Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 2 NSC June 2015 Memo

MemorandumisiXhosa HLGrade 12201522 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 2 memorandum from the NSC June Exam 2015, 22 pages. Read online or get the free PDF download, question paper linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Loading document…

Loading document…

NSC June Exam 2015

Document textSearch extracted text and jump to a page.
GRAAD 12 SENIOR CERTIFICATE EXAMINATION ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LESIBINI (P2) JUNE/JULY 2015 IMEMORANDAM AMANQAKU: 80 Le memorandam inamaphepha angama-21. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P2 2 DBE/2015 SCE – Imemorandam ICANDELO A: ISIHOBE VUKANI MADODA KUSILE – A Stemela: Umhleli UMBUZO 1 (UMBUZO OMDE) UNXUNGUPHALO – N Shasha Umfundi makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo: Kwistanza soku-1 • Kulo mhobe imbongi ayiva kamnandi yindlela abantwana be-Afrika abaphetheke ngayo ngabangeneleleli elizweni labo. Loo nto siyibona kulwimi elusebenzisileyo imbongi ukuphuhlisa intsingiselo. • … ndizityand' igila, – Imbongi iqala nje isebenzisa isaci 'ukuzityand' igila' icela ukuba inikwe ithuba ukuze ikhuphe konke okusentliziyweni yayo. Esi saci siphuhlisa ukuba le nto isentliziyweni yayo iyamkhathaza kakhulu. Loo nto ibonakalisa ukuba iya kuthi ukuze yonwabe ibe ithethe yophela ngayo. • … ndixel' uqaqaqa, – Apha imbongi isebenzisa isifaniso esiphuhlisa ukuba ininzi into efuna ukuyiveza nokuyidlulisa malunga nempatho-mbi yabaMnyama elizweni labo. Uqaqaqa' luhlobo lwengca eyandayo engelula ukuba mayiphele kwindawo ethe yamila kuyo. • Zihla zinyuk' iintlanga zidabalele; Ngokusebenzisa olu chasaniso imbongi ibonisa ukuba iintlanga zonwabile, zihamba apho zifuna ukuya khona zikhululekile azinaxhala lanto kumhlaba ongengowazo. Ziyatabhat' izizwe neentlang' ezingenasazela: Apha imbongi igxininisa uluvo lokuba ezinye iintlanga zihamba ngokukhululekileyo azinaxhala. • Abantwana bokuzalwa banxunguphele: Imbongi isixelela ukuba abantwana bomgquba abonwabanga elizweni labo. Igama ' banxunguphele' liveza ukuba basoloko besexhaleni ngenxa yokungaphatheki kakuhle. Kwistanza sesi-2 • Kuba ngasa liphalal' igazi lomAfrika; Kuba ngahlwa agetyengw' elel' umnt' omnyama; Imbongi ngokusebenzisa uchasaniso iveza ukuba abantu abamnyama babulawa nangaliphi ixesha bebulawa kabuhlungu bengacingelanga lutshaba. Imbongi ikwasityhilela ukuba igazi lomntu omnyama liyachitheka, bayabulawa phantse yonke imihla. • Zininz' iinkedama zilile zade zakhedama; Baninz' abahlolokazi bakhale bade bancama; Kule miqolo imbongi ityhila iziphumo eziza nokubulawa kabuhlungu kwabantu kuba ithi kwanda abantwana abangenabazali, abashiyeka besengxakini yokuzikhulela bodwa. Kwelinye icala namadoda ayabulawa kakhulu loo nto yenze ukuba kushiyeke abafazi abangenamadoda. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P2 3 DBE/2015 SCE – Imemorandam Kwistanza sesi-3 • Iintshaba zibamokothis' inqatha bangquzulana, Imbongi isebenzise lo mqolo ukubonisa ukuba iintshaba zibanike into erhalelekayo abantu abamnyama baze ngenxa yokurhala baphela besilwa bodwa. Isebenzise isenzana ' bangquzulana' ukubonisa ukuba abantu abamnyama baphixana bodwa. • ... zibanik' iqhosh' elingenamthunja; Imbongi ikwasivezela ukuba kwakhona ezi ntshaba zikwafumbathise abantu abamnyama imali, loo nto ibonisa ukuba enyanisweni bambi abananto bayathengwa zezinye iintlanga. • Ndakujong' abomz' oNtsundu bayantywizisa: Imbongi isivezela ukulila komntu ozibambileyo iinyembezi zizehlela kungekho sikhalo. Imbongi ibonisa imeko ebuhlungu abakuyo abantu abaNtsundu ezweni labo. Kwisitanza sesi-4 • ... zilw' imfazw' engenagama nabamsulwa,: Apha imbongi iveza ukuba iintshaba azinakuxela ukuba zilwela ntoni nabamnyama kuba akukho nto iyintsusa nengunobangela walo mlo. • ... belel' obentlomb' ezinkomponi nakoololiwe,: Imbongi ngokusebenzisa esi saci 'belel' obentlombe' iphuhlisa inkohlakalo eyenziwa ngabaMhlophe ukubulala abantu abaMnyama ngokungenalusini belele kuba bezazi abalwi nto namntu. Umbhali usityhilela ukuba abantu babulawa bengacingelanga kwiindawo abahlala kuzo zempangelo nakoololiwe. • ... igazi linge ngumjelo wamanzi;: Imbongi ngokusebenzisa esi sifaniso isivezela indlela igazi eliqengqeleka ngayo. Umjelo ke kulapho amanzi azihambelayo engenamnqandi. Usinika umfanekiso ngqondweni weliso ngokusebenzisa 'linge ngumjelo'. Lo mbono awumhlanga kwaphela ubuhlungu kuba bafa bengenatyala, ngenxa yonxunguphalo olubangelwa kukuphatheka kakubi ukwavuselela nengcingane yokuba ayipheli le mfazwe. [10] UMBUZO 2 (UMBUZO OMFUTSHANE) IDOMPASI – N Gcali 2.1 Luphinda-phindo.√/ yimvano siqalo.√ (1) 2.2 Le ncwadana iqulathe zonke iinkcukacha ezibalulekileyo zomntu neziqhamo zokungabi nayo le ncwadana.√√/ iqulathe inkcukacha zomntu.√√ (2) 2.3 Uninzi lwabantu lusweIekile√ / lubhubhile ngenxa yedompasi.√ (1) 2.4 Sisimntwiso.√ (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P2 4 DBE/2015 SCE – Imemorandam 2.5 Ngumfanekiso ngqondweni wendlebe√ / weliso/wesikhumba imbongi iveza indlela abantu abamnyama abaphethwe gadalala ngayo ngabantu abaMhlophe.