You're offline
Skip to content
Question paper

IsiXhosa HL P1 Nov 2021 MG hlayiso.com

Subject: Isixhosa HlGrade 1220219 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LOKUQALA (P1) ISIKHOKELO SOKUMAKISHA NOVEMBA 2021 AMANQAKU: 70 Esi sikhokelo sokumakisha sinamaphepha ali-9. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha. Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 2 DBE/Novemba 2021 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha QAPHELA  Esi sikhokelo sokumakisha senzelwe ukuba sibe sisikhokelo kubamakishi.  Asenzelwanga ukuba sibe ngummiselo ogqibeleleyo.  Iimpendulo zabafundi mazithathelwe ingqalelo ngokokuchaneka kwazo.  Iimpendulo mazihlolwe ngokupheleleyo namanqaku anikezelwe apho kufuneka anikezelwe khona ngokwezigqibo ezithatyathwe kwintlanganiso yokubeka umakisho emgangathweni.  Isikhokelo sokumakisha siya kuxoxwa phambi kokuba kuqalwe ukumakisha. IMIYALELO KUBAMAKISHI Umakisho lwesicatshulwa sokuqonda:  Ngenxa yokuba kugxininiswa ekufundeni ngokuqonda, akufanelekanga ukuba upelo olugwenxa neemposiso zolwimi kwiimpendulo zezivakalisi zinyityelwe amanqaku ngaphandle kokuba ezo ziphene zitshintsha intsingiselo yempendulo elindelekileyo. Iimposiso ezikhoyo maziqatshelwe ngokukrwelelwa.  Kubaviwa abasebenzisa amagama athatyathwe kolunye ulwimi ngobunjalo bawo, olungesiso isiXhosa, musa ukuwathathela ingqalelo lawo magama anjalo, kananjalo banganyityelwa manqaku xa ngaba iimpendulo ezinikiweyo zinembadla. Ngokunjalo ukuba igama elisuka kolunye ulwimi lusetyenziwe kwitekisi kwaye impendulo ifuna elo gama, oko kwamkelekile.  Kwimpendulo apho ziliqela iimpendulo ezichanekileyo akunikwa manqaku ngeempendulo ezingu-EWE/HAYI, NDIYAVUMA/ANDIVUMELANI kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo.  AKUNIKWA manqaku ngeempendulo ezingu-YINYANI/BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo.  Apho kulindeleke iimpendulo ezigama linye aze umviwa anike isivakalisi, nika amanqaku ukuba ngaba igama elifanelekileyo likrwelelwe umgca ngaphantsi okanye ligqanyisiwe.  Kwimibuzo apho kulindeleke iimpendulo ezimbini/ezintathu, aze umviwa adwelise uluhlu lweempendulo, makisha kuphela ezimbini/ezintathu zokuqala.  Iilwimi zengingqi neziyelelani zesiXhosa zamkelekile.  Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, makwamkelwe zombini, ukutsho oko unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokuzeleyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha. Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 3 DBE/Novemba 2021 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO A: ISICATSHULWA UMBUZO 1: UKUFUNDELA INTSINGISELO NOKUQONDA 1.1 Lixesha lobhubhane wesifo esibangelwa yintsholongwane iKhorona.√ (1) 1.2 Ngokuthi liqhayise ngeevidiyo zalo zomdaniso wengoma uJerusalema kumaqonga onxibelelwano.√ (1) 1.3 Twitter√/Youtube√/WhatsApp.√ (Nayiphi kwezi.) (1) 1.4 Lizisa intsingiselo yokuba isizathu salekwa phezu kwesinye.√/Lizisa intsingiselo yokuba isizathu siyongezwa kwesezikho.√/Lizisa intsingiselo yokuba sikhona nesinye isizathu.√/ Lizisa intsingiselo yokuba aziphelelanga kwesi sodwa isizathu.√ (1) 1.5 Kukunwenwa okomlilo wedobo afikelele kwihlabathi lonke ngexesha elingephi.√/Ngumoya wethemba awusasaze kuzwelonke evusa imimoya ewileyo ngexesha leCovid-19.√ (2) 1.6 Ubhubhane sisifo esibulala abantu abaninzi ngokukhawuleza√√/sisifo esingumbulalazwe√√/sisifo esigqugqisayo sibulale sitshabalalise abantu kwihlabathi/kwingingqi.√√ (2) 1.7 Ngumqobo osekwe kulwimi√/kubulungu benkolo ezithile√/kubudala√/ kwizihlalo zokulawula emisebenzini√/ osekwe kuhlanga oluthile √/osekwe kubumi bezwekazi elithile.√ (Nayiphi kwezi.) (1) 1.8 Bubuxoki kuba ngokwesicatshulwa ihlabathi belimanyene ngenxa yale ngoma.√ (1) 1.9 Liyeke uchuku√/lohlukane nochuku.