Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 P3 Eastern Cape Mock 2025 QP

Question paperisiXhosa HLGrade 1220256 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 3 question paper from the Eastern Cape Mock Exam 2025, 6 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Eastern Cape Mock Exam 2025

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2025 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 AMANQAKU: 100 IXESHA: 3 iiyure Olu viwo lunamaphepha ama-6.
2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 (EC/SEPTEMBA 2025) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha linamaCANDELO amaBINI: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50) QAPHELA: Abaviwa kulindeleke ukuba baphendule imibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngesiXhosa esamkelekileyo nesichanekileyo. 4. Qala ICANDELO ngalinye kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/itshati ebonisa ukuthungelana kweziganeko/amagama angundoqo, njalo njalo.), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kuyilo lonke. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-100 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-80 (2 x 40) 8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo kwiphepha lemibuzo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2025) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama-340–390. 1.1 Ndisothuka nanamhlanje oku ndakulucinga olo suku [50] 1.2 Amava endinawo angabutshintsha ubomi bomnye umntu [50] 1.3 Ukungazithembi kuyayibulala impumelelo yekamva lakho [50] 1.4 Isiqhelo siyayoyisa ingqondo. [50] 1.5 Ukulunga nokungalungi kweteknoloji kubomi bethu [50] 1.6 Ingomso lomntu alixhomekekanga kunamhlanje wakhe [50] 1.7 Qwalasela le mifanekiso ingezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. [Ucatshulwe kwi-intanethi www.images.com] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 (EC/SEPTEMBA 2025) 1.8 [Ucatshulwe kwi-intanethi www.images.com] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2025) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 5 ICANDELO B: IMIHLATHI UMBUZO 2 Khetha imihlathi ibe MIBINI kule ilandelayo uze ubhale ngayo. Bhala amagama ali- 100−120 (umxholo kuphela). 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhala ileta eya kumhlobo wakho uvelane naye ngentlungu ethe yamehlela. [25] 2.2 I-OBHITSHUWARI Bhala i-obhitshuwari yomqeqeshi wezemidlalo kwingingqi yakho. [25] 2.3 ISIVI NELETA EYIKHAPHAYO ISebe lezoKhenketho libhengeze isithuba somsebenzi wokunceda abakhenkethi kwiphephandaba. Thumela isivi neleta eyikhaphayo uzigqatsele eso sithuba. ISITHUBA SOKUBA NGUMNCEDI WABAKHENKETHI IMISEBENZI OZA KUYENZA • Ukwamkela iindwendwe. • Ukwalathisa abakhenkethi indlela. • Ukunika ulwazi ngeendawo zokhenketho. IZIQINISEKISO ZEMFUNDO EZIFUNWAYO • Isatifikethi sematriki. • Idiploma okanye isidanga sezifundo zoKhenketo. • Isiqinisekiso sokuqhuba inqwelo-mafutha. IZAKHONO EZIFUNEKAYO • Ukwazi ukuthetha isiXhosa nesiNgesi. • Ukuthande ukusebenza nabantu. • Ungabi nangxaki yokusebenza iiyure ezongezelelweyo. [25] 2.4 INGXOXO YABABINI Bhala ingxoxo ephakathi kwabafundi ababini emalunga nokunxitywa kwempahla yexabiso kwakunye nezinye iindleko zamalungiselelo etheko lokuthi ndlelantle kubafundi bebanga le-12. [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
6 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 (EC/SEPTEMBA 2025) 2.5 IRIVYU Bhala irivyu ngenkqubo yezemfundo edlala kumabonakude encedisa abafundi ngezifundo zebanga leshumi elinesibini. [25] 2.6 INQAKU LEMAGAZINI Bhala inqaku lemagazini ucebise ulutsha ngeendlela zokuzigcina lusempilweni. [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all