√/ Umfanekiso-ngqondweni wendlebe√/weliso/wesikhumba osivezela indlela engenalusini ababethwa ngayo nabathotywa isidima ngayo abamnyama.√ (2) (Nayiphi na kwezi) 2.6 Imbongi yonwabile/iyavuya/ichulumancile kukuphelelwa kweDompasi kubekho i-ID.√ (1) 2.7 Imbongi isixelela ngokuphatheka kabuhlungu kwabantu abamnyama ababengenayo iDompasi de kwafika umthetho omtsha weID.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) [10] UMBUZO 3 (UMBUZO OMFUTSHANE) UPROFESA AC JORDAN – ZS Qangule 3.1 Imbongi ixolisa abantu abaxhelekileyo emiphefumlweni ngenxa yokushiywa kwabo nguAC Jordan.√/ Imbongi icenga abantu ukuba bakhululeke (1) ezintliziyweni bakwamkele ukufa.√ 3.2 Imbongi ithetha ngokubhubha komntu omkhulu uAC Jordan nomphanga othe wakhawuleza akwabikho miqobo endleleni nendalo qobo yanika imbeko.√√ (2) 3.3 Luphindaphindo.√/ yimvano siqalo.√ (1) 3.4 Sisihlonipho.√ (1) 3.5 Umntu onemisebenzi emihle akahlali minyaka mininzi emhlabeni.√√ (2) 3.6 Umongo ungokusweleka kakaprofesa AC Jordan nobenegalelo elikhulu ekubhaleni uncwadi lwesiXhosa. √ (1) 3.7 Imbongi ibuhlungu kukushiywa nguprofesa AC Jordan. √√ (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P2 5 DBE/2015 SCE – Imemorandam UMBUZO 4 (UMBUZO OMFUTSHANE) UNKOSI URHOLIHLAHLA NELSON MANDELA – DLP Yalimanisi 4.1 Lusetyenziselwe ukutsala umdla wabantu ukuze babone le nto iqhubekayo.√ (1) 4.2 Luphinda-phindo lwemiqolo.√ (1) 4.3. Ngumfanekiso-ngqondweni weliso√ ophuhlisa umntu ongoyiswa nto, owenza izinto ezingelula ukwenziwa ngabanye abantu.√/ophuhlisa umntu ongoyiki kujongana nemeko nokuba inobungozi.√ (Nayiphi na kwezi) (2) 4.4 Njengechanti.√ (1) 4.5 Yeyokuba uMandela usebenze neentlanga ezahlukeneyo zase-Afrika engumxolelanisi nomdali wemvisiswano. √ (1) 4.6 Ingcinga yokuba uMandela ngoyena mntu wazenza idini ukuthwala iinzima zelizwe.√√ / Ngokwendalo uzalelwe ukuba abe lidini labantu.√√ (2) 4.7 Umongo ngowemisebenzi nenyaniso kaMandela engakhethi luhlanga luthile ezabalazela inkululeko yabantu bonke boMzantsi Afrika ne-Afrika iphela.√√ (2) [10] UMBUZO 5 (UMBUZO OMFUTSHANE) UBULUMKO – IV Mtamzeli 5.1. Luphindaphindo.√ yimvano siqalo. √ (Nayiphi na kwezi) (1) 5.2 Imbongi izama ukusixelela ukuba ezulwini kulapho kukho ulonwabo khona kuba emhlabeni kukho iimini zokonwaba nezibuhlungu.√√ (2) 5.3 Imbongi isixelela ukuba umntu onobulumko izinto uzijonga ngeliso elibukhali ngakumbi ezinokuthi zenzakalise yena. Abantu abazibona besenkathazweni uyabanceda ukubakhupha kuyo.√√ (2) 5.4 Abantu abatsha akabajongeli phantsi uyafikelela nakubo.√ (1) 5.5 Umoya wembongi wonwabile√ kuba ithetha ngento eyithandayo.√ (2) 5.5 Yimfundiso yokuba kubalulekile ukuba umntu aphangalale ngokwasengqondweni.√√ (2) [10] AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P2 6 DBE/2015 SCE – Imemorandam ICANDELO B: INOVELI UMBUZO 6 (UMBUZO OMDE) NYANA WAM! NYANA WAM! – WK Tamsanqa Umfundi makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo: • UMangaliso ubonwa edolophini eGcuwa ehamba nabahlobo bakhe, uThemba noSonwabo. Babonwa bobathathu bengena emotweni ebheka eBhayi abe yena Mangaliso efika ukuvela eRhawutini elindeleke ukuba aye kokwabo. Loo nto yokungaxeli kwakhe kowabo imenze akonwaba kule ndlela isingise eBhayi. • Endleleni yena nabahlobo bakhe basela utywala besilungu. Emva kokusela utywala, utsho ngesikrakra isikhalo emotweni kothuka wonke umntu osemotweni. Isikhalo sakhe endleleni sidiza ukungonwabi kwakhe nesazela sokushiya ikhaya engachazelanga noyedwa umntu wakowabo. • Abahlobo bakhe abakuhoyi oku kulila kwakhe kuba baphantsi kweempembelelo zotywala, loo nto ibonisa ukuba abangabo abahlobo benene anokuthembela kubo xa esengxakini. Endaweni yokumhoya bayalela umqhubi ukuba anyathele amafutha emoto ngakumbi. • Ngenxa yotywala, uyalala aqabuke kusuku lwesibini sele ekwilokishi angayaziyo nathe akubuza wathi umntu ophendulayo kukwaZakhele eBhayi. Uyazisola ngesenzo sokusela utywala, atsho abuqalekise. Walile kwaphela ukuphinda abusele utywala. Bayamcenga bemnunusa oogxa bakhe kodwa babuya nemband' eskhova kuba uMangaliso ubona ukuba obu tywala ngahle buchaphazele ikamva lakhe njengamntu ojonge impumelelo kubomi bakhe. • Bagqiba kwelokuba baye edolophini eBhayi. Apho edolophini, uMangaliso ulahlekana nabahlobo bakhe. Belahlekene njalo, uMangaliso udibana nentokazi entle kakhulu egama linguNomsa. Ugqibela sele thandana neli gqiyazana uMangaliso kanti ekugqibeleni liza kumfaka kwenkulu yona ingxaki. • Uzama indlela zokuphila apha eBhayi, ubona isithuba somsebenzi kwiphepha- ndaba i-Evening post okwa-Irvin and Johnson ufaka isicelo ze awufumane umsebenzi ngenxa yobukrelekrele bengqondo yakhe. • Ucelwa nguNomsa ukuba aye kumchithisa isithukuthezi kokwabo kuba abazali bakhe bengekho. Besahleli apho kufika uJoe okwathandana nalo Nomsa neqela lakhe lemiguvela besazonwabele. UJoe uxabana noMangaliso kuba ezama ukunqandela uNomsa kule miguvela ingooJoe.. Bayamthatha nale miguvela bamqamangele bamfake emotweni, bethembisa ngokumphosa enzonzobileni yesiziba ephila. