Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 1 NSC November 2022 Memo

MemorandumisiXhosa HLGrade 12202210 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 1 memorandum from the NSC November Exam 2022, 10 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Loading document…

Loading document…

NSC November Exam 2022

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LOKUQALA (P1) ISIKHOKELO SOKUMAKISHA NOVEMBA 2022 AMANQAKU: 70 NOVEMBA 2017 Esi sikhokelo sokumakisha sinamaphepha ali-10. Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 2 DBE/Novemba 2022 NSC – Isikhokelo Sokumakisha QAPHELA  Esi sikhokelo sokumakisha senzelwe ukuba sibe sisikhokelo kubamakishi.  Asenzelwanga ukuba sibe ngummiselo ogqibeleleyo.  Iimpendulo zabafundi mazithathelwe ingqalelo ngokokuchaneka kwazo.  Iimpendulo mazihlolwe ngokupheleleyo namanqaku anikezelwe apho kufuneka anikezelwe khona ngokwezigqibo ezithatyathwe kwintlanganiso yokubeka umakisho emgangathweni.  Isikhokelo sokumakisha siya kuxoxwa phambi kokuba kuqalwe ukumakisha. IMIYALELO KUBAMAKISHI Umakisho lwesicatshulwa sokuqonda:  Ngenxa yokuba kugxininiswa ekufundeni ngokuqonda, akufanelekanga ukuba upelo olugwenxa neemposiso zolwimi kwiimpendulo zezivakalisi zinyityelwe amanqaku ngaphandle kokuba ezo ziphene zitshintsha intsingiselo yempendulo elindelekileyo. Iimposiso ezikhoyo maziqatshelwe ngokukrwelelwa.  Kubaviwa abasebenzisa amagama athatyathwe kolunye ulwimi ngobunjalo bawo, olungesiso isiXhosa, musa ukuwathathela ingqalelo lawo magama anjalo, kananjalo banganyityelwa manqaku xa ngaba iimpendulo ezinikiweyo zinembadla. Ngokunjalo ukuba igama elisuka kolunye ulwimi lusetyenziwe kwitekisi kwaye impendulo ifuna elo gama, oko kwamkelekile.  Kwimpendulo apho ziliqela iimpendulo ezichanekileyo akunikwa manqaku ngeempendulo ezingu-EWE/HAYI, NDIYAVUMA/ANDIVUMELANI kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo.  AKUNIKWA manqaku ngeempendulo ezingu-YINYANI/BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo.  Apho kulindeleke iimpendulo ezigama linye aze umviwa anike isivakalisi, nika amanqaku ukuba ngaba igama elifanelekileyo likrwelelwe umgca ngaphantsi okanye ligqanyisiwe.  Kwimibuzo apho kulindeleke iimpendulo ezimbini/ezintathu, aze umviwa adwelise uluhlu lweempendulo, makisha kuphela ezimbini/ezintathu zokuqala.  Iilwimi zengingqi neziyelelani zesiXhosa zamkelekile.  Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, makwamkelwe zombini, ukutsho oko unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokuzeleyo. Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 3 DBE/Novemba 2022 NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO A: ISICATSHULWA UMBUZO 1: UKUFUNDELA INTSINGISELO NOKUQONDA 1.1 Ngowokuba singayoyisa na imingeni yenkulungwane yama-21. √√ (2) 1.2 Ingxaki nganye inaso isisombululo. √√/Ilizwe lingakwazi ukoyisa imingeni yalo.√√/Likhona icebo kwingxaki nganye.√√/Ungayenza yonke into xa uzimisele ukuyenza.√√ (2) 1.3 Sesokuba abantu babone ingxaki okuyo umhlaba.√√/ Sesokuqaqambisa / sesokucela umngeni wokuthathela ingqalelo imali njengonobangela wemingeni elijongene nayo ilizwe/ sesokutshayelela /sesokuhlakulela/ sesokwandlalela imingeni elijongene nayo ilizwe/ sesokuhlaba ikhwelo/sesokucela ungenelelo kwimingeni elijongene nayo ilizwe.