Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 2 Eastern Cape Mock 2014 Memo

MemorandumisiXhosa HLGrade 12201416 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 2 memorandum from the Eastern Cape Mock Exam 2014, 16 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Eastern Cape Mock Exam 2014

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2014 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 IMEMORANDAM AMANQAKU: 80 Olu viwo lunamaphepha ali – 16.
2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (SEPTEMBA 2014) IMIYALELO YOKUMAKISHA 1. Naninina apho umviwa aphendule ngaphezulu kwenani elifuniweyo lemibuzo, makisha kuphela impendulo yokuqala. (Umviwa akavumelekanga ukuphendula umbuzo osisincoko kunye nombuzo omfutshane kwijenra enye). 2. Ukuba umviwa uphendule yomine imibuzo kwiCANDELO A (imibongo efundisiweyo) makisha kuphela emibini yokuqala. 3. Ukuba umviwa uphendule imibuzo emifutshane emibini okanye imibuzo esisincoko emibini makisha owokuqala ungawuhoyi owesibini. Ukuba umviwa uphendule yomine imibuzo, makisha kuphela owokuqala kwicandelo ngalinye ngaphandle kokuba uphendule umbuzo omnye omfutshane nomnye osisincoko uphendulwe. 4. Ukuba umviwa unika iimpendulo ezimbini apho eyokuqala ingachanekanga, ize eyesibini ichaneke, makisha eyokuqala ungayihoyi elandelayo. 5. Ukuba iimpendulo azinombolwanga ngokuchanekileyo, makisha ngokweenombolo zememo. 6. Ukuba impazamo yopelo ichaphazela intsingiselo, ayamkeleki loo mpendulo, ukanti ukuba ayiyiphazamisi, yamkele impendulo leyo. 7. Imibuzo esisincoko Ukuba isincoko sifutshane kunomyinge obekiweyo ngokwamanani, sukunyiba manqaku, kuba umviwa sele ezohlwayile, Ukuba isincoko side kunomyinge wenani lamagama elibekiweyo, dibanisa iingqondo kumntu lowo ungummakishi owongamileyo. Sebenzisa irubriki yokuhlola ekwisihlomelo esinguA nesinguB ukuhlola izincoko zabaviwa. 8. Imibuzo emifutshane Ukuba umviwa akasebenzisanga zimpawu zocaphulo xa ecelwe ukuba acaphule sukumohlwaya. 9. Ngokubhekiselele kwimibuzo emalunga nokuthatha icala uze uzixhase, akukho manqaku anikwayo kwiimpendulo ezingu-EWE/HAYI, noNDIYAVUMELANA/ANDIVUMELANI. Isizathu/ukunika ubungqina/ nokuxhasa zizo ezimele ukunikwa ingqwalasela. 10. Akukho manqaku anikwayo kwiimpendulo ezingu-YINYANISO/ BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO. Ukunika isizathu/ukunika ubungqina/ukuxhasa kukona makuthathelwe ingqalelo. Kweli candelo kulindeleke ukuba umfundi aphendule imibuzo emithathu iyonke ngolu hlobo:  Emibini ithathwa kwimibuzo 1–4- akhethe nawuphi.  OMNYE ONYANZELEKILEYO ngumbuzo 5. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(SEPTEMBA 2014) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 3 ICANDELO A: ISIHOBE IMIBONGO EMISELWEYO VUKANI MADODA KUSILE – IZIBONGO NAMANQAKWANA: Ingqokelela yababhali UMBUZO 1 (UMBUZO OMDE) Amanqaku ali-10 ewonke kulo mbuzo. Asi-7 ngawomxholo aze ama-3 abe ngawolwimi. Sebenzisa irubriki esisihlomelo A. Umfundi anganyathela kwezi ngongoma xa ephendula.  Ngumnyob’ozolileyo ... Ngalo mqolo imbongi isinika umfanekiso-ntelekelelo wokuba umlambo uyinto enjani. Isebenzisa isikweko-ngumnyobo nesinika umfanekiso-ngqondweni wento ende.   Isilo esizondlalileyo ... Esi sikweko siphuhlisa ubungozi/ukoyikeka komlambo. Kaloku isilo yinto eyoyikekayo ekunganqweneleki ukuba ingajongwa.   