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P2 7 DBE/2015 SCE – Imemorandam • Lakuba lifikile ixesha lakhe lokubulawa, wenza umthandazo ukuzama ukuzisindisa ekufeni. Unqophisana noThixo wakhe ukuba uthe wamsindisa kwingxaki yokubulawa azibone egaxeleke kuyo uya kumkhonza ubomi bakhe bonke. Uyaphendulwa umthandazo wakhe kuba besesendleleni eya echibini kuvela amapolisa awayezihambela eyawo indlela wabe ke uyasinda ngolo hlobo. • Ugqiba kwelokuba abuyele ekhaya kodwa uphinda azibone ehlangana nabahlobo bakhe etekisini uThemba noSonwabo abanefuthe ekutshabalaliseni ikamva lakhe. Endaweni yokuba iye eGcuwa, le teksi ibathatha iye kubalahla kumahlathi aseKnysna ngenxa yokuphelelwa ngamafutha ayo. UMangaliso uzibhaqa esinda emilonyeni yeengonyama zehlathi laseKnysna ngokuthi akhwele emthini nangokuthi azenze isilwanyana ngokuthi agaqe ngamadolo. • Emva kokusinda emlonyeni weengonyama ufika kwimizi ekufutshane yaseKnysna uzenza igqirha ngeenjongo zokuphila. Loo nto imenze wazibona enemfuyo nemali. • Uthabatha isigqibo sokuthengisa yonke imfuyo yakhe ukuze afumane imali eninzi aza kuthi abuyele kowabo kubazali bakhe uFikizolo noNofundile neza kuthi imncede njengamntu oneenjongo zokuphindela esikolweni. • Uyise uFikizolo uyamcebisa ukuba makathathe inkosikazi kuba ukwelo xabiso lokutshata. Uyikhaba ngawo omane loo nto uMangaliso kuba uzibona enekamva eliqaqambileyo xa anokuthi abuyele esikolweni atsho azalisekise nomnqophiso awawenza kuThixo wakhe mhla wayesengxakini yokubulawa nguJoe neqela lakhe. [25] UMBUZO 7 (UMBUZO OMFUTSHANE) NYANA WAM! NYANA WAM! – WK Tamsanqa 7.1 YiSinodi yabefundisi.√/ yiSinodi√ / yiSinodi yamaWesile.√ (1) 7.2 Sibonisa ukuzimisela nokuba nesibindi sokuya kule sekethe kukhalwa ngayo luninzi lwabefundisi.√√/ Wayecaca ukuba kuye ubufundisi lubizo.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 7.3 UMangaliso owayehamba noThemba wayengumntu weziyolo esela ngamandla ukanti lo wanamhlanje uMangaliso uzimisele ebomini ulandela inkosi.√√ (2) 7.4 Avuselela ingcinga yokuba wakha waxelelwa ngaphambili ngabantu abayaziyo le George Goch engekabi ngumfundisi.√√/ Avuselela ingcinga (2) yokuba kuza kufuneka esebenzile ukulungisa iGeorge Goch Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P2 8 DBE/2015 SCE – Imemorandam 7.5 Yimpixano yangaphandle√ kuba kubhidana abefundisi ngomfundisi omakathunyelwe eGeorge Goch.√ Yimpixano yayangaphakathi√ kuba okuya kuqubuda benganiki mpendulo abefundisi abanamava kubonisa ukubethana kweengcinga kubo.√ (Nayiphi na kwezi) (2) 7.6 Umbhali ukhethe ukusebenzisa isaci ukulumkisa ukuba umntu oza kuya kule sekethe yaseGeorge Goch aqiniseke ukuba uthabatha isigqibo esisiso.√√ (2) 7.7 Waphumelela, kuba isimo sentlalo saseGeorge Goch satshintsha, abantu baguquka kuThixo latsho lehla nezinga lokuselwa kotywala.√√/ ukwakhiwa kweSpes Bona endaweni yebhodi esemhlabeni wecawa. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 7.8 Izenzo zikaMangaliso ziyafana nomntu ophilayo√/ uMangaliso uqale ubomi bakhe ingumntu weziyolo nosela utywala kodwa ekuhambeni kwexesha uye watshintsha wazinikela kuThixo.√ / udlule ezintweni ezibuhlungu ebomini bakhe ekugqibeleni uyaphumelela.√ (Nasiphi na isibini kwezi) (2) 7.9 Kusemva kokuba kufike lo mfundisi odume kunene ngeentshumayelo zakhe ezinamandla ekuguquleni abantu bale ndawo.√√ (2) 7.10 Ityhila ukuba amaXhosa ayengayilindelanga kwaye engakholelwa ukuba angafunda ngaphezu kwabelungu.√√/ ibonisa ukuba isizwe samaXhosa sisaphila ngala ndlela indala yokuzijongela phantsi kunabantu abamhlophe yaye asikholelwa kuthi ngendlela efanelekileyo. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) 7.11 Kusenkomponi apho kuhlala abasebenzi abangamadoda odwa.√√ (2) 7.12 Lavela ngenxa yengubo emdaka elalisoloko liyambethe.√ (1) 7.13 LalikuCentane.√ (1) 7.14 Le nto ayishumayelayo uyayiphila√√/ Wenza okufanelekileyo, kuba nokuba imeko ithini umzali ngumzali nokuba akakhange athathe nxaxheba ekukhuliseni.√√ (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P2 9 DBE/2015 SCE – Imemorandam UMBUZO 8 (UMBUZO OMDE) UKHOZI OLUMAPHIKO – N Saule Umfundi makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo: • Endlwini yakhe uMfazwe ngabusukwazana buthile ungenelwa ngamapolisa aze kumbamba kuba esithi unyola umbuso esweni, aze aye kumvalela kwesimnyama isisele. Eli xa eseluvalelweni unexhala lemfundo yabantwana echaphazelekayo. • Apho eluvalelweni ngobo busuku uva ukubhomboloza komntu otywatyushwa kanobom ngemvubu de kwangenelela namanye amabanjwa ekhuza oku kungonjwa kwalo mntu. Oku kubhomboloza ibe kukugxwala okuthe ethubeni kwathi cwaka. Washiyeka ezibuza ukuba inokuba kwenzeke ntoni. • Lithe xa lifika ipolisa ekuseni wafuna ukuqonda uMfazwe ngebekusenzeka kwacaca ukuba uyaxelelwa ukuba nguye umntu oza kulandela, wazibhaqa sele ecinga yonke into. • Uyandululwa ngalo ntsasa usiwa eRhini. Akafakwa ngambeko nakulo veni yamapolisa uyabethwa. Emva evenini yamapolisa uvalelwa nenja ethi ukuba uyashukuma ingaphazami ukumngqavula kanobom. UMfazwe uyacaphuka kuba amapolisa ahleli ngaphambili ayahleka. Imenza le nto awacaphukele ngakumbi atsho anqwenela ukuba nalo veni ingase iwe abhubhe loo mapolisa. • Esiseleni eRhini amapolisa ayamzama kuba efuna abe yimpimpi angcothozele umbuso, atsho emthembisa kananjalo ngemali entlana. Amcenga, emxelela ngabantu abafana