√√/Kukuvakalisa inkxalabo malunga nemingeni elijongene nayo ilizwe ngenkulungwane yama-21.√√/Kukufuna ukuba abafundi besicatshulwa bazikise ukucinga ngemingeni/ngegalelo labo kwingxaki zelizwe.√√/Kukubeka umnwe ukuze abafundi besicatshulwa bacinge nzulu ngemingeni elijongene nayo ilizwe.√√/Kukuhlaba ikhwelo malunga nemingeni elijongene nayo ilizwe.√√/Ukurhwebeshela iingqondo zofunda isicatshulwa kuluvo lwakhe ngemingeni elijongene nayo ilizwe.√√ (2) 1.4 Iveze ukuba isizwe sisesemva ngamandla okusombulula iingxaki zala maxesha.√/Iveze ukuba amandla esizwe okusombulula iingxaki awahambelani nezala maxesha iingxaki.√ (1) 1.5 Kubethelela uluvo lokuba umfundi wesicatshulwa makazibone ebandakanyeka kuxanduva oluqulethwe ngulo mhlathi.√√/Uluvo lokuba mayihlale engqondweni yomfundi indima amakayidlale ekusombululeni ingxaki ekuthethwa ngayo kulo mhlathi.√√/Kukuvuselela isazela salo ufundayo ngokubandakanyeka kwakhe kwisisombululo sengxaki ekuthethwa ngayo kulo mhlathi.√√ (Ukusetyenziswa kolwimi olulolu: kuye.../naye.../ nam.../nam siqu... nomfundi..../akumbekeli bucala... kuyayinika amandla impendulo.) (2) 1.6 Isisiphumo songenelelo.√ (1) 1.7 A./A. Yokuthundeza abantu./Yokuthundeza abantu.√ (1) 1.8 Ndiyangqina kuba iingxoxo ezingendlala ngokwalo mhlathi zisekwe kwingxelo yombutho wezempilo wehlabathi/(WHO).√√ (2) 1.9 'Ukongeza, abantu mabayeke ukukholelwa yonke into abayifumana kwi- intanethi kuba i-intanethi iyakwazi ukusetyenziselwa ukusasaza iindaba ezibubuxoki.'√√ (2) 1.10 Yimfundo yokusebenzisa itekhnoloji ngobulumko√/Yimfundo engoncedo nangenzuzo yetekhnoloji.√ (1) Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 4 DBE/Novemba 2022 NSC – Isikhokelo Sokumakisha 1.11 Ingxaki yintswelangqesho ekwiqondo eliphezulu.√/Ingxaki kukuba ulutsha luphela lusenza imisebenzi engangqamani nezakhono olunazo.√ Isisombululo kukuluxhobisa ngezakhono eziza kudingeka emisebenzini kule nkulungwane.√ (2) 1.12 BUBUXOKI kuba isicatshulwa sithi asiyontswelangqesho kuphela olujongene nayo√√ /kuba ngokwesicatshulwa ulutsha lujongene nako nokuguquguquka kwemozulu.√√ (2) 1.13 Ngamafutha aveliswa ngezinto zendalo.√ (1) 1.14 Sesokuba ulutsha lwanamhlanje likamva lesizukulwana esizayo√/ Sesokuba lolwanamhlanje ulutsha oluza kubangumlumiso kwisizwe esizayo.√ (1) 1.15 Unako ukuzitshintsha iingqondo zolutsha lo mhlathi kuba isisombululo/ impendulo kwiingxaki umbhali uyiseka kumava akhe ngeengxaki zolutsha√√/ kuba lo mhlathi uyalucenga ulutsha awulugxagxamisi.√√/ kuba umbhali uyazibandakanya kule ngxaki kunye nesisombululo sayo√√/kuba umhlathi uyazixhasa izizathu zokugxininisa ukuba wonke ubani unendima afanele ukuba ayidlale√√/kuba uyazinika izisombululo ezifana nokubambisana, ukusebenza kunye ndawonye ukuze zoyise imingeni ejongene nelizwe√√/kuba ngokwalo mhlathi ulutsha lunikwa ithuba lokuthatha inxaxheba lutsho luzive luyinxalenye yotshintsho ehlabathini.√√ Okanye Ungangabinako lo mhlathi ukuzitshintsha iingqondo zolutsha ngendima omaluyidlale kuba ugcwele ziingcebiso neziyalo ezinokulukruqula olunye ulutsha olungathandi kucetyiswa√√ /kuba asinguye wonke umntu olulutsha othanda indalo√√ /kuba umntu ongayiqondiyo intsingiselo yeminyango evulwa emadongeni akanakuwuva kwangoko umyalezo womhlathi√√/kuba olunye ulutsha lungazitolika iingxaki ezikwisicatshulwa njengezingabangelwanga lulo koko zibangelwe zizizukulwana ezingaphambili lutsho lungazifaki kuxanduva lokusombulula iingxaki zenkulungwane yama-21.