Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 P3 NSC November Exams 2015 QP

Question paperisiXhosa HLGrade 1220155 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 3 question paper from the NSC November Exams 2015, 5 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

NSC November Exams 2015

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LESITHATHU (P3) NOVEMBA 2015 AMANQAKU: 100 IXESHA: Iiyure 2½ Olu viwo lunamaphepha ama-5. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 2 DBE/Novemba 2015 NSC IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI: ICANDELO A: Isincoko: (50) ICANDELO B: Imihlathi: (2 x 25) (50) QAPHELA: Abaviwa kulindeleke ukuba baphendule imibuzo emiBINI kweli candelo. 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngesiXhosa esamkelekileyo nesichanekileyo. 4. Qala ICANDELO NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/itshati ebonisa ukuthungelana kweziganeko/amagama angundoqo, njl.njl), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kuyilo lonke. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-80 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-70 (2 x 35) 8 Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 3 DBE/Novemba 2015 NSC ICANDELO A: IZINCOKO Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama- 340–390. UMBUZO 1 1.1 Ndayiqonda ngoko intlungu yabantu abangakwaziyo ukubhala. [50] 1.2 Umfundi ogqibeleleyo. [50] 1.3 Izihlobo ungazikhetha kodwa hayi abazali. [50] 1.4 Kwiminyaka elishumi ezayo. [50] 1.5 Izandla ziyahlambana. [50] 1.6 Iinkqubo zikaRhulumente zokuxhasa ezempilo kuluntu. [50] 1.7 Qwalasela lo mfanekiso ungezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanekileyo. 1.7.1 [Ucatshulwe kwi-intanethi www.googlesearch.com] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 4 DBE/Novemba 2015 NSC 1.7.2 [Ucatshulwe kwi-intanethi www.googlesearch.com] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 5 DBE/Novemba 2015 NSC ICANDELO B: IMIHLATHI Khetha imihlathi ibe MIBINI kule ilandelayo ubhale ngayo. Bhala amagama ali-100–120 (umxholo kuphela) ngomhlathi ngamnye. UMBUZO 2 2.1 I-AJENDA NEMIZUZU YENTLANGANISO Bhala i-ajenda nemizuzu yentlanganiso ebeninayo. [25] 2.2 ILETA ESESIKWENI Bhala ileta ubulele iNkampani ekuphe isipho-mali sokufunda. [25] 2.3 INQAKU LEPHEPHANDABA Bhala inqaku lephephandaba ngomba onomdla kuwo. [25] 2.4 ILETA ESESIKWENI EYA KUMHLELI Bhala ileta eya kumhleli wemagazini ngemiba echaphazela ulutsha. [25] 2.5 UDLIWANO-NDLEBE Bhala udliwano-ndlebe phakathi kwakho nomntu oliqhawe lakho. [25] 2.6 INTETHO ESESIKWENI Bhala intetho esesikweni oza kuyenza kwinkomfa yolutsha. [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all