You're offline
Skip to content
Question paper

XHOSA HL P3 QP-GR12 2013.pdf

Subject: Isixhosa HlGrade 1220136 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2013 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P3 AMANQAKU: 100 IXESHA: 2½ iiyure *XHOHL3* Olu viwo lunamaphepha ama – 6.
2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P3 (SEPTEMBA 2013) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMATHATHU: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathana emide (30) ICANDELO C: Imihlathana emifutshane (20) 2. Phendula umbuzo OMNYE kwicandelo NGALINYE. 3. Bhala ngolwimi obuzwe ngalo. 4. Qala icandelo NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uwucwangcise umsebenzi wakho (umzekelo: imephu yeengcinga/umzobo/imizobo ebonisa ukuthungelana kweziganeko/amagama angundoqo, njalo-njalo), wandule ukuwufundisisa uwuhlele. (Kunyanzelekile ukuba uyilo LUKHOKELE isincoko.) 6. Kunyanzelekile ukuba zonke izicwangciso zakho uzibhale ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca ukohlula uyilo kwisihloko kumhlathana ngamnye. 7. Uyacetyiswa ukuba icandelo ngalinye ulabele ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: imizuzu engama-80 ICANDELO B: imizuzu engama-40 ICANDELO C: imizuzu engama-30 8. Nombola imibuzo yakho ngendlela enonjolwe ngayo kwiphepha lemibuzo. 9. Nika impendulo nganye isihloko esifanelekileyo. QAPHELA: Awabalwa amagama akwisihloko xa kubalwa amagama asetyenzisiweyo kwisincoko/kumhlathana. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo.
(SEPTEMBA 2013) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso isincoko. Bhala amagama angama-340 ukuya kuma-390 kwisincoko ngasinye. 1.1 ‘Uthi akungena utitshala wam egumbini lokufundela ndizive ndonwabe ngaphakathi, kuba uza kundifundisa esona sifundo ndisithandayo’. Bhala isincoko uthethe ngesi sifundo usithandayo nezizathu zokuba usithande. [50] OKANYE 1.2 Iminyhadala yee-Olimpiki esandula kubakho ivulela amathuba okugubhulula zonke iitalente zaseMzantsi Afrika. Bhala isincoko usityebisele. [50] OKANYE 1.3 Nguphantsi phezulu iingcali zithi iziphumo zeMatriki zizibi nje eMpuma Koloni kungenxa yokuba abafundi bafunda ngolwimi lwasemzini olusisiNgesi. Bhala isincoko uphikise okanye uxhase oku kungentla. [50] OKANYE 1.4 Ndafunga ndamunc’ iintupha loo mini ukuba umkhwa onjalo andinakuze ndiphinde ndiwenze. Bhala isincoko ngalo mba. [50] OKANYE 1.5 Ukuthumela abafundi kwiinkampu zokufunda kulungiselelwa iimviwo zebanga leshumi elinambini kunganendima ekuphuculeni ukuphumelela kwabo. Bhala isincoko uveze olwakho uluvo ngoku. [50] OKANYE 1.6 Bhala isincoko esiphuhlisa le ntetho ithi, “Bezimuncu kakade.” [50] OKANYE
4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P3 (SEPTEMBA 2013) 1.7 Qwalasela le mifanekiso ingezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. 1.7.1 [50] OKANYE 1.7.2 [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50
(SEPTEMBA 2013) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P3 5 ICANDELO B: IMIHLATHANA EMIDE UMBUZO 2 Khetha umhlathana ube mNYE kule ilandelayo ubhale ngawo. Bhala amagama ali- 100 ukuya kuma-120 (umxholo kuphela) ngomhlathana ngamnye. 2.1 ILETA YASEBURHULUMENTENI Bhalela uSihlalo weNgingqi yombutho wabafundi, ucebise ngeendlela ezizezinye ezinokusetyenziswa ukulwela amalungelo enu, nezingaphazamisani nexesha lokufunda. [30] OKANYE 2.2 I-OBHITSHUWARI Ucelwe ebumelwaneni ukuba wenze i-obhitshuwari yomhlobo wakho kuba inguwe omazi ngcono. Bhala ke loo obhitshuwari. [30] OKANYE 2.3 UDLIWANO-NDLEBE Ungumfundi webanga leshumi elinambini ongumzekelo, noqhuba kakuhle esikolweni. Umenywe yinqununu yakho, ifuna ukuqonda ukuba ungabanceda njani abanye abafundi ukuze baziphathe ngendlela eyamkelekileyo. Yenza udliwano-ndlebe nenqununu yesikolo sakho. [30] OKANYE 2.4 INQAKU LOMHLELI Ufunde inqaku elimalunga nabafundi ababhaqwe benephepha elingekabhalwa (intluva) lebanga leshumi elinambini. Bhalela umhleli wephepha-ndaba uveze izimvo zakho malunga nalo mkhuba. [30] AMANQAKU ECANDELO B: 30
6 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P3 (SEPTEMBA 2013) ICANDELO C: IMIHLATHANA EMIFUTSHANE UMBUZO 3 Khetha umhlathana ube mNYE kule ilandelayo ubhale ngawo. Bhala amagama angama-80 ukuya kuma-100 (umxholo kuphela) ngomhlathana ngamnye. 3.1 ISIBHENGEZO Isikolo sakho siyindumasi ngeziphumo ezihle kwingingqi enihlala kuyo, ucelwe ukuba ulobe abafundi abasekumabanga aphantsi baze kufunda kuso. Bhala isibhengezo usithengise. [20] OKANYE 3.2 IPOSIKHADI Ubuxakene nomzimba wakho omkhulu, waze wancedwa ngumhlobo wakho wakupha icebo elinokunceda ukulwa oku. Mbhalele iposikhadi umbulele. [20] OKANYE 3.3 UMYALELO UnguMphathiswa wezemfundo udikwe yeyokosa kukuphuncuka kwezimilo zabafundi. Bhala imiyalelo yendlela abafundi amabaziphathe ngayo ukususela kwabo baqalayo ukuya kutsho kwabebanga lokugqibela. [20] AMANQAKU ECANDELO C: 20 AMANQAKU EWONKE: 100

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 12 Isixhosa Hl

Explore more published documents in this catalogue.

View all