√√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (2) Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 5 DBE/Novemba 2022 NSC – Isikhokelo Sokumakisha IMIBUZO ISICATSHULWA A NO B 1.16 Ngenkunkuma/ngeendidi zenkunkuma/ engaboliyo engcolisa umhlaba.√/Zizinto ezingafunwayo.√ (1) 1.17 Umfanekiso ubonisa inkunkuma elahlwa ngokungakhathali/ungcoliseko olungunobangela weengxaki zehlabathi ezikhankanywe ngumhlathi wesi-6/ inkunkuma elahlwa ngokungakhathali.√/Lungcoliseko olubangela iingxaki ezikhankanywe kumhlathi wesi-6/ nayiphi enye kwezi ngxaki - ukunyuka kwamaqondo obushushu ngokungaqhelekanga/ izikhukhula/ imbalela/ iimvula ezinamandla amakhulu /ukuxhaphaka kwemisinga yobushushu/ ukunyuka kweqondo lamanzi kwiilwandle/ukutshiswa kwamafutha efosili.√ (Ezi ngxaki mazithathwe zonke njengoko zibhalwe ngasentla nakumhlathi 2.) (1) 1.18 Siphumelele kuba kwisicatshulwa B umhlaba ubonakala ungakwazi ukuzetyisa iindidi zenkunkuma zize iziphumo ezilindelekileyo ibengumhlaba ongenakulimeka okhokelela kwimbalela nendlala ezikhankanywe ngumhlathi we-4√√/kuba ungcoliseko olubonakala kwisicatshulwa B lusenganxulunyaniswa nengxaki ebubuhlwempu obukhankanywe ngumhlathi we-4 ngokufana kwawo neendawo abaxhaphake ukufumaneka kuzo.√√ Okanye Asiphumelelanga kuba isicatshulwa B sibethelela ungcoliseko kanti umhlathi we-4 kwisicatshulwa A ubhekise kakhulu kwindlala, ubuhlwempu nokhuseleko lokutya.√√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (2) 1.19 Ulutsha lungenza ungenelelo ngokucoca umhlaba. √√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 6 DBE/Novemba 2022 NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO B: USHWANKATHELO UMBUZO 2: UKUSHWANKATHELA NGAWAKHO AMAZWI Sebenzisa ezi ngongoma zingundoqo zilandelayo ekufuneka zibandakanywe ngabaviwa kwisishwankathelo njengesikhokelo. Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaliseni iingongoma ezingundoqo. Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: Naziphi iingongoma ezichanekileyo ezisi-7 ezibhalwe ngokomhlathi mazimakishwe. (Izivakalisi mazinamathelane.) UCAPHULO IINGONGOMA 1. 'Umntu angaqala iphulo 1. Sungula iphulo lokukhathalela lokulondoloza indalo ' indalo. 2. 'Makabeyinxalenye yamaphulo 2. Ncedisa amaphulo ehlisa okuqinisekisa ukunciphisa ukusetyenziswa kakhulu ukusetyenziswa kwephepha.' kwephepha. 3. 'Angafundisa abantu ukungagibiseli 3. Titsha abantu ngokukhetha zonke izinto kwinkunkuma inkunkuma bayifake ngokuyahlula bakhethe iiplasitiki, nokwekwimigqomo eyahlukileyo amaphepha, inkcenkce neegilasi yokurisayiklisha. bazifake kwimigqomo eyahlukileyo yokurisayiklisha.' 4. 'Makukhuthazwe ukusetyenziswa 4. Bakhuthaze abantu ukuba kwamanzi nombane ngobulumko.' balondoloze umbane namanzi. 5. 'Khangela iimveliso 5. Funa iimveliso ezingenabungozi ezingatshabalalisi ndalo, ngokuthi kwindalo ukuphephe ngandlela uzame kangangoko ukungayithengi zonke ukuthenga iplasitiki. iplasitiki yokuphatha.' 6. 'Khuthaza ukuthoba izinga lokutyiwa 6. Thundeza ukwehliswa kokutyiwa kwenyama neemveliso zobisi ukuze kwenyama neemveliso zederi kuhle izinga lokufuya.' ukuze kunciphe iqondo lokufuya. 7. 