Likhaya lezilo ... Lo mqolo ubonisa ukuba nokuba umlambo sowusoyikeka kangakanani na kodwa ulikhaya kwezinye izilo.nakubantu bakwaNgqosini abahlala phantsi kwamanzi.Ikhaya yindawo ekufumaneka ukhuseleko khona.   Wombelele kamnandi ... Kulo mqolo sifumana umfanekiso-ntelekelelo weendlebe nosinika ingxolo eyenziwa ngumlambo xa ugxagxaza usenza ingxangxasi singe siyayiva.   Ngumondli wesizwe ... Lo mqolo uphuhlisa ukuba umlambo lo ululutho eluntwini  nakwindalo enje ngezityalo nezilwanyana.   Into kuhambo lwayo ... Nalo umqolo ubonisa ukubaluleka komlambo kuba ngamanzi awo siyankcenkceshela.   Sisil’esicel’umngeni ... Ngalo mqolo kuboniswa ukuba umlambo awunandawo ungahambi kuyo. Uhamba kanye kwezi ndawo zoyikekayo.  Sihamba sigila ... Nalo umqolo uxhasa uluvo lokuba umlambo uhamba nokuba kuphi.   Nezilo ezikhulu zamahlathi ... Lo mqolo ubonisa ukoyikeka komlambo nkqu nakwizilo esizoyikayo singabantu nezithi ziwucezele.   Wobhasoph’endleleni ... Ngalo mqolo imbongi iyalumkisa ukuba ungadelelwa umlambo kuba uyingozi.  [10] OKANYE Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (SEPTEMBA 2014) UMBUZO 2: (UMBUZO OMFUTSHANE) AMAZWI OBULUMKO: V.L. Mabinza 2.1 Kukuncedisa abantu ukuze baluphumelele ugqatso lobomi.  (1) 2.2 Thantamisanani  (1) 2.3 A. ngamacebiso empumelelo malunga nezimo zabantu  (1) 2.4 Ikratshi/ukuzicingela/iinkcuku/ubuhlanga (Naziphi ezimbini) (2) 2.5 Unemiqolo eli-14 /uneekwatreni ezintathu kunye nekhaplethi enerhayimu.  (Nayiphi enye kwezi) (1) 2.6 Imvano siphelo,  ukwenza isingqi/ukubethelela ukuba wonke ubani makathathe inxaxheba.  (2) 2.7 Ingaphumelela kuba abo banezazela nabangakuchasanga nokuva ngomnye umntu bangawulandela lo myalelo.  OKANYE Ingangaphumeleli kuba basekho abangafuni kumamela mntu okanye abathi baqhelile ukuva okanye abo bathi umyalezo awubhekisi kubo.  (2) [10] OKANYE UMBUZO 3: (UMBUZO OMFUTSHANE) APHI NA AMADODA!: M. Mbutuma 3.1 Ngendikhe ndilwe nayo  (1) 3.2 B. /B. Ingena kulo mzi ithelekise ingaqondwanga.  (1) 3.3 Ubugwala /ukujonga owakho umqala /ukulibala iintsana  (Naziphi ezimbini) (2) 3.4 Yithoni enomsindo/ecaphukayo  (2) 3.5 Yenze ukuba kungabikho mvisiswano, abanye bafuna umbuso wamaphandle abanye abawufuni.  (2) 3.6 Kukukhalimela ukungahoywa kwefuthe eliza nokuziswa kwamaphandle /ukukhalimela ukuba abantu benganqandani malunga nokwamkelwa kwamaphandle  (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(SEPTEMBA 2014) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 5 OKANYE UMBUZO 4: (UMBUZO OMFUTSHANE) IDOMPASI: N. GCALI 4.1 isitampu esigwenxa, nokungabikho kwedompasi  (2) 4.2 ukugqiba impilo yabantu,  ukufa kwabantu  (2) 4.3 Isimntwiso  (1) 4.4 Ukuveza ukuba abona bantu babesenza le mpathombi ngamaBhulu/ babethetha isiBhulu.  (2) 4.5 Ineembono zokuba yiyo unobangela wazo zonke ingxaki ezixele kwezi zitanza.  (1) 4.6 Lufaneleke ncam kuba izifanekisozwi ezisetyenzisiweyo zizoba umfanekiso ngqondweni ocacileyo wempathombi eyayisenziwa.  (2) [10] OKANYE UMBUZO 5 (UMBUZO OMDE) UNKOSI SISEKO KAMA, A! DILIZINTABA!: M. Mbambo 5.1 NguChungwa.  (1) 5.2 Isikhahlelo,  ukuthutha uDilizintaba kwimiqolo 5-6.  (2) 5.3 Luxwesiso.  (1) 5.4 A.  wondla abantu abangamaqhitala ekuzingeleni  (1) 5.5 Kukuba yayekela uNgqika engonjwa nguThuthula.  (1) 5.6 Imazi kakuhle lo ubongwayo /isazi kakuhle isizwe sayo /iyazazi iimfazwe ezakha zaliwa  Yazi umnombo walo imbongayo  (Nayiphi echanekileyo) (2) 5.7 Kukuba akasekho lo ubongwayo ngoko ke kukholeleka ukuba abangasekhoyo baya ezulwini. (2) [10] AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
