Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 P3 NSC November Exams 2014 QP

Question paperisiXhosa HLGrade 1220145 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 3 question paper from the NSC November Exams 2014, 5 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

NSC November Exams 2014

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LESITHATHU (P3) NOVEMBA 2014 AMANQAKU: 100 IXESHA: 2½ iiyure Olu viwo lunamaphepha ama-5. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya(HL)/P3 2 DBE/Novemba 2014 NSC IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI: ICANDELO A: Isincoko: (50) ICANDELO B: Imihlathi: (25 x 2) (50) QAPHELA: Abaviwa kulindeleke ukuba baphendule imibuzo emiBINI kweli candelo. 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngesiXhosa esamkelekileyo nesichanekileyo. 4. Qala icandelo NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/itshati ebonisa ukuthungelana kweziganeko/amagama angundoqo, njl.njl), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale isincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kuyilo lonke. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-80 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-35 x 2 8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya(HL)/P3 3 DBE/Novemba 2014 NSC ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isincoko sibe siNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama-340–390 kwisincoko ngasinye. 1.1 Aphela emqaleni ngaloo mini. [50] 1.2 Into oyisebenzisa ngokugqithisileyo iba nobungozi. [50] 1.3 Ilungelo lihamba noxanduva. [50] 1.4 Umthathi uyawuzala umlotha. [50] 1.5 Ayizizo zonke izikolo ezingamaziko emfundo. [50] 1.6 Ukuxhatshazwa kweenkondekazi neemveku. [50] 1.7 Qwalasela lo mfanekiso ungezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. 1.7.1 [Ucatshulwe kwi-intanethi www.iol.co.za] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya(HL)/P3 4 DBE/Novemba 2014 NSC 1.7.2 Ucatshulwe kwi-intanethi www.iol.co.za] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya(HL)/P3 5 DBE/Novemba 2014 NSC ICANDELO B: IMIHLATHI UMBUZO 2 Phendula imibuzo ibe MIBINI kweli candelo. Bhala amagama ali-100–120 (umxholo kuphela) ngomhlathi ngamnye. 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhalela umhlobo wakho ileta uvuyisana naye ngeembasa athe wazifumana. [25] 2.2 I-OBHITSHUWARI Bhala i-obhitshuwari. [25] 2.3 IRIVYU Bhala irivyu yefilim. [25] 2.4 I-AJENDA NEMIZUZU Bhala i-ajenda nemizuzu yentlanganiso yequmrhu labafundi kwisikolo sakho. [25] 2.5 UDLIWANO-NDLEBE Bhala udliwano-ndlebe phakathi komfundi owenza ibanga leshumi elinambini nomfundi ogqibezelayo eYunivesithi. [25] 2.6 INTETHO ESESIKWENI Bhala intetho esesikweni. [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all