'Gada imikhwa yokuthenga uthenge 7. Kubalulekile ukuthenga izinto oza kuphela izinto ozidingayo, kuzisebenzisa uyeke ngokwenza njalo unciphisa ingozi ezingenamsebenzi ukuze kokusingqongileyo.' ukhusele okusingqongileyo. [53 amagama] Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 7 DBE/Novemba 2022 NSC – Isikhokelo Sokumakisha UKUBHALWA NGOKOMHLATHI QAPHELA: Oku kulandelayo ngumzekelo nje kuphela. Akungommiselo kwaye makusetyenziswe ngobuchule. UMHLATHI Ulutsha lunokwenza oku kulandelayo ukulondoloza indalo nokuzingqongileyo Sungula iphulo lokukhathalela indalo. Ncedisa amaphulo ehlisa ukusetyenziswa kakhulu kwephepha. Titsha abantu ngokukhetha inkunkuma bayifake nokwekwimigqomo eyahlukileyo yokurisayiklisha. Bakhuthaze abantu ukuba balondoloze umbane namanzi. Funa iimveliso ezingenabungozi kwindalo ukuphephe ngandlela zonke ukuthenga iplasitiki. Thundeza ukwehliswa kokutyiwa kwenyama neemveliso zederi ukuze kunciphe iqondo lokufuya. Kubalulekile ukuthenga izinto oza kuzisebenzisa uyeke ezingenamsebenzi ukuze ukhusele okusingqongileyo. [60 amagama] Ukumakisha isishwankathelo: Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaleni kuphela iingongoma ezingundoqo. Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo:  Ulwabiwo lwamanqaku o Amanqaku asi-7 ngeengongoma ezisi-7 (inqaku ngengongoma nganye). o Amanqaku ama-3 olwimi. o Amanqaku ewonke: 10.  Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa besebenzise amazwi abo: o 1–3 amanqaku achanekileyo: Nika inqaku eli-1 lolwimi. o 4–5 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-2 olwimi. o 6–7 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-3 olwimi.  Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abaviwa becaphule ngqo. o 6–7 iingongoma ezicatshulwe ngqo: akunikezelwa manqaku olwimi. o 4–5 iingongoma ezicatshulwe ngqo: nikezela inqaku libe-1 lolwimi. o 2–3 iingongoma ezicatshulwe ngqo: nikezela amanqaku abe ma-2 olwimi. QAPHELA:  Ubalo-magama o Abakorekishi kulindeleke ukuba baliqinisekise inani lamagama asetyenzisiweyo. o Musa ukuthabatha amanqaku ukuba umviwa akalibonakalisanga inani lamagama asetyenzisiweyo okanye ukuba inani lamagama libonakaliswe ngokungachanekanga. o Ukuba udlule kwinani eliqingqiweyo, funda ukuya kuma ekupheleni kwesivakalisi eliphele kuso inani eliqingqiweyo ungawahoyi alandelayo. AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 8 DBE/Novemba 2022 NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO C: IZAKHI NEMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI Ukumakisha iCANDELO C Umakisho lweCANDELO C:  Upelo o Iimpendulo ezinegama elinye mazimakishwe nokuba upelo lugwenxa, ngaphandle kokuba isiphene sitshintsha intsingiselo yegama. o Kwiimpendulo ezizivakalisi ezipheleleyo upelo olugwenxa malunyityelwe amanqaku ukuba impazamo ikwimigaqo yolwimi oluhlolwayo. o Xa kuhlolwa izifinyezi impendulo mayibonakalise ukusetyenziswa kweziphumlisi ngokuchanekileyo.  Ulwakhiwo kwizivakalisi malubhalwe ngemigaqo yegrama echanekileyo nangezivakalisi ezipheleleyo/ngokomyalelo.  Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokupheleleyo, iyamkeleka. UMBUZO 3: ISIBHENGEZONTENGISO 3.1 Just do it.√ (1) 3.2 Nike.√ (1) 3.3 Ngempilo koyisebenzisayo√/ngempilo.√ (1) 3.4 A. /A. krobisa kwinzuzo./krobisa kwinzuzo.√ (1) 3.5 Yokuba obuzayo unabantu abambalwa kunabalo abhekisa kuye√√/Yokuba obuzayo akanamikrozo√√/Yokuba obuzayo unqwenela imikrozo engakulo abhekisa kuye.