujelwe yindoda. Le nto imenza uNamhla abonakale njengomlinganiswa ongeambeko ngokwendlela athetha ngayo nabantu bomzi wakhe.  Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2015) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 17  Akayeki ukuthandana noLizo nangoku sele ezilile de alabele ngokumitha.   Kwelinye icala uLizo naye ubonelwa umfazi ngokwesithethe okanye inkcubeko yakwaNtu, ngabazali bakhe. Oko akakuginyi kwaphela njengoko ephila kweli xesha lokhanyo, ufuna intombi esenyongweni kuye, uNamhla.   Oku kubonelwa kwakhe umfazi kudale izothe emfazini wakhe onguZodwa. Umthuka ngobuxelegu nobuvila. Emveni koko uyamgxotha.   Akuba egxothiwe ubalekela kuSidima eRhawutini, ze uLizo wamlandela ukuze amcime igama noSidima lowo.   NoZodwa ulixhoba lesithethe nenkcubeko yakwaNtu kuba wendiselwa ngenkani kuLizo kuba ekhulelwe.   Oku kutshintsha kwamaxesha kube ngunozala wokusweleka kwabalinganiswa abathile bengenatyala, abafana noZodwa waseBhayi noDuma.  [25] UMBUZO 13 (UMBUZO OMFUTSHANE) 13.1 Kusendlwini kaNamhla noSidima  Ibangelwa kukuba uNamhla engafuni kuzibandakanya kulo mtshato kuba enalo awufunayo wakhe noLizo.  [Nasiphi na kwezi] (1) 13.2 Sisekubeni uZodwa abathetha ngaye uza kulandelwa ngusathana adutyulwe eseluhambeni eGoli.  (1) 13.3 UNamhla akawufuni lo mtshato uyagqwagqweleka ukanti uSidima yena usacinga ukuba ungaphinda ulunge upholile okomntu ongenasazela santo.   (2) 13.4 Yeyangaphandle  Ulwimi abalusebenzisayo lubonakalisa ukungavisisani kwinto abaxoxa ngayo.  (2) 13.5 Uzobo ngokumayana /A. /A. uzobo ngokumayana  (1) 13.6 Utyhilo-ndaba / ukuyondelelana kwezinto / ukujiya kwezinto  [Nayiphi na kwezi] (1) 13.7 Ukugxothwa kukaZodwa nguLizo akubona eli lifa lalo mntwana  ukufa kukaZodwa edutyulwa nguLizo ekwaSidima  / ukufa kukaDuma engenatyala  (Naziphi ezibini kwezi) (2) 13.8 Kukusibonisa ngantlanye ukuba akukho nto iza kulunga kulo mtshato wesi sibini kwaye akunakuze kuhlaliswane ngokonwaba.  (2) 13.9 Wayeye kuphanda umbulali kaDuma noZodwa  (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
18 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2015) 13.10 Asixelela isimo sentlalo malunga nendawo nexesha ekuncokolwa ngalo nguSilumko noMalimakhwe / Anika imiyalelo yeqonga malunga namalungiselelo aseqongeni okwenza esi simo sentlalo.  (2) 13.11 Ungumntu onobunono ngomsebenzi wakhe  (2) 13.12 Wabona inyaniso yokuba uNamhla kanti ngumntwana kaMalimakhwe  (2) 13.13 Unesiphelo esothusayo kuba uMalimakhwe ubanjwa ngumyeni wakhe/ Amagqobhoka aphazamisa isiko likaNtu afumana ukuwongwa ngokuphazamisa isiko  (2) 13.14 Ngumyalezo wokuba abacuphi benza zonke iinzame xa befuna ukuncina ulwazi emntwini / ngowokuba ungabokucinga ukuba xa uphanda ezabanye abantu izinto eyakho ayizi kuvela.  (2) 13.15 Uzame ukubuyisa uSidima noZodwa eSwazini ngokuba athi kunyanzelekile ukuba baye kubeka ilitye engcwabeni likaDuma ukuze angabahluphi ngomoya.  Umemela abeengubo namagqobhoka emangcwabeni noSidima noZodwa kodwa bengazi, babhaqana phaya ukuze kuvele inyaniso.  (2) 13.16 Bavezwa njengabantu abafihla amabibi uZodwa unomntwana kaSidima /uNamhla wakhe wathandana noDuma /uMalimakhwe unabantwana angabavezanga kuSilumko /uMadlaminin uyayifihla kuNamhla ukuba umfumene phi.  [Nayiphi echanekileyo] (2) [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2015) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 19 UMBUZO 14 (UMBUZO OMDE) A!a-a Jongumsobomvu: B.B. Mkonto Umfundi uya kuchankcatha kwezi ngongoma zilandelayo:  UFilipu usingela phantsi inkcubeko yabamnyama ngelithi yintlalo yokuzibhubhisa.   Abafazi abaguqukileyo abafana nooMamCirha abasasili emizini yabo, abasaqabi xa besiya emidudweni. Abefundisi loo nto bayibona njengobuhedeni.   Abafazi baguqulwa amagama banikwa awobuKrestu umz: Inkosikazi kabaw’uMntlane  enguNowayini bamthiye igama lokuba nguMary.   Ukusingelwa phantsi kwenkcubeko yabantsundu ngabamhlophe kubangele ukuba abafazi bangawahloniphi amadoda abo nemizi yabo.   Abamhlophe bangena ngevangeli kumhlaba wamaXhosa, bonyelisa zonke izinto ezenziwa sesi sizwe besithi zezobuhedeni.   Abefundisi babahambisa namajoni ngelokubakhusela. Xa besasaza ivangeli kwelinye icala, amajoni eba iinkomo zabaNtsundu nomhlaba. Esi senzo sidala ukungavisisani phakathi kwezi ntlanga zombini. Maxa wambi kufa abantu ngelixa kuthathwa imfuyo ngobusela.   UMaqoma inkosi akavumi kugoba uphondo. Qho emva kokuhlaselwa kwamaXhosa, ulanda ekhondweni namahlakani akhe, baye kuphuthuma ezo nkomo, bafike bahlasele ngelokuziphindezela kula maNgesi. Le milo idala unxunguphalo olukhulu.   UBawana uhlaselwa liphakathi lakhe uQuka lincediswa ngamaNgesi, senzo eso samcaphukisa kakhulu uMaqoma, sabangela ukuba akhokele umkhosi wakhe ukuya kuziphindezela,kwaliwa idabi kwaba kubi. Ngeli lixa angekhoyo phakathi kwekhaya uvule umtyhi wokuba abefundisi bangene ngelithi bazisa ivangeli.   Bafumana ithuba lokuzisa utata kaMaqoma uNgqika nongumlwelwe bagunyazisa uMaqoma ukuba awushiye loo mhlaba wakhe kuba befuna ukwakha izikolo neecawa zabo kuwo.   Iintshumayelo zabaMhlophe xa befuna ukubhunyula umhlaba wamaXhosa umongo wazo ubungokoyikisa abantu abantsundu ngokuba baza kugwetywa, batshe kwesimnyama isihogo ngomhla omkhulu.   Ukungena kwamaphakathi kankosi uBawana anjengooQuka kwinkolo yobuKrestu kuphembelele intlekele yokuba benooMngxongo babulale inkosi yabo kuba bethenjiswa ngewonga lokuba obu bukhosi babaThembu buya kuwela kubo bona bangamagqobhoka.   Inkolo yobuKrestu egqubayo kumhlaba wakhe unkosi uMaqoma iyamxhalisa kuba uva ukuba kukho nezinto ezibhalwayo ngobuzwe ngumkhosi wemithika, exhaliswa kukubulawa kobuzwe bamaXhosa kuba akazi ukuba kunokuba kubhalwa ntoni ngentlalo yamaXhosa jikelele, amasiko nezinyanya zawo njengokuba beyinyevulele yonke into enexabiso kumntu ontsundu.   Njengethandazwe uMaqoma soloko ekuxhalele ukurhwaphilizwa komhlaba wakhe phantsi kwenkolo yobuKrestu kuba behleli nje abamhlophe basoloko befuna indawo yokukhonzela.  [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