nooNtsipho, wothukela ngaphakathi uMfazwe kanti behleli nje uNtsipho noNdlela ngoongcothoza abantu abathembeke kangaka ekuhlaleni. Yatsho ingqondo yakhe yazulazula. • Wakhululwa uMfazwe eluvalelweni wagoduswa, wafika engenakhaya, litshile phofu nezinye izindlu zazitshisiwe ngenxa yobume bezopolitiko. UMfazwe le meko yokungabi nakhaya imenza azibone engenandawo yakuhlala. • Ugqiba kwelokuba ayokujonga uNokuzola kokwabo. Ufika uCwe emxelela ukuba umke noFriday ukuya entlanganisweni. Iyammangalisa uMfazwe le nto yokuhamba kukaZo noFriday. Ubuzwa nguCwe ukuba liyinyani eli lokuba uyaxela ishiyeka imhlupha yonke le nto uMfazwe. • Entlanganisweni eyayichotshelwe ngumfundisi uHlathi esikolweni wathi akungena uMfazwe, uFriday nabantu bamdla ngamazinyo kuba esithi uFriday uyimpimpi waphuma apho ephepha ephephile amanqindi neempama nokukhatywa okwakusiza kuye wade wabaleka uMfazwe. Yamenza loo nto wangcungcutheka kuba abantu ebecinga basondele kuye bahambela kude. • Ukuphuma kwakhe entlanganisweni ubalekela emangcwabeni afike apho ahlale phezu kwengcwaba aqalekise nabo bantu balele kuloo mangcwaba. Uyaphakama apho ahlabe ngendlela eya kowabo agqithe kwibala elalisaya kuba likhaya lakhe aphinde abone laa nja ebedibene nayo emangaliseke enjalo engqondweni yile nto yesi simanga, wothuswa ngubawo uGaba. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P2 10 DBE/2015 SCE – Imemorandam • Besaya endlwini notata uGaba babona ngevenkile kaGuquka ivutha amadangatye wabe uMfazwe ebona nemithinzana yabantu idlula wagqiba ngobo busuku ukuba makaye kulala kwimoto endala eyayilapho ngakwaGaba. Uthi esazama ukulala ave izingqi ancathame kwalapha emotweni. Umzabalazo uya mchaphazela uMfazwe kuba uzibona elala naphi na apho ahlwelwe khona. • Uyasinda apho kooFriday phofu sebezame ukungena nakwaGaba begingxizisa amacango. Usinda ngezikaSibi kuloo moto sele bemzingela nakuyo. Ugqiba kwelokuba abalekele kwamalume wakhe eSihlahleni kuloSiqithi. • EsesiHlahleni apho kuvakala iindaba zokusweleka kukaKK noMachule. Uthatha isigqibo sokuba aye kulo mngcwabo kaMachule ngeenjongo. Esemngcwabeni apho ubizwa ngooSiphiwo bamlumkise ukuba kukho abantu abaze kukhangela yena apha kulo Machule abangaqondakaliyo. Bagqibe kwelokuba uMfazwe makabalekele kwaMfundisi uHlathi. Uyavuma uyahamba ukuya kwaMfundisi ukuzisindisa kwaba bantu. • Ngabusuku buthile ukwaMfundisi uHlathi uva ngesithonga sokugityiselwa kwento angayaziyo ayicingela ngokuba sisiqhushumbisi, uyakroba aphume ngeenjongo zokuba aziphindezele ayeke ukubalekana nooFriday. • Uphazanyiswa kuloo ndlela esinga kwaFriday yincwina ephuma emotweni eyiCressida yomntu owonzakeleyo, ecela ukusindiswa. Wabona ingozi azifaka kuyo uMfazwe esangcambazisa lo mntu wonzakeleyo, wakhetha ukubalekela kwaMfundisi uHlathi phofu izihlangu zona zinqongo ligazi. • UMfundisi uHlathi umkhuthazela ekubeni aqhweshe, abhace kunale meko ayibonayo kuba kungalula ukosuleleka kwakhe kwiziganeko ezehla kuQaka ngakumbi ezokubulawa kwabantu kuba nguye lo Mfazwe unqongo ligazi, kananjalo azisindise nakwaba Friday bazingelana nobomi bakhe. Yonke le meko azibona ekuyo iyamnyanzela ukuba abheke elubhacweni. [25] UMBUZO 9 (UMBUZO OMFUTSHANE) UKHOZI OLUMAPHIKO – N Saule 9.1 Kungenxa yokufa kweqhawe uKK efela entolongweni.√ Kungenxa yemo yonxunguphalo ekuQaka.√ (2) 9.2 Kungokuba wayevile ngexesha wayesentolongweni ngoFriday likhankanywa igama lakhe√. Wayesothuswa yinto yokuba uFriday ngunoposi akukho nto imdibanisa nale ntlanganiso√ (2) 9.3 Njengesenzo somntu ongcolileyo ofuna ukuba uMfazwe angamkeleki kuQaka abantu bambone njengomntu ongcothozela amaBhulu.√√ / Sibonisa ukuba uFriday lutshaba lwenkululeko yabaNtsundu.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 9.4 Kuselokishini ngexesha lezixholoxholo nezidubedube zopolitiko.√√ (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P2 11 DBE/2015 SCE – Imemorandam 9.5 Yimpixano yangaphandle√ kuba uFriday usoloko esenza izinto ezixhokonxa uMfazwe njengokukhwaza eholweni esithi uyimpimpi kanti nokugwejelisa isandla kuNokuzola.√ Yimpixano yangaphakathi√ kuba uMfazwe uxakanisekile emphefumlweni zizenzo zikaFriday ucinga angayeki.√ (Nayiphi na kwezi) (2) 9.6 UMfundisi uHlathi wayengumkhuthazi, nomcebisi kumaqabane emzabalazweni.√√ (2) 9.7 Ndiyangqina kuba uMfazwe wathabatha isigqibo esifanelekileyo kuba akasafuni kwanto imdibanisa noNokuzola, iileta zikaNokuzola wayengazihluphi nangokuzifunda kuba lucimile uthando lwakhe kule ntombi.√√ (2) 9.8 Wenza into engafanelekanga kuba waphoswa kukwazi ukuba unomntwana oyindodana othe kwiminyaka yobuncinane bakhe wakhula ngaphandle kotata.√√/ kuba wazithathela isigqibo engenzanga phando ngokuthandana kukaNokuzola noFriday.√√ Wenza into efanelekileyo kuba asikho isizathu esibangela ukuba uNokuzola avume uFriday ajikelise isandla sakhe kuye.√√ (Nayiphi na impendulo echanelekileyo) (2) 9.9 Watshelwa likhaya lakhe waza waphulukana nayo yonke into ebeyisebenzele. √√/ Watshelwa likhaya lakhe. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) 9.10 Iveza ukungakholelwa kukaMfazwe zezi ndaba azixelelwa ngutata uGaba.√ (1) 9.11 Isitshintshile isimo kwagquba umoya wepolitiki akwabikho zinzo kuQaka.