6 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (SEPTEMBA 2014) ICANDELO B: INOVELI  Kweli candelo umviwa kufuneka aphendule umbuzo omnye kuphela.  Ukuba uphendule yamibini, makisha owokuqala.  Kumbuzo omde, sebenzisa irubriki ekwisihlomelo B. UMBUZO 6 (UMBUZO OMDE) NYANA WAM! NYANA WAM!: W.K. Tamsanqa Umfundi makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo: 6.1 UTHEMBA NOSONWABO  Ngamatshivela athanda utywala. Izenzo zabo zinxamnye neenjongo zeqhawe, basoloko belahlekisa uThole.  Ngamatshijolo angazimiselanga ntweni afuna nje ukuseza uThole ange ayamonwabisa njengawo. Bamnunusa ngotywala, befuna ukuba afane kunye nabo.  Izenzo zabo zingumqobo kwiinjongo neendlela zeqhawe elinguThole.  UThole kunyanzelekile ukuba angene kwezi ngxaki ukuze kuphuhle isiphiwo sobukrelekrele bakhe.  Izenzo zabo ziyakholeleka, zibenza babe ngabahlobo benene nabamthandayo uThole.  Akakwazi kubaphepha de ahlangulwe kukufa kwabo kumahlathi aseKysna. 6.2 UFIKIZOLO  Nguyena udlale indima enkulu njengotata wakhe kuba ukhuliswe nguye.  Uneenjongo eziphezulu ngaye kwaye umnqwenelela okuhle.  Umbona engumntu ofundileyo.  Uyakhathazeka akusiyeka isikolo.  Akuva ukuba uSonwabo noThemba baqwengwe ziingonyama kwasala iintloko zodwa, wayecinga ukuba nekaThole ilapho  Ukubuya kwakhe kumahlathi aseKnysna umxhelela etyetyisiweyo  Umkhuthaza ukuba azeke njengoko esexabisweni loko, uyala kuba esafuna ukubuyela esikolweni. 6.3 UTHOZAMA  Uthandana noThole yaye uye wamkhuthaza ukuba abuyele esikolweni  UThole esesikolweni umana ukumpha imali  Ukukhulela kwakhe kwikhaya lenkonzo kunge kumlungiselela ukuba ngenye imini uyakuze abe yinkosikazi kamfundisi. [25] OKANYE Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(SEPTEMBA 2014) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 7 UMBUZO 7 (UMBUZO OMFUTSHANE) 7.1 YiSinodi yabefundisi  (1) 7.2 Kukulumkisa  (2) 7.3 UMangaliso owayehamba nooThemba wayenxila  ukanti lo uzimisele kusebenzela inkosi  (2) 7.4 Lusingiselo kwisiganeko esigqithileyo  kuba sadlula esi siganeko koko siyabuyiswa nje ukuveza ukuba uyayazi le meko azifaka kuyo naye.  (2) 7.5 C/Olujongela phantsi  (1) 7.6 Ewe. Kuba abantu bayeka utywala baya ecaweni,  bayixhasa inkonzo ngemali yesakhiwo  (2) 7.7 Uyaguquka kwisimo sakhe sokusela nooThemba abe ngumfundisi / Uyaguquka afunde ade abe ngumfundisi nanjengoko ebencanyiwe ukuba uya kuze atshintshe /Uyaziyeka iindlela zokuhamba nooNomsa atshate noThozama /Uyayeka ukuba ligqirha akuva ilizwi elithi makagoduke atsho abe mntu wumbi.  (Abafundi bangaxela naziphi izizathu ezibini ezichanekileyo ezikumxholo wale ncwadi.) (4) 7.8 UMangaliso uphume kwiphephandaba njengomfundisi ophume izandla ngemfundo esogqitha nabeLungu  (1) 7.9 Uye wacinga ngonyana nomfazi wakhe awayecinga ukuba basweleka ngenxa yokutsha nendlu  (2) 7.10 Bubuhlungu bentliziyo  (2) 7.11 Usiqhubela ukuba sicinge ukuba litshipha lendoda eli.  (2) 7.12 Lidukile igama lexhego akusekho mntu ulaziyo.  (2) 7.13 Wenze kakuhle kuba njengoMfundisi ibingasayi kulunga into yokuba abe nenqala  OKANYE Akenzanga kakuhle kuba kaloku utata ngumntu okhulisa aphathe umntwana wakhe ngamazinyo nokuba iimeko zimbi, akanakuvela xa embona engumfundisi ophume izandla engenzanga nenye into.  (Naziphi izimvo ezinomhluzi zabafundi ziya kwamkeleka) (2) [25] OKANYE Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
