Skip to content

isiXhosa FAL Grade 12 P3 September Preparatory Exams 2016 QP

Question paperisiXhosa FALGrade 1220167 pages

Grade 12 isiXhosa FAL Paper 3 question paper from the September Preparatory Exams 2016, 7 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

September Preparatory Exams 2016

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2016 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 AMANQAKU: 100 IXESHA: 2½ iiyure *XHOFA3* Olu viwo lunamaphepha ama-6.
Downloaded from hlayiso.com 2 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2016) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha linamaCANDELO AMATHATHU: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi emide (30) ICANDELO C: Imihlathi emifutshane (20) 2. Phendula umbuzo ube mNYE kwicandelo ngaliNYE. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala iCANDELO ngaliNYE kwiphepha elitsha. 5. Yenza UYILO (umzekelo, imephu yengqondo, isazobe okanye idayagram/ flowu tshathi/amagama angundoqo, njalo-njalo), hlela uze ufunde kwakhona umsebenzi wakho. Uyilo malubhalwe phambi kokubhalwa kwetekisi nganye. 6. Wonke umsebenzi woyilo mawubhalwe ucaciswe ngolo hlobo. Uyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumla kulo lonke uyilo olwenzileyo. 7. Uyacetyiswa ukuba usebenzise imizuzu engama-  80 kwiCANDELO A.  40 kwiCANDELO B  30 kwiCANDELO C. 8. Bhala iimpendulo zakho ngokuchanekileyo ngokwendlela yokunombola esetyenziswe kwiphepha lemibuzo. 9. Nika impendulo nganye isihloko esichanekileyo. QAPHELA: Isihloko masingabalwa xa kubalwa amagama asetyenzisiweyo. 10. UBUDE BEEMPENDULO: ICANDELO A: Izincoko- Bhala isincoko esili-190–240 amagama. ICANDELO B: Imihlathi emide- Bhala ama-80–100 amagama. [umxholo kuphela] ICANDELO C: Imihlathi emifutshane- Bhala ama-60–80 amagama. [umxholo kuphela] 11. Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2016) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo. Bhala amagama ali-190–240. Apho ungasinikwanga khona isihloko sinike. Khumbula ukuYILA. 1.1 Kumnandi ukuba nabahlobo. [50] 1.2 Ubuntwana. [50] 1.3 Gqi umzali ndingalindelanga. [50] 1.4 Oomantshingilane/oosetyhurithi mababe khona ezikolweni. [50] 1.5 Ukubaluleka kolwazi. [50] 1.6 Xa ndinokuba ngumphathiswa wezemidlalo. [50] 1.7 Khetha umfanekiso ube MNYE kule ingezantsi ubhale isincoko. Nika isihloko isincoko sakho. 1.7.1 [Uthathwe kwi-intanethi] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 4 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2016) 1.7.2 [Uthathwe kwi-intanethi] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2016) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 5 ICANDELO B: UMHLATHI OMDE UMBUZO 2 Khetha umhlathi omde ube mNYE kuphela. Bhala ama-80–100 amagama (umxholo kuphela). Wubhale kwiphepha elitsha umhlathi lowo. Khumbula ukuYILA. 2.1 ILETA ESESIKWENI YESIKHALAZO Bhalela umhleli wemagazini ukhalazele inqaku elingenabunyani olibona kwimagazini yakhe ngengingqi yakho. [30] 2.2 I-OBHITSHUWARI Bhala iobhitshuwari kamalumekazi wakho. [30] 2.3 INGXELO Bhala ingxelo engokungakhathalelwa kwemfundo lulutsha olungxamele ukuba ngoosaziwayo. [30] 2.4 INTETHO Bhala intetho oza kuyenza kwitheko lokuthi ndlela-ntle kwinqununu yesikolo sakho. [30] AMANQAKU ECANDELO B: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 6 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2016) ICANDELO C: UMHLATHI OMFUTSHANE UMBUZO 3 Khetha umhlathi omfutshane ube mNYE kweli CANDELO. Umhlathi lowo ube ngamagama angama–60–80 ubude. Wubhale kwiphepha elitsha umhlathi lowo. 3.1 IPOWUSTA Bhala ipowusta wazise ngerali yolutsha eza kubanjelwa kwisiteyidiyam sengingqi yakho. [20] 3.2 UNGENISO LWEDAYARI Bhala kwidayari yakho izinto oza kuzenza kwiintsuku eziNTLANU phambi kokuba uye konwabela iiholide zehlobo. [20] 3.3 UMYALELO Bhala imiyalelo oza kuyinika abantu abafuna ukungenela ukhuphiswano lwee-Idols. [20] AMANQAKU ECANDELO C: 20 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa FAL

View all