√√/ kubekho imo yonxunguphalo. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) 9.12 Luveza ukuba abantwana abazukuba nanto yakwenza baza kuba zizinto ezihla zinyuka kule lokishi.√√ / abantwana baza kuba ngoongqikana boongantweni. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) 9.13 Iphuhlisa ukuba imo yezopolitiko nokuthengisana kwabantu kumaBhulu yenza ukuba kungathenjwana.√√/ kuphuhlisa ukungathembani. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) [25] AMANQAKU ECANDELO B: 25 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P2 12 DBE/2015 SCE – Imemorandam ICANDELO C: IDRAMA UMBUZO 10 (UMBUZO OMDE) AMAZA – ZS Qangule Umfundi makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo: • Isimo sentlalo siphuhlisa indawo apho lenzeka khona ibali, ixesha elenzeka ngalo kunye nendlela abantu abaphila ngayo. Isimo sentlalo sisetyenziselwa ukuphefumlela umoya othile ebalini, ukuhlakulela into ethile ebalini nokuphuhlisa abalinganiswa okanye umxholo webali. Isimo sentlalo sivezwa zizinto ezifana nezinxibo zabalinganiswa, ulwimi abaluthethayo, izixhobo abazisebenzisayo, ezothutho, iintlobo zezindlu abahlala kuzo, izikolo, iintlobo ngeentlobo zeenkolo, njalonjalo. Ibali ezilalini • Lo mdlalo uqale ezilalini emzini kaDanile noMaDlamini apho sidibana noNamhla evutha ngumsindo kuba esendiselwa ngenkani kuSidima ngabazali bakhe. Sifumana uDanile esarha utywala elalini ngelixa uNamhla esihla enyuka endlwini eyedwa. • Uphinde lo mdlalo waqhubeka emzini kaNgxelelo noMaNdaba kulo Sidima kuba kulapho wayesendiselwa khona uNamhla. Emzini kaSilumko lo mdlalo uqhubekile ngakumbi ngexesha encina uLizo ngokubulawa kukaSidima noZodwa ongumfazi kaLizo. • Umdlalo uqhubekile emangcwabeni apho uSilumko wayefuna kutyhileke into yokuba uSidima noZodwa Zazile basadla amazimba abona bantu baswelekayo nguDuma iwele likaSidima kunye noZodwa waseBhayi. • Kwalapha emangcwabeni kulapho kwavela nento yokuba uNamhla uzalwa nguMaLimakhwe inkosikazi kaSilumko nalapho kwabanjwa khona uLizo njengomntu okrokrelwa ukuba nguye umbulali. Ibali edolophini • Lo mdlalo uqhubekile eBhayi njengoko uLizo wayesebenza khona. NaseRhawutini lo mdlalo uqhubekile kuba kulapho bekuphangela khona uSidima noDuma kuphinde kubelapho kubulawelwe khona uDuma noZodwa waseBhayi kucinga ukuba nguSidima kunye noZodwa Zazile inkosikazi kaLizo. • Kwakhona lo mdlalo uqhubekile eSwazini kuba kulapho uSidima noZodwa Zazile babhacela khona ukubaleka umbulali abangamaziyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P2 13 DBE/2015 SCE – Imemorandam Ixesha • Ixesha lityhilwa zizinto ezenzekayo, eziqhubekayo nezisetyenziswayo ngabalinganiswa kwintlalo yabo. Umzekelo lo mdlalo uqala umcimbi sele ushushu kuba siva kwakwiphepha lokuqala ukuba kukho umba ekungavisiswana ngawo ngumntwana weli xesha onguNamhla nabazali bakhe uDanile noMaDlamini kuba bona besadla ngendeb' endala. Kulo mdlalo oku kungqinwa kukuba uNamhla akhabe ngawo omane xa enyanzeliwa ngabazali bakhe ukuba endele kuSidima ambonelwe ngabo namgamthandiyo. Oku kuveza ukuba abazali bakaNamhla bakhule ngexesha lamandulo apho intombi ibibonelwa isoka ngabazali kanti uNamhla yena ukhule kwixesha langoku apho intombi ithi itshate nesoka elithandayo. • Igama likaNamhla liyangqina ukuba ungoweli xesha langoku, yiyo loo nto efuna kwenzeke izinto zanamhlanje ebomini bakhe hayi izinto zamandulo. • Izinxibo nezithambiso zikaNamhla zezeli xesha langoku kwaye ziyangqina ukuba ibali eli libhalwe kwixesha lanamhlanje kuba simbona enxibe izilekisi, ethwele iwigi, umlomo ewuqabe bomvu neenwele zakhe eziphothile. Ezinye izinto eziphuhliswa sisinxibo kukugxeka kwakhe ilokhwe ayithungelweyo yomtshato elijelimani nesambatho esibizwa ngokuba yilema. Ibhedi alala kuyo uNamhla ikwatyhila ixesha langoku. • Imfundo kaNamhla ikwatyhila ukuba uzelwe kwixesha langoku sele kukho ukhanyo oluze nomfutho waseNtshona. Abalinganiswa abakule ncwadi bandindi mbini, kukho amaqaba kunye nezifundiswa, nto leyo ephuhlisa ukuba abanye baphile kwixesha lamandulo logama abanye bephila kwixesha langoku. Amaqaba ngawo abesanamathele kwisiko lokubonelwa kanti izifundiswa zona zihamba nokuhamba kwamaxesha zingahambisani nesiko lokubonelwa kwabantwana babo abantu amababatshate. Oku kuxhaswa yintetho kaVuyisile ethi' Iya kuba bububi obuhle xa uLizo etshata uNamhla endaweni kaZodwa Zazile.' • Abefundisi babengekho kwixesha lakudala ubukho babo kulo mdlalo bubethelela ixesha langoku esikulo kuba ngabo abeza nemfundo kweli lizwe lethu. • Umdiza otshaywa nguLizo ongumkhwenyana kamfundisi uZazile ukwabethelela eli xesha langoku. • Incwadi yesazi eyiDompasi ikwangqina ixesha langoku obhalwe ngalo lo mdlalo. • Izibham ebeziphethwe emangcwabeni, isiqinisekiso somtshato nomsesane zonke ezi zinto zityhila ixesha langoku. • Kwakhona ukungqina ixesha langoku siva uLizo esebenzisa igama lesitsotsi xa ebuza kuNamhla umama wakhe ukuba uyokwenzani edolophini. Mve xa esithi,' Liyokwenza ntoni itopikazi edolophini?' Igama letopikazi ligama elisetyenziswa kweli xesha langoku, gama elo elikwangqina ixesha obhalwe ngawo lo mdlalo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P2 14 