√ (1) 1.10 Ndiyangqina kuba abantu bayeke ukubukulana ngokobuhlanga√/abantu bayeke ukucalulana ngokobuhlanga√/ bebefunana apha ngomdaniso bengasajongananga mibala, buhlanga, nalwimi√/kuba iintlanga ngeentlanga ziyivume njengoko ibhalwe ngolwimi lwesiZulu ingaguqulelwanga kwiilwimi zazo√/kuba iinkcubeko zehlabathi lonke zidityaniswe zahlanganiswa nguJerusalema.√ (Nayiphi kwezi.) (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha. Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 4 DBE/Novemba 2021 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha 1.11 Kukuphilisa imiphefumlo√/kukususa uloyiko√/ kukususa imvakalelo zokuxhalaba√/iphilisa abantu ababesele besezibhedlele benikezele√/ngumvuseleli wethemba/ibeliyeza lamandla nokuphakamisa umoya.√ (Nasiphi isibini kwezi.) (2) 1.12 Ndi-i-i.√ (1) 1.13 Yeyokuba abantu bacamngce, bakhumbule abasele besandulele, bavuyele ithuba lokungxenga amandla ombulalazwe oyiCovid-19, bebambene.√√ (2) 1.14 Ndiyavumelana nalo kuba iividiyo zikaJerusalema bezityhuluba, zingena kumakhaya ngamakhaya zade zawela iilwandle ngexesha bekuvaliwe ukuhambelana kwamakhaya namazwe ehlabathi.√√ OKANYE Andivumelani nalo kuba iividiyo bezihamba zodwa, abakhange bade bavulelwe ukundwendwelana abantu.√√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (2) 1.15 B√/ B Ukufuna iinkcukacha zengoma kwiApp uShazam√/Ukufuna iinkcukacha zengoma kwiApp uShazam. √ (1) 1.16 Bobabini bahamba ngesantya esingakholelekiyo√/bobabini bahamba ngesantya esinguqhwanya√/bobabini bahamba ngokomlingo.√ (1) 1.17 Lokwengeza kwisigama sikaPanSALB sika2020.√ (1) 1.18 Ngabathandi/ngabalandeli bomculo nomdaniso wengoma enguJerusalema√ kuba bayakhuthazeka ludumo olubangelwe yingoma u’Jerusalema’.√/ NguMaster KG noNomcebo Zikode√ kuba babenegalelo ekubumbeni uluntu nokutyala umoya okhulula kwinkxalabo eze neCovid-19.√/Lulutsha√ kuba luthanda ingoma njengoko isicatshulwa siwuphindaphinda umyalezo wamandla engoma.√ Ngabantu abachaphazeleke yiCovid-19√ kuba isihloko sithi uJerusalema neshwangusha leCovid-19.√ (Nayiphi kwezi.) (2) 1.19 Banxibe izifonyo√, baqaqelene.√ (2) 1.20 Ngokuba kumhlathi wesibini nakulo mfanekiso umdaniso uquka abantu abatsha nabadala.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) 1.21 Yeyokuba ingoma idala umanyano.√√/Yeyokuba iyathuthuzela iphelise nenkxalabo.√√ /Yeyokuba ivuselela ithemba√√ /Yeyokuba inika ithemba. √√ (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha. Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 5 DBE/Novemba 2021 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO B: USHWANKATHELO UMBUZO 2: UKUSHWANKATHELA NGAWAKHO AMAZWI Sebenzisa ezi ngongoma zingundoqo zilandelayo ekufuneka zibandakanywe ngabaviwa kwisishwankathelo njengesikhokelo. Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaliseni iingongoma ezingundoqo. Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: Naziphi iingongoma ezichanekileyo ezisi-7 ezibhalwe ngokomhlathi mazimakishwe. (Izivakalisi mazinamathelane.) UCAPHULO IINGONGOMA 1. 'Kuyimfuneko ukuba ube 1. Yiba nendlela yokungenisa imali nomsebenzi okanye isingxungxo ngexesha usazama ukukhulisa onokuxhomekeka kuso ngemali ngeli ubuchule bakho bokudijeya. xesha usazama isakhono sokudijeya.' 2. '... ukudijeya kuyabufuna 2. Fumana izixhobo zokudijeya ubuxhakaxhaka obuzizixhobo ezisemgangathweni nokuba zokudijeya ezisemgangathweni, zingamasekeni. ...nokuba zingamasekeni ...' 3. '... kuluncedo ukubanika ithuba 3. Nika abalandeli bakho ithuba abalandeli bakho bancedise lokuncedisa ukwenza isicwangciso kwizigqibo zeengoma ezinokudlalwa seengoma oza kuzidlala. ...' 4. '... asibobuchule ukusuka udijeye 4. Zama ukubanolwazi lomculo ungakhange urhece ulwazi lomculo okanye olokudlala izixhobo okanye imfundwana engokudlala zomculo. izixhobo zokucula.' 