Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 1 NW June 2025 Memo

MemorandumisiXhosa HLGrade 12202510 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 1 memorandum from the NW June Exam 2025, 10 pages. Read online or get the free PDF download, question paper linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Loading document…

Loading document…

NW June Exam 2025

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LOKUQALA (P1) EYESILIMELA 2025 ISIKHOKELO SOKUMAKISHA AMANQAKU: 70 Olu viwo lunamaphepha ali–10. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 2 NW/EyeSilimela/2025 Ibanga 12 – Isikhokhelo sokumakisha QAPHELA  Esi sikhokelo sokumakisha senzelwe ukuba sibesisikhokelo kubamakishi.  Asenzelwanga ukuba sibe ngummiselo ogqibeleleyo.  Iimpendulo zabafundi mazithathelwe ingqalelo ngokuchaneka kwazo.  Iimpendulo mazihlolwe ngokupheleleyo namanqaku anikelwe apho kufuneka anikezelwe khona ngokwezigqibo ezithatyathwe kwintlanganiso yokubeka umakisho emgangathweni.  Isikhokelo sokumakisha siya kuxoxwa phambi kokuba kuqalwe ukumakishwa. IMIYALELO KUBAMAKISHI Umakisho lwesicatshulwa sokuqonda:  Ngenxa yokuba kugxininiswa ekufundeni ngokuqonda, akufanelekanga ukuba upelo olugwenxa neemposiso zolwimi kwiimpendulo zezivakalisi zinyityelwe amanqaku ngaphandle kokuba ezo ziphene zitshintsha intsingiselo yempendulo elindelekileyo. Iimposiso ezikhoyo maziqatshelwe ngokukrwelelwa.   Kubaviwa abasebenzisa amagama athatyathwe kolunye ulwimi ngobunjalo bawo, olungesiso isiXhosa, musa ukuwathathela ingqalelo lawo magama anjalo, kananjalo banganyityelwa manqaku xa ngaba iimpendulo ezinikiweyo zinembadla. Ngokunjalo ukuba igama elisuka kolunye ulwimi lusetyenziswe kwitekisi kwaye impendulo ifuna elo gama, oko kwamkelekile.   Kwimpendulo apha ziliqela iimpendulo ezichanekileyo akunikwa manqaku ngeempendulo ezingu-EWE/HAYI, NDIYAVUMA/ ANDIVUMELANI kuphela. Anikwa kuphela ngezizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo.   AKUNIKWA manqaku ngeempendulo ezingu-YINYANI/BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO kuphela. Anikwa kuphela ngezizathu/ ukuxhasa/nokuzakuzela impendulo.   Apho kulindeleke iimpendulo ezigama linye aze umviwa anike isivakalisi, nika amanqaku ukuba ngaba igama elifanelekileyo likrwelelwe umgca ngaphantsi okanye ligqanyisiwe.   Kwimibuzo apho kulindeleke iimpendulo ezimbini/ezintathu, aze umviwa adwelise uluhlu lweempendulo, makisha kuphela ezimbini/ezintathu zokuqala.   Iilwimi zengingqi neziyelelani zesiXhosa zamkelekile.  Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, makwamkelwe zombini, ukutsho oko unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokuzeleyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 3 NW/EyeSilimela/2025 Ibanga 12 – Isikhokhelo sokumakisha ICANDELO A: UVAVANYO LOKUQONDA UMBUZO 1: UKUFUNDELA INTSINGISELO NOKUQONDA 1.1 Busekwe phezu komntu osisidalwa esinamabhongo aphakamileyo. √ (1) 1.2 Ubomi kukuphila√√/Ubomi kukukhula √√ (2) 1.3 Kukungazi ukuba siqale phi na, sihambe phi na, siye kuthi ga phi na√ (1) 1.4 Uthetha ukuba asinalwazi ngelizwe labafileyo/akukho nto siyaziyo ngelizwe labafileyo. √√ (2) 1.5 Ukubeka ingca. √√/ukuhla nomcinga.√√ (2) 1.6 D √√/Ukuqhankqalaza √√ /D ukuqhankqalaza. √√ (Nayiphi na kwezi.) (1) 1.7 Luluvo kuba yindlela abubona ngayo yena mbhali ubomi. √√ (2) 1.8 Sisifaniso. √ (1) 1.9 Umntu ongomnye √√ /umntu ongenguye lo uthetha le nyaniso √√ / mntu wumbi √√ (2) 1.10 Ubuqaqawuli nommangaliso wesandi esenziwa ngumntu xa ethetha naxa ecula. √√ (2) 1.11 Ukubaluleka kwazo kuxhaphaka de kungabonakali ukubaluleka kwazo (Nayiphina impendulo echanekileyo) (2) 1.12 Izinto ezingakholelekiyo √√/ izinto ezingaqondakaliyo √√/ izinto eziyimimangaliso. √√ (2) 1.13 Yinkolo yobuKrestu √ (1) 1.14 Ewe inako, kuba bakho abantu abacinga ukuba ubomi kukuphefumla kuphela.