DBE/2015 SCE – Imemorandam • Ileta ebhalelwe uSidima nguZodwa Zazile nayo ingqina ukuba lo mdlalo ubhalwe kweli xesha lanamhlanje, loo nto ingqinwa yinto yokuba kule leta kuxutywe ulwimi lwesiXhosa nolwimi lwesiNgesi, lwimi olo lwalungaziwa ngamaXhosa mandulo. Inkolo • Kwakule ncwadi sifumanisa ukuba kukho iinkolo ezimbini eyobugqira neyobugqwirha esizibona ngexesha uSilumko ephanda ngombulali kaSidima noZodwa Zazile. Umzekelo uSilumko ukwaNamhla noLizo udibana noMandaba ephuma kulo mzi wabo, ugrumba isikhumba senyoka asibeke etshefini esithi kuLizo noNamhla babulawa nguMandaba mve xa esithi' Lufele lwenyoka yokuthakatha olu.' ebajija iingqondo. • Kwakhona simbona eSwazini ezenza igqirha kuSidima kunye noZodwa Zazile kuba abalali kakuhle ngenxa yesiporho. USilumko njengegqirha loMswati ubanika amagqabi ekwepile kuba esithi ubulala amandla otshaba utsho ebamemela emangcwabeni ngobusuku bayokubeka ilitye. [25] UMBUZO 11 (UMBUZO OMFUTSHANE) AMAZA – Z S Qangule 11.1 Indima yokuba ngumphixanisi phakathi kukaNamhla nabantu bomzi wakhe.√/ Ngumphixanisi.√/ngulwimishe√/ umthuthi weendaba.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 11.2 Isusela ekubeni kufuneka kuhlonitshwe isiko kuba uNamhla eswelekelwe ngumyeni√√/Isusela kwisiko lokungenwa kukaNamhla ngumninawa kaSidima njengoko uSidima eswelekile.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 11.3 Luzobo olumayana√ kuba umbhali usebenzisa omnye umlinganiswa ukusixelela ngesimo sikaNamhla.√ (2) 11.4 Luphuhlisa uluvo lokuba uNamhla akawahloniphi amasiko kwaye uwanxulumanisa neelali.√√ / Iphuhlisa ukuba uVathiswa usabambelele (2) ezintweni zakudala amasiko ukutsho oko. √√ 11.5 Yintetho yakhe ebonakalisa ukumangaliseka ethi 'uyayithetha into.'√ (1) 11.6 Asixelela ngomyalelo waseqongeni nesimo sentlalo.√√/ isixelela ngentshukumo /iimvakalelo yabalinganiswa eqongeni. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P2 15 DBE/2015 SCE – Imemorandam 11.7 Afanelekile kuba ukunyanzela kwakhe uNamhla ngomtshato kudale ukufa koDuma noZodwa waseBhayi.√√ Akafanelekanga kuba uDanile ebedlala indima yakhe njengomzali kuNamhla.√√ (Nayiphi na impendulo echanelekileyo) (2) 11.8 Uzibona engenandlela yakwahlukana nalo mzi ngoku indoda seyibhubhile ngenxa yesiko elinyanzelwayo lokungenwa.√√ /Uliliswa luthando analo kuLizo.√√ Uliliswa ngamazwi esithandwa sakhe esinguLizo.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 11.9 Kungokuba uSilumko ufuna kudule oyena mbulali kaDuma noZodwa waseBhayi kuvele neenyaniso ezifihlakeleyo.√√ (2) 11.10 Iveza ukuba njengokuba ecinga ukuba iyelenqe wayelenzela uSidima limjikele.√√ (2) 11.11 Usebenzise ubuchule namaqhinga kaSilumko njengomcuphi ukuveza oyena mbulali.√√ (2) 11.12 Umongo wale ncwadi ungokunyanzeliswa kwesiko lokubonelwa esele laphelelwa lixesha.√√ (2) 11.13 UNamhla uyavela ukuba oyena mama wakhe nguMalimakhwe√. USidima noZodwa Zazile ababhubhanga abona bantu babhubhileyo nguDuma noZodwa waseBhayi√. Umbulali wenene kaDuma nguLizo.√ (3) UMBUZO 12 (UMBUZO OMDE) A-a-a! JONGUMSOBOMVU! – BB Mkonto Umfundi makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo: • Isimo sentlalo siphuhlisa indawo apho lenzeka khona ibali, ixesha elenzeka ngalo kunye nendlela abantu abaphila ngayo. Isimo sentlalo sisetyenziselwa ukuphefumlela umoya othile ebalini, ukuhlakulela into ethile ebalini nokuphuhlisa abalinganiswa okanye umxholo webali. Isimo sentlalo sivezwa zizinto ezifana nezinxibo zabalinganiswa, ulwimi abaluthethayo, izixhobo abazisebenzisayo, ezothutho, iintlobo zezindlu abahlala kuzo, izikolo, iintlobo ngeentlobo zeenkolo, njalo-njalo. Ibali ezilalini • Lo mdlalo uqale komkhulu eTshokotshela apho kuxakekiwe kuyaxhelwa ngeli xesha inkosi yonwabile eQhamntweni namafanankosi. • Uphinde lo mdlalo waqhubeka eMthocwa komkhulu kwankosi uXhoxho. Sidibana apha nabantu bayaphithizela balungiselela ukuya komkhulu eTshokotshela. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P2 16 DBE/2015 SCE – Imemorandam Inkosi namaphakathi banoloyiko lokulityaziswa ziindwendwe ezivele zafika. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P2 17 DBE/2015 SCE – Imemorandam • Umdlalo uqhubekile eSidutyini kwelaBaThembu bakaTshatshu komkhulu kunkosi uBawana apho kukho igqugula ezantsi kobuhlanti izulu liyagqutha. UQuka ufuna ukwazi ngobakhe ubukhosi engenakuyinyamezela eyokusoloko elibambela lenkosi. • Lo mdlalo uqhubeka phezu kweNxuba apho abefundisi bequkene kwigumbi elibucala, ivestri. Intsebenziswano ayikho phakathi kwecawa namajoni aseRhini. Amakhoboka akhululweyo adala unxunguphalo kumafama. Ngenxa yendlala bazithathela imfuyo yamafama ngaphandle kwemvume • Kwakhona komkhulu kukho umtshato wentombi yenkosi uNolitha kuxakekiwe kuyaphekwa kuyojiwa inyama konwatyiwe. Kwindlu yeendwendwe kuyabukwana kwangaxeshanye uMaqoma ufumana ithuba lokuveza ukungonwabi kwakhe ngenxa kaSomerset. Ibali edolophini • Lo mdlalo uqhubekile eRhini kwinkampu yamajoni egumbini lomphathi hlelo weMpuma-Koloni. Apha uFiliphu ubethelela ukuba owona msebenzi wabo abeFundisi kukuguqula isizwe esiMnyama. UFiliphu uzokucela umhlaba wokwakha icawa nokubeka aba bantu baguqukileyo kukoloneli uSomerset. • Kwiziko