8 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (SEPTEMBA 2014) UMBUZO 8 (UMBUZO OMDE) UKHOZI OLUMAPHIKO: N. Saule Umfundi angachankcatha kwezi ngongoma zilandelayo: 8.1 UMFAZWE  UMfazwe okokuqala ngumlinganiswa oyintloko kuba iziganeko ebalini zingqonge yena, kuthethwa ngaye ukusuka ekuqaleni ukuya ekugqibeleni kule ncwadi.  Uzotywe wangumlinganiswa ofunga angajiki. Uyazimela izigqibo zakhe yaye akalobhetyebhetye. Akajiki sele eboniswa ubungozi ajongene nabo. Ude athi omnye umlinganiswa xa emnqanda akayiqondi na ukuba yimfazwe le azibizela yona ngale politiki yakhe. Ngokoluvo lwakhe uMfazwe wayelwela amalungelo abantu abamNyama.  UMfazwe uyabanjwa kusithiwa unyola umbuso kanti kuloko amaBhulu afuna ukumsebenzisa ukuze asebenzele wona. Amthembisa ngelizwe lobusi nobisi ukuba angasebenzela wona njengoFriday, uNtsipho kunye noNdlela. Nalapho uma entla ngelithi akanakuthengisa ngegazi lomntu omNyama.  Negama eli lakhe liyayingqina le nto kuba emfazweni kulapho kuqubisana izinto ezomeleleyo macala omabini. Kaloku lo mlinganiswa uyintloko kufuneka omelele. UMfazwe unyokwa nguFriday ebahlalini esithi uyimpimpi. Kulapho afumane khona ukubethwa eholweni.  Utshiselwa ikhaya lakhe ngooFriday neqela lakhe, kodwa loo nto ayimenzanga wajika kwizigqibo zakhe.  Endleleni eya elubhacweni udibana nomzingeli nothe makajike kuba soze abuye apho aya khona. Uthi yena akajiki.  Ekugqibeleni uyayifumana into ebeyilwela. Kuyaxoxwa, kuyakhululekwa ngabantu abamNyama. UFriday uyagwetywa kwaye ityala lakhe lichotshelwa nguMfazwe osele eyiJaji ngoku. 8.2 UFRIDAY  UFriday uzotywe njengomchasi womlinganiswa oyintloko. Uzotywe wangumntu omi phambi kwempumelelo neenjongo zikaMfazwe. Akafuni uMfazwe aphumelele kwiinjongo zakhe zokukhulula umntu omNyama kwisandla esilushica sabaMhlophe.  Uyenza le nto ngokusebenzela amaBhulu, embhatala iimali ezinkulu. Ukuba ebengumntu onenyani nolungileyo ngevana noMfazwe, kodwa endaweni yoko bayinyoka nesele. UFriday neqela lakhe emini baziinkokheli zabahlali kanti ebusuku baleqana nabantu abazabalazayo.  Uzotywe wangumlinganiswa oyimpimpi okanye ungcothoza, osebenzela abamHlophe. Ukhona kwiqela labantu abatshisa ikhaya likaMfazwe.  Uzotywe wangumlinganiswa ongenanyani nohoye isiqu sakhe kwaye ongcolileyo kunye nabantu asebenza nabo.  Uphambili kwiqela elibulala abantu abangenatyala, batshisa izindlu neevenkile zabantu abangenzanga nto kuba befuna kutyholwe abanye abantu. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(SEPTEMBA 2014) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 9  UFriday uzotywe wangumntu okhohlakeleyo. Umzekelo, ebusuku xa bekhangela ixhoba labo elinguMfazwe banxiba iibhalaklava. Kodwa ngenye imini kwatat’uGaba besiya kuhlasela uMfazwe, yena uFriday wayengagongxanga nto, engazifihlanga. Babephethe imipu baze bashiya apho begibisele ibhombo yepetroli.  Uzotywe wangumbulali kuba aba bantu babhaqwa nguMfazwe kwiCressida baswelekile, babulawe nguFriday neqela lakhe. 8.3 UNOKUZOLA  Uzotywe wangumlinganiswa ozolileyo nolilandeleyo igama lakhe.  Uyintombi endala ephangelayo nengumongikazi ehlala kokwayo nonina uMamCwerha.  Ungumntu othanda ukuhlala kokwabo nongafane ahamba hambe kuba kusithiwa unina ukhohlakele.  Ngenxa yokuzola kwakhe uvuma ukuthathwa nguFriday ukuba baye entlanganisweni apho kungcoliswa igama lesithandwa sakhe uMfazwe kusithiwa uyimpimpi.  