Skip to content

isiXhosa FAL Grade 12 P3 Eastern Cape Mock 2021 QP

Question paperisiXhosa FALGrade 1220215 pages

Grade 12 isiXhosa FAL Paper 3 question paper from the Eastern Cape Mock Exam 2021, 5 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Eastern Cape Mock Exam 2021

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2021 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 AMANQAKU: 100 IXESHA: 2½ iiyure Olu viwo lunamaphepha ama-5.
2 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2021) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha linamaCANDELO AMATHATHU: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathana emide (30) ICANDELO C: Imihlathana emifutshane (20) 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwicandelo ngaliNYE. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala icandelo NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Yenza UYILO (umzekelo, imephu yengqondo, isazobe okanye idayagram/ iflowu tshathi/amagama angundoqo, njalo-njalo), hlela uze ufunde kwakhona umsebenzi wakho. Uyilo malubhalwe phambi kokubhalwa kwetekisi nganye. 6. Wonke umsebenzi woyilo mawubhalwe ucaciswe ngolo hlobo. Uyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumla kulo lonke uyilo olwenzileyo. 7. Uyacetyiswa ngamandla ukuba usebenzise malunga nama: • 80 emizuzu kwiCANDELO A. • 40 emizuzu kwiCANDELO B. • 30 emizuzu kwiCANDELO C. 8. Bhala iimpendulo zakho ngokuchanekileyo ngokwendlela yokunombola esetyenziswe kwiphepha lemibuzo. 9. Nika impendulo nganye isihloko esichanekileyo. QAPHELA: Isihloko masingabalwa xa kubalwa amagama asetyenzisiweyo. 10 Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo. 11. UBUDE BEEMPENDULO: ICANDELO A: Izincoko- Bhala isincoko esili-190-240 amagama. ICANDELO B: Imihlathana emide- Bhala ama-80-100 amagama. [umxholo kuphela] ICANDELO C: Imihlathana emifutshane- Bhala ama-60-80 amagama. [umxholo kuphela] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2021) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo. Bhala amagama ali-190-240. Apho ungasinikwanga khona isihloko sinike. Khumbula ukuYILA. 1.1 Andinakulilibala elo bali [50] 1.2 Izinto ezitshintsha ilizwe [50] 1.3 Ndandingalilindelanga ke elo bhaso [50] 1.4 Ukufundela ekhaya kungangcono kunokufundela esikolweni [50] 1.5 Indima edlalwa ngamaqonga onxibelelwano eluntwini [50] 1.6 Xa ndinokubangumdlali odumileyo ndingakhetha ukubangu ... [50] 1.7 Khetha umfanekiso ube MNYE kule ingezantsi ubhale isincoko. Nika isihloko isincoko sakho. 1.7.1 [Uthathwe ku: www.nauka-polska.pl] [50] 1.7.2 [Uthathwe ku: www.pymnts.com] [50] AMANQAKU ECANDELO: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2021) ICANDELO B: UMHLATHI OMDE UMBUZO 2 Khetha umhlathi omde ubemNYE kule ilandelayo. Ubude mabube ngamagama angama-80 ukuya kwi-100 (umxholo kuphela). Khumbula ukuYILA. 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhala ileta eya kumhlobo wakho umxelele ngesicwangciso sakho sonyaka ozayo. [30] 2.2 INQAKU LEMAGAZINI Bhala inqaku lemagazini elimalunga nokubiwa/ukuxhwilwa kwabantwana abangamantombazana. [30] 2.3 INGXOXO YABABINI Bhala ingxoxo yabasebenzi ababini bexoxa ngokuhlawulwa kwerhafu yezinto ezithengiswa evenkileni (VAT). [30] 2.4 INTETHO Bhala intetho oza kuyenzela abahlali kwingingqi yakho ubafundisa ngokunokwenziwa ngenkunkuma. [30] AMANQAKU ECANDELO B: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2021) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 5 ICANDELO C: UMHLATHI OMFUTSHANE UMBUZO 3 Khetha umhlathi omfutshane ubemNYE kule ilandelayo. Bhala amagama angama- 60 ukuya kuma-80 (umxholo kuphela). Khumbula ukuYILA. 3.1 ISIMEMO Bhala isimemo umeme unontlalontle kumsitho wokukhuthaza abafundi oza kubanjelwa esikolweni sakho. [20] 3.2 IPOSIKHADI Bhala iposikhadi eya kumakazi wakho umxelele ngotyelelo lwakho kwintaba yeTafile eKapa. [20] 3.3 IMIYALELO Bhala imiyalelo yokusebenzisa umashini wokuhlamba iimpahla oza kuyinika umntu oza kuncedisa ekhaya. [20] AMANQAKU ECANDELO C: 20 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa FAL

View all