Skip to content

isiXhosa FAL Grade 12 P3 Eastern Cape Mock 2013 QP

Question paperisiXhosa FALGrade 1220136 pages

Grade 12 isiXhosa FAL Paper 3 question paper from the Eastern Cape Mock Exam 2013, 6 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Eastern Cape Mock Exam 2013

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2013 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO – P3 AMANQAKU: 100 IXESHA: 2½ iiyure *XHOFA3* Olu viwo lunamaphepha ama – 6.
2 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO – P3 (SEPTEMBA 2013) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha linamaCANDELO AMATHATHU: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathana emide (30) ICANDELO C: Imihlathana emifutshane (20) 2. Phendula umbuzo ube mNYE kwicandelo ngaliNYE. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala ICANDELO ngaliNYE kwiphepha elitsha. 5. Yenza UYILO (umzekelo, imephu yengqondo, isazobe okanye idayagram/flowu tshathi/amagama angundoqo, njalo-njalo), hlela uze ufunde kwakhona umsebenzi wakho. Uyilo malubhalwe phambi kokubhalwa kwesincoko. 6. Wonke umsebenzi woyilo mawubhalwe ucaciswe ngolo hlobo. Uyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumla kulo lonke uyilo olwenzileyo. 7. Uyacetyiswa ukuba usebenzise imizuzu engama-80 ubuncinci KWICANDELO A. Imizuzu engama-40 KWICANDELO B nemizuzu engama-30 KWICANDELO C. 8. Bhala iimpendulo zakho ngokuchanekileyo ngokwendlela yokunombola esetyenziswe kwiphepha lemibuzo. 9. Nika impendulo nganye isihloko esichanekileyo. QAPHELA: Isihloko masingabalwa xa kubalwa amagama asetyenzisiweyo. 10. Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo. UBUDE BEEMPENDULO  ICANDELO A: Izincoko – Bhala isincoko esili-190 – 240 amagama.  ICANDELO B: Imihlathana emide – Bhala ama-80 – 100 lamagama [umxholo kuphela]  ICANDELO C: Imihlathana emifutshane – Bhala ama-60 – 80 amagama [umxholo kuphela]
(SEPTEMBA 2013) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO – P3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo. Bhala amagama ali-190 ukuya kuma-240. Sinike isihloko isincoko eso xa kukho imfuneko. 1.1 Imidlalo. [50] 1.2 Izinto ezenziwa kwingingqi yam ukukhupha ulutsha kubundlobongela nakwiziyobisi. [50] 1.3 Qabu ixhala ide yabe idlule nje lo mini! [50] 1.4 Kulungile na ukuba abantu abadala basuswe kwizihlalo zokuphatha? [50] 1.5 Xa ndinokuba ngusihlalo wombutho wabafundi. [50] 1.6 Liyinene elithi; “Indlovu ayisindwa ngumboko wayo.” [50] 1.7 Jonga lo mfanekiso ungezantsi uze ubhale isincoko. [50]
4 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO – P3 (SEPTEMBA 2013) 1.8 Jonga lo mfanekiso ungezantsi uze ubhale isincoko. [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50
(SEPTEMBA 2013) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO – P3 5 ICANDELO B: IMIHLATHANA EMIDE UMBUZO 2 Chonga umhlathana omde ube mNYE kuphela. Bhala ama-80 – 100 lamagama (umxholo kuphela). Wubhale kwiphepha elitsha umhlathana lowo. 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhalela umakazi wakho ophumelele isidanga sobongikazi uvuyisane naye. [30] 2.2 I-OBHITSHWARI Nilusapho nishiywe ngutatomkhulu wenu. Bhala i-obhitshuwari katatomkhulu wakho. [30] 2.3 UDLIWANO-NDLEBE Uyintatheli kamabonakude, bhala udliwano-ndlebe phakathi kwakho no-Oscar Pistorious. [30] 2.4 IMIZUZU NE-AJENDA Ungunobhala wombutho wabafundi esikolweni sakho. Bhala i-ajenda nemizuzu yentlanganiso ebeniyibambile. [30] AMANQAKU ECANDELO B: 30
6 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO – P3 (SEPTEMBA 2013) ICANDELO C: IMIHLATHANA EMIFUTSHANE UMBUZO 3 Bhala umhlathana omfutshane ube mNYE kweli Candelo. Umhlathana lowo ube ngamagama angama-60 – 80 ubude. Wubhale kwiphepha elitsha umhlathana lowo. 3.1 ISIMEMO Uza kugqiba iminyaka eli-18, bhala isimemo somhla wetheko lokuzalwa kwakho umeme abahlobo bakho. [20] 3.2 IPOSIKHADI Uvotelwe ngabafundi besikolo sakho kunye neetitshala njengomfundi ofanelwe yimbasa yomfundi ogqwesileyo kwizinto zonke ezenziwa kwisikolo sakho. Bhalela umhlobo wakho ophesheya iPosikhadi umxelele ngale nyhweba ethe yakwehlela. [20] 3.3 IMIYALELO Abafundi bebanga le-11 baza kubhala iimviwo zokuphela konyaka, babhalele imiyalelo yoviwo. [20] AMANQAKU ECANDELO C: 20 AMANQAKU EWONKE: 100

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa FAL

View all