Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 P1 Eastern Cape Mock 2014 QP

Question paperisiXhosa HLGrade 12201416 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 1 question paper from the Eastern Cape Mock Exam 2014, 16 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Eastern Cape Mock Exam 2014

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2014 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 AMANQAKU: 70 IXESHA: 2 iiyure *XHOHL1* Olu viwo lunamaphepha ali – 13.
2 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 (SEPTEMBA 2014) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha lemibuzo LINAMACANDELO AMATHATHU: ICANDELO A: Uvavanyo lokuqonda (30) ICANDELO B: Isishwankathelo (10) ICANDELO C: Ulwimi (30) 2. Funda YONKE imiyalelo ngocoselelo. 3. Phendula YONKE imibuzo. 4. Qala icandelo NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Nombola iimpendulo zakho kanye ngokwendlela ekunonjolwe ngayo imibuzo ephepheni lemibuzo. 6. Shiya umgca emva kwempendulo nganye ukuze umsebenzi wakho ungaxinani. 7. Qwalasela ngeliso elibukhali upelo nolwakhiwo lwezivakalisi. 8. Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo. 9. Krwela umgca ekupheleni kwecandelo ngalinye 10. Yaba ixesha lakho ngolu hlobo: ICANDELO A: Imizuzu engama-50 ICANDELO B: Imizuzu engama-25 ICANDELO C: Imizuzu engama-45 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(SEPTEMBA 2014) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 3 ICANDELO A: UVAVANYO LOKUQONDA UMBUZO 1 Funda ngocoselelo esi sicatshulwa singezantsi wandule ukuphendula imibuzo esekwe kuso: ISICATSHULWA A INGCUKA AYIGQUNYWA MPELA YINGUBO YEGUSHA 1. UNomsa, utitshalakazi, wandwendwelwa nguchwenene ohamba icawe onguVelesazi, nenxila elinguThemba kwaMrs Adams apho wayehlala khona. Akazange abe namdla kuVelesazi kwamhla wafika eRichmond, wasuka wamoyika, waba nosizi leli nxila linguThemba wada wamangaliswa kukuba azixakekise ngomntu adibene naye apho eRichmond, ebengamazi. Ebusuku waphupha ehlangulwa nguThemba ezinkathazweni awathi wangena kuzo. Ephupheni umbone njengoko anjalo uThemba, enganxilanga, efanelekile, enamandla obudoda. Yamvuyisa into yokuba aphuphe ngoThemba enganxilanga. 2. Inxila, ihilihili nesibhadubhadu saseRichmond, uThemba, uthe akwahlukana noVelesazi, wajika waphumela ngaphandle edolophini, esiya kumlanjana weOngers. Wayefuna ukucinga ubusuku bonke. Wahlala phezu kwelitye, ejonge emanzini, ecinga iintsizi ezimenze walidlavu elinje. Amanzi amenza wabona umzimba kunye nesambatho sakhe sengxowa. Wayenomvandedwa ongasuswa nabutywala. Wakhupha ivolovolo engxoweni. Wayingxasha wayijolisa kuye efuna ukuzibulala. Kuthe xa aza kuzidubula, weva ilizwi likaNomsa lisithi, “Uyaphi na?” Wanqumama, wabheka-bheka akabona nto, waphendula ngomsindo, “Ekuphumleni.” Emva kokuba elo lizwi angalaziyo liphinde lathetha naye wayifaka engxoweni ivolovolo, kwaphela nokunxila. Wesuka waneentloni, wabaleka ukuya kulala endlwini yakhe. 3. Kuthe kwakusa waya kwasedolophini eneentloni nokuya kugqitha kwatitshalakazi. Waya ngokuhlwa kwaMrs Adams. Wacelwa nguNomsa ukuba akhe abadlalele uhadi. Wabetha ingoma emnandi ethetha ngeenkumbulo. Bambona elila. Bathi bakubuza ukuba liphi na ikhaya lakhe waphendula, “Andinakhaya!” Babuza ukuba baphi na abazali bakhe, waphendula wathi akabazi. Wayeka apho uNomsa eqonda ukuba kukho into enkulu phakathi kwalo mfana nekhaya lakhe, kuba naku elila akucula le ngoma. UNongendi wabizwa ngunina, wabashiya bodwa apho uNomsa noThemba. