Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 P3 September Preparatory Exams 2021 QP

Question paperisiXhosa HLGrade 1220215 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 3 question paper from the September Preparatory Exams 2021, 5 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

September Preparatory Exams 2021

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2021 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 AMANQAKU: 100 IXESHA: 3 iiyure Olu viwo lunamaphepha ama-5.
Downloaded from hlayiso.com 2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 (EC/SEPTEMBA 2021) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha linamaCANDELO amaBINI: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50) 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngesiXhosa esamkelekileyo nesichanekileyo. 4. Qala ICANDELO ngalinye kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/itshati ebonisa ukuthungelana kweziganeko/amagama angundoqo, njalo njalo.), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kuyilo lonke. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-100 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-80 (2 x 40) 8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo kwiphepha lemibuzo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2021) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama-340–390. 1.1 Ndingayintoni ngaphandle kwakho. [50] 1.2 Amaphupha angafezekanga. [50] 1.3 Imingeni izizithintelo nangona ikwangamanqwanqwa kwindlela eya empumelelweni. [50] 1.4 Unyawo alunampumlo. [50] 1.5 Xabisa inkcubeko yakho. [50] 1.6 Izinto ezingenziwa nguRhulumente ukuphucula uqoqosho ngexesha leKhorona. [50] 1.7 Qwalasela le mifanekiso ingezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. 1.7.1 [50] [Ucatshulwe kwi-intanethi: www.images.com waza wahlelwa.] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 (EC/SEPTEMBA 2021) 1.7.2 [Ucatshulwe kwi-intanethi www.googlesearch.com waza wahlelwa.] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2021) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 5 ICANDELO B: IMIHLATHI UMBUZO 2 Khetha imihlathi ibe MIBINI kule ilandelayo uze ubhale ngayo. Bhala amagama ali- 100−120 (umxholo kuphela). 2.1 ILETA YASEBURHULUMENTENI Bhalela uManejala wevenkile yempahla ukhalazele impatho embi oyifumene kunogada wevenkile leyo. [25] 2.2 INGXELO ESESIKWENI Bhala ingxelo yotyelelo kwikhaya leenkedama njengoNobhala wolutsha kwinkonzo yakho. [25] 2.3 ISIVI NELETA EYIKHAPHAYO Bhala isivi yokucela umsebenzi wokonga izigulane neleta eyikhaphayo. usebenzise iinkcukacha ezibhalwe ngezantsi: [25] ISITHUBA SOMSEBENZI WOKONGA ISIBHEDLELE SETHU SINOMSEBENZI WOMNTU ONOKU KULANDELAYO:  Isatifiketi sematriki esiveza ukuphumelela kwizifundo zesiNgesi, zeziBalo kunye nezoBomi  Kulindeleke amava omsebenzi eminyaka emi-2 nangaphezulu  Iinkcukacha ezithe vetshe zakufumaneka ngokuqhagamshelana noMnu S.Zinto, Saints Hospital, Heshele, 6200  Inombolo yoqhagamshelwano 048 5119876  Idilesi ye-imeyile s.zinto@gmail.com 2.4 ILETA YOBUHLOBO Bhala ileta yokuvelana nomhlobo wakho othe waswelekelwa ngumzali. [25] 2.5 UDLIWANONDLEBE Bhala udliwanondlebe oluphakathi kwakho nomsasazi woMhlobo wenene ngomba wobulungisa othe wabenza. [25] 2.6 INQAKU LEPHEPHANDABA Bhala inqaku lephephandaba elimalunga nokuxhatshazwa kwabantu basetyhini. [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all