Skip to content

isiXhosa FAL Grade 12 P3 Eastern Cape Mock 2025 QP

Question paperisiXhosa FALGrade 1220256 pages

Grade 12 isiXhosa FAL Paper 3 question paper from the Eastern Cape Mock Exam 2025, 6 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Eastern Cape Mock Exam 2025

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2025 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 AMANQAKU: 100 IXESHA: 2½ iiyure Olu viwo lunamaphepha ama-6.
2 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2025) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha linamaCANDELO AMATHATHU: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi emide (30) ICANDELO C: Imihlathi emifutshane (20) 2. Phendula umbuzo ubeMNYE kwiCANDELO ngaliNYE. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala ICANDELO ngaLINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Yenza UYILO (umzekelo, imephu yengqondo, isazobe okanye idayagram/ iflowu tshathi/amagama angundoqo, njalo-njalo), hlela uze ufunde kwakhona umsebenzi wakho. Uyilo malubhalwe PHAMBI kokubhalwa kwetekisi nganye. 6. Wonke umsebenzi woyilo mawuphawulwe njengoyilo ulungenise nomsebenzi wakho. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlezileyo kulo lonke uyilo olwenzileyo. 7. Iingcebiso malunga nolwabiwo lwexesha: • 80 emizuzu kwiCANDELO A • 40 emizuzu kwiCANDELO B • 30 emizuzu kwiCANDELO C 8. Nombola iimpendulo zakho ngokuchanekileyo ngokwendlela yokunombola esetyenzisiweyo kwiphepha lemibuzo. 9. Nika impendulo nganye isihloko esichanekileyo. 10 Isihloko masingabalwa xa kubalwa amagama asetyenzisiweyo. 11. Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2025) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo. Bhala amagama ali-190 ukuya kuma-240. Apho ungasinikwanga khona isihloko sinike. Khumbula ukuYILA. 1.1 Ndaphantsa ndalahla ithemba ngaloo mhla [50] 1.2 Uthethathethwano yeyona nto ingaluncedo emakhayeni ethu [50] 1.3 Apha ebomini iindlela zimbini [50] 1.4 Ndaziva sele ndisithi, “Vuleka mhlaba ndingene ...” [50] 1.5 Yayingathi andisafiki esikolweni [50] 1.6 Izinto ezinkulu ziqala kancinci [50] 1.7 Khetha umfanekiso ube MNYE kule ingezantsi ubhale isincoko. Bhala inombolo yombuzo (1.7.1 OKANYE 1.7.2). Nika isincoko sakho isihloko esifanelekileyo. QAPHELA: Makubekho ukuzalana okucacileyo phakathi kwesincoko nomfanekiso owukhethileyo. 1.7.1 [Uthathwe ku-www.istockphoto.com] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2025) 1.7.2 [Uthathwe ku-http://istock.adobe.com] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2025) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 5 ICANDELO B: UMHLATHI OMDE UMBUZO 2 Khetha umhlathi omde ube mNYE kule ilandelayo. Ubude mabube ngamagama angama-80 ukuya kwi-100 (umxholo kuphela). Khumbula ukuYILA. 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhalela umhlobo wakho ileta umxelele ngendlela oxheleke ngayo wakuba ufumene imbalelwano ethi awufumenanga ndawo kwiDyunivesithi obufuna ukuya kuyo. [30] 2.2 ILETA YOBURHULUMENTE Bhala ileta eya kwimanejala yevenkile yempahla yezemidlalo oyithandayo. Cela ukuba aniphe isipho sempahla yebhola kuba ningenayo kwaye nilungiselela itonamenti eza kubakho kwingingqi yenu. [30] 2.3 I-OBHITSHUWARI Bhala i-obhitshuwari yesizalwane sakho ebesigcina abantwana abangenamakhaya kwingingqi yakho. [30] 2.4 UDLIWANO-NDLEBE Bhala udliwanondlebe oluphakathi komfundi nomphathiswa wezeMfundo uNkosazana Gwarube malunga neendlela ezintsha zokulungiselelwa kwabafundi ukuze baphumelele ibanga labo le-12. [30] AMANQAKU ECANDELO B: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
6 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/SEPTEMBA 2025) ICANDELO C : UMHLATHI OMFUTSHANE UMBUZO 3 Khetha umhlathi omfutshane ube mNYE kule ilandelayo. Bhala amagama angama-60 ukuya kuma-80 (umxholo kuphela). Khumbula ukuYILA. 3.1 ISIBHENGEZO-NTENGISO Bhala isibhengezo-ntengiso sesidi (CD) entsha tsha eveliswe nguScotts Maphuma ethi, “Bathini Bona” . [20] 3.2 UNGENISO KWIDAYARI Bhala ungeniso lwedayari lweentsuku ezintlanu malunga nezinto oza kuthi uzenze kwezi holide zikaSeptemba, ukulungiselela iimviwo zokuphela konyaka. [20] 3.3 IZALATHISI Bhala izalathisi zokubonisa umhlobo wakho ohamba ngeenyawo indlela esuka eClifford Hotel eya kwithala leencwadi (kwiPublic Library). Ungasebenzisa nayiphina indlela ukusuka eClifford hotel ukuya kwiPublic Library. Nantsi imephu eza kuyisebenzisa ukolathisa indlela. QALA APHA [20] [Uthathwe ku-www.shutterstock.com] AMANQAKU ECANDELO C: 20 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa FAL

View all