lomkhosi apha eRhini abantu abambe izikhundla eziphezulu emkhosini babhiyoza ngenyama notywala babelungu ibhulanti. USomerset wenza amayelenqe elungisa indlela yakhe yokufumana isihlalo esiphezulu. Ixesha • Ixesha lityhilwa zizinto ezenzekayo, eziqhubekayo nezisetyenziswayo ngabalinganiswa kwintlalo yabo. • Ixesha lelamandulo apho inkosi zabaNtsundu bezizama ukukhusela umhlaba wooyisemkhulu kumaBhulu. Imbali yale ncwadi ingesiganeko esathi sawushiya umzi kaPhalo unyembezana kwisithili sikakumkani uNgqika ngenxa yezenzo zabaMhlophe ababethatha imihlaba besebenzisa iindlela ezingcolileyo zenkohlakalo. Ezimbalini kusemva kokuba amaXhosa esusiwe kwindawo yawo bekude nakumangcwaba ooyise. UMaqoma iyamkhathaza le nto. • UNolitha intombi yenkosi iyatshatiswa wenzelwa onke amasiko afanelwe ukwenziwe njengamntwana wenkosi. Uyalotyolwa ze emva koko kwenziwe isiko lokuhlola kuba kudala intombazana ibihlolwa phambi kokuba itshatiswe ukuze ingahlazisi ikhaya layo. • Ifuthe labefundisi lalisetyenziswa ngamandla ngabaMhlophe. Imihlaba beyithatha kancinane kancinane egameni lokwakha izikolo, iityalike befunela nabantu iindawo zokuhlala ezinkonzweni. Ezi mfundiso zabefundisi zaziyijongela phantsi inkcubeko yabantu abaMnyama zikwanyelisa amasiko nezithethe zabo. Eli futhe lohlula phakathi abafazi abanye babajongela phantsi kwendlu yeenkuku abanye. Abanye bayeka inkcubeko yabo. Umzekelo inkosikazi kabawo uMNtlane yaphiwa igama lesiNgesi yayeka ukusila nokuhamba iziyunguma zesiNtu. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P2 18 DBE/2015 SCE – Imemorandam Inkolo • Kwakule ncwadi sifumanisa ukuba kukho iinkolo ezimbini eyezinyanya apho kukhonzwa uQamata neyobuKrestu eze kunye nabeFundisi bakwaLizwi. • Ngokwemveli isizwe esimnyama sasifudula sikholelwa kwizinyanya kodwa kuthe kwakufika abefundisi saqhekeka kubini abanye bajoyina inkolo yobuKrestu. • Izinyanya bezithi zakutyeshelwa ziqumbe. Umzekelo, ubunkenenkene bempilo kaNgqika bayanyaniswa nokutyeshela kwakhe isiko lokuhlamba inyala lokulwa phakathi konyana noyise. UMaqoma wabona ukuba uyise wayefulathelwe zizinyanya. Isizwe esiMnyama yayisisizwe esasikholelwa kakhulu kumagqirha. Kwakukuthi kwakubakho ingxaki emzini babalekela kuwo. Ezi nkolo zimbini zinamacala amabini amahle nalawo afuna ukuqiqisiswa alungiswe. [25] UMBUZO 13 (UMBUZO OMFUTSHANE) A-a-a! JONGUMSOBOMVU! – BB MKONTO 13.1 Inkosi isaphila.√ (1) 13.2 Yinjongo yokuthatha umhlaba wabantu abamnyama ngamaqhinga. √ (1) 13.3 Usebenzise igama likaThixo ukujija ingqondo zabantu ukuze afumane oko akufunayo.√√ (2) 13.4 Uzotywe wangumlinganiswa onomqolo nongayifuniyo into eyenzeka ngendlela engeyiyo.√√ (2) 13.5 Balwa ngomhlaba othathwe ngamaBhulu ngamaqhinga.√√ (2) 13.6 Ngamasela√/Ngamalokonya√, kuba bathatha umhlaba wabantu bengathandi abaniniwo.√ (2) 13.7 Kwinqanaba lokusonjululwa kwezinto kuba uMaqoma uye wanikezela enakekele impilo kayise.√√ (2) 13.8 Njengomlinganiswa okhaliphileyo okwaziyo ukukhusela umhlaba wesizwe sakokwabo.√√ (2) 13.9 Le ncwadi imenze uMaqoma akagungqa kwisigqibo sokunikezela ngomhlaba kayise endaweni yoko isuke yamcaphukisa ngakumbi.√√ (2) 13.10 NguBawana.√ (1) 13.11 Usityhilela ukuba uFiliphu ngumntu ongathandiyo ukubona abantu besebenza nzima kungekho nzuzo.√√ (2) 13.12 Kungokuba kufunwa uMaqoma asuke kumhlaba wooyise engafuni.√√ (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P2 19 DBE/2015 SCE – Imemorandam 13.13 UNgqika akanangxaki ngokufika kwezi ndwendwe ukanti uMaqoma akafuni nokuzibona.√√ (2) 13.14 Kukomkhulu kwaMaqoma kuhlangene amagqobhoka nekomkhulu ngomba womhlaba.√√ (2) [25] AMANQAKU ECANDELO C: 25 AMANQAKU EWONKE: 80 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P2 20 DBE/2015 SCE – Imemorandam EMAKUQATSHELWE XA KUMAKISHWA. 1. Xa umviwa ebhale iimpendulo ezingaphezulu kwezilindelekileyo, makisha impendulo esekuqaleni kuphela. (Umviwa akavumelekanga ukuba aphendule umbuzo omde nombuzo omfutshane kudidi olunye). 2. Xa umviwa ephendule yomine imibuzo ekwiCANDELO A, (imibongo efundisiweyo), makisha kuphela emibini yokuqala. 3. Xa umviwa ephendule imibuzo emibini emifutshane okanye imibuzo emibini emide kwiCandelo B nakwiCANDELO C, makisha umbuzo wokuqala kuphela umbuzo wokuqala kwiCANDELO ngalinye. 4. Xa umviwa enike iimpendulo ezimbini ibe eyokuqala ingachanekanga, elandelayo ichanekile, makisha eyokuqala ungayihoyi elandelayo. 5. Xa iimpendulo zinonjolwe ngokungachanekanga, makisha ngokwendlela ekunonjolwe ngayo kwimemorandam. 6. Xa upelo olugwenxa luguqula intsingiselo, yihlabe loo mpendulo. Xa Intsingiselo ingaguqukanga ngenxa yopelo olugwenxa, yimakishe loo mpendulo. 7. Imibuzo emide. Xa impendulo yombuzo omde imfutshane kunoko kulindelekileyo ngokwenani lamagama, musa ukumohlwaya umviwa kuba sele ezohlwaye ngokwakhe. Xa impendulo yombuzo omde inde kakhulu, phicotha ngokwempendulo ayibhalileyo wandule ukuyigqithisela kummakishi ophezulu. Sebenzisa iirubriki zokuhlola ezisisihlomelo A no B kuxwebhu lwezikhokelo zokuseta iimviwo ukumakisha imibuzo emide yabaviwa. 8. Imibuzo emifutshane. Musa ukumohlwaya umviwa ongasebenzisanga iimpawu zocaphulo xa ecaphula. 