√√/Yeyokuba unqwenela ukubayinxalenye yale mikrozo.√√/yeyokuba lo ubuzayo ungumthengi ome kuluhlu lwabantu abayokuthenga iiteki ezingenabathengi baninzi.√√/Yokuba obuzayo urhalela ukubayinxalenye yaba bantu baninzi.√√ /Yomthengisi onengcinga yokuba ingaba eyakhe iteki yintoni engenayo le inayo le yakwaNike.√√ (Nayiphi kwezi.) (2) 3.6 Usebenze njengesikweko kuba iiteki zenziwe zayimiphunga.√√/Ngokubeka iiteki ngathi ngamaphaphu.√√ (2) 3.7 Bungakuncedisa kuba buyenza ivakale ngokungathi ingumyalelo okhuthaza abathengi ukuba bayithenge kuba beza kuyisebenzisa bengazukuhombisa ngayo√√/kuba ubumbolombini benze umtsalane/umdla/ukumameleka kumthengi.√√ Okanye Abunakukuncedisa ukuthengiseka kwale mveliso kuba isivakalisi sivakala ngokungathi singumyalelo onqanda umthengi ukuba angayisebenzisi kuba ayisebenzi.√√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 9 DBE/Novemba 2022 NSC – Isikhokelo Sokumakisha UMBUZO 4: IKHATHUNI 4.1 Asebenze ukubonakalisa ukuba uMnu Mafu kukho into ebeyithethile ngaphambili engaviwanga nguNtiful.√/Abonakalisa ukuba UMnu Mafu uqhubeka kwinto ebeyithethile.√/Ukuthetha kwakhe uMnu Mafu kuqhutywa yinto ebeyithethe ngaphambili.√ (1) 4.2 Libonakala liliqamza elineendawo ezitsolo kumkhonto obonisa isithethi/ libonakala liliqamza elineendawo ezibukhali ezibonakala ngathi ngumbane kumkhonto obonisa isithethi.√/Libonakala liyizigzegi.√ (1) 4.3 Umahluko ngowokuba ezikaMnu Mafu izandla ziyakhomba/zityityimbisa umnwe ngeli xesha ezikaNtiful izandla zibekwe ngasemva.√√ (2) 4.4 C√/C.Ngokuzithoba kutitshala/Ngokuzithoba kutitshala.√ (1) 4.5 Umzimba kaMnu Mafu mkhulu ngokubaxekileyo ukumveza njengomntu onegunya elingaphezulu lee kwelikaNtiful olibakwana.√√/Busetyenziswe ngokubaxa ubungakanani bemizimba uMnu Mafu wenziwe wamkhulu kakhulu ukuze abonakale enegunya elingaphezulu kwelikaNtiful owenziwe wanomzinjana omncinci, odelekileyo.√√/Ubudala bayanyaniswe namagunya angaphezulu kwawalo mntu mncinci.√√/Onomzimba omkhulu unikwe amagunya amakhulu onomzimba omncinci unikwe amagunya amancinci.√√ (2) 4.6 Wawuthe.√ (1) 4.7 UMnu Mafu umele ukukhathazeka kuba uNtiful usebenzisa gwenxa imfundiso awayemnike kumxholo owahlukileyo.√√/Umele ukukhathazeka uMnu Mafu kuba uNtiful akakaqondi ukuba ukubhala ngumboniso welinge lokuba ukuqondile na okufundiswayo.√√/Angakhathazeka kuba ukuthi, 'wawuthe' kungamenza eve ngathi uyadelelwa okanye uyaphoxwa utitshala yimpendulo kaNtiful.√√ OKANYE Akamele kukhathazeka uMnu Mafu kuba uNtiful angathi kanti unyanisekile kwimpendulo ayinikayo.√√/Akamele kukhathazeka uMnu Mafu kuba impendulo kaNtiful ibonakalisa ukuzigcina iimfundiso zikatitshala wakhe.√√/ Akamele kukhathazeka utitshala kuba impendulo kaNtiful ikrobisa utitshala kwinto amele ukuba amfundise yona uNtiful.√√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 10 DBE/Novemba 2022 NSC – Isikhokelo Sokumakisha UMBUZO 5: IPROZI 5.1 Isivakalisi esibuzayo.√ (1) 5.2 Nalapha√, nale.√ (2) 5.3 ... alikho elindihlekise njengelembethimanqindi enomfazi wayo owayengasayi kuyoyi√bukela emabaleni kuba enamasikizi. Wayede axolele ukuyi√bukela kumabonakude.√ (2) 5.4 Nanamhlanje.√ /Njengesiqhelo.√ (1) 5.5 Amasaka.√ (1) 5.6 Yayisebezela.√ (1) 5.7 Lokuzikhupha engxakini.√√ (2) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all