Skip to content

isiXhosa FAL Grade 12 P3 September Preparatory Exams 2020 QP

Question paperisiXhosa FALGrade 1220206 pages

Grade 12 isiXhosa FAL Paper 3 question paper from the September Preparatory Exams 2020, 6 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

September Preparatory Exams 2020

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2020 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO – IPHEPHA 3 AMANQAKU: 100 IXESHA: iiyure 2½ Olu viwo lunamaphepha ama-6.
Downloaded from hlayiso.com 2 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2020) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMATHATHU: ICANDELO A: Izincoko ICANDELO B: Imihlathi emide ICANDELO C: Imihlathi emifutshane 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwicandelo ngaliNYE. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala ICANDELO ngalinye kwiphepha ELITSHA. 5. Yenza UYILO (umzekelo, imephu yengqondo, isazobe okanye idayagram/iflowu tshathi/amagama angundoqo, njalo-njalo), hlela uze ufunde kwakhona umsebenzi wakho. Uyilo malubhalwe phambi kokubhalwa kwetekisi nganye. 6. Wonke umsebenzi woyilo mawubhalwe ucaciswe ngolo hlobo. Uyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumla kulo lonke uyilo olwenzileyo. 7. Uyacetyiswa ngamandla ukuba usebenzise malunga nama:  80 emizuzu kwiCANDELO A.  40 emizuzu kwiCANDELO B.  30 emizuzu kwiCANDELO C. 8. Bhala iimpendulo zakho ngokuchanekileyo ngokwendlela yokunombola esetyenziswe kwiphepha lemibuzo. 9. Nika impendulo nganye isihloko esichanekileyo. QAPHELA: Isihloko masingabalwa xa kubalwa amagama asetyenzisiweyo. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. 11. UBUDE BEEMPENDULO: ICANDELO A: Izincoko-Bhala isincoko esili-190-240 amagama. ICANDELO B: Imihlathi emide-Bhala ama-80-100 amagama. [umxholo kuphela] ICANDELO C: Imihlathi emifutshane-Bhala ama-60-80 amagama. [umxholo kuphela] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama-190–240. Apho ungasinikwanga khona isihloko sinike. Khumbula ukuYILA. 1.1 Endakufunda loo mini kwabutshintsha ubomi bam [50] 1.2 Ubuhle buqala ngaphakathi [50] 1.3 Elona qonga lonxibelelwano endilithandayo [50] 1.4 Kulungile okanye akulunganga ukugcina izilwanyana kwiindawo ezinjengeZu? [50] 1.5 Uqoqosho lwelizwe luxhomekeke kumntu wonke [50] 1.6 Xa ndinokuphinda ndinikwe ithuba loku ... [50] 1.7 Khetha umfanekiso ube MNYE kule ingezantsi ubhale isincoko. Nika isihloko isincoko sakho. 1.7.1 [Uthathwe kuwww.funny.animalpictures.blogspot.ca] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 4 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2020) 1.7.2 [Uthathwe kuwww.dontcallmebetty.tumblr.com] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 5 ICANDELO B: UMHLATHI OMDE Khetha umhlathi omde ube mNYE kule ilandelayo. Ubude mabube ngamagama angama-80 ukuya kwi-100 (umxholo kuphela). Khumbula ukuYILA. UMBUZO 2 2.1 ILETA ESESIKWENI Bhala ileta eya kwibhanki iABSA wenze isicelo somsebenzi wethutyana ngexesha leeholide zikaDisemba. [30] 2.2 IOBHITSHUWARI Bhala iobhitshuwari yelungu lekwayara yenu ekuhlaleni. [30] 2.3 IAJENDA NEMIZUZU YENTLANGANISO Bhala iajenda nemizuzu yentlanganiso yekomiti yolutsha olulumkisa ngobungozi beziyobisi. [30] 2.4 INTETHO ESESIKWENI Bhala intetho oza kuyenza ngomhla wokwazisa nokuloba abafundi bebanga lesi-8 ukuba bazokufunda kwisikolo sakho kunyaka ozayo. [30] AMANQAKU ECANDELO B: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 6 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2020) ICANDELO C: UMHLATHI OMFUTSHANE Khetha umhlathi omfutshane ube mNYE kule ilandelayo. Bhala amagama angama- 60 ukuya kuma-80 (umxholo kuphela). Khumbula ukuYILA. UMBUZO 3 3.1 IPOWUSTA Bhala ipowusta eyazisa ngomboniso wefashoni oza kubanjelwa kwidolophu yakho oququzelelwa ngabayili befashoni abaphambili. [20] 3.2 UNGENISO KWIDAYARI Bhala ungeniso lwedayari lweentsuku ezintlanu ubuzichithe nomhlobo wakho obumtyelele ekhayeni lakhe. [20] 3.3 IZALATHISI Umtshana wakho useCape Town campus ufuna ukuya eBellville campus. Mncede umbhalele indlela amakahambe ngayo ukuze aye kufika. [Ithathwe ku-www.google.co.za] [20] AMANQAKU ECANDELO C: 20 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa FAL

View all