Skip to content

isiXhosa FAL Grade 12 P3 Eastern Cape Mock 2015 QP

Question paperisiXhosa FALGrade 1220157 pages

Grade 12 isiXhosa FAL Paper 3 question paper from the Eastern Cape Mock Exam 2015, 7 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Eastern Cape Mock Exam 2015

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2015 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 AMANQAKU: 100 IXESHA: 2½ iiyure *XHOFA3* Olu viwo lunamaphepha asi-7.
2 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2015) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha linamaCANDELO AMATHATHU: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathana emide (30) ICANDELO C: Imihlathana emifutshane (20) 2. Phendula umbuzo ube mNYE kwicandelo ngaliNYE. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala ICANDELO ngaliNYE kwiphepha elitsha. 5. Yenza UYILO (umzekelo, imephu yengqondo, isazobe okanye idayagram/ flowu tshathi/amagama angundoqo, njalo-njalo), hlela uze ufunde kwakhona umsebenzi wakho. Uyilo malubhalwe phambi kokubhalwa kwesincoko. 6. Wonke umsebenzi woyilo mawubhalwe ucaciswe ngolo hlobo. Uyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumla kulo lonke uyilo olwenzileyo. 7. Uyacetyiswa ukuba usebenzise imizuzu engama- o 80 kwiCANDELO A. o 40 kwiCANDELO B o 30 kwiCANDELO C. 8. Bhala iimpendulo zakho ngokuchanekileyo ngokwendlela yokunombola esetyenziswe kwiphepha lemibuzo. 9. Nika impendulo nganye isihloko esichanekileyo. 10. Isihloko masingabalwa xa kubalwa amagama asetyenzisiweyo. 11. Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2015) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 3 ICANDELO A: ISINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo. Bhala amagama angama-260 ukuya kuma-300. Apho ungasinikwanga khona isihloko sinike. Khumbula ukuYILA. 1.1 Bhala isincoko esiphela ngamazwi athi, “Ndavakala ndikhwaza ndisithi kwakhe kwanje phi na?” [50] 1.2 Ikamva lomntu ngamnye lisezandleni zakhe. [50] 1.3 Umzali endinqwenela ukuba nguye ebantwaneni bam. [50] 1.4 Bhala isincoko esinesihloko esithi: Ubumnandi. [50] 1.5 Ukuphucuka kwemfundo elizweni lethu kuxhomekeke kuthi sonke. [50] 1.6 Ndaqonda loo mini ukuba ilizwi lomntu omdala alidliwa nja. [50] 1.7 Jonga lo mfanekiso ungezantsi uze ubhale isincoko. Sinike isihloko isincoko eso. [Ithathwe kwi-intanethi] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2015) 1.8 Jonga lo mfanekiso ungezantsi uze ubhale isincoko. Sinike isihloko isincoko eso. [Ithathwe kwi-intanethi] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2015) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 5 ICANDELO B: UMHLATHI OMDE UMBUZO 2 Khetha umhlathi omde ube mNYE kuphela. Bhala ama-80 – 100 amagama (umxholo kuphela). Wubhale kwiphepha elitsha umhlathi lowo. Khumbula ukuYILA. 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhalela umalume wakho ileta uphendula ebe kubhalele yona esithi kuwe mxelele ukuba ufuna esiphi isipho xa ubhiyozela ukugqiba iminyaka eli-18. [30] 2.2 I-OBHITSHUWARI Abamelwane bakho bashiywe ngumtshana wabo, bacele wena ukuba ubabhalele iobhitshuwari yakhe. Bhala iobhitshuwari leyo. [30] 2.3 IAJENDA NEMIZUZU Ungunobhala weqela lakho lezemidlalo, benibambe intlanganiso ebimalunga nokulungiselela ukuya kudlala kwitumente yephondo lakho. Bhala iajenda nemizuzu yaloo ntlanganiso. [30] 2.4 INTETHO Njengomfundi okwibanga le – 12, bhala intetho oza kuyenza ubulele iititshala zakho xa kusenziwa itheko lenu lokuthi ndlela-ntle kuni bafundi bebanga le-12. [30] AMANQAKU ECANDELO B: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
6 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2015) ICANDELO C: UMHLATHI OMFUTSHANE UMBUZO 3 Khetha umhlathi omfutshane ube mNYE kweli Candelo. Umhlathi lowo ube ngamagama angama-80 ubude. Wubhale kwiphepha elitsha umhlathi lowo. 3.1 IKHADI LESIMEMO Kwingingqi yakho kuza kubakho umnyhadala wekhonsathi yokuvala unyaka. Njengomququzeleli wezolonwabo, bhala isimemo umeme iingingqi eziningqongileyo ukuze zizimase le khonsathi. [20] 3.2 IPOSIKHADI Uthunyelwe eMelika yinkonzo yakho uye kumela ulutsha. Bhalela umama wakho iposikhadi umbalisele ngale ndawo ukuyo. [20] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2015) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 7 3.3 IZALATHISI Udibana nomzali osuka eVicky fields ofuna ukuya eForest Fields emi ngakwisango elikwisitalato iTrafalgar. Lo mzali akayazi indlela eya khona, mncede umalathise lo ndlela. [Ithathwe kwi- QC Information Guide] [20] AMANQAKU ECANDELO C: 20 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa FAL

View all