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 (SEPTEMBA 2014) 4. UNomsa uye wamyala uThemba esithi makangagqithisi ukusela utywala. Wathembisa ngokumgcinela intwana yotywala ngemini nganye. Wavuya uThemba, wanika uNomsa iisheleni ezintlanu kunye nebhotile yotywala ukuba azigcine. Ukususela loo mini uThemba wamana esiya kufumana ithamo lotywala kwatitshalakazi. Loo nto yenza ukuba anganxili. Abantu baphawula ukuba inxila laseRichmond selinethuba libonwa linganxilanga. Uthe emveni kwesithuba senyanga uThemba waba selenemali engangeeponti ezintlanu ayigcinelwa ngutitshalakazi. Ngelo xesha lonke wasela iibhotile ezimbini zotywala kuphela. UThemba wacetyiswa nguNomsa ukuba azithengele impahla yokunxiba. Emva koko wafumana umsebenzi. Kwakusekunzima nokugqiba imbodlela enye yotywala ngenyanga. Yonke le nto abantu bayibona, kodwa umntu owayeyivuyela kakhulu nguNomsa, ebona ukuphumelela kwemigudu yakhe. Wafaneleka uThemba, wahamba necawe. Ngecawe yokuqala esecaweni noNomsa umfundisi washumayela uThemba wagoduka engomnye umntu. Bavana ngakumbi uThemba noNomsa latsho lakhula ikhwele kwabanye abafana nakwezinye iintombi. 5. UNongendi waba nobukhwele akubona uThemba esiza rhoqho kuNomsa apho kowabo. Wavakala ngenye imini esithi, “Lo Themba ndamthanda mhla ndambona. Akukho nzwakazi ingaphezu kwam ngobuhle kule Richmond. Angathini uNomsa ukundihlutha intlaka emlonyeni? Kuza kubakho ofayo phakathi kwam naye.” Ngenye imini uThemba weza kubona uNomsa, wafika engekho wathi xa alungiselela ukuhamba, wayitshaya isaqhuma uNongendi wathi, “Themba, akusenakuhlala nexeshana ngaphandle kotitshalakazi? Uthini ngathi?” UThemba wamjonga emangalisiwe. UNongendi wamxelela indlela amthanda ngayo esithi, “Themba, ndiyakuthanda- ndithande, sitshate.” Ume wema uThemba enomsindo waphendula ngelithi, “Andikuthandi. Akukho nanye intombi endiyithandayo.” Waba nomsindokazi uNongendi wathi, “Xokindini! Ucinga ukuba andazi ukuba uthandana noNomsa? Ndoza ndiziphindezele kuni nobabini!” 6. Ngenye imini kwafika uVelesazi kwaMrs Adams ekwathi emva kwethuba uMrs Adams waya kulala eshiya uNongendi, uNomsa noVelesazi bencokola. UNongendi wahlamba izitya emva kwesidlo waza wabeka iayini eziko. Wathi kuNomsa makahlale kuba wayefuna ukunika uVelesazi ithuba lokuba acele uthando kuNomsa njengoko babecebisene njalo noVelesazi. Wayefuna uNomsa athandane noVelesazi ukuze yena afumane uThemba. Bahlala ngasemlilweni bethe cwaka uVelesazi noNomsa, engazi ukuba makaqale ngelithini kodwa wade wazincama emva kwethuba, “Nomsa ndithande. Uyandithanda?” “Hayi”, waphendula uNomsa. Wothuswa yile mpendulo uVelesazi, wadana. Wahamba wagoduka ecaphuka kodwa ezimisele ukuphinde awuvuselele lo mcimbi 7. “Nomsa, kudala ndinyamekile”, watsho uVelesazi ngolunye usuku. “Ngoku lilixa lesithathu undala, usala umntu ongazange aliwe nangababhetele kunawe. Kucacile ukuba uyazidla. Ndiza kukuvisa ubuhlungu. [Sicatshulwe kwincwadi ethi, UNOMSA ebhalwe ngu: G.B. Sinxo: amaphepha 9–24, saze sahlelwa] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(SEPTEMBA 2014) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 5 1.1 Wayesebenza kuyiphi idolophu uNomsa? (1) 1.2 Xa kuthethwa ngo ‘chwenene’ kubhekiswa kumntu onjani? (2) 1.3 Ngokwakwisicatshulwa chaza uvakalelo awaba nalo utitshalakazi akubona uThemba. (1) 1.4 Chonga isivakalisi