Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 P3 NSC November Exams 2021 QP

Question paperisiXhosa HLGrade 1220215 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 3 question paper from the NSC November Exams 2021, 5 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

NSC November Exams 2021

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LESITHATHU (P3) NOVEMBA 2021 AMANQAKU: 100 NOVEMBA 2017 IXESHA: Iiyure 3 Olu viwo lunamaphepha ama-5. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 2 DBE/Novemba 2021 NSC IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI: ICANDELO A: Isincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50) 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala ICANDELO ngaLINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/iflowutshathi/amagama angundoqo, njl.njl), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kuyilo lonke. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu eli-100 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-80 (2 x 40) 8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo kwiphepha lemibuzo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 3 DBE/Novemba 2021 NSC ICANDELO A: IZINCOKO Khetha isihloko sibesiNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama-340-390. UMBUZO 1 1.1 Lwaba neziganeko uhambo lwaloo veki. [50] 1.2 Kowu! Abazali kodwa! [50] 1.3 Le tekhnoloji kwimfundo kutshanje ... [50] 1.4 Izandla ziyahlambana. [50] 1.5 Uthethathethwano lungenza lukhulu. [50] 1.6 Isibonelelo sikarhulumente siluncedo, kodwa ... [50] 1.7 Qwalasela uze ukhethe ubemnye kwimifanekiso engezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. 1.7.1 [Ucatshulwe kwi-intanethi: www.googlesearch.com] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 4 DBE/Novemba 2021 NSC 1.7.2 [Ucatshulwe kwi-intanethi: www.googlesearch.com] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 5 DBE/Novemba 2021 NSC ICANDELO B: IMIHLATHI Khetha imihlathi ibemiBINI kule ilandelayo uze ubhale ngayo. Bhala amagama ali-100–120 (umxholo kuphela). UMBUZO 2 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhalela umhlobo wakho umbalisele ngesenzo sobuqhawe sikamakhulu/ sikatatomkhulu wakho. [25] 2.2 ILETA YASEBURHULUMENTENI Bhalela uMphathiswa weSebe lezeMfundo uhlomle malunga namaphulo awenzayo okuwonga abafundi nootitshala. [25] 2.3 INQAKU LEPHEPHANDABA Bhala inqaku lephephandaba ngesiganeko senkosazana/senkosana sokuphumelela indebe yobuhle kaZwelonke. [25] 2.4 I-OBHITSHUWARI Bhala i-obhitshuwari yeqhawe lakho. [25] 2.5 INGXELO ESESIKWENI Bhala ingxelo ngenkomfa yokulondolozwa kwendalo obuye kuyo. [25] 2.6 UDLIWANONDLEBE Bhala udliwanondlebe oluphakathi komqeshi kunye noVusi ozigqatsele isithuba somsebenzi wokwamkela nokunxibelelana nabakhweli kwinqwelomoya. [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all