20 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2015) UMBUZO 15 (UMBUZO OMFUTSHANE) A!-a-a! Jongumsobomvu! − B.B.Mkonto 15.1 eRhini kwinkampu yamajoni  (1) 15.2 Ngobunyangaza babamhlophe /Icebo labamhlophe lokuthabatha umhlaba neenkomo zabaMnyama.  [Nayiphi na kwezi] (2) 15.3 Siyafana kuba bobabini bangabantu abaneenjongo ezifanayo, bobabini bangoontliziyo ilukhuni  (2) 15.4 NguMaqoma  (1) 15.5 Kukuhluthwa kwabo umhlaba kumana kusetyenziswa abefundisi / (1) Kukuthathwa kweenkomo zabo behleli / (1) Kukuhluthwa amasiko nezithethe ngelithi kuziswa ukhanyo  (1) 15.6 A. /uzobo ngokumanyana /A. uzobo ngokumanyana  [Nayiphi kwezi] (1) 15.7 Sikwinqanaba lokutyhilwa kwezinto  (1) 15.8 Kukugula kukaNgqika ade afe,  kukuthinjwa kwemihlaba yabamnyama / yimpathekombi yabamnyama kumhlaba wabo  [Nasiphi na isibini] (2) 15.9 Kukunika ulwazi okanye imbali malunga nendlela abamnyama abaphucwa ngayo ilizwe labo/ indlela abaMhlophe abawurhwaphiliza ngayo umhlaba kweli  (2) 15.10 Kukucwangcisa indlela abazokwenza ngayo ukuthimba umhlaba nemfuyo  (2) 15.11 Kukubonisa imeko akuyo umlinganiswa  Kukubonisa intshukumo yabalinganiswa (2) 15.12 Iinkolo zabalinganiswa/ indlela abaqhuba ngayo amasiko abo / ixesha ezimbalini  [Nasiphi isibini kwezi] (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2015) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 21 15.13 Kukuba abantu mabanganikezeli lula ngezinto zabo /Mabayilwele into eyiyeyabo  [Nayiphi na kwezi] (2) 15.14 Umenze ngeentetho wangumntu oqinileyo malunga nokuwlela umhlaba welizwe lakhe / Ngezenzo zakhe ungumntu okuchasileyo ukuhluthwa komhlaba wabo kodwa unentobeko kwiinkonde umzekelo uyise uNgqika ubemthobela ngamaxesha anzima efuna ukuwulwela umhlaba wakhe.  [Nayiphi na kwezi] (2) [25] AMANQAKU ECANDELO C: 25 AMANQAKU EWONKE: 80 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
22 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2015) 6.1 ISIHLOMELO A: IRUBRIKI YOKUMAKISHA ISINCOKO SESIHOBE ICANDELO A: IRUBRIKI YESINCOKO SONCWADI: ISIHOBE [10 AMANQAKU] Imiqathango Egqwesileyo Esemagqabini Eyanelisayo Eyinxalenye Engaphumelelanga neqaqambileyo nefanelekileyo UMXHOLO 8–10 6–7 4–5 2–3 0–1 -Isihloko sitolikwe -Ubonisa ukuqonda Isihloko sitolikwe -Ayanelisi indlela -Akanalwazi kwaphela Ukuhlalutywa kwesihloko, ngokunzulu. nokutolika kakuhle ngokwanelisayo ekutolikwe ngayo ngesihloko. ubunzulu bengxoxo, -Iingxoxo ezinomtsalane isihloko okanye umbuzo. -Akho amanqaku axhasa isihloko/umbuzo. -Impendulo ayikho indlela azakuzela ngayo ezixhaswe -Impendulo inazo isihloko kakuhle. -Anqongophele kakhulu mxholweni wesihobe. ingxoxo, ukuwulandela ngokuvokothekileyo iinkcukacha ezanelisayo. -Ezinye iingxoxo amanqaku okuxhasa -Impendulo ibonisa kakuhle umhobe. kusetyenziswa isihobe. -Izimvo ezibambekayo zixhasiwe nangona isihloko. ukulambatha kulwazi -Impendulo ibonisa ulwazi zinikiwe nangona ingezizo ingezizo zonke ezixhaswe -Impendulo ibonisa lwesihobe. 7 AMANQAKU olugqwesileyo lwesihobe. zonke nje ezixhaswe ngokwanelisayo. ukuqhwalela kulwazi njengoko kufanelekile. -Impendulo ibonisa ulwazi lwesihobe. -Impendulo ibonisa ulwazi olusisiseko lwesihobe. lwesihobe. ISAKHIWO NOLWIMI -Isakhiwo siyathungelana. -Isakhiwo sicacile kwaye -Bukho ubungqina -Isakhiwo sibonakalisa -Isakhiwo sife amanqe. -Ingxoxo ixongxwe kuhle ingxoxo iyathungelana besakhiwo. iziphene zoyilo. -Iziphene zolwimi kwaye zikhuliswe kakuhle. -Isincoko sibonakalisa -Ingxoxo ezingamkelekanga konke 3 AMANQAKU