9. Kwimibuzo evulelekileyo, musa ukunika amanqaku ngoHAYi/EWE okanye ngoNDIYANGQINELANA/ANDINGQINELANI. Makisha impendulo exhasayo. 10. Akukho manqaku abelwa uYINYANI/BUBUXOKI okanye LULUVO/YINYANI. Makishwa impendulo exhasayo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P2 21 DBE/2015 SCE – Imemorandam 6.1 ISIHLOMELO A: IRUBRIKI YOKUMAKISHA ISINCOKO SESIHOBE ICANDELO A: Irubriki yesincoko soncwadi: ISIHOBE [10 AMANQAKU] Imiqathango Egqwesileyo Esemagqabini Eyanelisayo Eyinxalenye Engaphumelelanga neqaqambileyo nefanelekileyo 8–10 6–7 4–5 2–3 0–1 UMXHOLO -Isihloko sitolikwe -Ubonisa ukuqonda -Isihloko sitolikwe -Ayanelisi indlela -Akanalwazi kwaphela ngokunzulu. nokutolika kakuhle ngokwanelisayo ekutolikwe ngayo ngesihloko. Ukuhlalutywa -Iingxoxo ezinomtsalane isihloko okanye umbuzo. -Akho amanqaku axhasa isihloko/umbuzo. -Impendulo ayikho kwesihloko, ubunzulu ezixhaswe -Impendulo inazo isihloko kakuhle. -Anqongophele kakhulu mxholweni wesihobe. bengxoxo, indlela ngokuvokothekileyo iinkcukacha ezanelisayo. -Ezinye iingxoxo amanqaku okuxhasa -Impendulo ibonisa azakuzela ngayo kusetyenziswa isihobe. -Izimvo ezibambekayo zixhasiwe nangona isihloko. ukulambatha kulwazi ingxoxo, -Impendulo ibonisa zinikiwe nangona ingezizo zonke -Impendulo ibonisa lwesihobe. ukuwulandela ulwazi olugqwesileyo ingezizo zonke nje ezixhaswe ukuqhwalela kulwazi kakuhle umhobe. lwesihobe. ezixhaswe njengoko ngokwanelisayo. lwesihobe. kufanelekile. -Impendulo ibonisa -Impendulo ibonisa ulwazi olusisiseko 7 AMANQAKU ulwazi lwesihobe. lwesihobe. -Isakhiwo -Isakhiwo sicacile kwaye -Bukho ubungqina -Isakhiwo sibonakalisa -Isakhiwo sife amanqe. ISAKHIWO siyathungelana. ingxoxo iyathungelana besakhiwo. iziphene zoyilo. -Iziphene zolwimi NOLWIMI -Ingxoxo ixongxwe kuhle kakuhle. -Isincoko sibonakalisa -Ingxoxo ezingamkelekanga konke kwaye zikhuliswe -Ukuthungelana ukusilela kukuthungelana ayicwangciswanga konke nesimbo ngokugqwesileyo kwengxoxo nokunamathelana ngokukuko. esingachanekanga. 3 AMANQAKU nangokucacileyo. kuyalandeleka. kwezimvo. -Bukho ubungqina -Ulwimi, ithoni nesimbo -Ulwimi, ithoni nesimbo -Iziphene zolwimi beziphene zolwimi. sokubhala zivuthiwe, sokubhala zichanekile zimbalwa, ithoni nesimbo -Ithoni nesimbo zinomtsalane, ubukhulu becala. sokubhala zichanekile sokubhala zichanekile. ikakhulu. azichanekanga. -Igrama upelo neziphumlisi azinaziphene kwaphela. AMANQAKU 8–10 6–7 4–5 2–3 0–1 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P2 22 DBE/2015 SCE – Imemorandam ISIHLOMELO B: AMACANDELO B NO C: IRUBRIKI YOKUHLOLA ISINCOKO SONCWADI- INOVELI NEDRAMA [25 AMANQAKU] Imiqathango Egqwesileyo Esemagqabini Eyanelisayo Eyinxalenye Engaphumelelanga neqaqambileyo nefanelekileyo UMXHOLO 12–15 9–11 6–8 4-5 0–3 -Impendulo igqwesile. -Ubonisa ukuqonda -Impendulo iphakathi, -Buncinane ubungqina -Buncinci kakhulu 14–15 nokutolika kakuhle asiyiyo yonke imiba obubonakalisa ukusazi ubungqina obububo -Impendulo ebalaseleyo. isihloko okanye umbuzo. ekungenwe kuyo nzulu. isihloko yaye kunqabile ukuqonda isihloko. 15 AMANQAKU 12–13 -Impendulo inazo -Akho amanqaku ukungena nzulu kwimiba -Iimpendulo zisilele -Ukutolikwa okunzulu iinkcukacha ezanelisayo. asixhasa ekubhalwa ngayo. kakhulu ukuphendula kwesihloko Izimvo ezibambekayo ngokufanelekileyo -Ambalwa amanqaku umbuzo. -Iingxoxo ezinomtsalane zinikiwe nangona isihloko axhasa isihloko. -Izimvo zibekwe ezixhaswe ingezizo zonke nje -Ezinye izimvo zixhasiwe -Iimpendulo ngendlela engacacanga ngokuvokothekileyo ezixhaswe njengoko kodwa ubungqina ezichanekileyo zimbalwa konke konke. kusetyenziswa uncwadi. kufanelekile. abusoloko busamkeleka. kakhulu. -Alukho kwaphela ulwazi -Ukuqonda -Impendulo ibonisa -Ulwazi lwejenre/netekisi -Luncinane ulwazi lwejenre netekisi. okubalaseleyo kwejenre ulwazi lwejenre netekisi. alugqibelelanga. ngejenre netekisi. netekisi. ISAKHIWO NOLWIMI 8–10 6-7 4–5 2–3 0–1 -Isakhiwo -Isakhiwo sicacile kwaye -Bukho ubungqina -Isakhiwo sibonakalisa -Ukungabikho koyiloo 10 AMANQAKU siyathungelana. ingxoxo iyathungelana besakhiwo iziphene zoyilo. kwenza ukuba -Intshayelelo nesiphelo kakuhle. obungagqibelelanga. -Izimvo azithungelelani kungabikho esigqwesileyo. -Intshayelelo nesiphelo -Unamathelelwano kakuhle. thungelelwano lwezimvo. -Ingxoxo yakheke kunye nemihlathi nothungelelwano -Iziphene zolwimi -Iimposiso zolwimi ngokufanelekileyo yaze zicwangciswe ngendlela lwezimvo lukho, kodwa ziyabonakala. nesimbo sokubhala esife yakhuliswa edala uthungelwano. kukho iziphene. -Ithoni nesimbo amanqe kwenza ngokucacileyo -Izimvo zithungelana -Zikho iziphene zolwimi sokubhala ukungavakali -Ulwimi, ithoni nesimbo ngokuchanekileyo. ezithile, ithoni, nesimbo asichanekanga. kokubhaliweyo. sokubhala sivuthiwe, -Ulwimi, ithoni nesimbo sokubhala sichanekile -Imihlathi ineziphene. -Ayichanekanga ithoni sinomtsalane, sokubhala sisetyenziswe ikakhulu. nesimbo sokubhala sichanekile. Ngokuchanekileyo -Imihlathi ichanekile -Ulwakhiwo lwemihlathi ikakhulu. ikakhulu. ludlakadlaka. AMANQAKU 20–25 15–19 10–14 5–9 0–4 QAPHELA: Ukuba umviwa uwutyeshele ngokupheleleyo umxholo, suka wabhala isincoko esiya sephepha lesithathu, mnike u-0. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all