esibonisa ukuba uThemba wayeneengxaki ezingasombululekiyo. (1) 1.5 Sizathu sini esabangela ukuba uThemba angazidubuli? (1) 1.6 Yinyani okanye bubuxoki, uze uzixhase ngokucaphula apha kwisicatshulwa: UThemba wayenxibe kakuhle ngale mini. (2) 1.7 Utitshalakazi wacela ukudlalelwa ntoni nguThemba? (1) 1.8 Yakha isaci esithetha into enye nesivakalisi osinikiweyo usebenzise igama elikwizibiyeli: Bambona elila. (Ukucuntsula). (2) 1.9 Xa kuthethwa ‘ngemigudu yakhe’ kuthethwa ngantoni? (1) 1.10 Njengoko uwufundile umhlathi woku-1 onephupha likatitshalakazi kunye nalo wesi-4, ingaba wena uyawakholelwa amaphupha? Zixhase. (2) 1.11 Nika isithethantonye segama “ubukhwele” ngokwakwisicatshulwa.) (1) 1.12 Ngokoluvo lwakho ingaba kulungile okanye akulunganga ukuba uNongendi eyintombi ezidla ngobuntombi bayo azicelele uthando kuThemba. Xhasa uluvo lwakho. (2) 1.13 Emva kwesi siganeko ungathi xa umchaza uThemba uthi ungumfana onjani? (1) 1.14 Le ntetho ithi “Ukuhluthwa intlaka emlonyeni” ithetha A ukulahlekelwa yinto obusel’usithi yeyakho B ukungakwazi kuthetha C ukukhutshwa inyama emlonyeni sele uyitya. D ukuthetha kakhulu (2) 1.15 Ukuba wena ubunguVelesazi uzibona ukwimeko yokwaliwa nguNomsa ekubeni uzithembile ukwalinene, ungamenza njani okanye wawunokwenza ntoni ukuze akuthande? (2) 1.16 Ufunde ntoni kwisicatshulwa A wena mfundi? (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
6 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 (SEPTEMBA 2014) ISICATSHULWA B: OKUBONWAYO Phendula imibuzo esekwe kule mifanekiso ingezantsi: UMFANEKISO A UMFANEKISO B [Lo mfanekiso ucatshulwe kwimagazini iBona [Lo mfanekiso ucatshulwe kwimagazini kaSepthemba 2011 iphepha 79] iMove yowe-15/02/12 iphepha 48] 1.17 Thelekisa le mifanekiso ingasentla ubonise ukuba ifana iphinde yahluke ngantoni. (2) 1.18 Xa ujonge le mifanekiso ungathi ngowuphi ohambelana nesiya sicatshulwa sethu singasentla singu -A, kuba kutheni? (2) 1.19 UNomsa noThemba bafanele ukunqwenelelwa ukuba babe kumfanekiso A okanye kumfanekiso B, ngasizathu sini? Cacisa. (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(SEPTEMBA 2014) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 7 ICANDELO B: ISISHWANKATHELO UMBUZO 2 ISICATSHULWA C Funda ngononophelo esi sicatshulwa singezantsi wandule ukusishwankathela ulandela le miyalelo:  Shwankathela ngawakho amazwi ngezivakalisi ezipheleleyo, ngamagama angama-70  Shwankathela ngokomhlathi kodwa ungawulahli umxholo.  Iingongoma zakho mazibe-7 (7)  Qaphela ukusetyenziswa ngendlela eyamkelekileyo kolwimi, iimpawu zobhalo nococeko. (3)  Bhala inani lamagama owasebenzisileyo kwizibiyeli xa ugqibile. XA IZIZWE EZIBINI ZIMANYANA 1. USebastian Kingue usibalisela ngokuthengela uSiphindile Sibiya umsesane emva kweeveki ezimbini ethandana naye kodwa wawufihla kuba esoyika. 2. Sadibana okokuqala ngoJanuwari ka-2011 eCenturion xa uSiphindile wayefika kwibandla leJehovah’s Witnesses emva kokubuya kwakhe eJapan apho wayesenza izifundo zakhe, kodwa siqale ukuthandana ngoMeyi xa sobabini sasibhala iimviwo eUnisa. Isicelo somtshato sasingalindelekanga emva kweenyanga ezintandathu sithandana saqala sathetha ngengomso. Ndandisoloko ndibuza uSiphindile ngenkcubeko yakowabo- kaloku yintombi yomZulu mna ndingowaseCameroon. Sasicinga ukuba abazali bakhe baza kundibiza imali enkulu kwaye nangona ndandingenamali ingako, ndandisazi ukuba ndiza kuziqongqotha ngokulobola uSiphindile. Ndamthengela