Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 P3 NSC November 2022 Question Paper

Question paperisiXhosa HLGrade 1220225 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 3 question paper from the NSC November Exam 2022, 5 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Loading document…

Loading document…

NSC November Exam 2022

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LESITHATHU (P3) NOVEMBA 2022 AMANQAKU: 100 NOVEMBA 2017 IXESHA: Iiyure 3 Olu viwo lunamaphepha ama-5. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 2 DBE/Novemba 2022 NSC IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI: ICANDELO A: Isincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50) 2. Phendula umbuzo ubeMNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala ICANDELO ngaLINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba ucwangcise (usebenzisa isazobe/iflowutshathi/ amagama angundoqo, njl.njl), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngokucwangcisa PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kulo lonke uyilo ukuba uthe walwenza. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-100 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-80 (2 x 40) 8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo kwiphepha lemibuzo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 3 DBE/Novemba 2022 NSC ICANDELO A: IZINCOKO Khetha isihloko sibesiNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama-340–390. UMBUZO 1 1.1 Obabulapho ubumnandi … kanti liphupha. [50] 1.2 Mhle ngaphakathi nangaphandle lo mntu. [50] 1.3 Ubuhlobo benene bufuna kuqale wena ubengumhlobo. [50] 1.4 Alitshoni lingaphumi. [50] 1.5 Ixesha ngumaph'esehlutha. [50] 1.6 Umlilo uyinzuzo okanye uyilahleko. [50] Qwalasela uze ukhethe ubemnye kwimifanekiso engezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. Nombola impendulo yakho ngolu hlobo, (1.7 okanye 1.8). 1.7 [Ucatshulwe kwi-intanethi: www.googlesearch.com] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 4 DBE/Novemba 2022 NSC 1.8 [Ucatshulwe kwi-intanethi:@minicheps] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 5 DBE/Novemba 2022 NSC ICANDELO B: IMIHLATHI Khetha imihlathi ibemiBINI kule ilandelayo uze ubhale ngayo. Bhala amagama ali-100–120 (umxholo kuphela). UMBUZO 2 2.1 ILETA ESESIKWENI Kuphume inqaku kwiphephandaba, 'Ilizwi', ligxeka ulutsha ngokuchitha isithukuthezi ngeendlela ezingenambuyekezo. Bhala ileta eya kumhleli ucebise ulutsha ngeendlela ezincedayo zokuchitha isithukuthezi. [25] 2.2 I-IMEYILE Iziko leFAMSA lipapashe umyalezo othi, 'Ndikhetha ukumamela ibali lakho kunokuya emngcwabeni wakho.' Bhala i-imeyile eya kumhlobo wakho odinga uncedo, umkhuthaze ukuba andwendwele iziko leFAMSA. [25] 2.3 IRIVYU Bhala irivyu yenkqubo yolutsha obuyimamele kunomathotholo. [25] 2.4 INTETHO Bhala intetho oza kuyenza kwintlanganiso yabazali njengommeli wabafundi, uphalaza iimbono zabafundi malunga nemithetho elawula imbonakalo yeenwele esikolweni sakho. [25] 2.5 I-AJENDA NEMIZUZU YENTLANGANISO Ungunobhala wekomiti yabahlali, bhala i-ajenda nemizuzu yentlanganiso ehlalele ukuhlangabezana neengxaki ezidalwa kukubakufutshane nezikolo kweendawo ezithengisa utywala. [25] 2.6 INGXOXO YABABINI Bhala ingxoxo ephakathi kukaSivile omele imbono yokuba abantu mabayekwe bazixhome izinto ezingobomi babo kumaqonga onxibelelwano kunye noAsanda omele ukuba bangazixhomi. [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all