ngokugqwesileyo -Ukuthungelana ukusilela kukuthungelana ayicwangciswanga konke nesimbo nangokucacileyo. kwengxoxo nokunamathelana ngokukuko. esingachanekanga. -Ulwimi, ithoni nesimbo kuyalandeleka. kwezimvo. -Bukho ubungqina sokubhala zivuthiwe, -Ulwimi, ithoni nesimbo -Iziphene zolwimi beziphene zolwimi. zinomtsalane, sokubhala zichanekile zimbalwa, ithoni nesimbo -Ithoni nesimbo zichanekile. ubukhulu becala. sokubhala zichanekile sokubhala -Igrama upelo ikakhulu. azichanekanga. neziphumlisi azinaziphene kwaphela. AMANQAKU 8–10 6–7 4–5 2–3 0–1 QAPHELA: Ukuba umviwa uwutyeshele ngokupheleleyo uMxholo, suka wabhala isincoko esiya sephepa lesithathu, mnike u-0 kuMxholo, iSakhiwo noLwimi Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2015) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 23 ISIHLOMELO B: AMACANDELO B NO C: IRUBRIKI YOKUHLOLA ISINCOKO SONCWADI- INOVELI NEDRAMA [25 AMANQAKU] Imiqathango Egqwesileyo Esemagqabini Eyanelisayo Eyinxalenye Engaphumelelanga neqaqambileyo nefanelekileyo UMXHOLO 12–15 9–11 6–8 4–5 0–3 -Impendulo igqwesile. -Ubonisa ukuqonda -Impendulo iphakathi, -Buncinane ubungqina -Buncinci kakhulu 14–15 nokutolika kakuhle asiyiyo yonke imiba obubonakalisa ukusazi ubungqina obububo 15 AMANQAKU -Impendulo ebalaseleyo. isihloko okanye umbuzo. ekungenwe kuyo nzulu. isihloko yaye kunqabile ukuqonda isihloko. 12-13 -Impendulo inazo -Akho amanqaku ukungena nzulu kwimiba -Iimpendulo zisilele -Ukutolikwa okunzulu iinkcukacha ezanelisayo. asixhasa ekubhalwa ngayo. kakhulu ukuphendula kwesihloko Izimvo ezibambekayo ngokufanelekileyo isihloko -Ambalwa amanqaku umbuzo. -Iingxoxo ezinomtsalane zinikiwe nangona ingezizo -Ezinye izimvo zixhasiwe axhasa isihloko. -Izimvo zibekwe ezixhaswe zonke nje ezixhaswe kodwa ubungqina -Iimpendulo ngendlela engacacanga ngokuvokothekileyo njengoko kufanelekile. abusoloko busamkeleka. ezichanekileyo zimbalwa konke konke. kusetyenziswa uncwadi. -Impendulo ibonisa ulwazi -Ulwazi lwejenre/netekisi kakhulu. -Alukho kwaphela ulwazi -Ukuqonda okubalaseleyo lwejenre netekisi. alugqibelelanga. -Luncinane ulwazi lwejenre netekisi. kwejenre netekisi. ngejenre netekisi. ISAKHIWO NOLWIMI 8–10 6–7 4–5 2–3 0–1 -Isakhiwo siyathungelana. -Isakhiwo sicacile kwaye -Bukho ubungqina -Isakhiwo sibonakalisa -Ukungabikho koyiloo -Intshayelelo nesiphelo ingxoxo iyathungelana besakhiwo iziphene zoyilo. kwenza ukuba 10 AMANQAKU esigqwesileyo. kakuhle. obungagqibelelanga. -Izimvo azithungelelani kungabikho -Ingxoxo yakheke -Intshayelelo nesiphelo -Unamathelelwano kakuhle. thungelelwano lwezimvo. ngokufanelekileyo yaze kunye nemihlathi nothungelelwano -Iziphene zolwimi -Iimposiso zolwimi yakhuliswa ngokucacileyo zicwangciswe ngendlela lwezimvo lukho, kodwa ziyabonakala. nesimbo sokubhala esife -Ulwimi, ithoni nesimbo edala uthungelwano. kukho iziphene. -Ithoni nesimbo amanqe kwenza sokubhala sivuthiwe, -Izimvo zithungelana -Zikho iziphene zolwimi sokubhala ukungavakali sinomtsalane, ngokuchanekileyo. ezithile, ithoni, nesimbo asichanekanga. kokubhaliweyo. sichanekile. -Ulwimi, ithoni nesimbo sokubhala sichanekile -Imihlathi ineziphene. -Ayichanekanga ithoni sokubhala sisetyenziswe ikakhulu. nesimbo sokubhala Ngokuchanekileyo -Imihlathi ichanekile -Ulwakhiwo lwemihlathi ikakhulu. ikakhulu. ludlakadlaka. UMMANDLA 20–25 15–19 10–14 5–9 0–4 QAPHELA: Ukuba umviwa uwutyeshele ngokupheleleyo umxholo, suka wabhala isincoko esiya sephepha lesithathu, mnike u-0. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