umsesane, ndaze andamxelela kuba ndandisoyika ukuba uza kucinga ukuba ndiligeza, kodwa ndandisazi ukuba entliziyweni yam nguye inkosikazi yam. 3. Ngenye imini mhla sasizama ukutshintsha ilayisenisi yam yokuqhuba yaseCameroon ukuba ibe yeyeli, sisehliswa sisenyuswa ndambona ukuba uyacaphuka. Ndaqaphela ukuba intlungu yam uyithatha njengeyakhe. Ukuzama ukumonwabisa, ndakhupha umsesane. Ndathi ndakuwufaka emnweni wakhe wanemincili. Intliziyo yam yayizele luvuyo kwaye ndandisazi ukuba impendulo ngu ‘ewe’. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
8 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 (SEPTEMBA 2014) 4. Emva kolu ngejwano kwafuneka senze amalungiselelo omtshato. Eyona nto imnandi neyenza ixhala ngokulungiselela umtshato kukubona abantu abezayo besiya besanda ngokwanda. Sabona iindawo eziliqela phambi kokukhetha i-Aviator Hotel eKempton Park. Umququzeleli wale ndawo wenza umsebenzi oncomekayo ukuzama ukwenza usuku lwethu lufane lodwa. Ukukhetha ukutya okuza kutyiwa kwaba yinto elula kuba ihotele sele inoluhlu lokutya lwezidlo eziliqela. Le hotele yasilandela neendwendwe zethu kwisikhululo seenqwelomoya kanti zazifumana nesaphulelo xa zifuna ukulala kuyo emva komtshato. 5. Umtshato uqale ngentsimbi yesibini malanga eholweni yeJehovah’s Witness eCenturion. Yaba yimini emnandi kakhulu le. Emva koko siye. 6. santingela eKapa apho siye sayokuzonwabisa khona. Safika satendwa saphululwa nemizimba eFive Star SWI Luxury Guest Retreat. Sakhenketha iintsuku ezintathu eKapa kuquka nokuya kwintaba yetafile nokujikeleza elwandle ngesikhephe. Sabuya sidinwe siyimfe emva kolo tyelelo. [Sicatshulwe kwimagazini iBONA kaEpreli 2012 iphepha 24 saza sahlelwa] AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(SEPTEMBA 2014) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 9 ICANDELO C: ULWIMI UMBUZO 3: UKUCAZULULA ISIBHENGEZO-NTENGISO ISICATSHULWA D Funda esi sibhengezo-ntengiso singezantsi uze uphendule imibuzo elandelayo. BANCEDISE STUDY GUIDES Thina sikukhaphelela kwikamva eliqaqambileyo !! Mfundi nawe Titshala! Nimaxhaphetshu nixakene nezifundo? Nifuna ukongeza ulwazi lwenu? Ncedani! Yizani! Ngenani! Iyeza likhona , Sinazo i- Study Guides zeelwimi zonke Ikwazezezifundo zonke zeli Phondo. Zikuxhobisa ngeendlela-ndlela zokuphendula,uwabimbiliza onke amanqaku. Usengaphumelela eluviweni ugcoloda, Khawuleza! Nkcunkca! Baleka! Imbila yaswel’umsila ngoku... Uthenga sibe sinye, uzizuzele ibhaso ngaphakathi. Bancedise Bookshop, 261 Main Street, Kokstad 077 979 7777 3.1 Kuthengiswa ntoni apha? (1) 3.2 Ngabaphi abantu esijoliswe ekubalobeni esi sibhengezo? (1) 3.3 Gqibezela le ntetho ngokukhetha kwezi mpendulo uzinikiweyo: Imbila yaswel’umsila ... A ngokuyaleza B ngokulayezela C ngokuyalezela D ngokuyiyizela (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
10 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 (SEPTEMBA 2014) 3.4 Chonga amazwi abonisa oku kulandelayo: (a) Ulwimi olucengayo (1) (b) Ulwimi oluqhathayo (1) (c) Ulwimi olungabonisi mkhethe nacalucalulo (1) 3.5 Nika isichasi segama ‘Baleka’. (1) 3.6 Umbhali wesi sibhengezo kutheni esebenzise iifonti ezingafaniyo nje? (1) 3.7 Ingaba Yinyani okanye Luluvo ukuba xa uthenge ezi ncwadi wophumelela? (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(SEPTEMBA 2014) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 11 UMBUZO 4: UKUCAZULULA IKHATHUNI ISICATSHULWA E