Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 P3 September Preparatory Exams 2016 QP

Question paperisiXhosa HLGrade 1220168 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 3 question paper from the September Preparatory Exams 2016, 8 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

September Preparatory Exams 2016

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2016 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 AMANQAKU: 100 IXESHA: 2½ iiyure *XHOHL3* Olu viwo lunamaphepha ama – 5.
2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 (EC/SEPTEMBA 2016) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50) QAPHELA: Abaviwa kulindeleke ukuba baphendule imibuzo emiBINI kwiCandelo B. 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A kunye nemibuzo emiBINI kwicandelo B. 3. Bhala ngesiXhosa esamkelekileyo nesichanekileyo. 4. Qala icandelo NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/ itshati ebonisa ukuthungelana kweziganeko/ amagama angundoqo, njl.njl.) uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kuyilo lonke. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-80 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-70 (2 x 35) 8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2016) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 1.1 Impumelelo engenakulibaleka kubomi bam. [50] 1.2 Ukutyalwa kwembewu eyiyo ezingqondweni zolutsha. [50] 1.3 Ubutyebi obungaphelelwayo bufumaneka ezincwadini. [50] 1.4 Oxhela eyakhe akabuzwa. [50] 1.5 Amandla olutsha kwiinguqu zeli xesha. [50] 1.6 Amapolisa nezaphuli-mthetho. [50] 1.7 Qwalasela le mifanekiso ingezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. 1.7.1 [www.facebook.com/.team epilepsy] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 (EC/SEPTEMBA 2016) 1.7.2 [www.facebook.com/.team epilepsy] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2016) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 5 ICANDELO B: IMIHLATHI Khetha imihlathi ibe MIBINI kule ilandelayo ubhale ngayo. Bhala amagama ali—100-120 (umxholo kuphela) UMBUZO 2 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhalela umhlobo wakho ileta yokuvuyisana. [25] 2.2 I-OBHITSHUWARI Bhala i-obhitshuwari yomntu omaziyo. [25] 2.3 ILETA ESESIKWENI Bhala ileta yokwamkela isimemo sokumela isikolo sakho kwitheko lesiThili. [25] 2.4 INGXELO ENGEKHO SESIKWENI Yenza ingxelo yoqeqesho lokulungiselela iimviwo obuye kulo. [25] 2.5 INTETHO ENGEKHO SESIKWENI Bhala intetho engekho sikweni ngokubaluleka kokumanyana kwabafundi. [25] 2.6 INGXOXO YABABINI. Bhala ingxoxo phakathi kwenqununu entsha nomphathi wabafundi. [25] AMANQAKU ECANDELO B (25 x 2): 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all