√√ Inako, kuba ingamenza umntu azimisele ngakumbi kwizinto azenzayo, oko kukuthi ingamkhuthaza umntu.√√Umbhali uthi masiqwalasele ukuba ukutya esikuthengayo kusesexabisweni elililo xa amaxabiso ako esezantsi. √√ OKANYE Ayinako, kuba abantu abangenaxesha lankuthazo/oongantweni abanakubona kwamahluko. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) 1.15 Ukwithala leencwadi√/ usesikolweni√/usegumbini lokufundela√ (Nayiphina impendulo echanekileyo) (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 4 NW/EyeSilimela/2025 Ibanga 12 – Isikhokhelo sokumakisha 1.16 Yimfumba yeencwadi ezisecaleni kumfundi ekusafuneka ezifundile okanye azifundileyo. √√/ ukubekwa kwencwadi entloko ngumfundi. √√ (Nayiphi na kwezi.) (2) 1.17 Lo mntu ubonakala elele, ediniwe, oyisakele ngendlela le alele ngayo ude wabeka nencwadi entloko.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) 1.18 ‘Eyona nto ibangela ukuba ubomi bubemnandi, yile yokuba kufuneka sizabalaze siwe sivuka sicwangcise sizama ukuphuma phayaa, size kufumana laa nto.’ √√ (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 5 NW/EyeSilimela/2025 Ibanga 12 – Isikhokhelo sokumakisha ICANDELO B: USHWANKATHELO UMBUZO 2: UKUSHWANKATHELA NGAMAZWI AKHO Sebenzisa ezi ngongoma zingundoqo zilandelayo ekufuneka zibandakanywe ngabaviwa kwisishwankathelo njengesikhokelo. Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaleni iingongoma ezingundoqo. Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: Naziphi na iingongoma ezichanekileyo ezisi-7 ezibhalwe ngokomhlathi mazimakishwe. (Izivakalisi mazinamathelane.) IINGONGOMA EZICATSHULWE NGQO IINGONGOMA 1. Qiniseka ukuba indlela oziphatha 1. Indlela oziphethe nowenza ngayo nowenza ngayo izinto ilungile.. izinto ibalulekile kwaye mayibe yefanelekileyo. 2. Abantu abanondiliseko basoloko 2. Izihlonipheki okanye abantu bezolile kwaye abazenzi abahloniphekileyo basoloko ngokungxama izinto bebonisa umoya opholileyo kwabanye abantu, kwaye abatyhuthuzeli xa besenza imisebenzi yabo. 3. Kubalulekile ukuhleka empilweni 3. Ukuhleka kudlala indima enkulu yomntu kodwa akufunekanga ukude kubomi bethu, kodwa akulunganga uhleke isiqhazolo sentsini. ukuba ude ukubaxe oko. 4. Xa uhleli okanye uncokola 4. Zama ukuba ubanike isidima nomntu kubalulekile nesithozela abantu kwanezinto Zifundise ngokupheleleyo ukumhoya ukuhlonipha abanye zabo. abantu kunye nezinto zabo. 5. Nxiba iimpahla ezicocekileyo 5. Bonakalisa ukuba umnika inkathelo ezikwenza uzive undilisekile kwaye epheleleyo umntu ohleli noncokola ubukeka. naye. 6. Nxiba iimpahla ezicocekileyo 6. Indlela onxiba ngayo phakathi ezikwenza uzive undilisekile kwaye kwabantu mayibe yebukelekayo ubukeka. nefanelekileyo, ikunike isidima. 7. Yiba nomoya ophantsi ohamba 7. Yiba ngumntu obonakalisa nokuzimisela. ukuzithoba nozinikelayo emsebenzini. [70 amagama] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 6 NW/EyeSilimela/2025 Ibanga 12 – Isikhokhelo sokumakisha UKUBHALA NGOKOMHLATHI QAPHELA: Oku kulandelayo ngumzekelo nje kuphela. Akuvumelekanga kwaye makusetyenziswe ngobuchule. UMHLATHI Indlela oziphethe nowenza ngayo izinto ibalulekile kwaye mayibe yefanelekileyo. Izihlonipheki okanye abantu abahloniphekileyo basoloko bebonisa umoya opholileyo kwabanye abantu, kwaye abatyhuthuzeli xa besenza imisebenzi yabo. Ukuhleka kudlala indima enkulu kubomi bethu, kodwa akulunganga ukuba ude ukubaxe oko. Zama ukuba ubanike isidima nesithozela abantu kwanezinto zabo. Bonakalisa ukuba umnika inkathelo epheleleyo umntu ohleli noncokola naye. Indlela onxiba ngayo phakathi kwabantu mayibe yebukelekayo nefanelekileyo, ikunike isidima. Yiba ngumntu obonakalisa ukuzithoba nozinikelayo emsebenzini. [70 amagama] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 7 NW/EyeSilimela/2025 Ibanga 12 – Isikhokhelo sokumakisha UKUMAKISHWA KWESISHWANKATHELO Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaleni iingongoma ezingundoqo Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo:  Ulwabiwo-manqaku:  o Amanqaku asi-7 ngeengongoma ezisi-7. (inqaku ngengongoma nganye) o Amanqaku ama-3 olwimi. o Amanqaku ewonke: 10.  Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa besebenzise amazwi abo:  o 1−3 iingongoma ezichanekileyo: Nika inqaku eli-1 o 4−5 iingongoma ezichanekileyo: Nika amanqaku ama-2 o 6−7 iingongoma ezichanekileyo: Nika amanqaku ama-3  Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa becaphule.  o 6−7 amanqaku acatshulweyo: akunikezelwa nqaku olwimi. o 4−5 amanqaku acatshulweyo: nikezela inqaku libe li-1 lolwimi. o 2−3 amanqaku acatshulweyo: nikezela amanqaku ama-2 olwimi. QAPHELA:  Ubalo-magama o Abakorekishi kulindeleke ukuba baliqinisekise inani lamagama asetyenzisiweyo. o Musa ukuthabatha amanqaku ukuba umviwa akalibonakalisanga inani lamagama asetyenzisiweyo okanye ukuba inani lamagama libonakaliswe ngokungachanekanga. o Ukuba udlule kwinani eliqingqiweyo, funda de uye kusigqiba isivakalisi eso, ze ungakuhoyi okulandelayo. AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 8 NW/EyeSilimela/2025 Ibanga 12 – Isikhokhelo sokumakisha ICANELO C: IZAKHI NEMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI Umakisho IweCANDELO C  Upelo o Iimpendulo ezinegama elinye makamakishwe nokuba upelo lugwenxa, ngaphandle kokuba isiphene sitshintsha intsingiselo yegama. o Kwiimpendulo ezizivakalisi ezipheleleyo upelo olugwenxa malunyityelwe amanqaku ukuba impazamo ikwimigaqo yolwimi oluhlolwayo. o Xa kuhlolwa izifinyezi impendulo mayibonakalise ukusetyenziswa kweziphumlisi ngokuchanekileyo.  Ulwakhiwo kwizivakalisi malubhalwe ngemigaqo yegrama echanekileyo nangezivakalisi ezipheleleyo/ngokomyalelo.  Kwimibizo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokupheleleyo, iyamkeleka. UMBUZO 3: ISIBHENGEZO NTENGISO 3.1 Lubisi √ /ubisi √ (1) 3.2 Entsha. √ (1) 3.3 Kukomelela kwamathambo.√ (1) 3.4 Kukutsala abathengi babone ukuba le mveliso igqibelele. √√/igqibelele (2) 3.5 Olungeloloqobo. √√ (2) 3.6 C √/ C.zengqolowa √/zengqolowa. √ (1) 3.7 Kungakuncedisa, kuba umfanekiso uveze ngokucacileyo/ ngokungafihlakalanga/ngendlela etsala umdla okungaphakathi kwibhokisi yobisi.√√ OKANYE Akunokuncedisa, kuba umthengi angathandabuza ukuthenga ubisi oludityaniswe nengqolowa.√√/Akunokuncedisa, kuba ukutya ingqolowa akuhambelani nempilo yabanye abathengi.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 9 NW/EyeSilimela/2025 Ibanga 12 – Isikhokhelo sokumakisha UMBUZO 4: IKHATHUNI 4.1 Basegumbini lokuphekela √ kuba kukho imbiza netoti yokutya evuliweyo √/ Basekhitshini √ kuba uMa unxibe ifaskoti. √ (Nayiphi na kwezi.) (2) 4.2 Unomsindo. √ kuba ukhamise kakhulu.√/Unoxinzelelo√kuba kunamachaphaza abonisa uxinzelelo angasebunzi√ (2) 4.3 Kwisakhelo sokuqala uXola ubonakala emncinane kwaye esoyika, kanti, kwisakhelo sesibini mkhulu kwaye uphendula ngokuzithemba. √√ (2) 4.4 . B√/B uyathetha√ (1) 4.5 Kugoogle √ (1) 4.6 Abantu mabohlukane nokuthatha iimpendulo zikagoogle ngobunjalo bazo. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 10 NW/EyeSilimela/ 2025 Isikhokhelo sokumakisha Ibanga 12 UMBUZO 5: IPROZI 5.1 Ibixhaphakile √ (1) 5.2 Sibonakalisa ubuncinane ngokomyinge √√ sibonakalisa ubuncinane ngokobungakanani. √√ (2) 5.3 Ziphuhlisa ukuba asinguye wonke umntu onethamsanqa. √√ / Bambalwa abantu abanethamsanqa. √√/Ziphuhlisa ukuba kugqalwe abantu abathile. √√ Ziyabanga√ √/Zibonisa ubunini √√ (2) 5.4 Sisebenze njengesakhi sihlomelo sendawo. √ (1) 5.5 Uthemba uphawula izihlangu zakhe ngombala obomvu. √√/Utata uphawula iigusha. √√ (Nasiphi na isivakalisi esiphuhlisa intsingiselo eyahlukileyo kule ikwisicatshulwa iyakwamkeleka.) (2) 5.6 Inkumbula √ /Inginginya √ /Inyambalala √/inkitha.√ (Nayiphi na kwezi ) (1) 5.7 Ngokukholelekayo. √ (1) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all