24 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/SEPTEMBA 2015) ISIHLOMELO B: ICANDELO B: IRUBRIKI YOKUHLOLA ISINCOKO SONCWADI- UNCWADI LWEMVELI [25 AMANQAKU] Imiqathango Egqwesileyo Esemagqabini Eyanelisayo Eyinxalenye Engaphumelelanga neqaqambileyo nefanelekileyo UMXHOLO 12–15 9–11 6–8 4–5 0–3 -Impendulo igqwesile. - Ubonisa ukuqonda -Impendulo iphakathi, -Buncinane ubungqina -Buncinci kakhulu 14–15 nokutolika kakuhle asiyiyo yonke imiba obubonakalisa ukusazi ubungqina obububo 15 AMANQAKU -Impendulo ebalaseleyo. isihloko okanye umbuzo. ekungenwe kuyo nzulu. isihloko yaye kunqabile ukuqonda isihloko. 12-13 -Impendulo inazo -Akho amanqaku ukungena nzulu kwimiba -Iimpendulo zisilele -Ukutolikwa okunzulu iinkcukacha ezanelisayo. asixhasa ekubhalwa ngayo. kakhulu ukuphendula kwesihloko Izimvo ezibambekayo ngokufanelekileyo isihloko -Ambalwa amanqaku umbuzo. -Iingxoxo ezinomtsalane zinikiwe nangona ingezizo -Ezinye izimvo zixhasiwe axhasa isihloko. -Izimvo zibekwe ezixhaswe zonke nje ezixhaswe kodwa ubungqina -Iimpendulo ngendlela engacacanga ngokuvokothekileyo njengoko kufanelekile. abusoloko busamkeleka. ezichanekileyo zimbalwa konke konke. kusetyenziswa uncwadi. -Impendulo ibonisa ulwazi -Ulwazi lwejenre/netekisi kakhulu. -Alukho kwaphela ulwazi -Ukuqonda okubalaseleyo lwejenre netekisi. alugqibelelanga. -Luncinane ulwazi lwejenre netekisi. kwejenre netekisi. ngejenre netekisi. ISAKHIWO NOLWIMI 8–10 6–7 4–5 2–3 0–1 -Isakhiwo siyathungelana. -Isakhiwo sicacile kwaye -Bukho ubungqina -Isakhiwo sibonakalisa -Ukungabikho koyiloo -Intshayelelo nesiphelo ingxoxo iyathungelana besakhiwo iziphene zoyilo. kwenza ukuba kungabikho 10 AMANQAKU esigqwesileyo. kakuhle. obungagqibelelanga. -Izimvo azithungelelani thungelelwano lwezimvo. -Ingxoxo yakheke -Intshayelelo nesiphelo -Unamathelelwano kakuhle. -Iimposiso zolwimi nesimbo ngokufanelekileyo yaze kunye nemihlathi nothungelelwano -Iziphene zolwimi sokubhala esife amanqe yakhuliswa ngokucacileyo zicwangciswe ngendlela lwezimvo lukho, kodwa ziyabonakala. kwenza ukungavakali -Ulwimi, ithoni nesimbo edala uthungelwano. kukho iziphene. -Ithoni nesimbo kokubhaliweyo. sokubhala sivuthiwe, -Izimvo zithungelana -Zikho iziphene zolwimi sokubhala -Ayichanekanga ithoni sinomtsalane, ngokuchanekileyo. ezithile, ithoni, nesimbo asichanekanga. nesimbo sokubhala sichanekile. -Ulwimi, ithoni nesimbo sokubhala sichanekile -Imihlathi ineziphene. -Ulwakhiwo lwemihlathi sokubhala sisetyenziswe ikakhulu. ludlakadlaka. Ngokuchanekileyo -Imihlathi ichanekile ikakhulu. ikakhulu. UMMANDLA 20–25 15–19 10–14 5–9 0–4 QAPHELA: Ukuba umviwa uwutyeshele ngokupheleleyo umxholo, suka wabhala isincoko esiya sephepha lesithathu, mnike u-0. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all
isiXhosa HL Grade 12 Paper 2 Eastern Cape Mock 2015 Memo | Hlayiso