Ayikhange imothuse le nto okanye imcaphukise de ayishiye intlanganiso, usuke wayizolela yonke le meko.  Xa uMfazwe efika ukuza kuhlamba igama lakhe, uFriday ugona uNokuzola ngelizama ukuhlabekisa uMfazwe. Indlela alunge ngayo uNokuzola uyamvumela uFriday ukuba amgone nangona ingekho into eqhubekayo phakathi kwabo bobabini.  Uzotywe wazola ngokugqithileyo kuba ukuba bekungenjalo ngekhe wazinika ithuba lokudibana noMfazwe ambuze ngala mahemhem okuba ngungcothoza kwakhe angevi ngoFriday. UMfazwe ubuzwa ngumama wakhe uCwe kunye notat’Gaba. [25] OKANYE MBUZO 9 (UMBUZO OMFUTSHANE) UKHOZI OLUMAPHIKO: N. Saule 9.1 Abazange baphinde bahlangane kuba uNokuzola wasweleka ebeleka umntwana kaMfazwe  (2) 9.2 Kuqhankqalaze abafundi.  Kutshiswe ivenkile.  Kutshiswe ikhaya likaMfazwe.  (3) 9.3 UMamCwerha ukrokrela ukuba uMfazwe ngungcothoza ekubeni yena uMfazwe ezazi engenguye.  (2) 9.4 Kukuba eve ukuba isithandwa sakhe esinguNokuzola sihambe nomntu olutshaba lwakhe.  (2) 9.5 Abantu abamNyama bayifumana inkululeko naye wabuya sele eyiJaji  (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
10 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (SEPTEMBA 2014) 9.6 Kukuyolisa incwadi ingakruquli ibe ijijisana nomxholo omnye  (2) 9.7 Ikhaya lakhe litshile  /uthathwe nguFriday  (2) 9.8 Iye yamnika amandla ngakumbi okulwela inkululeko  (2) 9.9 Wothukile  (2) 9.10 NguMfazwe  kuba xa ethetha umana ukuthi “ndi” aze abone kuphela izinto ezikwindawo awayekho kuyo buqu  (2) 9.11 Isisigqebelo into yokuba uTat’uGaba uMfazwe makangaqumbi aqalekise  abe yena Mfazwe sele egqibile ukwenza njalo noxa ethethele ngaphakathi.  (2) 9.12 Wenze kakuhle kuba ngekudala wabhubhayo ebulawa ngamayelenqe kaFriday namaBhulu.  OKANYE Akenzanga kakuhle kuba ushiye izinto zisonakala kusifa abantu kwaQaka ukanti ke ngewayezilungisile ezo zinto ingakumbi kuba kwakukho abantu ababesele bemthembile.  (2) [25] AMANQAKU ECANDELO B: 25 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(SEPTEMBA 2014) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 11 ICANDELO C  Kweli candelo umviwa kufuneka aphendule umbuzo omnye kuphela.  Ukuba uphendule yamibini, makisha owokuqala.  Kumbuzo omde, sebenzisa irubriki ekwisihlomelo B. UMBUZO 10 (UMBUZO OMDE) AMAZA: Z.S. Qangule Lo mbuzo ufuna umfundi angqine, abonise ukuze sikholelwe ukuba ngenene uLizo uxolele ukujinga iliso kunokuba angamfumani uNamhla njengenkosikazi yakhe. Izenzo zakhe, amazwi akhe kwiimeko ngeemeko. Umfundi angachankcatha phantsi kwezi ngongoma:  Zisuka nje uLizo akalinanzanga isiko elithi akanakungena entangeni kaNamhla nanjengoko engelilo iBhele.  Simbona engena egushe umsesane athe akuqinisekiswa nguNamhla ukuba bamoya-mnye wamtshata kwangoko ngemvumelwano yabo.  Xa kufuneka ahlukene noZodwa akathalalisi uyitshaya isaqhuma ambeke zonke izibakala ukusuka kusana athi utyatyekwa ngalo ukuya kuma ekumbikreni ngobuxelegu.  Ugqibela ngokumgxotha uZodwa.  Uyamlandela aye kutsho eRhawutini apho afika adubule abantu acinge ukuba nguZodwa lo wakhe kunye noSidima wakhe.  Xa uNamhla egrogriswa ngokungenwa, nalapho uthi gqi angene kwimihlaba angenamvume yokungena kuyo ezokumnceda kwangoku kumthanda gqitha.  Uyakhulelwa uNamhla esazilile ekhuleliswa nguLizo lo.  ULizo noNamhla bathabatha amanyathelo abase emangcwabeni apho bahlangene khona noSidima noZodwa, kuthe kanti basaphila. Nalapho akazibandezanga uLizo.  (Naziphi ezinye ezichanekileyo) [25] OKANYE UMBUZO 11 (UMBUZO OMFUTSHANE) AMAZA: Z.S. Qangule 11.1 Ngumphixanisi, othutha iindaba zakuloNamhla.  (1) 11.2 Isukela ekubeni uNamhla kufuneka ethobele isiko lokungenwa ngumninawa kaSidima ekucingwa ukuba wasweleka.  (2) 11.3 Ukuba uVathiswa uyakholelwa kula masiko.  (2) 11.4 Uyayithetha into!  (1) 11.5 Ukunika imiyalelo yeqonga /ukuxela isimo sentlalo  (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (SEPTEMBA 2014) 11.6 Luzobo mayana  (2) 11.7 Luchasaniso.  (1) 11.8 Anyanisile kuba uDanile kufa abantu abaninzi ngenxa yokuba yena efuna ukulandela isiko ngokutshatisela uNamhla kuSidima.  (2) 11.9 Kukuzibona ukuba soze aphume kule ngxaki xa ephinda enyanzelwa kwisiko elilandelayo lokungenwa.  (2) 11.10 B/Sisigqebelo sedrama  (1) 11.11 Lalisetyenziswe ngokuya kwakusenziwa ubungqina bokuba unguyise kaXelile mntwana kaZodwa ngokaSidima.  (1) 11.12 Kwinqanaba lesiphelo,  kuba kulapho kuvezwa zonke iinyani kwanesigwebo sabenzi bobubi.  (2) 11.13 Ukuba uSidima ngenene akafanga kwaye uSidima nabafundi baza kuqiniseka ukuba umbulali nguLizo.  (2) 11.14 Ngumgibe wokuba makaziwe nguLizo ukuba unomntwana kaZodwa.  (1) 11.15 Kwathi kanti uNamhla ngumntwana wakhe kunye naloo Zodwa na kakade kwaye uSilumko wayengayazi loo nto ixesha eli.  (2) 11.16 Ukholelwa ukuba abengubo ziindlavini, ukanti amagqobhoka ngabantu boxolo.  (2) [25] OKANYE UMBUZO 12 (UMBUZO OMDE) A-a-a! JONGUMSOBOMVU: B.B. Mkonto Umfundi unokunyathela kwezi ngongoma xa ephendula.  Usaqala nje umdlalo uvakala esithi akanakuze onwabe emphefumlweni abantu bakhe bekude namathambo ooyise xa encokola namafanankosi akhe ebuza kuJwarha ukuba baya kuze babuyele nini kumagquba akowabo kuba elona komkhulu labo leliya likweziya ntaba zikaNojoli.  Ukugula oku kukayise ukubona njengengqumbo yeminyanya  Umzondile uyise ngokuhlala abethe iphupha lakhe ngoyaba  Utsho ngowakhe umlomo uMaqoma ukuba wangena ngendlovu kumhlaba akuwo.  Amazwi kaMaqoma athi, “xa kulapho ke kufanele ukuba umkhonto ubinze esiqwini … andizi kubulawa ndihleli elizweni lookhokho bethu. Bathi mandiye phi naba bantu bangaka? Hi?” abonisa ukufunzela phambili, ukungazimiseli kubuya mva nakancinci. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(SEPTEMBA 2014) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 13  Akayithandi kwaphela into yokuba abeLungu benyevulela amasiko nezithethe zikaNtu.  Uthi enqandwa nguKama ngelithi makangaphindisi avuthulule athi yena kanakucimela abe ngathi akaboni umhlaba wakowabo utyiwa ehleli. Uthi yena wazalelwa ukuba amele iimfuno zabantu bakowabo. Ude athi akanabom ukuba akanakukwenza oko njengoko ingqeqesho yakhe isitsho.  Kwakuthathwa imfuyo yakhe uzama impindezelo ngokuthumela abavunduzi ukuba baye kuthatha imfuyo leyo. Ude ubaqinisa ngokuthi bajongwe yiminyanya bangaxhali  Nangona emana ukungathi unosizi ngabo bangenatyala, engafuni bantu babulawayo, kodwa uyalela ukuba kuqengqwe ugodo xa lusiza ngerhuluwa utshaba kwaye akukho lula ukukhetha phakathi kwabantu abangamanyangaza nabo bangengawo.  Yena uSomerset akanaxolo naye kuba ayixoleleki eyokususa uMaqoma nabantu bakhe kumhlaba wabo.  Ukuhlaselwa kwabantu zizibawu zikaQuka kumenza umsindo ngakumbi uMaqoma ade abe ufuna ukuya ngokwakhe ukuya kohlwaya uQuka.  UMaqoma uyala ukusuka kumhlaba kayise esithi, “UNotshe ngumhlaba kabawo lo … niqhele amagwala … Lingatsh’ibhayi andibandi” oku kubonakalisa ukungoyiki ukuzimisela ukulwa.  Liphela ibali erhoxa nje okomzuzwana kumhlaba emi kuwo, kuba ehlonipha ilizwi likayise ambona naye ethengiwe.  Uthi uSomerset kwincoko yakhe noBeau uMaqoma makabekwe esweni kuba mninzi umonakalo anokuwenza xa engaqatshelwanga. Le nto icacisa ukuba uMaqoma akakwazi ukunikezela kwabamhlophe xa ebabona bebhunyula umhlaba wooyisemkhulu. [Naziphi ezinye ingongoma ezichanekileyo ziyakwamkeleka. [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
