Skip to content

isiXhosa FAL Grade 12 P3 Eastern Cape Mock 2017 QP

Question paperisiXhosa FALGrade 1220177 pages

Grade 12 isiXhosa FAL Paper 3 question paper from the Eastern Cape Mock Exam 2017, 7 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Eastern Cape Mock Exam 2017

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2017 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 AMANQAKU: 100 IXESHA: 2½ iiyure *XHOFA3* Olu viwo lunamaphepha ama-6.
2 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2017) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha linamaCANDELO AMATHATHU: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi emide (30) ICANDELO C: Imihlathi emifutshane (20) 2. Phendula umbuzo ube mNYE kwicandelo ngaliNYE. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala iCANDELO ngaliNYE kwiphepha ELITSHA. 5. Yenza UYILO (umzekelo, imephu yengqondo, isazobe okanye idayagram/ flowu tshathi/amagama angundoqo, njalo-njalo), hlela uze ufunde kwakhona umsebenzi wakho. Uyilo malubhalwe PHAMBI kokubhalwa kwetekisi nganye. 6. Wonke umsebenzi woyilo mawubhalwe ucaciswe ngolo hlobo. Uyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumla kulo lonke uyilo olwenzileyo. 7. Uyacetyiswa ukuba usebenzise imizuzu engama-  80 kwiCANDELO A.  40 kwiCANDELO B  30 kwiCANDELO C. 8. Bhala iimpendulo zakho ngokuchanekileyo ngokwendlela yokunombola esetyenziswe kwiphepha lemibuzo. 9. Nika impendulo nganye isihloko esichanekileyo. QAPHELA: Isihloko masingabalwa xa kubalwa amagama asetyenzisiweyo. 10. UBUDE BEEMPENDULO: ICANDELO A: Izincoko- Bhala isincoko esili-190–240 amagama. ICANDELO B: Imihlathi emide- Bhala ama-80–100 amagama. [umxholo kuphela] ICANDELO C: Imihlathi emifutshane- Bhala ama-60–80 amagama. [umxholo kuphela] 11. Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2017) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo. Bhala amagama ali-190–240. Apho ungasinikwanga khona isihloko sinike. Khumbula ukuYILA. 1.1 Iziyobisi [50] 1.2 Andinakuze ndiphinde ndibamamele abahlobo [50] 1.3 Imali [50] 1.4 Itekhnoloji nemisebenzi [50] 1.5 Ukubaluleka kokulondolozwa kwendalo [50] 1.6 Xa ndinokuphumelela ibanga leshumi elinesibini emagqabini [50] 1.7 Khetha umfanekiso ube MNYE kule ingezantsi ubhale isincoko. Nika isihloko isincoko sakho. 1.7.1 [Uthathwe kwi-intanethi] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2017) 1.7.2 [Uthathwe kwi-intanethi] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2017) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 5 ICANDELO B: IMIHLATHI EMIDE UMBUZO 2 Khetha umhlathi ube mNYE kule ilandelayo Ubude mabube ngamagama angama- 80 ukuya kwi-100 (umxholo kuphela). Wubhale kwiphepha elitsha umhlathi lowo. Khumbula ukuYILA. 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhalela umhlobo wakho umbalisele ngetheko obumenywe kulo. [30] 2.2 I-OBHITSHUWARI Bhala iobhitshuwari yesihlobo sakho. [30] 2.3 INQAKU LEPHEPHANDABA Bhala inqaku lephephandaba lengingqi yakho unike iingcebiso malunga nokuziphatha ngexesha leeholide zikaDisemba. [30] 2.4 INGXOXO YABABINI/IDAYALOGU Bhala ingxoxo ephakathi kwabafundi ababini abaxoxa ngokubhatalwa nokungabhatalwa kwemali yokufunda edyunivesithi. [30] AMANQAKU ECANDELO B: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
6 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2017) ICANDELO C: IMIHLATHI EMIFUTSHANE UMBUZO 3 Khetha umhlathi ube mNYE kule ilandelayo. Bhala amagama angama-60 ukuya kuma-80 (umxholo kuphela). Wubhale kwiphepha elitsha umhlathi lowo Khumbula ukuYILA. 3.1 ISIBHENGEZO-NTENGISO Bhala isibhengezo-ntengiso semveliso efikayo kwishishini lakho. [20] 3.2 IPOSIKHADI Bhalela umakazi wakho iposikhadi umbalisele ngohambo lwakho kwilizwe laphesheya kolwandle. [20] 3.3 IZALATHISI Nceda umhlobo wakho osuka eNorth End Railway station umalathise indlela eya eNelson Mandela Bay Stadium ahambe ngesitalato iGovan Mbeki. [Ithathwe kuwww.mapstudio.co.za] [20] AMANQAKU ECANDELO C: 20 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa FAL

View all