You're offline
Skip to content
Question paper

IsiXhosa HL P3 Feb-March 2012_hlayiso.com_.pdf

Subject: Isixhosa HlGrade 1220127 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LESITHATHU (P3) FEBRUWARI/MATSHI 2012 AMANQAKU: 100 IXESHA: 2½ iiyure Olu viwo lunamaphepha asi-7. *XHOHL3* Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 2 DBE/Februwari–Matshi 2012 NSC IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMATHATHU: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathana emide (30) ICANDELO C: Imihlathana emifutshane (20) 2. Phendula umbuzo OMNYE kwicandelo NGALINYE. 3. Bhala ngolwimi obuzwe ngalo. 4. Qala icandelo NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uwucwangcise umsebenzi wakho (umzekelo: imephu yeengcinga/umzobo/imizobo ebonisa ukuthungelana kweziganeko/amagama angundoqo, njalo-njalo), wandule ukuwufundisisa uwuhlele. Kunyanzelekile ukuba uyilo LUKHOKHELE isincoko. 6. Kunyanzelekile ukuba zonke izicwangciso zakho uzibhale ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca kuyilo ngalunye. 7. Uyacetyiswa ukuba icandelo ngalinye ulabele ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: imizuzu engama-80 ICANDELO B: imizuzu engama-40 ICANDELO C: imizuzu engama-30 8. Nombola iimpendulo ngendlela izihloko ezinonjolwe ngayo kwiphepha lemibuzo. 9. Nika impendulo nganye isihloko esifanelekileyo. QAPHELA: Awabalwa amagama akwisihloko xa kubalwa amagama asetyenziswe kwisincoko/kumhlathana. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 3 DBE/Februwari–Matshi 2012 NSC ICANDELO A: IZINCOKO Khetha isihloko sibe SINYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso isincoko. Bhala amagama angama-390 kwisincoko ngasinye. UMBUZO 1 1.1 Amaphepha-ndaba aluncedo eluntwini. [50] 1.2 Ndithi ndakucinga loo mini ndiphele yintsini. [50] 1.3 Ikamva lakho lisezandleni zakho. [50] 1.4 Iindlela ezifanelekileyo ezinokusetyenziswa ukululeka abafundi ezikolweni. [50] 1.5 Indlala inamanyala. [50] 1.6 Iindlela zokuphila komntu omtsha. [50] 1.7 Khetha umfanekiso ube MNYE kule ingezantsi uze ubhale isincoko esinesihloko esifanelekileyo. 1.7.1 [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 4 DBE/Februwari–Matshi 2012 NSC 1.7.2 [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 5 DBE/Februwari–Matshi 2012 NSC ICANDELO B: IMIHLATHANA EMIDE Khetha umhlathana ube MNYE kule ilandelayo ubhale ngawo. Bhala amagama ali-120 (umxholo kuphela) ngomhlathana ngamnye. UMBUZO 2 2.1 ILETA YOBUHLOBO Umhlobo wakho osenyongweni akasebenzanga kakuhle ezifundweni zakhe. Akasafuni ukubuyela esikolweni. Bhala ileta umkhuthaze aphakame, kuba ikamva lakhe lisesikolweni. [30] 2.2 I-OBHITSHUWARI Uswelekelwe ngumzala wakho. Bhala i-obhitshuwari yakhe ngendlela efanelekileyo uzivelele zonke iinkalo zokubhalwa kwayo. [30] 2.3 INGXELO Ungomnye wabafundi ebebemele isikolo sakho kwingxoxo-mpikiswano yoLwimi lwesiXhosa. Nika ingxelo kubafundi. [30] 2.4 INQAKU ELIYA KUMHLELI Bhala inqaku njengomfundi okhathazekileyo eliya kumhleli ukhuphe imbilini nombono wakho ngabafundi abahla benyuka ezidolophini benxibe iyunifomu ngexesha lesikolo. [30] AMANQAKU ECANDELO B: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 6 DBE/Februwari–Matshi 2012 NSC ICANDELO C: IMIHLATHANA EMIFUTSHANE Khetha umhlathana ube MNYE kule ilandelayo ubhale ngawo. Bhala amagama ali-100 (umxholo kuphela) ngomhlathana ngamnye. UMBUZO 3 3.1 IKHADI LESIMEMO Yila ikhadi lesimemo eliya kumhlobo wakho ummemela kwitheko lokubhiyozela ukugqiba kwakho iminyaka engama-21 uzelwe. [20] 3.2 IPOWUSTI-KHADI Uthe wakufumana iziphumo zakho zokuphumelela unyaka wokugqibela eYunivesithi, wacinga ngomama wakho obesiwa evuka nawe, esenza amatiletile okuba ufunde. Mthumele umyalezo wombulelo ngepowusti-khadi. [20] 3.3 UKUGCWALISA IFOMU Ubhalisele ukuqhubeka nezifundo zakho kwenye yeeYunivesithi zoMzantsi Afrika. Gcwalisa le fomu uze ubhale ngezivakalisi ezipheleleyo. (Fumana ifomu kwiphepha elilandelayo). [20] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 7 DBE/Februwari–Matshi 2012 NSC A. IINKCUKACHA NGAWE IFANI: ………………………………………….. AMAGAMA: ………………………………………….. IDILESI YASEKHAYA: ………………………………………….. ………………………………………..… ………………………………………..… IDILESI YEBHOKISI YEPOSI: ………………………………………..… ………………………………………...... ………………………………………..…. INOMBOLO YOMNXEBA WASENDLWINI: ……………..………………….………… INOMBOLO YESELULA: …………………………………..……… INOMBOLO YESAZISI: ………………………………………….. B. IZIFUNDO OKHETHE UKUZENZA EYUNIVESITHI 1. Izifundo obhalisele ukuzenza. ………………………………………………………………………………………………... 2. Yintoni ekuqhubele ukuba ubhalisele ezi zifundo? ………………………………………………………………………………………………... 3. Ulufumene njani ulwazi ngezi zifundo? ……………………………………………………………………………………………..…. 4. Uza kufundela esiphi isidanga? ….…………………………………………………………………………………….….…. 5. Mingaphi iminyaka ekufanele uyithathe xa usifundela? …..…………………………………………………………………………………………... 6. Ziziphi izifundo ekulindeleke ukuba uzifunde ukuze ube usigqibile? …..……………………………………………………………………………………….….. …..……………………………………………………………………………………….….. …..…………………………………………………………………………………………... 7. Chaza amalungiselelo nezicwangciso zakho zexesha elizayo? …...………………………………………………………………………………..……….... .…..…………………………………………………………………………………..…….... ………………………………………………………………………………………..…….... Intsayino-gama: ………………………. Umhla: .………………..Unyaka: …….………. [20] AMANQAKU ECANDELO C: 20 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 12 Isixhosa Hl

Explore more published documents in this catalogue.

View all