Qwalasela le khathuni uze emva koko uphendule imibuzo esekwe kuyo. [Icatshulwe kwiNcwadi yoMfundi uKhanyo iBanga 10 iphepha 76] 4.1 Le khathuni ijoliswe koobani? (1) 4.2 Sesiphi isafobe esisetyenzisiweyo apha kule ncoko yesi sibini? (2) 4.3 Gqibezela le ntetho ilandelayo Umntu othanda ukuhlala kwindawo emdaka ubizwa ngokuba li ... (1) 4.4 Ungathi esi sibini sincokola apha sishumayela ntoni? (1) 4.5 Chonga isivakalisi esibonisa ukuba omnye kwezi zithethi akaboni nto ingalunganga ngokungayiphili le meko axelelwa ngayo. (2) 4.6 Uphawu lokukhuza olusetyenziswe ku ‘Hay’ bo!’ lubonisa ntoni? (2) 4.7 Ngokolwakho ulwazi ingaba ezi zilwanyana zithetha apha ziyayiphila le nto ziyishumayelayo? Cacisa. (1) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
12 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 (SEPTEMBA 2014) UMBUZO 5: UKUSETYENZISWA KOLWIMI ISICATSHULWA F Zonwabise ngokufunda esi sicatshulwa wandule ukuphendula imibuzo elandelayo. Uve ukuba uyaphuma lo mfo. Akajonga noko. Naxa wayengamazi ukuba ulapho, kodwa akazange othuke bubukho bakhe. Loo nto yayibangwa kukuba lo mfana ubesuka athi ngalo lonke ixesha asezinyembezini abekho. Akuphuma engathethanga weva kakubi, akalandela noko. Uphose amehlo kuloo ndawo ebehleli kuyo, ubefunda incwadi umf’omkhulu. Nazo izingqi kwakhona, wakhawuleza ukosula ubuso. Tyhini NguLindile. Bashwabana ubuso, busenza uncumokazi olugoso. Nomfo kwelakhe icala wancuma. Wayephethe iibhotile ezimbini nengxowana yamaqebengwana kunye neekomityana zamaphepha ziphethe ucwambu olubandayo. Wahlala phantsi ecaleni kwenkosazana le wagqithisa ibhotile eseyinengcongolwana yokusela, wakhwela kweyakhe watsho esitya le miqhathana. Nentombi yatya. Bakugqiba leyo bangena kolu cwambu lungumkhenkce. Kwatsho kwabanda izibindi ngaphakathi. Phulaphula khwetha, zininzi iindlela zokuloba intlanzi, sikuxelele thina boonomthina. Nabo bengcambaza kuhle besiya evenkileni. Akukho mntu wakha wababuza nto. Owayengekakholwa ukuba lo mfana uza kutshata noFuneka, namhlanje waqiniseka. Kuphela kwamana kusetyezwa kusalathiswana ngabo. Bakugqiba ukuthenga yonke into kaNonceba, baya kudlula eposini. Zazininzi iincwadi zikaLindile. [Sicatshulwe kwincwadi ethi, Bhota Nonceba ebhalwe ngu: B.B. Mafuya, iphepha 21 saza sahlelwa] 5.1 Isimamva esibhalwe ngqindilili kwigama elikwisivakalisi esingezantsi sibonisa ntoni? Wayephethe iibhotile ezimbini nengxowana yamaqebengwana ... (1) 5.2 Igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi lisetyenziswe njani? Uve ukuba uyaphuma lo mfo. (1) 5.3 Guqula esi sivakalisi sibe kwimo elandulayo. Zazininzi iincwadi zikaLindile. (1) 5.4 Sebenzisa isihlanganisi osinikiweyo kwizibiyeli ukudibanisa ezi zivakalisi zilandelayo: ULindile noFuneka bangcambaza kunye ukuya evenkilenil. ULindile noFuneka akukho mntu wakhe wababuza nto. (kodwa) (2) 5.5 Guqula esi sivakalisi sibe kwixesha langoku. Baya kudlula eposini. (1) 5.6 Bhala isifinyezi segama ‘nkosazana’ (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(SEPTEMBA 2014) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 13 5.7 Ukusetyenziswa kwesenzi ‘besela’ kwisivakalisi esingezantsi kubonisa: A Uhlobo lokuqondisa B Uhlobo lokuyalela C Uhlobo lokuqhubeka D Uhlobo lolandelelwano ULindile noFuneka bahamba besela ngeengcongolwana. (1) 5.8 Sebenzisa isenzi ‘wosula’ kwisivakalisi esineenjongosenzi ezimbini. (2) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all