Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 P3 September Preparatory Exams 2018 QP

Question paperisiXhosa HLGrade 1220188 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 3 question paper from the September Preparatory Exams 2018, 8 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2018 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 AMANQAKU: 100 IXESHA: Iiyure 2½ *XHOHL3* Olu viwo lunamaphepha ama-5.
Downloaded from hlayiso.com 2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 (EC/SEPTEMBA 2018) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50) QAPHELA: Abaviwa kulindeleke ukuba baphendule imibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngesiXhosa esamkelekileyo nesichanekileyo. 4. Qala icandelo NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/itshati ebonisa ukuthungelana kweziganeko/amagama angundoqo, njl.njl.), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kuyilo lonke. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-80 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-70 (2 x 35) 8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama-340–390. 1.1 Andizange ndicinge ukuba ubuhlobo bethu bungaphela ngolo hlobo … [50] 1.2 Ukulindela omnye umntu enze inguqu ebomini bakho kuneziqhamo ezimbolombini. [50] 1.3 Iitshomi zinefuthe kwizigqibo ozithathayo ngobomi bakho. [50] 1.4 Isityeba mva sinqol’intaba. [50] 1.5 Indlela yokuziphatha inendima eyidlalayo kwimpumelelo yomntu. [50] 1.6 Iinguqu ezinokwenzeka xa urhulumente enokuphumeza isithembiso semfundo yasimahla. [50] 1.7 Qwalasela le mifanekiso ingezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. 1.7.1 [Ucatshulwe kwi-intanethi www.images.com waza wahlelwa] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 (EC/SEPTEMBA 2018) 1.7.2 [Ucatshulwe kwi-intanethi www.images.com waza wahlelwa] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 5 ICANDELO B: IMIHLATHI Khetha imihlathi ibe MIBINI kule ilandelayo ubhale ngayo. Bhala amagama ali-100−120 (umxholo kuphela). UMBUZO 2 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhalela umzala wakho uvuyisane naye ngenkxaso-mali ayifumeneyo yokuqhubela phambili ngezifundo zakhe. [25] 2.2 INTETHO Bhala intetho oza kuyenza kumbutho wolutsha okumeme ukuba uthethe ngokuphathwa gadalala kwabantwana. [25] 2.3 INGXOXO Bhala ingxoxo phakathi kwesibini esizalanayo esibangisana ngelifa esilishiyelwe ngabazali. [25] 2.4 ISIVI NELETA EKHAPHAYO Bhala ileta ucele umsebenzi, usebenzise esi sibhengezo siphuma kwiphepha-ndaba iSolezwe uze uthumele nesivi yakho. KFC ISITHUBA SOMSEBENZI WOKOJA INYAMA Abanomnqweno wokufaka izicelo kumele ukuba babe:  Ngabafundi abaneminyaka ephakathi kweli-16 ukuya kweli-18.  Abafundi abenza ibanga le-11 nele-12.  Abafundi abathetha iilwimi ezimbini nangaphezulu.  Abafundi abangabemi boMzantsi Afrika nabanezazisi. Izicelo mazithunyelwe kuMnu. Ndweba oyiManejala phambi komhla we-14 kuDisemba 2018 kule dilesi; KFC, 59 Main Street, Kimbery, 5411 [25] 2.5 INGXELO Bhala ingxelo ngetoyitoyi enocwangco obukuyo ephele ngobundlobongela. [25] 2.6 ILETA YASEBURHULUMENTENI Bhalela umhloli wesikolo sakho ileta ukhalazele ukungabikho kwamabala okudlala kwisikolo senu. [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com
Downloaded from hlayiso.com
Downloaded from hlayiso.com

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all