5. 'Mamelisisa, uwajongisise 5. Ziqiqisise izivumelwano amasolotya esivumelwano ngakumbi nemanejala phambi kokusayina abhalwe ngamagama amancinci ukuze ungaziboni sele ukuze ungangeni emgxobhozweni usengxakini. ungaqondanga.' 6. 'Ungazifunela umntu ozakunika 6. Qiniseka ukuba unomntu inkxaso engahexiyo kwimizamo omthembileyo onokukuxhasa yakho nanjengoko zininzi iingxaki angakutyhafisi kwiimeko ezifuna onokuhlangana nazo.' inkxaso. 7. 'Hlaba ukhangele kuba ukuhamba 7. Yiba nobuchule bokugcina imali kuyayitya imali nanjengoko eyaneleyo ngalo lonke ixesha uzakumana uhambela iindawo ukuze uqinisekise ngeendawo nakumazwe ngamazwe.' ngokuzihlawulela ngokupheleleyo iindleko zohambo lwakho. [70 amagama] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha. Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 6 DBE/Novemba 2021 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha UKUBHALWA NGOKOMHLATHI QAPHELA: Oku kulandelayo ngumzekelo nje kuphela. Akungommiselo kwaye makusetyenziswe ngobuchule. UMHLATHI Yiba nendlela yokungenisa imali ngexesha usazama ukukhulisa ubuchule bakho bokudijeya. Fumana izixhobo zokudijeya ezisemgangathweni nokuba zingamasekeni ukuze ungabonakali njengomntu ongazinto. Nika abalandeli bakho ithuba lokuncedisa ukwenza isicwangciso seengoma oza kuzidlala. Zama ukubanolwazi lomculo okanye olokudlala izixhobo zomculo. Ziqiqisise izivumelwano nemanejala phambi kokusayina ukuze ungaziboni sele usengxakini. Qiniseka ukuba unomntu omthembileyo onokukuxhasa angakutyhafisi kwiimeko ezifuna inkxaso. Yiba nobuchule bokugcina imali eyaneleyo ngalo lonke ixesha ukuze uqinisekise ngokuzihlawulela ngokupheleleyo iindleko zohambo lwakho. [70 amagama] Ukumakisha isishwankathelo: Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaleni iingongoma ezingundoqo. Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo:  Ulwabiwo lwamanqaku o Amanqaku asi-7 ngeengongoma ezisi-7 (inqaku ngengongoma nganye). o Amanqaku ama-3 olwimi. o Amanqaku ewonke: 10.  Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa besebenzise amazwi abo: o 1–3 amanqaku achanekileyo: Nika inqaku eli-1 lolwimi. o 4–5 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-2 olwimi. o 6–7 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-3 olwimi.  Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa becaphule. o 6–7 iingongoma ezicatshulwe ngqo: akunikezelwa manqaku olwimi. o 4-5 iingongoma ezicatshulwe ngqo: nikezela inqaku libe-1 lolwimi. o 2-3 iingongoma ezicatshulwe ngqo: nikezela amanqaku abe ma-2 olwimi. QAPHELA:  Ubalo-magama o Abakorekishi kulindeleke ukuba baliqinisekise inani lamagama asetyenzisiweyo. o Musa ukuthabatha amanqaku ukuba umviwa akalibonakalisanga inani lamagama asetyenzisiweyo okanye ukuba inani lamagama libonakaliswe ngokungachanekanga. o Ukuba udlule kwinani eliqingqiweyo, funda ukuya kuma ekupheleni kwesivakalisi eliphele kuso inani eliqingqiweyo ungawahoyi alandelayo. AMANQAKU ECANDELO B: [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha. Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 7 DBE/Novemba 2021 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO C: IZAKHI NEMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI Ukumakisha iCANDELO C Umakisho lweCANDELO C:  Upelo o Iimpendulo ezinegama elinye mazimakishwe nokuba upelo lugwenxa, ngaphandle kokuba isiphene sitshintsha intsingiselo yegama. o Kwiimpendulo ezizivakalisi ezipheleleyo upelo olugwenxa malunyityelwe amanqaku ukuba impazamo ikwimigaqo yolwimi oluhlolwayo. o Xa kuhlolwa izifinyezi impendulo mayibonakalise ukusetyenziswa kweziphumlisi ngokuchanekileyo.  