14 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (SEPTEMBA 2014) OKANYE UMBUZO 13 (UMBUZO OMFUTSHANE) A-a-a! JONGUMSOBOMVU! B.B. Mkonto 13.1 Inkosi isaphila  (2) 13.2 Ngeenjongo zokuthatha umhlaba wabantu abamnyama ngamaqhinga  (1) 13.3 B./into ayenzayo uMatshaya  (1) 13.4 Uzenza umntu owuthatha ngegunya. /ufuna bangabe bexoxa / amandla olwimi ukuze bavume lula ukunikezela ngomhlaba.  (2) 13.5 Wenziwe wangumntu onentliziyo emdaka ngokuthi engumfundisi angene kumayelenqe alolu hlobo.  (2) 13.6 Ewe kuba bathatha umhlaba wabantu bengathandi abaniniwo.  (2) 13.7 Hayi, kuba kukhona baze kudala ingxabano kuba naku besithi uNgqika makakhwelele kumhlaba wakhe.  (1) 13.8 Ukungafuni ukuwaphakamela la madoda  (1) 13.9 Lesiphelo  kuba uMaqoma uye wanikezela enase impilo kaYise  (2) 13.10 Ukuba awushiye umhlaba lowo kuthethwa ngawo.  (2) 13.11 NguBawana  (1) 13.12 Wabulawa evela kumsitho wokwendiswa kwentombi yakhe isendela kuMaqoma.  Kucaca ukuba iyelenqe lokubulala lenziwe nguQuka kuba naye wayekhe wayicela le ntombi ngokusebenzisa amajoni  (2) 13.13 UNgqika akanangxaki ngokufika kwezi ndwendwe  ukanti uMaqoma akafuni nokuzibona  (2) 13.14 Kwenze ukuba uNgqika avume into angayifuniyo naku esithi ebecinga ukuba uya kucinyelwa amehlo phaya.  (2) 13.15 Okokuqala ungumlwelwe, ukudibanise nokufa kwakhe oku kunikezela, yathamba intliziyo yonyana ebilukhuni.  (2) [25] AMANQAKU ECANDELO C: 25 AMANQAKU EWONKE: 80 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(September 2014) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 15 ICANDELO A: IRUBRIKI YESINCOKO SONCWADI: ISIHOBE [10 AMANQAKU] Ikrayitheriya Balaseleyo Enobuchule Phakathi Buthathaka Bhetyebhetye UMXHOLO 8–10 6–7 4–5 2–3 0–1 -Isihloko sitolikwe -Ubonisa ukuqonda -Isihloko sitolikwe -Ayanelisi indlela -Akaqondi kwasihloko Ukutolika ngokunzulu kwaye usiqonde kakuhle ngokwanelisayo ekutolikwe ngayo -Akukho nento umbuzo/isihloko. -Ingxoxo enomtsalane isihloko/umbuzo -Akho amanqaku axhasa isihloko/umbuzo ebhekiselele kumbongo Ubunzulu bengxoxo ezixhaswe ngombongo -Impendulo inazo isihloko kakuhle -Izimvo zinqaphazeke obuzwayo ukuzixhasa -Ukuqonda iinkcukacha ezanelisayo -Ezinye iingxoxo kakhulu kwanamanqaku -Umfundi akanalwazi nokuyibamba itekisi okuncamisayo -Izimvo ezibambekayo zixhasiwe nangona okuxhasa amabango ngejenra nombongo zinikiwe nangona ingezizo zonke akhe 7 AMANQAKU ingezizo zonke nje ezixhaswe ngobungqina -Ulwazi lwejenra ezixhaswe njengoko obuthatyathwe nombongo alukho bekufanelekile kumbongo -Ubonakalisa -Uyayiqonda nokwana le ukuyiqonda ijenra jenra nombongo nombongo ISAKHIWO NOLWIMI -Isakhiwo -Isakhiwo sicacile kwaye -Bukho ubungqina -Isakhiwo sibonakalisa -Sakheke saxazalala siyanamathelana ingxoxo yakhelana besakhiwo ucebo olunamakhwiniba -Iimpazamo zolwimi Isakhiwo, ubuchule -Ingxoxo zixonxwe kuhle kakuhle -Ingxoxo ibonakalisa -Ingxoxo kunye nesimbo bokuqiqa nokunikezela kwaye zikhuliswe -Iyalandeleka ingqiqo ukungalandelelani, ayicwangciswanga esingachanekanga Ulwimi ithoni nesimbo ngokucacileyo yengxoxo ukungakhelani ngengqiqo esisetyenziswe -Ulwimi ithoni, isimbo -Ulwimi, ithoni nesimbo nokunganamathelani -Iimpazamo zolwimi kwisincoko sivuthiwe, zichanekile ubukhulu -Iimpazamo zolwimi ziyabonakala siyathabathekisa, becala zikho kodwa -Ithoni nesimbo 3 AMANQAKU sichanekile aziyiphazamisi ingqiqo azifanelekanga -Ayinazo iimposiso kwaye zichanekile zezakhi zezivakalisi, ubukhulu becala upelo, neempawu zobhalo UMMANDLA 8–10 6–7 4–5 2–3 0–1 WAMANQAKU QAPHELA: Ukuba umviwa uwutyeshele ngokupheleleyo uMxholo, suka wabhala isincoko esiya sephepa lesithathu, mnike u-0 kuMxholo, iSakhiwo noLwimi
16 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (SEPTEMBA 2014) AMACANDELO B NO C: IRUBRIKI YOKUHLOLA ISINCOKO SONCWADI: INOVELI NEDRAMA [25 AMANQAKU] Ikrayitheriya Balaseleyo Enobuchule Phakathi Buthathaka Bhetyebhetye UMXHOLO 12–15 9–11 6–8 4–5 0–3 -Impendulo ebalaseleyo: -Impendulo ibonakalisa -Uwutolike -Isihloko sitolikwe -Luncinci kakhulu ulwazi Ukutolikwa 14–15 ukuqonda kwaye ngokuphakathi nje ngokunqongopheleyo ngesihloko kombuzo/isihloko -Impendulo utolikwe kakuhle umbuzo/isihloko; -Zimbalwa iindawo -Uthe ntlo nje Ubunzulu bengxoxo, encamisileyo: 12–13 umbuzo/isihloko ezinye iinkcukacha ezixoxiweyo zaxhaswa kumbuzo/kwisihloko ukuzixhasa nolwazi -Isihloko sitolikwe -Impendulo inika azicaciswanga -Amabalwa amanqaku -Iingxoxo azibambeki lwejenra/itekisi ngokunzulu iinkcukacha ngokwaneleyo okuzixhasa -Umfundi akakayibambi -Iingxoxo ezinomtsalane ezicacisiweyo -Akho amanye -Ingxoxo esemxholweni ijenra netekisi 15 AMANQAKU zixhaswe ngokwaneleyo -Izimvo ezithile amanqaku ancomekayo inqongophele ngolwazi olukwitekisi ziyabambeka kodwa ekuxhaswa ngawo -Kuncinci kakhulu -Ulwazi olugwesileyo asizizo zonke ezixhaswe isihloko ukuqonda ijenra netekisi lwejenra/netekisi ngendlela -Ezinye iingxoxo ebezinokuxhaswa ngayo ziyaxhaswa kodwa -Kuyabonakala ubungqina ukuyiqonda ijenra obucatshulweyo netekisi abusoloko buhambelana nengxoxo -Ukuqonda ijenra netekisi ngokwaneleyo kuphakathi ISAKHIWO NOLWIMI 8–10 6–7 4–5 2–3 0–1 -Isakhiwo sinamathelene -Sicacile isakhiwo -Bukho ubungqina -Isakhiwo sibonakalisa -Ukungacebi kakuhle Isakhiwo, ubuchule -Intshayelelo nesiphelo nengxoxo yakhelana besakhiwo ucebo olunamakhwiniba kuphazamisa ukuqiqa bokuqiqa nokunikezela zibalasele ngobuchule -Ukwakhelana, -Ingxoxo zibekwe -Iimpazamo zolwimi, Ulwimi ithoni nesimbo -Iingxoxo zixonxiwe -Intshayelelo, isiphelo unamathelwano bukho xazalala isimbo esingesiso esisetyenziswe kwaye zikhuliswe neminye imihlathi kodwa buneempazamo -Zikho iimpazamo nethoni siwenza kwisincoko ngokucacileyo yakhiwe -Zikho iimposiso zolwimi, zolwimi umsebenzi ufe amanqe -Ulwimi ithoni, nesimbo ngokunamathelana ithoni, nesimbo nangona -Ithoni nesimbo -Isimbo nethoni 10 AMANQAKU zivuthiwe, ziyancomeka -Ingxoxo iqiqisisiswe sifanelekile ubukhulu asifanelekanga azifanelekanga kwaye zichanekile -Ulwimi ithoni isimbo becala -Imihlathi iyakheke -Imihlathi yakheke sichanekile ubukhulu -Imihlathi yakhiwe kuhle gwenxa gwenxa becala ubukhulu becala UMMANDLA 20–25 15–19 10–14 5–9 0–4 WAMANQAKU QAPHELA: Ukuba umviwa uwutyeshele ngokupheleleyo uMxholo, suka wabhala isincoko esiya sephepa lesithathu, mnike u-0 kuMxholo, iSakhiwo noLwimi Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all