Ulwakhiwo kwizivakalisi malubhalwe ngemigaqo yegrama echanekileyo nangezivakalisi ezipheleleyo/ngokomyalelo.  Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokupheleleyo, iyamkeleka. UMBUZO 3: ISIBHENGEZO NTENGISO 3.1 YiApp uShazam√/nguShazam√/Shazam.√ (1) 3.2 Ligama leApp ethengiswayo√/Kukutsala abathengi.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 3.3 Senza kubelula kuba isigama esithi, 'Ndimamelise nje' sisigama esenza ngathi kulula ukufumana iinkcukacha ngengoma.√/Senza ngathi kulula kuba isigama esithi, uml-i-ngo! sisigama esinika intsingiselo yokuba kwenzeka ngoqhwanya ukufumaneka kweenkcukacha ngengoma.√/Senza ngathi kulula kuba isigama esithi, 'Shaza-am konke ngengoma kukuwe' sisigama esinika umthengi ukuba kuya kuba nguqhwanya ukufumana iinkcukacha zomculo.√ (Nasiphi na isibini) (2) 3.4 B√/B Ukubizela abathengi kuShazam√/Ukubizela abathengi kuShazam.√ (1) 3.5 Thenga.√/Thenga kuPlaystore ngoku.√ (1) 3.6 Kubantu abathanda umculo√/ benayo iselula enoPlaystore okanye uAppleStore√benaso i‘ismart phone’.√ (2) 3.7 Ndiyangqina kuba kusetyenziswe umfanekiso womntu oyindoda ngokungathi ngamadoda kuphela afanele ukusebenzisa uShazam√√/ ngokungathi ngamadoda kuphela athanda umculo.√√ OKANYE Ndiyachasa ukusetyenziswa kukaShazam akunasini umfanekiso womntu oyindoda usetyenziselwe nje ukuthengisa iApp.√√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha. Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 8 DBE/Novemba 2021 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha UMBUZO 4: IKHATHUNI 4.1 IGPS √/ikhalenda√/ikhamera√/idlala umculo oziiMP3√/imiyalezo ethethayo.√ (Nasiphi isibini kwezi.) (2) 4.2 Yokuba intetho kaSive isaqhuba√/eyokuba intetho kaSive ayiphelelanga.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 4.3 Linika ingcinga yokuba nangona iselula inazo izinto ezininzi azithandayo uSive, ikho into engenzekiyo√/Linika ingcinga yokuba intetho eza kulandela iza kunika into engakwazi ukuyenza iselula kaSive√/ Linika ingcinga yokuba inesiphene√/ Linika ingcinga yokuba nangona ikwazi ukwenza izinto ezininzi iselula kodwa ikho le ingakwaziyo ukuyenza.√ (1) 4.4 B. √ B. ugadene nokukhala kweselula yakhe.√/ ugadene nokukhala kweselula yakhe.√ (1) 4.5 Kwisakhelo soku-1 uSive wonwabile kanti kwisakhelo sesi-3 udanile/unxunguphele.√√ (2) 4.6 ULiyon uthule kuzo zozithathu izakhelo endaweni yokuxelela uSive iimpazamo zakhe.√ (1) 4.7 Uphumelele kuba umenze uSive wanesithukuthezi ngenxa yokunqula iselula ekhona uLiyon abenokuchitha naye isithukuthezi walibala kukufuna ukufonelwa ngabantu abangakhange bade bamfonele.√√/Uphumelele kuba umenze uSive wafumana isohlwayo ngokusebenzisa ifowuni angamhoyi uLiyon ahleli naye.√√ OKANYE Akaphumelelanga kuba uLiyon amsebenzisileyo naye khange amncokolise uSive.√√/ Akaphumelelanga kuba uLiyon naye uye akamhoya uSive, akamthethisa, akamjonga nokumjonga.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo iyakwamkeleka) (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha. Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 9 DBE/Novemba 2021 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha UMBUZO 5: IPROZI 5.1 '... kunzima ukuwahlula nditsho nkqu nabazali b√awo. (1) 5.2 Babesoyisakala √ukwazi ukuba nguwuphi owuphi√/babesoyiswa√ kukuqaphela umahluko phakathi kwabo√/babengakwazi√ ukuthi ngowuphi owuphi. √ (Nayiphi na kwezi) (2) 5.3 (a)lo√, (b) lowa.√ (2) 5.4 Le nto.√ (1) 5.5 Ubuthuntu.√ (1) 5.6 ... wambetha.√ (1) 5.7 Iziphumo.√ (1) 5.8 Uthathe amashumi alithoba anesihlanu wawenza awakhe lashota elinye iwele. √ (1) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha.

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 12 Isixhosa Hl

Explore more published documents in this catalogue.

View all
IsiXhosa HL P1 Nov 2021 MG hlayiso.com | Hlayiso